“Ndinesiphene Okwangoku Kodwa Asisayi Kuhlala Sikho!”
Kubalisa uSara van der Monde
Abantu badla ngokuthi kum, “Sara, uncuma kamnandi. Kutheni le nto usoloko wonwabile?” Ndiye ndibaxelele ukuba ndinethemba elikhethekileyo. Ndingalichaza nje ngala mazwi, “Ndinesiphene okwangoku kodwa asisayi kuhlala sikho!”
NDAZALWA ngowe-1974 eParis, kwelaseFransi. Kwabakho iingxaki ekuzalweni kwam, yaye kamva ndafunyaniswa ndinengxaki engqondweni. Imilenze neengalo zam zazingasebenzi kakuhle, yaye kwakunzima ukuba abantu bayive into endiyithethayo. Ndaqalwa sisifo sokuxhuzula ndaza ndangenwa lula zizifo.
Xa ndandineminyaka emibini ubudala, safuduka ekhaya saya eMelbourne, eOstreliya. Kwiminyaka emibini kamva, uTata wasishiya sinoMama. Ngelo xesha ndandiqala ngqa ukuziva ndisondele kuThixo. UMama, oliNgqina likaYehova, wayesoloko ehamba nam ukuya kwiintlanganiso zamaKristu, apho ndafunda ukuba uThixo uyandithanda ibe undikhathalele. Olo lwazi kunye nendlela uMama awayendithanda nawayendikhathalele ngayo, lwandinceda ndaziva ndikhuselekile nangona iimeko zethu zatshintshayo.
UMama wandifundisa kwanendlela yokuthandaza kuYehova. Eneneni, ndingathi ukuthandaza kulula ngakumbi kunokuthetha. Xa ndithandaza, andibe ndisokola ndizama ukudibanisa amagama, kodwa kuba ngathi ndiyaweva esakheka engqondweni yam. Yaye ekubeni kunzima ukuba abantu bayive into endiyithethayo, kuyandikhuthaza ukwazi ukuba uYehova uqonda yonk’ into, enoba ndiyithetha ngaphakathi okanye ndimana ukukhinkxeka.—INdu. 65:2.
Ukuhlangabezana Neengxaki
Ndathi ndisiba neminyaka emihlanu, yabe imeko yam sele imbi kakhulu kangangokuba kwafuneka ndihambe ngeentsimbi. Ndandihamba kabuhlungu ndijingxela! Kanti ndathi ndifika kwiminyaka eli-11 ubudala, ndabe ndingasakwazi kwaukuhamba. Kamva, ndandingakwazi ukuzihlalela nokuziphakamela ebhedini ngaphandle kokuncedwa ngumatshini wokuphakamisa izinto ezinzima, uze undikhwelise kwisitulo sam samavili, endisiqhuba ngokwam ngomphini othile.
Ewe kona, ukuba nesiphene kundenza buhlungu. Kodwa ndiye ndikhumbule into esidla ngokuyithetha ekhaya, sisithi: “Musa ukuzikhathaza ngezinto ongenakukwazi ukuzenza. Nikel’ ingqalelo kwezo unako ukuzenza.” Oku kuye kwandinceda ndakwazi ukwenza izinto ezifana nokuphalisa ihashe, ukuhamba ngenqanawa okanye ngesikhephe, ukuzikhupha kwanokuzula nje ngemoto! Ndiye ndizibalule ubuchule bam ngokupeyinta, ngokuthunga izinto ezahlukahlukeneyo, nokwenza izinto ngodongwe.
Ngenxa yokuba ndingumlwelwe, abanye baye bathandabuza kwaukuba ndibhadle ngokwaneleyo na ukuba ndingakwazi ukuzenzela isigqibo sokunqula uThixo. Xa ndandineminyaka eli-18 ubudala, omnye utitshala wasesikolweni wandicenga ukuba ndilishiye ikhaya ndize “ndiphuncuke” kunqulo lukamama. Wada wathi uza kundinceda andifunise iindawo zokuhlala. Kodwa ke, ndamxelela ukuba andinakuze ndilushiye ukholo lwam yaye ikhaya ke lona ndiya kulishiya kuphela xa ndikulungele ukuzimela.
Kungekudala emva kwaloo nto, ndabhaptizwa njengomnye wamaNgqina kaYehova. Emva kweminyaka emibini, ndafudukela kwindlu encinane. Apha ndonwabile kuba ndiyakwazi ukufumana uncedo endilufunayo yaye ndiyakwazi nokuzimela.
Isicelo Endingasilindelanga
Ukutyhubela iminyaka, ndiye ndajamelana nezinye izinto ezivavanya ukholo. Ngenye imini ndothuka ndabanda xa omnye umfana endifunda naye—onesiphene naye—wandicela umtshato. Ndaqala ndathabatheka. Njengoninzi lwamantombazana, ndingathanda ukuba neqabane ebomini. Sekunjalo, ngokuqhelekileyo xa unesiphene umtshato awusoloko uphumelela. Ngaphezu koko, lo mfana wayengeloNgqina. Izinto esizikholelwayo, imisebenzi esiyenzayo nosukelo esinalo zazahluke ngokupheleleyo. Ngoko sasinokuhlala njani kunye? Ndandizimisele ukuthobela ukhokelo lukaThixo olucacileyo lokutshata kuphela elinye iNgqina. (1 Kor. 7:39) Ngoko ke, ndamxelela loo mfana ukuba andinako ukutshata naye.
Kude kube namhlanje, ndiyazi ukuba ndenza isigqibo esisiso. Yaye ndiqinisekile ukuba ndiya konwaba kwihlabathi elitsha likaThixo. (INdu. 145:16; 2 Pet. 3:13) Okwangoku, ndizimisele ukuhlala ndinyanisekile kuYehova nokwaneliseka yimeko endikuyo ngoku.
Ndiyilindele ngamehlw’ abomvu imini endiya kuphakama ngayo kwisitulo sam esinamavili ndize ndiqhathule ukuhamba oku. Ngaloo mini ndiya kuthi, “Ndandinesiphene, kodwa ngoku ndiphile qete—ngonaphakade!”