IYerusalem Netempile KaSolomon
YAYIBIZWA ngokuba ‘bubuhle obugqibeleleyo’ kuphinde kuthiwe ‘yidolophu kaKumkani ozukileyo.’ (Nd 48:2; 50:2; IZi 2:15) IYerusalem yayilikomkhulu lohlanga lukaThixo. (Nd 76:2) Emva kokuba uDavide esithimbile esi sixeko kumaYebhusi waza wasenza ikomkhulu lakhe, sabizwa ngokuba ‘sisiXeko sikaDavide,’ okanye ‘iZiyon.’—2Sa 5:7.
Nangona yayimi kwindawo engabalulekanga kangako, iYerusalem yaduma ngenxa yokuba uThixo wabeka igama lakhe kuyo. (Dut 26:2) Yayiliziko lonqulo nelezolawulo lohlanga lwalapho.
IYerusalem iphakame kangangeemitha ezingama-750 phakathi kweentaba zakwaYuda. IBhayibhile iyathetha ‘ngokuphakama’ kwayo ize ithi abanquli ‘bayanyuka’ xa besiya kuyo. (Nd 48:2; 122:3, 4) Esi sixeko samandulo sasijikelezwe ziintlambo: iNtlambo kaHinom esentshona nasemzantsi nentlambo yeKidron esempuma. (2Ku 23:10; Yer 31:40) Umthombo kaGihona owawukwiNtlambo yeKidron esemazantsi e-En-rogele wawuvelisa amanzi acocekileyo, awayeluncedo ngokukhethekileyo ngamaxesha okuhlaselwa ziintshaba.—2Sa 17:17.
Kumzobo okwiphepha 21, isiXeko sikaDavide siphawulwe ngombala obomvu. Ebudeni bokulawula kukaDavide noSolomon, esi sixeko sanda saya kufikelela ngasentla eOfeli (ephawulwe ngombala oluhlaza) nakwiNtaba yaseMoriya (ephawulwe ngombala ozuba [blue]). (2Sa 5:7-9; 24:16-25) USolomon wamakhela itempile ezukileyo uYehova kuloo mmandla usentabeni. Yiba nomfanekiso-ngqondweni wezihlwele zabanquli zingumkrozo ukunyuka zisiya ‘entabeni kaYehova’ ngethuba lomthendeleko waminyaka le! (Zek 8:3) Iindlela ezixananazileyo eziboniswe kwiphepha 17 zazilwenza lube lula olo hambo.
Itempile kaSolomon, eyayihonjiswe ngegolide nangamatye anqabileyo, yayisesinye sezona zakhiwo zexabiso eliphakame gqitha zakha zakhiwa. Okuphawulekayo kukuba, nguYehova owalungiselela iplani yokwakhiwa kwaso. Njengoko ubona kulo mfanekiso, ecaleni kwetempile kwakukho iintendelezo ezinkulu nezakhiwo zezolawulo. Uya kungenelwa gqitha xa uhlolisisa iinkcukacha zayo.—1Ku 6:1–7:51; 1Kr 28:11-19; Heb 9:23, 24.
[Umbhalo osemazantsi]
a UKumkani uHezekiya wawuvingca lo mthombo waza wenza umsele oya kwichibi elingasentshona.—2Kr 32:4, 30.
[Ibhokisi ekwiphepha 21]
Ekuhambeni kwexesha, iYerusalem yanda ukuya ngasentshona nangasentla. Ookumkani bakwaYuda abalandela emva kukaSolomon bazandisa iindonga namasango. Uphando olwenziwayo ngezinto zakudala lusenokusikhanyisela ngeendawo ezazikuzo ezinye iinxalenye zodonga. Esi sixeko satshatyalaliswa ngowama-607 B.C.E. saza sahlala siyinkangala kangangeminyaka engama-70. Kwisithuba seminyaka engama-80 emva kokubuya kwamaYuda, uNehemiya waqalisa iphulo elikhulu lokwakhiwa kweendonga zaseYerusalem.
[Umzobo/Umfanekiso okwiphepha 21]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
IYerusalem/Itempile KaSolomon
UMMANDLA WETEMPILE NGEXESHA LIKASOLOMON
Inkangeleko Yetempile
1. Eyona Ngcwele
2. Ingcwele
3. Iveranda
4. UBhohazi
5. UYakin
6. Isibingelelo Sobhedu
7. Ulwandle Olutyhidiweyo
8. Iinqwelwana
9. Amagumbi Asecaleni
10. Amagumbi Okutyela
11. Intendelezo Engaphakathi
UMMANDLA WETEMPILE
Intaba YaseMoriya
Amagumbi Okutyela
Iinqwelwana
Amagumbi Asecaleni
Eyona UBhohazi
Ngcwele Ngcwele Iveranda Isibingelelo Intendelezo
UYakin Sobhedu Engaphakathi
Iinqwelwana Ulwandle
Olutyhidiweyo
IOfeli
Indawo Yembutho?
Isango Lamanzi?
ISIXEKO SIKADAVIDE
Intaba YeZiyon
Ibhotwe LikaDavide
Isango Lomthombo
Udonga LwakwaManase?
Inqaba KaHananeli
Inqaba KaMeya
Isango Lezimvu
Isango Labalindi
Isango Lokuhlolwa
Isango Lamahashe
INTLAMBO YEKIDRON
Udonga Olusemazantsi?
IGihon
Umsele wamanzi owenziwa kamva
INTLAMBO YETYROPOEON
Isango Leemfumba Zothuthu (Iinkamba) (Ubulongwe)
IEn-rogele
Isango Lentlambo
INTLAMBO YASEHINOM
Isango Lembombo
Inqaba Yeziko Lokosa
Udonga Olubanzi
Isango LakwaEfrayim
Indawo Yembutho
Isango Lesixeko Esidala
Udonga Lokuqala Olusemantla
ISAHLULO SESIBINI
Isango Leentlanzi
[Umfanekiso]
IOfeli
Indlu Yentombi KaFaro
Ibhotwe LikaSolomon
Indlu Yehlathi LaseLebhanon
Iveranda Yeentsika
Iveranda Yetrone
Intaba YaseMoriya
Intendelezo Enkulu
Itempile
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Kulo mmandla ungaphambili kwakumi “isiXeko sikaDavide.” Itempile yona ikummandla othe tyaba (lo ungasemva)
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Lo ngumfanekiso ozotywe ngekhompyutha ‘wesiXeko sikaDavide’ netempile yamandulo kaSolomon