Xa Ucatshukisiwe
KUDLA ngokuthiwa kumnandi ukubuyisa izitya. Kungenxa yokuba kungokwemvelo ukuba nomsindo xa siye sacatshukiswa okanye senziwa buhlungu. Imvo yethu yokulungileyo nokungalunganga esizalwa nayo isiqhubela ekubeni sifune ukukulungisa okungekho sikweni. Kodwa sifanele sikulungise njani?
Kakade ke azifani izinto ezicaphukisa abantu, isenokuba kukuqhwatywa ngempama, ukutyhilizwa, ukuthukwa, ukuhlaselwa, ukukhuthuzwa nezinye indlela. Uvakalelwa njani xa uye waphathwa kakubi? Kubonakala ngathi abantu abaninzi bathi ‘Nam ndiza kumfumana!’
EUnited States, abantwana besikolo abaninzi baye babamangalela ngezityholo zobuxoki ootishala abazama ukubaqeqesha kuba nje befuna ukuziphindezela. UBrenda Mitchell umongameli weManyano yooTitshala baseNew Orleans uthi: “Xa utitshala eye watyholwa igama lakhe liyangcola.” Loo monakalo awulungiseki naxa inkundla sele ifumanise ukuba eso sityholo besibubuxoki.
Baya besanda abasebenzi abathi bakunganeliseki ngabaqeshi babo baziphindezele ngokonakalisa okanye ngokucima inkcazelo ebalulekileyo ezikhompyutheni zenkampani. Abanye beba inkcazelo ebalulekileyo yenkampani ukuze bayithengise. IThe New York Times ithi ukongezelela ekubiweni kwenkcazelo ekwikhompyutha “abasebenzi basabambelele kundalashe wokuziphindezelela ngokuba impahla zeenkampani abasebenza kuzo.” Ukuze zilwe nalo mkhwa iinkampani ezininzi ziye zabhenela ekubeni umqeshwa ogxothiweyo aphelekwe ngunogada xa eqoqosha izinto zakhe, de aye kuphuma esangweni.
Olona hlobo luxhaphakileyo lokuziphindezela ludla ngokwenziwa ngabahlobo nezalamane zethu. Amazwi ahlabayo nangacingisiswanga adla ngokwenza abantu bafune ukuziphindezela. Ukuba umhlobo uthethe rhabaxa ngaba nawe uye umphose ngamazwi aza kumkrazula? Ukuba ucatshukiswa sisalamane sakho ngaba uye uzame indlela yokuziphindezela? Kunokuba lula ukwenjenjalo xa lo mntu esondele kuthi.
Ukuziphindezela Kunemiphumo Emibi
Amaxesha amaninzi, abantu baziphindezela kuba befuna ukudambisa intlungu eye yabangelwa yindlela abaye baphathwa ngayo. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi oonyana bakaYakobi, usolusapho ongumHebhere ‘baba buhlungu baza bavutha ngumsindo’ besakuva ukuba uShekem umKanan udlwengule uDina udadewabo. (Genesis 34:1-7) Ukuze baphindezele udadewabo oonyana bakaYakobi bamenzela iyelenqe uShekem nendlu yakowabo. USimeyon noLevi bangena kweso sixeko sakwaKanan baza babulala yonke into eyindoda kuquka noShekem lowo.—Genesis 34:13-27.
Ngaba oko kuphalazwa kwegazi kwazilungisa izinto? Wathi akuva uYakobi ngento eyenziwe ngoonyana bakhe wabakhalimela esithi: “Nindizisele ishwangusha, nandenzela ivumba elibi kubemi beli lizwe, . . . yaye ngokuqinisekileyo baya kuhlanganisana ndawonye ngokunxamnye nam baze bandihlasele, ndibhujiswe, mna nendlu yam.” (Genesis 34:30) Kunokuba izilungise izinto, impindezelo yabo yaba nemiphumo engathandekiyo; ngoku intsapho kaYakobi yayiza kuphila ubomi bentshontsho isoyika impindezelo. UThixo wayalela uYakobi ukuba emke eBheteli, mhlawumbi kuba efuna ukumkhusela.—Genesis 35:1, 5.
Sifunda isifundo esibalulekileyo kule nto yokudlwengulwa kukaDina. Impindezelo idla ngokubangela enye. Lichan’ ucwethe iqhalo lesiJamani elithi: Impindezelo izal’ eny’ impindezelo.
Intlungu Emva Kwenye
Kuyingozi ukuchitha ixesha elininzi sicinga ngendlela yokuziphindezela. Incwadi ethi: Forgiveness—How to Make Peace With Your Past and Get On With Your Life ithi: “Ingqumbo iyamdla umniniyo. Itya ixesha namandla akho njengoko ucinga ngezinto ezibuhlungu ezikwehleleyo yaye uceba ukuziphindezela.” Kanye njengokuba iBhayibhile isitsho: “Ikhwele likukubola emathanjeni.”—IMizekeliso 14:30.
Enyanisweni, angonwaba njani umntu ofukame intiyo? Omnye umntu wakha wathi: “Ukuba ucinga ukuba ‘yinto emnandi ukuziphindezela,’ buza abo bakhe bayihamba loo ndlela.”
Khawuqwalasele izinto ebezisenzeka kumazwe amaninzi ebesilwa ngenxa yonqulo nobuhlanga. Ukubulawa komntu kudla ngokukhokelela ekubulaweni kwabangakumbi, kuze kuqhubeke loo mpindezelo ingapheliyo macala omabini. Ngokomzekelo, xa kwabulawa abantwana abali-18 yibhombu yabagrogrisi, elinye ibhinqa lathi: “Nathi sifanele sibulale abaliwaka!” Iqhubeka ngolo hlobo ke le meko baze babe baninzi nabantu abangenelelayo.
“Iliso Ngeliso”
Abanye bayixhasa ngeBhayibhile impindezelo yabo. Bathi: “AsiyoBhayibhile na ethi ‘iliso ngeliso, izinyo ngezinyo’?” (Levitikus 24:20) Xa ungawazi kakuhle lo mgaqo ‘weliso ngeliso’ usenokubonakala ukhuthaza impindezelo. Enyanisweni waba luncedo ekuthinteleni izenzo zempindezelo engekho ngqiqweni. Njani?
Ukuba umSirayeli wayebethe omnye waza wamkhupha iliso, uMthetho wawusithi makohlwaywe ngokwesono sakhe. Noko ke, ixhoba lalingafanelanga liwuthabathele ezandleni zalo umthetho. UMthetho wawufuna ukuba ityala lilise kubagwebi abamiselweyo ukuze ligwetywe ngabo. Ukwazi komoni ukuba wayeza kwenziwa kanye le nto ayenze komnye kwakumenza oyike ukuziphindezela. Kodwa ke akuphelelanga apho.
Ngaphambi kokuba amisele umthetho wempindezelo, uYehova uThixo wayalela uMoses ukuba athi kuhlanga lwakwaSirayeli: “Uze ungamthiyi umzalwana wakho entliziyweni yakho. . . . Uze ungaphindezeli okanye ube nenqala.” (Levitikus 19:17, 18) Umyalelo othi “iliso ngeliso, izinyo ngezinyo” ufanele ujongwe ngokuvisisana nomnqophiso woMthetho ngokubanzi, uYesu awawushwankathela ngemithetho emibini: “Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela nangomphefumlo wakho uphela nangengqondo yakho iphela” nothi “Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu.” (Mateyu 22:37-40) Afanele asabele njani amaKristu okwenyaniso xa ephathwa kakubi?
Yenza Uxolo
IBhayibhile imchaza uYehova ‘njengoThixo woxolo’ kwaye ibongoza abanquli bakhe ukuba ‘bafune uxolo baluphuthume.’ (Hebhere 13:20; 1 Petros 3:11) Kodwa ngaba loo ndlela yokwenza izinto iyasebenza?
Xa wayesemhlabeni, uYesu watshicelwa, wabethwa, watshutshiswa ziintshaba zakhe, wangcatshwa ngumhlobo wakhe baza bamshiya kwesinomhlwa nabalandeli bakhe. (Mateyu 26:48-50; 27:27-31) Wabenza ntoni abo bantu? Umpostile uPetros uthi: “Xa wayetshabhiswa, akazange aphindise atshabhise. Xa wayebandezeleka, akazange asongele, kodwa wahlala ezinikele kulowo ugweba ngobulungisa.”—1 Petros 2:23.
UPetros uthi: “NoKristu wabandezeleka ngenxa yenu, enishiya nomzekelo, ukuze nilandele emanyathelweni akhe ngokusondeleyo.” (1 Petros 2:21) AmaKristu akhuthazwa ukuba axelise uYesu, kuquka nendlela akunyamezela ngayo ukubandezeleka nokuphathwa kwakubi. Mayela nale nkalo, uYesu wathi kwiNtshumayelo yaseNtabeni: “Qhubekani nizithanda iintshaba zenu, nibathandazele abo banitshutshisayo; ukuze nizingqine ningoonyana boYihlo osemazulwini.”—Mateyu 5:44, 45.
Benza ntoni abo banothando olufana nolukaKristu xa boniwe okanye becinga ukuba boniwe? IMizekeliso 19:11 ithi: “Ingqiqo yomntu ngokuqinisekileyo imenza azeke kade umsindo, yaye kuyinto entle kuye ukukubetha ngoyaba ukunxaxha.” Bathobela isiluleko esithi: “Musa ukuzivumela woyiswe bububi, kodwa hlala uboyisa ububi ngokulungileyo.” (Roma 12:21) Bahluke ngokupheleleyo kubantu behlabathi abathanda ukuziphindezela namhlanje. Ekubeni uthando lwamaKristu ‘lungenanzondo’ lunokusinceda soyise umnqweno wokufuna ukuziphindezela size ‘sikubethe ngoyaba ukunxaxha.’—1 Korinte 13:5.
Ngaba oku kuthetha ukuba xa sixhatshazwa zizaphuli mthetho okanye sisongelwa, simele sisuke nje sikwamkele oko? Hayi ke noko akuthethwa loo nto! Xa uPawulos wathi “Hlala uboyisa ububi ngokulungileyo,” wayengathethi ukuba umKristu ufanele azichanabe ekufeni ngokungeyomfuneko. Ngokwahlukileyo koko, sinelungelo lokuzikhusela xa sihlaselwa. Xa uhlaselwa okanye kumoshwa impahla yakho unokubiza amapolisa. Ukuba ukhathazwa ngumntu osebenza okanye ofunda naye, ungamxela kwabasemagunyeni.—Roma 13:3, 4.
Kodwa kuhle ukukhumbula ukuba sisenokungakufumani okusesikweni kweli hlabathi. Enyanisweni, abantu abaninzi baye bachitha ubomi babo bonke befuna okusesikweni, kodwa ekugqibeleni baphela benenzondo ngenxa yokuphoxeka.
Ayikho enye into efunwa nguSathana ngaphezu kokubona abantu beziintlaba-zahlukane ngenxa yempindezelo nentiyo. (1 Yohane 3:7, 8) Kuya kusinceda gqitha ukukhumbula la mazwi eBhayibhile: “Musani ukuziphindezelela, zintanda, kodwa yikhweleleni ingqumbo; kuba kubhaliwe kwathiwa: ‘Impindezelo yeyam; kuya kubuyekeza mna, utsho uYehova.’” (Roma 12:19) Ngokuyekela impindezelo ezandleni zikaYehova, sitsho sikhululeke ekuzenzakaliseni, kwiintlungu ezibangelwa yingqumbo nogonyamelo.—IMizekeliso 3:3-6.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 22]
“Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela nangomphefumlo wakho uphela nangengqondo yakho iphela” yaye “Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu”
[Imifanekiso ekwiphepha 23]
Uthando “alunanzondo.”—1 Korinte 13:5