Sinikwe Amandla Okoyisa Naziphi Na Iimvavanyo
“Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undomelezayo.”—FIL. 4:13.
1. Kutheni abantu bakaYehova bejamelana nobunzima obungaka?
ABANTU bakaYehova bayabufumana ubunzima ngamaxesha athile. Ezinye iimvavanyo zibangelwa kukungafezeki kwethu okanye yile nkqubo yezinto siphila kuyo. Ezinye zibangelwa bubutshaba obuphakathi kwabakhonzi bakaThixo nabantu abangamkhonziyo. (Gen. 3:15) Ukususela ekuqaleni kwembali yabantu, uThixo uye wanceda abakhonzi bakhe abathembekileyo ukuba bamelane nentshutshiso yonqulo, baxhathise ingcinezelo yoontanga eyingozi baze banyamezele bonke ubunzima. Umoya wakhe oyingcwele unokusomeleza ukuba senze okufanayo.
Sincedwa Ukuba Simelane Nentshutshiso Yonqulo
2. Iyintoni injongo yentshutshiso yonqulo, yaye iza ngaziphi iindlela?
2 Intshutshiso yonqulo kukuphathwa kakubi okanye ukwenzakaliswa kwabantu ngenxa yonqulo okanye iinkolelo zabo. Injongo yayo kukuphelisa ezo nkolelo, ukuthintela ukuba zingasasazeki okanye ukwaphula ingqibelelo yabo bazikholelwayo. Intshutshiso iza ngeendlela ezahlukeneyo, ezinye zizicacele, ukanti ezinye zifihlakele. IBhayibhile ithi uSathana uhlasela njengengonyama nanjengephimpi.—Funda iNdumiso 91:13.
3. Ibonakala njani intshutshiso efana neyengonyama neyephimpi?
3 Njengengonyama eneengcwangu, uSathana udla ngokuhlasela ngokuphandle nangokungqalileyo esebenzisa ugonyamelo, ukusivalela entolongweni okanye ukusivala umlomo. (INdu. 94:20) INcwadi Yonyaka, echaza ngezenzo zamaNgqina kaYehova anamhlanje, iqulethe iingxelo ezininzi zamaqhinga anjalo. Amahlokondiba angalawulekiyo, amanye ekhokelwa ngabefundisi okanye ngoofunz’ eweni beepolitiki, aye abaphatha kakubi abantu bakaThixo kwiindawo ezininzi. Ezi ntlaselo zifana nezengonyama ziye zabangela ukuba abambalwa bayeke ukukhonza uYehova. Njengephimpi, uMtyholi uhlasela abantu ezifihlile ukuze abatyhefe iingqondo aze abakhohlisele ukwenza ukuthanda kwakhe. Le ndlela yokuhlasela yenzelwe ukusenza buthathaka okanye ukusonakalisa ngokomoya. Kodwa ngomoya oyingcwele kaThixo, sinako ukumelana nazo zombini ezi ntlobo zentshutshiso.
4, 5. Yiyiphi eyona ndlela iyiyo yokulungiselela intshutshiso, yaye ngoba? Yenza umzekelo.
4 Ukuba nomfanekiso-ngqondweni weendlela enokusifikela ngazo intshutshiso kwixesha elizayo akuyi kusinceda ukuba siyilungiselele. Inyaniso kukuba asinakuyazi into eza kwenzeka kwixesha elizayo kwizinto ezinjalo, ngoko kuncinane esinokungenelwa kuko xa sizixhalabisa ngezinto ezisenokungaze zenzeke. Noko ke, ikho into esinako ukuyenza. Uninzi lwabo baye bayinyamezela ngempumelelo intshutshiso luncedwe kukucamngca ngemizekelo ekwiZibhalo yabantu abagcine ingqibelelo, nangeemfundiso nomzekelo kaYesu. Oku kuye kwabanceda ukuba bamthande ngakumbi uYehova. Olo thando nalo lubancedile ukuba baxhathise naziphi na izilingo.
5 Khawucinge ngomzekelo woodade wethu ababini baseMalawi. Ihlokondiba elinogonyamelo lababetha, labakhululisa impahla laza laboyikisa ngokubadlwengula lizama ukubenza bathenge amakhadi ombutho wepolitiki. Eli hlokondiba laxoka lathi kwanamalungu entsapho yaseBheteli awathengile amakhadi aloo mbutho. Baphendula bathini aba dade? “NguYehova uThixo kuphela esimnqulayo. Ngoko ukuba abazalwana abakwiofisi yesebe bawathengile amakhadi, oko akwenzi mahluko kuthi. Asiyi kulalanisa, kwanokuba ningasibulala!” Emva kokubonakalisa inkalipho ngaloo ndlela, aba dade bakhululwa ukuba bahambe.
6, 7. UYehova ubanika njani abakhonzi bakhe amandla okujamelana nentshutshiso?
6 Umpostile uPawulos waphawula ukuba amaKristu aseTesalonika ayewamkele umyalezo wenyaniso “phantsi kwembandezelo enkulu,” sekunjalo ‘ayenovuyo lomoya oyingcwele.’ (1 Tes. 1:6) Enyanisweni, uninzi lwamaKristu, awamandulo nawanamhlanje, oluye lwajamelana nentshutshiso lwaza lwayoyisa luthi ngelona xesha linzima lokuvavanywa kwalo luye lwanoxolo lwangaphakathi, oluyinxalenye yesiqhamo somoya oyingcwele kaThixo. (Gal. 5:22) Olo xolo luye lwazilinda iintliziyo namandla awo okuqonda. Ewe, uYehova usebenzisa umoya oyingcwele wakhe ukunika abakhonzi bakhe amandla ukuze bajamelane neemvavanyo baze basebenzise ubulumko xa kuvela ubunzima.a
7 Abantu abasibukeleyo baye bamangaliswa kukuzimisela kwabantu bakaThixo ukugcina ingqibelelo yabo kwanaphantsi kweyona ntshutshiso inolunya. AmaNgqina aye abonakale ngathi anamandla angaphaya kwawomntu, yaye kuba njalo ngokwenene. Umpostile uPetros usiqinisekisa ngala mazwi: “Ukuba niyangcikivwa ngenxa yegama likaKristu, ninoyolo, ngenxa yokuba umoya wozuko, oko kukuthi, umoya kaThixo, uphumle phezu kwenu.” (1 Pet. 4:14) Isibakala sokuba sitshutshiswa ngenxa yokuphila ngemilinganiselo yobulungisa sibonisa ukuba uThixo uyakholiswa sithi. (Mat. 5:10-12; Yoh. 15:20) Ubungqina bokuba siyasikelelwa nguThixo busenza sivuye ngokwenene!
Sincedwa Ukuba Sixhathise Ingcinezelo Yoontanga
8. (a) Yintoni eyenza uYoshuwa noKalebhi bakwazi ukuxhathisa ingcinezelo yoontanga? (b) Yintoni esinokuyifunda kumzekelo kaYoshuwa noKalebhi?
8 Olunye uhlobo olufihlakeleyo lwentshutshiso amaKristu afanele alunyamezele yingcinezelo yoontanga. Noko ke, ekubeni umoya kaYehova unamandla kunomoya wehlabathi, sinako ukubaxhathisa abantu abasigculelayo, abasasaza ubuxoki ngathi okanye abazama ukusinyanzela ukuba siphile ngemilinganiselo yabo. Ngokomzekelo, yintoni eyenza uYoshuwa noKalebhi bakwazi ukuphikisa uluvo lwezinye iintlola ezilishumi ezazithunyelwe kwilizwe lakwaKanan? Umoya oyingcwele wabenza ‘banomoya’ owahlukileyo okanye isimo sengqondo esahlukileyo.—Funda iNumeri 13:30; 14:6-10, 24.
9. Kutheni amaKristu emele akulungele ukwahluka kumndilili?
9 Ngokufanayo, umoya oyingcwele wanika abapostile bakaYesu amandla okuthobela uThixo kunokuthobela abo babegqalwa luninzi njengabafundisi bonqulo lwenene. (IZe. 4:21, 31; 5:29, 32) Uninzi lwabantu luye lukhethe ukuhamba nomndililli, kuba lusonqena impikiswano okanye ingxabano. Noko ke, amaKristu enene kudla ngokufuneka amele inyaniso. Sekunjalo, ngenxa yokuba esomelezwa ngamandla kaThixo asebenzayo, awakoyiki ukwahluka. (2 Tim. 1:7) Khawuqwalasele enye imeko esingamele sinikezele kwingcinezelo yoontanga kuyo.
10. Yiyiphi ingxaki amanye amaKristu anokujamelana nayo?
10 Olunye ulutsha lusenokuzibona lusengxakini xa lufumanisa ukuba umhlobo walo uye waziphatha ngendlela engqubana nezibhalo. Lusenokuvakalelwa kukuba xa luzama ukuba umhlobo walo afumane uncedo lokomoya uya kulujonga njengolungenasifuba; ngoko ke, luyigcina kulo le nto, luziqhatha ngelithi lunyanisekile kumhlobo walo. Lowo wonileyo unokude anyanzele abahlobo bakhe ukuba basifihle isono sakhe. Kakade ke, asilolutsha kuphela olujamelana nale ngxaki. Nabantu abadala basenokukufumanisa kunzima ukuxelela abadala bebandla ngesono somhlobo okanye selungu lentsapho. Kodwa amaKristu enene afanele asabele njani kwingcinezelo enjalo?
11, 12. Yiyiphi eyona ndlela ilungileyo yokusabela ukuba ilungu lebandla liyakucenga ukuba ungasixeli isono salo yaye ngoba?
11 Masenze umzekelo. Masithi uThemba, umzalwana oselula, ufumanise ukuba uXolani, umhlobo wakhe osebandleni, unomkhwa wokubukela amanyala. UThemba uxelela uXolani ukuba imxhalabisa kakhulu le nto ayenzayo. Noko ke, uXolani akayihoyi le nto ayithethayo. Xa uThemba embongoza ukuba athethe nabadala, uXolani uthi ukuba ungumhlobo wakhe wenene, akayi kumxela. Ngaba uThemba umele oyike ukulahlekelwa ngumhlobo wakhe? Usenokuzibuza ukuba abadala baza kukholelwa bani ukuba uXolani ukhanyela yonke into. Sekunjalo, ukuthula kukaThemba akuyi kulungisa nto. Enyanisweni, oko kunokuphumela ekubeni uXolani alahlekelwe lulwalamano lwakhe noYehova. Kuya kumnceda uThemba ukukhumbula ukuba “ukungcangcazela ngumntu kubeka umgibe, kodwa okholosa ngoYehova uya kukhuselwa.” (IMize. 29:25) Yintoni enye emele yenziwe nguThemba? Unokuya kuXolani kwakhona aze asidandalazise isiphoso sakhe ngothando. Oko kuya kufuna inkalipho. Noko ke, kusenokwenzeka ukuba ngeli xesha uXolani uya kuvuma ukuthetha ngengxaki yakhe. UThemba ufanele amkhuthaze kwakhona uXolani ukuba aye kuthetha nabadala aze amxelele ukuba xa engenjinjalo kangangexesha elithile uya kubaxelela ngokwakhe.—Lev. 5:1.
12 Ukuba kunokwenzeka ujamelane nemeko enjalo, ekuqaleni umhlobo wakho usenokungayithandi imigudu yakho yokumnceda. Kodwa ekuhambeni kwexesha usenokuqonda ukuba uzama ukumnceda. Ukuba umntu owenze isono ufumana uncedo aze alwamkele, unokusoloko enombulelo kuwe ngenkalipho nokunyaniseka kwakho. Kwelinye icala, ukuba uhlala ekuqumbele, ngaba uluhlobo lomntu onokumbiza ngokuthi ngumhlobo wakho? Ukukholisa oyena Mhlobo wethu mkhulu, uYehova, kuyeyona nto ilungileyo. Xa simbeka kwindawo yokuqala, abanye abantu abamthandayo baya kusihlonela ngokunyaniseka kwethu baze babe ngabahlobo benene. Masingaze simvulele indawo uMtyholi ebandleni lamaKristu. Ukuba besiya kwenza loo nto, besiya kuwenza buhlungu ngokwenene umoya oyingcwele kaYehova. Noko ke, xa sizabalazela ukugcina ibandla lamaKristu linyulu siya kuba sisebenzisana nawo.—Efe. 4:27, 30.
Sinikwe Amandla Okunyamezela Zonke Iintlobo Zobunzima
13. Luhlobo luni lobunzima abantu bakaYehova abajamelana nalo, yaye kutheni zixhaphakile nje ezo zinto?
13 Ubunzima busenokuza ngeendlela ezininzi—ukuba neengxaki zemali, ukuphelelwa ngumsebenzi, iintlekele zemvelo, ukufelwa ngumhlobo okanye sisalamane, impilo enkenenkene, nezinye. Ekubeni siphila ‘kumaxesha amanqam’ sonke sifanele silindele ukujamelana nohlobo oluthile lovavanyo. (2 Tim. 3:1) Xa oko kusenzeka, kubalulekile ukuba singaphakuzeli. Umoya oyingcwele unokusinika amandla okunyamezela nabuphi na ubunzima.
14. Yintoni eyanika uYobhi amandla okunyamezela ubunzima bakhe?
14 UYobhi wehlelwa bubunzima, kufika obunye emva kobunye. Waphulukana nezinto awayephila ngazo, abantwana, abahlobo nempilo, yaye umfazi wakhe wayeka ukumthemba uYehova. (Yobhi 1:13-19; 2:7-9) Sekunjalo, uYobhi wafumana intuthuzelo yokwenene kuElihu. Isigidimi sakhe, kunye nomongo wesigidimi esasivela kuYehova sisiya kuYobhi, zazisithi: “Yima ngxi uzibonise unikela ingqalelo kwimisebenzi emangalisayo kaThixo.” (Yobhi 37:14) Yintoni eyanceda uYobhi ukuba anyamezele iimvavanyo zakhe? Kwaye yintoni enokusinceda sinyamezele ezethu? Kukukhumbula nokucamngca ngeendlela ezahlukeneyo oye wabonakala ngazo umoya oyingcwele namandla kaYehova. (Yobhi 38:1-41; 42:1, 2) Mhlawumbi nathi sikhumbula ixesha esiye sabubona ngalo ubungqina bokuba uThixo unomdla kuthi. Usenomdla nangoku ke kuthi.
15. Yintoni eyomeleza umpostile uPawulos ukuba anyamezele iimvavanyo?
15 Umpostile uPawulos wanyamezela izinto ezininzi ezazisongela ubomi ngenxa yokholo lwakhe. (2 Kor. 11:23-28) Yintoni eyamnceda wahlala elungelelene waza akaphakuzela xa wayephantsi kwezo meko zinzima? Wancedwa kukusondela kuYehova ngomthandazo. Xa wayejamelene novavanyo ekubonakala ukuba kamva lwaphumela ekubeni abulawe ngenxa yonqulo lwakhe, uPawulos wabhala wathi: “INkosi yema kufuphi nam, yandomeleza, ukuze ngam ukushumayela kufezwe ngokuzeleyo, kufikelele kuzo zonke iintlanga; yada yandihlangula nasemlonyeni wengonyama.” (2 Tim. 4:17) Ngoko ke, ethetha ngokusuka kumava akhe, uPawulos wakwazi ukuqinisekisa amanye amakholwa ukuba kwakungeyomfuneko “ukuxhalela nantoni na.”—Funda eyabaseFilipi 4:6, 7, 13.
16, 17. Yenza umzekelo wendlela uYehova abanika ngayo amandla abantu bakhe ukuze bakwazi ukumelana nobunzima namhlanje.
16 Omnye uvulindlela ogama linguRoxana uye wayibona indlela uYehova abaxhasa ngayo abantu bakhe. Xa wacela kumqeshi wakhe imvume yokuthatha ikhefu leentsuku ezimbalwa ukuze aye endibanweni, wamphendula ngomsindo esithi ukuba uyalithatha elo khefu, uya kumgxotha. Sekunjalo uRoxana walithatha, wathandazela ukuba angalahlekelwa ngumsebenzi wakhe. Emva koko, waziva engasenalo ixhala. NgoMvulo olandela indibano umqeshi wakhe wamgxotha, kanye njengoko wayemgrogrisile. Yamphazamisa le nto uRoxana. Wayewufuna laa msebenzi ukuze axhase intsapho yakhe, nangona wawuhlawula imali encinane. Wathandaza kwakhona, esithi ekubeni uThixo ekwazile ukumondla ngokomoya endibanweni, ngokuqinisekileyo uya kumxhasa nangezinto zokwenyama. Njengoko wayegoduka, uRoxana wabona ibhodi ethi “Sifuna Abasebenzi,” ibe kwakufunwa abantu abanamava okusebenzisa oomatshini bokuthunga impahla eza kuthengiswa, yaye wafaka isicelo. Umphathi waphawula ukuba akanawo amava alo msebenzi kodwa wamqesha, emnika umvuzo ophantse uphindwe kabini kunalowo ebewufumana. URoxana wavakalelwa kukuba imithandazo yakhe iphendulwe. Noko ke, eyona ntsikelelo inkulu awayifumanayo kukuba wakwazi ukushumayela iindaba ezilungileyo kubantu abaliqela awayesebenza nabo. Abahlanu kubo, kuquka nomphathi, bayamkela inyaniso baza babhaptizwa.
17 Maxa wambi, sisenokubona ngathi imithandazo yethu ayiphendulwa ngoko nangoko okanye ke ngendlela ebesilindele ngayo. Ukuba kunjalo, ngokuqinisekileyo sikho isizathu esihle sokuba kube njalo. UYehova uyasazi, kodwa thina sinokusiqonda kamva. Nantsi ke into esinokuqiniseka ngayo—uThixo akayi kubalibala abathembekileyo bakhe.—Heb. 6:10.
Sincedwa Ukuba Soyise Iimvavanyo Nezihendo
18, 19. (a) Kutheni sinokulindela ukujamelana neemvavanyo nezihendo? (b) Unokwenza njani ukuze uphumelele xa ujamelene neemvavanyo?
18 Akungomnqa kubantu bakaYehova ukudibana nezihendo, ukudimazeka, intshutshiso nengcinezelo yoontanga. Ihlabathi lisithiyile. (Yoh. 15:17-19) Sekunjalo, umoya oyingcwele unokusinceda soyise naluphi na ucelomngeni esinokujamelana nalo ekukhonzeni kwethu uThixo. UYehova akayi kusiyekela sihendwe ngaphaya koko sinokukuthwala. (1 Kor. 10:13) Akayi kuze asishiye okanye asityeshele. (Heb. 13:5) Ukuthobela iLizwi lakhe eliphefumlelweyo kuyasikhusela kuze kusomeleze. Ngaphezu koko, umoya kaThixo unokuqhuba amanye amaKristu ukuba asincede xa sisengxakini.
19 Ngamana sonke singaqhubeka siwufuna umoya oyingcwele ngokuthandaza nangokufunda iZibhalo. Ngamana singaqhubeka ‘sisomelezwa ngawo onke amandla ukusa kumkhamo wamandla akhe azukileyo khon’ ukuze sinyamezele ngokupheleleyo size sizeke kade umsindo sinovuyo.’—Kol. 1:11.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ubone imizekelo, funda IMboniselo kaMeyi 1, 2001, iphepha le-16; noVukani! kaFebruwari 8, 1993, iphepha lama-21 nelama-22.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Unokwenza njani ukuze ulungiselele ukunyamezela intshutshiso?
• Ufanele usabele njani xa umntu ekucenga ukuba ungasixeli isono sakhe?
• Yintoni onokuqiniseka ngayo xa ujamelene nalo naluphi na uhlobo lobunzima?
[Umfanekiso okwiphepha 28]
Yintoni esinokuyifunda kuYoshuwa noKalebhi?
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Unokumnceda njani umhlobo owenza isono?