Iintshayelelo Onokuzisebenzisa
UVUKANI!
Umbuzo: Ngaba iBhayibhile ivela kuThixo? Okanye ucinga ukuba yincwadi nje enezinto ezacingwa ngabantu?
Isibhalo: 2Ti 3:16
Unokuthi: Lo Vukani! uthetha ngezinto ezintathu ezingqina ukuba nyhani iBhayibhile ivela kuThixo.
FUNDISA INYANISO
Umbuzo: Sifanele sisijonge njani isipho sobomi?
Isibhalo: ISi 4:11
Inyaniso: Siyabuhlonela ubomi kuba sisipho esivela kuThixo. Siluphaphele ukhuseleko kwaye asifuni kubulala omnye umntu ngabom. Siyasixabisa isipho sobomi.
YINTONI ENOKWENZA INTSAPHO YAKHO YONWABE?
Umbuzo: Jonga umbuzo ongaphandle kweli phecana neempendulo ezikhoyo. Ucinga ntoni?
Isibhalo: Luk 11:28
Unokuthi: Eli phecana lithetha ngendlela okunokuyinceda ngayo intsapho yakho oku nesizathu sokuba sinokukholelwa oko kuthethwa yiBhayibhile.
ZENZELE EYAKHO INTSHUMAYELO
Sebenzisa le mizekelo ingasentla ukuze uzenzele eyakho intshumayelo yasentsimini.