Imibuzo Yabafundi . . .
Kwakutheni Ukuze USathana Asebenzise Inyoka Ukuze Athethe NoEva?
▪ Uya kuvuma ukuba njengoko sele sitshilo kwiphepha 8, nguSathana owabangela ukuba inyoka ithethe noEva. IBhayibhile isifundisa kanye loo nto. Noko ke, usenokuzibuza, ‘Inobangelwa yintoni into yokuba isidalwa somoya sithethe ngenyoka?’
IBhayibhile ithi uSathana ‘unamaqhinga’ yaye esi sihlandlo siyakungqina oko. (Efese 6:11) Into esiyibona e-Eden asiyontsomi yesilwanyana esithethayo, liqhinga likaSathana elenzelwe ukurhwebesha abantu kuThixo. Njani?
USathana walikhetha ngobulumko ixhoba lakhe. UEva wayesesona sidalwa siselula kwizidalwa ezikrelekrele kuyo yonke indalo. Wamvuyelela kuba engenamava, waza wamlukuhla. Ngokuzifihla emva kwenyoka, esisidalwa esilumkileyo, uSathana wazifihla ezona njongo zakhe. (Genesis 3:1) Khawucinge ngoko akuphumezayo ngokwenza inyoka ibonakale ngathi iyathetha.
Okokuqala, uSathana wathimba ingqalelo kaEva. Wayesazi ukuba iinyoka azikwazi ukuthetha; umyeni wakhe wazithiya zonke izilwanyana, kuquka nenyoka, emva kokuba ezifunde ngenyameko. (Genesis 2:19) Ngokuqinisekileyo, noEva wayesibona esi sidalwa silumkileyo. Iqhinga likaSathana lavuselela umdla kaEva; lamenza wacinga ngento enye kuphela kuwo wonke loo myezo, isiqhamo esalelweyo. Okwesibini, ukuba inyoka yayihleli phezu kwesebe lalo mthi, sisiphi isigqibo awayeza kufikelela kuso uEva? Mhlawumbi wacinga ukuba esi sidalwa singakwaziyo ukuthetha naso sitye kulo mthi saza sakwazi ukuthetha. Ukuba esi siqhamo sayinceda inyoka, sasiza kumnceda kangakanani yena? Asinakuyazi into eyayicingwa nguEva okanye enoba inyoka yasitya eso siqhamo, kodwa siyazi ukuba xa inyoka yaxelela uEva ukuba isiqhamo sasiya kumenza abe “njengoThixo,” wayikholelwa.
Amagama asetyenziswa nguSathana asityhilela okungakumbi. Watyala amathandabuzo engqondweni yakhe, embonisa ukuba uThixo wayebabandeza into elungileyo nenkululeko. Ukuze aphumelele kweli yelenqe uSathana kwakuxhomekeke ekubeni uEva wayethanda uThixo owayemenzele yonke into awayenayo okanye wayethanda isiqu sakhe. (Genesis 3:4, 5) Okubuhlungu kukuba iqhinga likaSathana lasebenza; bobabini yena noAdam babengamthandi ngokwaneleyo uYehova. Ngaba uSathana akakhuthazi ukuzingca nendlela efanayo yokuqiqa namhlanje?
Wayeqhutywa yintoni uSathana? Wayephezu kwantoni? E-Eden wazama ukuzifihla ukuba ungubani nenjongo zakhe. Kodwa ekuhambeni kwexesha wazityhila ukuba ungubani. Xa wayelinga uYesu, wayesazi ukuba ukuzimela ngesebe lenkawu akuzumnceda. Wathi kuYesu: ‘Yiwa phantsi unqule kum.’ (Mateyu 4:9) Kucacile, ukuba kudala uSathana eqhutywa ngumona yaye efuna ukunqulwa njengoYehova uThixo. Uya kwenza nantoni na ukuze athintele abanye banganquli uThixo okanye bamnqule ngendlela afuna ngayo. Uyakuthanda ukwaphula ingqibelelo yethu kuThixo.
IBhayibhile ikwenza kucace ukuba uSathana ngusomaqhingashe. Okumnandi kukuba asinakuqhatheka njengoEva, “kuba siyawazi amacebo akhe.”—2 Korinte 2:11.