UThixo Ubujonga Njani Utywala?
UMDALI wethu ofuna silungelwe, akakwaleli ukusela utywala ngobungcathu.a Kunoko, uye wanika abantu ‘iwayini echwayitisayo, amafuth’ okuthambisa, kunye nesonka sokubondla.’ (INdumiso 104:15, iBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996) Ngenye imini uYesu Kristu wafaka isandla emtshatweni ngokujika amanzi abe ‘yeyona wayini ilungileyo.’—Yohane 2:3-10, iBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996.
Kusengqiqweni ukugqiba kwelokuba uMdali uyazi kakuhle into eyenziwa butywala emzimbeni nasengqondweni. EBhayibhileni, uBawo wethu osemazulwini ‘usifundisa ukuze singenelwe’ yaye usilumkisa nxamnye nokusela kakhulu. (Isaya 48:17) Khawuve ezi zilumkiso zicacileyo:
“Musani ukunxila yiwayini, ekukho kuko uburheletyo.” (Efese 5:18) ‘Amanxila. . . akayi kubudla ilifa uBukumkani bukaThixo.’ (1 Korinte 6:9-11) Ilizwi likaThixo liyakugweba ‘ukunxila, iindywala, nezinto ezinje ngezi.’—Galati 5:19-21, iBhayibhile YesiXhosa.
Masikhe sithethe ngezinye zeengozi zokusela kakhulu.
Iingozi Zokusela Ngokugqithiseleyo
Ewe kona, zikho izinto ezintle ngotywala, kodwa ke benziwe ngezinto eziyingozi eziphazamisa ukusebenza kwengqondo nomzimba. Ukusela ngokugqithiseleyo kunokubangela nayiphi na kwezi ngxaki zilandelayo:
Ukusela kakhulu kwenza loo mntu useleyo angakwazi ‘ukucinga kakuhle.’ (IMizekeliso 23:33, TEV) UAllen, inxila ekuthethwe ngalo kwinqaku elandulela eli, uthi: “Ukuba likhoboka lotywala akusosifo nje esigulisa umzimba; kuphembelela indlela acinga ngayo umntu kunye nesimo sakhe sengqondo. Awucingi ngentlungu oyibangela abanye abantu.”
Ukusela kakhulu kunokukwenza ungakwazi ukuzibamba. IZibhalo zilumkisa ngelithi: ‘Iwayini newayini enencasa zisusa intshukumisa elungileyo.’ (Hoseya 4:11) Yenzeka njani loo nto? Utywala buyasikhohlisa buze busenze samkele okanye sithande ukucinga ngezinto ngokuqhelekileyo ebesiya kuzikhupha engqondweni. Bunokusenza singakwazi ukwenza izinto elungileyo. Utywala bunokusenza singakwazi ukuziphatha nto leyo enokukhokelela ekwenzakaleni kokholo lwethu.
Ngokomzekelo, uJohn waxabana nenkosikazi yakhe waza wayishiya waya ebharini. Wayesele esele iibhiya ezimbalwa zokuthoba umsindo xa kweza elinye inenekazi kuye. Emva kokusela nalo, uJohn wahamba nelo nenekazi waza wakrexeza nalo. Emva koko, uJohn wazisola kakhulu ngokwenza into awayengasoze ayicinge nokuyicinga ukuba wayengaselanga.
Ukusela kakhulu kunokukwenza ungakwazi ukuzilawula. IBhayibhile ibuza lo mbuzo: “Nguwuphi umntu osezintsizini nonesingqala, osoloko esezingxwaba-ngxwabeni ekhalaza?” “Lowo ke ngulo mntu ungafika ejikelezana newayni, esoloko ezingelana newayini exutyiweyo.” (IMizekeliso 23:29, 30 iBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996.) Ukusela kakhulu kunokukwenza “ube ngathi uphakathi elwandle, ube ngathi ujinga epalini ebamba iseyile yesikhephe.” (IMizekeliso 23:34, iBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996) Umntu obesele kakhulu unokuvuka ‘entlithiwe kodwa engenanto ayaziyo.’—IMizekeliso 23:35 iBhayibhile YesiXhosa.
Ukusela ngokugqithiseleyo kunokuyenza nkene-nkene impilo yakho. “Ekugqibeleni iwayini iluma njengenyoka, ibinza njengerhamba.” (IMizekeliso 23:32 iBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996) Oogqirha bayabungqina ubunyaniso balo mzekeliso wamandulo. Ukuzintyintya ngotywala kunokubangela izifo zomhlaza ezahlukahlukeneyo, ihepatitis ebangelwa butywala, ukudumba kwesibindi nodakada, ukwehla komlinganiselo weswekile kwigazi labantu abanesifo seswekile, kubangele iingxaki kubantwana abangekazalwa, ukufa icala kunye nesifo sentliziyo—xa sibala izifo nje ezimbalwa. Nkqu nokuzintyintya kanye ngotywala kunokubangela ukuba umntu afe isiqaqa okanye afe. Kodwa ke, eyona miphumo iyingozi yokusela ngokugqithiseleyo ayichazwa kwiincwadi zamayeza.
Eyona ngozi inkulu. Nangona usenokunganxili, ukusela kakhulu kunokubangela iingozi zokomoya. IBhayibhile ilikhupha litsole elokuba: “Yeha ke abo bavuka ekuseni ukuze bafune nje isiselo esinxilisayo, abazilazila kude kuhlwe ekutshoneni kwelanga ukuze batshiswe yiwayini!” Ngoba? UIsaya uchaza imiphumo yokomoya yokusela ngokugqithiseleyo, esithi: “Umsebenzi kaYehova abawukhathalele, nomsebenzi wezandla zakhe abawubonanga.”—Isaya 5:11, 12.
ILizwi likaThixo lisicebisa ukuba singabikho “phakathi kwabasela iwayini kakhulu.” (IMizekeliso 23:20) Abafazi abalupheleyo balunyukiswa nxamnye ‘nokukhotyokiswa yiwayini eninzi.’ (Tito 2:3) Ngoba? Abantu badla ngokuqalisa ukusela utywala obuninzi yaye bazibone sele besela rhoqo bengaqondanga. Ekugqibeleni banokude ‘bangalali bezibuza ukuba kuya kude kuse nini? ukuze bavuke baye kusela.’ (IMizekeliso 23:35, CEV) Abantu abaselayo babe sele befikelele kwinqanaba eliyingozi xa kufuneka bavuke baqabule ibhabhalaza ekuseni ukuze badlamke.
IBhayibhile ilumkisa ngelithi, abantu ‘abazinkcinkca ngewayini, abahlala kwiziyunguma, nasezindywaleni . . . baya kuphendula kulowo ulungele ukugweba abo baphilayo nabo bafileyo.’ (1 Petros 4:3, 5) UYesu walumkisa ngala maxesha amanqam esiphila kuwo esithi: “Zilumkeleni ukuba iintliziyo zenu zingaze zisindwe kukuzingxala ngokutya nokusela kakhulu nangamaxhala obomi, ize ngequbuliso loo mini [kaYehova] inifikele ngephanyazo njengomgibe.”—Luka 21:34, 35.
Yintoni ke ngoko enokwenziwa ngabantu abasela ngokugqithiseleyo ukuze ‘bangasindwa kukusela kakhulu’?
[Umbhalo osemazantsi]
a Kweli nqaku, igama elithi “utywala” libhekisela kwibhiya, iwayini igrangqa nobunye utywala.
[Imifanekiso ekwiphepha 4, 5]
Ukuzintyintya ngotywala kunokubangela iingxaki ezininzi