AmaNgqina KaYehova EMpuma Yurophu
NGONOVEMBA 1989, xa uDonga lwaseBerlin lwadilikayo, iAsiaweek yathi “malunga nezigidi ezibini zabemi baseMpuma Jamani bathontelana ukungena kwicala elingasentshona lelizwe labo elahlulahluliweyo kwiintsuku ezimbini emva kokuvulwa kwemida yaseMpuma Berlin.” Babeyokwenza ntoni?
Eyona nto yayingamandla, babeye kuthenga. Abanye babeye kubuka nje yaye bevuyela ukungcamla le nkululeko intsha bayifumeneyo. Abaninzi bafumana amaNgqina kaYehova ezitratweni zaseBerlin nakwezinye izixeko baza bamkela uncwadi kuwo. Ukususela ngoko, bambi baye babhalela kwiofisi yesebe yeWatch Tower Society eseSelters, kufuphi naseFrankfurt am Main, bebonakalisa intsabelo emangalisayo.
Enye ileta yavakalisa oku: “Xa ndandityelele eNtshona Berlin okokuqala ebomini bam, ndafumana inkupho yeMboniselo njengesipho esivela kumaNgqina kaYehova endadibana nawo esitratweni. Ukususela ngoko, ndiye ndaqalisa ukuyijonga iBhayibhile kwakhona, yaye nakubeni ndineengxaki ezininzi gqitha, kwakhona kukho umntu ondinik’ ithemba novuyo ebomini. Ndingakuvuyela gqitha ukuba ndinokufunda incwadi ethi Ubutsha Bakho—Ukufumana Okona Kulungileyo Kubo. Bendingakuvuyela nokuqhagamshelana namaNgqina kaYehova.”
Olunye undwendwe lwabhala lusithi: “Xa ndandiphuma kwitonela eliya kwisikhululo esikhulu saseNuremberg, inenekazi elithile landinika umbhalo kaVukani! noweMboniselo. Ndandichwayite gqitha ngoxa ndandizifunda. Kangangeentsuku ezithile ndiye ndayisebenzisa iBhayibhile kwakhona.”
Kwaqhutywa iindibano zamaNgqina kaYehova kwizixeko ezikhulu kulo lonke elaseMpuma Yurophu ebudeni bexesha lehlobo ngowe-1990. IBala lemidlalo iOlympia elaliseNtshona Berlin ngaphambili laba yindawo eyaqhutyelwa kuyo enye indibano awayeye kuyo amaNgqina avela kumazwe ngamazwe, kuquka nawasempuma Jamani. Kuqikelelwa ukuba kwangama-44 532 awayekho, anokuba ngama-30 000 ayevela empuma Jamani. Iphephandaba iBerliner Morgenpost lanikela ingxelo yokuba amaNgqina amatsha ali-1 017 abhaptizwa kumadama okuqubha aseOlympia, entywiliselwa ngokupheleleyo emanzini, inkqubo “ababambelela kuyo abo bantywiliselwayo njengaleyo yamaKristu amandulo.”
Izinto ziguquke njani empuma Jamani? NgoMatshi 1990 amaphephandaba aseMpuma Jamani avakalisa ukuba amaNgqina kaYehova aye amkelwa ngokusemthethweni. Phantsi komxholo othi: “Amkelekile Ngokwasemthethweni Kwakhona AmaNgqina KaYehova,” iphephandaba laseMpuma Jamani iMitteldeutsche Zeitung lathi: “NgoMatshi 14 saphela isibhengezo sokuvalwa umlomo kwawo esithabathe iminyaka engamashumi amane sikho. Ngolu suku abameli abangamaNgqina kaYehova aseJamani bakwazi ukuphuma kwisakhiwo esineZiko likaSosiba kaRhulumente kwiMicimbi Engonqulo weR[iphabliki] Y[olawulo-melo] yaseJ[amani] (eMpuma Jamani) bephethe uxwebhu olungokwasemthethweni oluwavumelayo kwakhona ukuba angaphinda aluqhelisele ngokukhululekileyo unqulo lwawo eMpuma Jamani.”
Ileta eyafunyanwa kwintwasahlobo ephelileyo ivela kwiNgqina elithile laseLeipzig ithi: “Kwiveki enye edluleyo besisaodola ngokufihlakeleyo ukudla kokomoya ngezixa ezincinane. Ngoku [ngoMatshi 14, 1990] siye samkelwa ngokusemthethweni! Kungekudala siza kube sisothula ilori enkulu eneetoni ezine zoncwadi!” Enyanisweni, ilori yokuqala eyathulwa eMpuma Jamani yayinoncwadi lweBhayibhile oluziitoni ezingama-25, yaye kwiinyanga ezimbini, kwathunyelwa ezinye iitoni ezingama-250. Kwakunjalo ke ukulamba okungokomoya kwaloo maNgqina awayehluthwe inkululeko kangangeminyaka engama-40!
Xa sikhumbula ukuba ubuNazi (1933-45) nobuKomanisi bazama ukuwubhangisa umsebenzi wamaNgqina eJamani, imisebenzi yawo yenkalipho yethuba elidluleyo neyangoku ibubungqina obucacileyo bengqibelelo yawo nentsikelelo aye wawathululela yona uThixo.
AmaNgqina KaYehova ERashiya
NgoDisemba 1989, uMikhail Gorbachev waba nentlanganiso noPopu John Paul II eVatican. Iphephandaba laseRashiya iPravda lanikela ingxelo yokuba uGorbachev wathi ngale ncoko yabo: “Saba nengxubusho enzulu nenentsingiselo. . . . Sathetha ngonqulo neenkqubo eziphathelele nalo eYurophu, ehlabathini, naseRashiya.” IL’Osservatore Romano, iphephandaba elisemthethweni laseVatican, lanikela ingxelo yokuba uMnu. Gorbachev xa wayethetha nopopu wathi: “Abantu beenkonzo ezininzi, kuquka amaKristu, amaSilamsi, amaYuda, amaBhuda nabezinye iinkonzo, bakho eRashiya. Bonke banelungelo lokwanelisa iintswelo zabo zokomoya. Kungekudala, kwilizwe lethu kuza kumiselwa uMthetho weNkululeko Engokonqulo.”
Ngokuvumelana nelo lizwi, ngoSeptemba 1990 iqumrhu lowiso-mthetho laseRashiya lamisela umthetho ovumela inkululeko yesazela. KwiGatya 3 lalo mthetho kwathiwa: “Ngokuvisisana nelungelo lenkululeko engokonqulo, wonke ummi uzigqibela ngokwakhe imibandela engokonqulo, unelungelo lokuqhelisela naluphi na unqulo njengomntu ngamnye okanye njengeqela okanye ukungaqheliseli naluphi na, ukuvakalisa nokusasaza iinkolelo zakhe ngokuphathelele unqulo.”
Kukho amawaka amaNgqina kaYehova eRashiya akhangele phambili ekuqheliseleni unqulo ngokukhululekileyo. (Bona iphepha 30.) KwiiNdibano “Zentetho Enyulu” zowe-1990, kwakukho iindwendwe ezingaphezu kwezili-17 000 ezivela eRashiya ezazikucwangciso lwesiRashiya eWarsaw ezazimele onke amaNgqina asasazeke kulo lonke elaseRashiya. Akhangele phambili kumhla ekuya kuba nokwenzeka ukuba abe neendibano eRashiya.
Inkqubela EPoland
AmaNgqina kaYehova amkelwa ngokusemthethweni ePoland ngoMeyi 1989. Ukususela ngoko kuye kwasekwa iofisi yesebe, yaye kwakhiwa izakhiwo ezikhulu kufuphi naseWarsaw. Ngaphambili, amakhulu amaNgqina aselula ebevalelwa entolongweni ngenxa yembambano yobundilele bobuKristu. Ngoku akhululekile kwinkonzo yezomkhosi nakwisohlwayo ukuba nje avelisa isiqinisekiso esifanelekileyo.
Iindibano ezaqhutyelwa ePoland ngowe-1989 nangowe-1990 zibe lolunye ukhuthazo kumaNgqina alapho. Ingxelo ithi inani lamaNgqina akhutheleyo ePoland liye landa nyanga zonke ebudeni bonyaka ophelileyo, lafikelela kwincopho engaphezu kwama-97 000. Alithandabuzeki elokuba kungekudala iPoland iza kuba lilizwe le-12 elinamaNgqina angaphezu kwe-100 000.a Ababezile kwiSikhumbuzo sokufa kukaKristu ngoAprili yayingabantu abali-188 861.
Inkululeko Engokonqulo ERomania
Avuyiswa gqitha amaNgqina aseRomania kukuva ukuba intlangano yawo iye yamkelwa ngokusemthethweni ngoAprili 1990. (Bona ibhokisi, kwiphepha 13.) Kungekudala kwalungiselelwa iindibano zesiphaluka kulo lonke elo lizwe, yaye kolunye ungcelele kweza abantu abangaphezu kwama-44 000, kanti kwakukho kuphela amaNgqina amalunga ne-19 000 ngelo xesha. Ngokuqinisekileyo abantu abaninzi baseRomania bayasabela kwisigidimi soBukumkani.
Iindibano zesithili zowe-1990 zehlabathi lonke ezinomxholo othi “Intetho Enyulu” zaqhutywa kwisixeko saseBrasov nesaseCluj-Napoca. Ucwangciso lwaqhutywa ngesiRomania nangesiHungary. Kwakuze abantu abangaphezu kwama-36 000, yaye kwabhaptizwa abali-1 445.
Ukususela kwinkupho yeMboniselo kaJanuwari 1, 1991, isiRomania siza kuqaliswa ukupapashwa ngaxeshanye nesiNgesi yaye ngombala opheleleyo.
KwiBulgaria engekude, apho lugquba khona unqulo lobuOthodoki baseMpuma, amaNgqina awakamkelwa ngokwasemthethweni kodwa aqesha amagumbi athile ukuze aqhubele kuwo iintlanganiso zawo zebandla. Angaphezu kwamakhulu amabini athi aya eSalonika, eGrisi, kwiNdibano “Yentetho Enyulu” ebiqhutywa ngolwimi lwaseBulgaria nangesiGrike.
Iindaba Ezimnandi Ezivela EHungary
UJuni 27, 1989, yayilusuku olubalulekileyo kwimbali yamaNgqina aseHungary. Iphephandaba iMagyar Nemzet lavakalisa oku: “IOfisi kaRhulumente Engemicimbi yeCawa iye yavakalisa ukuba intlangano yonqulo yamaNgqina kaYehova eHungary, ngokuvumelana nomthetho wenkululeko engokonqulo, igqalwa njengonqulo olwamkelekileyo ngokwasemthethweni.” Ezi ndaba zabhengezwa kunomathotholo, nakumabonwakude. Abemi baseHungary baye beva ukuba ekugqibeleni uye wamkelwa ngokusemthethweni umsebenzi wamaJehova Tanúi (amaNgqina kaYehova).
Ukuze kugutyungelwe imimandla emikhulu yeli lizwe, kuye kwaqhutywa iiNdibano “Zentetho Enyulu” ePecs, eMiskolc, eDebrecen naseBudapest. Abantu abanokuba nama-2 000 abathetha isiHungary beza besuka eCzechoslovakia naseRashiya. Ukubethelela ukumanyana kwamaNgqina kaYehova ezizwe ngezizwe, kwakukho iqela leendwendwe ezingama-700 ezazisuka eFinland. Lilonke inani labo babekho eHungary lalingama-21 568, kuquka neendwendwe ezingaphezu kwezingama-2 000 ezazisuka eRomania.
Ukususela ngoJanuwari 1990, amaNgqina aseHungary ebefumana amaphephancwadi awo ngombala opheleleyo ngokuthe rhoqo, eguqulelwe ngaxeshanye nawolwimi lwesiNgesi.
Ayaqhubeka ECzechoslovakia
Kweli lizwe lihle elineentaba namathafa achumayo, amaNgqina kaYehova axakekile enceda abamelwane bawo ukuba bafunde okungakumbi ngeBhayibhile. Enye ingxelo engomsebenzi wawo ithi: “Umsebenzi wenziwa ngokuphandle, yaye kuqhutywa iintlanganiso ezinkulu.”
Emva kweenguqulelo eziphawulekayo ezenzeke eMpuma Yurophu ngasekupheleni kowe-1989, amaNgqina aseCzechoslovakia athabatha amanyathelo ngokukhawuleza aza alungiselela ungcelele lweendibano zesiphaluka ebudeni benyanga ka-Aprili ukusa kwekaJuni 1990. Ngenxa yoku, okwesihlandlo sokuqala, kwabakho ingxelo entle engamaNgqina kumaphephandaba. Sithetha nje, kukho amaNgqina angaphezu kwama-21 000 eCzechoslovakia, yaye ngowe-1990 abantu ababezile kwiSikhumbuzo sokufa kukaKristu babengama-40 295. Ngaphezu kwesiqingatha samabandla sesineendawo ezithile eziqeshwayo apho anokuqhubela khona iintlanganiso zawo, yaye amabandla ali-12 ade aneeHolo zawo zoBukumkani.
NgoAgasti 1990 kwaqhutywa indibano ePrague, bebonke abantu ababekho babengama-23 876, yaye kwabhaptizwa abali-1 824. Ukuwenza amabala emidlalo afanelekele iindibano, amaNgqina angaphezu kwangama-9 500 ngokuzithandela achitha iiyure ezingaphezu kwezingama-58 000 ekucoceni nasekupeyinteni. Ummeli weziko likamabonwakude eCzechoslovakia wathi: “Siye satyelela iimbutho ezininzi, kodwa siyayincoma indlela enilungelelaniswe ngayo kweli bala lemidlalo. Kunzima ukuba sikholelwe kwelokuba niyaqala ukulungiselela indibano elolu hlobo.” Olunye undwendwe lwathi: “Ndiyayithanda imekobume engokomoya, imvisiswano nothando oluphakathi kwenu bazalwana. Bendize njengomhlobo; ndihamba ndingongakumbi.”
Amaphephancwadi IMboniselo noVukani! apapashwa ngombala opheleleyo ngolwimi lwesiCzech nolwesiSlovak, yaye IMboniselo ifumaneka ngaxeshanye nesiNgesi kwezi lwimi zombini. Xa sicinga ngeemeko ebezicinezela kunyaka nje omnye odluleyo, ezi ziinguqulelo ezimangalisayo.
Amathemba Ekamva
Ngawaphi amathemba akhoyo kumaNgqina angokushumayela kumazwe apho esi sizukulwana sangoku siye sakhula singakholelwa kubukho bukaThixo? Ingxelo ichaza oku: “Kukho ubumnyama obugqithiseleyo ngokuphathelele iBhayibhile noThixo. Noko ke, eyona nto inik’ ithemba yeyokuba abantu abadidekanga ziimfundiso zobuxoki ezimele zingamkelwa. Kuyabonakala ukuba ukuvuna kona kuninzi.”
Ngoko, sisiphi isigidimi esivela eBhayibhileni amaNgqina kaYehova asidlulisela kubantu baseMpuma Yurophu? Inqaku elilandelayo liza kuphendula.
[Umbhalo osemazantsi]
a Amanye ali-11 yiBrazil, iBritani, iKhanada, iFransi, iJamani, i-Itali, iJapan, iMexico, iNigeria, iiPhilippines neUnited States.
[Ibhokisi ekwiphepha 8, 9]
Inkululeko Engokonqulo Ekugqibeleni!
La magqabaza alandelayo avela kumaNgqina asuka kwindawo ngaphambili ebiyiMpuma Jamani awayeze kwiNdibano “Yentetho Enyulu” eBerlin, ngoJulayi 1990.
“Igama lam ndinguLydia. Ndineminyaka esibhozo ubudala, yaye ndisuka eGDR [eMpuma Jamani]. Ndivuya gqitha kukuba ndiye ndeza kule ndibano yesithili kuba kunyaka ophelileyo, imida ibingekavulwa. Kwafuneka iSikhumbuzo sisiqhube ngasese. Ngoku sikhululekile! Xa wonk’ umntu eqalisa ukucula, zisuka zihle iinyembezi. Ndinemincili kangangokuba ndiza kubalisa ngayo esikolweni!”
“Sinombulelo ongazenzisiyo noxabiso ngokuba ziindwendwe zikaYehova apha eBerlin phakathi kobuzalwana bezizwe ngezizwe.”—UBernd.
“Isibakala sokuba abazalwana baseMpuma Jamani bebekucwangciso sibonisa inkalo ebalulekileyo: UYehova uyabaqeqesha abantu bakhe yaye ubenza bafaneleke naxa bevalwe umlomo.”—UGottfried.
“Intswahla nengoma zazibonisa ukuba wonke umntu wayonwabile. Kwakuvakala isandi esikhulu kangangokuba sasichukumisa ngaphakathi. Hayi indlela amele ukuba wavuya ngayo uYehova!”—UEgon.
“Emva kokuba ndibhaptiziwe bambi abazalwana bandibuza enoba amanzi ebengabandi gqitha kusini na. Ekuphela kwento endandinokuyithetha kukuthi andazi. Intsikelelo kaYehova yayifudumalisa kangangokuba andizange ndiliphawule iqondo lobushushu okanye elokubanda kwamanzi.”—UHeidrun.
“Ayichazeki imeko eyayikumagumbi okulala esasiwaqeshile! Kukho abantu ababevela eDenmark, eMozambiki, eNgilani, eKhalifoniya, emazantsi eJamani, eSpeyin, eMpuma Jamani—sonke sasicula kunye, sonke sasithetha ‘intetho enyulu.’”—UJutta.
“Besisoloko sibalisela abantwana bethu izinto esizikhumbulayo ezenzeka kwindibano yaseBerlin yowe-1958 neyowe-1960, eyokugqibela esakwazi ukuya kuyo. Kodwa ebesikunandipha ngoku kuzigqwesa zonke izinto esizikhumbulayo nebesizilindele.”—UWolfgang.
“Eyona nto isichukumise gqitha kuxa amawaka abantu aphakama aza avuma ingoma ezukisa uYehova, ingakumbi ebudeni bengoma yokuqukumbela nomthandazo. Asizange sikwazi ukuzibamba iinyembezi.”—UMonika noReinhard.
[Ibhokisi ekwiphepha 13]
“Okungekho Sikweni Kwalungiswa”
Phantsi kwaloo mxholo kwanikelwa ingxelo ngeengongoma zeendaba kulindixesha waseRomania iTineretul liber (Ulutsha Olukhululekileyo) ka-Agasti 11, 1990. Lo lindixesha wathi: “Ewe, okungekho sikweni kwalungiswa. Intlangano engokonqulo ekhuthele gqitha ‘amaNgqina kaYehova,’ athe alondoloza ingqibelelo yawo njengabalandeli bakaKristu ngaphezu kweminyaka engama-40, iye ngoku yamkelwa ngokwasemthethweni, isamkela isiqinisekiso esingokwasemthethweni. Le ntlangano iwenza umsebenzi wayo phantsi kweliso noyalelo lweQumrhu Elilawulayo, njengentlangano yehlabathi lonke, esebenza ngokukhutheleyo kumazwe angama-210 nemimandla eseziqithini.” Landula ke eli nqaku laqukumbela ngokubhengeza iindibano ezaziza kuqhutywa ngoAgasti eBrasov naseCluj-Napoca.
[Imifanekiso ekwiphepha 9]
Oko kuqhubeka endibanweni: (ukususela ezantsi ngasekhohlo, ukusa ngasekunene) ukunikela incwadana entsha enemifanekiso eWarsaw; iqonga laseHungary nelaseRomania, eBudapest; kubhalwa amanqaku, eBerlin; ukulungiswa kwebala lemidlalo ngaphambi kwendibano, ePrague
[Imifanekiso ekwiphepha 10]
Oko kuqhubeka endibanweni: (ukususela ngasekhohlo, ukusa ngasekunene) ubhaptizo, eRomania; ibala lemidlalo, ePrague; intsapho nencwadi ethi “Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo” eBerlin; isithethi eBudapest; ukuhlola iBhayibhile ePoland