Ileta Evela KwiSebe
Bavakalisi BoBukumkani Abathandekayo:
Ngoku kugqityiwe ukwandisa isakhiwo sokushicilela esizizikwe-mitha ezingama-8 000 kwisebe lethu kwaye sele sisetyenziswa. Sele ufakiwe umatshini omtsha wokushicilela iMAN Lithoman, oshicilela amaphephancwadi amalunga nama-90 000 ngeyure, kwaye uyasebenza. Lo matshini, kunye nomatshini ebesisoloko siwusebenzisa iHantscho, baza kushicilela neencwadi, njengoko iQumrhu Elilawulayo liye lancomela ukuba iSebe LaseMzantsi Afrika lishicilele iincwadi ezinoqweqwe oluthambileyo. Ngoku silungiselela ukufaka ibindery line esiyithunyelelwe liSebe LaseJamani.
Kwakhona sifudusela iSebe Lokuthumela kwesi sakhiwo sitsha. Sifakele indawo entsha yokugcina iincwadi enokuthwala iipallets zeencwadi namaphephancwadi ezingama-2 352. Kungekudala siza kufumana iroller conveyor esebenza ngombane eza kwenza kube lula ukuzithabatha nokuzipakisha ngokukhawuleza izicelo zoncwadi zamabandla esiwakhonzayo kumazantsi eAfrika amalunga nama-8 000. Ngoku abantu abatyelele iBheteli bangaya kusibona isakhiwo esitsha nesandisiweyo sokushicilela.
Ngexesha leSikhumbuzo, abavakalisi baye basebenza ngokuzibhokoxa kwintsimi yeli sebe. NgoAprili besinoovulindlela abangabancedani abangama-7 297, kwaye abebekho kwiSidlo SeNkosi Sangokuhlwa kweli loMzantsi Afrika bafikelele kwincopho entsha yabali-193 661.
Sikunye nani, sikhangele phambili ekubeni “nokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi” njengoko siqalisa unyaka wenkonzo wama-2005.—1 Kor. 15:58.
Abazalwana benu,
IOfisi YeSebe LaseMzantsi Afrika