Imbono YeBhayibhile
Ngaba Iidemon Zikho Ngokwenene?
EBUDENI benkulungwane ye-17 neye-18, iphulo lempambano lokutshutshisa amagqwirha lachaphazela iindawo ezininzi zaseYurophu. Abaninzi ababetyholwa ngobugqwirha bangcungcuthekiswa ngokumanyumnyezi. Bambi ababetyholwa bavuma ukuba babengamagqwirha nje ukuze baphephe ukuthuthunjiswa. Abantu abaninzi gqitha babulawa ngenxa yamarhe okanye ukurhanelwa.
Nangona ngenkohliso, ezi zenzo zokulwa nobugqwirha, zazibonakala zisekelwe eZibhalweni, ngokuqinisekileyo babenenzondelelo yempambano. AmaKristu akakaze atyholwe ngokubulala okanye ngokuthuthumbisa amagqwirha okanye nabo nabaphi na abasebenzelana nemimoya. (Roma 12:19) Sisiphi isimo sengqondo esikhoyo namhlanje?
Isimo Sengqondo Sokuyekelela
Inkoliso yabantu namhlanje kwiNgqobhoko ayikuthabathi nzulu ukusebenzelana nemimoya okulolo hlobo. Ngenxa yokufun’ ulwazi, abanye bachitha ixesha bevumisa ngeenkwenkwezi, ngezinto zobugqi, ngokuvumisa, nangobugqwirha, kodwa ezi zenzo zobugqi abazijongi njengobudemon. Ngamaxesha athile, abezolonwabo, abantu bezemidlalo, nabezobupolitika bakuvuma ngokuphandle ukubandakanyeka kwabo kubugqi. Zimbi iincwadi nemifanekiso eshukumayo zichaza amagqwirha nabakhafuli ‘njengabantu abanomtsalane, abangaqhelekanga kangako imisebenzi yabo yamandla engaphezu kwamandla emvelo ayenzakalisi mntu,’ itsho njalo enye intyila-lwazi. Imibandela elungiselelwe ukonwabisa nokufundisa abantwana inokukhuthaza izenzo zobugqi.
Isimo sengqondo sokuyekelela nokungabukhathaleli ubudemon zinokukhokelela ekungabukholelweni ubukho beedemon. Ngaba uyakholelwa ukuba iidemon zikho kwaye zizama ngako konke ukusenzakalisa? Ngapha koko, inkoliso yabantu namhlanje ibiya kuthi ayinawo amava okudibana needemon okanye ubungqina bokusebenza kwazo. Ngaba iidemon zikho ngokwenene?
Ukungakholelwa Kubangela Ingxaki
Abo bathi bayayamkela iBhayibhile kodwa bebuthandabuza ubukho beedemon bajamelene nengxaki. Ukuba abakholelwa ukuba iidemon zikho ngokwenene, babonakalisa umlinganiselo othile wokungayikholelwa iBhayibhile. Ngoba? Ngenxa yokuba ingcamango yezidalwa zomoya ezingendawo ezinamandla angaphezu kwawemvelo ifundiswa eLizwini likaThixo, iBhayibhile.
Incwadi yayo yokuqala, iGenesis, ichaza indlela isidalwa esikrelekrele esasebenzisa ngayo inyoka ukukhohlisa uEva saza samkhokelela ekuvukeleni uThixo. (Genesis 3:1-5) Incwadi yokugqibela yeBhayibhile, ISityhilelo, ichaza eli qothaqikili lingendawo, “inyoka yantlandlolo” ‘njengaleyo ibizwa ngokuba nguMtyholi noSathana, olahlekisa umhlaba omiweyo uphela.’ (ISityhilelo 12:9) USathana waphumelela ekukhohliseni ezinye iingelosi ukuba zivukele. (Yude 6) EBhayibhileni ezi zithunywa zonayo zibizwa ngokuba ziidemon. Zisebenza kummandla wasemhlabeni kwaye zikhuphela umsindo kuThixo nakubakhonzi bakhe.—ISityhilelo 12:12.
USathana needemon banamandla okuphembelela, okwenzakalisa, nawokunxibelelana nabantu. (Luka 8:27-33) Bebefunda ngobomi babantu kangangamawaka eminyaka. Bayayazi indlela yokusebenzisa ubuthathaka bomntu. IBhayibhile ichaza iimeko apho bezilawula, okanye, zinegunya ngokupheleleyo, emadodeni, ebafazini, nasebantwaneni. (Mateyu 15:22; Marko 5:2) Zinokubangela izifo okanye iziphene ezinjengobumfama. (Yobhi 2:6, 7; Mateyu 9:32, 33; 12:22; 17:14-18) Zinakho nokumfamekisa iingqondo zabantu. (2 Korinte 4:4) Iidemon zikhuthele ngokuqhubekayo, njengokuba injalo inkokeli yazo, uSathana, ‘onjengengonyama egqumayo, efuna ukuqwenga uthile.’ (1 Petros 5:8) IBhayibhile iqulethe iingxelo ezininzi ezingobukho beedemon. Ukuba uyayikholelwa iBhayibhile, ngoko ke wamkela ubukho bokwenene bezidalwa ezingabonakaliyo ezingendawo.
Abakhohlisi Abangendawo
Kodwa kunokwenzeka njani ukuba iidemon ezinamandla zibekho namhlanje ngaphandle kokubangela uloyiko oluqhubekayo emhlabeni? Kutheni lento imisebenzi nobukho bazo bungacacanga? IBhayibhile iyaphendula: “Kuba noSathana ngokwakhe uhlala eziguqulela ekubeni yingelosi yokukhanya.” (2 Korinte 11:14) UMtyholi ngumkhohlisi. Imisebenzi yeedemon isoloko ibonakala ngathi yinto engenabungozi okanye kwanelungileyo. Ngenxa yoko, kunzima ukuziqonda.
USathana needemon zakhe bayaqhubeka bethwaxa uluntu ngendlela ezahlukahlukeneyo, njengokuba babesenza ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile. Bambi ngoku abangamaKristu anyanisekileyo ngaxa lithile babebandakanyeke kubugqi; anokungqina ngezenzo ezimanyumnyezi zokuhlaselwa ziidemon. Namhlanje, mhlawumbi ngomlinganiselo omkhulu kunanini na ngaphambili, iidemon zisebenzisa amandla azo angaphezu kwawemvelo ukulukuhlela abantu kwimisebenzi yobugqi. Amandla azo akamele ajongelwe phantsi. Noko ke, zifeza okungakumbi ngokulukuhlela abantu kude noThixo kunokuba ziboyikise. USathana needemon zakhe ‘balahlekisa umhlaba omiweyo uphela,’ itsho njalo iBhayibhile. (ISityhilelo 12:9) Zizimisele ukusengela phantsi impilo engokomoya ngeendlela ezichuliweyo, nezingaqondakaliyo.
Ngaba iidemon zikho ngokwenene. Yeyiphi enye indlela ekunokuchazwa ngayo intshabalalo nokunxanelwa igazi okuxhaphakileyo kubantu bomhla wethu? Ngokuqhelekileyo abantu bafuna ukuhlala ngoxolo nangolonwabo. Kodwa iidemon zikhuthaza ububi kwaye zinamandla okuphembelela nawokonakalisa iingqondo zabantu.
Kanti, uYehova unguThixo usomandla—unamandla ngaphezu kweedemon. Uyasomeleza aze asikhusele ngokuchasene “namaqhinga kaMtyholi.” (Efese 6:11-18) Asimele sizoyike ngokugqithiseleyo iidemon, kuba uThixo uthembisa esithi: “Zithobeni, ke ngoko, kuThixo; kodwa mchaseni uMtyholi, yaye uya kusaba kuni.”—Yakobi 4:7.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 16]
Sipa Icono