IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu
Umzali waseRashiya ongenaqabane nowayelikhoboka leziyobisi wakwazi njani ukwahlukana nazo waza wahlala kakuhle nabantwana bakhe? Indoda yaseKyoto eJapan, eyayingenakhaya yakwazi njani ukoyisa umkhwa owawubangele ukuba ibe lihlwempu? Indoda yaseOstreliya yancedwa yintoni ukuze iyeke ukunxila? Makhe sive ukuba bathini.
“Ndaye ndaqonda ukuba ndimele ndizinyamekele.”—NELLY BAYMATOVA
IMINYAKA YOBUDALA: 45
ILIZWE: RASHIYA
UBOMI BANGAPHAMBILI: WAYEYINGEDLE YEZIYOBISI
INDLELA ENDANDIKADE NDIPHILA NGAYO: Ndakhulela eVladikavkaz ikomkhulu leRiphabliki yoMntla Ossetia (ngoku ekuthiwa yiAlania). Intsapho yakowethu yayifumile. Kodwa ke ndandingonwabanga nakubeni ndandingaswele nto. Ndathi ndisiba neminyaka engama-34 ubudala ndabe sele ndiqhawule umtshato kabini. Ndakha ndaba yingedle yeziyobisi iminyaka elishumi ndaza ndanyangwa izihlandlo ezibini ngenxa yazo. Nangona ndandinabantwana ababini, ndandingabathandi yaye ndandingakwazi ukuhlala kakuhle nabahlobo nezalamane zam.
Umama waba liNgqina likaYehova yaye ndandidla ngokumva ekhala ethandaza kuYehova embongoza ukuba andincede. Ndandiye ndithi: ‘Umama uyabhuda! UYehova angandinceda njani?’ Ndakha ndazama ukuziyeka iziyobisi. Kodwa ke ndandingakwazi ukuziyeka ngamandla am. Kwakha kwadlula iintsuku ezimbini ndingakhange ndizitshaye. Emva koko ndagqiba kwelokuba ndimke ekhaya ndaza ndaphuma ngefestile. Kodwa ke ekubeni sasihlala kumgangatho wesibini, ndawa ndophuka umlenze nengalo ndaza ndenzakala nasemqolo. Kwafuneka ukuba ndihlale endlwini inyanga yonke.
Njengoko ndandichacha umama wandonga yaye akazange andingxolise. Wayeqonda ukuba ndandikhathazeke kakhulu. Nakuba kunjalo wayedla ngokubeka iphephancwadi uVukani!a ngasebhedini yam. Ndabafunda bonke aba Vukani! yaye ndafumanisa ukuba babangela umdla yaye bathetha ngezinto ezininzi. Emva koko ndagqiba ekubeni ndifunde iBhayibhile namaNgqina.
INDLELA EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM IBHAYIBHILE: Enye yezinto endifundise zona iBhayibhile kukukwazi ukuzimela. Kunokuba ndilindele ukuba ndixhaswe ngumama ndiye ndafunda ukuba ndifanele ndizimele ndize ndondle nabantwana bam. Kwakunzima ukusebenza kuba ndandichithe ixesha elininzi ndiphila unothanda.
Kwakhona, andinceda gqitha amazwi akwiDuteronomi 6:5-7 ayalela abazali ukuba bafundise abantwana babo ngoThixo. Ndaqonda ukuba uThixo uza kundiphendulisa ngendlela endibakhulisa ngayo abantwana bam ababini. Loo nto yandenza ndachitha ixesha elininzi kunye nabo ndaza ndafunda nokubathanda.
Ndayixabisa gqitha into yokuba uYehova andivumele ndifunde inyaniso ngaye. Ngenxa yoko ndazinikela kuye ndaza ndabhaptizwa ukuze nam ndibe liNgqina likaYehova.
INDLELA ENDINGENELWE NGAYO: Ukulawula umsindo wam kundenze ndaba nobuhlobo nomama. Kwakhona ndihleli ngoxolo nabantwana bam.
Iingxaki ezininzi ezazibangelwa yindlela endandikade ndiphila ngayo ziye zaphela kuba ngoku ndizithiyile izinto ezingafunwayo nguThixo. Ngoku ndivuyiswa kukufundisa abanye inyaniso ngoThixo onothando uYehova.
“Ndicinga ukuba ukuphila ngemithetho yeBhayibhile kwandisindisa ekufeni.”—MINORU TAKEDA
IMINYAKA YOBUDALA: 54
ILIZWE: JAPAN
UBOMI BANGAPHAMBILI: WAYEHLALA ESITRATWENI
INDLELA ENDANDIKADE NDIPHILA NGAYO: Ndakhulela kwisixeko saseYamaguchi apho ndandihlala notata kunye nomakhulu. Umama andimazi. Umakhulu wasweleka xa ndandineminyaka eli-19 ubudala ndaza ndasala notata. Emsebenzini ndandingumpheki ibe notata wayesebenza kwindawo ethengisa ukutya. Umsebenzi wethu wawusenza kube nzima ukuba sibonane. Ndaqalisa ukusebenza iiyure ezininzi nokusela nabahlobo bam.
Ekuhambeni kwexesha umsebenzi wam waya undikruqula. Ndaxabana nomphathi wam ndaza ndaqalisa ukusela ngaphezu kokuba ndandisenza. Ekugqibeleni, xa ndandineminyaka engama-20 ubudala ndemka ekhaya ndaza ndaqalisa ukukhenketha. Ndathi ndisakuphelelwa yimali ndaqalisa ukusebenza kumzi wokungcakaza. Apho ndadibana nelinye igqiyazana saza satshata. Kodwa ke sahlukana emva nje kweminyaka emibini enesiqingatha.
Ndaxinezeleka ndaza andabi namdla wanto, nto leyo eyandenza ndaboleka imali koomatshonisa. Ndabaleka loo madoda ndaza ndabuyela ekhaya, kodwa ke nalapho ndafika ndaxabana nootata kuba ndamxokisa. Ndeba imali yakhe ndaza ndaphila ngokungcakaza kangangexesha elithile. Ekugqibeleni ndahlwempuzeka kangangokuba ndanyanzeleka ukuba ndikhe ndixhwarhe kwisikhululo sikaloliwe. Ndemka apho ndaya kuhlala eHakata naseHimeji ibe ekugqibeleni ndaya kwisixeko saseKyoto. Apho ndachitha iminyaka eliqela ndihlala esitratweni.
INDLELA EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM IBHAYIBHILE: Ngenye imini ngowe-1999 ndandihleli kwipaki engakumlambo weKamogawa eKyoto xa kweza kum amakhosikazi amabini. Enye yawo yathi kum “Awungethandi na ukufunda iBhayibhile?” Ndavuma ukuyifunda. Amalungu ebandla lamaNgqina kaYehova lasekuhlaleni andifundisa iBhayibhile aza andinceda ndabona ukubaluleka kokuphila ngemigaqo yayo. Andicebisa ukuba ndifune umsebenzi nendawo yokuhlala. Ndakha ndawufuna umsebenzi kuba ndandifuna ukukholisa loo maNgqina kodwa ke ndandingazimiselanga. Kamva ndathandazela umsebenzi ndaza ndawufuna ngokuzimisela, ibe ndade ndawufumana.
Umthandazo waphinda wandinceda nakwenye ingxaki enkulu endandikuyo. Oomatshonisa endandibatyala bandikhangela de bandifumana. Loo nto yandenza andonwaba. Kwathi njengoko ndifunda iBhayibhile rhoqo, ndafika kuIsaya 41:10. Kuloo vesi uThixo ubathembisa oku abakhonzi bakhe: “Ndiza kukunceda ngokwenene.” Eso sithembiso sandomeleza ndaza ndakhalipha. Ndasebenza ngokuzimisela yaye ekugqibeleni ndawahlawula onke amatyala am. Ngowama-2000 ndabhaptizwa ndaza ndaba liNgqina likaYehova.
INDLELA ENDINGENELWE NGAYO: Izinto endazifunda eBhayibhileni zandenza ndafuna ukwenza uxolo nobawo ibe wandixolela. Yamvuyisa gqitha into yokuba ndandifunde ukuphila ngemithetho yeBhayibhile. Ndicinga ukuba ukuphila ngemithetho yeBhayibhile kwandisindisa ekufeni.
Ngoku ndiyakwazi ukuzixhasa. (Efese 4:28; 2 Tesalonika 3:12) Kwakhona ndiye ndafumana abahlobo bokwenene kwibandla lamaKristu. (Marko 10:29, 30) Ndimbulela ngokungazenzisiyo uYehova ngenxa yezinto andifundise zona.
“Kwakungelula ukwenza iinguqu.”—DAVID HUDSON
IMINYAKA YOBUDALA: 72
ILIZWE: OSTRELIYA
UBOMI BANGAPHAMBILI: WAYELINXILA
INDLELA ENDANDIKADE NDIPHILA NGAYO: Ndandingumntwana we-11 kubazali bam uWillie noLucy. Sasihlala eAurukun, ummandla ohlala abantu bomthonyama kumantla eQueensland. IAurukun le yayakhiwe ngakuMlambo iArcher kufutshane nolwandle. Abazali bethu babesifundise ukuphila ngokuloba nokuzingela. Ngelo xesha thina bantu bomthonyama sasingavumelekanga ukuphatha imali yaye sasivumeleke ukuhlala kuphela kwimimandla ethile.
Abazali bam babendiqeqeshe kakuhle yaye sonke babesifundise ukuhlonela abantu abakhulu nokuba nesandla esivulekileyo. Ngenxa yoko sasibaphatha njengabazali bonke abantu abadala.
Utata wasweleka xa ndandineminyaka esixhenxe ubudala yaye safudukela kwimishini yaseMapoon egcina abantu bomthonyama, malunga neekhilomitha ezili-150 kumntla weAurukun. Xa ndandineminyaka eli-12 ubudala ndafunda ukwalusa iinkomo namahashe yaye ndenza loo msebenzi de ndaba neminyaka engaphezu kwama-40 ubudala. Obo bomi babungelula. Ndandisoloko ndinxilile. Loo nto yandibangela iingxaki ezininzi.
Ngenye imini ndatshayiswa yimoto njengoko ndandiphuma kwenye ihotele endandisela kuyo. Ndachitha iminyaka emibini esibhedlele yaye andizange ndibe sabuyela kumsebenzi wam wokwalusa.
INDLELA EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM IBHAYIBHILE: Xa ndandisesibhedlele elinye ibhinqa landiphathela iMboniselo noVukani! Kodwa ke ndandingakwazi ukufunda kakuhle kuba esikolweni ndaphuma phakathi. Noko ke, ngenye imini eyayitshisa kakhulu ndatyelelwa lixhego elalineminyaka engama-83 ubudala. Ndalingenisa endlwini ndaza ndalipha amanzi okusela. Landinika iincwadi ezithetha ngeBhayibhile laza labuza ukuba lingabuya na ukuze lindicacisele zona. Ethubeni laqalisa ukundifundisa iBhayibhile. Ndatsho ndaqonda ukuba kwakuza kufuneka ndenze utshintsho ukuze ndikwazi ukukholisa uThixo.
Kwakungelula ukwenza olo tshintsho. Noko ke, ngenxa yendlela endandiqeqeshwe ngayo ngumama, ndandilihlonela kakhulu eli xhego elalindifundisa iBhayibhile nezinto elalindifundisa zona. Kodwa ke kwathatha ixesha ngaphambi kokuba ndizahlulele kuThixo. Ndandicinga ukuba ndifanele ndazi yonke into eseBhayibhileni.
Ndancedwa ngomnye umntu endandisebenza naye ukuze ndiyitshintshe indlela endandicinga ngayo. Le ndoda yayiliNgqina likaYehova ibe yandibonisa amazwi abhalwe kweyabaseKolose 1:9, 10. Ezo vesi zithi sifanele siqhubeke ‘silwandisa ulwazi lwethu oluchanileyo ngoThixo.’ Le ndoda yandixelela ukuba ndiza kusoloko ndifunda izinto ezintsha, ngoko andifanele ndivumele ulwazi lwam oluncinane lundithintele ekuhambeleni phambili.
Ndayithanda gqitha into endayibona xa ndaqalisa ukuhamba inkonzo yamaNgqina kaYehova. Ndazibonela ngokwam abantu beentlanga ezahlukeneyo benqula uThixo ngomanyano. Olo manyano lwandenza ndaqiniseka ukuba ndandiyifumene inkonzo yokwenene ibe ndabhaptizwa ngowe-1985 ukuze nam ndibe liNgqina likaYehova.
INDLELA ENDINGENELWE NGAYO: Ndaye ndakwazi ukufunda kakuhle ibe ngoku ndichitha iiyure ezininzi ngeveki ndinceda abanye ukuba bafunde iBhayibhile. Ngaphezu koko, elaa bhinqa elandiphathela iMboniselo noVukani xa ndandisesibhedlele lafunda iBhayibhile namaNgqina laza nalo labhaptizwa, ibe namhlanje lingumfazi wam. Sobabini sinceda abantu bakowethu ukuba bafunde ngoYehova uThixo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Lipapashwa ngamaNgqina kaYehova.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 21]
Mna nomfazi wam sinceda abantu bakowethu ukuba bafunde ngoThixo