UYehova Undivule Amehlo
Kubalisa uPatrice Oyeka
Kwakusemva kwemini. Ilolunye usuku ndidimazekile—ndingaboni, ndindedwa, ndiphulaphule unomathotholo—ndagqiba ekubeni ndizibulale. Ndagalela ityhefu ekomityini yamanzi ndaze ndayibeka phezu kwetafile. Ndandifuna ukuhlamba okokugqibela ndize ndinxibe kakuhle ngaphambi kokuba ndizibulale ngaloo tyhefu. Kwakutheni ukuze ndifune ukuzibulala? Kutheni ndisaphila namhlanje ukuze ndibalise eli bali?
NDAZALWA ngoFebruwari 2, 1958, kwiphondo laseKasaï Oriental, eDemocratic Republic of the Congo. Ndashiywa ngutata xa ndandineminyaka esithoba ubudala, ndaza ndakhuliswa ngumkhuluwa wam.
Emva kokuba, ndigqibile esikolweni, ndafumana umsebenzi kumasimi alima irabha. Ngenye intsasa ngowe-1989, xa ndandiqulunqa ingxelo eofisini yam, amehlo am avela akabona. Ekuqaleni ndandicinga ukuba kumke umbane, kodwa ndandikuva ukuduma kwejenareyitha. Ndoyika, ndakufumanisa ukuba andiboni kwanto, kwanamanqaku endandiwabhala.
Ngokukhawuleza ndayalela enye yamadoda awayesebenza phantsi kwam ukuba indise ekliniki. Umphathi wekliniki, wathi mandisiwe kugqirha onamava esixekweni. Ephawula ukuba kukho ingxaki emehlweni am yaye imeko yayimbi, wandithumela kwikomkhulu, eKinshasa.
Ubomi EKinshasa
EKinshasa, ndaya koogqirha bamehlo abaliqela, kodwa akakho kubo owandincedayo. Emva kokuba ndichithe iintsuku ezingama-43 esibhedlele, oogqirha bathi andinakuze ndiphinde ndibone. Amalungu entsapho andisa kuzo zonke iicawa ezikhoyo efuna ndiphiliswe ngokungummangaliso, kodwa yonke loo migudu yabo yaba lilize.
Ekugqibeleni, nam ndanikezela. Kwakungekho nto inika umdla ebomini. Ekubeni ndandingaboni ndaphulukana nomsebenzi. Nomfazi wam wandishiya, wemka nayo yonke into esasinayo. Ndandineentloni zokuphuma ndiye kubutha. Ndaba likheswa elihlala lodwa.
Ndazama ukuzibulala izihlandlo ezibini. Isihlandlo sesibini sichazwe ekuqaleni kweli bali. Ndancedwa ngumntwana omncinane. Wathatha lo komityi waza wayilahla phandle ngempazamo ngoxa ndandisahlamba. Ngethamsanqa akazange ayisele. Ndadana ndisakungayifumani loo komityi. Ndachazela intsapho yakowethu ukuba ndiyifunela ntoni lo komityi nokuba bendiza kwenza ntoni ngayo.
Ndiyambulela uThixo nentsapho yakowethu ngokundinyamekela. Iinzame zokuzibulala zaphanza.
Ukuphinda Ndifumane Uvuyo Ebomini
NgeCawa ngo-1992, ngoxa ndandihleli ekhaya nditshaya, kwafika amaNgqina amabini ekumsebenzi wendlu ngendlu. Bathi bakubona ukuba ndiyimfama, bafunda uIsaya 35:5: “Ngelo xesha aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe neendlebe zezithulu.” Andizange ndikwazi ukuzibamba luvuyo ndisakuva loo mazwi! Ngokwahlukileyo kwizinto endaziva kwiicawa endandisiya kuzo, amaNgqina awazange athi aza kundiphilisa ngokungummangaliso. Kunoko, andichazela ukuba ndiza kuphinda ndibone kwihlabathi elitsha elithenjiswe nguThixo, ukuba ndingazimisela ukumazi uThixo. (Yohane 17:3) Ndaqalisa ukufunda iBhayibhile nawo ngoko nangoko, ndisebenzisa incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadesi Esemhlabeni. Ndaza ndaya kuzo zonke iintlanganiso zamaKristu kwiHolo yoBukumkani yaye ndatshintsha nendlela endandiphila ngayo ebomini. Ndayeka ukutshaya.
Ukungaboni kwam kwakuphazamisa inkqubela yam yokomoya. Ndaya kwisikolo sabantu abangaboniyo ukuze ndifunde ukufunda nokubhala. Olo qeqesho lwandinceda ndanenxaxheba kuqeqesho olufumaneka kwiHolo yoBukumkani. Kungekudala ndaqalisa ukushumayela kubamelwane. Ndaphinda ndafumana uvuyo kwakhona ebomini. Ndenza inkqubela ndaza ndahlulela ubomi bam kuYehova. Ndabhaptizwa ngoMeyi 7, 1994.
Njengoko uthando lwam ngoYehova nangabantu lwalukhula, ndaba nomnqweno wokungenela inkonzo yexesha elizeleyo. Ukususela ngoDisemba 1, 1995, bendinguvulindlela othe ngxi, umsebenzi wokushumayela ngokusisigxina. Kwakhona ndiye ndaxhamla ilungelo lokukhonza njengomdala ebandleni ukususela ngoFebruwari 2004. Maxa wambi amabandla aye andicele ukuba ndiye kunikela iintetho zeBhayibhile. Zonke ezi ntsikelelo ziyandivuyisa yaye zindenza ndiqonde ukuba asikho isiphene esinokusithintela ekukhonzeni uYehova uThixo.
UYehova Undinike “Amehlo”
Njengokuba besele nditshilo, umfazi wam waye wandishiya ndisakuba yimfama. Kodwa ndifumene iintsikelelo ezingakumbi kuYehova. Ngokungathi kunjalo uye wandinika amehlo ukuze ndibone. UAnny Mavambu, wavuma ukutshata nam nangona ndinesiphene, uye wangamehlo am. Ekubeni naye ushumayela ngokusisigxina, uyandipheleka xa ndisiya kubulungiseleli. Kwakhona undifundela amanqaku xa ndilungiselela iintetho zam ndize mna ndizibhale. Uyintsikelelo ngokwenene kum. Ngenxa yakhe, ndiye ndabubona ubunyaniso bamazwi akwiMizekeliso 19:14 athi: “Lilifa elivela kooyise indlu nobutyebi, kodwa umfazi oyingqondi uvela kuYehova.”
UYehova uye wasisikelela ngabantwana ababini—inkwenkwe nentombazana. Ndikhangele phambili ekubaboneni eParadesi. Enye intsikelelo endiye ndayifumana kukuba umkhuluwa wam, esihlala emzini wakhe, uye wamkela inyaniso yeBhayibhile yaye ubhaptiziwe. Sonke sisebandleni elinye.
Nangona ndinesiphene, umnqweno wam kukuzibhokoxa ngakumbi ekukhonzeni uThixo kuba undisikelele gqitha. (Malaki 3:10) Ndithandazela uBukumkani bakhe nokususwa kwako konke ukubandezeleka apha emhlabeni. Ukususela oko ndiye ndamazi uYehova, ndingatsho ngokunyanisekileyo ukuba “intsikelelo kaYehova—yiyo etyebisayo, yaye akongezi ntlungu kuyo.”—IMizekeliso 10:22.
[Imifanekiso ekwiphepha 13]
Ndinikela intetho yeBhayibhile, ndikunye nentsapho nomkhuluwa wam