Ngaba Unayo Iodolo Ethe Rhoqo?
1 Ngaba wakha waya kwintlanganiso yenkonzo yasentsimini waza wafumanisa ukuba akunawo amaphephancwadi kwingxowa yakho? Ukuba kunjalo, khumbula isihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani sikaSeptemba 1995 esasinomxholo othi “Wasebenzise Kakuhle Amaphephancwadi Ethu.” Sasixelela ukuba masibe “neodolo eqinisekileyo yamaphephancwadi,” sisithi: “Yenza iodolo echanileyo kumzalwana osingatha amaphephancwadi ukuze abe nenani elithile kwinkupho nganye. Ngale ndlela, wena nentsapho yakho niya kuba nesixa esaneleyo samaphephancwadi.” Ngaba ukwenzile oku?
2 Kutheni ungaceli iodolo ethe rhoqo yamaphephancwadi? Uya kuziva unembopheleleko engakumbi yokusasaza amaphephancwadi veki nganye, yaye uya kufumana uvuyo olungakumbi ekwenzeni oko. Ukuba sele unayo iodolo ethe rhoqo, hlolisisa enoba isixa osifumanayo siya kwanela inyanga yonke kubulungiseleli. Kakade ke, sifuna ukuthembeka ekuphuthumeni iodolo yethu veki nganye yaye sifanele sizive sinembopheleleko yokwenjenjalo. Ukuba uza kungabikho ebandleni ixesha elidana, yazisa isicaka samaphephancwadi enoba singawanika omnye umntu na ude ubuye.
3 Kwaesi sihlomelo sicatshulwe ngasentla sathi sifanele ‘sicwangcisele ukuba nosuku lwamaphephancwadi oluthe rhoqo.’ Ngaba ungaluxhasa uSuku Lweveki ngeveki lwamaphephancwadi? Njengokuba luboniswe kwiKhalenda Yowe-1999 YamaNgqina KaYehova, lo nguMgqibelo waminyaka le! Musa ukukujongela phantsi ukubaluleka kokusasazwa kweMboniselo noVukani! Xa sisenza umgudu wokuba nenxaxheba ngokuzeleyo kumsebenzi wamaphephacwadi, ‘sishumayela iindaba ezilungileyo zento elunge ngakumbi’ kubamelwane bethu.—Isa. 52:7, NW.