Eyesibini YeziKronike
32 Emva kwezi zinto nezi zenzo zokuthembeka,+ uKumkani uSenaribhe waseAsiriya weza kuhlasela uYuda. Warhangqa izixeko ezikhuselekileyo, ezimisele ukutyhoboza aze azithimbe.+
2 Wathi uHezekiya akubona ukuba uSenaribhe ufikile ibe uzimisele ukulwa neYerusalem, 3 wathetha neenkosana zakhe namagorha akhe, wagqiba ekubeni avingce imithombo yamanzi eyayingaphandle kwesixeko,+ ibe bamxhasa. 4 Kwadibana iqela labantu, layivingca yonke imithombo nemisinga yamanzi eyayihamba phakathi kwelo lizwe, lisithi: “Kutheni le nto ookumkani baseAsiriya beza kufika belindwe ngamanzi amaninzi kangaka?”
5 Ngaphezu koko, ngokuzimisela, walwakha lonke udonga olwaludilikile waza wakha iinqaba kulo, wakha nolunye udonga ngaphandle. Walungisa iNduli*+ YesiXeko SikaDavide, wenza izixhobo ezininzi* namakhaka. 6 Emva koko wabeka abaphathi-mkhosi ukuze bakhokele abantu, wabaqokelela kwindawo kawonke-wonke yegeyithi yesixeko, wabakhuthaza* esithi: 7 “Yibani nesibindi, nomelele. Sanukoyikiswa nothuswe ngukumkani waseAsiriya+ nabo bonke abantu abakunye naye, kuba baninzi abakwicala lethu kunabo bakwelakhe.+ 8 Kwelabo icala ngamandla abantu,* kodwa kwelethu sinoYehova uThixo wethu oza kusinceda noza kusilwela amadabi ethu.”+ Abantu bomelezwa ngamazwi kaKumkani uHezekiya wakwaYuda.+
9 Emva koko, ngoxa uKumkani uSenaribhe waseAsiriya wayeseLakishe+ namajoni akhe amaninzi, wathumela abakhonzi bakhe eYerusalem, kuKumkani uHezekiya wakwaYuda nakubo bonke abelakwaYuda eYerusalem,+ esithi:
10 “Uthi uKumkani uSenaribhe waseAsiriya, ‘Nithembele ngantoni na, le nto nihleli eYerusalem ngoxa irhangqiwe?+ 11 Akaniqhathi na uHezekiya, yaye akaniyekeli ukuba nibulawe yindlala nalunxano, xa esithi: “UYehova uThixo wethu uza kusisindisa kukumkani waseAsiriya”?+ 12 Ayinguye na lo Hezekiya owasusa iindawo eziphakamileyo+ nezibingelelo zikaThixo wenu,*+ wathi kuYuda neYerusalem: “Nifanele niqubude phambi kwesibingelelo esinye nize niqhumise imibingelelo yenu kuso”?+ 13 Aniyazi na into eyenziwa ndim nookhokho bam kuzo zonke izizwana zala mazwe?+ Ngaba oothixo beentlanga zala mazwe bakwazi na ukulisindisa ilizwe labo kum?+ 14 Ngowuphi kubo bonke oothixo bezi ntlanga ezatshatyalaliswa ngookhokho bam owakwaziyo ukusindisa abantu bakhe kum, ukuba ke nowenu uThixo anganisindisa kum?+ 15 Ngoku ke, sanukumvumela uHezekiya ukuba aniqhathe okanye anilahlekise kangaka!+ Sanukuthembela kuye, kuba akukho thixo walo naluphi na uhlanga nowaso nasiphi na isizwe owakwaziyo ukusindisa abantu bakhe kum nakookhokho bam. Ebengubani ke yena lo Thixo wenu ukuba anganisindisa kum?’”+
16 Izicaka zakhe zahlekisa kakhulu ngoYehova uThixo wokwenene, noHezekiya umkhonzi wakhe. 17 Wabhala neeleta+ ethuka yaye ehlekisa ngoYehova uThixo kaSirayeli,+ esithi: “Njengoothixo beentlanga zala mazwe abangakhange bakwazi ukubasindisa abantu babo kum,+ noThixo kaHezekiya akazukubasindisa abantu bakhe kum.” 18 Baqhubeka bethethela phezulu ngolwimi lwamaYuda ukuze baviwe ngabantu baseYerusalem ababephezu kodonga, befuna boyike baze bangcangcazele, ukuze basithimbe isixeko.+ 19 Bahlekisa ngoThixo waseYerusalem ngendlela ababehlekisa ngayo ngoothixo bezizwana zomhlaba, abangumsebenzi wezandla zomntu. 20 Kodwa uKumkani uHezekiya nomprofeti uIsaya+ unyana ka-Amotsi, baqhubeka beyithandazela le nto yaye bekhalela uncedo emazulwini.+
21 UYehova wathumela ingelosi yaza yatshayela onke amakroti,+ iinkokheli nabaphathi enkampini kakumkani waseAsiriya, kangangokuba wabuyela elizweni lakhe ehlazekile. Ethubeni wangena endlini* yothixo wakhe yaye abanye koonyana bakhe bamxabela apho ngekrele.+ 22 Ngaloo ndlela uYehova wamsindisa uHezekiya nabantu baseYerusalem kuKumkani uSenaribhe waseAsiriya nakubo bonke abanye, wabaphumza macala onke. 23 Abaninzi bazisa izipho kuYehova eYerusalem nezinto ezintle kuKumkani uHezekiya wakwaYuda,+ waza emva koko wahlonitshwa kakhulu zizo zonke iintlanga.
24 Ngaloo mihla uHezekiya wagulela ukufa, waza wathandaza kuYehova,+ yena wamphendula waza wamenzela ummangaliso.+ 25 Kodwa uHezekiya akazange abe nambulelo ngale nto intle awayenzelwayo, kuba intliziyo yakhe yaba nekratshi, ezisela yena, uYuda neYerusalem umsindo kaThixo. 26 Kodwa ke, uHezekiya wayithoba intliziyo yakhe enekratshi,+ ezithoba kunye nabantu baseYerusalem, yaye umsindo kaYehova zange ubafikele ngemihla kaHezekiya.+
27 UHezekiya waba nobutyebi nozuko olukhulu,+ wazenzela oovimba+ besilivere, igolide, amatye axabisekileyo, ioli yebhalsam, amakhaka noovimba bazo zonke izinto ezinqwenelekayo. 28 Wenza neendawo zokugcina ukutya okuziinkozo, iwayini entsha neoli, wenza nezitali zayo yonke imfuyo, nezitali zemihlambi. 29 Wazizuzela nezixeko, imfuyo eninzi, imihlambi yeegusha nemihlambi yeenkomo, kuba uThixo wamnika izinto ezininzi kakhulu. 30 NguHezekiya owavingca umthombo ophezulu wamanzi+ aseGihon+ waza wawadlulisela entshona kwisiXeko SikaDavide,+ yaye uHezekiya waphumelela kuyo yonke into ayenzayo. 31 Kodwa ke, xa kwathunyelwa abathetheli beenkokheli zaseBhabhiloni bayokumbuza ngommangaliso+ owawenzeke kwelo lizwe,+ uThixo wokwenene wamshiya ukuze amvavanye,+ akwazi konke okusentliziyweni yakhe.+
32 Enye imbali kaHezekiya nezinto awazenzayo ngenxa yothando olungagungqiyo,+ zibhalwe kumbono kaIsaya+ umprofeti, unyana ka-Amotsi, eNcwadini YooKumkani BakwaYuda NabakwaSirayeli.+ 33 Emva koko uHezekiya walala kookhokho bakhe, wangcwatyelwa kwiqhina eliya kumangcwaba oonyana bakaDavide,+ yaye wonke uYuda nabantu baseYerusalem bamenzela imbeko ekufeni kwakhe. UManase unyana wakhe waba ngukumkani endaweni yakhe.