Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Ndifanele Ndiyijonge Njani Intombazana Ecela Uthando?
“USusan wandixelela ukuba uyandithanda yaye zange ndibe nangxaki naloo nto. Eneneni, oko kwandenzela lula.”—UJames.a
“Ukuba indoda ayinyanisekanga kwindlela ewaphatha ngayo amabhinqa, oku kusenokubangela ingxaki.”—URoberto.
INENEKAZI elithile lisandul’ ukukuxelela ukuba lifun’ ukuthetha nawe. Uqhele ukulibona linabahlobo balo, yaye kumnandi ukuthetha nokwenza izinto nalo. Kodwa ngoku livela nento obungakhange uyilindele. Lize kucel’ uthando.
Oku kusenokukothusa ukuba ucinga ukuba yindoda kuphela efanele icel’ uthando kwibhinqa. Nangona oku kuqheleke ngolo hlobo, khumbula ukuba ngokwenjenjalo, eli nenekazi alaphulanga migaqo yeBhayibhile.b Ukuyazi loo nto kusenokukunceda ungaliphoxi.
Emva kokucinga nzulu ngalo mbandela, usenokugqiba ngelithi usemncinane gqitha ukuba uqalise ukuthandana okanye okwangoku akunazinjongo zilolo hlobo ngale ntombazana. Kwakhona usenokuzimangalela, ucinga ukuba kusenokwenzeka ukuba nguwe lo wenze ukuba le ntombazana icinge ngolo hlobo. Yintoni ofanele uyenze? Okokuqala, ufanele ucinge ngendlela yona evakalelwa ngayo.
Cinga Ngendlela Evakalelwa Ngayo
Khawuyicingele le ntombazana. Kusenokwenzeka ukuba iye yawacengceleza amazwi eza kuwathetha kuwe kangangeentsuku ezininzi kuba ifuna ukukutyhilela oko kusentliziyweni yayo. Emva kokulungisa amazwi noncumo oluhle, kusenokwenzeka ukuba iye yakhathazeka xa icinga ukuba usenokuyala. Ekugqibeleni, iye yaginy’ ilitye yaza yakuxelela ukuba iyakuthanda.
Yintoni le iyibangele ukuba izifake kule ngxaki? Kusenokwenzeka ukuba ngokwenene idumb’ intloko nguwe. Okanye kusenokwenzeka ukuba uneempawu ezithile ezintle ezithandileyo nezingaphawulwayo ngabanye abantu. Ngoko ke, kusenokwenzeka ukuba ngokwenjenje iyakuncoma nto leyo ongafane uyifumane.
Ezi zibakala ziveliswe apha azenzelwanga ukukunyanzelela kwisigqibo obungasithandi, kodwa zezokukukhumbuza ukuba ube nobuntu. UJulie oyintombazana eselula uthi: “Enoba indoda ayilithandi ibhinqa, kufanele kuyivuyise ukuva ukuba kukho umntu oyijongileyo. Ngoko ke, kunokusuka nje ilibhebhethe ibhinqa, ifanele iliphathe kakuhle enoba ayilivumi.” Makhe sithi ucinga ukwenza kanye loo nto—‘liphathe kakuhle enoba akulivumi.’
Kuthekani ukuba aliqali kuzibika yaye walala nangoko? Ngoku usenokufun’ ukuliphoxa. Musa ukuyenza loo nto. IMizekeliso 12:18 ithi: “Kukho othetha engacinganga njengokuhlaba kwekrele, kodwa ulwimi lwezilumko luyaphilisa.” Unokuthetha njani ‘ngolwimi lwezilumko’?
Usenokulibulela elo bhinqa ngokukuthululela imbilini yalo nokucinga kakuhle kangaka ngawe. Cel’ uxolo ngokuba uthi ungaqondi ulenze licinge ukuba ulijongile. Ngokucacileyo kodwa ngobubele lazise ukuba leyo yinto wena ongakhange uyicinge nokuyicinga. Ukuba alikuva, lenze licacelwe kodwa ukuphephe ukuba ngqwabalala nokulihlaba ngamazwi. Kaloku uthetha nomntu okuthandayo, ngoko yiba novelwano. Ukuba ibinguwe lo, ubungayi kuthanda ukugxothwa okomshologu, andithi kunjalo?
Noko ke, masithi liyazingisa lisithi ulikhohlisile. Lisenokukhankanya izinto ozenzileyo ezilenze lacinga ukuba uyalithanda. Mhlawumbi lisenokubuza: ‘Uyakhumbula ngokuya wandiphathela iintyatyambo?’ okanye ‘Uyayikhumbula into owandixelela yona ngokuya sasihamba kunye kwinyanga ephelileyo?’ Kaloku, ufanele ngoku ucinge nzulu.
Yivume Inyaniso
Abahloli bamazwe bamandulo babehlola amazwe abaza kuwathimba, yaye namhlanje amanye amadoda awajonga njalo amabhinqa. Ayakuthanda ukuthandana kodwa engenanjongo yakuzibophelela ngomtshato. Nangona engazibopheleli nganto, ayakuthanda ukudlala ngothando lwamabhinqa. Loo madoda ayakhohlisa ukuze athandwe ngamabhinqa. Omnye umdala ongumKristu uthi: “Abanye abafana bangoodlalani. Akulunganga ukudlala ngeemvakalelo zamabhinqa.” Ukuzingca okunjalo kukhokelela entwenini?
“Kanye njengobani ophambeneyo otola imijukujelwa yomlilo, iintolo nokufa, unjalo umntu okhohlisa idlelane lakhe aze athi: ‘Bendingaziyolisi na?’” (IMizekeliso 26:18, 19) Xa indoda iqalisa ukuthandana nebhinqa elithile ngenjongo ezingentle, ekugqibeleni elo bhinqa liya kuyibona eyona nto ibiyifuna. Ukukhohliswa ngaloo ndlela kusenokubangela intlungu enkulu kwelo bhinqa, kanye njengokuba oku kulandelayo kubonisa.
Omnye umfana waqalisa ukuthandana nentombazana ethile nakuba wayengacingi ngakuyitshata. Lo mfana wayehamba nayo le ntombazana esiya kwiindawo ezintle zokutyela, yaye babehamba kunye xa besiya emathekweni. Lo mfana wayekuvuyela ukuhamba nale ntombazana, nayo yayikuvuyela ukuphathwa ngale ndlela, icinga ukuba ekuhambeni kwexesha baza kutshata. Yaba buhlungu gqitha le ntombazana xa yafumanisa ukuba lo mfana wayengazimiselanga kuyitshata, kodwa wayevuyela nje ukunxulumana nayo.
Ukuba uthe ungaqondi wabangela ibhinqa elithile lacinga ukuba uyalithanda, yintoni ofanele uyenze? Ukuzithethelela kuya kulicaphukisa gqitha elo bhinqa. Khawucinge ngalo mgaqo weBhayibhile: “Okugubungelayo ukunxaxha kwakhe akayi kuphumelela, kodwa okuvumayo aze akushiye uya kwenzelwa inceba.” (IMizekeliso 28:13) Ngoko ke nyaniseka. Yivume impazamo oyenzileyo. Yaye ukuba uye wadlala ngeemvakalelo zalo, yivume loo mpazamo. Ngokunyaniseka cel’ uxolo.
Noko ke, musa ukucinga ukuba ugqibile ngokucel’ uxolo. Kusenokuthath’ ixesha ngaphambi kokuba ixole loo ntombazana. Kusenokufuneka uchazele abazali bayo into eyenzekileyo. Yaye usenokujamelana nezinye iingxaki. KwabaseGalati 6:7 kuthiwa: “Loo nto ayihlwayelayo umntu, uya kuvuna kwayona.” Kodwa xa ucel’ uxolo uze wenze nantoni na ukuze ulungise le meko, uya kuyinceda ukuze ixole. Yaye oku kuya kukufundisa ukuba ‘uyilondoloze imilebe yakho ekuthetheni inkohliso’ kuzo zonke iinkalo zobomi, kuquka nendlela owaphatha ngayo amabhinqa.—INdumiso 34:13.
Cinga Nzulu Ngaphambi Kokuba Uphendule
Kodwa kuthekani ukuba nawe unomdla kule ntombazana? Kaloku, ufanele uqonde ukuba ukuthandana asingomdlalo nje wokuzonwabisa. Ukuthandana kwabantu ababini kukhokelela emtshatweni. Emva kokuba betshatile, olo thando lubanceda ukuba bamanyane njengendoda nomfazi. Olu lwazi lukunceda njani ngoku?
Emva kokucinga ngeli nenekazi, usenokufumanisa ukuba linomtsalane ngendlela ezininzi. Likuvulele ithuba, yaye usenokuthanda ukuligcina elo thuba livulekile. Kodwa kunokusuka nje uqalise ukuthandana nalo, thabath’ amanyathelo anokukhusela nina nobabini kwintlungu enokubakho kamva.
Ekuhambeni kwexesha, usenokubuza ngayo kubantu abaqolileyo nabayaziyo loo ntombazana. Yicebise nayo ukuba ibuze ngawe kubantu abakwaziyo. Ngamnye kuni ufanele abuze abantu abaqolileyo ngeempawu abacinga ukuba zintle nobuthathaka ngamnye kuni anabo. Kwakhona, usenokubuza ngoko abadala bebandla lamaKristu abakucingayo ngaye ngamnye wenu. Kubalulekile ukwazi enoba umntu onomdla kuye kuthethwa ngaye kakuhle kusini na kwibandla lamaKristu.
Kodwa usenokuba uyabuza, ‘Abanye abantu bafuna ntoni kwizinto zam?’ Inyaniso ikukuba, nakwimibandela yokuthandana, ukufumana uluvo lwabanye abantu kubalulekile. Enyanisweni, kuvumelana neZibhalo, kuba IMizekeliso 15:22 ithi: “Ngobuninzi babacebisi kukho okufezwayo.” Abantu abadala othetha nabo abayi kukwenzela isigqibo. Kodwa ‘ukucebisa komphefumlo’ abakunika kona kusenokutyhila enye inkalo ubungayiqondi ngawe nangomnye umntu.—IMizekeliso 27:9.
UJames okhankanywe ekuqaleni wenza kanye loo nto. Nangona wayehlala yedwa, wathetha nabazali bakhe ngoSusan. Emva koko bobabini bacela uluvo lwabantu abaqolileyo abacinga ukuba banokubaxelela enoba bayafanelana kusini na. Emva kokuba bevile ukuba kuthethwa kamnandi ngabo, uJames noSusan baqalisa ukwenza amadinga okuthandana ngaphambi komtshato bekhangela enoba bangatshata kusini na. Ukuba wenza into efanayo ngaphambi kokuba uzibophelele, uya kuziva uqiniseke ngakumbi ngesigqibo osenzayo.
Ngaphezu kwako konke, thandaza kuYehova. Ekubeni ukwenza amadinga kukhokelela emtshatweni, cela uYehova akuncede ukuze uqonde enoba ulwalamano lwakho nentombazana ethile luza kuphumela emtshatweni kusini na. Okubaluleke nangakumbi, cela uThixo anincede nobabini nenze izigqibo eziya kunisondeza ngakumbi kuye. Leyo kuphela kwendlela eya kunenza nobabini nizuze ulonwabo lokwenene.
[Imibhalo esemazantsi]
a Amagama akweli nqaku atshintshiwe.
b Amanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza” kuVukani! kaNovemba 8, 2004, nokaJanuwari 8, 2005, athetha ngendlela ibhinqa elinokucela ngayo uthando endodeni.
[Imifanekiso ekwiphepha 29]
Ukuba akunamdla, kulumkele ukumenza omnye acinge ukuba uyamthanda