Indima Yakho Ekwakheleni Ikamva
1 Namhlanje amaKristu ayaqhubeka enyamekela umsebenzi wokwakha ngokomoya owaqaliswa nguYesu kwiminyaka emalunga ne-1960 eyadlulayo xa waqalisa ukuhlanganisa abafundi. (Mat. 4:17; 7:24, 25, 28; Yoh. 7:46) UYehova uye wawusikelela ngokutyebileyo lo msebenzi. (IMize. 10:22) Njengoko siqhubeka sivakalisa uBukumkani bukaThixo, kwangaxeshanye siyakha ukuze sinyamekele ulwando lwexesha elizayo.—INtshu. 11:6.
2 Ngoxa ezinye zeeHolo zoBukumkani ezindadlana zimele zihlaziywe, kufuneka iiholo ezininzi ngakumbi ukuze zisetyenziswe ngamabandla asandul’ ukusekwa nalawo selekho. Kufuneka imali nabasebenzi bokuzithandela ukuze ezi zakhiwo zigqitywe ngokuphumelelayo. Isimo sengqondo esihle nesincomekayo sabazalwana sokuzalisa le ntswelo sivuzwa ngokutyebileyo.—INdu. 41:1; IMize. 19:17; INtshu. 11:1; Luka 14:13, 14.
ABANINZI BANIKELA UNCEDO LOTHANDO
3 Sibonakalisa uthando lwethu ‘ngomanyano luphela lwabazalwana’ ngokufak’ isandla kwiNgxowa-mali yoMbutho yeeHolo zoBukumkani. (1 Pet. 2:17, NW) Kodwa intswelo iya isiba nkulu ngokuba nkulu njengoko umsebenzi wokuhlanganisa uthabath’ unyawo. Ngoko uYehova uyaqhubeka elisikelela eli lungiselelo, yaye abadala bafanele baqinisekise ukuba ibhokisi yomnikelo yeNgxowa-mali yoMbutho yeeHolo zoBukumkani iphawulwe ngokucacileyo yaye ikwindawo enokufikelelwa kuyo ngabo bonke. Iminikelo efumanekayo kunye nentlawulo yemali-mboleko isetyenziselwa ukwakha iiHolo zoBukumkani ezintsha.
4 UMbutho, kunye nawo onke amabandla angenelwayo kweli lungiselelo, uvakalisa umbulelo ongazenzisiyo kubo bonke abantu ngabanye neentsapho ezinikela rhoqo kule Ngxowa-mali yoMbutho yeeHolo zoBukumkani. Amabandla amaninzi aye enza izigqibo zokunikela kule ngxowa-mali. Ezinye iziphaluka ziye ngothando zenza izigqibo ezifanayo. Enyanisweni, sivuyiswa kukunikela ingxelo yokuba sithetha nje amabandla angama-504 kwali-1195 ayayixhasa le ngxowa-mali. Njengoko kulilungelo ukunceda abazalwana bethu, ngaba namanye amabandla angakucingisisa nzulu ukwenza into efanayo? Oku bekuya kubangela ukuba sikhawuleze ukuba nemali eninzi ngakumbi, ngaloo ndlela amabandla angakumbi akwazi ukuncedakala.
KUFUNEKA AMATSHA-NTLIZIYO ANGAKUMBI
5 Ngaba ungumsébenzi oligcisa kwezokwakha? Ukuba kunjalo, yaye ukuba unako ukuncedisa ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani, unokwazisa abadala basekuhlaleni okanye umveleli wesiphaluka. Kukho imfuneko yamagcisa okuzithandela kulo lonke eli lizwe. Okwangoku bambalwa abakhi abanobuchule abafumanekayo nto leyo ethetha ukuba imbopheleleko yokwakha iHolo yoBukumkani ithe zinzi phezu kweqaqobana labazalwana. Aba bazalwana banomoya ovumayo, kodwa batsala nzima ngenxa yomsebenzi omninzi ekufuneka bewenzile. Ngaphandle koku kukwakho nezinye izinto ezifuna kwabona, njengeembopheleleko zentsapho nezebandla. Ngoko umbuzo uthi, Siza kubafumana phi abakhi abafanelekileyo abangakumbi? Ngokubaqeqesha!
6 Bonke siyababongoza, kodwa ngokukodwa abazalwana abaselula nabomeleleyo, ukuba bazise abadala babo okanye umveleli wesiphaluka ngomnqweno wabo wokukhonza. IKomiti Yokwakha Yenqila iya kulungiselela ukuba uqeqeshwe esakhiweni. Ubuchule bokwakha bunokufundwa ngokukhawuleza. Ngoxa kwakusakhiwa ikhaya laseBheteli eRoodekrans babenqongophele ngokwenene abasebenzi abangamagcisa, ngoko saqeqesha abazalwana abangenamava ukuba babe ngababeki bezitena, abatyabeki, abasebenza ngemibhobho yamanzi, abachweli, njl. Kwanoodade baqeqeshwa kubuchule obunjengokubeka iitiles nokupeyinta, ibe benza kakuhle ngokwenene.
7 Sikhuthaza iiKomiti Zokwakha Zenqila ukuba zihlokoze ihlombe labazalwana. Amadoda anolwazi ngomsebenzi mawaqeqeshe abazalwana noodade abakulungeleyo ukuqeqeshwa. Nangona oku ekuqaleni kusenokuwubambezela umsebenzi, ekugqibeleni kuya kubakho abantu abangakumbi abawaziyo umsebenzi ukuze banyamekele izakhiwo ezininzi. Oku kuya kuphumela ekubeni kwabelwane ngokulinganayo ngomsebenzi ibe ngaloo ndlela ucwangciso lokwakha luya kukhawuleziswa. Enye ingenelo ikukuba akukho nto iyolisa ngaphezu kokusebenza kunye namakholwa angoowenu ekwakheni iiHolo zoBukumkani ezintle.
8 Ngoko, kutheni ungazenzi ufumaneke NGOKU? Uya kuqeqeshwa kwiinkalo ezithile zokwakha ngoxa ukhumbula ukuba uIsaya 65:21, 22 ubonisa ukuba ubuchule bakho buya kusetyenziswa nakwihlabathi elitsha.
INDIMA YEEKOMITI ZOKWAKHA ZENQILA
9 IiKomiti Zokwakha Zenqila ezingama-22 zinikela uncedo kuwo onke amanqanaba okuceba nokwakha. Abazalwana abangamalungu ezi komiti bangabadala abanamava, ibe banokunikela amacebiso aluncedo ngokwakhiwa kweeHolo zoBukumkani ezindilekileyo nezinomtsalane kwanangokongiwa kwexesha nemali. Ngenxa yamava abo, banokubanceda abadala basekuhlaleni bagqibe enoba bekuya kuba kuhle kusini na ukuhlaziya iHolo yoBukumkani esel’ ikho okanye ukwakha entsha, yaye banokubanceda ukuba ngaphambi kokuthenga isiza abacinga ngokusisebenzisa ekwakheni babone enoba sifanelekile kusini na. Bakwanokubanceda abadala ukuba bathelekelele umyinge ochanileyo weendleko zokwakha nexabiso lentengo leHolo yoBukumkani ekhoyo esenokuthengiswa.
10 Ngaphambi kokuthenga isiza, kububulumko ukuqhagamshelana neKomiti Yokwakha Yenqila. Umsebenzi wamalungu ezi komiti kukunceda ukuba kwakhiwe iHolo yoBukumkani kummandla okhethiweyo, ibe anokuba negalelo elithile ekuthengweni kwesiza. Anemigaqo yokuwakhokela ukuba ancede abazalwana baphephe iingxaki abanokuhlangabezana nazo ekufumaneni isiza. Umveleli wesiphaluka ngamnye unegama, ikhelingi nenombolo yemfonomfono kasihlalo wekomiti yaye unokuyidlulisela le nkcazelo kubadala basekuhlaleni xa kuyimfuneko.
11 Xa kukhethwa isiza ekuza kwakhiwa kuso iHolo yoBukumkani kwidolophu enamabandla angaphezu kwelinye, abadala basekuhlaleni bafanele baxubushe imicimbi neKomiti Yokwakha Yenqila, nomveleli (abaveleli) wesiphaluka, umveleli wesixeko, yaye ukuba kunokwenzeka kwanabadala bamabandla akufuphi. Oku kusenokubanceda abadala basekuhlaleni ukuba bakhethe isiza esiya kusetyenziswa libandla (ngamabandla) abandakanyekileyo kweso sakhiwo kuze mhlawumbi kunciphise ukuxinana kwiiHolo zoBukumkani eziselumelwaneni, ngoxa kukwalungiselelwa ulwando lwexesha elizayo kulo mmandla. Kwimimandla esezidolophini, iHolo yoBukumkani enye idla ngokusetyenziswa ngamabandla amathathu okanye angakumbi. Kwanakwimimandla engenabemi baxinene kangako, kusenokukhethwa indawo enokusetyenziswa ngamabandla amabini okanye angakumbi. Sikhuthaza amabandla ukuba azisebenzise ngokupheleleyo iiHolo zawo zoBukumkani.
12 Ngokusebenzisa imigaqo ekhokelayo enikelwa nguMbutho, iiKomiti Zokwakha Zenqila zinikela uncedo oluxabisekileyo njengoko zinceda amabandla asekuhlaleni ekuhlaziyeni nasekwakheni izakhiwo ezitsha. Ebudeni bokwakha, kucwangciswe ukuba amatsha-ntliziyo eze nje ngelo xesha aya kube efuneka ngokwenene ngalo esakhiweni ukuze angaphoswa ziintlanganiso nayinkonzo yasentsimini kumabandla akhonza kuwo. Enye iKomiti Yokwakha Yenqila yathi: “Ngokuqhubeka sizabalazela ukusebenzisa imigaqo ekhokelayo yoMbutho, siye sancedwa ukuba senze lula size sikhawulezise iinkqubo zokwakha.” Ulungelelwano lwezinto nobuchule obufundwa kwezi zakhiwo buya kuba luncedo ekwakhiweni kweeHolo zeNdibano nasekuncedeni abazalwana ukwakha kwakhona amakhaya abo emva kweentlekele zemvelo. Enyanisweni, amanye amatsha-ntliziyo aqeqeshwe nguMbutho aye anegalelo ekwakhiweni kweziko lokuguqulela laseWindhoek kwaye amanye aza kusetyenziswa kumsebenzi wokwandisa eBheteli.
13 Bonke banokubonakalisa isiqhamo sobubele ngokusebenzisana nabo bavelela umsebenzi wokwakha. Ngale ndlela umsebenzi ofunekayo ‘ufezwa ngokupheleleyo’ kwaye wenziwa ‘ngovuyo kungekho kuncwina.’ (IZe. 14:26, NW; Heb. 13:17) Enye iKomiti Yokwakha Yenqila yakwazi ukunikela le ngxelo: “Intsebenziswano ebiphakathi kwala mabandla mathathu ibibalasele. . . . Bonke abazalwana babonakalise ukukhula ngokomoya. Bekuluvuyo ukusebenza nabo. Ibiliphulo lomsebenzi ongasokuze ulibaleke.”
UKUXHASA NGEMALI AMAPHULO OKWAKHIWA KWEEHOLO ZOBUKUMKANI
14 Amalungiselelo azo naziphi na iimali eziya kufuneka afanele enziwe kwakusaqalwa. (Luka 14:28-30) Abadala bafanele baqiniseke ukuba ibandla liya kukwazi ukuhlawulela iindleko ezibandakanyekileyo ngokwenza uhlolisiso ukuze babone (1) ubungakanani bemali eza kunikelwa kwisixa semali yokusetyenziselwa ukuthenga isiza neendleko zokwakha, (2) ubungakanani bemali enokubolekwa ekuhlaleni nokuba loo mali iya kuqhubeka ifumaneka ixesha elingakanani na, kunye (3) nobungakanani bemali abavakalisi abacinga ngokunikela ngayo nyanga nganye ukuze kuhlawulwe nayiphi na imali-mboleko eyimfuneko ukongezelela ekunyamekeleni iindleko eziqhelekileyo zokusetyenziswa kweholo.
15 Emva koko, abadala bamabandla anqwenela ukuncedwa ngeNgxowa-mali yoMbutho yeeHolo zoBukumkani bafanele baxubushe ngesakhiwo abasicebayo nezinto ezifuna imali benomveleli wesiphaluka, onokubanceda ngokwazisa uMbutho ngeemfuno zabo neenkcukacha zesakhiwo. Yakuba inkcazelo ithunyelwe kuMbutho ngumveleli wesiphaluka, imbalelwano ithunyelwa ngqo kumabandla abandakanyekileyo. Uncedo lwemali luthunyelwa ngokuqhubekayo ngokufumaneka kwemali nangokuvisisana neentswelo.
LONDOLOZA UMOYA WENZONDELELO
16 Bonke bamele banconywe ngobubele babo ekuxhaseni iNgxowa-mali yoMbutho yeeHolo zoBukumkani. Kuye kwafunyanwa amazwi ombulelo avela kumabandla aye afumana olu ncedo. Kukho “ukulingana” phakathi kwamabandla. (2 Kor. 8:14, 15) Kwenye indawo amabandla amane abhala oku: “Hayi indlela esiphuphuma ngayo yimibulelo ngolu cwangciso luhle, ibe sibamba ngazibini kubo bonke abazalwana abanobubele abaye banikela kule Ngxowa-mali yoMbutho yeeHolo zoBukumkani . . . Enyanisweni, siye saboniswa uthando olubalaseleyo lobuKristu. Ncedani namkele imibulelo yethu ngenxa yalo lonke uncedo lwenu ekwenzeni ukuba esi sakhiwo seHolo yoBukumkani siphumelele.” Elinye ibandla laseNatala labhala lisithi: “Ngoko bazalwana, ngale leta sithi sinibulela ngokungazenzisiyo ngokusiboleka imali yokwakha iholo yethu. Ngaphandle kwale mali-mboleko esiyixabisa kakhulu, bazalwana, besingayi kukwazi ukwakha iHolo yoBukumkani. Ngoko bazalwana, siyaphinda sitsho umlomo uzale sisithi ‘Enkosi.’”
17 Ebudeni bokwakhiwa kweHolo yoBukumkani entsha, ihlombe, inzondelelo nomoya omhle uba negalelo ekuphumeleleni kwesakhiwo. Ikwangulo moya ofanele uhlale ukho njengoko sifuna ukwazisa abantu abangakumbi nangakumbi ngenyaniso size sibakhuthaze ukuba bahlanganisane nathi eHolweni yoBukumkani. Inzondelelo enjalo iyimbonakaliso yoxabiso oluphumela kulwando oluphawulekayo kumanani abeza kwiintlanganiso nakulo lonke ulwando ebandleni.
18 Njengoko siqhubeka sibandisa ubulungiseleli bethu, sizibhokoxa kumsebenzi owenziwayo ngoku, ngokungathandabuzekiyo uYehova uya kuqhubeka esisikelela. (Luka 13:24) Asazi ukuba lungakanani ulwando olusengaphambili. Kodwa kufuneka sikulungele ukwamkela nakuphi na ukuthontelana kwabanquli kwixesha elizayo. Oko kufuna ukuba sizilungiselele ngoku. Ngaloo ndlela, sithandazela ukuba uYehova aqhubeke esisikelela kwaye esikhokela. Ekwakheleni ikamva, ngamana sonke singasebenza noYehova—ngamandla ethu, ngezinto eziphathekayo nangokomoya. Ngokuqinisekileyo uya kusisikelela njengoko sibanyamekela ngokufanelekileyo abo bangena begxalathelana kwintlangano yoBukumkani ekupheleni kwale mihla yokugqibela.—Isa. 60:8, 10, 11, 22.