Yimithandazo Yoobani Ephendulwayo?
UYEHOVA unguThixo ophendula imithandazo. Enyanisweni, iLizwi lakhe, iBhayibhile, lithi ‘ungumphulaphuli wemithandazo.’ (INdumiso 65:2) Ukulungele ukuphendula imithandazo. Kodwa yimithandazo yoobani ayiphendulayo ngokwenene?
UThixo uphendula imithandazo yabantu abamkholisayo. Banesimo sengqondo sentlonelo awayenaso umdumisi owathi: “Njengexhama elitsalela emifuleni yamanzi, wenjenjalo ukutsalela kuwe, Thixo, umphefumlo wam. Umphefumlo wam unxanela uThixo, uThixo ophilileyo.” (INdumiso 42:1, 2) Kanti, bubuphi ubungqina obukhoyo bokuba uYehova uyayiphendula imithandazo yabanquli bakhe bokwenyaniso?
Ubungqina Bokuba UThixo Uyayiphendula Imithandazo
IBhayibhile ineengxelo ezininzi ezingqina ukuba uYehova uyayiphendula imithandazo yabakhonzi bakhe abathembekileyo. Ngokomzekelo, xa uKumkani uYehoshafati wakwaYuda wathandazela ukuhlangulwa, uThixo wawuphendula umthandazo wakhe waza wamenza woyisa ngokubangela ukuba iintshaba zakhe zixabelane. (2 Kronike 20:1-26) Xa uKumkani uHezekiya naye wayejamelene nomkhosi onamandla, ngokuzithoba wathandazela uncedo lukaThixo. UHezekiya walubona usindiso lukaYehova xa isithunywa sezulu saxabela ama-Asiriya ali-185 000 ngobusuku obunye.—Isaya 37:14-20, 36-38.
Kwakutheni ukuze uThixo ayiphendule loo mithandazo? Kuzo zombini ezi meko, aba kumkani bambongoza ngelithi ukoyiswa edabini kwakuya kulimela kakubi igama likaYehova. (2 Kronike 20:6-9; Isaya 37:17-20) Babexhalabele udumo lwakhe. IThe International Standard Bible Encyclopedia ithi, “eyona nto ibalulekileyo emthandazweni asikokulunga kwalowo wenza isicelo kuphela kodwa kukuzukiswa kwegama likaThixo.” Ngoko ke, abakhonzi abathembekileyo bakaYehova banokuqiniseka ukuba uya kubanceda “ngenxa yegama lakhe.” Ingxelo engqina ukuba imithandazo enjalo iye yaphendulwa inika abantu bakaThixo intembelo yokuba uyayiva imithandazo yabo.—INdumiso 91:14, 15; 106:8; IMizekeliso 18:10.
Phofu ke, kwanokuba imeko ibandakanya igama likaYehova, nguThixo ogqibayo ukuba ayiphendule na imithandazo ethile okanye angayiphenduli. Usenokuba nezizathu ezibambekayo zokungayiphenduli imithandazo ethile. Ukuba sivakalelwa kukuba imithandazo yethu ayiviwa, kulungile ukuqwalasela isizathu sokuba oku kusenokuba kunjalo.
Isizathu Sokuba Eminye Imithandazo Ingaphendulwa
UYehova wakha waxelela amaSirayeli oku: “Nokuba nandise ukuthandaza, andiyi kuva.” Echaza isizathu, wahlabela mgama wathi: “Izandla zenu zizele ngamagazi.” (Isaya 1:15) Unokuthini ubani ukutyeshela umthetho kaYehova aze sekunjalo aviwe nguye? Umzekeliso weBhayibhile unikela impendulo ecacileyo, usithi: “Osusa indlebe yakhe ekusiphulaphuleni isiyalo, kwanomthandazo wakhe ulisikizi.”—IMizekeliso 28:9.
IBhayibhile inikela esinye isizathu sokuba eminye imithandazo ingaviwa, xa isithi: “Niyacela, ningamkeli noko, ngenxa enokuba nicela kakubi, ukuze oko nikuchithele iziyolo zenu.” (Yakobi 4:3) Hayi, uYehova akayi kuyiphendula imithandazo yokwanelisa iminqweno ephosakeleyo. Kwakhona simele sikhumbule ukuba uThixo akayalelwa ngabantu amakakwenze. Nguye ogqibayo ukuba uya kuyiphendula njani imithandazo yethu.
Imithandazo ngokuqinisekileyo eya kuphendulwa yimithandazo eya kuThixo iphuma kwintliziyo ecocekileyo, enentshukumisa eyiyo, nedluliselwa ngendlela ayimiseleyo—ngoYesu Kristu. (Yohane 14:6, 14) Kodwa kwanabo imithandazo yabo ezifikelelayo ezo mfuneko maxa wambi baye bavakalelwa kukuba imithandazo yabo ayiviwa. Yintoni enokubangela ukuba uThixo angayiphenduli ngokukhawuleza imithandazo ethile yabakhonzi bakhe?
UYehova uyalazi elona xesha lilungileyo lokuphendula imithandazo. Nangona inkwenkwe icela ibhayisekile, uyise usenokungamfuneli de umntwana abe mdala ngokwaneleyo ukuba angayikhwela ngaphandle kwengozi. Okufanayo kusenoba yinyaniso nangemithandazo yabanye abamthandayo uThixo. Ekubeni ekwazi okona kubalungeleyo, upha oko kufunekayo ngelona xesha lifanelekileyo.
Kanti, abakhonzi bakaYehova abafumani yonke into abasenokuyithandazela. Ekubeni bengafezekanga, basenokunqwenela izinto ezithile ezisenokungabi zezilungileyo kubo. UYise wasezulwini onothando akayi kubanika nantoni na eyingozi, kuba unguMphi waso “sonke isipho esilungileyo, naso sonke isipho esigqibeleleyo.” (Yakobi 1:17) Ngokufanayo, uThixo akanakusipha into engeyomfuneko ngokwendlela abona ngayo. (Thelekisa eyesi-2 kwabaseKorinte 12:7-10.) Uphendula imithandazo evisisana nokuthanda kwakhe nenjongo yakhe ngabantu bakhe.—1 Yohane 5:14, 15.
UYesu “Waviwa”
UYesu Kristu wayeyindoda eyayithandaza. (Mateyu 6:9-13; Yohane 17:1-26) Wayenentembelo epheleleyo yokuba uYise wasemazulwini wayeya kuyiva aze ayiphendule imithandazo yakhe. UYesu wakha wathi: “Bawo, . . . bendisazi ukuba uhleli undiva.” (Yohane 11:41, 42) Kodwa ngaba uYesu akazange aphoxeke ekupheleni kwekhondo lakhe lasemhlabeni? Ngaba akazange ngelo xesha akhale athi: “Thixo wam! Thixo wam! Undishiye ngani na?”—Mateyu 27:46.
Xa uYesu wathetha loo mazwi, ngokucacileyo wayezalisekisa isiprofeto esingokufa kwakhe. (INdumiso 22:1) Ngandlel’ ithile, uYesu usenokuba wayethetha ukuba uYehova wayeyisusile inkuselo yakhe kuye waza wamvumela uNyana wakhe ukuba afe ukufa okubuhlungu nokuhlazisayo ukuze avavanye ingqibelelo yakhe ngokupheleleyo. Ukuhlolisiswa kweziganeko ngaloo mhla wokugqibela wobomi bukaYesu basemhlabeni kubonisa ukuba uThixo wayiva imithandazo yakhe.
Ngobusuku bokubanjwa kwakhe, uYesu wathandaza kumyezo waseGetsemane. Kangangezihlandlo ezithathu wenza esi sibongozo: “Bawo, ukuba kunokwenzeka, mayidlule kum le ndebe.” (Mateyu 26:39, 42, 44) UYesu wayengekho madolw’ anzima ukunikela ngobomi bakhe njengentlawulelo yoluntu olukholwayo. Hayi, kodwa ngokucacileyo wayesixhalabele ngokunzulu isibakala sokuba kwakunokwenzeka amhlazise uYise amthandayo ngokufela kumthi wentuthumbo njengomnyelisi oqalekisiweyo. Ngaba uYehova wawuva umthandazo kaYesu?
Kwiminyaka ethile kamva umpostile uPawulos wabhala: “Ngemihla yenyama yakhe [uKristu], xa wayesondeze izikhungo kwanezibongozo kulowo unako ukumsindisa ekufeni, kunye nodanduluko olunamandla, neenyembezi, waviwa ngenxa yokumhlonela kwakhe uThixo.” (Hebhere 5:7; Luka 22:42, 44) Ewe, ngobusuku obungcungcuthekisayo ngaphambi kokufa kwakhe, uYesu “waviwa.” Kodwa njani?
UYehova wathumela isithunywa sezulu ‘esabonakala kuYesu, samomeleza.’ (Luka 22:43) Akuba omelezwe ngolo hlobo, uYesu wakwazi ukujamelana nokufa kumthi wentuthumbo. Ngokucacileyo, uYehova ngelo xesha wamqinisekisa ukuba ukufa kwakhe kumthi wentuthumbo kwakungayi kuzisa ugculelo kwigama likaThixo kodwa ekugqibeleni kuko okwakuya kusetyenziselwa ukulingcwalisa. Enyanisweni, ukufa kukaYesu emthini wentuthumbo kwavulela amaYuda, awayeqalekisiwe ngaphantsi koMthetho, indlela yokusindiswa kwisiqalekiso sesono.—Galati 3:11-13.
Kwiintsuku ezintathu kamva, uYehova wamvusa uYesu waza wamhlamba kuso nasiphi na isityholo sokunyelisa esasinokubakho ngokumphakamisela kwisikhundla esiphakamileyo sasemazulwini. (Filipi 2:7-11) Enjani yona ukubalasela indlela yokuphendula umthandazo kaYesu ‘ongendebe’! Loo mthandazo waphendulwa ngendlela kaYehova. Yaye uYesu wafumana iintsikelelo ezimangalisayo ngenxa yokuba wayemxelele oku uYise wasezulwini: “Makungabi kukuthanda kwam, makube kokwakho okwenzekayo.”—Luka 22:42.
Indlela UYehova Ayiphendula Ngayo Imithandazo Namhlanje
NjengoYesu, abo bafuna ukukholisa uYehova namhlanje bafanele ngalo lonke ixesha bacele ukuba kwenzeke ukuthanda kukaThixo. Kufuneka babe nokholo lokuba uYehova uya kuyiphendula imithandazo yabo ngendlela eya kubangela bangenelwe ngokona kona. Enyanisweni, uya ‘kwenza okungaphezu kweento zonke ngokugqithiseleyo kakhulu, ngaphezu kwabakucelayo nabanokukuqiqa.’—Efese 3:20.
Ibhinqa eliselula elingumKristu elalihlala nabazali balo abangakholwayo lakubona ukuba yinyaniso kweso sibhalo. Kwileta elayifumana ivela kwiWatch Tower Society, lacelwa ukuba licingisise ngomthandazo ukuba lalingenako na ukwamkela isabelo esikhethekileyo sokuba ngumvangeli wasemazweni. Nangona umnqweno walo wawukukuhlala ekhaya ukuze lincede abazali balo babe ngamaKristu, labuza uThixo emthandazweni lathi: “Kuyintoni ukuthanda kwakho? Ngaba kukuba ndamkele esi simemo phezu kwayo nje inkcaso yabazali bam, okanye kukuba ndincede abazali bam ngokuqhubeka ndihlala nabo?” Sihlandlo ngasinye lithandaza, isazela salo sasilixelela ukuba lisamkele eso simemo. Lagqiba kwelokuba le yayiyimpendulo evela kuYehova.
UThixo walomeleza eli bhinqa ukuba libambelele kwisigqibo salo. Xa lacelwa ukuba lifudukele kwisiQithi saseAwaji, eJapan, abazali balo bothuka baza baqina ngakumbi kwinkcaso yabo. Noko ke, ekubeni bengakwazi ukuleyisela ukuba litshintshe ingqondo, unina wagqiba kwelokuba afundisise iBhayibhile ukuze nje abone isizathu sokuba intombazana yakhe yenze eso sigqibo. Kwiinyanga ezintathu kamva abazali balo balityelela. Besakubona indlela elalinyanyekelwa ngayo ngamanye amaNgqina kaYehova, uyise wachukumiseka ngokunzulu waza esakuba eyedwa walila. Kungekudala naye waqalisa ukufundisisa iBhayibhile. Ekuhambeni kwethuba bobabini abazali beli bhinqa liselula babhaptizwa baza baqalisa ukukhonza uYehova ngokuthembeka. Ngaba uYehova uThixo akazange alisikelele eli bhinqa lingumKristu ngokugqithiseleyo kakhulu?
Imithandazo Yabo Iyaphendulwa
Ngaba uyawakhumbula amazwi ebhinqa elikhankanywe ekuqaleni kwenqaku elandulelayo? Lalingazange khe lilufumane uchulumanco lokuba imithandazo yalo iphendulwe. Kodwa, kamva laqonda ukuba uThixo wayeyiphendula imithandazo yalo. Eli bhinqa laligcina ingxelo yezona ngongoma zibalulekileyo kwimithandazo yalo. Ngenye imini lakhangela kwincwadi yalo laza lafumanisa ukuba uYehova wayeyivile inkoliso yemithandazo yalo, kuquka naleyo lona elaliyilibele! Lazi ke ngoko ukuba uThixo wayelikhathalela ibe wayeyiphendula imithandazo yalo ngendlela enobubele elalingenelwa ngokona kona ngayo.
Ukuba uvakalelwa kukuba imithandazo yakho ayiphendulwa, zibuze: ‘Ngaba ndinolwalamano lobuqu noYehova, ‘uMphulaphuli wemithandazo’? Ukuba akunjalo, ngaba ndithabatha amanyathelo okufunda ngaye ndize ndibe ngumkhonzi wakhe ozinikeleyo?’ Uyayiphendula imithandazo yabo bamthandayo nabenza ukuthanda kwakhe. ‘Bayazingisa emthandazweni’ yaye bayaviwa, njengokuba uYesu waviwayo. (Roma 12:12) Ngoko, ‘phalaza intliziyo yakho’ kuYehova uze wenze ukuthanda kwakhe. (INdumiso 62:8) Ukuba wenjenjalo imithandazo yakho iya kuviwa.
Namhlanje, izigidi zabantu zithandazela okuthile okukhethekileyo. Ewe, yaye imithandazo yazo iyaviwa. Makhe siqwalasele isizathu sokuba sinokuqiniseka ukuba imithandazo enjalo iya kuphendulwa.