Kubalisa UMateyu
15 Emva koko kweza kuYesu abaFarisi nababhali bevela eYerusalem,+ bathi kuye: 2 “Kutheni abafundi bakho besijongela phantsi nje isithethe sookhokho bethu? Ngokomzekelo, abazihlambi* izandla xa beza kutya.”+
3 Wathi kubo: “Nina, kutheni nisaphula imithetho kaThixo ngenxa yezithethe zenu?+ 4 Ngokomzekelo, uThixo wathi, ‘Mhloniphe utata wakho nomama wakho,’+ waphinda wathi, ‘Nabani na othuka utata wakhe okanye umama wakhe makabulawe.’+ 5 Kodwa nina nithi, ‘Nabani na othi kutata wakhe okanye kumama wakhe: “Nantoni na endinayo ebinokukunceda sendiyinikele kuThixo njengesipho,”+ 6 nithi makangamhloniphi tu utata wakhe.’ Ngoko nilenze layinto engenamsebenzi ilizwi likaThixo ngenxa yezithethe zenu.+ 7 Bahanahanisindini,* uIsaya wayenyanisile xa waprofeta ngani wathi:+ 8 ‘Aba bantu bandihlonipha nje ngomlomo, kodwa iintliziyo zabo zikude lee kum. 9 Bandikhonzela ilize, kuba bafundisa imithetho yabantu, beyenza ngathi yimithetho kaThixo.’”+ 10 Ngoko uYesu wathi abantu ababelapho mabasondele, waza wathi kubo: “Mamelani nize nicacelwe yile nto:+ 11 Umntu akangcoliswa yinto engena emlonyeni wakhe, kodwa ungcoliswa yephuma emlonyeni wakhe.”+
12 Emva koko abafundi bakhe beza kuye, bathi: “Yhazi, abaFarisi abayithandanga laa nto ubuyithetha!”+ 13 UYesu waphendula wathi: “Zonke izityalo ezingatyalwanga nguTata osemazulwini ziza kuncothulwa. 14 Bayekeni benjalo. Baziinkokheli eziziimfama. Ukuba ke umntu oyimfama ukhokela omnye oyimfama, bobabini baza kuwela emngxunyeni.”+ 15 UPetros wathi: “Sicela uwucacise lo mzekelo.” 16 UYesu wathi: “Kanti nani anikacacelwa?+ 17 Anazi na ukuba yonke into engena emlonyeni igqitha esiswini ize iyokuphuma? 18 Kodwa ke, zonke izinto eziphuma emlonyeni ziphuma entliziyweni, kwaye zizo ezenza umntu angcole.+ 19 Ngokomzekelo, entliziyweni kuphuma iingcinga ezimbi:+ ukubulala, ukukrexeza,* ukuziphatha kakubi ngesondo,* ubusela, ukungqina ubuxoki nokunyelisa. 20 Zizo ke ezo izinto ezingcolisa umntu; kodwa ukutya engahlambanga* zandla akumngcolisi.”
21 UYesu wemka apho, waya kummandla waseTire naseSidon.+ 22 Kweza kuye umfazi ongumFenike evela kuloo mmandla, ekhala esithi: “Ndenzele inceba Nkosi, Nyana kaDavide. Intombi yam iphethwe kakubi yidemon.”+ 23 Kodwa uYesu akazange amphendule. Ngoko abafundi bakhe beza kuye, bamcela besithi: “Mgxothe, kuba akayeki ukukhala apha emva kwethu.” 24 Wathi kubo: “Ndithunyelwe kwizimvu* ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli kuphela.”+ 25 Kodwa lo mfazi weza, waqubuda kuye esithi: “Nkosi, ndincede!” 26 UYesu wathi kuye: “Akulunganga ukuthatha isonka sabantwana, usiphose ezinjaneni.” 27 Lo mfazi wathi: “Kunjalo Nkosi, kodwa ke iinjana ziyazitya iimvuthuluka eziwa ezitafileni zabanikazi bazo.”+ 28 UYesu wathi kuye: “Owu mfazi, lukhulu ukholo lwakho; mayenzeke le nto uyicelayo.” Yaphiliswa ke intombi yakhe ngoko nangoko.
29 UYesu wemka apho waya ngakuLwandle LwaseGalili,+ wenyuka intaba, waza wahlala phantsi. 30 Kweza kuye abantu abaninzi, bemzisela abantu abaqhwalelayo, abalimeleyo, abangaboniyo, abangakwazi kuthetha, nabanye abaninzi, bababeka ezinyaweni zakhe, wabaphilisa.+ 31 Ngoko abantu bamangaliswa kukubona abantu ababengakwazi kuthetha bethetha, ababelimele bephilile, ababeqhwalela bezihambela nababengaboni bebona, baza bamzukisa uThixo kaSirayeli.+
32 UYesu wabiza abafundi bakhe, wathi: “Ndiyabasizela aba bantu,+ kuba sekuphele iintsuku ezintathu belapha ibe abanakutya. Andifuni kuthi kubo mabagoduke belambile, kuba basenokufeyinta endleleni.”+ 33 Kodwa abafundi bathi kuye: “Ikude nje le ndawo, singasithatha phi isonka sokutyisa abantu abaninzi kangaka?”+ 34 UYesu wathi kubo: “Zingaphi izonka eninazo?” Bathi: “Zisixhenxe, neentlanzi ezincinci ezimbalwa.” 35 Ngoko, emva kokuba ethe abo bantu mabahlale phantsi, 36 wazithatha ezo zonka zisixhenxe nezo ntlanzi, wabulela, waziqhekeza, wazinika abafundi bakhe, bona banika abantu.+ 37 Bonke batya bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iibhaskithi ezinkulu ezisixhenxe zigcwele ngamaqhekeza ashiyekileyo.+ 38 Apho kwatya amadoda ayi-4 000, abafazi nabantwana abancinci. 39 Ekugqibeleni, emva kokuba ethe abantu mabagoduke, wakhwela esikhepheni waya kummandla waseMagadan.+