Oko Sikufunda KuYesu
Indlela Yokufumana Ulonwabo
Yintoni eyona nto ifunekayo ukuze wonwabe?
▪ UYesu wathetha ngolonwabo eqala nje ukuvula umlomo kwintshumayelo yakhe yasentabeni. Wathi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.” (Mateyu 5:3) Wayethetha ukuthini? Yintoni intswelo yethu yokomoya?
Ukuze siphile kufuneka siphefumle, sisele size sitye njengokuba zisenza nezilwanyana. Kodwa ukuze sonwabe kufuneka sazi injongo yobomi, nto leyo zingayikhathalelanga izilwanyana. NguMdali kuphela onokuyanelisa loo ntswelo. Ngenxa yoko uYesu wathi: “Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.” (Mateyu 4:4) Abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya bonwabile kuba basondela kuYehova, ‘uThixo onoyolo,’ yaye ubanika ithemba elibenza bonwabe.—1 Timoti 1:11.
UYesu wabenza njani ukuba babe nethemba abantu?
▪ UYesu wathi: “Banoyolo abo banomoya wobulali, kuba baya kuwudla ilifa umhlaba.” (Mateyu 5:5) UYesu wabanika ithemba abantu ngokuphilisa abagulayo nangokuvusa abafileyo. Kwakhona wabashumayeza isigidimi sethemba. Wathi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” (Yohane 3:16) Abantu abathobela uThixo baza kuxhamla ubomi obungunaphakade emhlabeni. Ngaba unawo umfanekiso ngqondweni wakho uphila phakathi kwabantu abanobulali uze ungaluphali? Lifanele iLizwi likaThixo ukuthi: “Yibani nemihlali ngalo ithemba.” (Roma 12:12) Kwakhona uYesu wachaza indlela yokufumana ulonwabo kwanangoku.
Yiyiphi indlela yokonwaba eyafundiswa nguYesu?
▪ UYesu wacebisa nangendlela yokuhlala kakuhle nabanye abantu, ngomtshato, ukuthobeka nokuzibeka kwindawo yazo izinto eziphathekayo. (Mateyu 5:21-32; 6:1-5, 19-34) Ukulandela isiluleko sikaYesu kuya kukunceda ufumane ulonwabo.
Ukuba nesisa kukwenza wonwabe. (IZenzo 20:35) Ngokomzekelo, uYesu wathi: “Xa usenza itheko, mema amahlwempu, izilima, iziqhwala, iimfama; yaye uya kuba noyolo, ngenxa yokuba abananto bangakubuyekeza ngayo.” (Luka 14:13, 14) Eyona nto yonwabisayo kukwenza abanye abantu bonwabe kungekhona ukuzama ukuzonwabisa.
Nguwuphi owona mthombo wolonwabo ubalaseleyo?
▪ Ukwenzela abanye abantu izinto kunokukwenza wonwabe kodwa ukwenzela uThixo izinto kunokukwenza wonwabe nangakumbi. Olu lonwabo lungaphezu kolo lufunyanwa ngabazali ababathandayo abantwana babo. Oku kwabonakala kakuhle ngesinye isihlandlo xa uYesu wayefundisa esidlangalaleni. “Umfazi othile kwisihlwele waphakamisa ilizwi lakhe waza wathi kuye: ‘Sinoyolo isibeleko esakuthwalayo namabele owawanyayo!’ Kodwa yena wathi: ‘Hayi, kunoko, Banoyolo abo balivayo ilizwi likaThixo baze baligcine!’”—Luka 11:27, 28.
UYesu wafumana ulwaneliseko nolonwabo ngokwenza ukuthanda kukaYise wasezulwini. Ukuthanda kukaThixo kukuba abantu beve ithemba lokuphila ngonaphakade. Emva kokuba exelele omnye umntu onomdla ngeli themba, uYesu wakha wathi: “Okwam ukutya kukuba ndenze ukuthanda kondithumileyo nokuba ndiwugqibe umsebenzi wakhe.” (Yohane 4:13, 14, 34) Nawe ungazivela ukuba kunjani ukonwaba ngenxa yokwenza into ekholisa uThixo ngokwabelana nabanye ngenyaniso yeBhayibhile.
Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda isahluko 1 sencwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Ulonwabo lokwenene lufumaneka ngokwazi injongo yobomi