Isahluko Samashumi Amabini Anesibhozo
Ukubuyiselwa KweParadesi!
1. Kutheni iinkonzo ezininzi zinethemba lobomi baseparadesi?
“IPARADESI yenye yezona zinto zilangazelelwa kakhulu ngabantu. Kusenokwenzeka ukuba yeyona ilangazelelwa ngaphezu kwayo yonke enye into. Nqulo ngalunye lunohlobo oluthile lweparadesi oluyilangazelelayo.” Itsho njalo iThe Encyclopedia of Religion. Ulangazelelo olunjalo lolwemvelo, ekubeni iBhayibhile isixelela ukuba ubomi babantu baqala eParadesi—umyezo omhle ekwakungekho kugula nakufa kuwo. (Genesis 2:8-15) Ngoko ayimangalisi into yokuba iinkonzo ezininzi zehlabathi zinethemba lohlobo oluthile lobomi baseparadesi.
2. Sinokulifumana phi ithemba lokwenene leParadesi ezayo?
2 EBhayibhileni kukho iindawo eziliqela ezithetha ngethemba lokwenene leParadesi ezayo. (Isaya 51:3) Ngokomzekelo, inxalenye yesiprofeto sikaIsaya isahluko 35 ichaza ukuguqulwa kwentlango ibe ngumyezo namasimi anemveliso. Iimfama ziyabona, izimumu ziyathetha, nezithulu ziyeva. Kule Paradesi ithenjisiweyo, akukho zintlungu nakuncwina, nto leyo etheth’ ukuba kwanokufa kuya kuba kungasekho. Esinjani sona ukumangalisa isithembiso! Kutheth’ ukuthini konke oku? Ngaba kusinik’ ithemba nathi namhlanje? Makhe sihlole esi sahluko sikaIsaya ukuze sifumane iimpendulo zale mibuzo.
Ukugcoba Kwelizwe Eliphanzileyo
3. Ngokwesiprofeto sikaIsaya, luluphi utshintsho oluza kubakho elizweni?
3 Isiprofeto esiphefumlelweyo sikaIsaya seParadesi ebuyiselweyo siqala ngala mazwi: “Iya kuba nemihlali intlango nommandla ongumqwebedu, nethafa eliyinkqantosi liya kuvuya lize lityatyambe njengesafroni. Ngokuqinisekileyo liya kutyatyamba, yaye ngokwenene liya kuvuya ngovuyo limemelela ngochulumanco. Liya kunikwa uzuko lweLebhanon, ubungangamsha beKarmele nobeSharon. Kuya kubakho abo baya kububona ubuqaqawuli bukaYehova, ubungangamsha boThixo wethu.”—Isaya 35:1, 2.
4. Ilizwe lamaYuda libe yintlango nini yaye njani?
4 UIsaya uwabhala la mazwi malunga nonyaka wama-732 B.C.E. Malunga neminyaka engama-125 kamva, iYerusalem itshatyalaliswa ngamaBhabhiloni baze abantu bakwaYuda basiwe ekuthinjweni. Ilizwe labo lishiywa lingenabemi, liphanzile. (2 Kumkani 25:8-11, 21-26) Oko ibe kukuzaliseka kwesilumkiso sikaYehova sokuba abantu bakwaSirayeli baza kusiwa ekuthinjweni ukuba abathembekanga. (Duteronomi 28:15, 36, 37; 1 Kumkani 9:6-8) Ngethuba lokuthinjelwa kohlanga lwamaHebhere kwilizwe lasemzini, amasimi nemiyezo yawo echumileyo ishiywe ingenabani wakuyinyamekela kangangama-70 eminyaka yaza yaba yintlango.—Isaya 64:10; Yeremiya 4:23-27; 9:10-12.
5. (a) Iparadesi ibuyiselwa njani elizweni? (b) Abantu babubona ngayiphi ingqiqo “ubuqaqawuli bukaYehova”?
5 Noko ke, isiprofeto sikaIsaya sixela kwangaphambili ukuba eli lizwe aliyi kuhlala liphanzile ngonaphakade. Liza kuhlaziywa libe yiparadesi yokwenene. Liza kunikwa “uzuko lweLebhanon” ‘nobungangamsha beKarmele nobeSharon.’a Njani? Ekubuyeni kwawo ekuthinjweni, amaYuda aphinda kwakhona alime aze ankcenkceshele amasimi awo, lize ilizwe lawo libuyele ekuchumeni kwalo kwangaphambili. NguYehova kuphela omele azukiswe ngako oku. Kungenxa yothando nenkxaso nentsikelelo yakhe le nto amaYuda ekwazile nje ukunandipha loo paradesi. Abo bantu baye babubona “ubuqaqawuli bukaYehova, ubungangamsha boThixo [wabo]” bakuba bekuvumile ukusebenza kwesandla sikaYehova ekuguquleni ilizwe labo.
6. Yiyiphi indlela ebalulekileyo azaliseka ngayo amazwi kaIsaya?
6 Noko ke, kwelo lizwe libuyiselweyo lakwaSirayeli, la mazwi kaIsaya azaliseka kwanangenye indlela ebaluleke ngakumbi. Ngengqiqo yokomoya, uSirayeli ebeyintlango eyomileyo kangangeminyaka emininzi. Ngoxa abathinjwa babeseBhabhiloni, unqulo olunyulu lwalubhangiswe ngokupheleleyo. Kwakungekho tempile, kungekho sibingelelo, kungekho nababingeleli abamiselweyo. Amadini emihla ngemihla aphela. Ngoku, uIsaya uprofeta ngeenguqu eziza kubakho. Phantsi kolawulo lwamadoda anjengoZerubhabheli, uEzra noNehemiya, abathile abaphuma kwizizwe ezili-12 zakwaSirayeli babuyela eYerusalem, bayakha kwakhona itempile, baza banqula uYehova ngokukhululekileyo. (Ezra 2:1, 2) Ngokwenene le yiparadesi yokomoya!
Ukuvutha Emoyeni
7, 8. Kutheni abathinjwa bamaYuda befanele babe nentembelo, yaye amazwi kaIsaya anikela luphi ukhuthazo?
7 Amazwi akuIsaya isahluko 35 angumthombo wovuyo. Lo mprofeti uvakalisa ikamva eliqaqambileyo kolo hlanga luguqukileyo. Eneneni, uqinisekile yaye unentembelo koko athetha ngako. Kwiinkulungwane ezimbini kamva, xa kwakusele kukufuphi ukubuyiswa kwawo, amaYuda asekuthinjweni ayakufuna kwakhona ukuqinisekiswa okunjalo kwentembelo. Esebenzisa uIsaya, uYehova uwabongoza ngesiprofeto, esithi: “Yomelezani izandla ezibuthathaka, niwaqinise amadolo agexayo. Yithini kwabantliziyo zinexhala: ‘Yomelelani. Musani ukoyika. Yabonani! UThixo wenu uya kuza enempindezelo, enembuyekezo kaThixo. Uya kuza anisindise.’”—Isaya 35:3, 4.
8 Ekupheleni koku kuthinjwa kwexesha elide kuza kufuneka babhinq’ omfutshane. UKumkani uKoreshi wasePersi, osisixhobo sokuziphindezelela kukaYehova kwiBhabhiloni, uvakalise ukuba unqulo lukaYehova lumele lubuyiselwe eYerusalem. (2 Kronike 36:22, 23) Amawakawaka eentsapho zamaHebhere amele alungele ukuthabatha uhambo oluyingozi lokusuka eBhabhiloni ukusa eYerusalem. Akuba efikile apho, amele akhe iindawo zokuhlala ezaneleyo aze enze namalungiselelo okwakha kwakhona ipomakazi letempile kwanesixeko sawo. Kusenokwenzeka ukuba konke oku kuwenza abe madolw’ anzima amanye aloo maYuda aseBhabhiloni. Kodwa ke, eli asiloxesha lokuba buthathaka nelokuba nedyudyu. La maYuda amele omelezane aze athembele kuYehova. Uyawaqinisekisa ukuba uza kuwasindisa.
9. Sisiphi isithembiso esizukileyo esigcinelwe amaYuda abuyileyo?
9 Abo bakhululweyo ekuthinjweni eBhabhiloni baza kuba nesizathu esihle sokuba nemihlali, kuba balindelwe likamva elizukileyo ekubuyeleni kwabo eYerusalem. UIsaya uxela kwangaphambili athi: “Ngelo xesha aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe neendlebe zezithulu. Isiqhwala siya kutsiba njengexhama, nolwimi lwesimumu luya kumemelela ngochulumanco.”—Isaya 35:5, 6a.
10, 11. Kutheni kumele ukuba amazwi kaIsaya anentsingiselo yokomoya kumaYuda abuyileyo, yaye athetha ukuthini?
10 Ngokucacileyo uYehova apha ucinga ngemeko yokomoya yabantu bakhe. Baye bohlwaywa ngeminyaka engama-70 ekuthinjweni ngenxa yokuwexuka kwabo kwangaphambili. Sekunjalo, ekubaqeqesheni kwakhe, uYehova akababethanga abantu bakhe ngobumfama, ubuthulu, ubuqhwala nobumumu. Ngoko ke, ekubuyiselweni kwalo uhlanga lwakwaSirayeli akukho mfuneko yokuba luphiliswe kubulwelwe bokwenyama. UYehova ubuyisela oko bekulahlekile, oko kukuthi, impilo yokomoya.
11 La maYuda aguqukileyo aphiliswa ngokuthi azuze kwakhona ingqiqo yawo yokomoya—aphinda abone ngokomoya, aze eve, athobele, yaye athethe amazwi kaYehova. Ayaqonda ukuba kufuneka ahlale esondele kuYehova. Ngehambo yawo entle, ‘amemelela’ ngovuyo kuThixo wawo. Obekade ‘esisiqhwala’ uba nolangazelelo namandla okunqula uYehova. Ngokufuziselayo, uya “kutsiba njengexhama.”
UYehova Uyabahlaziya Abantu Bakhe
12. UYehova uza kulisikelela ngamanzi ukusa kuwuphi umkhamo ilizwe?
12 Kunzima ukuthelekelela iparadesi engenamanzi. IParadesi yantlandlolo e-Eden yayinamanzi amaninzi. (Genesis 2:10-14) Nelizwe elanikwa uSirayeli yayililizwe “leentlambo zamanzi, lemithombo namanzi anzongonzongo.” (Duteronomi 8:7) Ngoko ke, ngokufanelekileyo uIsaya unikela esi sithembiso sihlaziyayo, esithi: “Kuya kumpompoza amanzi entlango, nemisinga kwithafa eliyinkqantosi. Kwaye umhlaba obharhiswe bubushushu uya kuba njengechibi elineengcongolo, nomhlaba onxaniweyo ube njengemithombo yamanzi. Kwindawo ababutha kuyo oodyakalashe, kuya kubakho ingca eluhlaza kunye neengcongolo nezityalo zomkhanzi.” (Isaya 35:6b, 7) Xa amaSirayeli ewunyamekela kwakhona umhlaba, imimandla ephanzileyo eyayikade idakasa oodyakalashe iza kuchuma zizityalo. Umhlaba owomileyo nonothuli uza kujika ube ‘ngumgxobhozo’ wamanzi ekukhula kuwo imikhanzi nemizi.—Yobhi 8:11.
13. Ngawaphi amanzi amaninzi okomoya aya kubakho kolo hlanga lubuyiselweyo?
13 Noko ke, okubaluleke ngakumbi ngamanzi okomoya enyaniso, aya kufumaneka ngokuyintabalala kuloo maYuda abuyiselweyo. UYehova uza kuwanika ulwazi, ukhuthazo, nentuthuzelo ngeLizwi lakhe. Ngaphezu koko, amadoda amakhulu neenkosana ezithembekileyo ziya kuba “njengemisinga yamanzi kwilizwe elingumqwebedu.” (Isaya 32:1, 2) Abo baxhasa unqulo olunyulu, njengoEzra, uHagayi, uNehemiya, uYeshuwa, uZekariya, noZerubhabheli, baya kuba bubungqina obubonakalayo bokuzaliseka kwesi siprofeto sikaIsaya.—Ezra 5:1, 2; 7:6, 10; Nehemiya 12:47.
“INdlela Yobungcwele”
14. Chaza imeko yohambo lokusuka eBhabhiloni ukuya eYerusalem.
14 Noko ke, ngaphambi kokuba la maYuda asekuthinjweni anandiphe loo paradesi yokoqobo neyokomoya, kufuneka athabathe uhambo olude noluyingozi lokusuka eBhabhiloni ukuya eYerusalem. Ukuhamba ngqo kuya kuthetha ukugangatha ama-800 eekhilomitha kummandla obharhileyo noyinkqantosi. Indlela engathi ibhetelana, ili-1 600 eekhilomitha ubude. Nayiphi na kwezi ndlela iya kuba luhambo lweenyanga enkangala yaye bechanabeke kwingozi yokugagana namarhamncwa nezihange. Sekunjalo, abo basikholelwayo isiprofeto sikaIsaya abaxhalabanga kangako. Ngoba?
15, 16. (a) UYehova uwakhusela njani amaYuda athembekileyo kuhambo lwawo lokubuyela ekhaya? (b) Kungayiphi enye ingqiqo athi uYehova awenzele uhola wendlela okhuselekileyo amaYuda?
15 NgoIsaya, uYehova uthembisa esithi: “Ngokuqinisekileyo kuya kubakho uhola wendlela apho; uya kubizwa ngokuba yiNdlela Yobungcwele. Lowo ungahlambulukanga akayi kudlula kuwo. Kwaye uya kuba ngowalowo uhamba endleleni, akukho zidenge ziya kubhadulela kuwo. Akuyi kubakho ngonyama apho, nohlobo olunogonyamelo lwamarhamncwa aluyi kuza kuwo. Akuyi kufunyanwa nalinye apho; yaye abahlawulelweyo bamele bahambe apho.” (Isaya 35:8, 9) UYehova ubabuyisele kuye abantu bakhe! ‘Bangabahlawulelweyo’ bakhe, yaye ubaqinisekisa ukuba uza kubakhusela endleleni egodukayo. Ngaba kukho indlela yokoqobo egudileyo, nephakamileyo, yaza yabiyelwa, esuka eBhabhiloni ukuya eYerusalem? Akunjalo, kodwa ukubakhusela kukaYehova abantu bakhe kolo hambo kuqiniseke ngokungathi bakuhola wendlela ololo hlobo.—Thelekisa INdumiso 91:1-16.
16 La maYuda akwakhuselwe nakwiingozi zokomoya. Lo hola wendlela wokomfuziselo “yiNdlela Yobungcwele.” Abo bangazihloneliyo izinto ezingcwele okanye abangacocekanga ngokomoya abakufanelekeli ukuhamba kuyo. Abafuneki kwilizwe elibuyiselweyo. Abafanelekayo ngabo banotyekelo olufanelekileyo. Ababuyeli kwaYuda naseYerusalem benekratshi lobuzwe okanye befuna ukusukela izilangazelelo zobuqu. AmaYuda anotyekelo lokomoya ayaqonda ukuba isizathu esiyintloko sokubuya kwawo kukumisela kwakhona unqulo lukaYehova kwelo lizwe.—Ezra 1:1-3.
Abantu BakaYehova Baba Nemihlali
17. Isiprofeto sikaIsaya siwathuthuzele njani amaYuda athembekileyo ebudeni bokuthinjwa kwawo ithuba elide?
17 Isahluko 35 sesiprofeto sikaIsaya siqukumbela ngamazwi avuyisayo, athi: “Bona kanye abo bakhululweyo nguYehova baya kubuya baze ngokuqinisekileyo beze eZiyon ngentswahla yovuyo; nemihlali iya kuba phezu kwentloko yabo ukusa kwixesha elingenammiselo. Baya kugcoba babe nemihlali, intlungu nokuncwina kusabe kubo.” (Isaya 35:10) AmaYuda awayesekuthinjweni nawayekhangele phambili ekuzalisekeni kwesi siprofeto sithuthuzelayo nesinik’ ithemba asenokuba ayengayiqondi kakuhle indlela esasiza kuzaliseka ngayo. Kusenokuba kukho iinkalo ezininzi zesi siprofeto awayengaziqondi kwaphela. Kodwa, into eyayiwacacele mhlophe yeyokuba ayeza ‘kubuya aze ngokuqinisekileyo eze eZiyon.’
18. Intlungu nokuncwina kwaseBhabhiloni kuthatyathelw’ indawo ngayiphi indlela yimigcobo nemihlali kwilizwe elibuyiselweyo?
18 Ngenxa yoko, ngonyaka wama-537 B.C.E., amadoda amalunga nama-50 000 (kuquka amakhoboka angaphezu kwama-7 000) kwakunye nabafazi nabantwana bathabatha uhambo lweenyanga ezine lokuya eYerusalem, benentembelo epheleleyo kuYehova. (Ezra 2:64, 65) Kwiinyanga nje ezimbalwa emva koko, isibingelelo sikaYehova siye sakhiwa kwakhona, nto leyo eye yahlahl’ indlela yokwakhiwa ngokupheleleyo kwakhona kwetempile. Ngoko emva kwama-200 eminyaka siye sazaliseka isiprofeto sikaIsaya. Intlungu nokuncwina kolu hlanga ngoxa beluseBhabhiloni kuthatyathelw’ indawo yimigcobo nemihlali kwilizwe elibuyisiweyo. UYehova usizalisekisile isithembiso sakhe. Iparadesi—yokoqobo neyokomoya—ibuyiselwe!
Ukuzalwa Kohlanga Olutsha
19. Kutheni kumele kuthiwe isiprofeto sikaIsaya asizalisekanga ngokupheleleyo ngenkulungwane yesithandathu ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo?
19 Kambe ke, ngenkulungwane yesithandathu ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, uIsaya isahluko 35 akazalisekanga ngokupheleleyo. Iparadesi enanditshwa ngamaYuda abuyileyo ayihlalanga ihleli. Ekuhambeni kwexesha, unqulo olunyulu luye lwangcoliswa ziimfundiso zonqulo lobuxoki nabubuzwe. AmaYuda aphinde aba sentlungwini aza ancwina kwakhona ngokomoya. Ekugqibeleni uYehova uye wawalahla njengabantu bakhe. (Mateyu 21:43) Ngenxa yokuphinda kwawo angathobeli, imihlali ebenayo iphelile. Konke oku kwalatha kwinzaliseko ebhekele phaya, nenkulu ngakumbi kaIsaya isahluko 35.
20. Nguwuphi uSirayeli omtsha oye wabakho ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo?
20 Ngexesha likaYehova elifanelekileyo, kwavela omnye uSirayeli, owokomoya. (Galati 6:16) UYesu uhlahle indlela yokuzalwa kwalo Sirayeli mtsha ebudeni bobulungiseleli bakhe basemhlabeni. Uye walubuyisela unqulo olunyulu, waza ngeemfundiso zakhe, wenza ukuba amanzi enyaniso aqukuqele kwakhona. Uye waphilisa abagulayo, ngokwasemzimbeni nangokomoya. Abantu bamemelela ngovuyo njengoko kwakuvakaliswa iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Kwiiveki ezisixhenxe emva kokufa nokuvuka kwakhe, uYesu ozukisiweyo wamisela ibandla lobuKristu, uSirayeli wokomoya obunjwa ngamaYuda nabanye abahlawulelwe ngegazi likaYesu eliphaleleyo, bazalwa njengoonyana bakaThixo bokomoya nabantakwabo Yesu, baza bathanjiswa ngomoya oyingcwele.—IZenzo 2:1-4; Roma 8:16, 17; 1 Petros 1:18, 19.
21. Ngokubhekisele kwibandla lamaKristu lenkulungwane yokuqala, ziziphi iziganeko ezinokugqalwa njengokuzaliseka kweenkalo ezithile zesiprofeto sikaIsaya?
21 Xa wayebhalela amalungu oSirayeli wokomoya, umpostile uPawulos wabhekisela kumazwi akuIsaya 35:3 esithi: “Zoluleni izandla eziwileyo namadolo anengevane.” (Hebhere 12:12) Ngoko ke, kucacile ukuba amazwi kaIsaya isahluko 35 azaliseka nangenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo. Ngokungummangaliso uYesu nabafundi bakhe benza iimfama zabona nezithulu zeva ngokoqobo. Benza ‘iziqhwala’ zahamba nezimumu zathetha. (Mateyu 9:32; 11:5; Luka 10:9) Okubaluleke nangakumbi kukuba, abantliziyo zinyanisekileyo baye basaba kunqulo lobuxoki beza kunandipha iparadesi yokomoya ebandleni lobuKristu. (Isaya 52:11; 2 Korinte 6:17) Njengoko kwakunjalo nakumaYuda awayebuya eBhabhiloni, aba basabileyo bafumanisa ukuba kwakubalulekile ukuba nesimo sengqondo esivumayo nokuba nenkalipho.—Roma 12:11.
22. AmaKristu afuna inyaniso ngokwenene namhlanje athinjelwe njani eBhabhiloni?
22 Kuthekani ngomhla wethu? Ngaba esi siprofeto sikaIsaya sinenye indlela esizaliseka ngayo, ephelele ngakumbi nequka ibandla lamaKristu namhlanje? Kunjalo. Emva kokufa kwabapostile, lancipha kakhulu inani lamaKristu athanjisiweyo okwenene, aza amaKristu obuxoki, ‘alukhula,’ anda ehlabathini. (Mateyu 13:36-43; IZenzo 20:30; 2 Petros 2:1-3) Kwanaxa ebudeni benkulungwane ye-19, abantu abanyanisekileyo baqalisa ukuzahlukanisa neNgqobhoko baza bafuna unqulo olunyulu, ukuqonda kwabo kwakusadyojwe ziimfundiso ezingezozaZibhalo. Ngowe-1914, uYesu wabekwa etroneni njengoKumkani onguMesiya, kodwa kamsinya emva koko, yabonakala imfiliba imeko yaba bafuni benyaniso banyanisekileyo. Ukuzalisekisa isiprofeto, iintlanga ‘zenza imfazwe nabo, zaboyisa,’ zaza zawadodobalisa amalinge ala maKristu anyanisekileyo okushumayela iindaba ezilungileyo. Ngokungathi kunjalo, athinjelwa eBhabhiloni.—ISityhilelo 11:7, 8.
23, 24. Azaliseke ngaziphi iindlela amazwi kaIsaya kubantu bakaThixo ukususela ngowe-1919?
23 Kodwa ke, ngowe-1919 izinto ziye zatshintsha. UYehova wabakhulula abantu bakhe ekuthinjweni. Baqalisa ukuzigatya iimfundiso zobuxoki ezazilungcolisile unqulo lwabo ngaphambili. Ngenxa yoko, baphiliswa. Baba kwiparadesi yokomoya, eqhubekayo isanda nanamhlanje emhlabeni wonke. Ngengqiqo yokomoya, iimfama zifunda ukubona, nezithulu zifunda ukuva—zikuqonda ngokupheleleyo ukusebenza komoya oyingcwele kaThixo, yaye zisoloko zikuphaphele ukuhlala zisondele kuYehova. (1 Tesalonika 5:6; 2 Timoti 4:5) Njengoko engasezizo izimumu, amaKristu okwenyaniso alangazelela ‘ukumemelela,’ evakalisa iinyaniso zeBhayibhile kwabanye. (Roma 1:15) Abo bebekade bebuthathaka okanye ‘beqhwalela’ ngokomoya, ngoku banenzondelelo novuyo. Ngokufuziselayo, bayakwazi ‘ukutsiba njengexhama.’
24 La maKristu ahlaziyiweyo ahamba ‘eNdleleni Yobungcwele.’ Le “Ndlela,” ephuma eBhabhiloni Enkulu isiya kwiparadesi yokomoya, ivulekele bonke abanquli abacocekileyo ngokomoya. (1 Petros 1:13-16) Banokuthembela ekuthini uYehova uza kubakhusela baze babe nentembelo yokuba uSathana akayi kuphumelela ekubahlaseleni kwakhe ngogonyamelo ngelinge lokutshabalalisa unqulo lokwenyaniso. (1 Petros 5:8) Abangathobeliyo nabo nabaphi na abaziphethe okwamarhamncwa aqwengayo abavunyelwa ukuba bonakalise abo bakuhola wendlela ongcwele kaThixo. (1 Korinte 5:11) Njengoko bekule meko ikhuselekileyo, abo bahlawulelweyo bakaYehova—abathanjisiweyo “nezinye izimvu”—bayakuvuyela ukukhonza okuphela koThixo oyinyaniso.—Yohane 10:16.
25. Ngaba uIsaya isahluko 35 uya kuze azaliseke ngokoqobo? Cacisa.
25 Kuthekani ngexesha elizayo? Ngaba isiprofeto sikaIsaya siya kuze sizaliseke ngokoqobo? Ewe. Ukuphilisa kukaYesu nabapostile bakhe ngokungummangaliso ngenkulungwane yokuqala kwakubonisa umnqweno namandla kaYehova okuphilisa okunjalo ngomlinganiselo omkhulu kwixesha elizayo. IiNdumiso eziphefumlelweyo zithetha ngobomi obungunaphakade boxolo emhlabeni. (INdumiso 37:9, 11, 29) UYesu wathembisa ubomi eParadesi. (Luka 23:43) Ukuya kutsho kwincwadi yayo yokugqibela, iBhayibhile ithembisa iparadesi yokoqobo. Ngelo xesha, iimfama, izithulu, iziqhwala, nezimumu ziza kuphiliswa ngokoqobo nangonaphakade. Iintlungu nokuncwina kuza kuphela. Abantu baya kugcoba ngonaphakade.—ISityhilelo 7:9, 16, 17; 21:3, 4.
26. Amazwi kaIsaya awomeleza njani amaKristu namhlanje?
26 Ngoxa amaKristu okwenyaniso elindele ukubuyiselwa kweParadesi yokoqobo yasemhlabeni, sele kwangoku enandipha iintsikelelo zeparadesi yokomoya. Ajamelana nezilingo neembandezelo enamathemba amahle ekamva. Enentembelo epheleleyo kuYehova, ayakhuthazana, ethobela isibongozo esithi: “Yomelezani izandla ezibuthathaka, niwaqinise amadolo agexayo. Yithini kwabantliziyo zinexhala: ‘Yomelelani. Musani ukoyika.’” Akholose ngokupheleleyo ngesiqinisekiso sesiprofeto esithi: “Yabonani! UThixo wenu uya kuza enempindezelo, enembuyekezo kaThixo. Uya kuza anisindise.”—Isaya 35:3, 4.
[Umbhalo osemazantsi]
a IZibhalo ziyichaza iLebhanon yamandulo njengelizwe elichumileyo elinamahlathi nemisedare emikhulu, elifana noMyezo wase-Eden. (INdumiso 29:5; 72:16; Hezekile 28:11-13) ISharon yayisaziwa ngokuba nemisinga namahlathi om-oki; iKarmele yona yayidume ngezidiliya, imiyezo, namathambeka anobuyoko-yoko beentyatyambo.
[Umfanekiso ozalise iphepha, kwiphepha 370]
[Imifanekiso ekwiphepha 375]
Iintlango ziba ziindawo ezichumileyo zeengcongolo nezityalo zomkhanzi
[Umfanekiso okwiphepha 378]
UYesu waphilisa abagulayo, ngokomoya nangokwasemzimbeni