Ngaba Asizange Sikuve Oko Ngaphambili?
1 Ewe, siye sakuva! UYehova uphindaphinda izinto ezininzi eLi-zwini lakhe ukuze kungenelwe abantu bakhe. UYesu wayesoloko eziphindaphinda iimfundiso zakhe ngezinto ezahlukahlukeneyo zoBukumkani. Abapostile bakhe bazihlolisisa ngokuphindaphindiweyo izinto zokomoya ezibalulekileyo nabo babendele enyanisweni.—Rom. 15:15; 2 Pet. 1:12, 13; 3:1, 2.
2 Kwixesha lethu intlangano kaYehova iye yalungiselela ukuba imixholo ebalulekileyo ihlolisiswe ngokuphindaphindiweyo kwiintlanganiso zebandla. Iimpapasho ezithile ziye zafundwa ngokuphindaphindiweyo. Ewe, kubalulekile ukuva izinto ebesikhe saziva ngaphambili!
3 Uphindaphindo Luzalisa Imfuno Ebalulekileyo: Izikhumbuzo zikaYehova zikwenza nzulu ukuqonda kwethu, zandisa indlela esizibona ngayo izinto zize zomeleze uzimiselo lwethu lokuhlala kwindlela yokomoya. (INdu. 119:129) Ukuhlolisisa imilinganiselo nemigaqo kaThixo kunjengokuzijonga esipilini. Kuyasinceda sizihlole size silwe notyekelo ‘lokuva size silibale.’—Yak. 1:22-25.
4 Ukuba asiqhubeki sizikhumbuza ngenyaniso, iintliziyo zethu ziya kuphenjelelwa zezinye izinto. Izikhumbuzo zikaThixo zisomelezela ukuba sixhathise impembelelo yehlabathi likaSathana elonakeleyo. (INdu. 119:2, 3, 99, 133; Fil. 3:1) Izikhumbuzo ezithe rhoqo esizifumanayo eziphathelele ukuzaliseka kweenjongo zikaThixo zisenza ‘sihlale sikhangele.’ (Marko 13:32-37) Ukuphindaphindwa kweenyaniso zeZibhalo kuya sinceda siqhubeke sisendleleni esa kubomi obungunaphakade.—INdu. 119:144.
5 Indlela Yokungenelwa Ngokobuqu: Simele ‘iintliziyo zethu sizithobele ezingqinisweni zikaThixo.’ (INdu. 119:36) Xa kuza kuhlolisiswa umbandela oqhelekileyo kwintlanganiso yebandla, sifanele silungiselele kwangaphambili, sikhangele izibhalo ezibonisiweyo, size sicinge ngendlela esinokuyisebenzisa ngayo loo nkcazelo. Singayishiyi impinda ebhalwayo kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, kuba sicinga ukuba ayibalulekanga. (Luka 8:18) Singaze sifune ukunganikeli ngqalelo kuba iinyaniso ezisisiseko zisoloko ziphindaphindwa ezintlanganisweni zethu.—Heb. 5:11.
6 Ngamana singanesimo sengqondo somdumisi owathi: “Ndinemihlali endleleni yezingqiniso zakho, ngathi kusebuncwaneni bonke.” (INdu. 119:14) Ewe, besesizivile ezi zinto zibalulekileyo ngaphambili, yaye kusenokwenzeka ukuba siza kuphinda sizive. Ngoba? Kuba uYehova uyazi ukuba kufuneka sizive!