IArgentina
IArgentina, esisithabazi sama-4 000 eekhilomitha ekumzantsi-mpuma woMzantsi Merika, ililizwe elinezinto eziphawulekayo elahluke ngazo. Kwimida yalo kukho imixawuka yeeNtaba zeAndes, encopho zazo zifikelela kuma-6 000 eemitha ukuphakama. Emantla kukho amahlathi ashinyeneyo alikhaya lezingwe neehagu zasendle. Kumanzi abandayo echwebakazi iTierra del Fuego, emazantsi, kudakasa iiphengwini neminenga, yaye kukwakho namaza afikelela kwiimitha ezingama-30 ukuphakama. Kumathafa alapho uya kubona abalusi abakhwele amahashe benyamekele imihlambi yeenkomo.
Nokuba uya phi na kweli lizwe, uya kufika ekho amaNgqina kaYehova. Akho kuzo zonke izixeko needolophu zeli lizwe, yaye angaphezu kwama-120 000. Ashumayela ezintabeni, emahlathini, emathafeni, naselunxwemeni. Nokuba ungaya kwisixeko esilikomkhulu okanye kumaphandle asemagqagaleni, uya kufika ekho. Nakubeni ukuma komhlaba weli lizwe, umgangatho wempucuko, ulwimi, nemeko yezoqoqosho zingafani; oko akukuthothisanga ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo. Iindaba ezilungileyo ziyashunyayelwa, kanye njengokuba uYesu wayetshilo.—Marko 13:10.
Oku akwenzekanga ngamabona-ndenzile. Amadoda nabafazi abazinikeleyo, abanenzondelelo nokholo olomeleleyo, baye bazibhokoxa ekuvakaliseni isigidimi seBhayibhile kuzo naziphi na iimeko ababephantsi kwazo. Basithabatha nzulu isiluleko umpostile uPawulos awasinika uTimoti, esithi: “Lishumayele ilizwi ngokungxamisekileyo, ngexesha elilungileyo nangexesha lenkathazo.” (2 Tim. 4:2) Sekunjalo, abazizukisi bona ubuqu ngoko bakufezileyo. Bayaqonda ukuba oku kwenziwe kuphela ngoncedo lomoya kaYehova.—Zek. 4:6.
Ukubekwa Kwesiseko
Isiseko somsebenzi owenziwayo kweli lizwe sabekwa kwiminyaka emininzi eyadlulayo. Ukuhlola indlela inyaniso eyafikelela ngayo kwezona ndawo zisemagqagaleni zeli lizwe komeleza ukholo ngokwenene. Ngowe-1923, uGeorge Young, waseKhanada, waya eMzantsi Merika. Emva kokunikela ubungqina kanobom eBrazil, waya eArgentina. Kwiinyangana nje ezingephi, wayesele esasaze iincwadi ezili-1 480 nemibhalo engama-300 000 yolunye uncwadi lweBhayibhile kwiidolophu nakwizixeko ezikhulu ezingama-25 zaseArgentina. Ngaphambi kokuba aqhubeke nokhenketho lwakhe lobuvangeli basemazweni kwamanye amazwe akuMzantsi Merika, wathi: “Ukukholiswa kukaThixo yimigudu esiyenzayo ekusasazeni isigidimi sobukumkani kuye kwabonakala ngokucace gca.”
Ngowe-1924, uJ. F. Rutherford, owayengumongameli weWatch Tower Society ngoko, wabela uJuan Muñiz waseSpeyin ukuba aye kukhonza eArgentina. Kwiminyaka emibini kamva uMzalwan’ uMuñiz waseka iofisi yesebe leWatch Tower Society eBuenos Aires eyayiza kunyamekela umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani eArgentina, eChile, eParaguay naseUruguay.
UMzalwan’ uMuñiz waphawula ukuba kwakukho abantu abaninzi abathetha isiJamani eArgentina, ngoko wacela uncedo ukuze nabo bazive iindaba ezilungileyo. Ngoko, uMzalwan’ uRutherford wathumela uCarlos Ott, ongumlungiseleli wexesha elizeleyo waseJamani, ukuya kunceda elo qela labantu.
Kwakukho namaGrike amaninzi kwelo lizwe. Ngowe-1930, uNicolás Argyrós, ongumGrike, wafunda isigidimi seBhayibhile waza waqalisa ukushumayela kumakhulukhulu abantu ababethetha isiGrike kummandla waseBuenos Aires. Kamva, njengoko wayesiya ephucula ekuthetheni ulwimi lwesiSpanish, wasasaza imbewu yenyaniso yeLizwi likaThixo kumaphondo ali-14 kwangama-22 aseArgentina, ikakhulu kummandla osemantla welo lizwe.
Kuthe kusenjalo, ndoda ithile yasePoland, enguJuan Rebacz, yaba ngomnye wamaNgqina kaYehova, yaza yona nelinye iNgqina lasePoland, bangenela ubulungiseleli bexesha elizeleyo. Baphelekwa ngabanye abalungiseleli ababini bexesha elizeleyo, bayigubungela intsimi ekumazantsi eArgentina.
Ingxelo yowe-1930 ibonisa ukuba kwasasazwa amakhulu amawaka oncwadi kungekhona nje ngesiGrike, isiJamani nesiSpanish, kodwa nangesiArabhu, isiArmenia, isiCroatia, isiFrentshi, isiHungary, isiLettish, isiLithuania, isiNgesi, isiPhuthukezi, isiPolish, isiRashiya, isiTaliyane, isiUkrainia nesiYiddish.
Ngoko kwisithuba nje seminyaka esixhenxe, umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi wawusele uqhubeka ngamandla phakathi kwabantu abathetha ulwimi lwesiSpanish nabezinye iilwimi. Ngokwenene eli yayilixesha elilungileyo lolwando oluqhubekayo.
Ubukhulu Bentsimi Abubanga Ngumqobo
Intsimi ekwakufuneka igutyungelwe yayinkulu kakhulu, iphantse ilingane nenxalenye yesithathu yommandla waseUnited States of America. Ukanti, amaNgqina awabubonanga ubukhulu bayo bungumqobo ekusasazweni kwesigidimi soBukumkani. Amanye ayehamba ngeenyawo, amanye ekhwela iibhayisekile, oololiwe, amahashe neenqwelana.
Ekuqaleni kweminyaka yee-1930, uArmando Menazzi, owayesuka kwiphondo elisembindini laseCórdoba, weyiseka ukuba ufumene inyaniso. Wathengisa ishishini lakhe lokulungisa iinqwelo-mafutha waza wakhonza njengomlungiseleli wexesha elizeleyo. Ekuhambeni kwethuba, wathenga ibhasi endala, waza wayitshintsha yaba sisithuthi sokukhenketha, esasikhwelisa abavakalisi abalishumi nangakumbi ababekhenketha besasaza iindaba ezilungileyo. Babekhenketha ubuncinane kumaphondo alishumi kumantla eArgentina.
Ngeminyaka yee-1930, iArgentina yayilelona lizwe lineendlela zikaloliwe eziphucukileyo kuMbindi noMzantsi Merika, ezazigubungela umgama weekhilomitha ezingama-40 000. Oku kwaba negalelo elikhulu ekwandeni komsebenzi wokushumayela. Abanye oovulindlela babelwa ukuba bashumayele kwizindlu ezazikufuphi nendlela kaloliwe. Ngokomzekelo, uJosé Reindl wabelwa wonke ummandla okwiNtshona yendlela kaloliwe njengentsimi yakhe, ukusuka kwiPhondo laseBuenos Aires elikuNxweme lweAtlantiki ukusa kwiPhondo laseMendoza elikumda waseChile, mgama lowo ongaphezu kwe-1 000 leekhilomitha.
AmaNgqina kaYehova awayeqashelwe ukusebenza kwiindlela zikaloliwe asebenzisa elo thuba ukusasaza isigidimi seBhayibhile kwiindawo ezithe qelele zaseArgentina. UEpifanio Aguiar, owayifunda inyaniso kwiphondo elikumntla-mpuma weSanta Fe, watshintshelwa kummandla osemantla, eChaco, yinkampani yoololiwe. Waqalisa ukushumayela apho zisuka nje. Njengoko umsebenzi wakhe wempangelo wawumhambisa umgama wama-2 000 eekhilomitha ukuya kummandla osemazantsi eChubut nakummandla osemantla eSantiago del Estero, wasasaza isigidimi soBukumkani kuloo maphondo.
UDade Rina de Midolini, onguvulindlela onenzondelelo, wanikela ubungqina eMédanos, emalunga neekhilomitha ezingama-50 ukusuka kwisixeko saseBahía Blanca. Wayekhwelisa ibhayisekile yakhe kuloliwe aze ayisebenzise kanobom akuba efikile kuloo mmandla. Abantu babembiza ngokuba linenekazi leBhayibhile eliqhuba ibhayisekile. Kangangendlela awayesaziwa kakhulu ngayo kwenzeka ukuba ngenye imini xa umqhubi kaloliwe waphawula ukuba akakafiki esitishini, wammisa ithuba elidana uloliwe emlindile!
Ukufika Kwabavangeli Basemazweni Abaqeqeshwe EGiliyadi
AmaNgqina angaphambili akhenketha kakhulu yaye asasaza uncwadi oluninzi kakhulu, esalathisa abantu kwithemba loBukumkani bukaThixo. Noko ke, ekuhambeni kwexesha kwacaca ukuba kwakukho imfuneko yokuphuculwa kolungelelwano lwenkqubo yemfundiso yeBhayibhile. Ngowe-1945, uNathan H. Knorr, owayengumongameli weWatch Tower Society ngoko, watyelela eArgentina waza wayalela amabandla ukuba aqalise ukuba neSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo ngesiSpanish. Kwakhona wabakhuthaza abazalwana baseArgentina ukuba bangenele umsebenzi wobuvulindlela yaye bazibekele usukelo lokuya kwiSikolo SeBhayibhile SeWatchtower saseGiliyadi.
Kungekudala, kwaphuma ababini eArgentina baya kwiSikolo saseGiliyadi, baza babuyela eArgentina ngowe-1946. Ngowe-1948 balandelwa ngabavangeli basemazweni ababevela kwamanye amazwe. Phakathi kwabo kwakukho uCharles noLorene Eisenhower, uViola Eisenhower, uHelen Nichols, noHelen Wilson, ababephumelele kwiklasi yokuqala yaseGiliyadi, kwakunye noRoberta Miller weklasi yesine. Kamva kwafika uSophie Soviak, uEdith Morgan, uEthel Tischhauser, uMary Helmbrecht, nabanye abaninzi. Ukutyhubela iminyaka, kuye kwathunyelwa abavangeli basemazweni abangama-78 eArgentina. Umoya wabo wobuvangeli uye wawakhuthaza amaNgqina asekuhlaleni ukuba abaxelise. Nangona kwakukho oovulindlela abangama-20 kulo lonke elo lizwe ngowe-1940, eli nani lalisele lande laya kutsho kuma-382 ngowe-1960. Namhlanje, kukho oovulindlela abangaphezu kwama-15 000 eArgentina.
Ukujamelana Namaxesha Enkathazo
Kangangeminyaka emininzi abavakalisi babekade benandipha ixesha elilungileyo lokushumayela eArgentina. Noko ke, njengoko uYesu wayexele kwangaphambili, asingabo bonke ababeza kukholiswa ngumsebenzi wabalandeli bakhe. (Yohane 15:20) Ngoko, xa uMzalwan’ uKnorr watyelela eArgentina ngowe-1949, ngequbuliso amapolisa ayitshitshisa imvume yokuqhubela indibano kwiholo entle yaseBuenos Aires. Kwanyanzeleka ukuba indibano iqhutyelwe kwiHolo yoBukumkani, kodwa nalapho kwabakho iziphazamiso. Nge-4:40 emva kwemini ngeCawa, kwagaleleka amapolisa aza ambamba esanikela intetho uMzalwan’ uKnorr, waya kuvalelwa ekunye nabanye ababekho. Amapolisa lawo akazange asichaze isizathu sokubanjwa kwabo. Abasemagunyeni babayalela abo bazalwana ukuba beme ngeenyawo kangangeeyure ebaleni de kwaba ngentsasa elandelayo. Emva koko ke bakhululwa.
Ngokucacileyo, oko kwakusisiqalo sokugquba kwenkcaso nxamnye nabanquli bakaYehova eArgentina. Kwangawo loo nyaka, ngenxa yempembelelo yeCawa yamaRoma Katolika, kwadluliswa uxwebhu olwaluyalela ukuba zonke iinkonzo zibhalise kwiDepartment of Cults of the Ministry of Foreign Affairs. Ngonyaka olandelayo, urhulumente kaJuan Domingo Perón wawuvala ngokusemthethweni umsebenzi wamaNgqina kaYehova eArgentina. Wakhupha ummiselo othintela ukuhlanganisana esidlangalaleni kwamaNgqina kaYehova nomsebenzi wawo wokushumayela. Kodwa yona iofisi yesebe yeWatch Tower Society ayizange ivalwe.
Noko ke, ubukhulu becala abasemagunyeni babewavumela amaNgqina ukuba aqhubeke nomsebenzi wawo ngaphandle kokuwanika ubunzima obukhulu. Kodwa amagosa karhulumente ayedla ngokukunyanzelisa ukuvalwa komsebenzi wawo ngokuthi aphelise iindibano zawo okanye avale iiHolo zawo zoBukumkani. Maxa wambi, amaNgqina ayebanjwa yaye aqweqwediswe xa eqhuba iintlanganiso emakhayeni awo okanye xa ekubulungiseleli basesidlangalaleni.
Ngenxa yoko, amaNgqina kwafuneka ‘azingqine elumkile njengeenyoka.’ (Mat. 10:16) Xa enikela ubungqina kwabanye, ayesebenzisa iBhayibhile kuphela. Amabandla alungelelaniswa aba ngamaqela amancinane abavakalisi abasi-8 ukusa kwabali-12. Kwiminyaka embalwa yokuqala yokuvalwa komsebenzi wawo, ayezitshintsha rhoqo iindawo ayehlanganisana kuzo. Abazalwana bafumana iindawo ezazingarhaneleki lula ababenokuhlanganisana kuzo—njengegumbi lokusengela, izakhiwo ezifulelwe ngengca, ikhitshi elisefama, kwanaphantsi komthi. Into ebalulekileyo yayikukuhlanganisana ndawonye.—Heb. 10:24, 25.
Ukuze akhuthaze abazalwana, uMzalwan’ uKnorr watyelela kwakhona eArgentina, ekunye noMilton Henschel, ngowe-1953. Ngenxa yokuvalwa komsebenzi, babengenakuqhuba indibano enkulu, ekubeni oko kwakuza kutsala ingqalelo kawonke-wonke. Sekunjalo, benza amalungiselelo okuba kubekho oko kwakubizwa ngokuba yindibano yesizwe. UMzalwan’ uKnorr waya ngenqwelo-moya eMendoza evela eChile, waza yena uMzalwan’ uHenschel wangena kweso sixeko evela ngaseParaguay. Bakhenketha ngokwahlukeneyo, bahamba benikela iintetho “kwiindibano” zasekuhlaleni ezaziqhutyelwa kwiindawo ezingama-56. Ezinye zezi ndibano zazilungiselelwa ngohlobo lokuba zifane neepikniki ezazibanjelwe kwiifama zamaNgqina asekuhlaleni. EBuenos Aires bobabini aba bazalwana batyelela amaNgqina awayehlanganisene, baza baqhuba intlanganiso yeeyure ezimbini kwiqela ngalinye. Ngosuku olunye, zazisiba lithoba iintlanganiso ababeziqhuba. Babengama-2 505 bebonke ababekho kule ndibano yayiqhutywa ngendlela eyahlukileyo.
Ukunyenyiswa Kwengcinezelo Yokuvalwa Komsebenzi
Ekubhukuqweni korhulumente womkhosi kaJuan Perón ngowe-1955, amabandla enziwa aba ngamaqela amakhudlwana. Lawo awayeneHolo yoBukumkani, ayekhuthazwa ukuba ahlanganisane kuyo, kodwa angaxhomi mbhalo uchazayo ukuba yiyo. Ngokusikelelwa nguYehova, amabandla anda ngokuthe ngcembe phezu kwako nje ukuqweqwediswa maxa wambi ngabasemagunyeni.
Ngowe-1956 isebe lagqiba ekubeni kuqhutywe iindibano ezincinane kwiinxalenye ezahlukeneyo zeso sixeko. Eyokuqala yayikwisixeko saseLa Plata, esikumgama weekhilomitha ezingama-60 ukusuka eBuenos Aires. Abangama-300 ababekho kuyo baba nobunzima ekuculeni ingoma yokuqala, eyayisithi “Vuyani, Nina Zintlanga, Nabantu Bakhe!” Baminxeka ngenxa yemincili. Kwakukokokuqala emva kweminyaka emithandathu ukuba bakwazi ukuhlanganisana namanye amakholwa amaninzi kangako baze bacule ndawonye.
Sekunjalo, umsebenzi wawusavaliwe. Xa kwenziwa amalungiselelo okuba kuqhutywe indibano yezizwe kwiholo iLes Ambassadeurs eBuenos Aires ngoDisemba 1957, amapolisa ayivala loo holo njengoko iindwendwe zazifika. Abazalwana abane bavalelwa ngamapolisa baza batyholwa ngokuqhuba intlanganiso ngaphandle kwemvume yamapolisa.
Ekubeni uMgaqo-siseko waseArgentina uqinisekisa ngenkululeko yonqulo neyokuqhuba iindibano, abazalwana baya kumangala enkundleni yamatyala. NgoMatshi, 14, 1958, kwawiswa isigwebo senkundla esasivumelana namaNgqina! Kwakukokokuqala ukuba amaNgqina kaYehova oyise ngokwasemthethweni eArgentina.
Kwamiselwa urhulumente omtsha ngowe-1958. Ngoku kwakubonakala ngathi amaNgqina kaYehova ayenokukwazi ukufumana imvume esemthethweni eArgentina. Kwabhalwa ileta ekhethekileyo echaza umsebenzi wamaNgqina kaYehova nemeko yawo eArgentina, yaza yathunyelwa kubo bonke abawisi-mthetho namasekela abo, abahleli neejaji. Nangona oku kwanikela ubungqina obuhle, kodwa umsebenzi awuzange uvulwe ngokusemthethweni.
AmaNgqina akazange anikezele. Ngonyaka olandelayo abhalela urhulumente ebongoza ukuba anikwe inkululeko yonqulo. Eso sibongozo satyobelwa ngabantu abangama-322 636. UCharles Eisenhower, owayengummeli wesebe, watyelela abasemagunyeni. Kwafika neeleta ezingaphezu kwama-7 000 zivela kumazwe aphesheya, zibongoza ukuba umsebenzi uvulwe ngokusemthethweni. Sekunjalo, abazange bayinikwe imvume esemthethweni. Kodwa ke noko, isimo sengqondo sikarhulumente ngakumaNgqina saphucuka kakhulu. Ngoko, abazalwana balisebenzisa ngokunengenelo elo xesha lilungileyo ekomelezeni amabandla ngokomoya.
Ngowe-1961 kwalungiselelwa iSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani sokuqeqesha abaveleli abahambahambayo kunye nabaveleli bamabandla. Ekuqaleni, esi sikolo esasiqhutywa inyanga yonke sabanjelwa kwenye yeeHolo zoBukumkani zaseBuenos Aires. Kamva, eso sikolo safuduselwa kwiofisi yesebe. Njengoko kwakukho abaveleli abafanelekayo abangakumbi bokunyamekela umhlambi kaThixo, inani labavakalisi neloovulindlela landa minyaka le ebudeni beminyaka yee-1960, lada lafikelela incopho yabavakalisi abali-18 763 noovulindlela abali-1 299 ngowe-1970.
Ukwandiswa Kwesebe
Ngenxa yokwanda kwenani labavakalisi boBukumkani eArgentina kwafuneka ukuba kwandiswe iofisi yesebe. Ukususela ngowe-1940, iofisi yesebe yeWatch Tower Society yayise-5646 Honduras Street eBuenos Aires. Eso sakhiwo sachithwa, kwaza ngo-Oktobha 1962 kwaba sekumi isakhiwo esitsha nesikhulu ngakumbi, kwakwindawo enye, silungele ukuba singasetyenziswa.
Ngasekupheleni kweminyaka yee-1960, isebe laliphinde lalincinane ngenxa yolwando olwalukho. Kwathengwa isiza esasisemva kwesakhiwo sesebe, aza amaNgqina asekuhlaleni akha isakhiwo esitsha sokuhlala kunye nesakhiwo seofisi apho. Ukongezelela, kwathengwa isakhiwo eFitz Roy Street, esasimelene nesakhiwo sesebe. Isakhiwo esidala sesebe sachithwa ngo-Oktobha 1970, yaye amaNgqina asekuhlaleni anobugcisa bokwakha ngawo ikakhulu awayephethe umsebenzi. Abasebenzi basesebeni babesiza kuncedisa emva kweeyure zomsebenzi wabo oqhelekileyo. Ngeempelaveki, babethelelwa ngamaNgqina kaYehova asuka kumabandla akufuphi.
Ekugqibeleni, ezo zakhiwo zithathu zadityaniswa, zaba sisakhiwo esinye. UF. W. Franz, owayengusekela-mongameli weWatch Tower Society ngoko, wanikela intetho yokunikezelwa kwaso ngo-Oktobha 1974. Abazalwana baseArgentina babecinga ukuba ngokuqinisekileyo eso sakhiwo sesebe sasiza kukwazi ukunyamekela iintswelo zentsimi yabo de kufike iArmagedon. Zange bayiqonde into yokuba eso yayisesisiqalo nje kuphela.
Ngawo loo nyaka wokunikezelwa kwesebe, iQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova lagqiba kwelokuba IMboniselo noVukani! zazifanele zishicilelwe ekuhlaleni. Ekubeni amaNgqina kaYehova ngelo xesha ayengagqalwa njengonqulo olusemthethweni eArgentina, aseka iAsociación Cultural Rioplatense (River Plate Cultural Association) ngoDisemba 1974 eyayiliziko elisemthethweni elalinokukwazi ukufumana imvume yokungenisa oomatshini bokushicilela abavela kumazwe angaphandle. Kwafika umatshini wokushicilela ovela eFransi, nowokusika amaphepha ovela eJamani, kwakunye nowokudibanisa amaphepha ovela eUnited States. Bonke babezizipho.
Noko ke, abo babesebenza kwicandelo lokushicilela bakhawuleza baqonda ukuba njengoko kube ngumgudu ukufumana abo matshini, kukwanjalo nangokufunda ukubasebenzisa. Nangona bajamelana nobunzima obuninzi, hayi indlela abavuya ngayo xa kwashicilelwa IMboniselo ka-Aprili 15, 1975 kuhlobo lomatshini wokushicilela olwaluqala ngqa ukusetyenziswa yiWatch Tower Society ehlabathini lonke! Oku kwakusisiganeko esiphawulekayo kwimbali yokushicilela yamaNgqina kaYehova.
Iindibano Zezizwe Ngezizwe ‘Zoloyiso Lobuthixo’
Ekuqaleni kowe-1974, amaNgqina kaYehova eArgentina anandipha iindibano zezizwe ngezizwe ezaqhutyelwa eRío Ceballos naseBuenos Aires, ezazibalaselisa umxholo othi “Uloyiso Lobuthixo.” Kwakukho iindwendwe ezimalunga ne-15 000.
Ukulungiselelwa kweendawo zokuhlala zezo ndwendwe zininzi kangako kwaqaliswa kusasele iinyanga ngaphambi kwexesha. Kukho abaninzi abangengomaNgqina abazamkelayo ezo ndwendwe, nezathi zona zanikela ubungqina obuhle bothando, kungekuphela nje ‘ngelizwi,’ kodwa ‘nangezenzo.’ (1 Yohane 3:18) Abasemagunyeni babavumela abazalwana ukuba bangasebenzisa ibala elikhulu elalineentente neekharavani, kwanezitalato ezazithiywe amagama eBhayibhile. Konke oku kwabachukumisa abantu basekuhlaleni.
Bajingelwa Lilifu Elimnyama
Nangona abazalwana babenandipha inkululeko engakumbi yonqulo, kwakusiza amaxesha obunzima. NgoJuni 1973, uJuan Perón ekwakusele kudlule iminyaka eli-17 ukususela oko wabhukuqwayo, waphinda wabuyela esihlalweni njengomongameli. Imilo eyayiphakathi kwabaxhasi bakaPerón nabachasi bakhe yayilidlavula elo lizwe. Ugonyamelo lwezobupolitika lwaya luqinisa, kwaza ngoMatshi 24, 1976, lalawulwa ngumkhosi welo lizwe.
Lo rhulumente womkhosi waliphelisa iBhunga Lowiso-mthetho waza waqalisa iphulo lokubhangisa onke amaqela aphikisayo. IThe World Book Encyclopedia ithi: “Ebudeni belo phulo, wahlutha amalungelo abantu abaninzi. Amawakawaka avalelwa entolongweni engenatyala, angcungcuthekiswa, aza abulawa. Abaninzi bala maxhoba abazange bafunyanwe. Babizwa ngoba ziilos desaparecidos (abo banyamaleleyo).” Amapolisa ayeneliso elibukhali ngakumbi koko kwakusenzeka ekuhlaleni. Nangona amaNgqina kaYehova engazange athabathe cala kweso siphithiphithi sobupolitika, ngoJulayi 1976 iphephancwadi iGente lapapasha inqaku elalinemifanekiso efotiweyo yabantwana, ekwathiwa ngabamaNgqina kaYehova, ababeyinikele umva indwe. Esinjani sona isenzo senkohlakalo sokugqwethwa kwenyaniso! Abantwana abane bamaNgqina abahlala kuloo ngingqi babengayanga nokuya esikolweni ngolo suku kuthiwa wafotwa ngalo loo mfanekiso wabo. Ngaphezu koko, amaNgqina kaYehova akenzi nantoni na ebonisa ukungayihloniphi okulolo hlobo imiqondiso yelizwe. Noko ke, ngenxa yeengcamango ezinjalo zobuxoki, abaninzi baqalisa ukuwathiya amaNgqina.
Kubonakala ukuba, uqhushululu lwasekuhlaleni lwalubeka urhulumente exhaleni lokuba angade abhaqwe ukuba nguye umqhwayi wodushe. Ngeli xesha uCarlos Ferencia, owayengumveleli ohambahambayo, wayetyelele ibandla elalikummandla oyingozi kakhulu. Wayesandul’ ukufumana ileta evela kwiofisi yesebe eyayimazisa ukuba kwakusele kumbovu ukuba umsebenzi wamaNgqina kaYehova uvalwe eArgentina. Njengoko uCarlos wayehamba yaye ecinga ngale leta, kwadlula inqwelo-mafutha kuye, yaza emva koko yajika yangqala kuye. Kwehla amadoda amathathu aza amkhomba ngemipu. Enye yaloo madoda ngobukrwada yafuna isazisi sakhe. UCarlos wachaza ukuba wayengomnye wamaNgqina kaYehova. Sekunjalo, amsa kwisikhululo samapolisa. Wayethandaza kuYehova ukuba angayibhaqi loo leta.
Amapolisa amfaka uCarlos kwigumbi elimnyama, aza amphandla ngesibane esibukhali, laza elinye lawo lakhwaza lisithi: “Yintoni ekuloo bhegi?” Ayiqongqotha etafileni kwaphuma zonke iincwadi zakhe—iBhayibhile, amaphephancwadi, nala leta!
Elinye laloo mapolisa lakhwaza ngomsindo lathi: “IMboniselo! IMboniselo! Ngumbhukuqi, ngumbhukuqi!”
Kodwa igosa eliphetheyo lalingxolisa lisithi: “Thula wena. Uyaqala ukubon’ IMboniselo, sidengendini?”
Lonk’ elo xesha, uCarlos yena wazama ukuhlala ezolile yaye ebonisa imbeko. Emva kokuba amapolisa ezihlolile ezo mpapasho, amyalela ukuba azisuse. Kodwa, umphathi wawo wawabeth’ emlonyeni wathi: “Yintoni ekulaa mvulophu?”
UCarlos wamnika umphathi loo mvulophu yayineleta evela kuMbutho, walinda imizuzwana embalwa, wandula ke wabuza wathi: “Uxolo, ndingakhe nditsho okuthile?”
“Kulungile,” waphendula watsho umphathi, esusa amehlo akhe kwileta leyo.
UCarlos waqhubeka wathi: “Ndiyaqonda ukuba unomdla ekukhuselekeni kwabantu basekuhlaleni.” Oko kwayithimba ingqalelo yomphathi lowo. Ngoko uCarlos wambonisa eBhayibhileni ukuba ugonyamelo olwalukho ngoko lwaluzalisekisa iziprofeto zeBhayibhile.
Akuba egqibile, umphathi wathi: “Ndivumelana nawe, mhlobo wam.” Watsho emnika ileta leyo engayifundanga.
Ukuvalwa Komsebenzi Owawusele Uvaliwe
Iofisi yesebe yaze njani ukuba umsebenzi wawuza kuvalwa ngequbuliso? Ngasekupheleni kuka-Agasti 1976, amapolisa agqogqa isebe loMbutho. Umphathi wawo wathi babefumene ingxelo yokuba apho esebeni kwakufihlwe imipu. UHumberto Cairo, owayelilungu leKomiti yeSebe ngelo xesha, wawasa kwindawo ekugcinwa kuyo uncwadi. Ngokucacileyo, kwakungekho mipu apho. Ekuphela kwemipu eyayikho yileyo amapolisa ayekhombe ngayo uHumberto! Amapolisa amsa kumgangatho wesibini eofisini kaMzalwan’ uEisenhower, umveleli weKomiti yeSebe. Apho umphathi wamapolisa wabhala ingxelo yemiphumo yokugqogqa kwabo waza wayalela abo bazalwana ukuba bayityobele. Wandula ke wabaxelela ukuba urhulumente wayesephulweni lokuwisa ummiselo onxamnye namaNgqina kaYehova. Ngoko nangoko, iKomiti yeSebe yabhala ileta eya kubaveleli abahambahambayo eyayibaxhobisa ukuba balindele ukuvalwa komsebenzi ngurhulumente.
Kodwa umsebenzi wamaNgqina kaYehova eArgentina wawusele uvaliwe ukususela ngowe-1950. Ngaba kwakunokwenzeka ukuvala umsebenzi owawusele uvaliwe kakade? Impendulo yafika ngokukhawuleza. UTomás Kardos, olilungu leKomiti yeSebe, ukhumbula oko kwenzekayo ngoSeptemba 7, 1976, suku olo lokuvalwa komsebenzi ngokutsha. “Ngentsimbi yesihlanu ekuseni, savuswa yingxolo eyayivakala esitratweni. Sabona ngesibane esibomvu silenyeza ngakwizivalo zethu. Umfazi wam wavuka ngokukhawuleza, wakroba ngefestile, waza wajonga kum, wathi: ‘Bafikile.’”
Kwehla amapolisa amane buphuthuphuthu enqweleni yawo exhobe afohlela. Ngoko nangoko kwamiswa abalindi eziofisini nakumzi-mveliso wesebe. UMzalwan’ uKardos uhlabela mgama esithi: “Sasingaqinisekanga nokuba sasiza kukwazi na ukuba netekisi yosuku nesidlo sakusasa. Noko ke, amagosa lawo asivumela. Ngoko ngaloo ntsasa, saxubusha indinyana yeBhayibhile kukho ipolisa elixhobileyo elilinde emnyango nelinye elalihleli etafileni liphulaphule ngembeko. Sonke sasizibuza ukuba, ‘Kazi yintoni eza kulandela?’”
Ummiselo owakhutshwa ngoAgasti 31, 1976, wawuyalela ukupheliswa komsebenzi wamaNgqina kaYehova kulo lonke elo lizwe—ngaloo ndlela kuvalwa umsebenzi owawusele uvaliwe ukususela ngowe-1950. Amapolisa ayivala iofisi yesebe necandelo lokushicilela. Kungekudala emva koko, zavalwa zonke iiHolo zoBukumkani kwelo lizwe.
Phezu kwayo nje le meko, abazalwana babezimisele ukuxelisa umzekelo wabapostile bakaYesu wokuthobela uThixo njengomlawuli kunabantu. (IZenzo 5:29) AmaNgqina aseArgentina aqhubeka esishumayela isigidimi seBhayibhile ngelo “xesha lenkathazo.”—2 Tim. 4:2.
Ukumelana Nobunzima
Ekubeni iofisi yesebe yayivalwe ngokusemthethweni, iKomiti yeSebe yagqiba ekubeni izifudusele kwenye indawo iiofisi kunye necandelo lokushicilela. UHumberto Cairo kwafuneka eyitshintshe rhoqo iofisi yakhe—phantse nyanga nganye—asebenze kumagumbi aqeshiswayo, kumagumbi oshishino, emakhayeni, okanye kwiiofisi zabanye awayekholwa nabo. UCharles Eisenhower wayekhe wasebenzela kwivenkile yomzalwana ekwakuthengiswa iwayini kuyo. IKomiti yeSebe yayiqhubela iintlanganiso zayo kwiigaraji ezazikwidolophu yaseBuenos Aires.
Amagumbi okuhlala eBheteli akazange avalwe, ngoko abasebenzi basesebeni babesidla yaye belala eBheteli baze baxubushe itekisi yosuku kunye njengentsapho. Bandule ke baphumele ngaphandle ukuya kwiindawo abasebenza kuzo. Abo babesebenza kufuphi babebuya ukuza kufumana isidlo sasemini eBheteli kunye namalungu entsapho awayenyamekela elo khaya.
Amapolisa ayenesikrokro ngoko kwakusenziwa ngabo babehlala eBheteli. Kangangezihlandlo eziliqela, yonke intsapho yaseBheteli eyayinamalungu amalunga neshumi yayithathwa iye kuncinwa kwikomkhulu lamapolisa. Amapolisa ayefuna ukwazi yonk’ into ngomsebenzi wamaNgqina kaYehova eArgentina. Ayefun’ ukwazi ukuba ngoobani ababenyamekela amabandla asekuhlaleni, yaye babehlala phi? UMzalwan’ uEisenhower ubalisa athi ngoko kwakusenzeka ngezo zihlandlo: “Kwakufuneka sithethe inyaniso ngaphandle kokubeka engozini umsebenzi okanye abazalwana. Kwakunzima ngokwenene, ekubeni abasemagunyeni babesipheka besophula ngemibuzo.”
“Rhoxisani Iti”
Ngaphambi nje kokuvalwa komsebenzi ngowe-1976, uMbutho walungiselela ukusasazwa ehlabathini lonke kwephecana elithi Kingdom News. Yintoni eyayiza kwenziwa ukuba urhulumente wayenokuwuthintela ngakumbi umsebenzi wamaNgqina kaYehova? UPablo Giusti, owayengumveleli ohambahambayo ngelo xesha, uthi: “Ekubeni sasingayazi impendulo, sabuza esebeni. Ukuba isebe lalikubona kububulumko ukulihlehlisa elo phulo, abadala babeza kufumana itelegram eyayinomyalezo othi, ‘Rhoxisani iti.’ Asizange siyiqonde into yokuba ungahle uqondwe phosakeleyo loo myalelo!”
Kungekudala emva kokusebenza kommiselo karhulumente, uMzalwana noDade Giusti batyelela iBandla laseMalargüe okwesihlandlo sokuqala. Lalikumazantsi eMendoza, apho lalikhona ikomkhulu lamapolisa omda. Ekuphela kwenkcazelo ababenayo aba bakwaGiusti yayiyidilesi yomdala owayehlala yaye esebenza kwisakhiwo seNational Highway Service esasingasekuphumeni edolophini. Umdala lowo wayengekho apho, kodwa omnye umsebenzi wathi kwakusenokwenzeka ukuba wayesehlathini elalikufuphi apho, apho wayedla ngokwenza khona umthambo. Njengoko babesendleleni eya apho, uMzalwan’ uGiusti waphawula ukuba yayisemagqagaleni ngokwenene loo ndawo. Wayibona iyindawo efanelekileyo ababenokuhlanganisana kuyo ngaphandle kokurhaneleka. Ekubeni kwakungeCawa, wayelindele ukufumana ibandla lihlanganisene ndawonye. Endaweni yoko, wafika umzalwana eyedwa, esenza umthambo. Kuthe kanti abakwaGiusti abakaboni nto!
Emva kokuzazisa kwabo, uPablo wabuza ngebandla. Umzalwana wathi: “Hayi ke, thina apha eMalargüe sirhoxise yonke into.”
UPablo wabuza wathi: “Utheth’ ukuthini xa usithi yonke into?”
Impendulo yayingqalile yaye icacile: “Sifumene itelegram ethi ‘Rhoxisani iti,’ ngoko sarhoxisa iintlanganiso, ukushumayela . . . yonk’ into.” Ngethamsanqa, lelo bandla kuphela elalenze oko.
Utyelelo Olugquka Umkhondo
Lathi lakuvalwa isebe, amalungu eKomiti yeSebe ahlanganisana kunye nabaveleli besiphaluka ukuze abanike imiyalelo ngendlela yokuqhubeka nomsebenzi wabo. Baxelelwa ukuba bafune umsebenzi wempangelo wesingxungxo yaye babe nedilesi esisigxina ukuze ungarhaneleki lula umsebenzi wabo. Inkoliso yabo yayithengisa izinto ezahlukahlukeneyo kusasa ize ikhonze amabandla emva kwemini.
Abaveleli besiphaluka babengalandeli umgca wempuku ekutyeleleni kwabo ngenjongo yokugquka umkhondo, belandela ulwalathiso oluvela esebeni. Ngeveki nje enye, kwatyelelwa abadala kwisiphaluka ngasinye esasinamabandla amalunga nama-20. Abaveleli abahambahambayo banikela imiyalelo ngendlela yokuqhuba iintlanganiso nangendlela yokunikela ubungqina ngenxa yokutshintsha kweemeko. Kwakhona abadala baxelelwa ukuba utyelelo lomveleli wesiphaluka lwalusenokungathabathi iveki yonke kodwa lwaluza kuxhomekeka kwinani lamaqela ezifundo zencwadi ebandleni. Iintlanganiso zaziza kuqhutyelwa emakhayeni, suku ngalunye kutyelelwe iqela elahlukileyo.
Ebudeni bokuvalwa komsebenzi, abaveleli besiphaluka baba negalelo eliyintloko ekuqhagamshelaniseni abavakalisi basekuhlaleni kunye neKomiti yeSebe. UMario Menna, owayekhonza njengomveleli wesiphaluka ebudeni bokuvalwa komsebenzi, uthi: “Kwakulilungelo ngokwenene ukukhonza amabandla nokukhuthaza abazalwana ngaloo minyaka. Sasibakhuthaza ngokwabelana nabo ngocwangciso olurekhodiweyo lwendibano, ngeempapasho ezintsha esasizifumana kumazwe amelene nelethu, okanye ngamava akhayo.”
Kuthekani Ngabavangeli Basemazweni?
Uqhushululu lwalusanda ekuhlaleni. Ekubeni abantu basemzini babengamkelekanga, abavangeli basemazweni banikwa ukhetho lokuya kukhonza kwezinye iindawo. Abanye balwamkela olo khetho baza bakhonza ngokuthembekileyo kwizabelo zabo ezitsha.
Abanye bakhetha ukuhlala eArgentina. UMary Helmbrecht, owayephumelele kwiklasi ye-13 kwisikolo saseGiliyadi, wayekhonza eRosario, eseSanta Fe. Ngentsasa yokuvalwa komsebenzi, waya entsimini waza wankqonkqoza kwenye indlu. Kwakushushu ngaloo ntsasa yasehlotyeni, yaye umnyango wawuvuliwe. Kwakuvulelwe unomathotholo ekhalela phezulu. Ngequbuliso, uMary weva ezindabeni apho kusithiwa umsebenzi wamaNgqina kaYehova wawuvaliwe kulo lonke elaseArgentina! UMary uthi: “Xa umnikazi wendlu weza emnyango, ndaziqinisa ndaza ndashumayela kuye njengesiqhelo. Saqhubeka sishumayela intsasa yonke njengoko sasicebe njalo. Savakalelwa kukuba kwakungekho zingxaki zingako kwindawo esasikuyo, ngoko sagqiba ekubeni sihlale. Savuya kakhulu kuba saye sagqiba ngolo hlobo. Abanye emabandleni ababesoyika kakhulu ukushumayela babona ukuba akwenzekanga nto kuthi, baza nabo basithelela.”—1 Tes. 5:11.
Ubutyebi Obufihliweyo
AmaNgqina asekuhlaleni abonisa inkalipho nobulumko ebudeni bala maxesha enkathazo. URobert Nieto ubalisa athi: “Umantyi wasekuhlaleni onovelwano wasithela thsuphe ukuba iiHolo zoBukumkani zaziza kuvalwa luze noncwadi lwethu luthathwe. Ngoko nangoko sakhwela iinqwelo-mafutha ezimbini saza sangqala kwiHolo yoBukumkani ukuya kuthabatha isixa esikhulu soncwadi esasinalo. Ekundulukeni kwethu apho, sabona kufika amapolisa kunye namajoni eze kuvala iHolo yoBukumkani nokuthabatha uncwadi lwethu. Noko ke, anela nje ngokuyivala, kuba ekuphela koncwadi olwalukho lolo lwalukwithala leencwadi.”
Kwelinye ibandla, abadala baya kwiHolo yoBukumkani ngobusuku baza ngokufihlakeleyo balususa uncwadi lwabo olwalulapho. Kamva, balupakisha lwaba ziipasile ezincinane baza balugcinisa kubazalwana abahlukeneyo.
ETucumán, uNérida de Luna walufihla uncwadi ekhayeni lakhe. Ubalisa esithi: “Sazifihla iincwadi kwiimbiza ezinkulu zokufaka iintyatyambo, saza ngaphezulu sabeka izityalo zeplastiki, zona iibhokisi zoncwadi sazifihla kwigumbi lokuhlamba impahla. Ngenye intsasa, amajoni amabini agqogqa endlwini nakwigumbi lokuhlamba impahla ngoxa sasimile sithandaza ngokunyanisekileyo. Akazange afumane nto.”
Ukusasaza Ukutya Kokomoya
Kambe ke, uncwadi abazalwana basekuhlaleni ababelufihlile lwakhawuleza lwaphela. Noko ke, uYehova waqhubeka ebanika ukutya kokomoya. Nangona icandelo lokushicilela elaliseFitz Roy Street lalivaliwe, kwaqhutyekwa nokushicilela kwezinye iindawo zaseBuenos Aires. Amaphephancwadi ayeshicilelwa kwiphondo laseSanta Fe nelaseCórdoba. Amaphepha ashicilelweyo ayesiwa kwezinye iindawo ukuze adityaniswe. Ekuqaleni, amabandla ayefumana iphephancwadi elinye kwiqela ngalinye, kodwa kamva isixa sandiswa waza mvakalisi ngamnye wafumana umbhalo wakhe. Olunye ushicilelo lwalusenziwa kwigumbi eliseluphahleni kwindlu eyayikufuphi kakhulu neofisi kamongameli.
URubén Carlucci, owayebandakanyekile ekushicilelweni nasekuthunyelweni koncwadi ebudeni bokuvalwa komsebenzi, ukhumbula isihlandlo saxa umnikazi wendlu ababeshicilela kuyo wamlumkisa ngelithi amapolisa ayegqogqa kwindlu ngendlu. Ngoko nangoko, abazalwana bayeka ukushicilela baza ngokukhawuleza bakhwelisa elorini yonke into ngaphandle komatshini wokushicilela. URubén uthi: “Kwakuvingcwe mbombo zone kangangokuba kwakungekho ndlela yakuphuma kuloo mmandla. Sabona ivenkile yokutyela ekufuphi, saza saya kulinda kuyo de kwagqitywa ukugqogqwa. Kwafuneka silinde iiyure ezine, kodwa kwanceda oko, kuba abazalwana bakwazi ukulufumana uncwadi lwabo oluxabisekileyo.”
“UPepita Oqhushumbisayo”
IMboniselo noVukani! bafihlwa okwexeshana kwisakhiwo esasisakhiwa kwisixeko esilikomkhulu. Ekuqaleni esi sakhiwo sasiza kuba yiHolo yoBukumkani. ULuisa Fernández, owayenethuba elide elilungu lentsapho yaseBheteli, wayebandakanyekile emsebenzini owawusenziwa kweso sakhiwo. Ngenye intsasa, xa kanye ooLuisa babesaqala umsebenzi wabo, kwankqonkqozwa emnyango. Yayingumphathi wamapolisa! Wabachazela ukuba abamelwane baye bakhalaza ngenxa yengxolo ebangelwa ngumatshini ababewusebenzisa. ULuisa uthi: “Babefanele, kuba ke eneneni umatshini wokudibanisa amaphepha esasiwusebenzisa wawungxola kakhulu kangangokuba sawuthiya igama lokuba nguPepita la Pistolera (uPepita oqhushumbisayo).”
Kanye ngelo xesha, kwafika ilungu leKomiti yeSebe laza lamchazela umphathi wamapolisa lowo oko kwakusenzeka apho. Yena ke wathi: “Ukuba ndingafika ningekho xa ndibuya ngale mvakwemini, ndakuthi andibonanga nto.” Ngoko nangoko, abazalwana bakhwelisa yonk’ into ezilorini. Kwisithuba nje seeyure ezimbini, kwakungasekho kwamkhondo wokudityaniswa kwamaphephancwadi apho.
Bawusa phi umatshini ababewusebenzisa? Nangona icandelo lokushicilela esebeni lalivaliwe, babekwazi ukungena esakhiweni ngokusebenzisa umnyango ongasemva. Ngoko ooLuisa bafaka yonke into kwelo candelo lidala lokushicilela laseBheteli baza baqhubeka nokudibanisa amaphephancwadi apho, yaye abazange babhaqwe!
Bayawodlula Umzi-mveliso Wamaqebengwana
Ukuze kube nokuveliswa kuze kusasazwe amaphephancwadi kulo lonke elaseArgentina, kwabonakala kuyimfuneko ukuba kubekho amaqela abasebenzi abadibanisa amaphephancwadi nakwezinye iinxalenye zelo lizwe. ULeonilda Martineli, owayenguvulindlela okhethekileyo ukususela ngowe-1957, wayengomnye weqela elinjalo elaliseRosario. Xa amaphepha ashicilelweyo ayefika ukuze adityaniswe, abazalwana noodade babebeka itafile ende baze bawadwelise kuyo amaphepha lawo ngokweenombolo zawo. Bandule ke bawaqokelele ngokulandelelana kwawo, ukusuka kwelinye icala ukuya kwelinye icala letafile. Bakugqiba ukupakisha isixa esithile samaphephancwadi, kwakuye kufuneke acinezelwe ukuze bakwazi ukufaka angakumbi ebhokisini. Ekubeni wawungekho umatshini wokwenza oku, omnye udade osisidudla wazicelela ukuba awenze ngokwakhe loo msebenzi. Xa kupakishwe isixa esikhulu ngokwaneleyo, wayehlala phezu kwaso de sehle sibe sincinane. Andule ke omnye asithathe asipakishe ezibhokisini. Le nkqubo yayisebenza kakuhle kakhulu kangangokuba abasebenzi bambongoza lo dade ukuba angawehlisi umzimba!
Kwisixeko saseSanta Fe, intsapho yakwaGaitán yavula ikhaya layo ukuze wenzelwe kulo lo msebenzi wokudibanisa amaphephancwadi. Nakubeni babezama ukusebenza ngokufihlakeleyo, abamelwane baphawula ukuba iibhokisi zazingena ziphuma kuloo ndlu. Babecinga ukuba loo ntsapho yayisenza amaqebengwana. Kamva, ngowe-1979, isebe lalitshintshela kwenye indawo elo qela labasebenzi. Abamelwane babedidekile baza ethubeni babuza enoba umzi-mveliso wamaqebengwana wawuvaliwe kusini na. UDade Gaitán uthi: “‘Amaqebengwana’ esasiwenza ayemnandi yaye enesondlo ngakumbi kunokuba babecinga abamelwane bethu!”
Ukuthuthwa Koncwadi
Ukuthuthwa kwamaphephancwadi nolunye uncwadi ukuya kubazalwana kwakulolunye ucelomngeni. Kummandla waseBuenos Aires, kwamiselwa iindawo olwaluza kuthuthelwa kuzo uncwadi. Ngesinye isihlandlo, uRubén Carlucci wayesele eza kugqiba ukuhambisa amaphephancwadi kwezo ndawo zimiselweyo, waza wamiswa lipolisa. URubén wathobela kodwa othukile, yaye ethandaza ecela uncedo kuYehova. Akuba eyimisile ilori, elo polisa leza kuye laza lathi: “Ungakhe undincede sityhale le nqwelo yam? Ayivumi ukude idume.” Zathi xibilili izibilini kuRubén, waza wavumela phezulu. Wandula ke wagqibezela umsebenzi wakhe evuyile!
UDante Doboletta, owayekhonza njengomveleli wesiphaluka kwingingqi yaseRosario, eSanta Fe, wayethabatha amaphephancwadi apho ayedityaniselwa khona aze awasasaze kuwo onke amabandla akwisiphaluka sakhe. Oku kwakuthetha ukuba ubuncinane wayehamba malunga nama-200 eekhilomitha kabini ngenyanga. Ukuze angabonwa, wayekwenza oko ebusuku, enduluka akuba ewugqibile umsebenzi wakhe wosuku kwibandla alityeleleyo, yaye maxa wambi wayebuya ekuphumeni kwelanga. Ngesinye isihlandlo, wabona iinqwelo-mafutha zidwelile zihlolwa ngamajoni axhobileyo angaphezu kwama-30, evula mthwalo ngamnye okuzo. Elinye ijoni labuza lathi kuDante: “Ukhwelise ntoni kule nqwelo-mafutha?”
“Izinto zam,” waphendula ngelitshoyo uDante.
Elo joni lathi kuye: “Khawuvule pha ngasemva, khawulezisa.”
UDante waphendula wathi: “SingamaNgqina kaYehova. Yintoni ke esingaba siyiphethe?”
Elinye ijoni layiva le ncoko laza lathi: “Bayeke bahambe. AmaNgqina kaYehova akaziphathi izixhobo nezinto ezingekho mthethweni.” Kangangeminyaka emibini, uDante wayethutha uncwadi engahlolwa.
Abazange Bazityeshele Iintlanganiso
Kwiveki kanye owavalwa ngayo umsebenzi, amaNgqina kaYehova eArgentina akazange ‘akutyeshele ukuhlanganisana kwawo ndawonye.’ (Heb. 10:25) Ayehlanganisana engamaqela amancinane, yaye ayezitshintsha ngokufuthi iindawo namaxesha okuhlanganisana. Oku kwakuthetha umsebenzi ongakumbi kubadala, kuba ngokufuthi kwakufuneka bayiqhube kaliqela intlanganiso enye kumakhaya ahlukeneyo.
Idolophu encinane yaseTotoras, ekuphela kwendawo ababenokuhlanganisana kuyo yayikumbindi wedolophu. Ngoko amaNgqina asekuhlaleni kwafuneka asebenzise ubuqili obungakumbi. Umninindlu, uMzalwan’ uReverberi, wenza into eyayibonakala njengetafile eqhelekileyo enedrowa yokufaka izinto ezahlukahlukeneyo. Kodwa, umphezulu wayo wawunokuphakanyiswa, kuze kufihlwe iincwadi namaphephancwadi ngaphantsi kwawo. Xa kunkqonkqozwa emnyango, babelufihla ngokukhawuleza lonke uncwadi kuloo tafile!
Abavakalisi babenxiba iimpahla zokuphola ezintlanganisweni. Maxa wambi oodade babefaka izinto zokolula iinwele, banxibe iibhulukhwe, baze baphathe neebhegi zokuya evenkileni. Iintlanganiso zazibizwa ngokuthi mateadas. Imaté yiti edla ngokuphungwa namaqebengwana okanye ikeyiki. Ukuhlanganisana ukuze kuphungwe imaté kuyinto eqhelekileyo eArgentina, ngoko oku kwavula ikroba lokuba bakwazi ukuqhuba iintlanganiso zokomoya ngaphandle kokurhaneleka.
Noko ke, bezibakho iziganeko ezinyusa izibilini. UTeresa Spadini wayengudade othembekileyo, nonobubele, owayethandwa kakhulu ekuhlaleni. Ebudeni bokutyelela komveleli wesiphaluka, iqela labangama-35 lahlanganisana ekhayeni lakhe ukuze kuqhutywe iintlanganiso. Ngequbuliso, kwamisa inqwelo-mafutha yamapolisa agadileyo ekuhlaleni, laza elinye ipolisa lankqonkqoza kwakhe. Ngoko nangoko, umzalwana owayenikela intetho wahlala phantsi kunye nalo lonke iqela elalikho. Uthe akuvula umnyango uTeresa, lathi elo polisa: “Teresa, ndingayisebenzisa imfonomfono yakho?”
Njengoko elo polisa lalijonge kwiqela elalihlanganisene, uTeresa wacacisa wathi: “Sinentlanganiso yentsapho.” Njengoko elo polisa latsalela umnxeba kwisikhululo samapolisa, lonke elo qela lanyukelwa zizibilini, licinga ukuba liza kuthi makuziwe nenqwelo yamapolisa ize ibathathe bonke. Noko ke, kwatsho kwee qabu besakuva ukuba lithetha ngenye into emnxebeni. Lakuba ligqibile, lajonga kuTeresa laza lambulela. Emva koko lajonga kwiqela ebelilapho laza lathi: “Uxolo ngokuphazamisa. Niyinandiphe intlanganiso yenu.”
Ukujamelana Nokugqogqwa Ngamapolisa
Xa iqela lahlanganisanayo ukuze libhaptizwe, omnye ummelwane wazisa amapolisa ngaloo ntlanganiso. Ekubeni abazalwana babecebe ukuba babe neasado, okanye ukosa inyama, ukuze baqume eyona njongo yaloo ntlanganiso, baqhubeka njengoko babecebile. Inyama eyosiweyo ithandwa kakhulu eArgentina, ngoko wonk’ ubani wayekhangele phambili kuloo ndlela inencasa yokuquma loo ntlanganiso. Zithe zakugaleleka ezo “ndwendwe” zingamenywanga zihamba ngelori yamajoni, abazalwana noodade bawamema ngobubele loo majoni ukuba athath’ inyama oje. Kodwa wona alandula aza emka engadanga asibona “isimuncumuncu” esasiza kulandela!
Maxa wambi amagama awasebenzisayo amaNgqina kaYehova ayengqineka esisikhuselo. Ngesinye isihlandlo xa abamelwane batsalela umnxeba abasemagunyeni bebazisa ngentlanganiso eyayiqhutyelwa kwelinye ikhaya, amapolisa afika emva kokuba sekumke wonk’ umntu, ngaphandle kwabadala. Ankqonkqoza emnyango, waza udade ohlala apho wathi kuwo: “Bonke bemkile ngaphandle kwezicaka.”
Amapolisa aphendula athi: “Hayi, asifuni zicaka. Sifuna abo baphetheyo!” Aza emka ephaca.
Ukushumayela Ngethuba Lokuvalwa Komsebenzi
Phezu kwayo nje imiqobo, umsebenzi wokushumayela waqhubeka. Kambe ke, phantsi kwezo meko zinzima, abazalwana babelumke ngokwenene. Ngokuqhelekileyo ayengabi ngaphezu kwesibini amaNgqina asebenza kwintsimi enye ngaxeshanye. USara Schellenberg ukhumbula indlela awayebatyelela ngayo abantu baseBuenos Aires. Uthi: “Senza iimaphu zentsimi ezincinane ezazilingana nentende yesandla. Kwelinye icala lazo kwakuncanyatheliswe iphepha elifingqiweyo elinoludwe lazo zonke iinombolo zezindlu. Sasityelela indlu enye kuphela kwisitrato ngasinye size siyiphawule kolo ludwe ukuze umvakalisi olandelayo aye kwindlu eyahlukileyo. Ukusuka apho sasisiya kwesinye isitrato size sityelele kwenye indlu.”
Kungekudala emva kokuqalisa kwabo ukusebenzisa le nkqubo, uCecilia Mastronardi wayeshumayela yedwa. Njengoko wayenkqonkqoza komnye umzi, kwathi gqi ipolisa likhwele isithuthuthu. UCecilia uthi: “Landibuza ukuba ndandisenzani apho. Ekuphela kwento eyathi qatha engqondweni yam kukunikela ubungqina nokulibonisa incwadi ethi Did Man Get Here by Evolution or by Creation? Layithatha incwadi, landinika umnikelo wayo, laza landibhabhayisa ngobubele. Kwaba kungona ndiqondayo ukuba lalingamiseli kundibamba. Lalihlala kuloo ndlu ndandityelele kuyo!”
Babeneendlela ezininzi ezahlukahlukeneyo zokuquma umsebenzi wokushumayela. Omnye udade waya kuphangela kwinkampani ethengisa amafutha okuthambisa ukuze afumane ithuba lokungena kwindlu ngendlu ethetha nabathengi. UMaría Bruno, oneminyaka engama-86 ngoku ubudala nobenguvulindlela othe ngxi kangangama-29 eminyaka, wayephatha isipaji esasinezityalo eziphumele ngaphandle, ukuze atsale ingqalelo yabaninimzi ababenomdla wokuthetha ngezityalo. Ngale ndlela wayeqalisa iincoko ezazikhokelela ekutyalweni kwembewu yenyaniso.
UJuan Víctor Buccheri, umnini-venkile owabhaptizwa kanye emva kokuqalisa kokuvalwa komsebenzi, naye wayefuna ukuxelela abanye ngeendaba ezilungileyo afunde ngazo. Ezindongeni zevenkile yakhe kwakukho imifanekiso yonqulo neyezemidlalo nezolonwabo. Ngoko wayisusa waza waxhoma imifanekiso yamazwe amaxesha okubhalwa kweBhayibhile kunye nemibhalo echazayo. Bamangaliswa ngokwenene abantu ababeze kuthenga! UMzalwan’ uBuccheri wayenikela ubungqina kwabo babebuza ngaloo mifanekiso okanye izibhalo ezazicatshuliwe kuyo, yaye ngaloo ndlela, waqalisa izifundo zeBhayibhile ezingaphezu kweshumi. Ezinye zazo zayamkela inyaniso yaye zisengabazalwana abathembekileyo unanamhla.
Abantu BeBhayibhile Eluhlaza
Ubunzima obabangelwa kukuvalwa komsebenzi babaqeqesha abavakalisi eArgentina baba ngabalungiseleli abanobuchule ngakumbi. Ekubeni babesenza utyelelo lokuqala besebenzisa iBhayibhile kuphela, baba nobuchule bokusebenzisa imibhalo yeBhayibhile ekoyiseni inkcaso nasekuthuthuzeleni abantu.
Ukuze bangarhanelwa, maxa wambi babesebenzisa enye iBhayibhile engeyiyo INguqulelo Yehlabathi Elitsha. Xa omnye umzalwana wayesebenzisa inguqulelo eyiTorres Amat, iBhayibhile yamaKatolika ebhalwe ngesiSpanish sakudala, wafumana intsabelo engalindelekanga. Emva kokuba umninimzi emphulaphule efunda izibhalo awakufumanisa kunzima ukuziqonda, wathi kulo mzalwana uza kumzisela iBhayibhile ekulula ngakumbi ukuyiqonda. Wothuka umzalwana akumbona esiza neNguqulelo Yehlabathi Elitsha!
Ngaloo minyaka, INguqulelo Yehlabathi Elitsha yayinoqweqwe oluluhlaza. Ngenxa yoko, abantu basekuhlaleni balunyukiswa ukuba bangabaphulaphuli abantu ababephethe iBhayibhile eluhlaza. Noko ke, ekubeni bembalwa ababevumelana norhulumente kulo mba, ekuphela kwento okwayenzayo oko kukuvusa umdla wabantu. Omnye umnikazimzi wabuza udade ukuba wawunjani umbala weBhayibhile yakhe. Xa udade waphendula ngokunyanisekileyo ngokuthi wawuluhlaza, eli nenekazi lathi: “Kwakuhle oko, ndifun’ ukukhe ndive ukuba kanye kanye bathini aba bantu beBhayibhile eluhlaza.” Lammema udade ukuba angene baza baba nengxoxo efudumeleyo.
Ziphelele Koobani Iincwadi?
Okwethutyana, amaNgqina aseArgentina aqhubeka eshumayela esebenzisa uncwadi awayelufihlile. Kodwa ekuhambeni kwexesha lwaphela olo ncwadi, yaye yayingekho indlela yokuthunyelwa koncwadi olutsha oluvela ngaphandle. Ukanti, kwakusekho iincwadi ezingama-225 000 ezazigcinwe kuvimba wasesebeni.
Amapolisa agqiba ekubeni azithabathe ezo ncwadi zifihliweyo aze azithengise kwinkampani eyenza iphepha. Kwenziwa amalungiselelo okuba ezo ncwadi zilandwe eBheteli, zisiwe kumzi-mveliso wephepha. Kwenzeka ukuba abe kanti umqhubi wesithuthi eso wayekhe wafundisisa iBhayibhile kunye nommelwane wakhe owayengomnye wamaNgqina kaYehova. Uthe akubona ezo ncwadi azithuthayo, wabuza ummelwane wangaphambili ukuba amaNgqina kaYehova ebengathanda na ukuzithenga kuye ezo ncwadi. Kwenziwa amalungiselelo afanelekileyo, yaye ngokomyalelo wamapolisa ezo ncwadi zathuthelwa kwindawo eyayikhethwe lisebe! Ngoko, phezu kwako nje ukuvalwa komsebenzi, iincwadi ezingama-225 000 ezasiwa kumzi-mveliso wephepha zasetyenziswa ngendlela eyahluke kakhulu kuleyo abasemagunyeni babeyinqwenela!
Kwakhona uYehova wabalungiselela abantu bakhe ngokusebenzisa abazalwana abanenkalipho ababekulungele ukuzisa iincwadi ezipapashwa nguMbutho ezazivela kwamanye amazwe. UNorberto González, uvulindlela okhethekileyo, ubalisa esithi: “Ngesinye isihlandlo, ilungu leKomiti yeSebe laseUruguay lasinika imibhalo eli-100 yencwadi yesikhokelo yeSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani ukuba siyise kubazalwana abaneembopheleleko eArgentina. Sakwazi ukuzingenisa ezo ncwadi zibalulekileyo kwelo lizwe. Sonke saxhuma luvuyo xa konke kwahamba kakuhle.” Mhlawumbi umntu ongazange abe nakuxhuma kangako ngumzalwana osisiqhwala owayefihle ezinye zezo ncwadi kumlenze wakhe weplanga!
AmaNgqina aseArgentina aye afunda ukuluxabisa kakhulu kunangaphambili uncwadi olupapashwa yiWatch Tower Society. Ekuqaleni kokuvalwa komsebenzi, qela ngalinye lesifundo sencwadi lalifumana umbhalo omnye kuphela weMboniselo. Elo phephancwadi linye lalijikeleziswa kubo bonke abavakalisi, ababesithi bona bakhuphele imibuzo neempendulo ezaziza kuxutyushwa esifundweni ukuze bakwazi ukuba nenxaxheba. (Fil. 4:12) Kwakungabhalwa nto eluqweqweni lweMboniselo ukuze ingabhaqeki lula, kodwa ngaphakathi yayinokutya okutyebileyo kokomoya. Abazalwana babesomelezwa yaye bemanyaniswa ngala malungiselelo akhethekileyo.
Indlela Yokufihla Indibano
Abazalwana baseArgentina babesondliwa ngokomoya ngeentlanganiso zamaqela amancinane besebenzisa naluphi na uncwadi ababenalo, kodwa babenokuzuza njani kwiindibano ezinkulu ezibakho kathathu ngonyaka, ezo zazinanditshwa ngamaNgqina kaYehova kwezinye iinxalenye zehlabathi? Iindibano zokuqala ezaqhutywayo emva kokuvalwa komsebenzi zazibizwa ngokuba ziziqalelo zendibano. Ngabadala neentsapho zabo kuphela ababesiya kuzo. Kamva abo badala babeluphinda ucwangciso lwendibano emabandleni abo. UHéctor Chap, owakhonza iminyaka emininzi ngenzondelelo njengomveleli ohambahambayo, uthi: “Maxa wambi, sasikwazi ukuyiqhubela endle indibano. Apho sasingqongwe yimfuyo yasemaphandleni. Sasingayinanzanga nganto kuba sasiphulaphule ngenyameko oko kwakuthethwa. Abazalwana abaninzi balurekhoda ucwangciso ukwenzela ingenelo yabo bangakwazanga ukubakho. Ekuluphulaphuleni kwabo, bacubhuka yintsini—kuba babesiva intsholo yokunxakama kweenkomo needonki, neyokukhonya kwemiqhagi.”
Abazalwana babezibiza iindibano ngokuthi “ziipikniki” kuba zazidla ngokuqhutyelwa endle. Indawo ababethanda ukuyisebenzisa eBuenos Aires yayiyindawo yasemaphandleni ekufuphi nomda waseSanta Fe, ebizwa ngokuba yiStrago Murd. Loo ndawo yayifanelekile kuba yayingqongwe yimithi, eyayibanika ikhusi. Kodwa abo babeye “kwipikniki” bothuka bakufika ngenye imini igawuliwe loo mithi mihle! Nangona lalingekho ikhusi, baqhubeka “nepikniki” yabo, besebenzisa esinye isikhondo somthi njengeqonga lesithethi zaza ezinye zaba zizihlalo zabo babekho.
Enye indawo abazalwana ababeyisebenzisela iindibano yayingumzi-mveliso womnye wamaNgqina kaYehova. Umnini waloo mzi-mveliso wayenelori enkulu enentente evalekileyo yaye wayeyisebenzisa ekuthutheni abo babesiza endibanweni. Umqhubi wayejikeleza aqokelele abazalwana abali-10 ukusa kwabali-15 sihlandlo ngasinye, abase kumzi-mveliso, aze abathule emva kokuba evale umnyango wegaraji. Ngaloo ndlela abantu abamalunga ne-100 babehlanganisana ngaphandle kokuphawulwa ngabamelwane nangamapolisa. Amanye amaNgqina aseArgentina ayesiya eBrazil naseUruguay ebudeni baloo minyaka ukuze angenelwe kumalungiselelo okomoya eendibano.
Iintlanganiso Entolongweni
Kwanangaphambi kokuvalwa komsebenzi ngowe-1976, abazalwana abaninzi abaselula bajamelana nokuvavanywa kokunyaniseka kwabo ngenxa yobundilele babo bobuKristu. Ngenxa yokulandela kwabo umgaqo weBhayibhile okuIsaya 2:4, othi ‘ningafundi imfazwe,’ abaninzi bagwetywa iminyaka emithathu ukuya kwemithandathu entolongweni.
Ukanti, khona apho entolongweni, bazama iindlela zokufundisisa iBhayibhile nezokuqhuba iintlanganiso. Kwakhona babesivakalisa ngenzondelelo isigidimi soBukumkani eziseleni zabo. Abadala bamabandla aselumelwaneni babebatyelela aba bafana bathembekileyo ukuze babakhuthaze baze babanike nokutya okubalulekileyo kokomoya.
UOmar Tschieder, obekhonza eBheteli ukususela ngowe-1982, wavalelwa ukususela ngowe-1978 ukusa kowe-1981 kwintolongo yomkhosi yaseMagdalena kwiphondo laseBuenos Aires. Wayebanjelwe ukwala ukunxiba impahla yasemkhosini. Le ntolongo yayinamacandelo aliqela, nezisele ezingama-20 ezazijonge ngakwipaseji enye, sisele ngasinye siziimitha ezintathu eziphindwe kabini ubukhulu. La maNgqina avalelweyo ayesebenzisa izisele ezithathu ezazisekupheleni kwepaseji njengendawo yokuqhubela iintlanganiso. Kwakunokuhlanganisana abali-10 ukusa kwabali-12 kuphela ngexesha, ngoko kwakudla ngokuqhutywa iintlanganiso ezisi-8 ukusa kwezili-14 veki nganye.
Abazalwana babenika omnye isabelo sokuba agade ukuba akukho bani uzayo aze alumkise elo qela lihlanganiseneyo. Babenemiqondiso eliqela ababeyisebenzisa ukulumkisa iqela. Maxa wambi lowo ugadileyo wayesuka nje ankqonkqoze eludongeni. Ngamanye amaxesha kwakubotshelelwa intambo phakathi kwalowo ugadileyo kunye nomnye kubaphulaphuli. Xa kubonakala ukuba bangahle babhaqwe, unogada wayetsala intambo leyo, aze lowo ibotshelelwe kuye alumkise iqela. Enye indlela yayikukuthetha amazwi anegama elithile elingumqondiso. Ngokomzekelo, lowo ugadileyo wayesenokukhwaza athi: “Ukhona kuni onemvulophu?” Xa besiva igama elingumqondiso elithi “imvulophu,” abazalwana babezimela. Ngamnye wayesabelwa indawo yakhe yokuzimela—phantsi kwebhedi, emva kocango—naphi na apho babengenakubonwa khona ngumlindi xa ekroba ngembobo eseludongeni. Konke oku kwakusenziwa ngokuzolileyo ngephanyazo. Kwakufuneka babe ngabantu abalungeleleneyo!
Ngesinye isihlandlo ebudeni bentlanganiso, abazalwana bazimela buphuthuphuthu emva kokuba belunyukisiwe ukuba kwakukho umntu ongaqondakaliyo owayengena kwicandelo labo. Ibanjwa elingenguye omnye wamaNgqina kaYehova lavula ucango laza labeka okuthile phezu kwetafile. Ekuphumeni kwalo, lajika laza labuza lathi, “Kutheni nizimela nje?” Kanye ngelo xesha, umlindi wayebetha umlozi, efuna abathile abaza kucoca. Ngoko abazalwana baphendula bathi, “Sizimela ela polisa.” Olo ndwendwe lwavelana nabo lwaza lwakhawuleza lwemka. Abazalwana bayigqiba intlanganiso yabo bengakhange baphazamiseke kwakhona.
Ithala Leencwadi Elifihlakeleyo Entolongweni
Ihambo entle yamaNgqina yaphumela ekubeni anikwe iimbopheleleko ezingakumbi entolongweni. Abazalwana babesebenza kumatshini wokushicilela wasentolongweni yaye ngabo ababephethe kwiholo yemiboniso, kwigumbi lokunyamekela abagulayo, nakwigumbi lokucheba iinwele. Ukuze bahambisele phambili izilangazelelo zoBukumkani, bawasebenzisa ngokupheleleyo loo malungelo babejizekwe wona. Ngokomzekelo, imifanekiso yentolongo yaseMagdalena ibonisa ukuba iholo yayo yemiboniso yayiluxande, nangona iimbombo zayo zazibusazinge. Ngoko emva kweendonga kwakukho isithuba esivulekileyo esimalunga neemitha ezimbini eziphindwe ngemitha enye, nesinokuphakama okuziimitha ezimbini. Le yaba yeyona ndawo ifanelekileyo yethala leencwadi, ekwakufihlwa kuyo iiBhayibhile neempapasho zeWatch Tower Society!
UHéctor Varela, owachitha iminyaka emithathu kuloo ntolongo, uthi abazalwana babengena kule ndawo ngokuthi basuse icandelo lodonga elikwigumbi elinomatshini wokubonisa imifanekiso, bakhwele esihlalweni baze batsibele ngaphakathi. Babezifihla iincwadi nasezikhabhathini ezikumagumbi okutyela.
Maxa wambi, abazalwana babevunyelwa ukuba baphume baye kutyelela iintsapho zabo okwexeshana elithile. Aba bazalwana babedla ngokusebenzisa loo mathuba ukuzisa iinkupho ezintsha zephephancwadi IMboniselo noVukani! URodolfo Domínguez, ngoku ongumveleli ohambahambayo, ubalisa enye into eyakha yenzeka ngesinye sezo zihlandlo. Uthi: “Sasiqhusheke IMboniselo noVukani! ngaphantsi kweempahla zethu. Xa sifika entolongweni, kwakudweliwe kuba abalindi babehlola ngokucokisekileyo. Saya sisondela ngokusondela kubo. Kwathi kanye xa babeza kuhlola thina, yaba lixesha lokuba batshayise, baza bayeka ukuhlola!”
UMzalwan’ uDomínguez uhlabela mgama esithi: “Sasiziqhuba zonke iintlanganiso zebandla apho entolongweni, kangangokuba intetho yam yesidlangalala yokuqala ndayinikela apho.” Loo maNgqina ayede enze nemidlalo yeBhayibhile apho efake nesinxibo sakhona esipheleleyo, awayesingenisa ngethuba lokutyelela kwawo iintsapho zawo. Abalindi abazange barhanele nto xa bebona iimbadada, imiwunduzo, nezinye izinxibo.
Ukwenza Abafundi Ngaphaya Kwezitshixo
Umsebenzi wokushumayela nowokwenza abafundi waqhubela phambili kwanangaphaya kwezitshixo. Omnye wabo bancedwayo yinzondelelo nayihambo entle yabazalwana entolongweni yayinguNorberto Hein. Wayelilungu lomkhosi wemfazwe waseArgentina waza wabanjelwa ukusebenzisa iziyobisi. Kwiintolongo eziliqela wadibana namaNgqina aselula awayebanjelwe ukungavumi kwawo ukuba semkhosini ngenxa yesazela. Wasithanda isimo sawo sengqondo, waza ngoxa wayesentolongweni ePuerto Belgrano, wacela ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. Ngenyanga nje enye, wayifundisisa wayigqiba incwadi ethi Inyaniso Ekhokelela Kubomi Obungunaphakade. Emva koko, wasiwa kwintolongo yaseMagdalena, waza ngowe-1979 wabhaptizwa apho entolongweni.
UNorberto ubalisa athi: “Intetho yobhaptizo yanikelwa ngeCawa malunga nentsimbi yesithoba ngokuhlwa. Sasimalunga neshumi sisonke, kodwa abanye abazalwana babengaphandle kwesisele begadile. Emva kwentetho, ndahamba nabazalwana ababini saya kwigumbi lokutyela elalinebhafu enkulu yokuhlambela iimbiza neepani.” Loo “bhafu yokubhaptizela” yazaliswa ngamanzi abandayo, angasokuze awalibale uNorberto kuba kwakusebusika ngoko!
Phezu kwako nje ukutshutshiswa ngenxa yokunxulumana namaNgqina kaYehova, waqhubeka ngokuqinileyo ekhonza uYehova. (Heb. 11:27) UNorberto nomfazi wakhe, uMaría Esther, baye bakhonza ngokuthembekileyo ngaphezu kweminyaka eli-15 eBheteli.
‘Uze Ungaceli UThixo Ukuba Andohlwaye’
Nangona amanye amagosa asentolongweni ayengekho ngqwabalala kumaNgqina, ayengenjalo onke. Omnye umlindi oyintloko kwintolongo yasemkhosini wayebavimba ukutya neengubo abazalwana xa inguye ogade amabanjwa. Lo mlindi wayengqwabalala. UHugo Coronel ubalisa esithi: “Ngenye intsasa, lo mlindi walukhaba lwavuleka ucango lwesisele sam, wanditsalela phandle, waza wakhomba kumajoni amahlanu axhobileyo ngoxa wayendixelela ukuba kuphelile ngam. Wazama ukundinyanzela ukuba ndityobele iphepha lokulahla ukholo lwam. Ndathi ndakwala, wandixelela ukuba ndibhalele umama ileta kuba ndandisele ndiza kufa. Elugcwabevu ngumsindo, wandityhilizela ngaseludongeni lwezitena, wayalela loo majoni ukuba aphakamise imipu yawo, waza wathi ‘Dubulani!’ Kwathi nqakra nje kwaphelela apho. Abo mbayimbayi babengenazimbumbulu. Yayiliqhinga nje elo lokwaphula ingqibelelo yam. Loo mlindi weza kum, eqinisekile ukuba uza kufika ndilila kukoyika. Uthe akundibona ndizolile, wabhabhazela ngumsindo. Ndabuyiselwa esiseleni sam, ndothukile kancinane kodwa ndivuya kuba uYehova eye wayiphendula imithandazo yam yokuba ndihlale ndiqinile.”
Kwiintsuku ezimbalwa ngaphambi kokuba uHugo atshintshelwe kwenye intolongo, loo mlindi waxelela onke amanye amajoni ukuba ngengomso wayeza kumnyanzela uHugo ukuba anxibe impahla yasemkhosini. Wathi, nkqu noYehova akanako ukumthintela. Yintoni eyenzekayo? UHugo uthi: “Ngengomso, safumanisa ukuba loo mlindi wanqumka intloko kwingozi emanyumnyezi yenqwelo-mafutha. Oku kwabothusa kakhulu bonke abo babesentolongweni. Inkoliso yabo yayivakalelwa kukuba leyo yindlela uThixo awayelohlwaya ngayo elo joni ngenxa yobukrwada nokusa kwalo. Kangangokuba, umlindi owandisa esiseleni sam ngobo busuku wandicenga ukuba ndingamceli uThixo ukuba amohlwaye naye!” Ngoku uHugo ukhonza njengomdala eVilla Urquiza, eMisiones.
Inye into esiqiniseke ngayo—la matyendyana awalayo ukwenza iinkonzo zasemkhosini ayilondoloza ingqibelelo yawo phantsi kweemeko ezinzima kakhulu. Amagosa entolongo awagrogrisa ngokuwadubula amanye awo. Amanye awatywatyusha, awavimba ukutya, aza awavalela odwa. Phezu kwayo nje indlela ababephethwe ngayo aba bazalwana, ukholo lwabo nokugcina kwabo ingqibelelo kwanikela ubungqina obunamandla kumajoni nabasebenzi basemkhosini nakumabanjwa ngokufanayo.
Ukuzuza Kwisifundo Sentsapho Esithe Rhoqo
Nabantwana kwakuye kufuneke ‘bazithethelele phambi kwakhe nabani na owayefuna kubo isizathu sethemba elikubo.’ (1 Pet. 3:15) Xa oonyana bakaJuan Carlos Barros, ababeneminyaka esixhenxe nesibhozo ngelo xesha, babengena kwisikolo sikarhulumente, inqununu yanyanzela unyana omdala ukuba akhahlele indwe phambi kweklasi. Uthe akwala, yamngxolisa, yambetha, yaza yamtyhalela ngakwindwe leyo. Sekunjalo, wala ukukhahlela kuyo. Ukusuk’ apho, yawathabatha la makhwenkwe omabini yawasa eofisini yayo yaza yazama kangangeyure yonke ukuwanyanzela ukuba acule umhobe wesizwe. Yathi yakoyisakala, yagqiba ekubeni iwagxothe esikolweni.
Oku kwada kwaya kufikelela kwinkundla yamatyala. Ebudeni bokuchotshelwa kwetyala, ijaji yawabizela bucala loo makhwenkwe ukuze iwancine. Ukuphendula kwawo ngokungathandabuziyo kwayicaphukisa ijaji kangangangokuba yayingcangcazela, yabetha ngenqindi etafileni, yaza yaphuma kwelo gumbi. Yabuya emva kwemizizu eli-15 isangcangcazela. Sekunjalo, amaNgqina aliphumelela elo tyala! Emva kokuwiswa kwesigwebo, ijaji yathi kuMzalwan’ uBarros: “Unentsapho entle kakhulu! Ukuba zonke iintsapho bezinemigaqo ephakame ngolu hlobo, iimeko ngezintle kweli lizwe.” UMzalwan’ uBarros uthi: “Oku kwakugxininisa ngakumbi kum ukuba isifundo sentsapho esithe rhoqo siluncedo ukuze abantwana bethu bahlale bekulungele ukuma beqinile.” Ekugqibeleni, ngowe-1979, iNkundla Ephakamileyo yaseArgentina yagqiba kwelokuba abantwana banelungelo lokufumana imfundo.
Ixesha Elilungileyo Kwakhona
Ukususela ngowe-1950, isebe lalisenza isicelo, kurhulumente ngamnye omtsha, sokuba amaNgqina kaYehova agqalwe njengonqulo olusemthethweni. Ukugqalwa ngokusemthethweni kwakubandakanya amanqanaba aliqela. Okokuqala, kwakufuneka kusekwe umbutho osemthethweni onamalungu alinani elimiselweyo nonenkalo ethile yezentlalo okanye yonqulo ojongene nayo, njengokufundisa abantu ngeBhayibhile. Okwesibini, lo mbutho osemthethweni wawumele ubhaliswe. Kwakumele kufunyanwe imvume karhulumente yokuba usukelo lwawo lusemthethweni. Akuba urhulumente eyinikele imvume, loo mbutho wawunikwa inombolo esemthethweni. Ngale nombolo, wawunako ukwenza isicelo sokugqalwa njengentlangano yonqulo esemthethweni. De kwaba ngowe-1981, imizamo yamaNgqina kaYehova yokuba nombutho onjengalo ibisoloko ikhatywa ngelithi usukelo lwawo kwezentlalo nakunqulo lwalungekho mthethweni ngenxa yokuba umsebenzi wawo wawuvaliwe.
NgoNovemba 1976, kwiinyanga nje ezimbini emva kokuvalwa ngokutsha komsebenzi wamaNgqina kaYehova, iofisi yesebe yabongoza inkundla yesizwe yaseArgentina ukuba iwuvule umsebenzi wawo. Ukongezelela, isebe lenza isibheno ngokuphathelele amatyala abandakanya ukugxothwa kwabantwana bamaNgqina esikolweni ngenxa yokwala ukuba nenxaxheba kwimibhiyozo yesizwe, ukubanjwa kwabazalwana ngenxa yokwala ukwenza iinkonzo zasemkhosini ngenxa yesazela, nokuhluthwa kweempapasho zeWatch Tower Society.
Ngo-Oktobha 10, 1978, ezi zibheno zadluliselwa kwiKomishoni Ejongene Namalungelo Abantu BaseMerika. Le komishoni yafumanisa ukuba urhulumente uye akawahlonela amalungelo amaNgqina kaYehova yaza ke ngoko yancomela ukuba umsebenzi wawo uvulwe kwakhona.
NgoDisemba 12, 1980, umkhosi wamajoni owawulawula ngelo xesha walwamkela uncomelo lweKomishoni Ejongene Namalungelo Abantu BaseMerika waza wawuvula kwakhona umsebenzi. Oku kwavulela abantu bakaYehova eArgentina ithuba lokuba bahlanganisane ngokukhululekileyo. Olunjani lona uvuyo ababa nalo abazalwana! Noko ke, nangona umsebenzi wamaNgqina kaYehova wawungasathintelwanga, intlangano yawo yonqulo yayingekagqalwa ngokusemthethweni.
Ekugqibeleni, ngoMatshi 9, 1984, urhulumente wayigqala ngokusemthethweni njengonqulo iAssociation of Jehovah’s Witnesses. Oko yaba kukuphela kokulwelwa kwemvume yokugqalwa ngokusemthethweni okwathabatha iminyaka emininzi. Ekugqibeleni, babekwazi ukuxhoma iibhodi zofaniso kwiiHolo zoBukumkani! Hayi indlela ababevuya ngayo abazalwana baseArgentina! Bonke baphinda amazwi omdumisi athi: “Inkulu into asenzele yona uYehova.”—INd. 126:3.
Kodwa ukugqalwa ngokusemthethweni kwakuthetha okungakumbi lee kunokuxhoma ibhodi yofaniso kwiHolo yoBukumkani. UCiríaco Spina, umdala ongumKristu eBuenos Aires, wathi: “Wakuba uvuliwe umsebenzi saza savunyelwa ukuba sibe neendibano ezinkulu kwakhona, sasifuna ukusebenzisa ezona ndawo zisemgangathweni ofanelekileyo ukuze sizukise uThixo wethu, uYehova. Kukaninzi sizama ukusebenzisa iBala Lemidlalo Lesixeko elitsha eliseMar del Plata, kodwa ngenxa yokuba sasingagqalwa ngokusemthethweni, asizange sivunyelwe ukuba silisebenzise. Siyambulela uYehova, kuba ngowe-1984 amaNgqina aye agqalwa ngokusemthethweni. Ngoku siyakwazi ukulisebenzisa iBala Lemidlalo Lesixeko, yaye kutshanje siye sasebenzisa nelinye iBala Lemidlalo elisandlul’ ukwakhiwa ekuqhubeni iindibano zethu.”
Kwakusele kuyiminyaka abazalwana bagqibela ukunandipha umoya owakhayo weendibano ezinkulu, ngoko isebe lagqiba ekubeni likusebenzisele loo njongo ukutyelela komveleli wecandelo, uFred Wilson. Kwisithuba esingaphantsi kweeveki ezimbini, ayesele enziwe amalungiselelo okwamkela abazalwana abavela eGreater Buenos Aires kwiBala Lemidlalo iVélez Sarsfield, yaye leyo yaba yintlanganiso yokuqala enkulu ukususela ekuvulweni komsebenzi. Phezu kwako nje ukukhutshwa kwesaziso phantse seliphelile ixesha, simalunga nama-30 000 isihlwele esaye sanandipha “umthendeleko” ovuyisayo wokomoya apho ngoFebruwari 15, 1984.—INdu. 42:4.
Imiphumo Yokuvalwa Komsebenzi
Phantsi kolawulo lwasemkhosini, kwanyamalala kwaza kwabulawa amawakawaka abantu. Okumangalisayo kukuba, phezu kwako nje ukuba ngqwabalala kukarhulumente kumaNgqina kaYehova, akukho nalinye iNgqina elaliphakathi kwabo banyamalalayo.
Akuzange kusindiswe ubomi bawo nje kuphela kodwa afumana nodumo oluhle ngenxa yokuvalwa komsebenzi wawo. Ngaphambi kokuvalwa komsebenzi, abo babebuza amaNgqina unqulo ayekhonza kulo, babebonakala bebudideka xa esithi “singamaNgqina kaYehova.” Kodwa akubanga njalo emva kokuvulwa komsebenzi. USusana de Puchetti, obekhonza njengomlungiseleli wexesha elizeleyo kangangeminyaka engama-37, wathi: “Ekuvulweni komsebenzi, sasingasabizwa ngokuthi ooNyana bakaYehova okanye ngokuthi The Jehovahs; yaye sasingasabhidaniswa neenkonzo zevangeli. Ebudeni bokuvalwa komsebenzi, igama elichanileyo lonqulo lwethu lalikhankanywa rhoqo koonomathotholo nakumaphephandaba. Oko kwaba nomphumo ovuyisayo—ekugqibeleni abantu baliqonda igama elithi amaNgqina kaYehova.”
Ukupheliswa Ngokusemthethweni Kwesinyanzelo Senkonzo Yasemkhosini
Malunga nelo xesha, uGqr. María T. de Morini, ongusekela-sosiba wezonqulo owayeququzelela ukukhutshwa kwemvume yokugqalwa kweAssociation of Jehovah’s Witnesses njengonqulo, wabiza intlanganiso ekhethekileyo yabameli beAssociation of Jehovah’s Witnesses, nososiba wezonqulo, kunye nomphathiswa wezokhuseleko. Injongo yale ntlanganiso yayikukuxubusha ngokupheliswa kwesinyanzelo sokuba amaNgqina kaYehova aphumeze iinkonzo zasemkhosini. IKomiti yeSebe yayinethemba lokuba oovulindlela abathe ngxi babeza kuyeka ukunyanzelwa kwiinkonzo zasemkhosini, kodwa abasemagunyeni babekulungele ukwenza okungakumbi kunoko.
Abasemagunyeni babekulungele ukusiphelisa isinyanzelo esinjalo kuye nabani na owayegqalwa njengomfundi, yaye bonke abo babebhalise kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo babegqalwa njengabafundi bonqulo. Xa umzalwana obhaptiziweyo wayefikelela kubudala beminyaka eli-18 kuze kufuneke aye kuzazisa kwiziko leenkonzo zasemkhosini, abadala bebandla lakhe babezalisa baze batyobele ifomu engqinayo ngokuziphatha kwakhe okuhle. Le fomu yayithunyelwa kwiofisi yesebe ukuze ityobelwe ize idluliselwe kwiziko lokubhalisela ezonqulo. Lona lalikhupha isiqinisekiso awayemele loo mzalwana asise kwabasemagunyeni bezomkhosi ukuze akhululwe kwisinyanzelo seenkonzo zasemkhosini. Le nkqubo ephumelelayo yasetyenziswa de kwaba sekuphelisweni kwesinyanzelo seenkonzo zasemkhosini ngeminyaka yee-1990.
Ulwando Olumangalisayo Kuyo Yonke Indawo
Phakathi kowe-1950 nowe-1980, umsebenzi wamaNgqina kaYehova wawuvaliwe ngurhulumente. Abazalwana baqhubeka belishumayela ngenzondelelo ilizwi ebudeni belo xesha lenkathazo. Ngenxa yoko, uYehova wabasikelela ngolwando. Ngowe-1950 kwakukho abavakalisi abali-1 416 eArgentina. Ngowe-1980 babengama-36 050!
Ekuvulweni komsebenzi ngokusemthethweni kwabakho ulwando olungakumbi ngokuvisisana noIsaya 60:22, othi: “Omncinane uya kuba liwaka, nophantsi abe luhlanga olunamandla. Mna, Yehova, ndiya kukukhawulezisa oko ngexesha lako.” Ukuhlola nje ngokufutshane iingxelo zelo lizwe kubonisa ubunyaniso baloo mazwi. Ngokomzekelo, ukususela ekuvulweni komsebenzi, abavakalisi abangama-70 beBandla laseFrancisco Solano eseGreater Buenos Aires baye banda baya kufikelela kuma-700 ngoku abumba amabandla asixhenxe.
UAlberto Pardo, okhonza njengomdala eCinco Saltos, eseRío Negro, ukhumbula ngexesha laxa kwakukho abavakalisi abali-15 kuphela eCinco Saltos. Namhlanje kukho amabandla amathathu anabavakalisi abangama-272, abangumlinganiselo weNgqina eli-1 kubemi abali-100. UMarta Toloza weBandla laseCarmen de Patagones eliseBuenos Aires uthi: “Kuyamangalisa ukucinga ngeqaqobana elalihlanganisana kwigumbi elincinane emva phayaa ngowe-1964 uze ulithelekise nabazalwana noodade abangama-250 abahlanganisana kwiiHolo zoBukumkani ezintathu namhlanje.”
Ngenxa yolwando olukhawulezileyo ePalmira nakwiidolophu eziyingqongileyo, kwafuneka ukuba intetho yesidlangalala neSifundo seMboniselo ziqhutywe kabini mpelaveki nganye ukuze abazalwana noodade bangaxinani kwiHolo yoBukumkani. Kwakuqeshwa iholo enkudlwana ngeSikhumbuzo, ekubeni inani lababesibakho lalisoloko lisiba ngaphezu kwama-250. Ukususela ngowe-1986, kwasekwa amabandla kwiidolophu ezine ezahlukeneyo abathi bahlanganisana kuwo abanye babavakalisi ababekwiBandla lasePalmira.
IBandla lokuqala laseJosé León Suárez eliseGreater Buenos Aires elalinabavakalisi abangama-33 landa laba ngamabandla amahlanu. UJuan Schellenberg, ongumdala apho, uthi: “Sihlandlo ngasinye kusakheka ibandla elitsha, intsimi yethu yayincipha. Ngoku sinentsimi encinane enezitrato ezide ezili-16 kuphela nezifutshane ezinqumlayo ezisi-8. Intsimi yethu siyigubungela kanye okanye kabini ngeveki. Abantu abaninzi esishumayela kubo abanamdla, kodwa sisaba nawo amava amahle size siqalise nezifundo zeBhayibhile. IHolo yoBukumkani isembindini wedolophu, ngoko inkoliso yabavakalisi abali-100 esinabo iyakwazi ukuhamba ngeenyawo ukuya ezintlanganisweni.”
Ukwanda Komoya Wobuvulindlela
Ukuvulwa komsebenzi, kwavula amathuba angakumbi enkonzo. Kwakukho imimandla emininzi ekwakusafuneka abavakalisi boBukumkani kuyo.
NgoDisemba 1983 kwathunyelwa izibini ezilishumi zoovulindlela abakhethekileyo bokwexeshana ukuya kushumayela kangangeenyanga ezintathu kwimimandla engafane ifikelelwe ngamaNgqina kaYehova. Ezo zibini zakhethwayo zazisele zikhonza njengoovulindlela abathe ngxi okanye babancedani yaye zanconyelwa ngabaveleli besiphaluka. Usukelo lwalukukugubungela intsimi ebanzi ngokuhambisa uncwadi nokuqalisa izifundo zeBhayibhile ezitsha. Abo babonisa umdla babeza kunyanyekelwa ngabavakalisi bamabandla akufuphi okanye ngembalelwano. Eli phulo laba nemiphumo emihle kakhulu. Ngoku kukho amabandla kwiidolophu ezisithoba kwezilishumi abashumayela kuzo abo vulindlela.
Omnye wabo vulindlela bakhethekileyo bokwexeshana yayinguArgentina de González. UArgentina nomyeni wakhe babelwa e-Esquina. Baya apho kunye nabantwana babo abane. Kathathu ngeveki, elinye lamagumbi okulala endlwini yabo lalisetyenziselwa iintlanganiso. Kwindlu ngendlu phantse wonk’ ubani wayebamema ukuba bangene. Kuqala, abaninimzi bebesiba nomdla wokwazi apho babevela khona, nokuba banabantwana abangaphi, nalapho babehlala khona. UArgentina uthi: “Sakubanelisa ngeempendulo, babesiphulaphula ngomdla isigidimi sethu. Ndaqalisa izifundo zeBhayibhile ezisixhenxe, esinye sazo yayiseselinye ibhinqa nabantwana balo abane. Baqalisa ukuya ezintlanganisweni zisuka nje yaye abazange baphoswe ziintlanganiso. Kwiinyanga nje ezimbalwa, ibhinqa elo labhaptizwa kunye nentombi yalo, eyathi kamva yaba nguvulindlela. Kuyandivuyisa ukwazi ukuba bonke basamkhonza ngokuthembekileyo uYehova.”
Ukwanela Naphantsi Kwazo Naziphi Iimeko
Abanye ababenomoya wobuvulindlela babekulungele ukumelana nemozulu eqatha, ukuba kwanti, nokuphila ubomi obuphantsi. Xa uJosé noEstela Forte bathunyelwa njengoovulindlela abakhethekileyo eRío Turbio kwiphondo laseSanta Cruz, kwakungekho maNgqina nazifundo zeBhayibhile kuloo mmandla. Ukongezelela kolo celomngeni, iRío Turbio isemazantsi kanye eArgentina apho ingqele iqhaqhazelisa amazinyo.
Aba bakwaForte babehlala kwigumbi elincinane kwindlu yezalamane zamaNgqina, yaye babehamba umgama wama-300 eekhilomitha ukuya kwelona bandla likufuphi nabo eRío Gallegos. Ngenye imini ekubuyeni kwabo bevela ezintlanganisweni, injini yenqwelo-mafutha yabila bekuhola wendlela ekungafane kuhanjwe kuwo, ibiliswa kukuba yayivuza amanzi. Kwakubanda ngendlela eyingozi, yaye baqalisa ukufikelwa kukuyoba okubulalayo okubizwa ngabantu basekuhlaleni ngokuthi el sueño blanco. Bathandaza kuYehova ukuba bangayobi. Hayi indlela abavuya ngayo bakufika kwenye ifama ekufuphi, apho bakwaziyo ukuzifudumeza nokugalela amanzi enjinini!
Ekuqaleni, aba bakwaForte babeshumayela kummandla owawunabantu abaninzi baza ngokukhawuleza baba nezifundo zeBhayibhile ezinenkqubela ezingaphezu kwama-30. Ngethuba nje elifutshane, kwasekwa isifundo sencwadi kuloo dolophu. Ukusuka apho, benza imizamo yokufikelela abantu abasezintabeni nasemaphandleni. Kanye ngonyaka, uJosé wayethabatha uhambo lweentsuku ezintandathu okanye ezisixhenxe lokuya kushumayela ekhwele ihashe. Ngesinye isihlandlo, uJosé neqabane lakhe baya kwenye ifama abathi kuyo bahlangatyezwa libhinqa elalinenja ekhohlakeleyo. Bathi bakuzazisa njengamaNgqina kaYehova, latsho ngesiqhazolo sentsini eli bhinqa. Lathi: “Ningandixeleli ukuba nalapha nikho!” Xa belibuza isizathu sokumangaliswa kwalo, labachazela ukuba lalihlala kufuphi neBheteli eBuenos Aires. Longezelela lathi: “Andizange ndiyicinge into yokuba amaNgqina kaYehova angaze afike endaweni esemagqagaleni ngolu hlobo, enxibe ngathi ngabalusi beenkomo abakhwele amahashe nokwenza.” Eli bhinqa labamema ukuba bangene bafumane into etyiwayo, baza baba nengxubusho emnandi yeBhayibhile. Ukuzingisa kwabakwaForte kwavelisa iziqhamo; ngoku kukho ibandla eliqhuba kakuhle kakhulu elinabavakalisi abangama-31 eRío Turbio.
IHolo YoBukumkani Edadayo
Bezimisele ukulisebenzisa ngokuzeleyo elo xesha lifanelekileyo lokushumayela, abanye banikela ubungqina kubahlali baseziqithini kummandla osentilini yoMlambo iParaná, kufuphi neBuenos Aires. Ukunikela ubungqina kummandla osentilini akuyondlwan’ iyanetha ngenxa yobukhulu bomgama ophakathi kweziqithi, uhlobo lwezithuthi olusetyenziswayo, nokuguquguquka kwemozulu. Ukuqesha iphenyane kubiza kakhulu, yaye kunokuba yingozi. Sekunjalo, ukuzimisela kwabo kwaba nemiphumo emihle. Ngowe-1982 kwamiselwa iqela elaba yinxalenye yeBandla laseTigre.
Ukuze kuncitshiswe iindleko, uAlejandro Gastaldini, ongumzalwana weBandla laseTigre, wakha iEl Carpincho, eliphenyane elikhaphukhaphu leplastiki elinobude beemitha ezisixhenxe nelinenjini. Malunga nelo xesha, uRamón Antúnez nentsapho yakhe yaseBuenos Aires banikela ngephenyane labo ukuze kuhanjiselwe phambili izilangazelelo zoBukumkani kuloo mmandla wasentilini. Aba bazalwana banenzondelelo bawusingatha ngokwabo umsebenzi, bemema nabavakalisi bamanye amabandla ukuza kuxhasa ubulungiseleli ngeempelaveki. Izifundo zanda yaye zavelisa iziqhamo njengoko iintsapho zazisamkela inyaniso.
Njengoko babembalwa abantu ababenamaphenyane kwezo ziqithi yaye ayembalwa kakhulu awayethutha abantu, inkoliso yabantu abanomdla yakufumanisa kunzima ukuya ezintlanganisweni. Ngoko abazalwana babencedana ukuze bahlanganisane nokuze bomelezane ngokomoya. Ngokomzekelo, ukuze bonke bakwazi ukuba seSikhumbuzweni, kwakukho iphenyane elalihamba likhwelisa amaNgqina abhaptiziweyo nabo banomdla ukuze babe nokubukela ukuqhutywa kweSikhumbuzo behleli kwiphenyane.
Kamva, uCarlos Bustos, nomfazi wakhe uAna, kunye nentombi yabo uMariana babelwa njengoovulindlela kuloo mmandla wasentilini. Isebe labanceda ngokubathengela iphenyane elinenjini elalibizwa ngokuthi Precursor I, elalinekhitshi, igumbi lokuhlamba, nendawo yokulala abantu abathathu. Ibhedi kaMariana eyayingasemva yayibizwa ngokuthi el sarcófago kuba yayicuthene kakhulu kangangokuba yayifana nebhokisi yomngcwabo!
Kungokunje, kukho abavakalisi abangama-20 abahlala kuloo mmandla wasentilini, bekhonza uYehova njengenxalenye yeBandla laseTigre. Ngoku abazalwana abaninzi banawabo amaphenyane yaye ke ngoko bakuxhobele ukuphumeza iimbopheleleko zabo zobuthixo. Noko ke, umnqweno wabo wokwakha eyabo iHolo yoBukumkani ubonakele ungenakuzaliseka. Ngoba?
Ngenxa yokuthandwa kwaloo ngingqi zizikhukhula, umhlaba ekunokwakhiwa kuwo ubiza imali eninzi kakhulu. Kwelo qela lincinane lingenamali ingako, oku kubonakele kungumqobo omkhulu. Noko ke, nakubeni umhlaba ubunqongophele, amanzi wona ebexhaphakile. Kutheni ke bangakhi iHolo yoBukumkani edadayo? Isebe lakumela ngeenyawo ukwakhiwa kweHolo yoBukumkani elolo hlobo, yaye igqitywe ngoJuni 1999. Ngoku abadala beBandla laseTigre bayatshintshisana ukuya kuloo Holo yoBukumkani ukuze baqhubele elo qela iintlanganiso zeeveki ngeeveki.
Ukufikelela Abemi BaseKorea
AmaNgqina kaYehova aseArgentina akazami nje kuphela ukufikelela abantu abakwimimandla eyahlukeneyo kodwa bakwenza nemigudu yokufikelela abantu bezizwe ezahlukeneyo. Ngaphambi kokuvalwa kwesibini komsebenzi, umzalwana waseKorea, uHwang Yong Keun, nentsapho yakhe, bafudukela eArgentina ngowe-1971 baza baqalisa ukuya kwiintlanganiso zebandla lesiSpanish. Ukuchuma komsebenzi wokwenza abafundi phakathi kwamaKorea nokufika kwamaNgqina angakumbi avela eKorea kwaphumela ekubeni kumiselwe iqela lesiKorea eMorón, ekwiphondo laseBuenos Aires. Kungabanga thuba lide laliziqhuba zontlanu iintlanganiso zebandla veki nganye, nto leyo yenza ukuba ngowe-1975 kusekwe ibandla lokuqala lesiKorea eArgentina. Emva konyaka, lanikezela kuYehova iHolo yoBukumkani yalo yokuqala.
Ebudeni bokuvalwa komsebenzi, ibandla lesiKorea lahlulahlulwa laba ngamaqela amancinane. Ekubeni abazalwana bamaKorea babekulangazelela ukuhlanganisana njengebandla, kwenziwa amalungiselelo okuba bahlanganisane kanye ngenyanga epakini ukuze bafumane intetho yesidlangalala neSifundo seMboniselo. Ekubeni amapolisa ayengasazi kwaphela isiKorea, ayengazi ukuba ezo ntlanganiso yayizezonqulo!
Wakuba uvuliwe umsebenzi, intsimi yesiKorea yanda ngokuthe ngcembe. Ekubeni amaKorea ethe saa kulo lonke elo lizwe, ukushumayela kuwo kwakubandakanya ukuhamba amakhulukhulu eekhilomitha kufunwa abo bafanelekileyo. Kabini okanye kathathu ngonyaka, amaNgqina angamaKorea ayesiya kumaphondo akude ezama ukufumana abarhwebi bamaKorea. UYehova wayisikelela inkuthalo yawo. Namhlanje, ngokomlinganiselo abavakalisi abangama-288 bamaKorea abakumabandla amane bashumayela ilizwi ngenzondelelo.
De kube kutshanje, amabandla esiKorea ebetyelelwa ngumveleli wesiphaluka othetha isiSpanish ekwakufuneka atolikelwe ezintlanganisweni, entsimini, nakumatyelelo okwalusa. Noko ke, ngowe-1997 uSteven noJune Lee (abaziwa njengoYi Sung Ho noKim Yun Kyeong), abaphumelela kwiklasi ye-102 yaseGiliyadi, babelwa ukuba bakhonze amabandla esiKorea eArgentina, eBrazil naseParaguay. Ekubeni abakwaLee bezalelwe eKorea yaye beluthetha ngokutyibilikayo olo lwimi, abazalwana bangenelwa kakhulu kutyelelo lwabo. Bonke balivuyela kakhulu eli lungiselelo lothando loThixo wethu ongenamkhethe, uYehova.—IZenzo 10:34, 35.
AbakwaLee kufuneka besoloko belungele ukuguquguquka kwemozulu, amanzi nokutya kwaloo mazwe mathathu. Kumjikelo wabo weenyanga ezintandathu, bachitha iinyanga ezintathu eArgentina, ezimbini eBrazil, enye eParaguay. Nangona bekhonza amabandla esiKorea, kusafuneka bethethe iilwimi zasekuhlaleni. Ukongezelela ekuthetheni isiPhuthukezi eBrazil, aba bakwaLee kufuneka beqhelene neziyelelani ezimbini zesiSpanish. Ukanti, bayasinandipha esi siphaluka sezizwe ngezizwe. Emva kweminyaka emibini, inani loovulindlela kweso siphaluka landa ukususela kwi-10 ukusa kuma-60!
Izithulu Zidumisa UYehova
Ngeminyaka yee-1970, kwavela elinye iqela elineentswelo ezikhethekileyo xa abantu abathile abazizithulu baqalisa ukuya kwiintlanganiso zebandla. Ukuze bangenelwe ezintlanganisweni, kwakufuneka abatoliki abasebenzisa intetho yezandla. Ngowe-1979 kwakusele kukho iqela labo elalihlanganisana ekhayeni likaCoco noCoca Yanzon, isibini esizizithulu eVilla Devoto eseBuenos Aires. Yayisesisiqalo eso.
Inani labantu abazizithulu ababesamkela inyaniso laqhubeka lisanda ebudeni bokuvalwa komsebenzi nasebudeni beminyaka yee-1980 neyee-1990. Ngeminyaka yee-1980, abazalwana noodade abazizithulu, kunye nabo babebatolikela kwintetho yezandla, babelwa kumabandla akhethiweyo eGreater Buenos Aires. Lonke ucwangciso lwalutolikelwa abazizithulu, ukuze bangenelwe ezintlanganisweni.
Noko ke, abo bazizithulu babelangazelela ukuba nenxaxheba engakumbi ebandleni. Ngoko ngowe-1992 isebe lagqiba ekubeni bahlanganiswe kunye nabatoliki babo babumbe ibandla elinye lentetho yezandla. Ngale ndlela, abavakalisi abazizithulu baqalisa ukuba nenxaxheba ngokupheleleyo ekufundiseni, ekugqabazeni, nasekushumayeleni, besebenzisa intetho yabo yezandla.
USilvia Mori, udade osisithulu okhulisa umntwana eyedwa, uthi: “Ukumiselwa kwebandla lentetho yezandla kube kukuphendulwa kwemithandazo yam. Ndikuvuyela kakhulu ukuqhagamshelana ngakumbi nabazalwana noodade abazizithulu. Ngaphambili, sasabelwe kumabandla ahlukeneyo anabavakalisi abangezizo izithulu, ngoko sasibonana kanye kuphela ngeveki.”
UElba Basani, omnye udade osisithulu, uthi: “Ngoxa lalingekho ibandla lentetho yezandla, ndandidla ngokudimazeka, kodwa ngoku ndivuya kakhulu kuba ndiyakwazi ukukhonza njengovulindlela ongumncedani, ndizigcine ndixakekile ekukhonzeni uYehova, ndize ndiqhagamshelane ngakumbi nabazalwana noodade. Ndimbulela kakhulu uYehova.”
Ekubeni intetho yezandla isenziwa ngeentshukumo ezibonakalayo zezandla, iividiyo zoMbutho ziluncedo ngokukhethekileyo. Ividiyo ethi Jehovah’s Witnesses—The Organization Behind the Name sele ikho ngolwimi lwezandla lwaseArgentina. Ukongezelela, kwenziwa nevidiyo eneenxalenye zencwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? kunye nezinye iimpapasho. Ngoku kukho amabandla amane asebenzisa intetho yezandla eArgentina, anabavakalisi abangama-200, kuquka abazalwana abazizithulu abangama-38 abakhonza njengabadala nezicaka zolungiselelo.
Uncedo Kubantu Abantetho IsisiNgesi
Ngasekupheleni kowe-1993, imibutho yezorhwebo yamanye amazwe yaqalisa ukunabela naseArgentina. Abanye babasebenzi abathunyelwa eArgentina babengamaNgqina abhaptiziweyo awayengasazi kakuhle isiSpanish kodwa esiqonda isiNgesi. Ukuze kunyanyekelwe iintswelo zabo zokomoya yaye kufikelelwe abo babekwintsimi eyandayo yabantetho isisiNgesi, kwasekwa ibandla lokuqala lesiNgesi kwelo lizwe eBuenos Aires. Bambi abavakalisi baseArgentina ababefunde isiNgesi babekulungele ukulixhasa elo bandla litsha.
Ukususela ekumiselweni kweli bandla ngoJuni 1994, kuye kwabhaptizwa abantu abalishumi, yaye abanye abaninzi abangxungxileyo eArgentina bayazinandipha yaye bayangenelwa kwezi ntlanganiso ziqhutywa ngolwimi abaluqondayo.
UmMapuche Oselula Uhlahl’ Indlela
Ukunceda “zonke iintlobo zabantu” ukuba “zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso” kuquka ukufikelela kwingingqi ekuhlala kuyo amaIndiya omthonyama. (1 Tim. 2:4) Kwiphondo elisemzantsi-ntshona laseNeuquén, kukho ingingqi ekuhlala kuyo amaIndiya esizwe samaMapuche, ngingqi leyo inkosi yalapho eyayingavumi ukuba amaNgqina angene kuyo ngenxa yehambo yangaphambili yamanye amaqela onqulo. Elinye ibhinqa eliselula elingumMapuche, uPatricia Sabina Guayquimil, lafumana iimpapasho ezithile kunina, yena awazifumana xa wayesebenza ngaphandle kwaloo ngingqi yabo. UPatricia wabhalela esebeni ecela inkcazelo engakumbi. UMónica López, udade owabelwa ukuba amphendule, wathumelela uPatricia incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni waza wamcacisela ngelungiselelo lesifundo seBhayibhile. UPatricia wasamkela isifundo, baza basiqhuba ngembalelwano kangangonyaka bengazange babonana.
Ngenye imini kwankqonkqoza mntu uthile endlwini kaMónica. Wavuya kakhulu akubona ukuba nguPatricia, owayeze edolophini ngenqwelo yezigulana, epheleke udade wabo owayeza kubeleka. Ngelo xesha lifutshane babekunye, uMónica wambonisa iHolo yoBukumkani, wamcacisela indlela eziqhutywa ngayo iintlanganiso, waza wammemela kutyelelo oluzayo lomveleli wesiphaluka.
Akuba ebuyele ekhaya, uPatricia waqhubeka esenza inkqubela entle kakhulu. Kangangokuba, ngenye intsasa xa itekisi yosuku yayigxininisa ukubaluleka kokushumayela, wabeka isali kwimazi yakhe yehashe waza washumayela kubamelwane bakhe ukususela ngentsimbi yesixhenxe kusasa de kwangokuhlwa. Ukunikela kwakhe ubungqina kwavula indlela yokuba amaNgqina kaYehova angaphandle akwazi ukushumayela kuloo ngingqi. UPatricia wabhaptizwa ngowe-1996 yaye usaqhubeka evakalisa “iindaba ezilungileyo zosindiso” kumaIndiya aloo ngingqi. (INd. 96:2) Ezinye iingingqi zamaIndiya zityelelwa rhoqo ngamaNgqina.
Kufuneka IiHolo ZoBukumkani
Njengoko amaNgqina kaYehova eArgentina awandisa ngenzondelelo umsebenzi wokushumayela ngelo xesha lifanelekileyo lasemva kokuvulwa komsebenzi, kwakukho imfuneko yeeHolo zoBukumkani ezisemgangathweni. Ezinye iiHolo zoBukumkani zazingekho kwimeko entle. Ngokomzekelo, iindonga zenye iholo kwiphondo elisemantla laseSantiago del Estero zazenziwe ngeplastiki. ULuis Benitez, owayebandakanyekile ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani kangangeminyaka emininzi, uthi: “Ekutyeleleni kwethu eFormosa, mna noMzalwan’ uEisenhower sabona abazalwana behlanganisana kwisakhiwo esasineendonga ezimalunga nemitha ukuphakama kodwa kungekho luphahla, nazingcango, nazifestile. Abazalwana babehlala phezu kwamaplanga abekwe phezu kwezitena. Xa sababuzayo ukuba babesithini xa kusina, bathi, ‘Abanye babesiza neeambrela, baze abanye banethe.’”
Emva kokuvulwa komsebenzi ngowe-1980, abadala bebandla laseTrelew, kwiphondo laseChubut, bakhawuleza baqonda ukuba babengenayo indawo enkulu ngokwaneleyo yokufaka inani elikhulu labantu ababezele imfundiso yokomoya. Udade owayesebenzela intsapho eyayineholo yokuhlanganisana wacela imvume yokuba loo holo isetyenziselwe iintlanganiso zebandla. Samkelwa isicelo sakhe, laza ibandla lahlanganisana kuloo holo ngaphandle kwentlawulo kangangeenyanga ezimalunga nesibhozo. Emva koko basebenzisa okwethutyana ivenkile yomzalwana yokuthunga ifanishala. Kodwa ke, ibandla lalingenakuyisebenzisa ngawo onke amaxesha loo ndawo, ngoko kwenziwa ilungiselelo lokuba lihlanganisane ngokwamaqela amancinane emakhayeni abazalwana. Kwakucacile ukuba kwakufuneka indawo esisigxina yokuhlanganisana. Amalungu ebandla ayezimisele ukwakha iHolo yoBukumkani yawo yokuqala. Emva kokufuna indawo yokuhlanganisana kangangeminyaka emihlanu, ekugqibeleni amaNgqina kaYehova aseTrelew anikezela iHolo yawo yoBukumkani kuYehova. Kodwa ngokukhawuleza ngenxa yokwanda kwabavakalisi kwaphinda kwafuneka kwakhiwe enye iHolo yoBukumkani.
Kulo lonke elo lizwe, amabandla ayefuna iiHolo zoBukumkani. Kwakufuneka kwenziwe okuthile ukuze kubekho izakhiwo ezifanelekileyo zonqulo lokwenyaniso.
ISebe Liyabahlangula Kule Ngxaki
Ekuhlangabezaneni nale ntswelo, isebe lamisela inkqubo yokwakhiwa kweeHolo zoBukumkani. Lenza ilungiselelo lemali-mboleko ukuze kube nokuhlawulelwa ukuzotywa kweeplani nokwakhiwa kweeholo ezindilisekileyo. Ukongezelela, lanikela namacebiso ngendlela yokulungelelanisa umsebenzi wokwakha. Kwabelwa abazalwana abangamagcisa okwakha ukuba bafak’ isandla. Ekusetyenzisweni kwale nkqubo, iiHolo zoBukumkani zazisakhiwa ngeenyanga ezimbini, kwaza kamva, yaba ziintsuku ezingama-30 kuphela.
Amabandla aseTrelew awayefuna enye iHolo yoBukumkani angenelwa kule nkqubo ilula yokwakha. Kwiintsuku ezingama-60 kuphela emva kokuqaliswa kokwakhiwa, anandipha ukuhlanganisana kwiholo yawo entsha. Yanikela ubungqina obukhulu kubantu baloo dolophu, ababeyigqibele loo ndawo iyindawo yokulahla inkunkuma, ngoku ngequbuliso sebebona kumi iHolo yoBukumkani entle. Abakhi kuloo ngingqi babechukumiseke kakhulu kangangokuba babefuna ukubaqesha abazalwana!
IiHolo ZeNdibano Ezinkulu
Ebudeni belo thuba, abazalwana baseArgentina babona ukuba kwakukho nemfuneko yokwakhiwa kweeHolo zeNdibano ezinkulu. EOberá, eliphondo elisemantla laseMisiones, enye intsapho yanikela ngesiza, baza abazalwana basekuhlaleni benza ikhusi elinophahla ngaphandle kweendonga. Kwaqhutywa indibano apho ngowe-1981, ekwakukho kuyo abangama-300. Kwakuloo ndawo inye, ngoku kukho isakhiwo esisisigxina nesinokungenisa abantu abangama-2 200.
Emva kokubhaliswa kweAssociation of Jehovah’s Witnesses ngowe-1984, kwanikezelwa kuYehova iiHolo zeNdibano ezimbini kummandla waseBuenos Aires—enye yanikezelwa eMoreno ngowe-1986 yaza enye yanikezelwa eLomas de Zamora ngowe-1988. Leyo yaseLomas de Zamora yayikade ingumzi-mveliso novimba ongasasetyenziswayo. NgoJulayi 9, 1985, kwafika abasebenzi bokuzithandela abamalunga ne-1 500 baza baqalisa umsebenzi onzima weentsuku ezili-18. Basicoca eso sakhiwo baza inxalenye ebingumzi-mveliso bayitshintsha yaba yindawo yokuhlala eyayinokungenisa abantu abali-1 500. Abanye babesebenza ubusuku bonke ukuze loo holo ilungele indibano yokuqala yesiphaluka, eyayingoJulayi 27, 1985. Namhlanje, kukho iiHolo zeNdibano ezine apho, kuquka naleyo yanikezelwa ngowe-1993 eCórdoba.
Zinokuqhutyelwa Phi Iindibano Zesithili?
Ngenxa yolwando olukhulu, kuye kwaba nzima ngakumbi ukuqesha iindawo ezaneleyo zeendibano zezithili. Iiholo eziqeshiswayo zazibiza kakhulu, yaye ngokufuthi iziphatha-mandla zazingazigcini izivumelwano. Kwakusiba ngumgudu ongathethekiyo ukuthutha nokudibanisa izandisi-lizwi nezinye izixhobo. Ukongezelela, kumabala emidlalo amakhulu avulekileyo, abaphulaphuli babechanabeka kwimozulu, nto leyo eyayisenza kube nzima ukungenelwa ngokupheleleyo kucwangciso.
Ukuze kuconjululwe ezi ngxaki, kwathengwa umhlaba eCañuelas, engummandla wasemaphandleni okumzantsi-ntshona wesixeko esilikomkhulu. Kwakuza kwakhiwa kuwo iHolo yeNdibano eyayiza kusetyenziselwa iindibano zesithili nezinye iindibano. Le holo yayiza kongezelela kwiiHolo zeNdibano ezine ezazisele zikho kwelo lizwe.
Le Holo yeNdibano iphangaleleyo eyayinokuhlalisa abantu abangama-9 400 yayilungele ukuba ingasetyenziselwa indibano yesithili yokuqala ngo-Oktobha 1995, thuba elo elingaphantsi kweenyanga ezintandathu ukususela ekuqaleni kokwakhiwa kwayo. (Yoweli 2:26, 27) NgoMatshi 1997 le holo yanikezelwa kuYehova. UCarey Barber weQumrhu Elilawulayo wanikela udlwabevu lwentetho yokunikezelwa kwayo, waza ngosuku olulandelayo waba nenxaxheba kwintlanganiso ekhethekileyo eyabanjelwa kwiBala Lemidlalo elikhulu laseRiver Plate. Eli bala lemidlalo lalizele ngabazalwana abangama-71 800 ababevela kulo lonke elo lizwe, kuquka iqela elahamba ama-3 000 eekhilomitha ukusuka ePatagonia.
Izakhiwo Ezitsha ZeSebe
NgoDisemba 1984 kwafikelelwa incopho entsha yabavakalisi boBukumkani abangama-51 962. Ngenxa yolu lwando kwafuneka uncwadi olungakumbi, necandelo lokushicilela elikhulu ngakumbi. Ngenxa yoko, kwathengwa isakhiwo esasise-1551 Caldas Street eBuenos Aires saza sahlaziywa saba yinxalenye yomzi-mveliso neeofisi. Kwakhona isebe lathenga umzi-mveliso wokwenza izinto zodongwe owawungasasetyenziswa owasuse-3850 Elcano Avenue, eBuenos Aires, lawudiliza, laza lakha isakhiwo esihle sokuhlala.
Bangama-640 bebonke abasebenzi bexesha elizeleyo ababa nenxaxheba ekwakheni, kuquka abangama-259 ababengamalungu enkqubo yokwakha yezizwe ngezizwe. Ukongezelela, abanye abangamakhulukhulu babencedisa ngeempelaveki. Ukubakho kwabasebenzi bokuzithandela abangaphezu kwama-200 bamazwe aphesheya kwakubangel’ umdla. Omnye umzalwana wazalisa ifomu yokuba kuthengwe iipalomos (amahobe) ezili-12 ezimhlophe. Umveleli weSebe Lokuthenga wamangaliswa kukubona iodolo yeentaka. Kuthe kanti, umzalwana ebefuna ukuodola iipomos (imigqomo) ezili-12 zepeyinti emhlophe!
Ngelo xesha, amaxabiso ayexhome kakhulu eArgentina. Maxa wambi amaxabiso ezinto zokwakha ayenyuka kathathu ngemini, nto leyo eyayibanika ubunzima abathengi. Ebudeni belo xesha, abazalwana esakhiweni abazange bawulibale owona msebenzi ubalulekileyo—lowo wokushumayela ilizwi. Enye inkampani ababethenga kuyo yayidla ngokuthumela abameli bayo kwisiza sokwakha; yaye bakuba benikwe iodolo yezinto zokwakha, babekwanikwa nesigidimi esicokisekileyo. Abasebenzi bale nkampani bahanjiselwa amaphephacwadi angama-20 neencwadi ezintlanu, yaye eofisini yomphathi wayo kubekwe imibhalo yaloo maphephancwadi.
Nesakhiwo ngokwaso sasinikela ubungqina. Abazalwana basebenzisa inkqubo yokwakha yetilt-up, okutheth’ ukuthi babedibanisela phantsi iintsimbi zokwenza iindonga baze bagalele ikhonkile emva koko babeziphakamisa ezo ndonga ngecrane. Obu yayibubugcisa bokwakha obungaqhelekanga yaye batsala ingqalelo yabakhi basekuhlaleni. Ngeentsasa zangeMigqibelo, abafundi bekholeji yobugcisa bokwakha babesiza kubukela baze bakhenkethiswe.
Ngo-Oktobha 1990 esi sakhiwo sihle sanikezelwa kuYehova. UTheodore Jaracz weQumrhu Elilawulayo wanikela udlwabevu lwentetho yokunikezelwa kwaso eyayisekelwe kuIsaya 2:2-4. Abaninzi ababa nenxaxheba ekutyaleni imbewu yokuqala eArgentina, kunye neendwendwe ezazivela kwamanye amasebe, baba nenxaxheba kweso sihlandlo sivuyisayo.
Ukwandiswa Okungakumbi
Zithe zisandul’ ukunikezelwa izakhiwo ezitsha zesebe kwaba sekuqaliswa ukwandiswa ngakumbi kwesakhiwo somzi-mveliso oseCaldas Street. Kufuphi nawo kwakhiwa isakhiwo esinemigangatho emithathu nesasinomgangatho ongaphantsi owawuza kuba yindawo yokugcina uncwadi. Iqela labasebenzi bokuzithandela abangama-25 lawugqiba loo msebenzi ngeenyanga ezisibhozo.
Kwathi kanye xa kwakufuneka kwandiswe iiofisi, kwakho sakhiwo sithengiswayo kufuphi naseBheteli. Njengoko kwakusiya kusiba nzima ngakumbi ukufumana imvume yokwakha kweso sixeko, eyona ndlela ilula yayikukuthenga umhlaba ekusele kwakhiwe kuwo. Nangona eso sakhiwo sasineminyaka engaphezu kwama-30 simile, sasenziwe ngezinto ezisemgangathweni ophakamileyo, yaye ngaphakathi sasalekwe ngamaplanga aqinileyo saza ngaphandle salekwa ngelitye lenyengane. Sakuba sithengiwe eso sakhiwo, sahlaziywa, saza sahlulahlulwa kwaza kwafakwa iiofisi zolawulo kunye neSebe Lokuthenga, eLenkonzo, eLokwakha, neLezemali. Sanikezelwa ngowe-1997 ngaxesha-nye neHolo yeNdibano yaseCañuelas.
Ukunceda Ilizwe Eliselumelwaneni
Ebudeni bokuvalwa komsebenzi, amaNgqina kaYehova akumazwe aselumelwaneni, njengeBrazil neUruguay, abanceda abazalwana baseArgentina ukuba bafumane ukutya kokomoya. Ngoku, isebe laseArgentina lona linceda iChile eselumelwaneni. Ukususela ngoJanuwari 1987, belithumela amaphephancwadi eChile, okokuqala ngezithuthi zikawonke-wonke laza ukususela ngowe-1992 lasebenzisa iilori zoMbutho.
Uhambo oluya eChile lunqumla kudederhu lweentaba zeAndes ezinokuphakama kweemitha ezingama-3 100. Kufuneka ubuchule obukhulu kumqhubi ukuphinyaphinyela ngelori etsala inqwelwana kwezo ntaba zinamajiko-jiko anekhephu; kwenye indawo kukho amagophe ayingozi angama-31. Kodwa olo hambo lude luyingenelo, kuba abazalwana baseChile bawafumana ngethuba amaphephancwadi abo.
Amaphephancwadi Anemibala Emine Anomtsalane Ngakumbi
Njengoko uncwadi lwehlabathi lusebenzisa kakhulu imifanekiso, uMbutho wanikela ingqalelo ekushicileleni IMboniselo noVukani! ngemibala epheleleyo. Usukelo lwalukukuvelisa amaphephancwadi ethu ngendlela enomtsalane kodwa eneendleko eziphantsi kangangoko kwakunokwenzeka. IWatch Tower Society eUnited States yathumela umatshini wokushicilela ohlaziyiweyo onemibala emine oyiHarris kwisebe laseArgentina. Kwafuneka ukuba lo matshini uchithwe, upakishwe, uze uthunyelwe ngenqanawa ukusuka eWallkill, eNew York. Ekufikeni kwaloo mthwalo uxabisekileyo eBuenos Aires ngo-Oktobha 10, 1989, kwafuneka uphinde udityaniswe. Kwathunyelwa eArgentina abazalwana abanamava ababevela kwikomkhulu lehlabathi ukuya kongamela loo msebenzi nokuqeqesha abo babeza kusebenzisa loo matshini.
Ukushicilela ngemibala emine kwakukwandisa kakhulu ukuhanjiswa kwamaphephancwadi. Ngokomzekelo, ngowe-1991, nyaka lowo owawulandela owokuqalisa kokushicilela ngemibala emine, ukuhanjiswa kwamaphephancwadi kwakwande phantse ngesigidi, ukususela kwizi-6 284 504 ukusa kwizi-7 248 955!
Ukukhuthazana Kwiindibano Zezizwe Ngezizwe
Emva kokuvalwa komsebenzi kangangeminyaka emininzi, amaNgqina aseArgentina ayekulangazelela kakhulu ukuba nenye indibano yezizwe ngezizwe. Ekugqibeleni, ngoDisemba 1990 kwafika iindwendwe ezimalunga nama-6 000 ezazivela kumazwe angaphezu kwama-20 eBuenos Aires zize kwiNdibano Yezizwe Ngezizwe ‘Yolwimi Olunyulu.’ UJohn Barr noLyman Swingle beQumrhu Elilawulayo babekho apho baza banikela iintetho ezakhayo. Olo cwangciso lweentsuku ezine lwaluqhutyelwa kwibala lemidlalo laseRiver Plate nelaseVélez Sarsfield, ekwakukho kuwo abaphulaphuli abangaphezu kwama-67 000.
Nangona ezo ndwendwe zazimanyene elunqulweni, yayicacile imibalabala yezinxibo zamazwe azo. Kwakulula ukubona oodade baseSpeyin kuloo miwunduzo mihle yelizwe labo, noodade baseJapan ababefake iikimono zabo, kwaneendwendwe zaseMexico ezazinxibe iisuti ezimnyama neminqwazi emikhulu.
Ekupheleni kwendibano, akakho owayefuna ukuhamba. Amaqela ezizwe aqalisa ukucula iingoma zoBukumkani ngeelwimi zawo, ephephezelisa iitshefu zawo. Oku kwathabatha malunga neyure ngaphambi kokuba baqalise ukuya emakhaya. Umfoti wephephandaba wathi: “Ayikaze ibekho into enjengale eArgentina . . . Ukubungezelelana nokuthandana ngolu hlobo!”
Khawuyithelekelele nje imincili ababa nayo abavakalisi baseArgentina bakuba bemenyelwe ukuya kwindibano yezizwe ngezizwe kwelinye ilizwe! Oko kwenzeka ngowe-1993. Yayiza kuba phi? ESantiago, eChile. Bangaphezu kwewaka abasuka eArgentina besiya apho. Zathontelana zili-14 iibhasi eziqeshiweyo ukugugutha loo mgama weekhilomitha ezili-1 400 ukusuka eBuenos Aires ukuya eSantiago. Nakubeni wawuhlab’ umxhelo loo mbono wokunqumla kwiiNtaba zeAndes kolo hambo lweeyure ezingama-26 wawungenako tu ukuthelekiswa novuyo lokumanyana kunye namanye amaKristu amalunga nama-80 000 awayevela kumazwe angama-24 awayehlanganisene kwiNdibano YeSithili ‘Yemfundiso Yobuthixo’ yeentsuku ezine.
Kamva, ngowe-1998, isebe laseArgentina lamenywa ukuba lithumele iindwendwe kwiiNdibano Zezizwe Ngezizwe ‘Zendlela KaThixo Yobomi,’ ezaziza kuqhutyelwa eSão Paulo, eBrazil, naseSan Diego, eKhalifoniya. USara Bujdud, onethuba elide ekhonza njengovulindlela okhethekileyo, wayinandipha kakhulu indibano yaseSan Diego kunye nezinye iindwendwe ezingaphezu kwama-400 zaseArgentina. Ugqabaza athi: “Ilungiselelo leQumrhu Elilawulayo lokusihlalisa emakhayeni abazalwana yayilelothando ngokwenene. Oko kwasinika umfanekiso-ngqondweni omncinane wendlela ekuya kuphilwa ngayo kwihlabathi elitsha xa imiqobo yobuhlanga neyolwimi iya kube ingasekho.”
“Ulwimi Lwabafundileyo”
Ngenxa yokushumayela ngenzondelelo kwabazalwana nangenxa yocwangciso lokomoya, kuquka iindibano zezizwe ngezizwe, abaninzi bayamkela inyaniso aza anda amanani abavakalisi. Ngowe-1992 bafikelela kwincopho yama-96 780. Inani lamaNgqina laphindaphindeka kabini ukususela ekubhalisweni kwawo ngokusemthethweni ngowe-1984.
Ngokucacileyo, kwakufuneka abalusi abangakumbi bokunyamekela umhlambi owandayo wezimvu zikaYehova. (Isa. 32:1, 2; Yoh. 21:16) Ngenxa yoko, uYehova walungiselela ucwangciso lokuqeqeshwa kwabadala nezicaka zolungiselelo ezingatshatanga ukuze zinyamekele amabandla—iSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli. Ngowe-1987 eso sikolo saqaliswa eUnited States, saza ngoNovemba 1992 savulwa eArgentina. Isakhiwo esidala saseBheteli sasetyenziswa njengendawo yokuqhuba eso sikolo.
Abafundi abangama-375, kuquka abangama-91 ababevela kumazwe aselumelwaneni, babonisa uxabiso olukhulu ngeli lungelo. Ukungayi empangelweni kangangeenyanga ezimbini ukuze baye kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli kwakulucelomngeni. Abanye baye bayincama okanye baphulukana nemisebenzi yabo yempangelo. Kodwa, uYehova uyabanyamekela abo babeka izilangazelelo zoBukumkani kuqala ebomini babo. Abaninzi basikelelwa ngemisebenzi yempangelo ephucukileyo nehlawula ngakumbi.—Mat. 6:33.
UHugo Careño wayesebenza ebhankini ukumenywa kwakhe ukuba aye kwiklasi yokuqala. Wayehlawulwa umvuzo oncumisayo, yaye namaxesha omsebenzi ayemvulela ithuba lokuba nguvulindlela. Wathandaza ngokunyanisekileyo kuYehova waza waya kuchazela umqeshi wakhe, kodwa waxelelwa ukuba wayengenako ukuvunyelwa angabikho emsebenzini ukuze aye esikolweni. Kodwa uHugo wathi: “Ndimele nakanjani ndiye, kodwa ndingavuya ukuba unokuwugcina umsebenzi wam de siphele isikolo.”
Emva kokuba iziphatha-mandla ziwuhlolisisile lo mbandela, isicelo sakhe sokungabikho emsebenzini samkelwa. Noko ke, ekuphumeleleni kwakhe kweso sikolo, uHugo wamiselwa njengovulindlela okhethekileyo, nto leyo eyayithetha ukuba wayeza kuchitha iiyure ezili-140 ngenyanga kubulungiseleli. UHugo wathandaza ngamandla ngaphambi kokwazisa umqeshi wakhe ukuba wayeza kurhoxa emsebenzini. Wasabela njani umqeshi wakhe? Wathi: “Sibuhlungu ukulahlekelwa nguwe, kodwa sikunqwenelela impumelelo kusukelo lwakho olutsha.” UHugo, ngoku okhonza njengomveleli ohambahambayo, uthi: “Ndiyibone kaninzi into yokuba uYehova uyasizimasa xa sikhetha ukubeka inkonzo yakhe kuqala ebomini bethu.”
Abo baphumelele kweso sikolo bayawakha amabandla ababelwe kuwo yaye bayabungqina ubunyaniso bamazwi kaYesu athi: “Ubulumko bungqineka bububulungisa ngemisebenzi yabo.” (Mat. 11:19) Umgangatho weentlanganiso uye waphucula, nto leyo eye yaphumela ekubeni ande amanani abo bezayo ezintlanganisweni. Ngokusebenzisa uqeqesho abalufumeneyo, aba bazalwana, njengoko besalusa umhlambi kaThixo, bazabalazela ukuqonda “indlela yokuphendula odiniweyo ngelizwi.” (Isa. 50:4) Abanye babo baphumelele kweso sikolo ngoku bakhonza njengabaveleli besiphaluka, yaye abanye abaninzi, bangabaveleli besiphaluka ababambelayo.
Uncedo Ukuze ‘Bakhwebuke Egazini’
Njengoko lalisanda inani labavakalisi, lalisanda nenani lamaNgqina afuna unyango lwezamayeza. Ngenxa yokuzimisela kwawo ukuphila ngokuvisisana nomyalelo weBhayibhile othi “nikhwebuke . . . egazini,” kwabonakala kuyimfuneko ukuseka inkqubo ethile yokuwaxhasa.—IZe. 15:29.
Oogqirha babesiba mathidala ukungalitofeli igazi xa bebona kuyimfuneko. Ukongezelela, iijaji ezininzi zazikhawuleza ukugunyazisa ukutofelwa kwegazi ngenkani kubaguli bamaNgqina. Ngesinye isihlandlo ijaji yagunyazisa ukutofelwa kwegazi kumguli owayenoxwebhu lwasemthethweni olubonisa ukwala kwakhe ukufaka igazi phantsi kwazo naziphi na iimeko.
Kwabanjwa ingqungquthela yezizwe ngezizwe eyayiza kuseka iKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele (Hospital Liaison Committee [HLC]) eBuenos Aires ngoFebruwari 1991. Abazalwana abathathu ababevela kwiSebe Lenkcazelo Yezibhedlele eliseBrooklyn babengabahlohli kubazalwana abangama-230 baseArgentina, eBolivia, eChile, eParaguay naseUruguay. Abo babekuloo ngqungquthela bafunda indlela yokuqonda iintswelo zabaguli bamaNgqina nendlela yokunceda oogqirha ngenkcazelo ephathelele unyango ngaphandle kwegazi.
Namhlanje, kukho iiHLC ezili-17, ezakhiwe ngabadala abangama-98, kwizixeko ezikhulu zaseArgentina, ezinikela inkcazelo ebalulekileyo koogqirha zize zixhase ngothando amaNgqina kaYehova. Zincediswa ngamakhulukhulu abanye abadala abazinikeleyo ababumba Amaqela Atyelela Abaguli athi atyelele abaguli bamaNgqina ukuze abancede aze abakhuthaze. Ngoku eArgentina kukho oogqirha abamalunga nama-3 600 abakulungeleyo ukunyanga amaNgqina kaYehova ngaphandle kwegazi.
Ukunceda Ngokuqhutywa Luthando
Kambe ke, nayo iArgentina ikhe ithwaxwe ziintlekele zemvelo. AmaNgqina kaYehova ahlangabezana njani neentlekele ezilolo hlobo? NgoNovemba 23, 1977, inyikima enomlinganiselo we-7,4 ngokwesikali sikaRichter yabangela umonakalo omkhulu kuwo wonke ummandla okumbindi-ntshona weArgentina. Nangona umsebenzi wamaNgqina kaYehova wawuvaliwe ngelo xesha, ngoko nangoko abazalwana baqokelela izinto zokunceda. Ngokuqhutywa luthando, amaNgqina aselumelwaneni afak’ isandla ekuncedeni, phezu kwabo nje ubunzima obabubandakanyekile.—1 Tes. 4:9.
Ngosuku lwaloo ntlekele, amaNgqina awayevela kumaphondo aselumelwaneni aseMendoza naseSan Luis angqala kuloo mmandla untlithiweyo esebenzisa lonke uhlobo lwesithuthi onokucinga ngalo. Ngenxa yokucandeka komhlaba okwabangelwa yiloo nyikima, abasemagunyeni bazivala phantse zonke iindlela eziya esixekweni saseCaucete, esasintlithiwe. AmaNgqina asebenzisa ezinye iindlela ezidlula kwiidolophu eziselumelwaneni, ukuze azise ukutya, impahla namayeza. Njengoko ayesondela kweso sixeko, abona kuphuma umsi emhlabeni, kwathi kanti yayiluthuli olo olwalubangelwa kukushukuma komhlaba. Ngephanyazo abantu balahlekelwa ngamakhaya abo nazizinto zabo eziphathekayo, abanye baphulukana nobomi babo. Kwakusitsho izikhalo kuyo yonk’ indawo. ECaucete, kwatshabalala izindlu ezingaphezu kwewaka, kuquka nawo onke amakhaya abazalwana. Ngokukhawuleza, amaNgqina akha amakhusi okwexeshana. Ayemalunga nekhulu amaNgqina awayeququzelela izinto zokunceda.
UMaría de Heredia, onguvulindlela othe ngxi kwiBandla laseCaucete, uthi: “Intombi yommelwane wam yayiza kubeleka ibe yayinenimba. Abazalwana bagxumeka intente enkulu phezu kwempahla yommelwane wam ukuze ibe likhusi. Kanye ngobo busuku kwabakho isitshingitshane esiyingozi. Ummelwane wam owayengakwazi ukuzibamba ngenxa yoxabiso, wathi: ‘Akunakuyikholelwa into yokuba akukho namnye wecawa yam okhe weza kuhlola ukuba sifile okanye sisaphila. Sincedwe ngamaNgqina kaYehova xa besifuna ikhusi!’”
NgoAprili 1998 amaNgqina aphinda aqokelela izinto zokunceda. Kwafika izandyondyo zemvula ezabangela izikhukula kumantla eArgentina, ingakumbi kwiphondo laseCorrientes, eFormosa, eChaco naseSanta Fe. Ngethuba leeyure ezingama-72, isixeko saseGoya, eCorrientes, sasineesentimitha ezingama-60 zemvula. Amanzi akhukulisa amakhaya aza onakalisa nezinto zamaNgqina kaYehova amalunga nama-80 ekhulwini kuloo mmandla. Izikhukula zakhukulisa izityalo nezilwanyana neebhulorho noohola beendlela, nto leyo eyenza kwaba nzima ukungena kweso sixeko. UMzalwan’ uHeriberto Dip, owayengumveleli wesiphaluka kuloo mmandla untlithiweyo, wasebenza kunye nabadala basekuhlaleni, ekwahlulahluleni loo mmandla waba ngamacandelo, baza bahlola abazalwana emakhayeni abo. Abanye bathuthwa ngephenyane basiwa kwiHolo yoBukumkani. Bonke banikwa ukutya, impahla namayeza.
Xa amaNgqina kaYehova akwiphondo elikufuphi lase-Entre Ríos evayo ngale ntlekele yabo akholwa nabo baseGoya, asabela ngokukhawuleza. Ngeentsuku nje ezimbini, amabandla ali-12 aseParaná, kwiphondo lase-Entre Ríos, aqokelela phantse iitoni ezine zokutya okungonakali msinyane nempahla aza azikhwelisa kwilori awayeyiboleke kwiSebe Lohola Wendlela.
Ukuthutha ezo zinto zokunceda kwakungeyondlwan’ iyanetha. Iibhulorho ezimbini zazikhukulisiwe. Kwibhulorho yokuqala ekhukulisiweyo, abazalwana bemisa ukuze bancedise abasebenzi bohola wendlela ekugaleleni amakhulukhulu eengxowa zentlabathi. Bandula ke bawuthula umthwalo wabo, bawuthutha ukuwela umlambo, baza bawukhwelisa kwiilori ezazibalindile ngaphesheya.
Ukusuka apho, indlela ababehamba kuyo yayizele ngamanzi kangangokuba kwakunzima ukuqhuba ezo lori. Ngongcwalazi, bafika kwibhulorho yesibini, apho bathi bancedwa khona ngamajoni awaquqa ebuyelela ebathuthela izinto zabo ngephenyane ukuziweza umlambo.
Apho bafika belindelwe ngabazalwana baseGoya baza baqhubeka behamba nabo. Abazalwana baseGoya babechukumiseke ngokwenene luthando nakukuzimisela kwala makholwa aseParaná, ngoxa wona ayekhuthazwa kukunyamezela kwabo babezizisulu zezo zikhukula.
Kwakhona amabandla akuloo mmandla ukhukulisekileyo anikela ubungqina ngokubonakalisa kwawo uthando. Ngokomzekelo, indoda engakholwayo yomnye udade yavakalisa ukuxhalaba nentlungu yayo ngenxa yobunzima bezoqoqosho obabubangelwe zezo mvula. Udade wayiqinisekisa ukuba ibandla laliza kubanceda. Ngosuku olulandelayo, ukunxuba kwayo kwajika kwaba kukumangaliswa kovuyo njengoko kwakufika abadala ekhayeni labo bephethe izinto ezininzi zokunceda! Ngethuba uncedo oluvela kurhulumente lufika ebantwini, amaNgqina ayesele efumene uncedo izihlandlo ezine okanye ezihlanu.
Umoya Wobuvulindlela Awuzange Udambe
Nangona abazalwana abachatshazelwa zezo zikhukula baphulukana nezinto zabo eziphathekayo, babezimisele ukushumayela ilizwi. Abavakalisi abaliqela kuloo mmandla wezikhukula bawandisa umsebenzi wabo wokushumayela. Kwelinye ibandla, abaninzi babhalisa njengoovulindlela babancedani, nangona ama-80 ekhulwini entsimi yabo yayigutyungelwe ngamanzi!
Amabandla enza amalungiselelo okushumayela kummandla wezoshishino osemazantsi edolophu, ezibhedlele, kwizikhululo zeebhasi nakwizakhiwo eziphakamileyo. Nangona kwakusaqhubeka kusina, oovulindlela babekwazi ukusebenza kwezo ndawo kodwa banganethi. Oovulindlela babancedani bafunda ukusebenza njengeqela, nokuxhasa amalungiselelo entsimi kwanokuhlala benesimo sengqondo esivumayo. Ngenxa yenyameko kaYehova yothando ebudeni bezo meko zinzima kakhulu, abaninzi babo ngoku bakhonza njengoovulindlela abathe ngxi.
Imeko Yehlabathi Iyatshintsha
Isebe laseArgentina liye laphawula ukuba “imeko yeli hlabathi iyatshintsha,” laza lakhuthaza abaveleli besiphaluka ukuba batshintshe ucwangciso lwabo lwenkonzo ukuze babe nokufumana abantu abangakumbi. (1 Kor. 7:31) Kwezinye iindawo kunzima ukufumana abantu ekhaya ebudeni bemini ngenxa yokuba abantu abaninzi bayaphangela. Ngoko kwacetyiswa ukuba banikele ubungqina esitratweni okanye kummandla wamashishini kusasa baze umsebenzi wendlu ngendlu bawushiyele ingokuhlwa. Kwakhona kuye kwagxininiswa ukunikela ubungqina ngemfonomfono nokunikela ubungqina obungacwangciswanga. Abavakalisi bakhuthazwa ukuba bakuphaphele ukusebenzisa nawaphi na amathuba avelayo okuthetha nabantu.
Ngoxa wayeshumayela kwindlu ngendlu, omnye udade wabona indoda idlala nabantwana bayo kwipaki engaphesheya kwesitrato. Nangona babemathidala, yena nalowo wayehamba naye baya kuyo. Baqalisa incoko yaye bamangaliswa ngumdla eyawubonakalisayo. Le ndoda yabanika nkqu nedilesi yayo. Lo dade kunye nomyeni wakhe bayityelela baza bafika yona nomfazi wayo bebalinde ngolangazelelo. Emva kwamatyelelo aliqela, baqalisa isifundo seBhayibhile. AmaNgqina kaYehova ayetyelele kaninzi ekhayeni labo, kodwa umfazi wayengabonakalisi mdla. Ngoku loo ntsapho iqhuba kakuhle, yaye ibakho ize ibe nenxaxheba ezintlanganisweni.
Kwiphondo elisemazantsi laseSanta Cruz, uClaudio Julian Bórquez uwusebenzisa ngendlela eyingenelo umsebenzi wakhe wokuba ngumkhenkethisi ngokuthi anikele ubungqina obungacwangciswanga kubakhenkethi abatyelela iGlaciers National Park. Le paki inamaqhekeza amakhulu omkhenkce ali-13, kuquka elo libizwa ngokuba yiPerito Moreno elinobubanzi obumalunga neekhilomitha ezintlanu, zinto ezo ezitsala ingqalelo yabakhenkethi abavela kulo lonke ihlabathi. Xa abakhenkethi bemangaliswa bubuhle baloo maqhekeza omkhenkce, lo mzalwana utsalela ingqalelo yabo kuMdali aze ahambise uncwadi ngeelwimi ezahlukileyo. Ewe, amaNgqina kaYehova eArgentina asebenzisa onke amathuba okushumayela ilizwi kuzo “zonke iintlobo zabantu.”—1 Tim. 2:4.
Ukunikela ubungqina esitratweni kuyenye indlela yokufikelela abantu ngesigidimi seBhayibhile. UVictor Buccheer, okuthanda gqitha ukunikela ubungqina esitratweni, wamema umzalwana oxhiphulisayo ukuba ampheleke. Lo mvakalisi wayengena nge-8:30 kusasa emsebenzini, ngoko bagqiba ekubeni baqalise ukunikela ubungqina esitratweni nge-5:30 kusasa. Lo msebenzi wakusasa wamnceda loo mvakalisi nentsapho yakhe enamalungu asithoba ukuba baphinde babekho rhoqo kubulungiseleli. Baqalisa izifundo zeBhayibhile yaye babehambisa amaphephancwadi ali-176 ngenyanga. Oku kwabakhuthaza nabanye ukuba babathelele ekunikeleni ubungqina esitratweni kusasa.
Abo Banethuba Elide Bengabavangeli Basemazweni—Basakhuthele
Ebudeni beminyaka bekukho abavangeli basemazweni abaninzi abaye bakhonza eArgentina, bafunda ulwimi olutsha, baziqhelanisa nezithethe zalapho, banyamezela iingxaki zempilo, kwanobunzima ebudeni bokuvalwa komsebenzi. Abanye kwafuneka bemke kwelo lizwe ngenxa yokutshintshwa kwezabelo zabo, iingxaki zempilo, okanye iimbopheleleko zentsapho. UGwaenydd Hughes, umzalwana owaphumelela kwiklasi yesithandathu yaseGiliyadi, kamva watshata waza wakhulisa oonyana ababini; yaye waqhubeka ekhonza uYehova ngokuthembeka de kwasekufeni kwakhe. Abanye, abanjengo-Ofelia Estrada noLorene Eisenhower, bafa ngoxa babeqhubeka nezabelo zabo. Ukanti, abavangeli basemazweni abaninzi abazinikeleyo abaphumelela kwiiklasi zokuqala zaseGiliyadi basakhuthele kwizabelo zabo.
UHelen Nichols noHelen Wilson, abaphumelela kwiklasi yokuqala yaseGiliyadi, babelwa eArgentina ngowe-1948. Ngowe-1961 bathunyelwa kwiphondo elikumntla-ntshona laseTucumán. Ngelo xesha, kwakukho ibandla elinye kuphela elincinane kwisixeko saseSan Miguel de Tucumán. Namhlanje, kukho amabandla ali-13 neeHolo zoBukumkani ezisi-7 kweso sixeko namabandla ama-5 angakumbi kwimimandla esijikelezileyo. Hayi indlela abaye bavuya ngayo aba bavangeli basemazweni ngokuba nenxaxheba kwabo kolu lwando!
UCharles Eisenhower, owaphumelela kwiklasi yokuqala yaseGiliyadi, waqalisa ukukhonza njengomvangeli wasemazweni eCuba, apho wakhonza khona ukususela ngowe-1943 ukusa kowe-1948 waza wabona inani labavakalisi lisanda ukususela kuma-500 ukusa kuma-5 000. Ukusuka apho wabelwa eArgentina, apho wakhonza khona njengomvangeli wasemazweni, emva koko waba ngumveleli wesiphaluka, waza waba ngumveleli wesithili de kwangoAprili 1953. Ngelo xesha, wabelwa ukuba abe ngumveleli wesebe. Ube nelungelo lokubona inani labavakalisi eArgentina lisanda ukususela kuma-900 ukusa kwabangaphezu kwe-120 000. UMzalwan’ uEisenhower, ongumveleli weKomiti yeSebe, uthi: “Ayikho into enokubazisela ulonwabo olungakumbi abafana namabhinqa aselula kunokunikela ubomi babo ngokupheleleyo enkonzweni kaYehova.”
Uvuyo Lokukhonza UYehova
AmaNgqina aseArgentina aye angenela ubulungiseleli bexesha elizeleyo nawo ayakuvuyela ukusebenzisa ubomi bawo ekukhonzeni uYehova. UMarcelo noMaría Oliva Popiel babhaptizwa ngowe-1942 nangowe-1946 ngokulandelelana. Bobabini bebengoovulindlela abakhethekileyo kangangeminyaka engama-44. Kwaba bakwaPopiel, ukuvalwa komsebenzi ngowe-1976 kwakungengomava matsha, ekubeni wawukhe wavalwa umsebenzi wabo ngowe-1950. Baye babanceda abasebatsha ukuba bakwazi ukujamelana nokuvalwa kwakhona komsebenzi baza babakhuthaza ukuba baqhubeke ngokuthembekileyo nenkonzo yabo. UMarcelo uyayixabisa iminyaka yokukhonza kwakhe uYehova. Uthi: “Kube luvuyo ukukhonza uYehova ngokunyanisekileyo. Simbulela kakhulu uYehova ngokusinika ilungelo lokumkhonza nangokusivumela sichithe eyona minyaka mininzi yobomi bethu sisenza umsebenzi oxabiseke ngokwenene.”
UPietro Brandolini, owabhaptizwa ngowe-1957 nobekhonza njengovulindlela okhethekileyo phantse iminyaka engama-40, naye uvakalelwa ngendlela efanayo. Uyavuyiswa kukuba esebenzise ubomi bakhe kubulungiseleli bexesha elizeleyo, kuba uye wafumana iintsikelelo ezininzi ngakumbi kunokuba ebecinga. Utsho ngemincili ukuba uYehova ubesoloko emnyamekela, ngokomoya nangokwenyama.
UPietro uneminyaka engaphezu kwama-70 ubudala, yaye maxa wambi uye akhathazwe yimpilo. Ukanti, usakhonza njengovulindlela okhethekileyo. Kutshanje, uye wadibana nendoda ekhonza njengomfundisi-ntsapho kwisikolo samaKatolika. UPietro wacela ukuyiqhubela isifundo seBhayibhile, yaza yasamkela ngovuyo. Emva kwesifundo sesine, le ndoda yamxelela uPietro ukuba yayikholelwa ukuba oko yayikufunda kwakuyinyaniso. UPietro wayilumkisa ukuba xa abefundisi beso sikolo befumanisa ukuba ifundisisa namaNgqina kaYehova, yayisenokuphulukana nomsebenzi wayo. Kodwa le ndoda yathi akuyikhathazi oko, kuba yayinokuphinda iwufumane umsebenzi kwenye indawo. Hayi indlela awavuya ngayo uPietro kukuva ukuba lo mfundisi-ntsapho wayeyigqala inyaniso yeLizwi likaThixo njengento exabiseke ngolo hlobo!
Ukuzondelela Imisebenzi Emihle
Abanye abaninzi baye bakuqonda ukungxamiseka kwala maxesha baza bazingqina ‘bezondelela imisebenzi emihle.’ (Tito 2:14) Kungokunje, kukho abavakalisi abangaphezu kwe-120 000 eArgentina, yaye abangaphezu kwama-7 000 babo baye bachithela ubomi babo kwinkonzo yobuvulindlela obuthe ngxi. UHernán Torres ngomnye wabo. Njengoko ephantse abe neminyaka engama-70 ubudala, eyimfama, yaye ehamba ngesitulo esinamavili sabaguli, kufuneka enze umgudu ongakumbi ukuze afikelele iiyure ezilindelekileyo koovulindlela. Ngezinye iimini, uvuka ekuseni aze aye kwigumbi labo bangakwaziyo ukuzinyamekela lalapho ahlala khona. Apho uthetha nabanye ngeBhayibhile, enze amabuyelo, aze ahambise amaphephancwadi kubahlali balapho abakumzila wakhe wamaphephancwadi. Xa imozulu intle, uhlala phandle aze ashumayele kwabo badlulayo. Ngezinye iimini, kubakho umzalwana okanye udade ohamba naye kubulungiseleli bendlu ngendlu. Ekubeni engaboni, loo mntu ahamba naye uyamazisa ukuba luhlobo luni lomntu athetha naye. Ukuba ngumntu oyindoda, uye amqhwethe kanye egxalabeni. Ukuba libhinqa, umqhwetha kabini. Ukuba ngumntu oselula, umqhwetha kathathu.
Omnye uvulindlela othe ngxi, uRolando Leiva, ungumchebi weenwele. Kwigumbi lakhe lokucheba iinwele, ubeke iimpapasho zeWatch Tower Society. Kusoloko kukho iinkupho zakutshanje zeMboniselo noVukani! Abo bazele ukucheba sebeqhelile ukufika iziimpapasho zeWatch Tower kuphela ezikhoyo. URolando uthi: “Ekubeni ndibabiza imali encinane kakhulu ngokucheba iinwele, bakulungele ukwamkela nantoni na endibabekela yona.” Njengoko echeba, ubajonga esipilini abo balindileyo. Uthi: “Xa ndibona omnye efunda iphephancwadi ngomdla, ndiqalisa incoko naye ngoxa ndicheba intloko yakhe.” Ngaloo ndlela, uRolando wafumana imirhumo eli-163 ebudeni bonyaka omnye wenkonzo! Yaye uqalise izifundo zeBhayibhile ezininzi kunye nabo abachebayo. Ezisibhozo zezo zifundo aziqhubayo waziqalisa ngokunikela ubungqina obungacwangciswanga kwindawo yakhe yokucheba iinwele.
Nabaselula babonisa inzondelelo ekushumayeleni ilizwi. UElber Heguía, umzalwana oneminyaka eli-13 ubudala, uneminyaka emibini ekhonza njengovulindlela kwiBandla laseCentro eSan Pedro, kwiphondo laseJujuy. Xa omnye udade wamnika idilesi yendoda awadibana nayo xa wayenikela ubungqina esitratweni, uElber wabuyela kuloo ndoda waza wamangaliswa kukufumanisa ukuba ifundisa ubuchule bokulwa. Wayichazela isizathu sokutyelela kwakhe, yaza loo ndoda yathabatha incwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Le ndoda yayinandipha loo ncwadi yaza yacela imibhalo eyayiza kuyinika abo yayibafundisa ukulwa. Ngaloo ndlela, uElber wahambisa iincwadi ezingama-50, iincwadana ezinemifanekiso ezingama-40, namaphephancwadi aliqela. Waqalisa isifundo seBhayibhile kunye nomqeqeshi lowo kwakunye nabangama-25 babafundi bakhe. Abanye babo baqhuba kakuhle kakhulu.
Ukunikela Ubungqina Kwezona Nxalenye Zikude Zomhlaba
Ekuqaleni iindaba ezilungileyo zasiwa eArgentina ngabavakalisi abanenzondelelo ababevela kwamanye amazwe, yaye abazalwana baseArgentina nabo babonakalisa umoya ofanayo wokuzincama. Intsapho yaseBheteli iye yakhula yaba namalungu angama-286. Abanye abazalwana noodade abangama-300 banenxaxheba kwezinye iinkalo zenkonzo ekhethekileyo yexesha elizeleyo.
Abanye baye bakhonza kumazwe ekukho imfuneko enkulu ngakumbi kuwo. (Isa. 6:8) Ngokomzekelo, ngeminyaka yowe-1980, iQumrhu Elilawulayo lenza ilungiselelo lokuba abazalwana abangama-20 baseArgentina bakhonze njengabavangeli basemazweni eParaguay ngaphandle kokuba baye kwiSikolo saseGiliyadi. Kutshanje, iqela elikhulu loodade abangatshatanga, kunye nabanye abavakalisi, baye baya kukhonza kwimimandla yalapho ekukho imfuneko enkulu kuyo. Baye banyamezela imozulu etshisayo ukuze bavakalise iindaba ezilungileyo. Abaninzi kubazalwana noodade abangama-73 baseArgentina ngoku abakhonza eParaguay benza imizamo yokufunda ulwimi lwalapho lwesiGuarani ukuze bafikelele abantu abaninzi ngakumbi.
Ebudeni beminyaka, abaninzi baye bakhonza eBolivia naseChile njengoovulindlela nabaveleli abahambahambayo. Xa umsebenzi wavulwayo eMpuma Yurophu, omnye umzalwana waseArgentina othetha isiHungary wazenza wafumaneka yaye ngoku ukhonza eHungary njengomveleli wesiphaluka. Esinye isibini esitshatileyo sacela ukuya kunceda emsebenzini wokushumayela eBenin, eAfrika, saza sathunyelwa apho njengabavangeli basemazweni. Uthando lwaso lubonisa isimo sengqondo sabo bonke abantu bakaYehova abakwiparadesi yokomoya, apho kungekho mida yobuzwe.
EArgentina abavakalisi abanenzondelelo beendaba ezilungileyo zoBukumkani baye bakulungela “[ukushumayela] ilizwi ngokungxamisekileyo, ngexesha elilungileyo nangexesha lenkathazo.” (2 Tim. 4:2) Ngenxa yemizamo yabo yenzondelelo, bangaphezu kwe-120 000 namhlanje abantu baseArgentina abadumisa uYehova nabanandipha intsikelelo yakhe etyebileyo.—IMize. 10:22.
[Igrafu/Umfanekiso okwiphepha 186]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
UKWANDA KWAMANANI AMANGQINA EBUDENI BEMINYAKA YOKUVALWA KOMSEBENZI
1950 1960 1970 1980
1 416 7 204 18 763 36 050
[Umfanekiso ozalise iphepha, kwiphepha 148]
[Imifanekiso ekwiphepha 150]
Bafaka isandla ekubekweni kwesiseko sokushunyayelwa kweendaba ezilungileyo eArgentina: (1) UGeorge Young, (2) uJuan Muñiz, (3) uCarlos Ott, (4) uNicolás Argyrós
[Umfanekiso okwiphepha 152]
Besebenzisa le bhasi, uArmando Menazzi namanye amaNgqina anenzondelelo babeshumayela ubuncinane kumaphondo alishumi
[Umfanekiso okwiphepha 156]
UMzalwan’ uKnorr (ekunene) kwenye yeendibano ezaqhutywa ngowe-1953 ebudeni bokuvalwa komsebenzi
[Umfanekiso okwiphepha 161]
Umatshini wokushicilela wokuqala wolu hlobo ukusetyenziswa ngamaNgqina kaYehova
[Umfanekiso okwiphepha 162]
INdibano Yezizwe Ngezizwe ‘Yoloyiso Lobuthixo’ eRío Ceballos, ngowe-1974
[Umfanekiso okwiphepha 178]
Indibano eyayiqhutyelwa emahlathini ebudeni bamaxesha anzima
[Umfanekiso okwiphepha 193]
IHolo yoBukumkani edadayo kummandla osentilini yoMlambo iParaná
[Umfanekiso okwiphepha 194]
USteven noJune Lee bakhonza kwisiphaluka sezizwe ngezizwe saseKorea
[Umfanekiso okwiphepha 200]
Enye yezona Holo zoBukumkani zasemazantsi zakhiwa ngokukhawuleza eUshuaia, eseTierra del Fuego
[Imifanekiso ekwiphepha 202]
IiHolo zeNdibano zaseArgentina: (1) eMoreno, (2) eCórdoba, (3) eLomas de Zamora, (4) eMisiones
[Umfanekiso okwiphepha 204]
IHolo yeNdibano yaseCañuelas
[Imifanekiso ekwiphepha 208, 209]
Indibano yezizwe ngezizwe yowe-1990
[Umfanekiso okwiphepha 215]
Izikhukula ezinamandla emantla eArgentina zashiya abaninzi bengenakhusi
[Imifanekiso ekwiphepha 218]
Abavangeli basemazweni bokuqala abasakhonza eArgentina: (1) Filia Spacil (2) Edith Morgan (3) Sophie Soviak (4) Helen Wilson (5) Mary Helmbrecht (6) Charles Eisenhower
[Imifanekiso ekwiphepha 223]
(1) IKomiti yeSebe (ekhohlo ukusa ekunene): M. Puchetti, N. Cavalieri, P. Giusti, T. Kardos, R. Vázquez, C. Eisenhower
Izakhiwo zeSebe: (2) iiofisi, (3) icandelo lokushicilela, (4) ikhaya laseBheteli