Ibhokisi Yemibuzo
◼ Ziziphi iindlela esinokunceda ngazo oovulindlela?
Ehlabathini lonke, ebudeni bonyaka wenkonzo wowama-2009, bamalunga nama-800 000 abazalwana noodade ababekhonza njengoovulindlela. Aba bakhonzi bexesha elizeleyo bancama ixesha, amandla nezinto zabo eziphathekayo ukuze bashumayele iindaba ezilungileyo zoBukumkani. (IMize. 3:9) Ngokuqinisekileyo uYehova uyayixabisa loo migudu bayenzayo! Ziziphi iindlela esinokumxelisa ngazo uYehova size sibenze bavuye baze banyamezele kule nkonzo yobuvulindlela?
Xa sithetha nabo kakuhle sisenokubakhuthaza ukuba baqhubeke bengoovulindlela. (IMize. 25:11) Ngaba singahlengahlengisa ucwangciso lwethu lweveki ukuze sisebenze nabo entsimini? Xa sisebenza nabo, sisenokucebisa ukuba sihambe ngeemoto zethu kunokuba sihambe ngezabo. Ukuba sikhwela kwiimoto zabo, kuhle ukuba sinikele ukuze bakwazi ukuhlangabezana neendleko zabo. (1 Kor. 13:5; Fil. 2:4) Kwakhona sinokubonisa ukuba siyabaxhasa ngokubaphatha ngobubele size ngamaxesha athile sibamemele isidlo emakhayeni ethu.—1 Pet. 4:8, 9.
IZibhalo ziyasiqinisekisa ukuba uYehova uya kuzanelisa iintswelo zabo bafuna uBukumkani bakhe kuqala. (INdu. 37:25; Mat. 6:33) Enye indlela akwenza ngayo oku kukusebenzisa abazalwana bethu abangamaKristu. (1 Yoh. 3:16-18) Kakade ke, oovulindlela abalindelanga ukuba banyanyekelwe ngabanye abantu. Yaye abanakuxelela abanye abantu xa kukho into abayisweleyo. Noko ke, sinokubanceda oovulindlela abathembekileyo ukuze ‘ukuswela kwabo kulingane’ ngokusoloko siziphaphele iintswelo zabo.—2 Kor. 8:14, 15.
Xa uFibhi owayengumvangeli okhutheleyo kwiBandla laseKenkreya lenkulungwane yokuqala, wayesiya eRoma, uPawulos wakhuthaza abazalwana baseRoma wathi: ‘Mamkeleni ngokwaseNkosini ngendlela efanele abo bangcwele, nize nimncede kuwo nawuphi na umbandela asenokunifuna kuwo.’ (Roma 16:1, 2) Ngendlela efanayo, sinokubaxhasa ngokunothando oovulindlela abathe ngxi nabakhethekileyo abakumabandla ethu, abavakalisa iindaba ezilungileyo ngenkuthalo.—IZe. 5:42.