Ngaba UThixo Wayesazi Ukuba UAdam NoEva Babeza Kona?
ABANTU abaninzi bawubuza lo mbuzo kuba befuna ukwazi. Xa kubuzwa ukuba kutheni uThixo evumele ubungendawo, kuye kuthi qatha isono sabantu bokuqala ababe kumyezo wase-Eden. Imfundiso yokuba ‘uThixo wazi yonke into’ inokwenza abanye abantu bacinge ukuba uThixo wayesazi kwangaphambili ukuba uAdam noEva abazukumthobela.
Ukuba ngokwenene uThixo wayesazi ukuba esi sibini sifezekileyo siza kona, yayiya kuthetha ntoni loo nto? Loo nto ibiya kumenza abe ngumntu ombi uThixo. Wayeza kubonakala engenaluthando, engenako okusesikweni yaye enganyanisekanga. Abanye banokucinga ukuba yinkohlakalo ukuchanaba abo bantu kwinto eyayisaziwa ukuba iza kuba nesiphelo esibi. Ngandlel’ ithile uThixo wayeza kubekek’ ityala ngabo bonke ububi nokubandezeleka okwalandelayo. Kwabanye, uMdali wethu wayeza kubonakala engenangqondo.
Ngaba uYehova uThixo, njengoko echazwe eZibhalweni, iyamfanela loo nkcazelo? Ukuze siwuphendule loo mbuzo, makhe sihlole oko kuthethwa yiBhayibhile ngendalo nobuntu bukaYehova.
“Zilunge Gqitha”
Mayela nendalo kaThixo, kuquka abantu bokuqala emhlabeni, incwadi yeGenesis ithi: “UThixo wazibona zonke izinto awayezenzile, khangela! zilunge gqitha.” (Genesis 1:31) UAdam noEva, babefezekile, benzelwe ukuphila emhlabeni. Kwakungekho nto isisikhwasilima kwindlela ababedalwe ngayo. Ekubeni babedalwe ngendlela ‘elunge gqitha,’ babekwazi ukuphila ngendlela ekwakulindeleke ukuba baphile ngayo. Babedalwe “ngokomfanekiso kaThixo.” (Genesis 1:27) Ngomlinganiselo othile babekwazi ukubonisa iimpawu zobuthixo ubulumko, uthando, okusesikweni nokulunga. Ukubonisa iimpawu ezinjalo kwakuza kuba nceda benze izigqibo ezaziza kubonwabisa zize zivuyise uBawo wabo wasezulwini.
UYehova wanika ezi zidalwa zakhe zifezekileyo inkululeko yokuzikhethela. Zazinganyanzelekanga ukuba zithobele uThixo—ngokungathi ngumatshini. Khawuyicinge le nto. Sisiphi isipho obuza kusixabisa—seso kudluliswa usana kunina okanye sisipho esivela entliziyweni? Impendulo izicacele. Ngendlela efanayo, ukuba uAdam noEva babekhethe ukuthobela uThixo wayeya kukuxabisa ukuthobela kwabo. Ukukwazi ukuzikhethela kwenza abantu bokuqala bakwazi ukuthobela uYehova beqhutywa luthando.—Duteronomi 30:19, 20.
Ubulungisa, Okusesikweni Nokulunga
IBhayibhile isichazela iimpawu zikaThixo. Ezi mpawu zimenza angabi nanto yakwenza nesono. INdumiso 33:5 ithi uYehova “Uthanda ubulungisa nokusesikweni.” UYakobi 1:13 uthi: “Kuba uThixo akanakulingwa ngezinto ezimbi yaye naye akalingi namnye.” Ekubeni uThixo enokusesikweni kwaye enenkathalo, wamlumkisa uAdam: “Kuyo yonke imithi yomyezo ungadla wanele. Kodwa wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungadli kuwo, kuba mhla uthe wadla kuwo uya kufa ngokuqinisekileyo.” (Genesis 2:16, 17) Isibini sokuqala sakhethiswa phakathi kobomi obungenasiphelo nokufa. Ngaba wayengayi kuba ungumhanahanisi uThixo ukuba wayenokubalumkisa ngesono esithile ekubeni eyazi kwangaphambili imiphumo? UYehova ‘ethanda ubulungisa nokusesikweni,’ wayengenakuze abakhethise into engekhoyo.
Kwakhona uYehova ulunge kakhulu. (INdumiso 31:19) Xa uYesu wayechaza ukulunga kukaThixo wathi: “Akukho mntu phakathi kwenu onokuthi ukuba unyana wakhe ucela isonka—asuke amnike ilitye, andibi kunjalo? Okanye, mhlawumbi, ukuba ucela intlanzi—akayi kumnika inyoka, andibi kunjalo? Ngoko ke, ukuba nina, nangona ningendawo, niyakwazi ukunika abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osemazulwini ukubanika izinto ezilungileyo abo bamcelayo?” (Mateyu 7:9-11) UThixo uzinika “izinto ezilungileyo” izidalwa zakhe. Indlela ababedalwe ngayo abantu nekhaya labo eliyiParadesi zazenzelwe ukuba babone ukuba uThixo ulungile. Ngaba uMongami olungileyo wayenokwenza ikhaya elihle aziyo ukuba baza kuphulukana nalo? UMdali wethu olungileyo akanakubekw’ ityala ngemvukelo yabantu.
“Sisilumko Yedwa”
Kwakhona iZibhalo zibonisa ukuba uYehova ‘usisilumko yedwa.’ (Roma 16:27) Iingelosi zikaThixo zasezulwini zazibonela ngokwazo ubulumko bakhe. ‘Zakhwaza zincoma’ xa uYehova wayedala umhlaba. (Yobhi 38:4-7) Ngokungathandabuzekiyo ezi zidalwa zomoya zikrelekrele zazinomdla omkhulu kwizinto ezazisenzeka kumyezo wase-Eden. Ngaba bekuya kuba sengqiqweni, ngoThixo osisilumko, emva kokuba edale indalo emangalisayo adale abantu zijongile iingelosi awayesazi ukuba baza kusilela? Kucacile, ukuba akukho ngqiqweni ukuceba intlekele elolo hlobo.
Sekunjalo, omnye umntu usenokubuza ukuba, ‘uThixo olumke ngolo hlobo wayenokuthini ukungayazi loo nto?’ Kuyavunywa ukuba, eyona mbalasane yobulumko bukaYehova ngamandla akhe okwazi “ukuphela kwasekuqaleni.” (Isaya 46:9, 10) Noko ke, kwakungeyomfuneko ukuba ayazi loo nto kwangaphambili, kanye njengokuba engasoloko ewasebenzisa onke amandla akhe. Ngobulumko uYehova uyazikhetha izinto afuna ukuzazi kwangaphambili. Uye azazi xa kuyimfuneko yaye kuvisisana neemeko.
Ukungawasebenzisi amandla okwazi kwangaphambili kunokufaniswa nezinto zobugcisa zanamhlanje. Umntu obukele umdlalo orekhodiweyo unokukhetha ukutsibela esiphelweni somdlalo aze abone iqela eliphumeleleyo. Kodwa akuyomfuneko ukuba ayiqale ngaloo ndlela. Ngubani onokumgxeka xa ekhetha ukuwuqala ekuqaleni? Ngendlela efanayo, uMdali wakhetha ukungasazi isiphelo saloo mdlalo. Kunoko, wakhetha ukulinda ukuze abone indlela ababeza kuziphatha ngayo abantwana bakhe basemhlabeni.
Njengoko besele sitshilo, uYehova akazange abadale abantu bokuqala banjengoomatshini. Kunoko, wabawonga ngenkululeko yokuzikhethela. Ukuba babekhethe ikhondo elifanelekileyo, babeza kubonisa uthando, umbulelo nokuthobela ngaloo ndlela babeza kuhlala bevuya baze bavuyise noYehova uYise wabo wasezulwini.—IMizekeliso 27:11; Isaya 48:18.
IZibhalo zibonisa ukuba izihlandlo ezininzi uThixo ebengawasebenzisi amandla akhe okukwazi kwangaphambili. Ngokomzekelo, xa uAbraham othembekileyo waphantsa wenza idini ngonyana wakhe, uYehova wayenokuthi: “Ndiyazi ngoku ukuba uyamoyika uThixo, ekubeni ungakhange wale nonyana wakho kum, engokuphela kwakhe.” (Genesis 22:12) Kwelinye icala, kukho izihlandlo apho abantu abathile bamenza uThixo ‘waziva ebuhlungu.’ Ngaba wayenokuyiva loo ntlungu ukuba wayesazi ukuba baza kwenza ntoni?—INdumiso 78:40, 41; 1 Kumkani 11:9, 10.
Ngaloo ndlela, kusengqiqweni ukugqiba kwelokuba uThixo olumkileyo akazange awasebenzise amandla akhe okwazi kwangaphambili kubazali bethu bokuqala. Ekubeni elumkile wayengenakusebenzisa amandla akhe okwazi kwangaphambili aze avumele ukuba kwenzeke into awayehleli eyazi ukuba iza kwenzeka.
“UThixo Uluthando”
Utshaba lukaThixo, uSathana, waphehla imvukelo yase-Eden eyaba nemiphumo emibi, equka isono nokufa. Ngaloo ndlela uSathana waba “sisibulala mntu.” Kwakhona ‘waba lixoki noyise wabo.’ (Yohane 8:44) Ekubeni eneenjongo ezimbi, uyakuthanda ukwenza ngathi uMdali wethu ufana naye. Uyakuthanda ukubeka uYehova ityala ngokuba nesono kwabantu.
Uthando lulo olwabangela ukuba uYehova akhethe ukungazi kwangaphambili ukuba uAdam noEva babeza kona. Uthando lolona phawu lubalulekileyo lukaThixo. Eyoku-1 kaYohane 4:8 ithi: “UThixo uluthando.” Uthando luyakhuthaza aluchithi. Lujonga izinto ezintle kwabanye. Ekubeni enothando uYehova uThixo wayefuna siphumelele isibini sokuqala.
Nangona abantwana bakaThixo basemhlabeni babenokukhetha ukungamthobeli, uThixo wethu onothando akazange angabathembi okanye arhanele ukuba ziza kumphoxa izidalwa zakhe ezifezekileyo. Wabenzela yonke into ababeza kuyifuna. Kwakufanelekile ke ngoko ukuba uThixo alindele ukuba izidalwa zakhe zimthobele ziqhutywa luthando kungekhona imvukelo. Wayesazi ukuba uAdam noEva babenako ukunyaniseka xa befuna, njengokuba amadoda angafezekanga anjengoAbraham, uYobhi, uDaniyeli nabanye benzayo.
UYesu wathi: “kuThixo izinto zonke zinako ukwenzeka.” (Mateyu 19:26) Iyathuthuzela loo nto. Uthando lukaYehova kunye nezinye iimpawu zakhe ezintle njengokusesikweni, ubulumko namandla zisiqinisekisa ukuba ngexesha elifanelekileyo uza kususa yonke imiphumo yesono nokufa.—ISityhilelo 21:3-5.
Kucacile ukuba uYehova akazange azi kwangaphambili ukuba isibini sokuqala siza kona. Ngoxa ababuhlungu kukungathobeli komntu nokubandezeleka okwahamba nako, uThixo wayesazi ukuba le meko iyeyokwexeshana ayinakuze ithintele injongo yakhe kanaphakade ngomhlaba nabantu abakuwo. Kutheni ungaphandi ngaloo njongo nendlela onokungenelwa ngayo kwinzaliseko yayo ezukileyo?a
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngenjongo kaThixo ngomhlaba funda isahluko sesi-3 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 14]
UYehova akazange abadale abantu bokuqala banjengoomatshini
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 15]
UThixo wayesazi ukuba uAdam noEva babenako ukunyaniseka