Imbono YeBhayibhile
Ngaba Ngokwenene Kufuneka Sibe Nababingeleli?
NGOWE-1992, kwileta yakhe yaminyaka le eya kubabingeleli ku-“Lwesine Ongcwele” uJohn Paul II wathi: “Bulelani isipho soBubingeleli.” AsingomaKatolika kuphela aye aziqonda kabuhlungu iimpazamo zawo kodwa kwanabanye baye benjenjalo. Baye bayiqonda imfuneko yothile owamkelekileyo kuThixo oya kubachazela ngokuthanda kukaThixo, oya kunikela idini kuYe, aze abathethelele kuThixo. Umntu onjalo ubizwa ngokuba ngumbingeleli. Ngaba ngokwenene kufuneka sibe nombingeleli wokusinceda sizuze ukuxolelwa nguThixo?
Le ngcamango yababingeleli namadini ayizange ivele ebantwini kodwa yavela kuThixo. Ukuba babengonanga kuThixo, kwakungayi kubakho mfuneko yababingeleli. E-Eden, indoda efezekileyo uAdam yayingafuni mbingeleli. Yadalwa ingenasono.—Genesis 2:7, 8; INtshumayeli 7:29.
Yayingoobani Ababingeleli Bokuqala?
Sonke namhlanje siye sasizuza ilifa isono ngenxa yokuba uAdam wona ngabom ibe thina siyinzala yakhe. (Roma 3:23) UAbheli, unyana womntu wokuqala, uAdam, wakuqonda oku. IBhayibhile ithi ngaye: “Ngokholo uAbheli wasondeza kuye uThixo umbingelelo.” (Hebhere 11:4) Nangona uAbheli namanye amadoda okholo amandulo—afana noNowa, uAbraham noYobhi—bengazange babizwe ngokuba ngababingeleli, banikela amadini kuThixo egameni labo okanye iintsapho zabo. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi ngoYobhi noonyana bakhe: “[UYobhi] wanyusa amadini anyukayo ngokwenani labo bonke bephela; kuba uYobhi ebesithi, Mhlawumbi oonyana bam bangaba bonile.” (Yobhi 1:5) Noko ke, yasasazeka njani ingcamango yababingeleli namadini kwiintlanga ezininzi kangaka?
Khawuqwalasele iziganeko ezazinento yokwenza nosolusapho wamandulo uNowa. UNowa nentsapho yakhe babekuphela kwabantu abasinda kuNogumbe wehlabathi lonke. Njengoko babenyathela kumhlaba ocociweyo, uNowa wakha isibingelelo waza wanikela amadini ebonakalisa uxabiso ngenceba nesandla esikhuselayo sikaYehova. Ekubeni zonke iintlanga ziyinzala kaNowa, ngokungathandabuzekiyo zalandela umzekelo wakhe ibe ekuhambeni kwexesha zavelisa izithethe ezahlukahlukeneyo ezinxulumene nabathetheleli namadini ezono.—Genesis 10:32.
Ngaphezu kwenkulungwane kamva, kwaqhambuka imvukelo nxamnye noThixo kwisixeko saseBhabheli. UThixo wadubaduba ulwimi lwabantu ibe bachithakala. (Genesis 11:1-9) Abanye ababingeleli, ngoku bekhuthaza iinkolelo ezigqwethekileyo nezonakalisayo, baseka izithethe ezingamasikizi kumazwe ababesasazeke kuwo. Noko ke, uThixo wabona kufanelekile ukufundisa abanquli bakhe ngemfuneko yobubingeleli bokwenyaniso obunombingeleli omkhulu, ababingeleli abangaphantsi namadini awamkelekileyo kuye.
Isizathu Sokuba UThixo Anyule Ababingeleli
Ekuhambeni kwexesha uYehova wanika uhlanga lwakwaSirayeli ababingeleli ngokuyintloko ababephumeza imisebenzi emibini. Okokuqala, babemela uThixo phambi kwabantu njengabagwebi nabayaleli boMthetho kaThixo. (Duteronomi 17:8, 9; Malaki 2:7) Okwesibini, babemela abantu phambi koThixo ngokunikela amadini kuye egameni labantu. Incwadi kaPawulos eya kumaKristu angamaHebhere iyacacisa: “Kuba wonke umbingeleli omkhulu, engovele ebantwini nje, umiselwa abantu ezintweni ezilunge kuThixo, ukuze asondeze iminikelo kwanamadini ngenxa yezono. . . . Akukho mntu uzithabathela ngokwakhe imbeko leyo; oyithabathayo ngobizwe nguThixo.”—Hebhere 5:1, 4.
UPawulos uhlabela mgama acacise ukuba ububingeleli bakwaSirayeli babungeyondlela yokugqibela kaThixo yokubuyisela abantu kuYe. Imisebenzi yababingeleli yayiyimifuziselo eyalatha kwizinto ezilunge ngakumbi, ‘izinto zasemazulwini.’ (Hebhere 8:5) Zisakuba zifikile ezo zinto zasemazulwini, imifuziselo yayingasafuneki. Ngokomzekelo: Usenokugcina isibhengezo sento ethile oyifuna ngamandla, kodwa ngaba awunakusilahla xa lo nto uyifumene?
Kudala ngaphambi kokuba lubekho uhlanga lwakwaSirayeli, uThixo wayenenjongo yokumisela ububingeleli obabuya kuba yintsikelelo, kungekuphela nje kuSirayeli, kodwa nakuluntu luphela. Kuqala, uSirayeli wanikwa ithuba lokukhupha amalungu obo bubingeleli. Xa olo hlanga lwasekwayo, uYehova waxelela uSirayeli: “Ukuba nithe naliphulaphula okunene izwi lam . . . , nibe bubukumkani bababingeleli kum, nohlanga olungcwele.” (Eksodus 19:5, 6; thelekisa iGenesis 22:18.) Okubuhlungu kukuba, olo hlanga aluzange lulithobele ilizwi likaThixo. Ngenxa yoko, uYesu wabaxelela oku ababingeleli nabaFarisi: “Ubukumkani bukaThixo buya kususwa kuni, bunikwe uhlanga oluzivelisayo iziqhamo zabo.” Ngoobani ngoku abaya kukhonza njengababingeli ukuze kusikelelwe uluntu?—Mateyu 21:43.
Bobuphi Ububingeleli Obufunekayo KumaKristu?
Ngenxa yokuba isono sasizuz’ ilifa kuAdam, sinokusindela kubomi obungunaphakade kuphela ngenxa yedini elifezekileyo elalungiselelwa nguYesu. (1 Yohane 2:2) UYesu uyasithethelela njengoMbingeleli Omkhulu, kanye njengoko kwakufuziselwe ngaphambili kububingeleli bakwaSirayeli. AmaHebhere 9:24 athi: “UKristu akangenanga kweyona ngcwele inokwenziwa ngezandla, engumfuziselo weyenyaniso; ungene kuwo amazulu ngokwawo, ukuba abonakale ngoku ebusweni bukaThixo ngenxa yethu.” Ngaloo ndlela, ukubalasela kobubingeleli obukhulu bukaKristu kuphelisa imfuneko yababingeleli abangabantu njengabathetheleli. Sekunjalo, iinkonzo zababingeleli abangaphantsi zisafuneka. Ngayiphi indlela?
Ababingeleli bamele ‘banyuse imibingelelo eyiyeyomoya, eyamkeleka kakuhle kuye uThixo ngoYesu Kristu?’ (1 Petros 2:5) Echaza uhlobo oluyiyo le mibingelelo, uPawulos wabhala: “Masithi ngaye sinyuse ngamaxesha onke kuye uThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo somlomo.” (Hebhere 13:15) Ngoko ke, abo baya kuba bububingeleli basebukhosini, ngoxa okwangoku besesemhlabeni, bamela uThixo phambi kwabantu njengamaNgqina akhe, abangabo abathetheleli. Kamva, benoYesu Kristu emazulwini, bamela abantu phambi koThixo, bedlulisela iingenelo zedini likaKristu ebantwini baze baphilise konke ukugula.—Thelekisa uMarko 2:9-12.
Ngoxa onke amakholwa efanele anikele ubungqina, kuphela libathwana nje elincinane ngentelekiso eliya kukhonza “kubukumkani bababingeleli” basezulwini. UYesu wathi: “Musani ukoyika, mhlambi mncinane; ngokuba kukholekile kuYihlo ukuninika ubukumkani.” (Luka 12:32; ISityhilelo 14:1) Aba baya kuvuselwa ezulwini ibe “baya kusuka babe ngababingeleli bakaThixo nabakaKristu, babe ngookumkani kunye naye iminyaka eliwaka.”—ISityhilelo 20:6.
UThixo ulungiselele ukuba aba babingeleli basezulwini benze izinto ngengqiqo yokwenyama neyokomoya ekungekho bubingeleli bakha bazenza. Kungekudala, njengoko besebenzisa iingenelo zedini lentlawulelo likaYesu, baya kufak’ isandla ekubuyiseleni bonke abantu abakholwayo kwimfezeko. Ngoko, uIsaya 33:24 uya kuba nenzaliseko emangalisayo. Uthi: “Akayi kuthi ummi wakhona, Ndiyafa; abantu abahleliyo khona babuxolelwe ubugwenxa babo.”
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 22]
“Benediction of the Wheat at Artois” 1857, by Jules Breton: France/Giraudon/Art Resource, N.Y.