‘UYehova Uye Wakhanyisa Ubuso Bakhe Phezu Kwabo’
KUKHO izihlunu ezingaphezu kwezingama-30 ebusweni bomntu. Xa uncuma usebenzisa izihlunu ezili-14! Khawufan’ ucinge ukuba ubuya kuncokola njani ngaphandle kwezo zihlunu. Ngaba ubuya kuncokola ngendlela enomtsalane? Akunjalo. Noko ke, izihlunu zabo bazizithulu azenzi incoko ibe nomtsalane nje kuphela. Xa zidityaniswe nezimbo zomzimba, zidlulisela iingcamango. Abantu abaninzi baye bamangaliswa yindlela intetho yezandla ekwazi ngayo ukuchaza iingcamango ezintsonkothileyo kwanezinto ezincinane.
Kule minyaka yakutshanje, abantu abazizithulu ehlabathini lonke baye babona ubuso obunembonakalo entle kunobomntu. Ngokungathi kunjalo, baye babubona “ubuso bukaYehova.” (IZi. 2:19) Oku akukhange kuzenzekele. UYehova kudala ebathanda abo bazizithulu, kwanangexesha lamandulo lamaSirayeli. (Lev. 19:14) Usabathanda nanamhlanje abo bazizithulu. ‘UThixo uthanda ukuba zonke iintlobo zabantu zisindiswe zize zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.’ (1 Tim. 2:4) Ngokufumana ulwazi oluchanileyo ngoThixo, uninzi lwaba bazizithulu luye, ngokungathi kunjalo, lwabubona ubuso bakhe. Kuye kwenzeka njani oku ekubeni bengeva? Ngaphambi kokuba siwuphendule lo mbuzo, makhe sibone isizathu sokuba intetho yezandla ibalulekile kubantu abazizithulu.
Beva Ngokubona
Kukho iingcamango ezininzi ezingachananga ngabantu abazizithulu nangentetho yezandla. Makhe silungise ezinye zazo. Abantu abazizithulu bayakwazi ukuqhuba iimoto. Kunzima ukuba baqonde into ethethwayo ngokuqwalasela imilebe yomntu othethayo. Intetho yezandla ayinanto yakwenza ne-Braille, kwaye ayikokwenza nje izimbo zomzimba. Abantu abathetha ngezandla ehlabathini lonke abasebenzisi ntetho inye. Intetho yezandla yahluka ngokwendawo abahlala kuyo.
Ngaba abantu abazizithulu bayakwazi ukufunda? Nangona abanye babo bekwazi ukufunda kakuhle, kuninzi lwabo kunzima. Ngoba? Kuba oko kubhaliweyo kuphuma kulwimi oluthethwayo. Cinga ngendlela umntwana ovayo alufunda ngayo ulwimi. Ukususela ekuzalweni kwakhe, umntwana ungqongwe ngabantu abathetha ulwimi lwasekuhlaleni. Ngexeshana nje elingephi, uyakwazi ukudibanisa amagama aze abumbe izivakalisi. Oku kuyazenzekela ekubeni ephulaphula xa kuthethwa. Ngoko, xa abantwana abevayo beqalisa ukufunda, iba ngumbandela wokwazi ukuba amazwi abhalwe ephepheni ayangqamana namazwi athethwayo abasele bewazi.
Ngoku khawube nomfanekiso-ngqondweni wakho ukwilizwe lasemzini kwigumbi ekungavakali sandi kulo nelenziwe ngeglasi. Akuzange waliva ulwimi lwalapho ngaphambili. Suku ngalunye, abantu balapho bayeza baze bazame ukuthetha nawe bengaphaya kweglasi. Awuva nokuba bathini. Ubona nje imilebe yabo ishukuma. Xa bebona ukuba awubeva, babhala ephepheni baze bakubonise oko bakubhalileyo bengaphaya kweglasi. Bacinga ukuba uza kukuqonda oko bakubhalileyo. Ucinga ukuba uza kubeva? Ubuya kukufumanisa kunzima kakhulu ukuncokola nabo kule meko. Ngoba? Kuba babhale ngolwimi ongazange waluva ngaphambili. Yiloo meko kanye abakuyo abantu abazizithulu.
Abantu abazizithulu bancokola ngentetho yezandla. Umntu usebenzisa izandla ukuze adlulisele iingcamango ezithile. Basebenzisa imithetho yegrama yentetho yezandla xa beshukumisa izandla, iingalo nomzimba kunye nenkangeleko yobuso. Ngaloo ndlela kuvela ulwimi olubonakalayo oludlulisela inkcazelo emehlweni.
Eneneni, phantse zonke izimbo ezisetyenziswa ngumntu osisithulu zinentsingiselo ethile. Izimbo zomzimba azenzelwa nje ukuze kutsalwe abantu. Ziyinxalenye ebalulekileyo yegrama yentetho yezandla. Ngokomzekelo: Ukunyusa iintshiyi ngoxa ubuza umbuzo kusenokubonisa ukuba ubuza umbuzo-buciko oxhokonxa iingcinga, okanye umbuzo ofuna impendulo enguewe okanye uhayi. Ukuba iintshiyi zifingiwe, oko kusenokubonisa imibuzo enjengethi ubani, intoni, phi, nini, ngoba, okanye njani. Ukushukumisa umlomo ngendlela ethile kusenokubonisa ubungakanani bento ekuthethwa ngayo okanye isenzo esinzulu. Indlela umntu osisithulu ayishukumisa ngayo intloko yakhe, awaphakamisa ngayo amagxa akhe, azishukumisa ngayo izidlele zakhe, nendlela aqhwanyaza ngayo, zinokudlulisela intsingiselo ethile.
Ezi zimbo zomzimba zinceda lowo ubukeleyo ukuba akuqonde kakuhle oko kuthethwayo. Besebenzisa le ndlela yokuthetha, abantu abazizithulu abayaziyo intetho yezandla banokudlulisela nayiphi na ingcamango—ukususela kwimibongo ukusa kwizinto ezintsonkothileyo, ukususela kwizinto ezithetha ngothando ukusa kwezihlekisayo, ukususela kwizinto esizibonayo nesinokuzibamba, ukusa kwizinto ezingabonakaliyo nesingenakuzibamba.
Iimpapasho Zentetho Yezandla Zenza Umahluko
Xa ulwazi ngoYehova luchazwa ngendlela ebonakalayo kusetyenziswa intetho yezandla, umntu osisithulu uyasiva isigidimi, aze “abonise ukholo” kuMsunguli waso. Ngoko ke amaNgqina kaYehova aye enza umgudu okhethekileyo wokushumayela kubantu abazizithulu ehlabathini lonke nowokubalungiselela uncwadi olunokubanceda. (Roma 10:14) Ngoku emhlabeni wonke kukho amaqela angama-58 aguqulela kwintetho yezandla, kwaye iimpapasho zayo ezikwiDVD zifumaneka ngeelwimi ezingama-40 zentetho yezandla. Ngaba wonke lo msebenzi uye wanemiphumo emihle?
UJeremy, onabazali abazizithulu, uthi: “Ndikhumbula iiyure ezininzi uTata awazichitha kwigumbi lakhe lokulala efundisisa iziqendu ezimbalwa kwinqaku leMboniselo, ezama ukuziqonda. Ngequbuliso waphuma kwigumbi lakhe lokulala waza wathi ngentetho yezandla: ‘Ekugqibeleni ndide ndayiva into ethethwayo!’ Emva koko wandichazela loo nto ithethwa kwelo nqaku. Ndandineminyaka eli-12 ubudala ngelo xesha. Ndazikrwaqula nje ezo ziqendu ndaza ndathi kuye ngentetho yezandla: ‘Tata andicingi ukuba yiloo nto ethethwayo apha. Kuthiwa . . . ’ Wathi mandime waza wabuyela egumbini lakhe ukuze azifunele ngokwakhe ukuba kuthiwani. Andisoze ndiyilibale indlela awadana ngayo yaye nam ndaba nosizi njengoko ebuyela kwigumbi lakhe lokulala. Noko ke, iimpapasho zentetho yezandla ezikwiDVD ziye zabangela ukuba akhawuleze ukuqonda inkcazelo ekuzo. Kundivuyisa gqitha ukubona indlela achwayita ngayo xa ethetha ngendlela avakalelwa ngayo ngoYehova.”
Khawucinge ngoko kwenzeka kwesinye isibini esingamaNgqina esathetha noJessenia, ibhinqa eliselula elisisithulu eChile. Emva kokuba unina esinike imvume yokubonisa uJessenia Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile—kwiDVD yeNtetho Yezandla yaseChile, sithi: “UJessenia wathi akulibukela elo bali, wahleka waza emva koko walila. Xa unina embuza ukuba ulilela ntoni, wathi uyakuthanda oko akubukeleyo. Unina wabona ukuba uJessenia uyiqonda yonke into ekule DVD.”
Elinye ibhinqa elisisithulu elihlala kwintsimi esemaphandleni eVenezuela lalinomntwana omnye, yaye likhulelwe owesibini. Lona nomyeni walo babecinga ukuba abanamali yokukhulisa omnye umntwana, ngoko bafuna ukuba umfazi aqhomfe. Engayazi imeko yabo, amaNgqina kaYehova abatyelela aza ababonisa isifundo se-12 kwividiyo ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? ngentetho yezandla yaseVenezuela. Esi sifundo sichaza imbono kaThixo ngokuqhomfa nokubulala. Kamva, lo mfazi waxelela la maNgqina indlela anombulelo ngayo ngokuba embonise esi sifundo. Wawaxelela ukuba ngenxa yoko bagqiba kwelokuba angaqhomfi. Kwasindiswa ubomi baloo mntwana ungekazalwa ngenxa yempapasho yentetho yezandla ekwiDVD!
ULorraine, iNgqina elisisithulu uthi: “Ukufunda iBhayibhile kuye kwafana nokudibanisa umfanekiso omkhulu ngeziqwenga. Kwakukho izinto endandingaziqondi kakuhle, ngokungathi kukho iziqwenga ezingekhoyo. Kodwa xa inyaniso yeBhayibhile yafumaneka ngentetho yezandla, zafumaneka ezo ziqwenga.” UGeorge osisithulu noneminyaka engama-38 eliNgqina uthi: “Ayinakuphikiswa into yokuba xa ukwazi ukuwuqonda umbandela uyazihlonela uze uzithembe. NdivakaleIwa kukuba iiDVD zentetho yezandla ziye zaba negalelo elikhulu ekukhuleni kwam ngokomoya.”
“Iintlanganiso Ngolwimi Lwam!”
Ukongezelela kwiimpapasho zentetho yezandla, amaNgqina kaYehova aye alungiselela amabandla ekuqhutywa kuwo iintlanganiso ngentetho yezandla. Ngoku kukho amabandla entetho yezandla angaphezu kwe-1 100 ehlabathini lonke. Abaphulaphuli abazizithulu bafumana iintetho ngolwimi lwabo, kwaye iimfundiso zeBhayibhile zidluliselwa ngendlela umntu osisithulu acinga ngayo. Zidluliselwa ngendlela ebonisa intlonelo kwindlela yakhe yokuphila.
Ngaba ukuyilwa kwamabandla entetho yezandla kuye kwaba luncedo? Khawucinge ngamava kaCyril, owabhaptizwa njengomnye wamaNgqina kaYehova ngowe-1955. Ukutyhubela iminyaka ebefundisisa iimpapasho ezibhaliweyo kangangoko anako kwaye esiya kwiintlanganiso zamaKristu rhoqo. Maxa wambi wayebakho umntu otolika intetho yezandla kodwa ngamany’ amaxesha angabikho. Xa kungekho mntu utolikayo, wayencedwa ngamanye amaNgqina awayembhalela amanqaku. Kwathi ngowe-1989, xa wayesele eneminyaka engama-34 eliNgqina, kwasekwa ibandla lentetho yezandla eUnited States, eNew York City. Wavakalelwa njani uCyril njengelungu lelo bandla? “Kwakungathi ndiphume ehlathini, kwitonela elimnyama, ndaza ndangena ekukhanyeni. Ndandivuyiswa kukuba ndifumana iintlanganiso ngolwimi lwam!”
Amabandla amaNgqina kaYehova entetho yezandla ziindawo apho abantu abazizithulu banokudibana rhoqo ukuze bafunde ngoThixo baze bamnqule. Ziindawo apho abantu bakaThixo banokufumana abahlobo baze bakhuthazwe. Ngokwahlukileyo kweli hlabathi apho abantu abazizithulu bengakhathalelwanga, kula mabandla bayakwazi ukuncokola nokunxulumana nabanye. Bayakwazi nokufunda, bakhule baze bazimisele ekukhonzeni uYehova. AmaNgqina amaninzi azizithulu aye akwazi ukuba ngabashumayeli bexesha elizeleyo. Amanye aye afudukela kwamanye amazwe ukuze ancede abanye abazizithulu bafunde ngoYehova. Amadoda angamaKristu azizithulu afunda ukuba ngabafundisi abaphumelelayo, ukuba ngabaququzeleli nokuba ngabalusi, kwaye abaninzi baye bafanelekela ukuba neembopheleleko ebandleni.
EUnited States, kukho amabandla entetho yezandla angaphezu kwe-100, namaqela amalunga nama-80. EBrazil, kukho amabandla entetho yezandla amalunga nama-300, namaqela angaphezu kwama-400. EMexico, kukho amabandla entetho yezandla aphantse abe ngama-300. IRashiya inamabandla entetho yezandla angaphezu kwama-30, namaqela ali-113. Le yimizekelo nje embalwa ebonisa ulwando oluqhubekayo ehlabathini lonke.
AmaNgqina kaYehova aba neendibano zentetho yezandla. Kunyaka odluleyo, kuye kwabakho iindibano ezahlukahlukeneyo zentetho yezandla ezingaphezu kwe-120 emhlabeni wonke. Ezi ziganeko zinceda amaNgqina azizithulu aqonde ukuba ayinxalenye yabazalwana abangamaKristu ehlabathini lonke abazuzayo koku kutya kokomoya okufika ngexesha.
ULeonard usisithulu yaye uneminyaka engaphezu kwengama-25 eliNgqina likaYehova. Uthi: “Bendisoloko ndisazi ukuba uYehova nguThixo oyinyaniso. Sekunjalo, bendingasiqondi kakuhle isizathu sokuba avumele ukubandezeleka okungaka. Maxa wambi oku bekundenza ndimcaphukele. Kodwa kwenye indibano yentetho yezandla, kwabakho intetho eyandinceda ndasiqonda kakuhle isizathu. Emva kwaloo ntetho, unkosikazi wandingqiniba waza wandibuza, ‘Wanelisekile?’ Ndamphendula ngokunyanisekileyo ndathi, ewe! Ngoku sele kudlule iminyaka engama-25, yaye ndinombulelo kuba ndingazange ndimshiye uYehova. Bendisoloko ndimthanda uYehova kodwa ndingamazi ngokupheleleyo. Ngoku ndiyamazi!”
Babulela Ngokusuk’ Entliziyweni
Yintoni abantu abayibonayo ebusweni bukaYehova xa befunda ngaye? Luthando, imfesane, okusesikweni, ububele bothando—nezinye iimpawu ezininzi.
AmaNgqina azizithulu akwizizwe ngezizwe abona ubuso bukaYehova yaye aya kuqhubeka ebubona ngokucace nangakumbi. Ewathanda ngokusuk’ entliziyweni, ‘uYehova uye wakhanyisa ubuso bakhe kuwo.’ (Num. 6:25) Hayi indlela anombulelo ngayo kuba aye amazi uYehova!
[Imifanekiso ekwiphepha 24, 25]
Kukho amabandla entetho yezandla angaphezu kwe-1 100 ehlabathini lonke
[Imifanekiso ekwiphepha 26]
UYehova uye wakhanyisa ubuso bakhe kwintsimi yabazizithulu