Ileta KaYakobi
4 Zibangelwa yintoni iimfazwe neengxabano phakathi kwenu? Azibangelwa kukufuna ukuzanelisa na, okulawula imizimba yenu?+ 2 Niyabawa kodwa aninanto. Niyabulala, ninomona kodwa anifumani nto. Nide nilwe, niqhwaye nodushe.+ Sekunjalo, anizifumani izinto enizifunayo, kuba aniziceli kuThixo. 3 Naxa nimcela akaniniki nto, kuba nicela ninenjongo embi, nifuna nje ukuzanelisa.
4 Bantundini abangathembekanga,* anazi na ukuba ubuhlobo nehlabathi bunenza iintshaba zikaThixo? Nabani na ke ofuna ukuba ngumhlobo wehlabathi uzenza utshaba lukaThixo.+ 5 Okanye nicinga ukuba izibhalo zithetha nje xa zisithi: “Umoya womona ohleli ngaphakathi kuthi usoloko ufuna yonke into”?+ 6 Kodwa ububele bukaThixo* businceda siyoyise yonke loo mikhwa. Izibhalo zithi: “UThixo akabathandi abantu abanekratshi,+ kodwa ubenzela ububele abo bathobekileyo.”+
7 Ngoko ke, thobelani uThixo;+ kodwa mchaseni uMtyholi,+ ibe uza kunibaleka.+ 8 Sondelani kuThixo, naye uza kusondela kuni.+ Hlambani izandla zenu nina boni,+ nizenze msulwa iintliziyo zenu+ nina bangenazigqibo. 9 Yibani lusizi, nizile, nikhale.+ Endaweni yokuba nihleke, khalani; endaweni yokuba nivuye, yibani lusizana. 10 Zithobeni kuYehova,*+ ibe yena uza kuniphakamisa.+
11 Yekani ukugxekana bazalwana.+ Nabani na othetha kakubi ngomzalwana okanye ogweba umzalwana wakhe, uthetha kakubi ngomthetho, ibe ugweba umthetho. Ngoko ukuba ugweba umthetho, awuwuthobeli, kodwa uzenza umgwebi. 12 Mnye kuphela uMniki-mthetho noMgwebi,+ lowo ukwazi ukusindisa nokutshabalalisa.+ Ungubani ke wena ukuba ugwebe ummelwane wakho?+
13 Mamelani nina bathi: “Namhlanje okanye ngomso siza kuya kwesinye isixeko, sihlale unyaka wonke, size sishishine senze imali,”+ 14 nibe ningabazi phofu ukuba ubomi benu buza kuba yintoni ngomso.+ Kuba nifana nje nenkungu ebakho ixeshana ize iphinde inyamalale.+ 15 Eyona nto nimele niyithethe kukuba: “Ukuba uYehova* uyathanda,+ siza kuphila, senze le naleya.” 16 Nizingomba isifuba ngokuqhayisa kwenu. Imbi gqitha loo nto. 17 Ngoko ke, ukuba umntu uyayazi into elungileyo amele ayenze, kodwa angayenzi, uyona.+