Sondela KuThixo
‘Itrone Yakho Iya Kumiselwa Ngokuqinileyo’
UKUTYHUBELA imbali baninzi abalawuli abaye bashenxiswa kwizikhundla zabo. Abanye baye babethwa kunyulo ngoxa abanye beye babhukuqwa. Kuthekani ngoKumkani woBukumkani bukaThixo, uYesu Kristu? Ngaba ikho into enokumthintela ukuba alawule njengoKumkani okhethwe nguThixo? Impendulo siyifumana kumazwi awathethwa nguYehova kuKumkani uDavide woSirayeli wamandulo, njengoko ebhalwe kweyesi-2 kaSamuweli isahluko 7.
Ekuqaleni kwesi sahluko sifunda ukuba uDavide ukhathazwa kukuba yena ehlala kwibhotwe elihle ngoxa yona ityeya kaThixo ihlala ententeni.a UDavide uchaza umnqweno wakhe wokwakhela uYehova indlu efanelekileyo okanye itempile. (iVesi 2) Kodwa ke le ndlu ayizi kwakhiwa nguye. UYehova uthuma umprofeti uNathan ukuba axelele uDavide ukuba itempile iza kwakhiwa ngunyana wakhe.—iVesi 4, 5, 12, 13.
UYehova uyayithanda le nto afuna ukuyenza uDavide. Xa ephendula isicelo sikaDavide yaye ezalisekisa isiprofeto, uThixo wenza isivumelwano naye sokuba uya kuvelisa umntu wenzala yakhe oya kulawula ngonaphakade. UNathan uxelela uDavide esi sithembiso sikaYehova: “Nendlu yakho nobukumkani bakho ngokuqinisekileyo buya kuqina ukusa kwixesha elingenammiselo phambi kwakho; netrone yakho kanye iya kumiselwa ngokuqinileyo ukusa kwixesha elingenammiselo.” (iVesi 16) Ngubani le ndlalifa yesi sivumelwano eza kulawula ngonaphakade?—INdumiso 89:20, 29, 34-36.
UYesu waseNazarete wayengunyana kaDavide. Ingelosi eyayichaza ngokuzalwa kukaYesu yathi: “UYehova uThixo uya kumnika itrone kaDavide uyise, kwaye uya kulawula njengokumkani phezu kwendlu kaYakobi ngonaphakade, yaye ubukumkani bakhe abuyi kuba nasiphelo.” (Luka 1:32, 33) Isivumelwano esenziwa noDavide sazaliseka kuYesu Kristu. Ngenxa yoko akakhethwanga ngabantu kodwa ulawula ngenxa yesithembiso sikaThixo esimnika igunya lokulawula ngonaphakade. Singalibali kaloku ukuba izithembiso zikaThixo zisoloko zizaliseka.—Isaya 55:10, 11.
Kukho izinto ezimbini ezibalulekileyo esinokuzifunda kweyesi-2 kaSamuweli isahluko 7. Okokuqala, sinokuqiniseka ukuba akukho nto inokuthintela ulawulo lukaYesu Kristu. Ngoko ke sinokuqiniseka ukuba ulawulo lwakhe luza kuyifeza injongo yalo, ekukwenza ukuba ukuthanda kukaThixo kwenziwe emhlabeni njengoko kusenziwa nasezulwini.—Mateyu 6:9, 10.
Okwesibini, eli bali lisifundisa lukhulu ngoYehova. Khumbula ukuba uYehova wayibona waza wayithanda into eyayicingwa nguDavide. Kuyasomeleza ukwazi ukuba uYehova uyakuxabisa ukuzinikela kwethu kuye. Ngamanye amaxesha iimeko ezingaphaya kwamandla ethu, njengempilo enkenenkene okanye ukwaluphala zinokusenza singakwazi ukwenza izinto esifuna ukuzenza enkonzweni kaThixo. Xa kunjalo, sinokuthuthuzelwa kukwazi ukuba uYehova uyazibona iinjongo zethu.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ityeya yomnqophiso yayiyityesi engcwele eyayenziwe ngendlela eyayichazwe nguYehova. Yayimela ubukho bukaYehova kuSirayeli wamandulo.—Eksodus 25:22.