Ubomi Ngamaxesha Okubhalwa KweBhayibhile—Umlobi Weentlanzi
“Ehamba ecaleni kolwandle lwaseGalili [uYesu] wabona izalamane ezibini, uSimon obizwa ngokuba nguPetros noAndreya umntakwabo, zithoba umnatha wokuloba elwandle, kuba zazingabalobi. Wathi kuzo: “Ndilandeleni, ndonenza abalobi babantu.’”—MATEYU 4:18, 19.
INTLANZI, ukuloba nabalobi ngamagama asoloko evela kwiingxelo zeVangeli. Eneneni, uYesu wasebenzisa imizekeliso eliqela ethetha ngokuloba. Yaye oko akumangalisi! Wachitha ixesha lakhe elininzi efundisa kufutshane okanye elunxwemeni loLwandle lwaseGalili. (Mateyu 4:13; 13:1, 2; Marko 3:7, 8) Eli chibi linamanzi ahlaziyayo linobude obuziikhilomitha ezingaphezulu kwama-20 nobubanzi obuziikhilomitha ezingaphezulu kwe-11. Abapostile bakaYesu abasixhenxe—uPetros, uAndreya, uYakobi, uYohane, uFilipu, uTomas noNathaniyeli—basenokuba babengabalobi beentlanzi.—Yohane 21:2, 3.
Kwakunjani ukuba ngumlobi weentlanzi ngemihla kaYesu? Makhe sifunde ngala madoda nangomsebenzi awayewenza. Uxabiso lwakho ngabapostile luya kukhula yaye uya kuziqonda nangakumbi izinto ezazisenziwa nguYesu nemizekeliso yakhe. Okokuqala, khawufunde ukuba kwakunjani ukusebenza kuLwandle lwaseGalili.
“Kwabakho Ukuyaluzela Okukhulu Elwandle”
Ulwandle laseGalili lukwindawo eyintlambo, likumyinge weemitha ezingama-200 ngaphantsi komphakamo wolwandle. Iintaba ezinamatye zingqonge unxweme lolo lwandle yaye emntla kumi ukrec’ izulu weNtaba iHermon. Ebusika, kubakho inkwankca ebangela kubekho amaza kolu lwandle. Ehlotyeni, liba nomoya oshushu. Ngesiquphe, kusenokuvela umoya oneqhwithela kwiintaba ezingqonge olu lwandle nto leyo enokwenza kube nzima ukubheqa koomatiloshe. UYesu nabafundi bakhe behlelwa yinto efanayo—Mateyu 8:23-27.
Abalobi babesebenzisa isikhephe esenziwe ngomthi esinobude obuziimitha ezingaphezulu kwezisibhozo nobubanzi obuziimitha ezingaphezulu kwezimbini. Uninzi lwezikhephe zabo zaziba nepali ende emileyo ekuxhonywa kuyo iseyile yaye umva waso wawuba nendlwana encinane yokuhlala. (Marko 4:35-41) Nangona olu hlobo lwesikhephe lwalucotha kodwa sasimelana nemimoya enamandla eyayityhala iseyile ngoxa ubunzima bomnatha busitsalela kwelinye icala.
Amadoda ayesijikajika isikhephe esisa ngapha nangapha esebenzisa amaphini okubheqa abethelelwe kumacala omabini aso. Sinokuthwala abantu abathandathu nangaphezulu. (Marko 1:20) Ukongezelela koko, sinako nokuthwala iimpahla nezinto ezifana neseyile eyenziwe ngelinen, (1), intambo (2), amaphini okubheqa (3), iankile yelitye (4), impahla efudumeleyo (5), ukutya (Marko 8:14) (6), iibhaskithi (7), umqamelo (Marko 4:38) (8) kunye nomnatha (9). Zazisenokulayisha neebhola ezingakumbi ezikhatshukhatshu ezikwaziyo ukudada phezu kwamanzi (10), izinto ezisetyenziswa xa utshonisa umnatha ngaphantsi kwamanzi (11), izixhobo zokulungisa (12) kunye neetotshi (13).
“Bavingcela Inkitha Eninzi Yeentlanzi”
Nanamhlanje, kanye njengoko kwakunjalo ngenkulungwane yokuqala, eyona ndawo kubanjiswa iintlanzi ezininzi kuyo kuLwandle lwaseGalili ngamachweba angena kolo lwandle. Kwezi ndawo, kukho izityalo ezininzi ezithandwa ziintlanzi. Ukuze bazibambise, abalobi bomhla kaYesu babeloba ebusuku, bekhanyise ngeetotshi. Ngesinye isihlandlo, abanye abafundi bakaYesu baloba ubusuku bonke kodwa abazange babambise nto. Kodwa kusuku olulandelayo, besalathiswa nguYesu, bayiphosa iminatha yabo kwakhona baza babambisa iintlanzi ezininzi kangangokuba izikhephe zabo zaphantse zazika.—Luka 5:6, 7.
Ngamanye amaxesha abalobi babesiya enzulwini yolwandle. Babesebenzisa izikhephe ezibini xa beloba. Abalobi baye bawoneke umnatha elwandle phakathi kwezikhephe ezo, baze bayirhangqe loo ndawo baloba kuyo. Iintlanzi ziyabanjiswa. Emva koko abalobi bawutsalela esikhepheni umnatha. Umnatha wawunokuba malunga neemitha ezingama-30 ubude uze ube malunga neemitha ezingaphezulu kwezimbini ubunzulu, umkhulu ngokwaneleyo ukubambisa inkitha yeentlanzi. Kumntla womnatha kwakubotshelelwe iibhola ezikhatshukhatshu ezidada phezu kwamanzi, lize icala elitshone emanzini libe neentsimbi. Abalobi baphosa umnatha emanzini, baze baphinde bawutsale, benza oku izihlandlo ngezihlandlo iiyure ngeeyure.
Kwindawo engekho nzulu, abalobi basebenzisa enye indlela yokuloba. Izikhephe ezibini zirhuqela elwandle umnatha ngasinye sibambe incam yomnatha emva kokuba zenze umjikelo zibuyela elunxwemeni zivalele iintlanzi. Emva koko, bazikhuphela ngaphandle ukuze bazihlele. Ezo zamkelekileyo bazifaka kwiingobozi. Ezinye iintlanzi bazithengisa ekuhlaleni. Uninzi lwazo bazigalela ityuwa baze baziqwayite zize zigcinwe koovimba abenziwe ngodongwe baze bazithumele eYerusalem okanye kwamanye amazwe. Izilwanyana zasemanzini ezingenawo amaxolo okanye amaphiko, njengempalanga, zazigqalwa njengezingahlambulukanga. (Levitikus 11:9-12) UYesu wayebhekisela kule ndlela yokuloba xa wafanisa “ubukumkani bamazulu” nomnatha orhuqwayo waza wafanisa abantu abalungileyo nababi neentlobontlobo zeentlanzi.—Mateyu 13:47-50.
Umlobi oloba yedwa wayenokusebenzisa intambo yokuloba enamagwegwe enziwe ngobhedu. Okanye wayenokusebenzisa umnatha omncinane ophoswayo. Ukuze awuphose kakuhle, wayengena emanzini aze awujule. Uze wona uwe phezu kwamanzi unabe emva koko uyazika. Ukuba umlobi uye waba nethamsanqa, umnatha ubambisa iintlanzi ezimbalwa njengoko ewutsalela kuye.
Iminatha yayixabisa kakhulu yaye kungumsebenzi onzima ukuyinyamekela, ngoko ke abalobi babeyisebenzisa ngobunono. Ixesha lakhe elininzi umlobi wayelichithela kumsebenzi wokuthunga iminatha, ukuyihlamba nokuyomisa—zinto ezo ekwakufuneka azenze rhoqo xa evela kuloba. (Luka 5:2) Umpostile uYakobi nomntakwabo uYohane babehleli esikhepheni sabo bethunga iminatha yabo xa uYesu wayebamema.—Marko 1:19.
Phakathi kweentlanzi ezazifunwa ngabalobi benkulungwane yokuqala, luhlobo lwentlanzi oluziindidi ezimbini olwaluxhaphakile olwaziwa njengeTilapia galilea neTilapia nilotoca. Olu hlobo lwentlanzi lwaluphakathi kokutya okwakutyiwa ngabantu baseGalili yaye kusenokwenzeka ukuba uYesu watya le ntlanzi. Mhlawumbi ummangaliso wokutyisa abantu abangamawaka wawenza ngezi ntlanzi. (Mateyu 14:16, 17; Luka 24:41-43) Amaxesha amaninzi le ntlanzi iwagcina emlonyeni amatshontsho. Noko ke, xa ingagcinanga mantshontsho, inokugcina ilitye elinqabileyo okanye ingqekembe yemali ethe yawela elwandle.—Mateyu 17:27.
Ngenkulungwane yokuqala, abalobi abanempumelelo babeba nomonde, bezibhokoxa yaye bekulungele ukunyamezela ubunzima ukuze baphumelele. Abo baye basamkela isimemo sikaYesu sokumncedisa kumsebenzi wokwenza abafundi ngokufanayo badinga ezi mpawu ukuze baphumelele “ekulobeni abantu.”—Mateyu 28:19, 20.
[Umfanekiso okwiphepha 19]
(Yiya kwimpapasho)