Eyokuqala Eya KwabaseKorinte
9 Andikhululekanga na? Andingompostile na? Khange ndimbone na uYesu iNkosi yethu?+ Aningomsebenzi wam na nina eNkosini? 2 Nokuba andingompostile kwabanye, nakanjani na ndinguye kuni! Kuba nina niluphawu oluqinisekisa ukuba ngumpostile kwam eNkosini.
3 Ndizithethelela ngale ndlela kwabo bandigxekayo: 4 Sinelungelo* lokutya nelokusela, andithi? 5 Sinegunya lokuba nabafazi abangamaKristu+ size sihambe nabo, njengoko besenza abanye abapostile, abantakwab’ eNkosi+ noKefas,*+ andithi? 6 Okanye ndim noBharnabhas+ kuphela na abangenalungelo lokuyeka ukuphangela? 7 Leliphi ijoni elizibhatalelayo iindleko zalo emkhosini? Ngubani otyala iidiliya aze angazityi?+ Okanye ngubani owalusa umhlambi weegusha aze angafumani kubisi lwazo?
8 Ngaba ndithetha izinto ezicingwa ngabantu? Okanye azibhalwanga naseMthethweni na ezi zinto? 9 Kuba kubhaliwe eMthethweni kaMoses kwathiwa: “Uze ungayivali umlomo ngesicheme inkunzi yenkomo xa ibhula.”+ Ngaba ke eyona nto uThixo ayikhathaleleyo ziinkunzi zeenkomo? 10 Okanye ngaba abona bantu babebhalelwa sithi? Nangoku kwakubhalelwa thina, kuba umntu olimayo nomntu obhulayo umele asebenze enethemba lokuba kukho into aza kuyifumana.
11 Ukuba siye satyala izinto ezivela kuThixo kuni, ngaba ke asimele silindele ukuba nisinike izinto esizidingayo?+ 12 Ukuba abanye abantu banelungelo lokufuna ezi nto kuni, ngaba thina asinalo ngaphezu kwabo? Nakuba kunjalo khange silisebenzise eli lungelo,*+ kodwa sinyamezela zonke izinto, ukuze singaphazamisani neendaba ezilungileyo ezingoKristu.+ 13 Anazi na ukuba abantu abenza imisebenzi engcwele batya izinto ezisetempileni, nabo basoloko besebenza esibingelelweni bafumana kwizinto ezibingelelwayo?+ 14 Ngendlela efanayo, iNkosi yayalela ukuba abo bashumayela iindaba ezilungileyo baphile ngazo.+
15 Kodwa ke khange ndifune nento le kuni.+ Kaloku ezi zinto bendingazibhaleli ukuba kuncedwe mna, kuba ndixolele ukufa kunaloo nto. Akukho mntu uza kundenza ndingakwazi ukuqhayisa!+ 16 Ukuba ndishumayela iindaba ezilungileyo, andinasizathu sakuqhayisa, kuba bendimele ndenze loo nto kakade. Nyhani ke, ndisengxakini ukuba andizishumayeli iindaba ezilungileyo!+ 17 Ukuba loo nto ndiyenza kuba ndifuna, ndiza kufumana umvuzo; kodwa nokuba ndiyenza ndingafuni, uThixo undinike umsebenzi endifanele ndiwenze.+ 18 Uyintoni ke umvuzo wam? Ukukuba ndingafuni nto xa ndishumayela iindaba ezilungileyo, ukuze ndingalisebenzisi kakubi ilungelo* lam.
19 Nangona ndingelokhoboka lamntu, ndiye ndazenza ikhoboka labo bonke, ukuze ndifundise abantu abaninzi kangangoko. 20 KumaYuda ndaba ngumYuda, ukuze ndifundise amaYuda;+ kwabaphantsi komthetho ndaba phantsi komthetho, nakuba ndingekho phantsi komthetho, ukuze ndifundise abo baphantsi komthetho.+ 21 Kwabo bangenamthetho ndaba ngongenamthetho, nangona mna ndithobela umthetho kaThixo nokaKristu,+ ukuze ndifundise abo bangenamthetho. 22 Kwababuthathaka ndaba buthathaka, ukuze ndifundise ababuthathaka.+ Ndiye ndaba zizinto zonke kuzo zonke iintlobo zabantu, ukuze ndizame ngazo zonke iindlela ukusindisa abanye babo. 23 Kodwa ke ndenza zonke izinto ngenxa yeendaba ezilungileyo, ukuze ndizishumayele kwabanye.+
24 Anazi na ukuba baninzi abantu ababalekayo elugqatsweni, kodwa mnye kuphela ofumana umvuzo? Balekelani ukuwufumana.+ 25 Bonke abantu abangena kukhuphiswano bayazibamba kuzo zonke izinto. Kakade ke, le nto bayenzela ukufumana isithsaba esinokutshabalala,+ kodwa thina senzela ukufumana isithsaba esingasoze sitshabalale.+ 26 Ngoko ke, ndibaleka ndinenjongo;+ amanqindi am andiwaphosi ukuze ndibethe umoya; 27 kodwa ndiyawunyanzela* umzimba wam+ ndize ndiwenze ikhoboka, ukuze emva kokuba ndishumayele kwabanye, kungabikho nto indixabanisa noThixo.