Isahluko 22
Icandelo 5—Amangqina Ukusa Ekupheleni Komhlaba
Ngowe-1975 kwenziwa izigqibo ezibalulekileyo ngokuphathelele indlela umsebenzi wamaNgqina kaYehova owawuza kuvelelwa ngayo ngokusuka kwikomkhulu lawo lehlabathi. Ngoko ayengawazi amasimi awayesenokuvuleka ukuze kunikelwe ubungqina ngokucokisekileyo kuwo ngaphambi kokuphela kwale nkqubo yehlabathi ikhoyo yezinto engazi nokuba kwakuseza kushunyayelwa kangakanani kumazwe ekwakushunyayelwa ngokukhululekileyo kuwo kangangeminyaka emininzi. Kodwa ayefuna ukuwasebenzisa ngeyona ndlela ilungileyo onke amathuba awayekho. Kwiphepha 502 ukusa kwelama-520 kubaliswa ngezinye zezi nguqulelo zichulumancisayo.
KWAKWENZEKE iinguqulelo eziphawulekayo kuMzantsi Merika. Kwiminyaka embalwa ngaphambilana amaNgqina kaYehova e-Ecuador ayejamelana namahlokondiba amaKatolika, abefundisi bamaKatolika eMexico babelawula ngokungathi ziinkosi kwiidolophana ezininzi, ibe urhulumente wayewavale umlomo amaNgqina kaYehova eArgentina naseBrazil. Kodwa iimeko ziguquke ngokuphawulekayo. Ngoku inkoliso yabo babefundiswe ukuwoyika okanye ukuwathiya amaNgqina nabo bangamaNgqina kaYehova. Abanye baphulaphula ngovuyo xa amaNgqina ebatyelela ukuze abelane nabo ngesigidimi soxolo esiseBhayibhileni. AmaNgqina kaYehova aziwa kakhulu ibe ahlonelwa ngokubanzi.
Ubungakanani beendibano zawo nehambo yobuKristu yabo bezayo kuzo iye yatsala ingqalelo yabanye. Kwezimbini zezo ndibano, ezaqhutywa ngaxeshanye eSão Paulo naseRio de Janeiro, eBrazil, ngowe-1985, kwakuze abantu abangama-249 351. Kamva, ngenxa yeendibano ezingama-23 ezongezelelekileyo, ezaqhutywa kulo lonke elaseBrazil ukwenzela ingenelo yabantu abanomdla, bebonke ababezile bafikelela kuma-389 387. Imiphumo yomsebenzi obusenziwa ngamaNgqina kaYehova eBrazil njengabafundisi beLizwi likaThixo yabonakala ngokucacileyo xa abantu abangama-4 825 bafuzisela uzahlulelo lwabo kuYehova ngokuntywiliselwa emanzini ebudeni bezo ndibano. Emva kweminyaka nje emihlanu, ngowe-1990, kwafuneka kuqhutywe iindibano ezili-110 kulo lonke elaseBrazil ukwenzela abantu abangama-548 517 ababekho kuzo. Ngesi sihlandlo bali-13 448 abazinikelayo ukuba bantywiliselwe emanzini. Kulo lonke elo lizwe amakhulu amawaka abantu neentsapho babevuma ukuba amaNgqina kaYehova abafundise ngeLizwi likaThixo.
Kuthekani ke ngeArgentina? Emva kokubekelwa imiqathango ngurhulumente kangangamashumi eminyaka, amaNgqina kaYehova apho aphinda akwazi ukuhlanganisana ngokukhululekileyo ngowe-1985. Hayi indlela abavuya ngayo abo bangama-97 167 ababekho kungcelele lwabo lokuqala lweendibano! Ngaphantsi komxholo othi “UBukumkani Obandayo—Obo BamaNgqina KaYehova,” impapasho yeendaba yasekuhlaleni iAhora yavakalisa ukumangaliswa kukulungelelana kwesihlwele esasikho kuloo ndibano eBuenos Aires, ukungabikho tu kwaphela komkhethe wobuhlanga nowentlalo, ukuba noxolo kwaso, nothando olwalusibonakalisa. Yaza yaqukumbela yenjenje: “Enoba siyavumelana neembono neemfundiso zaso okanye akunjalo, esi sihlwele siphela sifanele sisihlonele ngokunzulu.” Noko ke, abantu baseArgentina abaninzi benza okungaphezu koko. Baqalisa ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova, baza baya kwiintlanganiso eziqhutywa kwiHolo yoBukumkani ukuze babone indlela amaNgqina ayisebenzisa ngayo imigaqo yeBhayibhile kubomi bawo. Bandula ke aba bakhi-mkhanya benza isigqibo. Kwiminyaka esixhenxe elandelayo, amashumi amawaka abo ahlulela ubomi bawo kuYehova, ibe inani lamaNgqina eArgentina landa ngama-71 ekhulwini!
Intsabelo kwiindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo eMexico ibimangalisa ngakumbi. Kwiminyaka edluleyo, amaNgqina kaYehova apho ayesoloko ehlaselwa ngamahlokondiba aphenjelelwa ngabefundisi. Kodwa isibakala sokuba amaNgqina ayengaphindezeli okanye afune ukubuyisa isixhiba sazichukumisa ngokwenene iintliziyo zabantu abanyanisekileyo. (Roma 12:17-19) Baphawula nokuba amaNgqina ayezisekele eBhayibhileni, iLizwi likaThixo eliphefumlelweyo, zonke iinkolelo zawo, kungekhona kwizithethe zabantu. (Mat. 15:7-9; 2 Tim. 3:16, 17) Babenokubona ukuba amaNgqina ayenokholo olwaluwomeleza naxa ejamelene nembandezelo. Iintsapho ezingakumbi zavuma ukuba amaNgqina kaYehova aziqhubele izifundo zeBhayibhile zamakhaya zesisa. Eneneni, ebudeni bowe-1992, i-12 ekhulwini lezifundo zeBhayibhile ebeziqhutywa ngamaNgqina ehlabathini lonke beziseMexico, ibe iqela elikhulu lezi beziqhutyelwa iintsapho ezinkulu. Ngenxa yoko, inani lamaNgqina kaYehova eMexico—asithethi nje ngabo babakho kwiintlanganiso zawo kodwa ngabo bebengabavakalisi basekuhleni abakhutheleyo boBukumkani bukaThixo—lantinga ukusuka kuma-80 481 ngowe-1975 ukuya kutsho kuma-354 023 ngowe-1992!
NaseYurophu, iziganeko eziphawulekayo zibe negalelo ekusasazweni kwesigidimi soBukumkani.
Iinguqulelo Ezikhwankqisayo EPoland
Nangona umsebenzi wamaNgqina kaYehova wawuvaliwe ePoland ukususela ngowe-1939 ukusa kowe-1945 (ngethuba lolawulo lwamaNazi neSoviet) waza waphinda wavalwa ukususela ngoJulayi 1950 (ngaphantsi kolawulo lweSoviet), amaNgqina kaYehova awazange ayeke ukushumayela apho. Nangona babeli-1 039 ngowe-1939, ngowe-1950 abavakalisi boBukumkani babeli-18 116, ibe aba baqhubeka bengabahambisi bevangeli abanenzondelelo (nangona babelumkile). (Mat. 10:16) Noko ke, zona iindibano zaziqhutywa ngokufihlakeleyo kuluntu ngokubanzi—emaphandleni, koovimba, emahlathini. Kodwa, ukususela ngowe-1982, urhulumente wasePoland wawavumela ukuba aqhube iindibano zosuku olunye engemaninzi kangako kwizakhiwo eziqeshiweyo.
Kwathi ngowe-1985, amaNgqina kaYehova aqeshiselwa awona mabala emidlalo makhulu ePoland ukuze aqhube iindibano ezine ezinkulu ebudeni benyanga ka-Agasti. Xa undwendwe olusuka eOstriya lwafika ngenqwelo-moya, lwamangaliswa kukuva isaziso esenziwa kwisandisi-lizwi esasisamkela ePoland amaNgqina kaYehova awayeze kwindibano yawo. Liqonda ukuba oku kwakubonisa ukuguquka kwesimo sengqondo sikarhulumente, elinye iNgqina elisele likhulile lasePoland elalilapho ukuze lamkele olo ndwendwe alizange likwazi ukuzibamba iinyembezi ngenxa yovuyo. Kwezi ndibano kwakukho abantu abangama-94 134, kuquka amaqela asuka kumazwe ali-16. Ngaba abantu ngokubanzi babekwazi oko kwakuqhubeka? Kakade, babekwazi! Ebudeni bezi ndibano nasemva kwazo, bafunda iingxelo ezazisenziwa kumaphephandaba abo aphambili, babona izihlwele ezize endibanweni kumabonwakude, baza baphulaphula neenxalenye zocwangciso kunomathotholo wesizwe. Inkoliso yabo yakuthanda oko yayikubona yaye ikuphulaphule.
Kwakusele kusenziwa amalungiselelo eendibano ezinkulu ngakumbi ePoland xa, ngoMeyi 12, 1989, urhulumente wawavumela ngokusemthethweni amaNgqina kaYehova ukuba abe ngumbutho wonqulo. Kungaphelanga neenyanga ezintathu, kwaqhutywa iindibano ezintathu zezizwe ngezizwe—eChorzów, ePoznan, naseWarsaw—kuzo xa zizonke kwabakho abantu abali-166 518. Okumangalisayo kukuba, amawaka amaNgqina asuka kuloo ndawo ngoko yayiyiSoviet Union (U.S.S.R.) naleyo yayiyiCzechoslovakia akwazi ukufumana imvume eyayifuneka yaye ayekho. Ngaba umsebenzi wokwenza abafundi wamaNgqina kaYehova wawunemiphumo kula mazwe uRhulumente wayekhuthaza imfundiso yokuba uThixo akakho kangangamashumi eminyaka kuwo? Impendulo yayizicacele xa abantu abangama-6 093, kuquka nolutsha oluninzi, bazinikelayo ukuba bantywiliselwe emanzini kwezo ndibano.
Abantu ngokubanzi babenyanzelekile ukuba babone ukuba amaNgqina ayahlukile—ngendlela eyingenelo. Kumaphephandaba, babefunda amazwi afana nala alandelayo: “Abo banqula uYehova uThixo—njengokuba besitsho—bazixabisa ngokwenene iindibano zabo, eziyimbonakaliso yokwenene yomanyano olukhoyo phakathi kwabo. . . . Ngokuphathelele ulungelelwano, uxolo, nokucoceka, abebeze endibanweni bayimizekelo yokuxeliswa.” (Życie Warszawy) Bambi babantu basePoland bagqiba kwelokuba benze okungakumbi kunokubabukela nje abo babeze endibanweni. Bafuna ukuba amaNgqina kaYehova afundisise iBhayibhile kunye nabo. Ngenxa yokufundiswa ngeLizwi likaThixo okunjalo, amaNgqina kaYehova ePoland anda ukusuka kuma-72 887 ngowe-1985 ukuya kwi-107 876 ngowe-1992; ibe kwangaloo nyaka, achitha iiyure ezingaphezu kwe-16 800 000 exelela abanye ngethemba elimangalisayo eliseZibhalweni.
Noko ke, iinguqulelo ezichulumancisayo zazingenzeki ePoland kuphela.
Iindawo Ezingakumbi ZaseMpuma Yurophu Ziyavuleka
EHungary amaNgqina kaYehova amkelwa ngokusemthethweni ngowe-1989. Indawo ngoko eyayisakuba yiGerman Democratic Republic (GDR) ngowe-1990 yakushenxisa ukuvalwa komsebenzi wamaNgqina okwakuthabathe iminyaka engama-40, oko kusenzeka emva kweenyanga nje ezine uDonga lwaseBerlin ludiliziwe. Kwinyanga elandelayo iChristian Association of Jehovah’s Witnesses in Romania yamkelwa ngokusemthethweni ngurhulumente omtsha waseRomania. Ngowe-1991 iSebe lezoBulungisa eMoscow lawubhalisa ngokusemthethweni uMgaqo-siseko we-“Religious Organization of Jehovah’s Witnesses in the U.S.S.R.” Kwangaloo nyaka umsebenzi wamaNgqina kaYehova wamkelwa ngokusemthethweni eBulgaria. Ebudeni bowe-1992, amaNgqina kaYehova amkelwa ngokusemthethweni eAlbania.
Enza ntoni amaNgqina kaYehova esakunikwa le nkululeko? Umcholacholi weendaba wabuza uHelmut Martin, umlungelelanisi womsebenzi wamaNgqina kaYehova kwiGDR: “Ngaba niza kubandakanyeka kwezobupolitika?” Ngapha koko, leyo yinto eyayisenziwa ngabefundisi abaninzi beNgqobhoko. UMzalwan’ uMartin waphendula wathi, “Hayi, uYesu wabanika uthumo oluseZibhalweni abafundi bakhe, ibe olo thumo silugqala njengomsebenzi wethu ophambili.”—Mat. 24:14; 28:19, 20.
Ngokuqinisekileyo amaNgqina kaYehova ayengaqalisi ukunyamekela loo mbopheleleko kulo mmandla wehlabathi. Nangona kwakufuneka awuqhube umsebenzi wawo ngaphantsi kweemeko ezinzima ngokwenene iminyaka emininzi, kwinkoliso yala mazwe amabandla (awayehlanganisana ngamaqela amancinane) ayesebenza, ibe ubungqina babunikelwa. Kodwa ngoku kwakuvuleka ithuba elitsha. Ayenokuqhuba iintlanganiso awayenokubamema ngokukhululekileyo abantu kuzo. Ayenokushumayela ngokuphandle kwindlu ngendlu, ngaphandle kokoyika ukuvalelwa entolongweni. Kula mazwe anabemi xa bedityanisiwe abangaphezu kwama-390 000 000, kwakukho umsebenzi omninzi owawufanele wenziwe. Eqonda kakuhle ukuba siphila kwimihla yokugqibela yale nkqubo ikhoyo yezinto yehlabathi, amaNgqina kaYehova awazange aphozise maseko.
Kwanangaphambi kokuba amkelwe ngokusemthethweni, amalungu eQumrhu Elilawulayo ayetyelele amazwe aliqela ukuze abone oko kwakunokwenziwa ukuze kuncedwe abazalwana noodade bawo abangamaKristu. Emva kokuba kushenxisiwe ukuvalwa komsebenzi, atyelela imimandla engakumbi ukuze ancede ekulungelelanisweni komsebenzi. Kungaphelanga neminyaka embalwa, ayesele edibene aza athetha ngokobuqu namaNgqina ePoland, eHungary, eRomania, eCzechoslovakia, eRashiya, eUkraine, e-Estonia, naseBelarus.
Kwalungiselelwa iindibano zokomeleza amaNgqina awayehlala kula mazwe nokutsalela engqalelweni yoluntu isigidimi soBukumkani bukaThixo. Kungaphelanga neenyanga ezintlanu umsebenzi uvuliwe kuloo ndawo ngoko eyayiyiGDR, kwaqhutywa indibano enjalo kwiOlympia Stadium yaseBerlin. AmaNgqina asuka kwamanye amazwe angama-64 asabela ngokukhawuleza kwisimemo sokuba abekho. Akugqala kulilungelo ukunandipha eso sihlandlo nabazalwana noodade bawo abangamaKristu ababebonise ukunyaniseka kuYehova nangona bejamelene nentshutshiso eqatha.
Ngowe-1990 nangowe-1991, kwaqhutywa ezinye iindibano kuyo yonke iMpuma Yurophu. Emva kokuba kuqhutywe iindibano ezine zasekuhlaleni eHungary ngowe-1990, kwenziwa amalungiselelo endibano yezizwe ngezizwe eNépstadion eBudapest ngowe-1991. Phakathi kwabantu ababekho kwakukho abangama-40 601 abavela kumazwe angama-35. Okwesihlandlo sokuqala kwiminyaka engaphezu kwama-40, amaNgqina kaYehova akwazi ukuqhuba iindibano zasekuhleni eRomania ngowe-1990. Ngaloo nyaka kwakuqhutywa ungcelele lweendibano kwelo lizwe, kwaza kamva kwaqhutywa iindibano ezimbini ezinkulu. Kwabakho ezinye iindibano ezisibhozo ngowe-1991, ekwabakho kuzo abantu abangama-34 808. Ngowe-1990, kuloo ndawo ngoko eyayiyiYugoslavia, kuyo nganye yeeriphabliki ezibumba elo lizwe kwaqhutywa iindibano. Kunyaka olandelayo, nangona elo lizwe lalisongelwa yimfazwe yamakhaya, amaNgqina kaYehova ali-14 684 anandipha indibano yezizwe ngezizwe eZagreb, ikomkhulu laseCroatia. Amapolisa amangaliswa kukubona amaCroat, amaMontenegrin, amaSerb, abemi baseSlovenia, nabanye behlanganisene ngoxolo ukuze baphulaphule ucwangciso.
Nakuloo ndawo ngoko yayiyiCzechoslovakia, ngokukhawuleza kwalungiselelwa iindibano. Kwindibano yelizwe lonke eyaqhutyelwa ePrague ngowe-1990 kwabakho abantu abangama-23 876. Abaphathi belo bala lemidlalo bakuthanda oko bakubonayo kangangokuba amaNgqina bawanika ezona ndawo zinkulu kwelo lizwe ukwenzela indibano yawo elandelayo. Ngeso sihlandlo singayi kulibaleka embalini, ngowe-1991, iStrahov Stadium ePrague sasizaliswe ngabantu abeze endibanweni abanehlombe abangama-74 587. AmaCzech namaSlovak awayekho endibanweni avuya aza aqhwaba izandla ngehlombe xa kwenziwa isaziso sokukhululwa kweNew World Translation of the Holy Scriptures epheleleyo ngeelwimi zawo, ukuze isetyenziswe kubulungiseleli basesidlangalaleni nakufundisiso lobuqu nanjengebandla.
Kwakhona kwakusebudeni bowe-1991 ekwathi, okwesihlandlo sokuqala embalini, amaNgqina kaYehova akwazi ukuqhuba iindibano ngokukhululekileyo kwiindawo ngoko ezaziyiSoviet Union. Emva kwendibano eyayiseTallinn, e-Estonia, kwabakho enye eSiberia. Kwaqhutywa zane kwizixeko eziphambili zaseUkraine, nenye eKazakhstan. Bebonke abezayo babengama-74 252. Ibe njengesiqhamo sakutshanje somsebenzi wokwenza abafundi wamaNgqina kaYehova kule mimandla, abantu abangama-7 820 bazinikela ukuba bantywiliselwe emanzini. Esi sigqibo sasingaqhutywa ziimvakalelo ngenxa nje yokuba babechwayitiswe yindibano. Aba babeza kubhaptizwa babenziwe bakulungela oku ngenyameko kuseziinyanga ngaphambili—ibe kwiimeko ezithile, iminyaka.
Babevela phi bonke aba bantu? Kwakucacile ukuba umsebenzi wamaNgqina kaYehova wawungaqali kuloo mmandla womhlaba. Kwasemva phayaa ngowe-1887 kwakukho umntu onomdla eRashiya owayeposelwa iimpapasho zeWatch Tower. Umongameli weWatch Tower Society watyelela eKishinev (ngoku eyiMoldova) ngowe-1891. Ebudeni beminyaka yee-1920 aBafundi beBhayibhile abathile babeye eRashiya ngenjongo yokushumayela; kodwa bachaswa ngamandla ngabasemagunyeni, ibe amaqela ambalwa awayebonisa umdla kwisigidimi seBhayibhile ayemancinane. Noko ke, le meko yaguquka ebudeni beMfazwe Yehlabathi II nasemva kwayo. Imida yamazwe yaguqulwa, ibe abantu abaninzi bafuduselwa kwezinye iindawo. Ngenxa yoko, AmaNgqina angaphezu kwewaka athetha isiUkraine awayekuloo ndawo yayisakuba yimpuma Poland azifumana sele engaphakathi kwiSoviet Union. Amanye amaNgqina awayehlala eRomania naseCzechoslovakia afumanisa ukuba iindawo awayehlala kuzo zazisele ziyinxalenye yeSoviet Union. Ukongezelela, abemi baseRashiya abaye baba ngamaNgqina kaYehova ngoxa babekwiinkampu zoxinaniso eJamani, babuyela kwilizwe labo lokuzalwa, ibe bahamba neendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Ngowe-1946, kwakukho amaNgqina akhutheleyo angama-4 797 kwiSoviet Union. Inkoliso yawo urhulumente wayifudusela kwiindawo ezahlukahlukeneyo ukutyhubela iminyaka. Amanye athunyelwa kwiinkampu zentolongo. Naphi na apho ayesiya khona ayeshumayela. Ayesanda. Kwanangaphambi kokuba urhulumente awamkele ngokusemthethweni, amaqela awo awayesebenza ukususela eLviv ekwintshona ukuya kuthi xhaxhe ngeVladivostok kumda weSoviet Union ongasempuma, ngaselwandle kwicala elingaseJapan.
Ngoku Abaninzi Bakulungele Ukuphulaphula
Xa amaNgqina ayeqhuba iindibano kuloo ndawo ngoko yayiyiU.S.S.R. ngowe-1991, abantu ngokubanzi bafumana ithuba lokuwaqwalasela ngokusondeleyo. Basabela njani? ELviv, eUkraine, igosa lamapolisa laxelela omnye owayeze endibanweni oku: “Nibalasele ekufundiseni abanye okulungileyo, nithetha ngoThixo, ibe anibandakanyeki kugonyamelo. Besixubusha ngesizathu sokuba besinitshutshisa, ibe sigqibe kwelokuba sasingazange siniphulaphule ibe sasingazi nto ngani.” Kodwa ngoku abaninzi babephulaphula, ibe amaNgqina kaYehova ayefuna ukubanceda.
Ukuze awuphumeze ngokunempumelelo ngakumbi umsebenzi wawo kula mazwe, kwakufuneka uncwadi lweBhayibhile. Kwenziwa umgudu omkhulu wokululungiselela ngokukhawuleza. ESelters/Taunus, eJamani, amaNgqina kaYehova azandisa phantse ngokuphindwe kabini izakhiwo zawo zokushicilela. Nangona lo msebenzi wokwandisa wawungekagqitywa, malunga neeveki ezimbini emva kokuba umsebenzi uvuliwe kuloo ndawo ngoko yayiyiMpuma Jamani, kwathunyelwa iitoni zoncwadi ezingama-25 kulo mmandla zisuka kwizakhiwo zokushicilela eSelters. Ukususela kwixesha owavulwa ngalo umsebenzi kumazwe aseMpuma Yurophu ukuya kuthi ga kowe-1992, phantse ziitoni zoncwadi ezili-10 000 ngeelwimi eziphambili ezili-14 ezathunyelwa kula mazwe ahlukahlukeneyo zisuka eJamani, ibe ezinye iitoni ezingama-698 zazivela eItali, yaye ezingakumbi zivela eFinland.
Ekubeni ebengenalunxibelelwano namanye kangangeminyaka emininzi, amaNgqina kwamanye amazwe ebefuna uncedo nakwimibandela yokuvelelwa kwamabandla neyokwalathiswa kwentlangano. Ukuze kwaneliswe le ntswelo ingxamisekileyo, kwaqhagamshelwana nabadala abanamava—abo babekwazi ukuthetha ulwimi lwelo lizwe, apho kunokwenzeka—eJamani, eUnited States, eKhanada nakwezinye iindawo. Ngaba babengakulungela ukufudukela kwelinye lala mazwe eMpuma Yurophu ukuze bancede ekwaneliseni le ntswelo? Intsabelo yayisanelisa ngokwenene! Apho kwakuza kuba yingenelo, abadala ababeqeqeshwe kwiSikolo saseGiliyadi okanye kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli nabo bathunyelwa.
Ngowe-1992, kwaqhutywa indibano ebalasele ngokwenene eSt. Petersburg, isixeko sesibini ngobukhulu eRashiya. Iindwendwe ezimalunga ne-17 000 zazivela kumazwe angama-27 angaphandle kweRashiya. Le ndibano yabhengezwa ngokubanzi. Phakathi kwabo babekho yayingabantu ababengazange khe beve ngamaNgqina kaYehova ngaphambili. Ababekho bafikelela kwincopho yama-46 214. Ababezile babevela kuloo lonke elaseRashiya, bambi besuka kwiindawo ezisempuma kakhulu njengeSiqithi seSakhalin, kufutshane neJapan. Amaqela amakhulu ayesuka eUkraine, eMoldova, nakwamanye amazwe awayesakuba yinxalenye yeU.S.S.R. Babesiza beneendaba ezilungileyo. Iingxelo zabonisa ukuba amabandla akwizixeko ezinjengeKiev, iMoscow, neSt. Petersburg ngokwesilinganiso ayeba nabantu abaliphinda kabini inani lamaNgqina kwiintlanganiso zawo. Abantu abaninzi ababefuna ukuba amaNgqina kaYehova afundisise iBhayibhile nabo kwakufuneka babhalwe kuluhlu lwabantu abalindileyo. Ababeze bevela eLatvia, babengama-600 yaye kukho nabangakumbi abavela e-Estonia. Elinye ibandla laseSt. Petersburg lalinabantu abangaphezu kwekhulu ababelungele ukubhaptizwa kuloo ndibano. Inkoliso yabo babonisa umdla ngabantu abaselula okanye abantu abafundileyo. Ngokwenene, kuqhubeka umsebenzi omkhulu wokuvuna ngokomoya kulo mmandla mkhulu okwethuba elide obukade ugqalwa lihlabathi njengesigqubo sabantu abangakholelwayo kuThixo!
Amasimi Amhlophe Ukuba Kuvunwe
Njengokuba izimo zengqondo zabantu ngokuphathelele inkululeko yonqulo beziguquka, namanye amazwe aye ayeka ukuwathintela amaNgqina kaYehova okanye awamkela ngokusemthethweni nto leyo ebekukade esala ukuyenza. Kwezininzi zezi ndawo, isivuno sokomoya esiyintabalala besisele silungele ukubuthwa. Iimeko bezifana nezo uYesu wazichazela abafundi bakhe xa wathi: “Waphakamiseni amehlo enu, niwakhangele amasimi; ngokuba aselemhlophe ukuba kuvunwe.” (Yoh. 4:35) Khawuqwalasele iindawo ezimbalwa oku okwakuyinyaniso kuzo eAfrika.
Umsebenzi wamaNgqina kaYehova wendlu ngendlu wawuvaliwe eZambia ngowe-1969. Ngenxa yoko, amaNgqina apho anikela ixesha elingakumbi ekuqhubeni izifundo zeBhayibhile zamakhaya nabantu abanomdla. Nabanye baqalisa ukuwafuna amaNgqina ukuze bafundiswe. Ngokuthe ngcembe imiqathango karhulumente yanyenyiswa, ibe ababebakho kwiintlanganiso banda. Ngowe-1992, bebengama-365 828 abebekho kwiSidlo seNkosi Sangokuhlwa eZambia, umntu omnye kwabangama-23 kubemi balapho!
Ngentla kweZambia, eZaire, amawaka angakumbi ebefuna ukwazi oko amaNgqina kaYehova akufundisayo ngokuphila kwamaKristu nangenjongo kaThixo ngoluntu. Ngowe-1990 xa imeko ziye zawavumela amaNgqina ukuba azivule kwakhona iiHolo zawo zoBukumkani, kwezinye iindawo ngabantu abangama-500 abebesiza kwiintlanganiso zawo. Ngeminyaka nje emibini amaNgqina angama-67 917 eZaire ebeqhuba izifundo zeBhayibhile zamakhaya ezili-141 859 nabantu abanjalo.
Inani lamazwe umsebenzi obuvuleka kuwo belikhwankqisa. Ngowe-1990, abavangeli basemazweni beWatch Tower ababegxothiwe eBenin kwiminyaka eli-14 ngaphambili ngoku banikwa ithuba lokubuyela ngokusemthethweni, ibe nabanye babevumelekile ukuba bangeza. Kwangaloo nyaka iSebe Lezobulungisa kwiRiphabliki yaseCape Verde latyobela umthetho owawusamkela umgaqo-siseko weAssociation of Jehovah’s Witnesses yasekuhlaleni, ngaloo ndlela uwamkela ngokusemthethweni. Ngowe-1991, amaNgqina kaYehova akhululwa ngokusemthethweni eMozambiki (apho abalawuli bangaphambili babewatshutshisa ngokuqatha), eGhana (apho umsebenzi wawo ubuvaliwe ngabasemagunyeni), nase-Ethiopia (apho ebengakwazi ukushumayela ekuhleni nokuqhuba iindibano kangangeminyaka engama-34). Ngaphambi kokuba unyaka uphele, eNiger naseCongo ebevumelekile ngokusemthethweni. Ekuqaleni kowe-1992, imiqathango ibisusiwe okanye amaNgqina kaYehova ebevumelekile ngokusemthethweni eChad, eKenya, eRwanda, eTogo naseAngola.
La masimi ebelungele ukuvunwa. Ngokomzekelo, eAngola, amaNgqina ngokukhawuleza anda ngama-31 ekhulwini; ngaphezu koko, abavakalisi boBukumkani balapho abaphantse babe li-19 000 bebeqhuba izifundo zeBhayibhile zamakhaya eziphantse zibe ngama-53 000. Ukuze kunikelwe uncedo lokwalathisa lo msebenzi mkhulu wokufundisa iBhayibhile eAngola naseMozambiki (apho abantu abaninzi bathetha isiPhuthukezi), abadala abafanelekayo abasuka ePortugal naseBrazil bakhuthazwa ukuba bafudukele eAfrika ukuze baqhubeke nobulungiseleli babo. Abavangeli basemazweni abathetha isiPhuthukezi bathunyelwa kwintsimi esandul’ ukuvulwa yaseGuinea-Bissau. Ibe amaNgqina afanelekayo eFransi nakwezinye iindawo akhuthazwa ukuba aye kunceda ekuphumezeni umsebenzi ongxamisekileyo wokushumayela nokwenza abafundi eBenin, eChad, naseTogo apho abantu abaninzi bathetha isiFrentshi.
Phakathi kwezo ndawo ziye zavelisa intabalala yesivuno sabadumisi bakaYehova zezo zazifudula ziyimimandla yobuRoma Katolika. Ukongezelela kumazwe akuMzantsi noMbindi Merika, oku kuye kwanjalo eFransi (apho ingxelo yowe-1992 ibonise abahambisi bevangeli abangamaNgqina abali-119 674), eSpeyin (apho bekukho abangama-92 282), kwiiPhilippines (apho bebeli-114 335), eIreland (apho amaNgqina anda ngabantu abasi-8 ukuya kwabali-10 ekhulwini ngonyaka), nasePortugal.
Xa kwindibano yamaNgqina eyayiseLisbon, ePortugal, ngowe-1978 kwabakho abantu abangama-37 567, iphephancwadi leendaba iOpção lathi: “Kuye nabani na owakha waya eFátima ngexesha lohambo ngezonqulo, oku kwahluke ngokwenene. . . . Apha [kwindibano yamaNgqina kaYehova] akukho zimfihlakalo, nto leyo ebangela ukuba kubekho iintlanganiso apho amakholwa aqhelekileyo axubusha ngeengxaki zawo, ukholo lwawo nembono yawo yokomoya. Indlela aphathana ngayo iwaphawula ngokwahlukileyo njengalawo anolwalamano lokunyamekelana.” Ebudeni beminyaka elishumi elandelayo, inani lamaNgqina ePortugal landa phantse ngama-70 ekhulwini.
Ibe kuthekani ngeItali? Ukunqongophala ngokwenene kwabo bafuna ukuba ngabefundisi bamaKatolika kunyanzelele ezinye izikolo zabefundisi ukuba zivalwe. Iicawa eziliqela azisenaye umfundisi ongowazo. Kwiimeko ezininzi izakhiwo ezazisakuba zezecawa ngoku ziivenkile okanye iiofisi. Phezu kwako konke oku, icawa iye yenza unako nako wokuwathintela amaNgqina kaYehova. Kwiminyaka yangaphambili yayinyanzela abasemagunyeni ukuba babagxothe abavangeli basemazweni bamaNgqina yaye yayifuna nokuba amapolisa azivale iintlanganiso zawo. Kweminye imimandla ebudeni beminyaka yee-1980, abefundisi babencamathisela amaphepha eminyangweni yabantu bonke (kuquka nabathile ababengamaNgqina kaYehova), awayesithi: “Ungankqonkqozi. SingamaKatolika.” Amaphephandaba ayenemixholo efana nalo: “ICawa Ixhalatyiswe NgamaNgqina KaYehova” nothi “‘IMfazwe Engcwele’ Nxamnye NamaNgqina KaYehova.”
Xa ababingeleli bamaYuda benkulungwane yokuqala bazama ukuthulisa abapostile, uGamaliyeli, umfundisi woMthetho, ngobulumko wabalumkisa: “Eli cebo, nalo msebenzi, ukuba lingaba lelabantu, lotshitsha: ukuba ke lelikaThixo, aninakulitshitshisa.” (IZe. 5:38, 39) Waba yintoni umphumo xa abefundisi bamaRoma Katolika bale nkulungwane yama-20 bazama ukuwathulisa amaNgqina kaYehova? Umsebenzi wamaNgqina ali-120 aseItali ngowe-1946 awuzange utshitshiswe. Kunoko, ngowe-1992, bekukho amaNgqina akhutheleyo ali-194 013 enxulumene namabandla angama-2 462 kulo lonke elo lizwe. Phantse ebelizalise lonke elaseItali ngemfundiso yawo yeLizwi likaThixo. Ukususela ngowe-1946 aye achitha iiyure ezingaphezu kwezigidi ezingama-550 ekuthetheni nabanye abemi baseItali ngoBukumkani bukaThixo. Ngoxa esenza oku, aye anikela kubo imibhalo ezizigidi yeBhayibhile kwaneencwadi, iincwadana, namaphephancwadi acacisa iZibhalo angaphezu kwezigidi ezingama-400. Afuna ukuqinisekisa ukuba abantu baseItali balifumana ngokupheleleyo ithuba lokuma ngakwicala likaYehova ngaphambi kokufika kweArmagedon. Ngoxa esenjenjalo, akhumbula oko umpostile uPawulos wakubhalayo kweyesi-2 kwabaseKorinte 10:4, 5, esithi: “Iintonga esiphuma ngazo umkhosi, azizezenyama; kuye uThixo zinamandla okuwisa iinqaba; siwisa ngazo nje amabhongo, nayo yonke into ephakamileyo, eziphakamisayo ngokuchasa ukwazi uThixo.”
AmaNgqina kaYehova akayalathiseli kwiindawo ezazisakuba zezamaKatolika kuphela ingqalelo yawo. Ayazi ukuba uYesu Kristu wathi: ‘Kumele kuvakaliswe iindaba ezilungileyo ezi kuzo zonke iintlanga.’ (Marko 13:10) Ibe lo ngumsebenzi amaNgqina awenzayo. Ngowe-1992, ali-12 168 kuwo ebexakekile exelela abantu ngoBukumkani bukaThixo eIndiya. Amanye awo angama-71 428 ebeshumayela kwiRiphabliki yaseKorea. EJapan bekukho ali-171 438, ibe ebeqhubeka esanda nyanga nganye. Kwakhona ebeqhubeka efikelela amazwe apho bekungekashunyayelwa okanye bekushunyayelwe kancinane kuphela.
Ngaloo ndlela, ngasekupheleni kweminyaka yee-1970, akwazi, okwesihlandlo sokuqala, ukusa isigidimi soBukumkani kubantu abahlala kwiZiqithi zeMarquesas naseKosrae—ezikuLwandlekazi lwePasifiki. Afikelela naseBhutan, ekumda ongezantsi weTshayina, naseComoros, ekunxweme olungasempuma lweAfrika. Ebudeni beminyaka yee-1980 okokuqala kwanikelwa ingxelo yomsebenzi wokushumayela wamaNgqina kaYehova kwiZiqithi iWallis neFutuna, kwanakwiziqithi zaseNauru naseRota, zonke ezikumzantsi-ntshona Pasifiki. Ezinye zezi ziindawo ezincinane noko; kodwa kukho abantu abahlala kuzo, ibe ubomi buxabisekile. AmaNgqina kaYehova asiqonda kakuhle isiprofeto sikaYesu sokuba ngaphambi kokuba ukuphela kufike, isigidimi soBukumkani sasiya kushunyayelwa “kulo elimiweyo liphela.”—Mat. 24:14.
Ukuthetha Nabantu Naphi Na Nanini Na Kunokwenzeka
Ngoxa ukushumayela kwindlu ngendlu kuqhubeka kuyindlela ephambili esetyenziswa ngamaNgqina kaYehova yokufikelela abantu, ayaqonda ukuba nangale ndlela ilungeleleneyo awafikeleli kuye wonke ubani. Ngemvakalelo yongxamiseko, ayaqhubeka efuna abantu naphi na apho banokufunyanwa khona.—Thelekisa uYohane 4:5-42; IZenzo 16:13, 14.
Xa amaphenyane emisa kumazibuko aseJamani naseNetherlands, nokuba ema ithutyana elifutshane, amaNgqina kaYehova enza umgudu wokuwatyelela, anikele ubungqina kuqala kumphathi aze alandele ngabo basebenza kuwo. Ahamba ephethe uncwadi lweBhayibhile ngeelwimi ezininzi ukwenzela la madoda. Kwiimarike zabemi bomthonyama eChad, kumbindi weAfrika, akunto ingaqhelekanga ukubona iqela labantu abali-15 okanye abangama-20 lingungele elinye lamaNgqina kaYehova elithetha nabo ngethemba loBukumkani bukaThixo. Esebenza njengamaqela atshintshanayo, amaNgqina athetha nabantu abathengisayo namawaka eza kuthenga ngeentsasa zangoMgqibelo kwiimarike zaseAuckland, eNew Zealand. Abantu abadlula kwizikhululo zooduladula eGuayaquil, e-Ecuador—inkoliso yabo isuka kwiindawo ezikude zelo lizwe—badibana namaNgqina apho abanika incwadana enemifanekiso esexesheni okanye iLa Atalaya ne¡Despertad! Abo basebenza ebusuku kwiimarike zokutya ezivula imini nobusuku kwisiXeko saseNew York batyelelwa emsebenzini ngamaNgqina ukuze nabo babe nalo ithuba lokuva iindaba ezilungileyo.
Xa ehamba ngeenqwelo-moya, ngoololiwe, ngooduladula, noololiwe abahamba ngaphantsi komhlaba, amaNgqina kaYehova amaninzi abelana nabanye akhwele nabo ngeenyaniso zeBhayibhile ezixabisekileyo. Ngexesha lekhefu lesidlo sasemini kwiindawo asebenza kuzo nasesikolweni, naxa abantu befika ezindlwini zawo ngezoshishino, ayawaxhakamfula la mathuba okunikela ubungqina. Ayazi ukuba inkoliso yaba bantu isenokungabikho ekhaya xa amaNgqina etyelela ngokwesiqhelo.
Ngoxa enikela ubungqina kwabanye, awawalibali amalungu entsapho asondeleyo nezinye izalamane. Kodwa xa uMaria Caamano, iNgqina laseArgentina, wayezama ukuxelela intsapho yakowabo ngendlela awayechukumiseke ngokunzulu ngayo koko wayekufunde eBhayibhileni, yayihlekisa ngaye okanye ingamsi so. Akazange ancame kodwa wathabatha uhambo lweekhilomitha ezili-1 900 ukuze aye kunikela ubungqina kwezinye izalamane zakhe. Ezinye zasabela kakuhle. Ngokuthe ngcembe, nezinye zaphulaphula. Ngenxa yoko, ngoku phakathi kwezalamane zakhe kukho abantu abadala abangaphezu kwama-80 nabantwana abangaphezu kwama-40 abaye bazamkela iinyaniso zeBhayibhile ibe ababelana nabanye ngazo.
Ukuze ancede izalamane zakhe, uMichael Regan wabuyela kwidolophu yakowabo, eBoyle, kwiNqila yaseRoscommon, eIreland. Wazishumayeza zonke. Umtshana wakhe wachukumiseka ngumoya wolonwabo nobomi obulungileyo obabuphilwa ngabantwana bakaMichael. Kungekudala yena nomyeni wakhe bavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. Xa babhaptizwayo uyise wathi angaphindi alibeke kowabo. Noko ke, ngokuthe ngcembe isimo sakhe sengqondo saguquka, waza walwamkela uncwadi—ngenjongo yokubhenca “iimpazamo” zamaNgqina. Kodwa ngokukhawuleza waqonda ukuba kwakuyinyaniso oko wayekufunda, ibe njengokuba ixesha lihamba wabhaptizwa. Ngoku angaphezu kwama-20 amalungu ale ntsapho anxulumene nebandla, inkoliso yawo sele ibhaptiziwe.
Kuthekani ngabantu abasentolongweni? Ngaba banokungenelwa kwisigidimi soBukumkani bukaThixo? AmaNgqina kaYehova awabatyesheli. Kwintolongo ekuMntla Merika, imiphumo emihle yezifundo zeBhayibhile zobuqu eziqhutywa namabanjwa, kunye nokubakho kwiintlanganiso eziqhutywa rhoqo entolongweni ngamaNgqina kaYehova, kwaba nemiphumo emihle kangangokuba abasemagunyeni entolongweni bavuma ukuba kuqhutywe iindibano apho. Kwezi kwakungezi amabanjwa kuphela kodwa kwanamawaka amaNgqina avela ngaphandle. Nakwamanye amazwe, kwenziwa imigudu ngokunyaniseka yokunikela ubungqina kumadoda nabafazi abasentolongweni.
AmaNgqina kaYehova awakholelwa kwelokuba ukufundisisa iBhayibhile kuya kuwaguqula onke amabanjwa. Kodwa ngokusuka kumava ayazi ukuba athile asenokuncedakala, ibe afuna ukuwanika ithuba lokwamkela ithemba loBukumkani bukaThixo.
Ukuzingisa Kwimigudu Yokufikelela Iintliziyo
AmaNgqina kaYehova abatyelela ngokuphindaphindiweyo abantu. Njengokuba abafundi bakaYesu bokuqala benzayo, ‘ayaqhubeka esiya’ kubantu abakwimimandla abelwe kuyo ezama ukuvuselela umdla wabo kuBukumkani bukaThixo. (Mat. 10:6, 7, NW) Kwezinye iindawo akwazi ukutyelela yonke imizi ekuloo mmandla kube kanye kuphela ngonyaka; kwezinye iindawo, abuyela rhoqo emva kweenyanga ezimbalwa. EPortugal, kummandla wesixeko saseLisbon neziphaluka ezisingqongileyo, apho Ngqina ngalinye lijongene nabantu abali-160, abantu batyelelwa ngamaNgqina veki nganye okanye malunga nalapho. EVenezuela, kukho izixeko apho intsimi igutyungelwa ngaphezu kwesihlandlo esinye ngeveki.
Xa amaNgqina kaYehova etyelela abantu rhoqo, awazami kusifaka ngenkani isigidimi seBhayibhile ebantwini. Kuphela nje azama ukubanika ithuba lokuba benze isigqibo ngobulumko. Namhlanje, abanye abantu basenokuthi abanamdla; kodwa iinguqulelo ezenzekayo ebomini babo okanye kwiimeko zehlabathi zisenokubenza bawamkele ngelinye ixesha. Ngenxa yomkhethe okanye ngenxa nje yokuba bexakeke kakhulu ukuba bangaphulaphula, eneneni abantu abaninzi abakaze bakuve oko kufundiswa ngamaNgqina. Kodwa ukusoloko betyelelwa ngobuhlobo kusebenokubenza banikele ingqalelo. Ngokufuthi abantu bayachukunyiswa kukunyaniseka nokugcina ingqibelelo kwimicimbi yokuziphatha kwamaNgqina ahlala elumelwaneni lwabo okanye asebenza nabo. Ngenxa yoko, ekuhambeni kwexesha, abanye baba nomdla kangangokuba bafune ukuva oko singako isigidimi sawo. Omnye umfazi onjalo eVenezuela, emva kokuba ngovuyo amkele uncwadi nesifundo seBhayibhile sekhaya sesisa, wathi: “Akukho mntu wakha wandichazela ezi zinto ngaphambili.”
Ngendlela yobubele, amaNgqina azabalazela ukufikelela iintliziyo zabo athetha nabo. EGuadeloupe, apho Ngqina ngalinye belijamelene nabantu abangama-57 ngowe-1992, akunto ingaqhelekanga ukuba abaninimzi bathi, “Andinamdla.” Xa besitsho, uEric Dodote uphendula athi: “Ndiyakuva, ibe ndiyayiqonda imeko yakho.” Udla ngokwandula athi: “Kodwa mandikubuze, Ngaba ungathanda ukuphila kwimeko ezilungileyo kunezi zikhoyo namhlanje?” Emva kokuphulaphula oko kuthethwe ngumninimzi, usebenzisa iBhayibhile yakhe ukuze abonise indlela uThixo aya kuzizisa ngayo iimeko ezinjalo kwihlabathi Lakhe elitsha.
Ukuyigubungela Ngokucokiseke Ngakumbi Intsimi
Kwiminyaka yakutshanje kumazwe athile kunzima ngakumbi ukufumana abantu besemakhaya. Ngokufuthi, indoda nomfazi bayaphangela, ibe ngeempela-veki basenokuba bayazonwabisa kude nekhaya. Ukuze ahlangabezane nale meko, kumazwe amaninzi amaNgqina kaYehova ubukhulu becala anikela ubungqina kwindlu ngendlu ngamarhatya. EBritani, amaNgqina athile awapheleli nje ngokuya kwabo bebengekho emakhaya phakathi kwentsimbi yesithandathu neyesibhozo ngokuhlwa kodwa amanye, kumzamo wokufikelela abantu ngaphambi kokuba baphangele, abatyelela ngaphambi kwentsimbi yesibhozo kusasa.
Kwanalapho abantu bakhoyo emakhaya, kusenokuba nzima ukubafumana ngaphandle kokuba umenywe kwangaphambili, ngenxa yokuba bezikhusela kulwaphulo-mthetho olwandileyo. Kodwa eBrazil xa abanye ekunzima ukubafumana besolula imilenze ekuseni kwindledlana eyenziwe ngamaplanga eCopacabana Beach, kusenokuza kubo iNgqina elinenzondelelo elilapho kwakusasa kangako lixakekile lincokola nabantu ngendlela uBukumkani bukaThixo obuya kuzicombulula ngayo iingxaki zoluntu. EParis, eFransi, xa abantu bebuyela emizini yabo xa kurhatyela, basenokufumana isibini esingamaNgqina esinobuhlobo kufutshane nesango lesakhiwo, silindele ukuthetha nabahlala apho abakulungeleyo ukuchitha imizuzu embalwa ukuze beve ngendlela uThixo aya kuyisebenzisa ukuzisa unqabiseko lokwenyaniso. EHonolulu, kwisiXeko saseNew York, nakwezinye iindawo ezininzi, kwenziwa imigudu yokufikelela abantu abahlala kwizakhiwo ezinqabisekileyo ngefoni.
Ukuba ayakwazi ukufumana umntu kwikhaya ngalinye, amaNgqina awavakalelwa kukuba umsebenzi wawo ugqityiwe. Anqwenela ukufikelela abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka kwindlu nganye. Maxa wambi oku kwenziwa ngokutyelela ngeentsuku ezahlukahlukeneyo okanye ngamaxesha awahlukeneyo. EPuerto Rico xa umnikazimzi othile wathi akanamdla, iNgqina lambuza enoba kwakungekho omnye umntu elalinokuthetha naye kuloo ndlu kusini na. Oku kwakhokelela kwincoko nendoda yelo khaya eyayigula iminyaka eli-14 neyayilele ixesha elininzi. Ithemba elandlwalwe eLizwini likaThixo layonwabisa ngokwenene le ndoda. Umdla wayo wokuphila uhlaziyiwe, kungentsuku zatywala yayivukile, isiya kwiintlanganiso eziqhutyelwa kwiHolo yoBukumkani, ibe isabelana nabanye ngethemba elitsha enalo.
Ukunikela Ubungqina Ngokucokisekileyo Njengokuba Isiphelo Sisondela
Kukho nomnye uthunywashe oye wanegalelo elikhulu ekunikelweni kobungqina ngokucokisekileyo kwiminyaka yakutshanje. Lo kukwanda kwamaNgqina akhonza njengoovulindlela. Ngolangazelelo anqwenela ukunikela ixesha lawo elininzi kangangoko kwinkonzo kaThixo, ibe ngenkxalabo yothando ngabanye abantu, alungelelanisa imicimbi yawo ukuze achithe iiyure ezingama-60, 90, 140 okanye ezingakumbi kubulungiseleli basentsimini nyanga nganye. Njengokuba kwakunjalo ngompostile uPawulos xa wayeshumayela eKorinte, eGrisi, abo bangenela inkonzo yobuvulindlela ‘baxakeka kakhulu lilizwi,’ befuna ukunikela ubungqina kubantu abaninzi kangangoko ngoBukumkani obungoMesiya.—IZe. 18:5, NW.
Ngowe-1975 kwakukho oovulindlela abali-130 225 emhlabeni wonke. Ngowe-1992 ngokwesilinganiso bekukho abangama-605 610 nyanga nganye (kuquka oovulindlela abathe ngxi, abangabancedani nabakhethekileyo). Ngaloo ndlela, ngexesha amaNgqina ande ngalo nge-105 ekhulwini, abo bazipha ithuba lokuba nesabelo kubulungiseleli bexesha elizeleyo bande ngama-365 ekhulwini! Ngenxa yoko, ixesha elichithelwa ekunikeleni ubungqina lande ukusuka kwizigidi ezingama-382 ukusa kwiiyure ezingaphezu kwewaka lezigidi ngonyaka!
‘Omncinanana Uba Liwaka’
UYesu Kristu wathuma abalandeli bakhe ukuba babe ngamangqina akhe kuse eziphelweni zehlabathi. (IZe. 1:8) Ngomprofeti uIsaya, uYehova kusengaphambili waxela oku: “Omncinanana uya kuba liwaka, noweyeleyo abe luhlanga olunamandla. Mna, Yehova, ndiya kukukhawulezisa oko ngexesha lako oko.” (Isa. 60:22) Ingxelo ibonisa ngokucacileyo ukuba amaNgqina kaYehova enza umsebenzi uYesu awawuxela kwangaphambili, ibe abone ulwando uYehova awaluthembisayo.
Ekupheleni kweMfazwe Yehlabathi II, ngokuyintloko ayefumaneka kuMntla Merika naseYurophu; ayekho athile eAfrika; ibe amanye, angamaqela amancinane, ayesasazeke ehlabathini lonke. Ayengekawafikeleli tu kwaphela onke amazwe ngesigidimi soBukumkani, ibe ayengekazifikeleli zonke iindawo ezikumazwe awayeshumayela kuwo. Noko ke, ngesantya esimangalisayo oko bekuguquka.
Khawuqwalasele uMntla Merika. Ummandla weli lizwekazi ususela eKhanada ngasentla uye kuthi xhaxhe ngePanama, phakathi kuwo kukho amazwe asithoba. Ngowe-1945 kwakukho amaNgqina angama-81 410 kulo mmandla mkhulu. Kwamane kuloo mazwe kwakukho amaNgqina angaphantsi kwama-20 kulo ngalinye, ibe kwelinye ilizwe ukushumayela kwakungekalungelelaniswa tu kwaphela. Ukususela ngoko, kuye kwanikelwa ubungqina ngokucokisekileyo nangamandla kuwo onke la mazwe. Ngowe-1992, bekukho amaNgqina kaYehova asisi-1 440 165 kulo mmandla womhlaba. Kwinkoliso yala mazwe, Ngqina ngalinye, ngokwesilinganiso, ngoku limele linikele ubungqina kubantu abangamakhulu ambalwa kuphela. Inkoliso yabantu ityelelwa ngamaNgqina qho emva kweenyanga ezimbalwa; abaninzi batyelelwa veki zonke. Kuqhutywa izifundo zeBhayibhile zamakhaya ezingaphezu kwesi-1 240 000 rhoqo nabantu ngabanye abanomdla namaqela.
Kuthekani ngeYurophu? Lo ngummandla womhlaba osusela eScandinavia ukuhla ukuya kutsho kwiMeditera. Ngaphandle kwenkoliso yommandla owawusakwaziwa njengeSoviet Union, kwakusele kunikelwe ubungqina ngokucokisekileyo eYurophu ngaphambi kweMfazwe Yehlabathi II. Ukususela ngoko, kuye kwakhula izizukulwana ezitsha, ibe nazo ziboniswa ngokusuka eZibhalweni ukuba kungekudala uBukumkani bukaThixo buza kubathabathel’ indawo bonke oorhulumente babantu. (Dan. 2:44) Ukusuka kumawaka ambalwa amaNgqina awayeqhubeka nomsebenzi wawo wokushumayela ngaphantsi kwemiqathango eqatha ebudeni bemfazwe, inani labavakalisi boBukumkani kumazwe angama-47 iingxelo ebezipapashiwe kuwo ngowe-1992 belintinge laya kutsho kwisi-1 176 259, kuquka loo mazwe ayesakuba yinxalenye yeU.S.S.R., eYurophu naseAsia. Kulo ngalinye lala mazwe mahlanu—iBritani, iFransi, iJamani, i-Itali nePoland—bekukho amaNgqina anenzondelelo angaphezu kwe-100 000. Ibe ebesenza ntoni onke la maNgqina? Ingxelo yowe-1992 ibonisa ukuba ebudeni baloo nyaka, achithele iiyure ezingaphezu kwama-230 000 000 ekushumayeleni ekuhleni, etyelela abantu kwizindlu ngezindlu, eqhuba nezifundo zeBhayibhile zamakhaya. Kumsebenzi wawo wokushumayela iindaba ezilungileyo, la maNgqina ebengayishiyi neriphabliki encinane enjengeSan Marino, nelizwana laseAndorra nelaseLiechtenstein, okanye iGibraltar. Ngokwenene, ubungqina obaxelwa kwangaphambili bebunikelwa.
KwanaseAfrika kunikelwa ubungqina ngokucokisekileyo. Iingxelo zibonisa ukuba de kwaba ngowe-1945, iindaba ezilungileyo zazifikelele kumazwe angama-28 kwelo lizwekazi, kodwa kwakungekanikelwa bungqina kangako kwinkoliso yala mazwe. Noko ke, ukususela ngoko kuye kwafezwa lukhulu apho. Ngowe-1992, bekukho amaNgqina anenzondelelo angama-545 044 kwilizwekazi laseAfrika, eshumayela kumazwe angama-45. Xa bekukhunjulwa iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa ngaloo nyaka, bekukho abasisi-1 834 863. Ngoko, asilolwando olusele lukho kuphela obelumangalisa kodwa kubonakala ukuba kusenokubakho ulwando olukhulu nakwixesha elizayo!
Ingxelo yoMzantsi Merika nayo imangalisa ngokufanayo. Nangona kumazwe alapho ali-13 lalilinye kuphela elalingekafikelelwa ngesigidimi seBhayibhile ngaphambi kweMfazwe Yehlabathi II, ngelo xesha kwakukho amabandla angama-29 kuphela kulo lonke elo lizwekazi, ibe kwamanye amazwe umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani wawungekalungelelaniswa. Ngoko umsebenzi wokushumayela omkhulu wawuseza kwenziwa. Ukususela ngelo xesha amaNgqina aye asebenza ngamandla. Abo baye bahlaziywa ngamanzi obomi ngovuyo bamema abanye, besithi: ‘Yiza, uthabathe amanzi obomi ngesisa.’ (ISityhi. 22:17) Ngowe-1992, bekukho abakhonzi bakaYehova abangama-683 782 kumabandla ali-10 399 kuMzantsi Merika ngovuyo enesabelo kulo msebenzi. Abanye bawo baye bafikelela kwimimandla eyayingekashunyayelwa ngokucokisekileyo. Amanye ebeqhubeka etyelela abantu ngokuphindaphindiweyo kwiindawo ubungqina obusele bunikelwe kuzo, ukuze akhuthaze abantu ukuba ‘beve babone ukulunga kukaYehova.’ (INdu. 34:8) Ebeqhuba rhoqo izifundo zeBhayibhile zamakhaya ezingama-905 132 ukuze ancede abantu abanomdla baphile ngeendlela zikaYehova.
Kwakhona qwalasela iAsia neziqithi namaqela eziqithi amaninzi asemhlabeni wonke. Yintoni eye yafezwa apho? De kwalixesha lasemva kwemfazwe, inkoliso yezi ndawo yayingafikelelwanga ngokuvakaliswa koBukumkani. Kodwa uYesu Kristu wayexele kwangaphambili ukuba ezi ndaba zilungileyo zoBukumkani zaziya kushunyayelwa “kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga.” (Mat. 24:14) Ngokuvisisana noko, ebudeni bamashumi eminyaka ukususela kwiMfazwe Yehlabathi II, ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo ngaphambi koko okwakufikelele kwangama-76 kula mazwe, iziqithi, namaqela eziqithi, kwanabela nakwamanye angama-40 ibe kwathabath’ unyawo kwiindawo ezazifikelelwe ngaphambili. Kulo mmandla mkhulu, ngowe-1992 bekukho amaNgqina azinikeleyo angama-627 537 ebekuvuyela gqitha ukwazisa ‘ngobugorha bukaYehova nozuko lobuqaqawuli bobukumkani bakhe.’ (INdu. 145:11, 12) Ubulungiseleli bawo bebungelula. Kwezinye iindawo bekufuneka ahambe iiyure ngephenyane okanye inqwelo-moya ukuze afikelele iziqithi ezikude kummandla wawo. Kodwa ebudeni bowe-1992 ebechithe iiyure ezingaphezu kwama-200 000 000 kumsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo aza aqhuba izifundo zeBhayibhile zamakhaya ezingama-685 211 rhoqo.
Idinga lokuba ‘omncinanana uya kuba liwaka’ lizalisekile ngokwenene, ibe ngokumangalisayo! Kwilizwe ngalinye kwangaphezu kwama-50 ekwakungekho nalowo ‘umncinanana’ kuwo—apho kwakungekho maNgqina kaYehova ngowe-1919, apho ayengekashumayeli konke konke—namhlanje kukho ngaphezu kwewaka labadumisi bakaYehova. Kwamanye ala mazwe, ngoku kukho amashumi amawaka, ewe, kwanangaphezu kwekhulu lamawaka, amaNgqina kaYehova angabavakalisi abanenzondelelo boBukumkani bukaThixo! Emhlabeni wonke, amaNgqina kaYehova ‘aluhlanga olunamandla’—inani lawo njengebandla elimanyeneyo emhlabeni wonke lingaphezulu kwawabemi ubuncinane balo ngalinye lamazwe azimele geqe angama-80 emhlabeni.
Bunikelwe Kangakanani Ubungqina ‘Kwamanye Amazwe’?
Ukungozelela kuko konke okungasentla, ngowe-1992, bekusekho “amanye amazwe” angama-24—lawo amaNgqina kaYehova ebesephantsi kwemiqathango karhulumente kuwo yaye ekungapapashwanga ngxelo ineenkcukacha ngawo. Kuye kwanikelwa ubungqina kakhulu kwamanye ala mazwe. Sekunjalo, kumazwe athile amaNgqina asembalwa ngokwenene. Kusekho abantu abangekeva ngesigidimi soBukumkani. Kodwa amaNgqina kaYehova eyisekile ukuba ubungqina obuyimfuneko buya kunikelwa. Ngoba?
Ngenxa yokuba iZibhalo zibonisa ukuba uYesu Kristu, ekwitrone yakhe esezulwini, nguye owalathisa lo msebenzi. (Mat. 25:31-33) Ngaphantsi kolwalathiso lwakhe “isithunywa sezulu esiphaphazela esazulwini samazulu” siphathiswe imbopheleleko yokuvakalisa iindaba ezilungileyo ezingunaphakade nokubongoza ‘zonke iintlanga nezizwe neelwimi nabantu ukuba zimoyike uThixo zimzukise.’ (ISityhi. 14:6, 7) Akukho mandla ezulwini okanye emhlabeni anokumthintela uYehova ekutsaleleni kuye abo “banotyekelo olufanelekele ubomi obungunaphakade.”—IZe. 13:48, NW; Yoh. 6:44.
Emhlabeni akukho ndawo ikude kangangokuba isigidimi soBukumkani asinakufikelela kuyo. Izizalwana ziyatyelela. Iifoni neposi zithwala iindaba. Oosomashishini, abasebenzi, abafundi nabakhenkethi bayafika baze banxibelelane nabantu bezinye iintlanga. Njengakwixesha elidluleyo, kusenjalo nangoku, iindaba ezibalulekileyo zokuba uYehova umbeke etroneni uKumkani wakhe wasezulwini wamnika igunya phezu kweentlanga zisaqhubeka zisaziswa ngezi ndlela. Izithunywa zezulu zinokuqinisekisa ukuba abo balambele nabanxanelwe inyaniso nobulungisa baya fikelelwa.
Ukuba kukuthanda kweNkosi ukuba isigidimi soBukumkani sishunyayelwe ngokungqale ngakumbi kwiindawo ezithile apho oorhulumente bangekavumi kude kube ngoku, uThixo unokubangela iimeko ezinokwenza abo rhulumente baguqule imithetho yabo. (IMize. 21:1) Yaye apho amathuba aseza kuvuleka khona, ngovuyo amaNgqina kaYehova aya kuzinikela ukuze aqinisekise ukuba abantu kuloo mazwe bafumana uncedo kangangoko kunokwenzeka ukuze bafunde ngenjongo kaYehova yothando. Azimisele ukuqhubeka ekhonza engayeki de uYehova ngoYesu Kristu athi umsebenzi ugqityiwe!
Ngowe-1992, amaNgqina kaYehova ebexakekile eshumayela kumazwe angama-229. Ngaloo nyaka iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo ngeendlela ezahlukahlukeneyo bezifikelele kumazwe angama-235. Alishumi kula afikelelwa okokuqala emva kowe-1975.
Ubungqina bunikelwe ngokucokiseke kangakanani? Kaloku, ebudeni beminyaka engama-30 yokuqala emva kweMfazwe Yehlabathi II, amaNgqina kaYehova achitha iiyure ezingama-4 635 265 939 ekushumayeleni nasekufundiseni ngegama noBukumkani bukaYehova. Noko ke, ekubeni kukho amaNgqina angakumbi ibe uninzi lwawo lukwinkonzo yexesha elizeleyo, ebudeni beminyaka eli-15 elandelayo (iminyaka esisiqingatha) ziiyure ezingama-7 858 677 940 ezachithwa ekunikeleni ubungqina ekuhleni nakwindlu ngendlu kwanasekuqhubeni izifundo zeBhayibhile zamakhaya. Ibe umsebenzi ubuqhubeka usanda, njengokuba anikela ingxelo yezinye iiyure ezingama-951 870 021 kulo msebenzi ebudeni bowe-1990/91 neeyure ezingaphezu kwewaka lesigidi kunyaka olandelayo.
Abakabikho abanye abantu abasasaze uncwadi lweBhayibhile oluninzi, nangeelwimi ezahlukahlukene njengolo lusasazwe ngamaNgqina ekuvakaliseni uBukumkani. Iingxelo aziphelelanga; kodwa iingxelo ezisekhoyo zibonisa ukuba phakathi konyaka we-1920 nowe-1992 ziincwadi, iincwadana, iincwadana ezinemifanekiso namaphephancwadi ali-10 107 565 296 kwanamaphecana angamawaka ezigidi ezingenakubalwa ngeelwimi ezingama-294, aye asasazwa kubantu abanomdla.
Ngexesha lokubhalwa kwale ncwadi, ukunikelwa kobungqina emhlabeni wonke bekungekagqitywa. Kodwa umsebenzi osele ufeziwe neemeko obusenziwa phantsi kwazo unikela ubungqina obeyisayo bokusebenza komoya kaThixo.
[Blurb on page 502]
Iindibano ezinkulu nehambo yobuKristu yabo babeze ezindibanweni yatsala ingqalelo
[Blurb on page 505]
“Ngokuphathelele ulungelelwano, uxolo, nokucoceka, abebeze endibanweni bayimizekelo yokuxeliswa”
[Blurb on page 507]
Kwaqhutywa iindibano ezingayi kulibaleka embalini kwiindawo umsebenzi wamaNgqina awawuvaliwe kuzo kangangamashumi eminyaka
[Blurb on page 508]
Kwathunyelwa amawaka eetoni zoncwadi lweBhayibhile kumazwe aseMpuma Yurophu
[Blurb on page 509]
Abadala abafanelekayo bazinikela ukuba bangafudukela kumazwe anentswelo ekhethekileyo
[Blurb on page 516]
Anqwenela ukufikelela abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka kwindlu nganye
[Blurb on page 518]
Ulwando olumangalisayo nethemba lolwando olungakumbi
[Graph/Pictures on page 513]
(For fully formatted text, see publication)
Ulwando Lwabavakalisi BoBukumkani Kumazwe AseMpuma
I-Indiya
10 000
5 000
1950 1960 1970 1980 1992
IRiphabliki yaseKorea
60 000
30 000
1950 1960 1970 1980 1992
IJapan
150 000
100 000
50 000
1950 1960 1970 1980 1992
[Picture on page 503]
IMorumbi Stadium, eSão Paulo, eBrazil (eboniswe ngezantsi), neMaracanã Stadium, eRio de Janeiro, zafuneka ngaxeshanye ngowe-1985 ukwenzela izihlwele ezazize kwindibano yamaNgqina kaYehova
[Pictures on page 504]
Abanye babo babeza kubhaptizwa eChorzów, ePoland, ngowe-1989
[Pictures on page 506]
Ezinye Zeendibano Ezingayi Kulibaleka Embalini Zowe-1991
EPrague, eCzechoslovakia
ETallinn, e-Estonia (ekunene)
EZagreb, eCroatia (ekunene)
EBudapest, eHungary (ngasentla)
EBaia-Mare, eRomania (ekunene)
EUsolye-Sibirskoye, eRashiya (ngezantsi)
EAlma-Ata, eKazakhstan (ngasentla)
EKiev, eUkraine (ekhohlo)
[Pictures on page 511]
Indibano yamaNgqina kaYehova yezizwe ngezizwe eSt. Petersburg, eRashiya, ngowe-1992
Umoya wobuhlobo phakathi kwezizwe ngezizwe
Abavela eRashiya
Abavela eMoldova
Abavela eUkraine
Kwakukho abantu abaninzi abaselula
UM. G. Henschel (ekhohlo) uxubusha ngocwangciso noStepan Kozhemba (embindini), bencedwa yitoliki
Iindwendwe ezivela kwamanye amazwe zeza neeBhayibhile zesiRashiya ukuze zisetyenziswe ngamaNgqina kulo lonke elaseRashiya
[Pictures on page 512]
Ngeminyaka yee-1980 iCawa yamaKatolika yaphuma iphulo lokuwatshabalalisa amaNgqina, ngokutsho kwala manqaku amaphephandaba aseItali
[Picture on page 514]
Xa iinqanawa zisima eRotterdam, eNetherlands, amaNgqina aba elapho ukuze athethe nala madoda ngoBukumkani bukaThixo
[Picture on page 515]
Nalapho intsimi igutyungelwa ngokufuthi, njengalapha eGuadeloupe, amaNgqina ayaqhubeka ezama ukufikelela iintliziyo zabamelwane bawo ngeendaba ezilungileyo