ISAHLUKO 1
Ngubani UThixo?
1, 2. Yeyiphi imibuzo abantu abadla ngokuyibuza?
ABANTWANA babuza kakhulu. Xa ubaphendula, baye bathi ‘Ngoba?’ Xa uzama ukubacacisela, basenokuphinda bathi ‘Ngoba?’
2 Nokuba sibangakanani, siba nayo imibuzo. Sisenokubuza ngento esiza kuyitya, esiza kuyinxiba okanye esiza kuyithenga. Okanye sibuze ngesizathu sokuba kwenzeke izinto ezibuhlungu nangokuba liza kuba njani ikamva. Kodwa sinokutyhafa xa singazifumani iimpendulo zale mibuzo size siyeke ukubuza.
3. Kutheni abantu abaninzi becinga ukuba abanakuzifumana iimpendulo zemibuzo yabo eBhayibhileni?
3 Ngaba iBhayibhile iyayiphendula imibuzo yethu? Abanye abantu bacinga njalo, kodwa bathi akululanga ukuyiqonda into ethethwa yiBhayibhile. Basenokucinga ukuba ngabefundisi bodwa abakwazi ukuphendula imibuzo yabo. Abanye basenokuba neentloni zokutsho ukuba abazazi iimpendulo. Uthini wena?
4, 5. Yeyiphi imibuzo onayo? Kuza kukunceda njani ukufuna iimpendulo zale mibuzo?
4 Mhlawumbi ufuna iimpendulo zemibuzo enjengethi: Kutheni ndiphila? Kwenzeka ntoni emntwini xa eswelekile? Unjani uThixo? UMfundisi owaziwayo, uYesu, wathi: “Qhubekani nicela, niza kuphiwa; qhubekani nifuna, niza kufumana; qhubekani ninkqonkqoza, niza kuvulelwa.” (Mateyu 7:7) Ungayeki ukubuza, de uzifumane iimpendulo ezicacileyo.
5 Ukuba uyaqhubeka uzifuna, uza kuzifumana eBhayibhileni iimpendulo. (IMizekeliso 2:1-5) Uza kuziqonda, kuba azinzimanga. Izinto oza kuzifunda ziza kukunceda wonwabe ngoku, uze ube nethemba lobomi obumnandi kwixesha elizayo. Makhe siphendule umbuzo oye wabhida abantu abaninzi.
NGABA UTHIXO USIKHATHALELE?
6. Kutheni abantu becinga ukuba uThixo akasikhathalelanga?
6 Abantu abaninzi bacinga ukuba uThixo akasikhathalelanga. Bathi ngekungekho nje ukuba ebesikhathalele. Kukho iimfazwe, abantu abanenzondo nabangonwabanga. Kwenzeka izinto ezibuhlungu, abantu bayagula ibe bayafa. Yiloo nto besithi, ‘Ukuba uThixo usikhathalele, kutheni engaziphelisi ezi zinto zibuhlungu?’
7. (a) Abefundisi babenze njani abantu bacinga ukuba nguThixo obangela kwenzeke izinto ezibuhlungu? (b) Kutheni siqinisekile ukuba ayingoThixo obangela kwenzeke izinto ezibuhlungu?
7 Ngamanye amaxesha, abefundisi benza abantu bacinge ukuba nguThixo owenza izinto ezibuhlungu. Xa kwenzeke into ebuhlungu balibeka kuThixo ityala. Bathi kuthande yena, ukuba ebengafuni yenzeke, ngeyingenzekanga. Kodwa iBhayibhile ifundisa ukuba uThixo soze azenze izinto ezimbi. UYakobi 1:13 usixelela ukuba ayingoThixo osilinga ngezinto ezimbi. Uthi: “Makungabikho nabani na, xa esesilingweni othi: ‘Ndilingwa nguThixo.’ Kuba uThixo akanakulingwa ngezinto ezimbi, ibe naye akalingi mntu.” Le nto ithetha ukuba, nangona uThixo engekaziphelisi izinto ezimbi, ayinguye ozenzayo.—Funda uYobhi 34:10, 12.
8, 9. Kutheni singenakutyhola uThixo ngeengxaki esinazo? Yenza umzekelo.
8 Nanku umzekelo. Masithi unyana usahlala nabazali ibe uyathandwa ngutata wakhe, umfundise nendlela yokwenza izigqibo. Lo nyana uyayeka ukummamela aze emke ekhaya. Wenza izinto ezimbi ezimfaka engxakini. Ngaba ungathi ngutata wakhe omenze wangen’ engxakini kuba emyekile wemka ekhaya? Awunakutsho. (Luka 15:11-13) Ngendlela efanayo, noThixo uyabayeka abantu xa bekhetha ukungammameli baze benze izinto ezimbi. Ngoko xa kwenzeke into embi, asinakuthi yenziwe nguThixo. Sakuba simtyhola engenzanga nto.
9 Kutheni uThixo engekaziphelisi izinto ezibuhlungu? Impendulo esuka eBhayibhileni uza kuyifumana kwiSahluko 11 sale ncwadi. Kodwa qiniseka ukuba uThixo uyasithanda ibe asinakutyhola yena ngezinto ezibuhlungu ezenzekayo. Nguye yedwa onokukwazi ukuziphelisa.—Isaya 33:2.
10. Yintoni esenza siqiniseke ukuba uThixo uza kuwulungisa umonakalo owenziwe ngabantu abenza izinto ezimbi emhlabeni?
10 UThixo ungcwele. (Isaya 6:3) Usoloko esenza izinto ezilungileyo, akazenzi ezimbi. Yiloo nto simele simthembe, size siqiniseke ukuba uza kuziphelisa. Abantu bona abakho njalo, ngamanye amaxesha benza izinto ezimbi. Noyena mntu ulawula kakuhle akanawo amandla okulungisa umonakalo owenziwa ngabantu. Kodwa yena uThixo unawo la mandla, ibe uza kuwasebenzisela ukulungisa wonke umonakalo owenziwe ngabantu abenza izinto ezimbi. Uza kuziphelisa izinto ezimbi zingaphinde zibe khona.—Funda iNdumiso 37:9-11.
UZIVA NJANI UTHIXO XA KUSENZEKA IZINTO EZIBUHLUNGU EBANTWINI?
11. Uziva njani uThixo xa kusenzeka izinto ezibuhlungu kuwe?
11 Uziva njani uThixo xa kusenzeka izinto ezibuhlungu, ebona nezenzeka kuwe? IBhayibhile ifundisa ukuba uThixo “uthanda ubulungisa.” (INdumiso 37:28) Loo nto imenza ayikhathalele indlela abantu abaphethwe ngayo. Uyakhathazeka xa ebona abantu besentlungwini. IBhayibhile ithi “yaba buhlungu intliziyo yakhe” xa wayebona kusenzeka izinto ezimbi emhlabeni.(Genesis 6:5, 6) Akakatshintshi ke nangoku. (Malaki 3:6) IBhayibhile ithi uThixo ukukhathalele.—Funda eyoku-1 kaPetros 5:7.
12, 13. (a) Kutheni sibathanda futhi sibakhathalele abanye, ibe siziva njani xa kusenzeka izinto ezibuhlungu? (b) Kutheni siqinisekile ukuba uThixo uza kuziphelisa izinto ezimbi?
12 IBhayibhile ithi uThixo usidale safana naye. (Genesis 1:26) Loo nto ithetha ukuba sineempawu ezifana nezakhe. Ukuba siyakhathazeka xa kusenzeka izinto ezibuhlungu ebantwini, uThixo ukhathazeka ukodlula thina. Kutheni sisitsho?
13 IBhayibhile ifundisa ukuba “uThixo uluthando.” (1 Yohane 4:8) Yonk’ into ayenzayo, uyenza kuba enothando. Nathi ke sinothando njengaye. Khawuyicinge le nto, ukuba ubunamandla, ubuza kuziphelisa zonke izinto ezimbi emhlabeni, andithi? Ubuza kuyenza loo nto kuba ubathanda abantu. NoThixo ke, uza kuziphelisa zonke izinto ezimbi kuba unamandla ibe uyasithanda. Yiloo nto nawe umele uqiniseke ukuba uThixo uza kuzenza zonke eza zinto zisekuqaleni kule ncwadi. Ukuze uqiniseke, kufuneka ufunde ngoThixo.
UTHIXO UFUNA UMAZI
14. Ngubani igama likaThixo, ibe sazi njani ukuba ufuna silisebenzise?
14 Ukuba ufuna umntu akwazi aze abe ngumhlobo wakho, yintoni oye umxelele yona? Umxelela igama lakho. Ngaba yena uThixo unalo igama? Iinkonzo ezininzi zithi nguThixo okanye iNkosi, kodwa ayingomagama akhe lawo. Le nto ifana nokuthi emntwini “kumkani” okanye “mongameli” sibe singalazi igama lakhe. UThixo usixelele ukuba igama lakhe nguYehova. INdumiso 83:18 ithi: “Kwanga abantu bangazi ukuba wena, ogama linguYehova, nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.” EBhayibhileni igama likaThixo livela kaninzi kakhulu. Loo nto ibonisa ukuba uYehova ufuna ulazi igama lakhe, ulisebenzise uze ube ngumhlobo wakhe.
15. Lithetha ukuthini igama elithi Yehova?
15 Ibalulekile into ethethwa ligama likaThixo, uYehova. Lithetha ukuba uyakwazi ukuzenza izinto azithembisileyo ukuze iphumelele injongo yakhe. Akukho nto inokumnqanda. Akekho omnye umntu onokubizwa ngeli gama.a
16, 17. Kuthetha ukuthini ukuthi uYehova (a) “nguSomandla”? (b) “nguKumkani kanaphakade”? (c) “nguMdali”?
16 Njengokuba besifundile, kwiNdumiso 83:18 kuthiwa uYehova ‘nguye yedwa Oyena Uphakamileyo.’ Kanti iSityhilelo 15:3 sithi: “Mikhulu kwaye iyamangalisa imisebenzi yakho Yehova Thixo Somandla. Iindlela zakho zezobulungisa yaye ziyinyaniso, Kumkani kanaphakade.” Kuthetha ukuthini ukuthi uYehova “nguSomandla”? Kuthetha ukuba akekho umntu onamandla ukodlula yena. Ukuthi “Kumkani kanaphakade” kona kuthetha ukuba ebesoloko ekhona uYehova. INdumiso 90:2 isixelela ukuba oko wabakho ibe uza kuhlala ekho ngonaphakade. Iyamangalisa loo nto, andithi?
17 NguYehova yedwa uMdali. ISityhilelo 4:11 sithi: “Ufanele Yehova Thixo wethu onamandla, ukwamkela uzuko nembeko, kuba wadala zonke izinto, nangenxa yokuthanda kwakho zabakho yaye zadalwa.” Zonke izinto zadalwa nguYehova, iingelosi, iinkwenkwezi, iziqhamo neentlanzi.
NGABA UNOKUBA NGUMHLOBO KAYEHOVA?
18. Kutheni abanye abantu becinga ukuba abanakuze babe ngabahlobo bakaThixo? Ithini yona iBhayibhile?
18 Abanye abantu baye boyike xa befunda ngoYehova, bacinge ukuba mkhulu, unamandla kakhulu, ibe ukude gqitha ukuba angade abahoye. Ngaba uThixo ufuna sicinge njalo? Hayi. UYehova uyafuna ukusondela kuthi. IBhayibhile ithi uThixo ‘akekho kude kuthi sonke.’ (IZenzo 17:27) Ufuna usondele kuye ibe uthembisa ukuba ‘naye uza kusondela kuwe.’—Yakobi 4:8.
19. (a) Yintoni omele uyenze ukuze ube ngumhlobo kaThixo? (b) Zeziphi iimpawu zikaYehova ozithanda kakhulu?
19 Yintoni omele uyenze ukuze ube ngumhlobo kaThixo? UYesu wathi: “Ukuze abantu bafumane ubomi obungunaphakade, kufuneka bakwazi kakuhle wena okuphela koThixo wokwenene, nalowo umthumileyo, uYesu Kristu.” (Yohane 17:3) Ungayeki ukufunda ngoYehova nangoYesu, uza kude ubazi kakuhle. Ngokomzekelo sifundile ukuba “uThixo uluthando.” (1 Yohane 4:16) Kodwa unazo nezinye iimpawu ezintle. IBhayibhile ithi ‘uYehova, unenceba novelwano, akakhawulezi ukucaphuka, uphuphuma luthando olungagungqiyo nenyaniso.’ (Eksodus 34:6) UYehova ‘ulungile futhi usoloko efuna ukuxolela.’ (INdumiso 86:5) Unomonde ibe uthembekile. (2 Petros 3:9; ISityhilelo 15:4) Xa ufunda iBhayibhile uza kutsho uzazi kakuhle iimpawu zikaYehova.
20, 21. Ungasondela njani kuThixo ongenakumbona?
20 Ungasondela njani kuThixo ongenakumbona? (Yohane 1:18; 4:24; 1 Timoti 1:17) Xa ufunda ngoYehova eBhayibhileni uza kutsho umazi kakuhle, wazi neempawu zakhe ezintle. (INdumiso 27:4; Roma 1:20) Njengokuba ufunda ngoYehova, uza kuya umthanda kakhulu ibe uza kusondela kuye.
21 Enye into, uza kutsho uqonde ukuba uYehova nguTata wethu. (Mateyu 6:9) Nguye osinike ubomi ibe ufuna sonwabe. Ebeza kufuna loo nto notata obathandayo abantwana bakhe. (INdumiso 36:9) IBhayibhile ifundisa ukuba unokuba ngumhlobo kaThixo. (Yakobi 2:23) Khawuyicinge le nto, uYehova, uMdali wezinto zonke, ufuna wena ube ngumhlobo wakhe.
22. Uza kuthini xa abantu befuna uyeke ukufunda iBhayibhile?
22 Abanye abantu basenokufuna uyeke ukufunda iBhayibhile. Mhlawumbi benexhala lokuba uza kulahla inkonzo yakho. Ungavumeli nabani na akuyekise ukuba ngumhlobo kaThixo. Soze umfumane omnye umhlobo onjengaye.
23, 24. (a) Kutheni umele ungonqeni ukubuza? (b) Siza kufunda ngantoni kwisahluko esilandelayo?
23 Njengokuba ufunda iBhayibhile, zikhona izinto ongazukuziqonda. Uzungonqeni ukubuza okanye ukucela uncedo. UYesu wathi simele sithobeke njengabantwana. (Mateyu 18:2-4) Kaloku abantwana bayakuthanda ukubuza. UThixo ufuna uphenduleke. Yifundisise ke iBhayibhile ukuze uqiniseke ukuba le nto uyifundayo yinyani.—Funda iZenzo 17:11.
24 Eyona nto iza kukunceda umazi kakuhle uYehova kukufunda iBhayibhile. Kwisahluko esilandelayo, siza kubona ukuba iBhayibhile yahluke njani kwezinye iincwadi.
a Ukuba iBhayibhile yakho ayinalo igama elithi Yehova okanye ufuna ukwazi ukuba lithetha ukuthini nendlela yokulibiza, funda iSihlomelo 1.