Isahluko 29
Ukuvuma Ingoma Entsha Yoloyiso
Umbono 9—ISityhilelo 14:1-20
Umbandela: I-144 000 likunye neMvana kwiNtaba yeZiyon; kuvakaliswa izaziso ezikhutshwa ziingelosi emhlabeni; kuvunwa izivuno
Ixesha lokuzaliseka: Ngowe-1914 ukusa kwimbandezelo enkulu
1. Yintoni esele siyifundile ngeSityhilelo isahluko 7, 12 nese-13, yaye yintoni esiza kuyifunda ngoku?
HAYI indlela ekuhlaziya ngayo ukuqwalasela umbono olandelayo kaYohane! Ngokwahlukileyo kwiintlangano zenamba ezingaqhelekanga nezifana nerhamncwa, ngoku sibona abakhonzi bakaYehova abanyanisekileyo nemisebenzi yabo ebudeni bemini yeNkosi. (ISityhilelo 1:10) ISityhilelo 7:1, 3 sele sisazisile ukuba imimoya emine yentshabalalo ibanjiwe de bonke aba bakhonzi bathanjisiweyo bali-144 000 batywinwe. ISityhilelo 12:17 siyazisile into yokuba aba ‘baseleyo bembewu yomfazi’ ngabona bahlaselwa ngokukhethekileyo nguSathana, inamba, ebudeni belo xesha. Yaye iSityhilelo isahluko 13 sizichaze ngokucacileyo iintlangano zobupolitika eziveliswe nguSathana emhlabeni ukuze azise ingcinezelo enamandla nentshutshiso enenkohlakalo kubakhonzi bakaYehova abathembekileyo. Kodwa olo tshaba luyintloko alunakuyithintela injongo kaThixo! Ngoku siza kufunda ukuba phezu kwawo nje umsebenzi kaSathana wobutshaba, bonke abali-144 000 bahlanganiswa ngoloyiso.
2. Yiyiphi ingcaciso yesiphelo esonwabisayo uYohane asinika yona kwiSityhilelo 14:1, yaye ingubani iMvana?
2 UYohane nodidi lukaYohane lwanamhlanje olukunye naye, bachazelwa ngaloo mphumo wonwabisayo: “Yaye khangela! ndabona iMvana imi phezu kweNtaba yeZiyon, kumi nayo ikhulu elinamashumi amane anesine lamawaka linalo igama layo negama loYise libhaliwe emabunzini alo.” (ISityhilelo 14:1) Njengokuba sesibonile, le Mvana ikwanguloo Mikayeli wacoca amazulu ngokugxotha uMtyholi needemon zakhe. UnguMikayeli uDaniyeli amchaza ‘njengomela oonyana babantu bakaThixo’ njengoko elungiselela ‘ukusuka eme’ ekuphumezeni imigwebo kaYehova yobulungisa. (Daniyeli 12:1; ISityhilelo 12:7, 9) Ukususela ngowe-1914 le Mvana izincamayo kaThixo ibimi kwiNtaba yeZiyon njengoKumkani onguMesiya.
3. Iyintoni ‘iNtaba yeZiyon ekumi’ phezu kwayo iMvana ne-144 000?
3 Kunjengokuba kanye uYehova waxela kwangaphambili wathi: “Mna, ndimmisile ukumkani wam eZiyon, intaba yam engcwele.” (INdumiso 2:6; 110:2) Oku akusabhekiseli kwiNtaba yeZiyon yasemhlabeni, indawo ekwakumi kuyo iYerusalem yasemhlabeni, apho babekade belawula khona ookumkani abangabantu besixeko ababekumnombo kaDavide. (1 Kronike 11:4-7; 2 Kronike 5:2) Akusabhekiseli kuyo kuba uYesu, emva kokufa nokuvuka kwakhe ngowama-33 C.E., wamiselwa njengelitye lembombo elisisiseko kwiNtaba yeZiyon esezulwini, indawo ephezulu apho uYehova wagqiba ngokubeka khona ‘isixeko soThixo ophilayo, iYerusalem yasezulwini.’ Ngenxa yoko, ‘iNtaba yeZiyon’ apha imela isigxina esiphakamileyo sikaYesu neendlalifa ezimanyene naye, ababumba iYerusalem yasezulwini, ebuBukumkani. (Hebhere 12:22, 28; Efese 3:6) Le yimeko ezukileyo nengokwasebukhosini athi uYehova aziphakamisele kuyo ebudeni bemini yeNkosi. Kwiinkulungwane ezidluleyo, amaKristu athanjisiweyo, ‘njengamatye aphilayo,’ ngokunyanisekileyo aye akhangela phambili ekubeni eme kuloo Ntaba yaseZiyon esezulwini, emanyene neNkosi enguYesu Kristu ezukisiweyo kuBukumkani bayo obundilisekileyo.—1 Petros 2:4-6; Luka 22:28-30; Yohane 14:2, 3.
4. Kwenzeka njani ukuba lonke i-144 000 libe limi kwiNtaba yeZiyon?
4 UYohane akaboni nje kuphela uYesu kodwa ukwabona neqela elipheleleyo leendlalifa ezikunye naye ezili-144 000 zoBukumkani basezulwini bemi phezu kweNtaba yeZiyon. Ngexesha lokuzaliseka kwalo mbono, abaninzi, kodwa ingengabo bonke, be-144 000 sele besezulwini. Kamva kwakumbono ofanayo, uYohane ufumanisa ukuba bambi babangcwele kusafuneka benyamezele baze bafe bethembekile. (ISityhilelo 14:12, 13) Ngoko, kuyabonakala ukuba, abathile be-144 000 basesemhlabeni. Ngoko kwenzeka njani ukuba uYohane ababone bonke bemi noYesu kwiNtaba yeZiyon?a Kwenzeka ngendlela yokuba, njengamalungu ebandla lamaKristu athanjisiweyo, ngoku aye ‘asondela kwiNtaba yeZiyon nakwisixeko soThixo ophilayo, iYerusalem yasezulwini.’ (Hebhere 12:22) NjengoPawulos xa wayesesemhlabeni—ngengqiqo yokomoya—sele evuselwe ekubeni amanyane noKristu Yesu kwiindawo zasezulwini. (Efese 2:5, 6) Ukongezelela, ngowe-1919 asabela kwisimemo esithi, “Nyukelani apha,” yaye ngendlela efuziselayo “enyukela ezulwini ngelifu.” (ISityhilelo 11:12) Ngenxa yoko kuboniswe zezi zibhalo, sinokubona ukuba lonke i-144 000—ngokomoya—likwiNtaba yeZiyon kunye noYesu Kristu.
5. Ngamagama oobani abhalwe emabunzini e-144 000, yaye iyintoni intsingiselo yegama ngalinye?
5 I-144 000 alidlelani nabanquli berhamncwa, abaphawulwe ngenani lokomfuziselo elingama-666. (ISityhilelo 13:15-18) Ngokwahlukileyo koko, aba banyanisekileyo banegama likaThixo neleMvana libhalwe emabunzini abo. Alithandabuzeki elokuba uYohane, owayengumYuda, walibona igama likaThixo libhalwe ngesiHebhere, יהוה.b Ngokuba negama likaYise kaYesu libhalwe ngokufuziselayo emabunzini abo, aba batywiniweyo bazisa bonke ukuba bangamaNgqina kaYehova, abakhonzi Bakhe. (ISityhilelo 3:12) Ukuba negama likaYesu nalo liboniswe emabunzini abo kubonisa ukuba bayakuvuma ukuba bangabakhe. ‘Uyindoda’ yabo ebaganileyo, yaye bona baza kuba ‘ngumtshakazi’ wakhe, ‘isidalwa esitsha’ esikhonza uThixo sikhangele ekufumaneni ubomi basezulwini. (Efese 5:22-24; ISityhilelo 21:2, 9; 2 Korinte 5:17) Ulwalamano lwabo olusenyongweni noYehova noYesu Kristu luchaphazela zonke iingcinga nezenzo zabo.
Ukuvuma Ingoma Engathi Intsha
6. Yiyiphi ingoma evunywayo eviwa nguYohane, yaye uyichaza njani?
6 Ngokuvisisana noku, uYohane uchaza oku: “Ndeva isandi siphuma ezulwini sinjengesandi samanzi amaninzi nanjengesandi sendudumo enkulu; yaye isandi endasivayo sasingathi seseemvumi ezizipheleka ngohadi zidlala iihadi zazo. Kwaye zivuma ingoma engathi intsha phambi kwetrone naphambi kwezidalwa eziphilayo ezine nabadala; yaye akukho bani wakwaziyo ukuyiqondisisa ingoma leyo ngaphandle kwekhulu elinamashumi amane anesine lamawaka, abathengwe emhlabeni.” (ISityhilelo 14:2, 3) Akumangalisi ukuba uYohane, akuba eve amazwi e-144 000 livuma olu ncuthu lwengoma, abe ukhumbula iingxangxasi ezigqumayo neendudumo ezinkulu. Hayi indlela okuvakala kamnandi ngayo oku kubethwa kucacileyo kweehadi! (INdumiso 81:2) Liliphi iqela lomculo emhlabeni elinokuze livume ngendlela endilisekileyo yelo qela lomculo lizukileyo?
7. (a) Iyintoni ingoma entsha echazwe kwiSityhilelo 14:3? (b) Kwenzeka njani ukuba ingoma yeNdumiso 149:1 kuthiwe intsha kumhla wethu?
7 Iyintoni le ‘ngoma intsha’? Njengoko siye saphawula xa besixubusha ngeSityhilelo 5:9, 10, le ngoma inento yokwenza neenjongo zoBukumkani bukaYehova nelungiselelo lakhe elimangalisayo, elingoYesu Kristu, lokwenza uSirayeli wokomoya abe “bubukumkani nababingeleli kuThixo wethu.” Yingoma yendumiso eya kuYehova nevakalisa izinto ezintsha azifezayo ngoSirayeli kaThixo nangenxa yakhe. (Galati 6:16) Amalungu alo Sirayeli wokomoya ayasabela kwesi simemo somdumisi: “Dumisani uYa! Mvumeleni ingoma entsha uYehova, indumiso yakhe ebandleni labanyanisekileyo. USirayeli makabe nemihlali ngoMenzi wakhe Ozukileyo. Oonyana beZiyon—mabavuye ngoKumkani wabo.” (INdumiso 149:1, 2) Kuyinyaniso ukuba, loo mazwi abhalwa kwiinkulungwane ezadlulayo, kodwa kumhla wethu, aye avunywa ngokuqonda okutsha. Ngowe-1914 kwasekwa uBukumkani obuphantsi koMesiya. (ISityhilelo 12:10) Ngowe-1919 abantu bakaYehova abasemhlabeni baqalisa ukuvakalisa “ilizwi lobukumkani” ngenzondelelo ehlaziyiweyo. (Mateyu 13:19) Ekubeni babekhuthazwe ngumxholo wonyaka wowe-1919, (Isaya 54:17) bakhuthazwa nakukubuyiselwa kwabo kwiparadesi yokomoya, ngaloo nyaka baqalisa ‘ukuvumela uYehova umculo ezintliziyweni zabo.’—Efese 5:19.
8. Kutheni le nto ili-144 000 kuphela elikwaziyo ukufunda ingoma entsha yeSityhilelo 14:3?
8 Noko ke, kutheni le nto ili-144 000 kuphela elikwaziyo ukufunda ingoma ekhankanywe kwiSityhilelo 14:3? Kungenxa yokuba inento yokwenza namava alo njengeendlalifa ezinyuliweyo zoBukumkani bukaThixo. Lilo kuphela elamkelwa njengoonyana bakaThixo nelithanjiswe ngomoya oyingcwele. Lilo kuphela elithengwe emhlabeni ukuze libe yinxalenye yobo Bukumkani basezulwini, yaye lilo kuphela ‘eliza kuba ngababingeleli lize lilawule njengookumkani’ noYesu Kristu kangangeminyaka eliwaka ukuze kufezekiswe uluntu. Lilo kuphela elibonwa ‘livuma ingoma engathi intsha’ kwindawo enoYehova.c Ukuba nala mava neli themba likhethekileyo kulenza libuxabise ngokukhethekileyo uBukumkani kuze kulenze livume ingoma ngabo ngendlela ekungekho namnye onokuvuma ingoma njengalo.—ISityhilelo 20:6; Kolose 1:13; 1 Tesalonika 2:11, 12.
9. Isihlwele esikhulu sisabele njani ekuvunyweni kwengoma ngabathanjiswa, yaye sisiphi isiluleko esiye sasizalisekisa?
9 Sekunjalo, abanye bayaphulaphula baze basabele ekuvunyweni kwaloo ngoma. Ukususela ngowe-1935 isihlwele esikhulu esandayo sezinye izimvu siye sayiva ingoma yalo yoloyiso saza sashukunyiselwa ukuba silithelele ekuvakaliseni uBukumkani bukaThixo. (Yohane 10:16; ISityhilelo 7:9) Kuyinyaniso ukuba, aba basandul’ ukufika abanakukufunda ukuvuma kanye ingoma entsha efanayo nevunywa ngabaza kuba ngabalawuli boBukumkani bukaThixo. Kodwa nabo bavuma uncuthu lwengoma yendumiso eya kuYehova engumhobe odumisa uYehova ngenxa yezinto ezintsha azifezayo. Ngaloo ndlela bazalisekisa isiluleko somdumisi esithi: “Mvumeleni ingoma entsha uYehova. Mvumeleni uYehova, nonke nina bantu basemhlabeni. Mvumeleni uYehova, nilibonge igama lakhe. Imihla ngemihla xelani iindaba ezilungileyo zosindiso lwakhe. Vakalisani uzuko lwakhe phakathi kweentlanga, phakathi kwezizwana zonke imisebenzi yakhe emangalisayo. Mnikeni uYehova, nina zintsapho zezizwana, mnikeni uYehova uzuko namandla. Yithini phakathi kweentlanga: ‘UYehova ngukumkani’.”—INdumiso 96:1-3, 7, 10; 98:1-9.
10. Kwenzeka njani ukuba i-144 000 livume “phambi” kwabadala bokomfuziselo abangama-24?
10 Kunokwenzeka njani ukuba i-144 000 livume “phambi” kwabadala, ekubeni abadala abangama-24 ili-144 000 elikwisigxina salo sasezulwini esizukileyo? Ekuqaleni kwemini yeNkosi, abo “bafe bemanyene noKristu” bavuswa njengezidalwa zomoya. Ngaloo ndlela, amaKristu athembekileyo nathanjisiweyo aye oyisa ngoku asezulwini, ngokufuziselayo ephumeza imisebenzi efana naleyo yamaqela angama-24 abadala abangababingeleli. Aqukiwe kumbono wentlangano kaYehova yasezulwini. (1 Tesalonika 4:15, 16; 1 Kronike 24:1-18; ISityhilelo 4:4; 6:11) Ngoko ke intsalela ye-144 000 esesemhlabeni ivuma ingoma entsha phambi, okanye emehlweni abazalwana bayo abavuselwe ezulwini.
11. Kutheni le nto aboyisi abathanjisiweyo kuthethwa ngabo njengabadala abangama-24 nanjenge-144 000?
11 Kweli nqanaba sisekwanokubuza sithi: Kutheni le nto aba boyisi bathanjisiweyo kuthethwa ngabo njengabadala bokomfuziselo abangama-24 nanjenge-144 000? Kungenxa yokuba iSityhilelo sijonga eli qela linye ngeendlela ezimbini ezahlukeneyo. Abadala abangama-24 basoloko beboniswa bekwisigxina sabo sokugqibela bejikeleze itrone kaYehova, bemiselwe njengookumkani nanjengababingeleli emazulwini. Bafuzisela lonke iqela le-144 000 elikwisigxina salo sasezulwini, nangona okwangoku intsalela encinane yabo isesemhlabeni. (ISityhilelo 4:4, 10; 5:5-14; 7:11-13; 11:16-18) Noko ke, iSityhilelo isahluko 7, sibalaselisa i-144 000 njengelithatyathwe eluntwini, yaye sibethelela injongo kaYehova ezukileyo yokutywina inani elipheleleyo lamaSirayeli okomoya angabantu ngabanye nokusindisa isihlwele esikhulu esingenakubaleka. ISityhilelo isahluko 14 sinikela umfanekiso oqinisekisa ukuba lonke udidi loBukumkani lwe-144 000 laboyisi ngabanye luya kuhlanganiswa neMvana kwiNtaba yeZiyon. Iimfaneleko ekumele kuhlangatyezwane nazo ukuze babalelwe kwi-144 000 nazo zazisiwe, njengoko siza kubona ngoku.d
Abalandeli BeMvana
12. (a) UYohane uqhubeka njani nokucacisa kwakhe i-144 000? (b) I-144 000 kuthiwa linjengeentombi ezinyulu ngayiphi ingqiqo?
12 Eqhubeka nokucacisa kwakhe i-144 000 ‘elithengwe emhlabeni,’ uYohane usixelela oku: “Aba ngabo bangazange bazenze nqambi ngabafazi; enyanisweni, banyulu. Aba ngabo bahlala beyilandela iMvana kungakhathaliseki apho iya khona. Aba bathengwa phakathi koluntu njengeentlahlela kuThixo nakuyo iMvana, yaye akufunyanwanga buxoki emilonyeni yabo; abanasiphako.” (ISityhilelo 14:4, 5) Into yokuba i-144 000 libe ‘nyulu’ ayithethi ukuba amalungu olu didi akatshatanga. Umpostile uPawulos wabhalela amaKristu awayenobizo lwasezulwini esithi, ngoxa kukho iingenelo zokungatshati komKristu, kulunge ngakumbi ukutshata phantsi kweemeko ezithile. (1 Korinte 7:1, 2, 36, 37) Okuphawula olu didi bubuntombi obunyulu bokomoya. Aye aluphepha ukrexezo lokomoya neepolitiki zehlabathi nonqulo lobuxoki. (Yakobi 4:4; ISityhilelo 17:5) Njengomtshakazi oganiweyo kaKristu, aye azigcina enyulu, ‘engenasiphako phakathi kwesizukulwana esigwenxa nesijijekileyo.’—Filipi 2:15.
13. Kutheni le nto i-144 000 lingumtshakazi ofanelekileyo kaYesu Kristu, yaye ‘lihlala njani lilandela iMvana kungakhathaliseki apho iya khona’?
13 Ukongezelela, “akufunyanwanga buxoki emilonyeni yabo.” Koku, afana noKumkani wawo, uYesu Kristu. Njengomntu ofezekileyo, “akazange enze sono, kungazange kufunyanwe nankohliso emlonyeni wakhe.” (1 Petros 2:21, 22) Xa kusithiwa kwangaxeshanye alinabala yaye linenyaniso, i-144 000 lilungiselelwe njengomtshakazi onyulu woMbingeleli Omkhulu kakhulu kaYehova. Xa uYesu wayesemhlabeni, wamema abaneentliziyo ezifanelekileyo ukuba bamlandele. (Marko 8:34; 10:21; Yohane 1:43) Abo basabelayo balandela indlela yakhe yobomi baza bazithobela iimfundiso zakhe. Ngaloo ndlela, ebudeni bekhondo labo lasemhlabeni, “bahlala beyilandela iMvana kungakhathaliseki apho iya khona” njengoko ibakhokela ukutyhubela ihlabathi likaSathana.
14. (a) Kwenzeka njani ukuba i-144 000 libe ‘ziintlahlela kuThixo nakuyo iMvana’? (b) Isihlwele esikhulu sikwaziintlahlela ngayiphi ingqiqo?
14 Amalungu e-144 000 ‘athengwe emhlabeni,’ ‘athengwe phakathi koluntu.’ Amkelwe njengoonyana bakaThixo, yaye emva kokuvuswa kwawo, awasayi kuba ngabantu nje abayinyama negazi. Njengoko kukhankanywe kwindinyana 4, aba ‘ziintlahlela kuThixo nakuyo iMvana.’ Kuyinyaniso ukuba, emva phayaa ngenkulungwane yokuqala, uYesu ‘wayeyintlahlela yabalele ekufeni.’ (1 Korinte 15:20, 23) Kodwa i-144 000 “ziintlahlela ezithile” zoluntu olungafezekanga, oluthengwe ngedini likaYesu. (Yakobi 1:18) Sekunjalo, ukuhlanganiswa kwesiqhamo soluntu akupheleli ngalo. Incwadi yeSityhilelo sele ibonisile ngokuvunwa kwesihlwele esikhulu esingenakubaleka esidanduluka ngezwi elikhulu sisithi: “Usindiso silufumene kuThixo wethu, ohleli etroneni, nakuyo iMvana.” Esi sihlwele sikhulu siya kusinda kwimbandezelo enkulu, yaye njengoko siqhubeka sihlaziywa ‘yimithombo yamanzi obomi,’ siya kuphakanyiselwa kwimfezeko yobuntu emhlabeni. Ngaxa lithile emva kwembandezelo enkulu, iHadesi iya kucocwa, ibe izigidi ezingenakubaleka zabanye abantu ziya kuvuswa zize zibe nethuba lokusela kwakumanzi obomi afanayo. Kucingwa ngoku engqondweni, bekuya kuba kokuchanileyo ukubiza isihlwele esikhulu njengeentlahlela zezinye izimvu—sesokuqala ukuba ‘sihlambe imiwunduzo yaso siyenze mhlophe egazini leMvana’ ngethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni.—ISityhilelo 7:9, 10, 14 17; 20:12, 13.
15. Ziziphi izinto ezifanayo phakathi kwezivuno zokuqala ezithathu ezahlukeneyo nemithendeleko eyayibhiyozelwa phantsi koMthetho kaMoses?
15 Ezi ntlahlela zintathu (uYesu Kristu, i-144 000 nesihlwele esikhulu) zifana ngendlela ebangel’ umdla nezinto ezazikho kwimithendeleko eyayibhiyozelwa ngokoMthetho kaMoses wamandulo. NgoNisan 16, ebudeni boMthendeleko weZonka Ezingenagwele, kwakunikelwa kuYehova ngesithungu sokuqala sesivuno serhasi. (Levitikus 23:6-14) UNisan 16 wayelusuku uYesu awavuswa ngalo kwabafileyo. Ngosuku lwama-50 ukususela ngoNisan 16, ngenyanga yesithathu, amaSirayeli abhiyozela umthendeleko wesivuno seziqhamo zokuqala ezivuthiweyo zesivuno sengqolowa. (Eksodus 23:16; Levitikus 23:15, 16) Lo mthendeleko wabizwa ngokuba yiPentekoste (gama elo elithatyathwe kwelesiGrike elithetha “owamashumi amahlanu”), yaye kwakungePentekoste yowama-33 C.E. awathi amalungu okuqala e-144 000 athanjiswa ngomoya oyingcwele. Ekugqibeleni, ngenyanga yesixhenxe xa kuhlanganiswa isivuno, kwakubakho uMthendeleko weMinquba, ixesha lokubulela ngovuyo xa amaSirayeli ayehlala ithuba elingangeveki eminqubeni eyayenziwe, phakathi kwezinye izinto, ngamasebe esundu. (Levitikus 23:33-43) Ngendlela efanayo, isihlwele esikhulu, esiyinxalenye yomsebenzi omkhulu wokuhlanganisa, senza imibulelo phambi kwetrone ‘sinamasebe esundu ezandleni zaso.’—ISityhilelo 7:9.
Ukuvakalisa Iindaba Ezilungileyo Ezingunaphakade
16, 17. (a) UYohane uyibona iphaphazela phi ingelosi, yaye ivakalisa ntoni? (b) Ngoobani ababandakanyekileyo kumsebenzi wokushumayela uBukumkani, yaye ngawaphi amava abonisa oku?
16 Ngokulandelayo uYohane ubhala oku: “Ndabona enye ingelosi iphaphazela esazulwini sezulu, ineendaba ezilungileyo ezingunaphakade ukuba izivakalise njengesigidimi esichulumancisayo kwabo bahleli emhlabeni, nakuzo zonke iintlanga nezizwe neelwimi nabantu, isithi ngelizwi elikhulu: ‘Moyikeni uThixo nimzukise, kuba lifikile ilixa lokugweba kwakhe, ngoko mnquleni Lowo wenza izulu nomhlaba nolwandle nemithombo yamanzi.’” (ISityhilelo 14:6, 7) Le ngelosi iphaphazela “esazulwini sezulu,” apho kuphaphazela khona iintaka. (Thelekisa iSityhilelo 19:17.) Ngenxa yoko, ilizwi layo linokuvakala kumhlaba wonke. Hayi indlela ukuvakalisa ehlabathini lonke kwale ngelosi okukudlula kude lee ngayo nakuphi na ukusasazwa kweendaba zikamabonwakude!
17 Wonk’ ubani uyabongozwa ukuba oyike, kungekhona irhamncwa nomfanekiso walo, kodwa uYehova, onamandla ngakumbi ngendlela engenakuthelekiswa nanto kunalo naliphi na irhamncwa lokomfuziselo elilawulwa nguSathana. Ewe, uYehova wadala izulu nomhlaba, yaye ngoku lifikile ixesha lokuba agwebe umhlaba! (Thelekisa iGenesis 1:1: ISityhilelo 11:18.) Xa wayesemhlabeni, uYesu waprofeta oku ngomhla wethu: “Kwaye ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.” (Mateyu 24:14) Ibandla lamaKristu athanjisiweyo liphumeza olu thumo. (1 Korinte 9:16; Efese 6:15) Apha iSityhilelo sityhila ukuba iingelosi ezingabonakaliyo zikwabandakanyekile kulo msebenzi wokushumayela. Lubonakala ngokufuthi ulwalathiso lweengelosi xa omnye wamaNgqina kaYehova efika ekhayeni lomntu onxungupheleyo nobethandazela uncedo lokomoya.
18. Ngokutsho kwengelosi ephaphazela esazulwini sezulu, lilixa lantoni elifikileyo, yaye ngoobani abaza kwenza izaziso ezingakumbi?
18 Njengoko ingelosi ephaphazela esazulwini sezulu itshilo, ilixa lokugweba lifikile. Nguwuphi umgwebo oza kuphunyezwa nguThixo ngoku? Iindlebe ziza kuthi nzwi kwisaziso esiza kwenziwa ngoku yingelosi yesibini, eyesithathu, eyesine neyesihlanu.—Yeremiya 19:3.
[Imibhalo esemazantsi]
a Njengoko eyoku-1 kwabaseKorinte 4:8 ibonisa, amaKristu athanjisiweyo akalawuli njengookumkani ngoxa eselapha emhlabeni. Sekunjalo, ngokwendlela obonisa ngayo umongo okwiSityhilelo 14:3, 6, 12, 13, anesabelo ekuvumeni ingoma entsha ngokushumayela iindaba ezilungileyo njengoko enyamezela kude kube sekupheleni kwekhondo lawo lasemhlabeni.
b Oku kuxhaswa kukusetyenziswa kwamagama esiHebhere kweminye imibono; uYesu unikwe igama lesiHebhere elithi “Abaddon” (elithetha “iNtshabalalo”) yaye uphumeza umgwebo kwindawo “ebizwa ngesiHebhere ngokuba yiHar–Magedon.”—ISityhilelo 9:11; 16:16.
c Isibhalo sithi “ingoma engathi intsha,” kuba le ngoma yayibhalwe kwilizwi lesiprofeto kumaxesha amandulo. Kodwa kwakungekho bani wayekufanelekele ukuyivuma. Ngoku, njengoko uBukumkani bumiselwe nabangcwele bevusiwe, kwaye kwenzeka izinto ezizalisekisa iziprofeto, yaye kwaba lixesha lokuvuma le ngoma ngendlela ezuke ngokupheleleyo.
d Le meko isenokuthelekiswa naleyo yekhoboka elithembekileyo neliyingqondi elinikela ukutya kwabendlu ngexesha elifanelekileyo. (Mateyu 24:45) Ikhoboka njengeqela linembopheleleko yokulungiselela ukudla, kodwa abendlu, abangamalungu ngamanye elo qela, balondolozwa ngokuthi babe nenxaxheba kwelo lungiselelo lokomoya. Bakwaliqela elinye kodwa bachazwa ngeendlela ezahlukeneyo—ngokuyintlanganisela nangokwabantu ngabanye.
[Imifanekiso ekwiphepha 202, 203]
I-144 000
Abadala abangama-24
Iindlalifa ezikunye neMvana, uKristu Yesu, njengoko zibonwa ngeendlela ezimbini ezahlukeneyo