Imibuzo Yabafundi . . .
Ngaba uYesu Sisiphatha-zingelosi UMikayeli?
▪ Impendulo elula nguewe. Kuyinto eqhelekileyo ukuba umntu abe namagama amaninzi. Kukwanjalo ke nakubantu abaseBhayibhileni. Ngokomzekelo, usolusapho uYakobi kukwathiwa nguSirayeli. (Genesis 35:10) Umpostile uPetros ubizwa ngamagama amahlanu ahlukahlukeneyo, kuthiwa nguSimiyon, uSimon, uPetros, uKefas, noSimon Petros. (Mateyu 10:2; 16:16; Yohane 1:42; IZenzo 15:7, 14) Yintoni esenza siqiniseke ukuba uMikayeli lelinye igama likaYesu? Khawuqwalasele obu bungqina beZibhalo bulandelayo.
IBhayibhile ithetha izihlandlo ezihlanu ngengelosi uMikayeli. Kwincwadi kaDaniyeli kuthethwa ngayo kathathu. KuDaniyeli 10:13, 21, kuthiwa enye ingelosi eyayithunyiwe yahlangulwa nguMikayeli obizwa ngokuba ‘ngomnye weenkosana ezibalaseleyo’ okanye ‘inkosana yenu.’ KuDaniyeli 12:1 sifunda ukuba ngexesha lesiphelo “uya kusuka eme uMikayeli, inkosana enkulu emela oonyana babantu bakowenu.”
Kuphinda kuthethwe ngaye kwiSityhilelo 12:7, apho kuthiwa “uMikayeli neengelosi zakhe” balwa imfazwe ebalulekileyo ephumela ekugxothweni kukaSathana uMtyholi neengelosi zakhe ezulwini.
Phawula ukuba sihlandlo ngasinye kwezi kuthethwe ngazo ngasentla uMikayeli uvela eyingelosi elwa ukuze ikhusele abantu bakaThixo nkqu nakolona tshaba lukhulu lukaYehova, uSathana.
KuYude ivesi 9 uMikayeli kuthiwa ‘sisiphatha zingelosi.’ Yeyoku-1 kwabaseTesalonika 4:16 kuphela enye ivesi ethetha ngesiphatha-zingelosi, apho uPawulos wathetha ngoYesu ovusiweyo esithi: “INkosi [uYesu] ngokwayo iya kuhla ivela ezulwini, idanduluke ngezwi lesiphatha-zingelosi nangexilongo likaThixo.” Apha uYesu Kristu kuthiwa sisiphatha zingelosi.
Obu bungqina bungasentla busenza sifikelele kwesiphi isigqibo? UYesu Kristu nguMikayeli isiphatha zingelosi. Omabini la magama—elithi Mikayeli (elithetha ukuthi “ngubani OnjengoThixo?”) nelithi Yesu (elithetha ukuba “UYehova Ulusindiso”)—aveza indima anayo yokuhamba phambili ekuxhaseni ulongamo lukaThixo. AmaFilipi 2:9 athi: “UThixo wamphakamisela [uYesu ozukisiweyo] kwisigxina esongamileyo waza ngobubele wamnika igama elingaphezu kwawo onke amanye amagama.”
Kubalulekile ukwazi ukuba ubomi bukaYesu abuzange buqale xa wayezalwa emhlabeni. Ngaphambi kokuba uYesu azalwe, uMariya watyelelwa yingelosi eyamxelela ukuba umoya oyingcwele wawuza kumenza akhawule umntwana yaye umele amthiye igama elinguYesu. (Luka 1:31) Xa wayeshumayela uYesu wathetha kaninzi ngobomi bakhe bangaphambi kokuba eze emhlabeni.—Yohane 3:13; 8:23, 58.
Ngoko isiphatha zingelosi uMikayeli nguYesu ngaphambi kokuba eze emhlabeni. Emva kokuvuswa nokubuyela kwakhe ezulwini uYesu waqala apho wayeyeke khona ukuba nguMikayeli isiphatha zingelosi, “nto leyo eluzuko kuThixo uYise.”—Filipi 2:11.