IMIBUZO YEBHAYIBHILE IYAPHENDULWA
Ngaba uThixo uphulaphula yonke imithandazo?
UThixo uphulaphula abantu beentlanga zonke. (INdumiso 145:18, 19) ILizwi lakhe iBhayibhile, lisicebisa ukuba sithandaze ngayo nantoni na esihluphayo. (Filipi 4:6, 7) Sekunjalo, eminye imithandazo uThixo akayithandi. Ngokomzekelo, akayithandi imithandazo enkqayiweyo nephindaphindwayo.—Funda uMateyu 6:7.
Kwakhona, uYehova akayithandi imithandazo yabantu abamona ngabom. (IMizekeliso 28:9) Ngokomzekelo ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, uThixo akazange ayimamele imithandazo yamaSirayeli ayenetyala lokubulala. Kuyabonakala ke ukuba sifanele senze okuthile ukuze siviwe nguThixo.—Funda uIsaya 1:15.
Sifanele senze ntoni ukuze uThixo asive?
Ngaphandle kokholo asikwazi ukuthandaza kuThixo. (Yakobi 1:5, 6) Sifanele sikholwe ukuba ukho yaye usikhathalele. Sinokuba nokholo oluqinileyo xa sifunda iBhayibhile, kuba ukholo olunjalo lufumaneka kuphela eBhayibhileni.—Funda amaHebhere 11:1, 6.
Simele sizingise yaye sizithobe xa sithandaza. KwanoNyana kaThixo uYesu, wayezithoba xa ethandaza. (Luka 22:41, 42) Kunokuba sixelele uThixo oko amele akwenze, sifanele siqonde imithetho yakhe eseBhayibhileni. Ngoko sinokuthandaza ngokuvisisana nokuthanda kukaThixo.—Funda eyoku1 kaYohane 5:14.