Eyokuqala Kwiminyaka Elikhulu Eyadlulayo
Umgaqo-siseko ongokwasemthethweni weWatch Tower Bible and Tract Society wabhalwa phantsi ngokusemthethweni ePennsylvania, eUnited States, ngoDisemba 15, 1884.a Apho kwamiselwa ikomkhulu lalo mbutho. Kamva, ngoAprili 23, 1900, kwathengwa indawo yeofisi yesebe eLondon, eNgilani. Le ofisi yayise-131 Gipsy Lane, eForest Gate, kwiMpuma yeLondon, njengoko kuboniswe apha.
UKUSEKWA kwesebe lokuqala kwiminyaka elikhulu eyadlulayo, iNgilani yayinaBafundi BeBhayibhile abali-138, njengoko amaNgqina kaYehova ayebizwa njalo. Kwiminyaka emibini kamva, ngowe-1902, kwavulwa isebe lesibini, eJamani; yaye ngowe-1904, kwakusekwe amasebe angakumbi eOstreliya naseSwitzerland.
Ngowe-1918, unyaka eyaphela ngayo IMfazwe Yehlabathi I, kwakukho aBafundi BeBhayibhile abangama-3 868 abafaka ingxelo yomsebenzi wokushumayela ehlabathini lonke. Kunyaka olandelayo kwasekwa isebe lesihlanu leWatch Tower Society—eli sebe laliseKhanada. Emva koko, njengoko ukusasazwa kwesigidimi seBhayibhile kwakuhambela phambili, kwakusekwa amasebe amatsha kumazwe amaninzi ahlukahlukeneyo, kwavulwa amathandathu ngowe-1921 kuphela.
Ngowe-1931, xa aBafundi BeBhayibhile bamkela igama elisekelwe eBhayibhileni elithi amaNgqina kaYehova, kwakukho iiofisi zesebe ezingama-40 ehlabathini lonke. (Isaya 43:10-12) Kwiminyaka emithathu elandelayo, eli nani landa langama-49! Ngowe-1938 kwakukho isimbuku samaNgqina angama-59 047 ashumayela kumazwe angama-52, kodwa ngelo xesha kwakuse kuqalise inkcaso eqatha eyayisongela umsebenzi wawo wobuKristu kwiindawo ezininzi.
Njengoko ulawulo olungaphikiswayo nelobuzwilakhe lezobupolitika lwanwenwa ukusuka kwelinye ilizwe ukusa kwelinye kwaza kwaqalisa IMfazwe Yehlabathi II ngoSeptemba 1939, iiofisi zesebe zamaNgqina kaYehova zazivalwa kumazwe amaninzi. Ngowe-1942, kwakusebenza kuphela ezingama-25. Noko ke, okumangalisayo kukuba ebudeni baloo mfazwe itshabalalisayo kwimbali yoluntu, amaNgqina kaYehova ahlala ekhuthele ehlabathini lonke yaye ayenandipha olunye lolwando olukhulu kwimbali yale mihla siphila kuyo.
Kwanjengokuba IMfazwe Yehlabathi II yayiphela ngowe-1945—yaye iindawo ezininzi emhlabeni zonakele—iiofisi zesebe zamaNgqina zavulwa kwakhona yaye kwamiswa nezintsha. Ngowe-1946 zazingama-57 ehlabathini lonke. Yaye ayemangaphi amaNgqina akhutheleyo apho? Incopho yabangama-176 456! Oko kuphantse kwaba kokuphindwe kathathu kunowe-1938!
Indlela Amasebe Okuqala Andiswa Ngayo
Ngowe-1911 isebe lokuqala leWatch Tower Society, eLondon, eNgilani, lafudukela e-34 Craven Terrace, apho indawo yeofisi neyokuhlala zazifumaneka khona. Kwandula ke, ngoAprili 26, 1959, kwanikezelwa izakhiwo ezitsha zesebe eMill Hill, eLondon. Kamva kwandiswa iindawo zokuhlala, yaye ekugqibeleni (ngowe-1993) kwanikezelwa umatshini wokushicilela oziiskwemitha ezingama-18 500 nesakhiwo seeofisi. Apho kuveliswa iinkupho ezingaphezu kwezigidi ezingama-90 zeMboniselo noVukani! nyaka ngamnye ngeelwimi ezingama-23.
Ukwandiswa kwesebe lesibini loMbutho kwakuchulumancisa nangakumbi. Ngowe-1923 isebe laseJamani lafudukela eMagdeburg. IMboniselo kaJulayi 15, 1923 yesiNgesi, yayiyeyokuqala ukushicilelwa kumatshini wokushicilela woMbutho. Kwiminyaka embalwa elandelayo, kwathengwa indawo ekufuphi, kongezwa izakhiwo, yaye kwafunyanwa izixhobo zokudibanisa iincwadi noomatshini bokushicilela abongezelelekileyo. Ngowe-1933 eli sebe lathinjwa ngamaNazi, umsebenzi wamaNgqina wavalwa yaye, ekuhambeni kwexesha, izigidi ezibini zawo zathunyelwa kwiinkampu zoxinaniso.
Ekupheleni kweMfazwe Yehlabathi II ngowe-1945, indawo eseMagdeburg, ngoko eyayiyinxalenye yeMpuma Jamani, yaphinda yavulwa. Kodwa ngoAgasti 30, 1950, amapolisa amaKomanisi afika agaleleka engabhungisanga kwezi zakhiwo aza abamba abasebenzi, yaye amaNgqina kwiMpuma Jamani avalwa umlomo. Ngelo xesha, ngowe-1947 kwathengwa indawo eWiesbaden, eNtshona Jamani. Ebudeni bamashumi eminyaka alandelayo, izakhiwo zesebe ezakhiwa apho zaziqhubeka zisandiswa ukuze zilungiselele uncwadi.
Ngenxa yokuba kungekho ndawo yaneleyo yokwandisa eWiesbaden, kwathengwa indawo eziihektare ezingama-30 eSelters ngowe-1979. Emva kweminyaka emalunga nemihlanu yokwakha, kwanikezelwa isebe elikhulu ngoAprili 21, 1984. Ukususela ngelo xesha yayisoloko isandiswa, ukuze ikwazi ukuhlalisa abasebenzi besebe abangaphezu kwewaka. Nyanga nganye kushicilelwa ngomatshini omkhulu wokushicilela amaphephancwadi angaphezu kwezigidi ezili-16 ngaphezu kweelwimi ezingama-30 eSelters; yaye kunyaka wakutshanje, kuye kwaveliswa iincwadi, kuquka iiBhayibhile ezingaphezu kwezigidi ezili-18.
Amanye Amasebe Amakhulu Okushicilela
Ekuqaleni kwasekwa isebe eKobe, eJapan, ngowe-1927, kodwa intshutshiso eqatha ebudeni beMfazwe Yehlabathi II yawunciphisa umsebenzi wamaNgqina. Noko ke, kungekudala emva kwemfazwe, eli sebe laphinda lasekwa, eTokyo. Xa kwakungekho ndawo yaneleyo yokwandisa, kwakhiwa isebe elitsha eNumazu. Lanikezelwa ngowe-1973. Xa ezi zakhiwo zaba ncinane ngokukhawuleza, kwakhiwa ezintsha ezinkulu e-Ebina, yaye zanikezelwa ngowe-1982. Kule ndawo kusandul’ kugqitywa izakhiwo ezandisiweyo ezinokuhlala abasebenzi abangama-900. Ngowe-1999 kuye kwashicilelwa ngaphezu kweenkupho ezizizigidi ezingama-94 zeMboniselo noVukani! kwakunye nezigidi zeencwadi ngolwimi lwesiJapan kuphela.
Ukwandiswa kwezakhiwo zamasebe kuye kwafana kumazwe ngamazwe. Kwasekwa isebe kwisiXeko saseMexico, eMexico, ngowe-1929. Kamva, xa inani lamaNgqina lafikelela kuma-60 000, kwakhiwa isakhiwo esitsha nesikhulu ngaphandle kwesixeko. Sanikezelwa ngowe-1974, yaye sagqitywa ukwandiswa ngowe-1985 nangowe-1989. Ngoku sele kuza kugqitywa izakhiwo ezitsha ezikhulu zokushicilela nendawo eyongeziweyo yokuhlala. Ngenxa yoko, kungekudala isebe laseMexico liza kukwazi ukuhlala abasebenzi abali-1 200. Kungokunje eli sebe lilungiselela amaphephancwadi neencwadi amaNgqina angaphezu kwama-500 000 nezigidi zabantu abaseMexico kwakunye nabantu abahlala kumazwe akufuphi.
Ngowe-1923 kwalungiselelwa iofisi yesebe eRio de Janeiro, eBrazil, yaye kamva kwakhiwa iindawo zokuhlala ezintsha. Kodwa ekubeni iSão Paulo iyindawo yezoshishino nesazulu sezothutho eBrazil, ngowe-1968 kwakhiwa isebe elitsha kweso sixeko. Phakathi neminyaka yee-1970, kwakukho malunga namaNgqina ali-100 000 eBrazil. Noko ke, kwakungenakwenzeka ukuba kuphindwe kwandiswe eSão Paulo, ngoko kwathengwa umhlaba oziihektare ezili-115 eCesário Lange, malunga neekhilomitha ezili-150 ngaphandle kweSão Paulo. NgoMatshi 21, 1981, kwanikezelwa izakhiwo ezitsha zesebe kwindawo entsha. Ngenxa yokwandiswa kwezakhiwo kule ndawo, eli sebe linokuhlala abantu abali-1 200. Amaphephancwadi neencwadi ziveliswa eBrazil ukwenzela inxalenye enkulu yoMzantsi Merika neminye imimandla yomhlaba.
Elinye isebe elikhulu lokushicilela lagqitywa ekuqaleni kowe-1990, kufuphi neBogotá, eKholombiya. Apho kwenziwa amaphephancwadi IMboniselo noVukani! ukuze asasazwe kumntla-ntshona woMzantsi Merika.
Amanye amasebe ashicilela izigidi zamaphephancwadi nyaka ngamnye yiArgentina, iFinland, i-Itali, iKhanada, iKorea, iMzantsi Afrika, iNigeria, iOstreliya, iPhilippines neSpeyin. Isebe laseItali nalo livelisa izigidi zeencwadi, kuquka iiBhayibhile, nyaka ngamnye ngeelwimi ezahlukahlukeneyo. Kakade ke, uninzi lwemveliso yaminyaka le, efikelela kwiincwadi ezizizigidi ezingama-40 namaphephancwadi angaphezu kwewaka lezigidi, isaqhubeka ivela kwikomkhulu leWatch Tower Bible and Tract Society eBrooklyn, eNew York, nakwindawo yalo yokushicilela emantla eNew York.
Enyanisweni, kuhlab’ umxhelo ukuba inani leeofisi zesebe liye landa ukususela kwenye kwiminyaka elikhulu eyadlulayo ukusa kwezili-109 namhlanje ezifeza iimfuno zamaNgqina kaYehova kumazwe angama-234. Yaye amatsha-ntliziyo angamaKristu azinikeleyo angama-13 000 ahlala kula masebe! Ngokuqinisekileyo, umsebenzi wawo kunye nowamatsha-ntliziyo anokuba ngama-5 500 anxulumene nekomkhulu loMbutho uye wabaluleka ekuzalisekeni kwesiprofeto sikaYesu Kristu esithi ‘ezi ndaba zilungileyo zoBukumkani bukaThixo ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo ngaphambi kokuba kufike ukuphela.’—Mateyu 24:14.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ngelo xesha yayibizwa ngokuba yiZion’s Watch Tower Tract Society.
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Kukholelwa ukuba uTom Hart, nguMfundi weBhayibhile wokuqala eNgilani
[Imifanekiso ekwiphepha 16]
Isebe laseLondon e-34 Craven Terrace (kumfanekiso ongasekunene)
[Imifanekiso ekwiphepha 16]
Izakhiwo ezisetyenziswayo eLondon