Isahluko 16
“Isihlwele Esikhulu” Ngoku Sihamba ‘Kumendo’ Oya Kwintlangano KaThixo
1, 2. Uzaliseka nini uIsaya isahluko 35 ngokomoya, ibe yiyiphi ingcaciso iindinyana zokuqala ezimbini eziyinikelayo?
EBUDENI boLawulo Lwewaka Leminyaka ‘loMthetheli Woxolo,’ uninzi lweenkalo zikaIsaya isahluko 35, ngoku ezizaliseka ngaphambi kokutshatyalaliswa kweBhabhiloni Enkulu, ziya kubonakala ngokoqobo kuluntu. Okuya kufezwa ngendlela yokomoya ngokuqinisekileyo kuya kufezwa nangendlela ebonakalayo. Inzaliseko enkulu yokomoya yesi siprofeto yenzeka kanye ngoku, njengoko abakhonzi bakaThixo bebuyiselwa bevela ekuthinjweni kwiBhabhiloni Enkulu. Umprofeti uIsaya wakuchaza oku ngala mazwi athandekayo:
2 “Inemihlali intlango nomqwebedu; iyagcoba inkqantosi, iyadubula njengomfiyo. Iyatyatyamba, ithi rhoqo; iyagcoba, ewe, iyagcoba, imemelele, inikwe ubuqaqawuli beLebhanon, ubungangamela beKarmele neSharon; ezo ndawo ziya kububona ubuqaqawuli bukaYehova.”—Isaya 35:1, 2.
3. Emva phayaa ngenkulungwane yesithandathu Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, laliphi ilizwe elibharhileyo, ibe lalinokuba nemihlali njani?
3 Wawuphi ummandla oyintlango, umqwebedu nenkqantosi? Kwinkulungwane yesithandathu Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, zazikummandla wobukumkani bakwaYuda. Ngowama-537 B.C.E., elo lizwe laliyinkangala ibe lingenabemi kangangeminyaka engama-70. Kodwa yayinokuba nemihlali njani intlango? Kwakuya kuba yimfuneko ngabantu ababekade bemi apho ukuba babuyiselwe kuloo ndawo. Yayiza kuphakanyiswa kwimeko yayo ephantsi ize inikwe isidima seentaba eziphakamileyo zeLebhanon ebonakala inomtsalane.
Ukuvelisa Umyezo Wase-Eden Wokomfuziselo
4, 5. (a) Kumaxesha anamhla, ukuhlaziywa okufanayo kwelizwe elishiywe ngolo hlobo kwenzeke nini, ibe ngoba? (b) Imisebenzi yokuhlaziya yentsalela ethanjisiweyo yaphumela entwenini? (c) UIsaya 35:5-7 wayichaza njani imeko yayo yokomoya nehlaziyiweyo?
4 Umfuziselo wanamhla, ngokomoya, omela oku kuhlaziywa kwelizwe ukusuka kwimeko yokubonakala lilahliwe nguThixo ukusa kwimeko enikela ubungqina bokubuyisela kukaYehova inkoliseko yakhe kulo waqalisa ukwenzeka ngowe-1919. Abantu bakaYehova ababuyiselweyo babezimisele ukulisebenzisa kakuhle ithuba loxolo elalivulekile ngoko. UKoreshi Omkhulu, uYesu Kristu, noYise, uYehova uThixo, babela intsalela yokomoya yamaSirayeli eyayikhululwe ukuba yenze umsebenzi obalaseleyo owawufana nokwakhiwa kwakhona kwetempile kaYehova yintsalela ebuyiselweyo yoSirayeli wamandulo emva kowama-537 B.C.E. Imisebenzi yokuhlaziya emva kowe-1919 yaphumela ekuvelisweni komyezo wase-Eden wokomfuziselo.
5 Oku kwakuxelwe kwangaphambili kula mazwi kaIsaya 35: “Aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe iindlebe zezithulu; size sitsibe njengexhama isiqhwala, lumemelele ulwimi lwesidenge; ngokuba kuya kugqobhoka amanzi entlango, nemilambo enkqantosini; isanga sibe lidike, neendawo ezinxaniweyo zimpompoze amanzi. Esikhundleni sempungutye, apho ibuthuma khona, kuya kuba butyani neengcongolo nemikhanzi.”—Isaya 35:5-7.
6. Ubukho obuqhubekayo be-Edom yanamhla yokomfuziselo abuthintelanga ntoni, bengoobani namhlanje abamemelela ngemihlali kunye nentsalela ebuyiselweyo?
6 Ukubakho kwe-Edom yanamhla yokomfuziselo akukuthintelanga ukubuyiselwa koSirayeli wokomoya kwimeko yeparadisi ukuzalisekisa uIsaya isahluko 35. Ngoko amaEdom anamhla akanaso isizathu sokuvuya njengoko intsalela ebuyiselweyo yoSirayeli wokomoya ivuya, kunye ‘nesihlwele esikhulu’ esandayo. “Isihlwele esikhulu” sinendima enkulu ekulondolozeni iparadisi yokomoya yamaNgqina kaYehova anamhla.
7. Amehlo entsalela okuqonda akazange abone ntoni ngaphambi kowe-1914, kodwa ngaba amehlo ayo ‘aziimfama’ avulwa?
7 Akuzange ngaphambili ukuphela kwamaXesha Eentlanga kuvule ukuqonda kwamaSirayeli okomoya ukuze abone ukuba inkathazo yehlabathi eyayimele ibekho ngowe-1914 yayiza kuphela intsalela yawo iselapha emhlabeni. Ibe akazange abone ukuba wona ‘nesihlwele esikhulu’ ‘sezinye izimvu’ babeya kubabalwa ngelungelo lokunikela ubungqina zwenibanzi ngokumiselwa koBukumkani bukaThixo obungoMesiya. Ngoko kwenzeka ukuba ngowe-1919 amehlo amfamekileyo ngokomoya entsalela avulwe, ibe onjani umbono wekamva elingekude loo mehlo awubonayo!
8. Iindibano ezimbini zaseCedar Point, eOhio, zaba nawuphi umphumo kwiindlebe nakwiilwimi zokomoya zentsalela ebuyiselweyo?
8 Kwiindibano zawo eCedar Point, eOhio, ngowe-1919 nangowe-1922, athi aziswa ngomsebenzi owawungaphambili. Azinikela kulo msebenzi owawungaphambi kwawo. Iindlebe zawo zokomoya zavulwa ukuze aphulaphule isigidimi esichulumancisayo soBukumkani bukaThixo nemfuneko yokusibhengeza. Njengexhama, atsiba ngokupheleleyo ukuze akhonze njengamangqina ngenxa yoBukumkani ekwakukudala buthandazelwa. Ulwimi lwawo, olwalusisimumu de kube ngelo xesha, lwamemelela ngovuyo ngoBukumkani obungoMesiya obulawulayo emazulwini.—ISityhilelo 14:1-6.
9. Ngokomoya, kwenzeka njani ukuba amanzi agqabhuke entlango?
9 Ewe, kwaba ngathi kuvele amanzi kwindawo yokomoya eyayikade ingumqwebedu nenkqantosi, kangangokuba ngoku yonk’ into yayibonakala iphilile inohlaza olunabileyo—ilungele ukuvelisa kanobom. Akumangalisi ukuba abantu bakaYehova ababuyiselweyo bathi bavuya kakhulu baza baziva bomelele njengexhama eliziqabela ngamandla iindawo eziphakamileyo! Eneneni, amanzi enyaniso engoBukumkani bukaThixo, obabumiselwe njengobulawulwa nguYesu Kristu ngowe-1914, aphuma ngamandla amakhulu, nto leyo eyabangela uhlaziyeko olukhulu.—Isaya 44:1-4.
‘Umendo’ Wobungcwele
10, 11. (a) Le nguqulelo ihlaziyayo yabonisa ntoni? (b) Intsalela yafumana iparadisi yayo yokomoya ngokusebenzisa yiphi indlela, ibe uIsaya 35:8, 9 uyichaza njani?
10 Inkcazelo eyandulelayo ibonisa ntoni? Ibonisa oku: Intsalela yaba yiyo eyokuqala ukuphuma kwiBhabhiloni Enkulu kwaza kwalandela “isihlwele esikhulu” ‘sezinye izimvu’ ibe benziwe amangqina oBukumkani bukaThixo. Kodwa bahamba ngayiphi indlela ukubuyela kwinkoliseko yobuthixo nokuze bangeniswe kule paradisi yokomoya? Kwakuza kuba ngathi babevulelwe umendo obanzi nophangaleleyo ukuze kungeniswe inginginya yamaSirayeli awayenomoya wobuvulindlela ukuba enze ungcelele ngokumanyeneyo ukuya kwilizwe lawo awayelinikwe nguThixo. Isiprofeto sikaIsaya sovuyo siyakubonisa oku:
11 “Kuya kubakho umendo khona, kubekho indlela, kuthiwe ukubizwa kwayo, yindlela engcwele le. Akuyi kudlula nto iyinqambi ngayo; yeyabo bona: abahamba loo ndlela—nabazizihula abayi kulahleka kuyo. Akuyi kubakho ngonyama khona, aliyi kuqabela khona irhamncwa eliqwengayo.”—Isaya 35:8, 9.
12. Ngaba ukuphela kweMfazwe Yehlabathi I kwathi ngokuzenzekelayo kwavula “umendo” kwintsalela, ibe kwenzeka ntoni kusuku lwesine lonyaka we-1919?
12 Ukuphela kweMfazwe Yehlabathi I akuzange kuthi ngokuzenzekelayo kuvule “umendo” wanamhla. Amalungu asibhozo abasebenzi bekomkhulu leWatch Tower Society ayesavalelwe entolongweni ibe umsebenzi wokunikela ubungqina wawuthintelwe kanobom. NgoJanuwari 4, 1919, kwintlanganiso yaminyaka le yeWatch Tower Society ePittsburgh, ePennsylvania, uJ. F. Rutherford, umongameli woMbutho, wavotelwa ukuba abuyele esihlalweni, phezu kwako nje ukuvalelwa kwakhe entolongweni, oko kuqinisekisa ukuba wayengumkhonzi ongenatyala kaThixo Osenyangweni.
13, 14. Ziziphi iziganeko ngowe-1919 ezabonisa ukuba intsalela yayivulelwe umendo wokomfuziselo, ibe ngoobani abahamba ngaloo “mendo”?
13 NgoMatshi 25, 1919, yena namabanjwa awayekunye nawo asixhenxe bakhululwa baza kamva bavakaliswa bengenatyala ngokupheleleyo. IMboniselo (yesiNgesi) kaSeptemba 15, 1919, iphepha 283, yayinamazwi akhuthazayo okuba iiofisi zoMbutho zaziya kuthi, ukususela ngo-Oktobha 1, 1919, zifuduswe ukusuka ePittsburgh zibuyele kwiBheteli yaseBrooklyn e-124 Columbia Heights. Kwandula ke, kwinkupho yeMboniselo kaDisemba 15, 1919, le mpapasho iphuma kabini ngenyanga yavakaliswa njengepapashwa kwakhona eBrooklyn, eNew York.
14 Ngoko wavulwa ngaloo ndlela umendo wokomfuziselo ngowe-1919 nto leyo eyabangela uvuyo kubakhonzi bakaThixo. Abo babefuna ukuba ngcwele emehlweni kaYehova yayingabo babehamba ngaloo “mendo,” “indlela engcwele.” Nabani na owayengenayo injongo efanelekileyo, intshukumisa enyulu, akazange ahambe ngaloo ‘ndlela ingcwele’ yokomfuziselo aze abuyiselwe kwinkoliseko yobuthixo.
15. Yintoni enikela ubungqina obubambekayo bokuba “isihlwele esikhulu” singenile kumendo wokomfuziselo?
15 NgoJuni 1, 1935, kwindibano eyayiseWashington, D.C., kwabhaptizwa abangama-840 ‘besihlwele esikhulu’ emanzini, nto leyo ebubungqina obubambekayo bokuba babeqalisile ukungena ‘kumendo.’ Ngoku, izigidi ezandayo zaso ziye zangena kuloo mendo, zithelela intsalela ethanjisiweyo elinani elinciphayo. Ngobuqabane obuseluxolweni nobunandiphekayo, ngoku bahamba kunye ‘kumendo’ bezimisele ukuba, ngoncedo loThixo uSomandla ezulwini, akukho nto iya kuchitha ukumanyana kwabo.
16. Ngokufuziselayo, kwenzeka njani ukuba kungabikho ngonyama okanye naliphi na irhamncwa elikhohlakeleyo kulo mendo?
16 Ngokufuziselayo, akukho ngonyama okanye naliphi na elinye irhamncwa eliqwengayo elalinokufunyanwa kulo mendo. Oko kukuthi, kwakungekho nto eyayinokuthintela okanye yoyikise intsalela ethanjisiweyo ‘nesihlwele esikhulu.’ Benentembelo bahamba endleleni uMkhululi wabo, uKoreshi Omkhulu, ayivulele bona ngoku, bejonge ekufikeni eZiyon.
17. (a) Nangona siphakathi ‘ekuphelisweni kwephakade eli,’ ngaba lo “mendo” usavuliwe? (b) Ngoobani abangena ‘ngendlela engcwele,’ ibe bakwenze njani oku?
17 Namhlanje, njengoko siphakathi ‘ekuphelisweni kwephakade eli,’ loo “mendo” ulungiselelwe nguThixo uhleli uvuliwe. Inginginya yabantu abanoxabiso iyasabela kwinkcazelo yokuba iBhabhiloni Enkulu iwile ngaphambi kokuhlasela koKoreshi Omkhulu, uYesu Kristu. Ibe bayasaba kuyo, bengena kwindlela yeparadisi yokomoya, “indlela engcwele.”—Yeremiya 50:8.
18. Indinyana yokugqibela kaIsaya 35 iyichaza njani imeko ekhoyo yamangqina kaYehova athembekileyo, ibe imibulelo iya kubani ngokuzaliseka kwesi siprofeto?
18 Bafumana uvuyo nochulumanco olungathethekiyo, njengoko indinyana yokugqibela kaIsaya isahluko 35 ichaza ngale ndlela: “Abakhululwa bakaYehova babuye beze eZiyon bememelela; benovuyo olungunaphakade phezu kweentloko zabo; baya kufumana imihlali nemivuyo, sisabe isingqala nosizi.” Isingqala nosizi lwabo lokuba babekhe abavisisana noYehova uThixo zisabile ukususela ngowe-1919. Ibe isingqala nosizi azibuyelanga kumangqina kaYehova athembekileyo navuyayo. Siyabulela kuThixo, onguYehova noxela inyaniso, othe ngendlela efanele ukudunyiswa wazalisekisa eso siprofeto sibangel’ imincili sikaIsaya isahluko 35!