Isahluko Sesixhenxe
Khonza UYehova Ngokuvisisana Nemilinganiselo Yakhe Ephakamileyo
1. Abemi baseYerusalem ngomhla kaZefaniya babevakalelwa njani ngemilinganiselo kaYehova?
“UYEHOVA akayi kwenza okulungileyo, engayi kwenza nokubi.” Leyo yindlela ababevakalelwa ngayo abemi baseYerusalem ngomhla kaZefaniya. Babecinga ukuba uYehova wayengalindelanga ukuba baphile ngokuvisisana nayo nayiphi na imilinganiselo. UZefaniya wathi ‘babezinzile ezintsipheni zabo,’ oko kubhekisela kumakhatshu adla ngokusala emazantsi ewayini egciniweyo. Wayethetha ukuba abantu babefuna ukuziphilela ubomi obutofotofo, bengaphazanyiswa kukungenelela kukaThixo kwimicimbi yabo. Kodwa uThixo wawaxelela loo maYuda ukuba wayeza ‘kuyigocagoca iYerusalem ngezibane’ aze ‘anikele ingqalelo’ kwabo babengayinanzanga imilinganiselo yakhe. UYehova unemilinganiselo, yaye uyikhathalele indlela abantu bakhe abayigqala ngayo.—Zefaniya 1:12.
2. Kwindawo ohlala kuyo, bavakalelwa njani abantu ngemilinganiselo?
2 Nanamhlanje abantu abaninzi bakuthiyile ukuphila ngokuvisisana nemilinganiselo. Usenokubeva besithi, “Yenza oko ukuthandayo!” Abanye baqiqa ngelithi, ‘Ukuba andinamali okanye andikwazi kwanelisa iminqweno yam, nantoni na endiyenzayo ukuze nditshintshe loo meko, yamkelekile.’ Abayikhathalelanga indlela avakalelwa ngayo uThixo kwakunye noko akulindeleyo kubo. Kuthekani ngawe? Ngaba uyakholiswa kukumisela koMdali imilinganiselo?
3, 4. Kutheni ukuxabisa nje ukubakho kwemilinganiselo?
3 Abantu abaninzi abakugatyayo ukuphila ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo bayamkela ngokulula imilinganiselo yabantu kwiinkalo ezahlukahlukeneyo ebomini. Ngokomzekelo, kuthekani ngemilinganiselo ephathelele amanzi? Oorhulumente abaninzi bamisela imilinganiselo ngokuphathelele umgangatho wokucoceka kwamanzi. Kodwa kuthekani ukuba loo milinganiselo iphantsi kakhulu? Oko kusenokubangela ukuhanjiswa sisisu nezinye izifo ezibangelwa ngamanzi angacocekanga, ezihlasela kakhulu abantwana. Ngokuqinisekileyo uyangenelwa xa kumiselwa imilinganiselo ephakamileyo yamanzi okusela. Umbutho oyi-International Organization for Standardization uthi: “Ukuba ibingekho imilinganiselo, besiya kukhawuleza sikubone oko. Sidla ngokungayiphawuli indima ephunyezwa yimilinganiselo ekuphuculeni umgangatho wobomi, wezokhuseleko, wokuthembeka, nowezoqoqosho.”
4 Ukuba uyalivuma elokuba imilinganiselo ibalulekile kwiinkalo ezahlukeneyo zobomi, akukho ngqiqweni na ukulindela ukuba uThixo abe nemilinganiselo ephakamileyo yabantu ababizwa ngegama lakhe?—IZenzo 15:14.
NGABA IMILINGANISELO KATHIXO IYAFIKELELEKA?
5. Esebenzisa uAmosi, uYehova wakubonisa njani ukubaluleka kokuthobela imilinganiselo Yakhe?
5 Xa usakha indlu, imilinganiselo ibalulekile. Ukuba olunye udonga lukekele, indlu isenokudilika. Okanye xa kukho izikhewu phakathi kweendonga, abanakuhlala abantu kwindlu enjalo. Yindlela leyo olwalukhangeleka ngayo uhlanga lwezizwe ezilishumi zakwaSirayeli ngexesha lokuprofeta kuka-Amosi ngenkulungwane yesithoba ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo. Wabona uYehova emi eludongeni ephethe ‘ilothe yokulinganisa esandleni sakhe.’ UThixo wathi: “Yabona, ndibeka ilothe yokulinganisa phakathi kwabantu bam amaSirayeli. Andisayi kuba saxolela ngokubhekele phaya.” (Amosi 7:7, 8) Ilothe yokulinganisa sisixhobo esijingiswa ngentambo, sokuhlola enoba udonga lumi nkqo kusini na. Udonga lokomfuziselo uAmosi awabona uYehova emi kulo ‘lwalwenziwe ngelothe yokulinganisa.’ Olo donga lwalumi nkqo. Kodwa wona amaSirayeli omhla ka-Amosi, ayengamanga nkqo ngokomoya—ayefana nodonga olukekeleyo olwalumele ludilizwe ngaphambi kokuba luwe.
6. (a) Yiyiphi ingongoma egxininiswayo kwiincwadi zabaprofeti abali-12? (b) Yintoni ebonisa ukuba imilinganiselo kaThixo iyafikeleleka?
6 Njengoko ufunda iincwadi zabaprofeti abali-12, uya kuphawula ukuba igxininiswa kakhulu ingongoma yokuba: Kubalulekile ukuphila ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo. Izigidimi ezikwezo ncwadi azipheleli nje ngokuvakalisa umgwebo kubantu abangaphili ngokuvisisana nemilinganiselo ephakamileyo kaThixo. Maxa wambi, uYehova wayephawula ukuba abantu bakhe babeyithobela imilinganiselo yakhe. Ukukwazi kwabo ukuyithobela kubonisa ukuba imilinganiselo yakhe iyafikeleleka; sinako ukuphila ngokuvisisana nayo nangona singabantu abangafezekanga. Makhe sihlolisise umzekelo woku.
7. UZekariya usinceda njani sibone ukuba abantu abangafezekanga banako ukufikelela imilinganiselo kaYehova?
7 Emva kokuba amaYuda abuyileyo ekuthinjweni ebeke isiseko setempile, umsebenzi wawo wokwakha wanqumama. Ngoko uThixo wathumela abaprofeti bakhe uHagayi noZekariya ukuba bakhuthaze abantu ukuba baqhubeke nokwakha. Embonweni awawubonisa uZekariya, uYehova wamchaza uZerubhabheli, irhuluneli yakwaYuda, njengophethe “ilothe yokulinganisa esandleni [sakhe]” xa wabeka ilitye encotsheni yetempile ekugqityweni kwayo. Itempile yayakhiwe ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo. (Zekariya 4:10) Kodwa phawula le nkcazelo ibangel’ umdla ngokuphathelele itempile egqityiweyo: “Ezi zisixhenxe ngamehlo kaYehova. Asingasinga emhlabeni wonke.” UThixo wambona uZerubhabheli ebeka ilitye encotsheni yetempile, yaye ngamehlo akhe asingasinga kuyo yonke indawo, wabona ukuba itempile yayakhiwe ngokuvisisana nemilinganiselo Yakhe! Ingongoma ikukuba, nangona uYehova enemilinganiselo ephakamileyo, abantu banako ukuyifikelela. UZerubhabheli nabantu bakhe bayifikelela, bekhuthazwa nguHagayi noZekariya. NjengoZerubhabheli, nawe unako ukuphila ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo. Kukhuthaza ngokwenene ukwazi oko!
KUTHENI UMELE UYAMKELE IMILINGANISELO KAYEHOVA?
8, 9. (a) Kutheni kufanelekile ukuba uYehova amisele abantu imilinganiselo? (b) Kutheni kwakufanelekile nje ukuba uThixo alindele ukuba amaSirayeli athobele imiyalelo yakhe?
8 NjengoMdali, uThixo unelungelo lokumisela abantu imilinganiselo nokulindela ukuba bayithobele. (ISityhilelo 4:11) Akukho mfuneko yokuba uYehova achaze yonke into ngokweenkcukacha, kuba unike abantu isazela ngenjongo yokuba sibakhokele. (Roma 2:14, 15) UThixo wabaxelela abantu bokuqala ukuba bangatyi ‘kumthi wokwazi okulungileyo nokubi,’ owawufanekisela ilungelo lakhe lokumisela imilinganiselo yokulungileyo nokubi. Uyakwazi oko kwenzekayo. (Genesis 2:17; 3:1-19) Xa wayebhekisela kukhetho oluphosakeleyo olwenziwa nguAdam, uHoseya wabhala wathi: ‘Njengomntu wasemhlabeni, amaSirayeli awugqithile umnqophiso.’ (Hoseya 6:7) Ngaloo ndlela uHoseya wayebonisa ukuba amaSirayeli ona ngabom.
9 Sasiyintoni isono sawo? ‘Ayewaphulile umnqophiso’ woMthetho. Xa uThixo wawahlangulayo eYiputa, aba ngabantu bakhe, yaye ngokucacileyo wayenelungelo lokuwamisela imilinganiselo. AmaSirayeli awamkela umnqophiso kaYehova, ngaloo ndlela avuma ukuphila ngokuvisisana nemilinganiselo yakhe. (Eksodus 24:3; Isaya 54:5) Sekunjalo, amaninzi kuwo ayengaphili ngokuvisisana noMthetho. Aba netyala lophalazo-gazi, lokubulala nelokuhenyuza.—Hoseya 6:8-10.
10. UThixo wazama njani ukubanceda abo babesilela ukufikelela imilinganiselo yakhe?
10 UYehova wathumela abaprofeti abanjengoHoseya ukuba bancede abantu Bakhe abazahluleleyo. Ekuqukumbeleni incwadi yakhe yesiprofeto, uHoseya wathi: “Ngubani na onobulumko, ukuze aziqonde ezi zinto? Ngubani na ingqondi, enokuzazi? Kuba iindlela zikaYehova zithe tye, yaye amalungisa aya kuhamba ngazo; kodwa abanxaxhayo baya kukhubeka kuzo.” (Hoseya 14:9) Ngaphambilana kuHoseya isahluko 14 lo mprofeti ugxininise imfuneko yokubuyela kuYehova. Abo bazizilumko babeya kuyiqonda into yokuba uYehova umisele iindlela ezithe tye abafanele bahambe ngazo abantu bakhe. Ngokuqinisekileyo nawe uzimisele ukuhamba ngeendlela ezithe tye zikaYehova, njengomkhonzi wakhe ozahluleleyo.
11. Yintoni eyenza ukuba ufune ukuthobela imiyalelo kaThixo?
11 Kwakhona uHoseya 14:9 ubonisa isizathu sokuba kubalulekile ukuhamba ngendlela ethe tye. Ubonisa ukuba kuneengenelo ukuphila ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo. NjengoMdali uyakwazi ukubunjwa kwethu. Imilinganiselo yakhe iyingenelo kuthi. Ulwalamano oluphakathi kwethu noThixo singaluzekelisa ngemoto nomenzi wayo. Umenzi wemoto uyazi kakuhle indlela eyakhiwe ngayo. Uyazi ukuba ioli yemoto imele itshintshwe emva kwexesha elithile. Kuthekani ukuba uyawutyeshela loo mlinganiselo, kuba nje imoto isabonakala ihamba kakuhle? Kungekudala injini yemoto iya konakala. Kunjalo ke nangabantu. UMdali wethu usinike imiyalelo. Ukuyithobela kuya kusizisela iingenelo. (Isaya 48:17, 18) Ukuqonda kwethu ukuba siza kungenelwa, kusinika isizathu esingakumbi sokuba sifune ukuphila ngokuvisisana nemilinganiselo yakhe, sigcine imiyalelo yakhe.—INdumiso 112:1.
12. Ukuhamba egameni likaThixo kunokuluqinisa njani ulwalamano lwethu kunye naye?
12 Owona mvuzo mkhulu wokuthobela imiyalelo kaThixo kukuba siba nolwalamano oluqinileyo kunye naye. Xa siphila ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo size sibone indlela esengqiqweni neyingenelo ngayo, ulwalamano lwethu kunye naye luba nzulu ngakumbi. Umprofeti uMika uluchaza kakuhle olo lwalamano esithi: “Zonke izizwana ziya kuhamba ngasinye egameni lothixo waso; kodwa thina siya kuhamba egameni likaYehova uThixo wethu ukusa kwixesha elingenammiselo, ewe ngonaphakade.” (Mika 4:5) Kulilungelo ngokwenene ukuhamba egameni likaYehova, siphakamise ulongamo lwakhe yaye samkele igunya lakhe! Oko kuya kuphumela ekubeni nathi sibonakalise iimpawu zakhe. Ngoko masizimisele ukuqinisa ulwalamano lwethu noThixo.—INdumiso 9:10.
13. Kutheni kungeyonto imbi nje ukoyika igama likaThixo?
13 Abo baphila ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo baze bahambe egameni lakhe babonisa ukuba bayaloyika igama lakhe. Asiyonto imbi leyo. UYehova ubaqinisekisa ngokuthi abantu abanjalo: “Kuni ke baloyikayo igama lam ilanga lobulungisa ngokuqinisekileyo liya kukhanyisa, linokuphilisa emaphikweni alo; yaye okunene niya kuphuma nize nidlobe njengamathole eenkomo atyetyisiweyo.” (Malaki 4:2) “Ilanga lobulungisa” esibhekisela kulo esi siprofeto nguYesu Kristu. (ISityhilelo 1:16) Ngoku ukhanyisa ngokuthi aphilise ngokomoya, yaye kwixesha elizayo uza kukhanyisa ngokuthi aphilise uluntu ngokwenyama. Uvuyo lwabo baphiliswayo lufaniswa novuyo lwamathole eenkomo atyetyisiweyo ‘aphumayo aze adlobe.’ Aliyonyaniso na elokuba sele uyinandipha kakade inkululeko enjalo ngomlinganiselo othile?—Yohane 8:32.
14, 15. Ziziphi iindlela ongenelwa ngazo ngokuthobela imilinganiselo kaYehova?
14 Enye indlela esingenelwa ngayo ngokuthobela imilinganiselo kaThixo, kukuba kuphucula ulwalamano lwethu kunye nabanye abantu. UHabhakuki wavakalisa ooyeha abahlanu nxamnye nabo babenqwenela izinto zabanye, ababesenza ingeniso ngobuqhetseba, ababephalaza igazi, ababeceba ukuziphatha okubi ngokwesini, nabo babenqula imifanekiso eqingqiweyo. (Habhakuki 2:6-19) Ukuvakalisa kukaYehova aba yeha kubonisa ngokucacileyo ukuba umisele imilinganiselo yendlela esifanele siphile ngayo. Kodwa phawula le ngongoma: Iindidi ezine zobubi obukhankanywe apha zibandakanya indlela esibaphatha ngayo abanye abantu. Ukuba sihlakulela imbono kaThixo, asiyi kubenzakalisa abamelwane bethu. Ngaloo ndlela, ulwalamano lwethu kunye nabo luya kuqina ngakumbi.
15 Indlela yesithathu esingenelwa ngayo ibandakanya ulonwabo lwentsapho. Abantu namhlanje balugqala uqhawulo-mtshato njengesicombululo seengxaki zomtshato. Ukanti uYehova wayalela umprofeti uMalaki ukuba athi: “Uluthiyile uqhawulo-mtshato.” (Malaki 2:16) Siza kuyihlolisisa kamva ngokweenkcukacha incwadi kaMalaki 2:16, kodwa okwangoku phawula ukuba uThixo uwamisele imilinganiselo yobulumko amalungu entsapho; yaye ukuba ayayithobela aya kuba seluxolweni. (Efese 5:28, 33; 6:1-4) Enyanisweni sonke asifezekanga, ngoko ziya kubakho iingxaki. Ukanti encwadini kaHoseya, Lowo “ebizwa ngaye yonke intsapho ezulwini nasemhlabeni” unikele ulwalathiso lwendlela yokucombulula kwanezona ngxaki zinzima zomtshato. Nako oko siza kukuxubusha kwesinye sezahluko ezilandelayo zale ncwadi. (Efese 3:15) Ngoku makhe sihlolisise enye into ebandakanyekileyo ekuthobeleni imilinganiselo kaThixo.
“THIYANI OKUBI, NITHANDE OKULUNGILEYO”
16. UAmosi 5:15 ubonisa njani ukuba uThixo unemilinganiselo?
16 Umntu wokuqala uAdam, wenza ukhetho lobudenge ngokuphathelele imilinganiselo yokulungileyo nokubi. Ngaba thina siya kwenza ukhetho lobulumko? UAmosi wasibongoza ukuba senjenjalo, esithi: “Thiyani okubi, nithande okulungileyo.” (Amosi 5:15) UWilliam Rainey Harper ongasekhoyo, owayeyingcali yoncwadi kunye neelwimi eziquka isiHebhere kwiYunivesithi yaseChicago, wathi ngale ndinyana: “Imilinganiselo yokulungileyo nokubi ekhankanywa [nguAmosi], ivisisana nokuthanda kukaYahweh.” Le yingcamango eyintloko equlathwe ziincwadi zabaprofeti abali-12. Ngaba sikulungele ukwamkela imilinganiselo kaYehova yokulungileyo nokubi? Loo milinganiselo ichaziwe eBhayibhileni yaye ikhanyiswa ngakumbi ngamaKristu aqolileyo nanamava abumba ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’—Mateyu 24:45-47.
17, 18. (a) Kutheni kubalulekile ukuthiya okubi? (b) Chaza indlela esinokukuhlakulela ngayo ukuthiya okubi.
17 Ukuthiya kwethu okubi kusinceda ukuba siphephe izinto ezingamkholisiyo uThixo. Ngokomzekelo, umntu usenokubazi ubungozi bokubukela amanyala kwi-Internet aze azame ukukuphepha ukwenza oko. Kodwa ‘umntu anguye ngaphakathi’ yena uvakalelwa njani ngamanyala anjalo? (Efese 3:16) Ngokusebenzisa kwakhe isibongozo sobuthixo esikuAmosi 5:15, uya kukufumanisa kulula ukuthiya okubi. Ngoko unokoyisa kumlo wakhe wokomoya.
18 Makhe sihlolisise omnye umzekelo. Ngaba unokuzithelekelela uqubuda phambi kwezithixo zonqulo lwesini? Akunakuze ucinge nokucinga ngokwenza into elizothe ngolo hlobo, akunjalo? Kodwa uHoseya wakhankanya ukuba ookhokho bamaSirayeli babeqhelisela ukuziphatha okubi phambi kukaBhahali wasePehore. (Numeri 25:1-3; Hoseya 9:10) Mhlawumbi uHoseya wakukhankanya oku ngenxa yokuba ukunqula uBhahali kwakusesona sono sinzulu senziwa zizizwe ezilishumi zobukhosi bakwaSirayeli. (2 Kumkani 17:16-18; Hoseya 2:8, 13) Khawube nomfanekiso-ngqondweni weso senzo silizothe: AmaSirayeli ayequbuda kwizithixo ebudeni bemibhiyozo eyayinokuziphatha okubi ngokwesini. Ukwazi kwethu indlela uThixo akuthiye ngayo oko kunokunceda ngamnye wethu ukuba aphephe imigibe kaSathana edluliselwa ngeInternet. Namhlanje, abantu abaninzi bazukisa amabhinqa namadoda amahle abalaseliswa kumajelo osasazo. Kodwa simele sahluke ngokupheleleyo thina, ekubeni sifunde izilumkiso zabaprofeti ngokuphathelele ukunqula izithixo!
HLALA UKHUMBULA ILIZWI LIKATHIXO
19. Yintoni onokuyifunda koko kwenziwa nguYona ngoxa wayesesiswini sentlanzi enkulu?
19 Njengoko uzabalazela ukufikelela imilinganiselo kaThixo ephakamileyo ngoxa ujamelene nezilingo kunye nobunzima, maxa wambi usenokudideka ungazi ukuba mawenze ntoni na. Ukuba uphelelwa ngamandla, unokujamelana njani nemeko enzima? (IMizekeliso 24:10) Sinokufunda okuthile kuYona, esaziyo ukuba naye wayengafezekanga yaye eneempazamo njengathi. Khumbula oko wakwenzayo esiswini sentlanzi enkulu. Wathandaza kuYehova. Phawula ukuba yintoni awayithandazelayo.
20. Unokukwazi njani ukwenza oko kwenziwa nguYona?
20 Xa uYona wayethandaza kuThixo ‘esesiswini seShiyol,’ wasebenzisa amazwi amaninzi awayeqhelene nawo, amazwi eendumiso. (Yona 2:2) Wayenxunguphele kakhulu, waza wambongoza uYehova ukuba amenzele inceba, yaye wakhumbula amazwi kaDavide. Ngokomzekelo, thelekisa amazwi akuYona 2:3, 5 kunye nalawo akwiNdumiso 69:1, 2.a Ngaba ayizicacelanga na into yokuba lo mprofeti wayeqhelene neendumiso zikaDavide ezazikho ngexesha lakhe? Wayewazi ngentloko amazwi aphefumlelweyo eendumiso. Amazwi aphefumlelweyo kaThixo ‘ayesezibilinini’ zikaYona. (INdumiso 40:8) Ukuba ujamelene nemeko enxunguphalisayo, ngaba unokukhumbula amazwi afanelekileyo kaThixo? Ukungenisa kwakho ulwazi lweLizwi likaThixo kuya kukunceda kwixesha elizayo ukuba ukwazi ukwenza izigqibo okanye ucombulule iingxaki ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo.
HLAKULELA UKUMOYIKA UTHIXO
21. Yintoni ofanele uyihlakulele ukuze unamathele kwimilinganiselo kaThixo?
21 Noko ke, ukufunda iLizwi likaThixo kukodwa nje akunakukunceda ukuba unamathele kwimilinganiselo kaYehova. Umprofeti uMika uyakuchaza oko kufunekayo ukuze ukwazi ukusebenzisa ulwazi onalo lweLizwi likaThixo, esithi: “Umntu onobulumko bobuqili uya kuloyika igama lakho.” (Mika 6:9) Ukuze ube nobulumko bobuqili, ukwazi ukusebenzisa ulwazi onalo, umele uziqhelise ukuloyika igama likaThixo.
22, 23. (a) Kwakutheni ukuze uYehova athumele uHagayi kumaYuda abuyileyo ekuthinjweni? (b) Sisiphi isizathu onaso sokuqiniseka ukuba uya kukwazi ukufikelela imilinganiselo kaThixo?
22 Unokufunda njani ukuloyika igama likaThixo? Unokufunda lukhulu kumazwi kaHagayi owaprofeta emva kokuba amaYuda ekhululiwe ekuthinjweni. Kwincwadi yakhe emfutshane kakhulu, eneendinyana ezingama-38 kuphela, wasebenzisa igama likaYehova izihlandlo ezingama-35! Xa uYehova wathuma uHagayi ukuba aprofete ngowama-520 B.C.E., kwakusele kudlule iminyaka eli-16 kodwa kungekho nkqubela ingako ekwakhiweni kwetempile kwakhona eYerusalem. Abantu bakaThixo badinyazwa kukuchaswa ziintshaba zabo. (Ezra 4:4, 5) Oko kwabenza baqiqa ngelokuba elo yayingekabi lixesha elifanelekileyo lokwakha itempile. UYehova wababongoza esithi: “Bekani intliziyo yenu ezindleleni zenu. . . . Nakhe indlu, ukuze ndikholiswe yiyo ndize ndizukiswe.”—Hagayi 1:2-8.
23 IRhuluneli uZerubhabheli, uMbingeleli Omkhulu uYoshuwa, nabo “bonke abaseleyo ebantwini baqalisa ukuliphulaphula ilizwi likaYehova uThixo wabo, . . . baza abantu baqalisa ukoyika ngenxa kaYehova.” UThixo wasabela ngokuthi: “Ndinani.” Anjani wona ukukhuthaza amazwi! Ngoncedo lomoya kaThixo, abantu “baqalisa ukungena nokwenza umsebenzi wendlu kaYehova.” (Hagayi 1:12-14) Ukumoyika kwabo uThixo kwabashukumisela ekubeni bayeke ukoyika baze baqhubeke nomsebenzi nakuba babechaswa.
24, 25. Zekelisa indlela onokuyisebenzisa ngayo imilinganiselo echazwe kwesi sahluko.
24 Kuthekani ngawe? Ukuba uyayiqonda imilinganiselo kaThixo kwimeko ojamelene nayo, ngaba uya koyika uYehova ngaphezu kwabantu? Masithi ulibhinqa eliselula, yaye apho usebenza khona kukho umfo ongaphili ngemilinganiselo kaThixo njengawe. Sekunjalo, unobubele yaye ukukhathalele. Ngaba ukho uMbhalo owukhumbulayo, oya kukukhumbuza ngemilinganiselo kaYehova kunye neengozi zokuyityeshela? Kuthekani ngoHoseya 4:11? ‘Uhenyuzo newayini enencasa zisusa intshukumisa elungileyo.’ Xa ucinga ngala mazwi, ngaba ukoyika kwakho uThixo kuya kukushukumisela ekubeni unamathele kwimilinganiselo yakhe uze wale ukuba loo mfo ukumema ukuba nichithe ixesha kunye? Ukuba wenza izimbo ezibonisa ukuba unomdla kuwe, ukoyika kwakho ukungamkholisi uThixo oluthando kuya kukunceda ukuba ‘usabe.’—Genesis 39:12; Yeremiya 17:9.
25 Ngoku masibuyele kumzekelo womntu ozama ukoyisa isilingo sokubukela amanyala kwi-Internet. Usenokukhumbula amazwi akwiNdumiso 119:37, athi: “Dlulisa amehlo am angaboni oko kungento yanto.” Usenokucinga nangamazwi kaYesu kwiNtshumayelo Yasentabeni, athi: “Wonk’ ubani oqhubeka ekhangela umfazi ngokokude amkhanuke sele emkrexezile entliziyweni yakhe.” (Mateyu 5:28) Ukoyika uYehova nokunqwenela ukuphila ngokuvisisana nemilinganiselo yakhe kufanele kumshukumisele umKristu ekubeni aphephe nantoni na enokuba nempembelelo embi. Nanini na kuvela isilingo sokuba ucinge okanye wenze into engavisisaniyo nemilinganiselo kaThixo, zama ukuhlakulela uloyiko lobuthixo. Yaye khumbula amazwi kaYehova awawadlulisela ngoHagayi, esithi: ‘Ndinawe.’
26. Yintoni esiza kuxubusha ngayo?
26 Ngokuqinisekileyo unako ukumkhonza uYehova ngokuvisisana nemilinganiselo yakhe ephakamileyo, yaye uya kungenelwa ngokwenjenjalo. Njengoko uqhubeka uhlolisisa iincwadi ezili-12 zesiprofeto, uya kuyiqonda ngakumbi imilinganiselo kaThixo, kunye noko afuna ukwenze. Icandelo elilandelayo lale ncwadi liza kuxubusha ngeenkalo ezintathu ezibalulekileyo esinokuhlakulela kuzo imilinganiselo kaYehova: ekuziphatheni kwethu, kwindlela esisebenzisana ngayo nabanye, nasentsatsheni.
[Umbhalo osemazantsi]
a Kwakhona thelekisa uYona 2:2, 4-9 kunye neNdumiso 18:6; 31:22; 30:3; 142:3; 31:6; neyesi-3:8 ezidweliswe ngokokulandelelana kokuzisebenzisa kukaYona.
UNGAPHENDULA UTHINI?
• Uvakalelwa njani uYehova xa uyigcina naxa ungayigcini imilinganiselo yakhe?—Amosi 7:7-9.
• Kutheni sinokuthi imilinganiselo kaYehova iyafikeleleka?—Zekariya 4:10.
• Ziziphi izizathu zokuba uyamkele imilinganiselo kaThixo?—Mika 4:5; Malaki 4:2; 2 Korinte 5:15; ISityhilelo 4:11.
EZI NKALO ZILANDELAYO ZINOKUKUNCEDA NJANI UKUBA UGCINE IMILINGANISELO KATHIXO?
• Ukuthiya okubi—Amosi 5:15.
• Ukungenisa ulwazi lweLizwi likaThixo—Yona 2:4-9.
• Ukuqhelisela ukoyika uYehova—Hagayi 1:12-14.
[Umfanekiso okwiphepha 87]
Kutheni uyigcina nje imilinganiselo emiselweyo?
[Umfanekiso okwiphepha 90]
Ukuthobela icebiso labaprofeti abali-12 kunokukunceda njani ukuba uphephe ukubukela amanyala?
[Umfanekiso okwiphepha 95]
Ukoyika uThixo kuya kukunceda njani kwimeko efana nale?