Kutheni Ufanele Ufike Kwangexesha?
AKUSOLOKO kulula ukubamba ixesha. Ezinye zezinto ezinokusibambezela ukuze singafiki ngexesha, kukuhamba imigama emide, ukuzala kwezithuthi ezindleleni nokuxakeka yimicimbi emininzi. Sekunjalo, ukufika ngexesha kubalulekile. Ngokomzekelo, umntu ofika ngexesha emsebenzini ugqalwa njengomntu onokuthenjwa nokhutheleyo. Kanti umntu ofika emva kwexesha uphazamisa abanye aze abangele ukuba nomsebenzi ungenziwa kakuhle. Ukungabamb’ ixesha kunokubangela umfundi aphoswe zezinye izifundo yaye oko kunokumbambezela kwizifundo zakhe. Ukufika emva kwexesha kwagqirha okanye kugqirha wamazinyo kunokwenza ukuba ungafumani unyango obuza kulufumana ukuba ubufike ngexesha.
Noko ke, kwezinye iindawo ukufika ngexesha akujongwa njengento ebalulekileyo. Kwiindawo ezinjalo, ukufika emva kwexesha kunokuba ngumkhwa. Ukuba kunjalo, kubalulekile ukuba sihlakulele umnqweno wokufika ngexesha. Xa sikuqonda ukubaluleka kokufika kwangexesha, siya kutsho sizame ukubamb’ ixesha. Ziziphi izizathu ezenza kufuneke sibamb’ ixesha? Sinokwenza njani ukuze sikwazi ukubamb’ ixesha? Ziziphi iingenelo esinokuzifumana ngokufika ngexesha?
UYehova—UThixo Oligcinayo Ixesha
Esona sizathu siyintloko esenza sibambe ixesha kukuba sifuna ukuxelisa uThixo esimnqulayo. (Efe. 5:1) UYehova usimisela umzekelo omhle wokubamba ixesha. Akakhe ashiywe lixesha. Xa ezalisekisa iinjongo zakhe, ubambelela ngokungqongqo kwixesha alimiseleyo. Ngokomzekelo, xa uYehova wayeza kutshabalalisa ihlabathi elingendawo ngonogumbe, wathi kuNowa: “Zenzele umkhombe ngomthi onentlaka.” Njengoko ixesha lalisondela, uYehova wathi uNowa makangene emkhombeni waza wathi: “Kwiintsuku nje ezisixhenxe ezingakumbi ndiza kunisa imvula emhlabeni iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane; yaye ndiza kuyisusa kuthi tu phezu komhlaba yonke into ekhoyo endayenzayo.” Kanye ngexesha elifanelekileyo, “kwiintsuku ezisixhenxe kamva afika amanzi kanogumbe emhlabeni.” (Gen. 6:14; 7:4, 10) Cinga ngoko kwakuya kwenzeka kuNowa nentsapho yakhe ukuba babengangenanga ngexesha emkhombeni. Babefanele babambe ixesha njengoThixo abamnqulayo.
Kwiminyaka emalunga nama-450 emva koMkhukula, uYehova waxelela usolusapho uAbraham ukuba uya kufumana unyana eyayiza kuza ngaye iMbewu ethenjisiweyo. (Gen. 17:15-17) UThixo wathi uIsake wayeza kuzalwa “ngeli xesha limisiweyo kunyaka ozayo.” Ngaba oko kwenzeka? IZibhalo zithi: “Wamitha ke uSara waza wamzalela unyana uAbraham ebudaleni bakhe ngexesha elimisiweyo elo wayethethe ngalo uThixo kuye.”—Gen. 17:21; 21:2.
IBhayibhile inemizekelo emininzi ebonisa ukuba uThixo uyalibamba ixesha. (Yer. 25:11-13; Dan. 4:20-25; 9:25) IBhayibhile ithi masilindele umhla ozayo womgwebo kaYehova. Kwanokuba ebantwini unokubonakala ‘ulibala,’ siyaqinisekiswa ukuba “awuyi kufika emva kwexesha.”—Hab. 2:3.
Ukugcin’ Ixesha Kubalulekile Kunqulo Lwethu
Onke amadoda akwaSirayeli ayefanele abekho yaye afike ngexesha kwindawo ekwakusenzelwa kuyo “imithendeleko kaYehova yamaxesha amisiweyo.” (Lev. 23:2, 4) UThixo wayemisele namaxesha efanele inikelwe ngawo eminye imibingelelo. (Eks. 29:38, 39; Lev. 23:37, 38) Ngaba oku akubonisi ukuba uThixo ufuna abakhonzi bakhe balibambe ixesha kwimicimbi yonqulo?
Ngenkulungwane yokuqala, xa umpostile uPawulos wayeyalela amaKristu aseKorinte ngendlela awayemele aqhube ngayo iintlanganiso zawo, wawabongoza wathi: “Zonke izinto mazenzeke ngokundilisekileyo nangolungelelwano.” (1 Kor. 14:40) Ngenxa yoko, iintlanganiso zamaKristu zazifanele ziqale ngexesha elithile. Indlela uYehova avakalelwa ngayo ngokugcina ixesha ayikatshintshi. (Mal. 3:6) Yintoni ngoko esinokuyenza ukuze sifike ngexesha kwezi ntlanganiso zamaKristu?
Izinto Ezinokusinceda Ukuze Sibambe Ixesha
Abanye baye bakufumanisa kuluncedo gqitha ukuceba kwangaphambili. (IMize. 21:5) Ngokomzekelo, ukuba uza kuhamba umgama othile ukuya kufika kwindawo oya kuyo, ngaba bekuya kuba bubulumko ukulicupha ixesha? Ngaba bekungayi kuba bubulumko ukuhamba kwangethuba ukuze ungashiywa lixesha kwanokuba endleleni kunokuvela ‘isihlo esingenakubonwa kwangaphambili’? (INtshu. 9:11) Omnye umfo oselula ogama linguJosé,a oligcinayo ixesha uthi: “Into enokunceda umntu afike kwangethuba, kukwazi ukuba kuthabath’ ixesha elingakanani na ukuya kufika kwindawo aya kuyo.”
Abanye kusenokufuneka benze amalungiselelo okuphuma emsebenzini kwangethuba ukuze baye kufika ngexesha kwiintlanganiso zamaKristu. Lenza loo nto elinye iNgqina lase-Ethiopia, xa lafumanisa ukuba liya kufika kwimizuzu engama-45 emva kokuba iintlanganiso ziqalisile ngenxa yokutshintsha kwamaxesha omsebenzi. Lacela omnye umsebénzi ukuba afike ngaphambi kwexesha ukuze atshintshane nalo ngeengokuhlwa zeentlanganiso. Eli Ngqina lavuma ukusebenza iiyure ezisixhenxe ezongezelelekileyo xa litshintshana naye.
Xa unabantwana abancinane, kunokuba nzima ngakumbi ukufika ngexesha kwiintlanganiso. Nangona abantwana bedla ngokulungiswa ngumama, namanye amalungu entsapho afanele amncedise. Omnye umama waseMexico ogama linguEsperanza ebenyamekela yedwa abantwana abasibhozo. Omncinane ngoku uneminyaka emi-5 yaye omdala uneminyaka engama-23. UEsperanza uchaza into enceda intsapho yakhe ukuze ikwazi ukubamba ixesha, uthi: “Iintombi zam ezindala ziye zilungise abantakwazo abaselula. Oku kuyandinceda ndigqibe umsebenzi wendlu, ndizilungise ukuze sikwazi ukuphuma ngexesha esilibekileyo lokuya kwiintlanganiso.” Le ntsapho inexesha elibekileyo ekuphunywa ngalo endlwini yaye iyasebenzisana ukuze ikwazi ukulibamba elo xesha.
Iingenelo Zokufika Ngexesha Kwiintlanganiso
Xa sicinga ngeentsikelelo esizifumanayo ngokufika kwangethuba kwiintlanganiso zamaKristu, sinokuzimisela nangakumbi ukwenza konke okusemandleni ukuze sifike kwangethuba. Elinye ibhinqa eliselula eligama linguSandra, eliye laziqhelisa ukufika ngexesha kwiintlanganiso, lithi: “Into endiyithandayo ngokufika kwangexesha kwiintlanganiso kukuba ndifumana ithuba lokubulisa abazalwana noodade, ndincokole nabo yaye nditsho ndibazi bhetele.” Xa sifika kwangethuba kwiHolo yoBukumkani, sinokungenelwa ngokuncokola nabanye size sive indlela abaye baqhubeka benyamezele ngayo enkonzweni. Ngokubakho kwethu nangokuncokola nabazalwana noodadewethu sinokubakhuthaza, ‘sibavuselele eluthandweni nasemisebenzini emihle.’—Heb. 10:24, 25.
Ingoma nomthandazo wokuvula iintlanganiso zamaKristu yinxalenye ebalulekileyo yonqulo lwethu. (INdu. 149:1) Iingoma zethu zidumisa uYehova, zisikhumbuza ngeempawu esifanele sizihlakulele, zize zisikhuthaze ukuba sibe nesabelo ngakumbi kubulungiseleli. Kuthekani ngomthandazo wokuvula? Kumaxesha amandulo, uYehova wayebiza itempile yakhe ngokuba “yindlu yomthandazo.” (Isa. 56:7) Namhlanje, siyahlanganisana kwiintlanganiso zethu ukuze sithandaze kuThixo. Kumthandazo wokuvula asiceli ukhokelo lukaYehova nomoya oyingcwele nje kuphela kodwa sicela nokuba asincede ukuba silungise iingqondo neentliziyo zethu ukuze sikwazi ukwamkela oko kuza kufundwa kwiintlanganiso. Sifanele sizimisele ukufika kwangethuba kwiintlanganiso zethu ukuze sifumane ingoma yokuvula nomthandazo.
Xa echaza isizathu sokuba afike kwangethuba kwiintlanganiso, uHelen oneminyaka engama-23 ubudala uthi: “Ndivakalelwa kukuba le yindlela endinokumbonisa ngayo uYehova ukuba ndiyamthanda, kuba esilungiselele inkcazelo eza kufundwa, kuquka ingoma nomthandazo wokuvula.” Ngaba nathi asifanele sivakalelwe ngale ndlela? Ewe, sifanele sivakalelwe ngaloo ndlela. Ngoko ke, masizame ukukwenza umkhwa ukubamba ixesha kuyo yonke into esiyenzayo, ingakumbi kwizinto eziphathelele ukunqula kwethu uThixo oyinyaniso.
[Umbhalo osemazantsi]
a Amanye amagama atshintshiwe.
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Ceba kakuhle kusengaphambili
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Musa ukulicupha ixesha ukuze lingakushiyi xa kuvela ‘isihlo ebesingalindelwanga ngaphambili’
[Imifanekiso ekwiphepha 26]
Fumana iingenelo zokufika kwangethuba kwiintlanganiso