Ubomi Bam Kwintlangano Eyalathiswa Ngumoya KaYehova
Ngokubaliswa nguAlbert D. Schroeder
NGECAWA yokuqala kaJuni 1934, mna noAlex Jones sasishumayela kwindlu ngendlu kwisiXeko saseJersey, eNew Jersey. Ngequbuliso, kwagaleleka abakwantsasana kwindlu enamagumbi aqeshiswayo apho sasikhona, basibamba, basityhalela ngokurhabaxa kwinqwelomafutha baza basisa entolongweni!
Kwiintsuku ezintathu kamva, ijaji yasivakalisa sinetyala lokuthengisa ngaphandle kwephephamvume yaza yasigwebela iintsuku ezilishumi ngaphaya kwezitshixo. Sasiwa kwiNtolongo yeNqila yaseHudson, sayalelwa ukuba sikhulule iimpahla zethu, sahlamba ngamanzi okubulala iintsholongwane, saza sanxiba iimpahla zentolongo. Emva koko sasiwa esiseleni.
Apha ndaba nethuba lokukhumbula emva. Ndandineminyaka engama-23 kuphela ibe ndandonwabile kubomi bam njengomlungiseleli wexesha elizeleyo kwiBheteli yaseBrooklyn. Makhe ndikubalisele ezinye zezinto endandizikhumbula.
Ukuba Nombulelo Kumakhulu
Ndandimkhumbula ngokukhethekileyo umakhulu wam ozala umama, uElizabeth Darger. Abazali bakhe bezisa le ntsapho eMichigan isuka eJamani ngaxa lithile ngaphambi kowe-1870. Wayefundisa isiJamani nesiNgesi kwizikolo zikawonkewonke ibe wayehlala nathi kwikhaya labazali bam abangamaLuthere eSaginaw, eMichigan, isixeko endazalelwa kuso. Ebudeni beMfazwe Yehlabathi I, yena noodade bakhe ababengabafundisi-ntsapho besikolo bazinxulumanisa naBafundi BeBhayibhile Bezizwe Ngezizwe, ngoku abaziwa njengamaNgqina ka Yehova.
Nangona abazali bam babefuna ndiye kwisikolo seCawa samaLuthere, umakhulu wavunyelwa ukuba athethe nam ngeenkolo zakhe zeBhayibhile ezichwayitisayo. Wayekwazi ukuyifunda iBhayibhile ngolwimi lwesiLatini nolwesiGrike waza ngoko wabethelela kum umnqweno wokufundisisa iBhayibhile ngeelwimi zayo zantlandlolo. Ngolangazelelo, ndakhumbula iincoko zeBhayibhile ezichukumisayo esasinazo noomakazi bakamama ezazisekelwe kurhulumente woBukumkani bukaThixo oza kuthi kungekudala alawule umhlaba ngokuvisisana noDaniyeli 2:44.
Ngowe-1923 uMakhulu waqalisa ukufundisisa iBhayibhile kunye nam, esebenzisa incwadi yeWatch Tower Society ethi Uhadi LukaThixo, ibe nam ndaya naye kwiintlanganiso zeBandla laseSaginaw. Ngoku, ngoxa ndandisesiseleni, ndakhumbula ezo ntlanganiso, ukuphulaphula iinkqubo zikanomathotholo zeWatchtower ezazisasazwa kwisikhululo esiyiWBBR esasikude lee eBrooklyn, eNew York, nangamanye amava alolo hlobo athi axonxa ubomi bam.
Ngokomzekelo, ndakhumbula ndisiva kunomathotholo uJaji uJoseph F. Rutherford, umongameli weWatch Tower Society, ethetha kwindibano yaBafundi BeBhayibhile eyayiseToronto, eKhanada, ngowe-1927. Indibano yokuqala endaya kuyo yayiseDetroit, eMichigan, ngowe-1928. Apho ndeva uMzalwana uRutherford ethetha ngenkqu. Kuloo ndibano, ndakuvuyela kakhulu ukukhwaza ndisithi “Ewe” kwisigqibo esithi “Ukubhengeza Nxamnye NoSathana Nokuxhasa UYehova.” Kwakhutshwa incwadi entsha ethi Government eyabonisa ukuba uBukumkani bukaThixo bungurhulumente wolawulo lobuthixo, kungekhona owolawulomelo.
Ukukhumbula Iintsuku Zokuhamba Isikolo
Kwakhona ndakhumbula iintsuku zokuhamba kwam isikolo. Ngenxa yokubongozwa ngabazali barn, ababengafuni ukuba ndibe ngumlungiseleli wexesha elizeleyo, ndalwamkela uncedo lwemfundo yafelefele kwanokholeji. Ngaloo ndlela, ngoSeptemba we-1929, ndangena kwiYunivesithi yaseMichigan eAnn Arbor ukuya kufunda ulwimi, ezoqoqosho nobunjineli.
UNkosk. Judson, umnikazi-ndlu oqeshisayo endandihlala kwisakhiwo sakhe, wayekwiBandla laseAnn Arbor laBafundi BeBhayibhile. Ekubuyeleni kwam esikolweni ekwindla lowe-1930, wandixelela ukuba igatyana lomfana elilungileyo nelivela eAlabama lalisandul’ ukufudukela kwigumbi elijongene nelam yaye wayecinga ukuba laliya kusabela “kwisigidimi sethu seBhayibhile.” Eneneni, wayenjalo! Ngokukhawuleza mna no William Addison Elrod saba ngabahlobo abasenyongweni njengoko wathi wamkela iinyaniso zeBhayibhile; ibe saqhubeka singabahlobo ukuza kuthi ga kulo mhla.
Ebudeni behlobo lowe-1931, mna noBill Elrod safundela ukuba ngoonocanda, ngoko asizange sikwazi ukuya ngokobuqu kwindibano yowe-1931 eyayiseColumbus, eOhio. Noko ke, ngeCawa, ngoJulayi 26, sayiphulaphula intetho yesidlangalala kunomathotholo ibe sasiphakathi kwabaphulaphuli abangabonakaliyo abanehlombe abathi bamkela igama elitsha elimnandi elithi “amaNgqina kaYehova.”
Ngezo mini iintlobo zoburhulumente bobuSoshiyali, ubuFasi nobuKomanisi kwakuxoxwa kakhulu ngazo eyunivesithi. Ngo-Oktobha 1931 uWinston Churchill wathetha kuma-3 000 ethu bafundi, exhasa ulawulomelo njengohlobo olwaluselolona lulungileyo lorhulumente. Kamva, ngoDisemba 1931, uLord Bertrand Russell, ingcaphephe yaseBritani eyaziwayo kwizifundo zemathematiki nongumthandi wobulumko, wathetha ngokupheliswa kwemfazwe. Sekunjalo kamva, uGqr. Hjalmar Schacht, umongameli weReichsbank yaseBerlin, eJamani, wathetha ngemfuneko karhulumente olawula imicimbi yezoqoqosho; ngamanye amazwi, wayethethelela ubusoshiyali bobuhlanga, okanye ubuNazi. Kwiminyaka emibini kamva waba kuburhulumente bukaHitler njengomphathiswa wemicimbi yezoqoqosho.
Ndakuba ndive izibongozo zabantu abangabameli boburhulumente behlabathi, ndaqiniseka ngakumbi kunanini na ngaphambili kukuba bubukumkani bukaMesiya kuphela obunokuba ngurhulumente wehlabathi owanelisayo. Ngoko mna noBill Elrod saceba ukugqibezela esikolweni ngoJuni 15, 1932, saza ke saqalisa njengamaqabane kumsebenzi wokushumayela wexesha elizeleyo, ngoku owaziwa ngokuba bubuvulindlela.
Saqalisa inkonzo yethu yobuvulindlela ngaphambi kokuba sibhaptizwe kuba ngelo xesha kwakungekaqondwa ngokucacileyo enoba abo banethemba lokuphila emhlabeni kwakufuneka ukuba baphaptizwe okanye kwakungenjalo kusini na. Noko ke, emva kokuba ndibhaptiziwe eVandercook Lake, eMichigan, ngoJulayi 24, 1932, yacaca into yokuba ithemba lam laliguqulelwe kwelo lokuba ngumthanjiswa, elaliqinisekiswa ‘kukungqina komoya.’—Roma 8:16.
Inkonzo YaseBheteli EBrooklyn
NgoSeptemba 9, ngoxa sasingoovulindlela eHowell, eMichigan, uBill waphuma ebaleka eposofisi ewangawangazelisa ucingo olwalusemvulophini emthubi. Sakuba siluvulile, safunda isimemo esivela kuMzalwana uRutherford sokuya kusebenza eBheteli ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka. Kwasithabatha iiyure ezingama-72 kuphela ukuqoshelisa imicimbi yethu yobuvulindlela saza ke saqhuba iT Ford yethu umgama oli-1 100 leekhilomitha ukuya eBrooklyn. Ekugqibeleni sanqumla iBhulorho yaseBrooklyn saza safika eBheteli ngoSeptemba 13, 1932. Ngelo xesha, kwakukho amalungu entsapho yaseBheteli amalunga nama-200, uninzi lwawo ingabazalwana abathanjisiweyo boKumkani.
Emva kokusebenza kumzimveliso kangangeeveki ezimbalwa, ndafumana omnye umsebenzi kwiSebe Lenkonzo. Umzalwana onobuhlobo waseIreland, uThomas J. Sullivan, wayengumveleli walo. Wayesoloko esikhumbuza thina baselula ukuba, ‘Xa kuvela iingxaki, qiniseka ngokufumana bonke ubunyaniso ngaphambi kokucebisa isicombululo.’ (IMizekeliso 18:13) Eqhwanyazisa amehlo, wayedla ngokongezelela athi: “Ungxamele ntoni? Nika uYehova ithuba. Bona oko kwenziwa ngumoya wakhe ngalo.”
Ndikhumbula la mava adluleyo ngoxa ndandisentolongweni, ndalivuyela ilungelo lokuva ubunzima ngenxa yobulungisa, kwananjengokuba uYesu Kristu nabapostile bavuyayo. (Yohane 15:20; 1 Petros 4:16) Njengoko ndandicinga emva, ndaqonda ukuba amava anjengalawo ayendixonxela amalungelo exesha elizayo.
Ingongoma Entsha Echwayitisayo
Ekuqaleni kowe-1935, malunga neenyanga ezintandathu emva kokukhululwa kwam entolongweni nokubuyela eBheteli, ndakhumbula iingxubusho ezininzi kwitafile yaseBheteli ezazimayela nokufaniswa ‘kwesihlwele esikhulu.’ (ISityhilelo 7:9, 13) Bambi babonakalisa ukuyixhasa imbono yokuba olu yayiludidi lwesibini lwasezulwini, kwananjengokuba umongameli wokuqala we W atch Tower Society, uMzalwana uRussell, wayefundise njalo. Phofu ke, abanye berna ngelithi “isihlwele esikhulu” senziwa ngabo banethemba lokuphila emhlabeni. Ebudeni bezi ngxubusho, uMzalwana uRutherford akazange akhuphe nelimdaka.
Sonke eBheteli sasinemincili njengoko sasihamba ngololiwe okhethekileyo ukuya e Washington, D.C., kwindibano eyayiza kuqhutywa ukususela ngoMeyi 30 ukuya ngoJuni 3, 1935. Kusuku lwesibini lwendibano, uMzalwana uRutherford wavakalisa iindaba ezichwayitisayo zokuba “isihlwele esikhulu” eneneni siludidi lwasemhlabeni. Ngelo thuba lovuthondaba, wabuza esithi: “Banganako na bonke abo banethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni ukuma ngeenyawo?” Malunga nesiqingatha sama-20 000 kubaphulaphuli sema ngeenyawo. Wandula ke uMzalwana uRutherford wadanduluka esithi: “Khangelani! Isihlwele esikhulu!” Kwathi cwaka umzuzwana. Ngoko sonke sasilila kunye luvuyo, kwaye savuya saza senza intswahla ithuba elide. Kusuku olulandelayo kwabhaptizwa abantu abangama-840, uninzi lwabo ingabodidi lwasemhlabeni.
Le ngongoma intsha yowe-1935 ‘ingesihlwele esikhulu’ yakhokelela kumanyathelo okuhlengahlengiswa kwemicimbi ethile kwintlangano ngowe-1936 ukulungiselela ukuthontelana okulindelekileyo kwamalungu olu didi. Ngokomzekelo, kude kube ngoko, kwakukho ibandla elinye elikhulu kuphela lamaNgesi kuso sonke isiXeko saseNew York, kodwa ngoku kwakusekwa amabandla amatsha ekwathi thina bathanjiswa baselula sabelwa kuwo njengabaveleli. Namhlanje, kukho amabandla angama-336 kwisiXeko saseNew York!
Isabelo Esitsha
Usuku lwangoLwesine, ngoNovemba 11, 1937, lwaba lusuku olubalulekileyo kum. Ndandifumene isaziso sokuba ndiye kwiofisi kaMzalwana uRutherford ngaloo njikalanga ngentsimbi yesi-3. Ndafika kwangethuba, kuba ndandinexhala lokuba ndisenokufumana isiluleko. Kodwa emva kwencoko emfutshane enobuhlobo, uMzalwana uRutherford wandibuza enoba ndandiya kukulungela na ukufumana esinye isabelo.
Ndaphendula ndathi, “Ndikulungele ukukhonza naphi na apho kukho imfuneko.”
Ngoko, endimangalisa ngokupheleleyo, uMzalwana uRutherford wabuza esithi: “Ubuya kukuthanda njani ukukhonza kwiBheteli yaseLondon njengesicaka sesebe?”
Ndathi, “Yhu, sisabelo esikhulu eso!”
Waqhubela phambili wathi, “Ngokubhekele phaya, oku kuthetha ukuhamba umphelo, ukuvuma ukuhlala apho de kube semva kweArmagedon. Ngoko ndiza kukunika iintsuku ezintathu zokwenza isigqibo.”
“Mzalwana uRutherford, akukho mfuneko yantsuku zintathu. Ukuba kukuthanda kukaYehova ukuba ndihambe, impendulo yam nguewe!”
Waphendula wathi, “Bendiyicingile into yokuba uza kuphendula ngale ndlela. UMzalwana uKnorr sele enalo itikiti lakho lokukhwela kwinqanawa iQueen Mary eya eNgilani kuLwesithathu ozayo.”
Intloko yam yaqalisa ukujikeleza. UMzalwana uRutherford waqukumbela ngelithi, “Uya kufumana uqeqesho ebudeni beentsuku ezimbalwa ezizayo.”
Xa ndabuyela kwiSebe leNkonzo, elalikumzimveliso, uMzalwana uKnorr waqalisa ukuhleka indlela endandikhwankqiswe ngayo. Wayekwazi oko kwakusandul’ ukwenzeka. UNathan Knorr wayengumveleli womzimveliso ibe ngaphambilana wayekhe waya eNgilani ehamba noMzalwana uRutherford. Ngoko nangoko waqalisa ukundiqeqesha ngendlela yokuvelela umsebenzi wesebe. Kwiintsuku ezimbalwa kamva, ndabuyela kuMzalwana uRutherford ukuze ndenze amalungiselelo abhekele phaya.
Icebiso likaMzalwana uRutherford, elalisekelwe kuMika 6:8, ‘lalikukwenza ngokulungileyo, ukuyimela ngokuqinileyo imigaqo yentlangano, ukuxhasa imilinganiselo yeBhayibhile, ukuba ngokhawulezayo ukuthobela kwanokungalibazisi. Yiba ngonobubele xa usebenza nabazalwana, yiba nenxaxheba ngokuthe rhoqo kwinkonzo yasentsimini, yaye hamba noThixo wakho ngokuthobekileyo.’ Wathi intsimi yaseBritani ikumgangatho ophantsi ngenxa yokuba abaveleli besebe bexesha elidluleyo abazange banikele inkxaso ezeleyo kubulungiseleli basentsimini. Ngoko waqukumbela ethetha ngamandla wathi: “Khuthaza ukuba inkonzo yasentsimini yenziwe ngokungakumbi. IBritani kanye ngoku ifuna i-1 000 loovulindlela, hayi nje ama-200 njengokuba inabo ngoku.”
Ukwamkelwa ENgilani
Xa inqanawa iQueen Mary yafikayo eSouthampton, ndakhwela uloliwe oya eLondon ndaza ke ndahamba ngeteksi ukuya kwiofisi yesebe yoMbutho, eyayise-34 Craven Terrace, eLancaster Gate kangangeminyaka engama-26. Isekelamongameli leInternational Bible Students Association landamkela ngokufudumeleyo. Ndadlulisela kulo ileta evela kuMzalwana uRutherford eyayiligunyazisela ukuba lishenxise isicaka sesebe esikhundleni saso nokuba lazise intsapho yaseBheteli ukuba mna ndandiya kungena ezihlangwini zaso. Oku kwenziwa ngethuba lesidlo sasemini, ibe amalungu aseBheteli angama-30 andamkela ngezandla ezishushu.
Ekuhambeni kwexesha ndaqhelana nezicaka nabameli abaninzi besebe eYurophu. Aba yayingabathanjiswa ababekhokela ngokungalalanisiyo kumsebenzi wokushumayela phezu kwazo nje iziphazamiso zexesha likaHitler, amadoda anjengoMartin Harbeck waseSwitzerland, uCharles Knecht waseFransi, uFritz Hartstang waseNetherlands, uJohan Eneroth waseSweden, u William Dey waseDenmark noRobert Winkler owayenenkalipho wentlangano yoMbutho waseJamani eyayisebenza ngokufihlakeleyo. Ngokuvumelana noko kutshiwo ziZibhalo, la madoda okholo awayengenadyudyu azinyamezela iintshutshiso eziqatha zamaNazi.
Ukutyelela KukaMzalwana URutherford
Ngowe-1938, unyaka ngaphambi kokuqhambuka kweMfazwe Yehlabathi II, amaNgesi ayevelise imfonomfono esebenzisa amaza kanomathotholo ukudlulisela inkcazelo ukunqumla iilwandlekazi. Oononjineli bavuma ukunxibelelanisa ngayo amazwekazi amane ukulungiselela indibano ekhethekileyo eyayiseLondon, ngoSeptemba 9 ukuya kowe-11. IHolo ebizwa ngokuba yiRoyal Albert, eyeyona ndawo inkulu nefanelekileyo eLondon, kwakuqhutyelwa kuyo le ndibano. Iqela likaMzalwana uRutherford, kuquka UNathan Knorr, lafika iiveki ezintathu ngaphambili ukuza kuncedisa ekwenziweni kwamalungiselelo.
Ukuze kubhengezwe intetho yesidlangalala, kwakubakho iphulo lokuba umxholo ubhalwe kwiibhodi ezimbini zize ezi zigangxwe emntwini ngendlela yokuba zibonakale ngaphambili nangasemva. Phambi kokuba kumatshwe okokuqala, uMzalwana uRutherford wandibiza. Ngoxa sasixoxa ngemicimbi yendibano, wayedlala ngosiba lwakhe lokubhala, nto leyo maxa wambi wayeyenza xa ethetha nothile. Wakrazula kwincwadi yamaphepha okubhala oko wayekubhalile waza wandinika. Wabuza wathi, “Ucinga ntoni ngoko?”
Yayifundeka ngolu hlobo, “UNQULO LUNGUMGIBE NESIPHITHIPHITHI.”
Ndaphendula ndisithi, “Ibonakala inokuvusa umnyele.”
Wathi, “Ndifuna ukuba ibe qatha.” Ngoko wayalela ukuba izibhengezo ezibhaliweyo zibhalwe lo mbhalo kwangethuba ukulungiselela ukumatshela kwethu okokuqala sisenzela indibano ngosuku lwangoLwesithathu ngorhatya lwemivundla. Kubusuku obulandelayo mna noNathan Knorr sakhokela ekumatsheni kwabazalwana abamalunga newaka kangangeshumi leekhilomitha sinqumla umbindi weLondon.
Ngentsasa elandelayo uMzalwana uRutherford wandibizela eofisini yakhe waza wafuna ingxelo. Ndathi, “Abaninzi basibiza ngokuba singamakomanisi nabantu abangakholelwayo kuThixo baze bathethe namanye amazwi entiyo.” Ngoko wacinga kangangemizuzu embalwa waza ekugqibeleni wakrazula iphepha ekwakubhalwe kulo lo mxholo mfutshane uthi “KHONZA UTHIXO NOKRISTU UKUMKANI.” Wacinga ukuba ukusasaza imiqondiso enala mazwi kwakunokuyidambisa intsabelo engentle, nto leyo eyathi yenzeka. Le ndibano yowe-1938 yaqhubeka kakuhle. Ucwangciso oluyintloko lwangoMgqibelo nolwangeCawa, olwalubalaselisa intetho ethi “Jongana Nenyaniso,” lwaqhutywa ngokunempumelelo kwiindibano ezingama-49 ezaziqhutywa ngaxeshanye kulo lonke elo lizwe labantu abathetha isiNgesi.
Emva kwendibano, kwaqhutywa intlanganiso yokuqeqesha izicaka zamasebe zamazwe aseYurophu. Ebudeni bale ntlanganiso, uMzalwana uRutherford wandikhalimela ngokuqatha ngenxa yokusilela ukuqeqesha abakhonzi. Olu qeqesho lwandibangela ndalila. Kamva, uWilliam Dey waseDenmark wandithuthuzela ngasese, esithi uMzalwana uRutherford wayesebenzisa mna ukufundisa bona bonke ngendlela engangqalanga. Ibe kwakunjalo! Ngosuku olulandelayo uMzalwana uRutherford, owayethanda ukunxiba ifaskoti aze apheke, wasimemela sonke kwisidlo esikhethekileyo awayesilungiselele. Sonke sanandipha ubuzalwana obuyolisayo.
Iminyaka YeMfazwe Yehlabathi II
NgoSeptemba 1, 1939, uHitler wahlasela iPoland. NgeCawa, ngoSeptemba 3, iBritani yabhengeza imfazwe kwiJamani. Amawaka ethu eBritani ayeye kwinkonzo yasentsimini ngaloo ntsasa, ehambisa ngexesha elifanelekileyo incwadi entsha ethi USindiso. Kwindlu nganye abantu babegubha; wambi amabhinqa ayelila. Sonke saphelelwa luncwadi lweBhayibhile njengoko abantu sasibanika intuthuzelo engokweZibhalo.
Kwinyanga elandelayo, safumana kwangaphambili umbhalo wenqaku leMboniselo (yesiNgesi) kaNovemba 1, 1939, elalinomxholo othi “Ubundilele.” Kanye ngexesha elifanelekileyo landlala ukuma okungokweZibhalo kwamaKristu okwenyaniso ebudeni beemfazwe zehlabathi. (Yohane 17:16) Kungekudala kwaqalisa ukubanjwa nokuvalelwa ezintolongweni kwamakhulu abazalwana noodade bethu baseBritani.
Imfazwe yasemoyeni eBritani, eyayibizwa ngokuba Lidabi laseBritani, yaya ithabath’ unyawo ekupheleni kowe-1940 yaza yaqhubeka ukuya kutsho ngowe-1941. Thina babeseLondon sanyamezela ubusuku obungama-57 obulandelelanayo kudutyulwa iibhombu kangangeeyure ezili-14. Kwakukho ingxolo ehlabayo. Umlilo wawutshisa ngokungalawulekiyo kuyo yonke indawo. Iibhombu ezingamashumi amabini anesithoba zawela kumgama oziimitha ezingama-460 ukuya eBheteli. IHolo yethu yoBukumkani enkulu emelene neBheteli yatshiswa ziibhombu ezitshisayo, kodwa umlilo wacinywa ngokukhawuleza ngabazalwana bethu baseBheteli abaqeqeshiweyo.
Kwakukho imiqathango eziindidi ezininzi ngexesha lemfazwe, kuquka ukulinganiselwa kokudla nokubekelwa imiqathango eluhambeni. Kanti, asizange siyekelele umxakatho ibe sade sakwandisa nokushumayela kwethu kwindlu ngendlu. IBritani yayinabavakalisi abangama-4 375 ngowe-1937, kodwa ngowe-1942 baye banda baya kutsho kwi-12 436. Xa ndafikayo eNgilani ngowe-1937 oovulindlela banda ukusuka kuma-201 ukuya kwi-1 488 ngowe-1942! Ngokuqinisekileyo, uYehova uye wakusikelela ngokutyebileyo oku kuhlwayela kwangethuba okwathi kwenziwa ngabashumayeli basentsimini. Ngoku, ngaphezu kweminyaka engama-50 kamva, kukho abavakali si boBukumkani abangaphezu kwe-109 000 eBritani, kuquka noovulindlela abathe ngxi abangaphezu kwama-6 000.
Sincedwa ngumoya kaYehova, ngoSeptemba 3 ukusa kowesi-7, 1941, saphumeza oko amagosa karhulumente ayethe “ngunongekh’ ehle. ” Saqhuba eBritani eyona ndibano yakhe yankulu yamaNgqina kaYehova ngaloo mihla. Kwahlanganisana abangaphezu kwe-12 000 kwiHolo iLeicester’s De Montfort nakumabala ayoayingqongileyo kanye ngethuba imfazwe eyayigquba ngalo. Le yayikwayiholo eyasetyenziswa xa kwakuqhutywa intlanganiso yaminyaka le yoMbutho ngowe-1983 eLeicester. Ngoko abangaphezu kwamawaka amathathu ethu bakhumbuzana ngamava endibano eyaqhutywa ngowe-1941 ngexesha lemfazwe.
Iofisi yaseLondon yaba liziko leembacu ebudeni bemfazwe. Imfonomfono yayo yayisoloko ikhala. Kwakukho ingxowamali yoncedo, eyayinceda abazalwana ababedutyulwe ukuba bafumane uncedo olukhawulezileyo. Kwakhona, abazalwana ababeziimbacu besuka ePoland, eJamani, eNorway, eFransi, eBelgium, eHolani nakwezinye iindawo beza eLondon apho bafumana khona uncedo. Uninzi lwaba lwathabatha inkonzo yobuvulindlela eBritani.
Ukungamkeleki
Ngokukhawuleza nje ukuba iUnited States ingenele imfazwe ngoDisemba 8, 1941, njengommi waseUnited States andizange ndiyingenele inkonzo yasemkhosini eBritani. Ngenxa yobundilele bam bobuKristu, ndandingenakuvumelana nemiyalelo eyahlukahlukeneyo eyayikhutshwa ngurhulumente waseBritani ukulungiselela imisebenzi yemfazwe. Ekugqibeleni, ngoMeyi 6, 1942, urhulumente waseBritani wandazisa ukuba ndandingamkelekanga eBritani ibe ngoko ndayalelwa ukuba ndibuyele eUnited States. NgoAgasti 1, iDaily Herald yaseLondon yayinomfanekiso wam kwiphepha layo lokuqala ndawonye nenqaku elithi “Bamxelele Ukuba ‘Makagoduke.’”
Ngentsasa yangoMvulo, ngoAgasti 24, 1942, abecuphi ababini beScotland Yard bandibamba bandikhuphela ngaphandle kwelo lizwe. Bandihambisa ngololiwe ukuya eGlasgow, eSkotlani, apho ndagcinwa kwiNtolongo eyiBarlinni eyayakhiwe ngethuba lamaxesha aphakathi. Ngosuku olulandelayo ndakhokelelwa ukuba ndikhwele kwinqanawa yaseBritani yemfazwe ehamba ngesantya esikhulu iS.S. Bilary, apho ndaqhubeka ndigciniwe. Kwathabatha iintsuku ezili-13 ukuba iqela leenqanawa zethu ezingama-52 ziwele iAtlantiki ngendlela ezigosogoso ukuphepha iinkwili zaseJamani. Sibaleka iimbumbulu zazo ezinde, safika sikhuselekile eHalifax, eKhanada! Ngoku ndikhululwe, ngosuku olulandelayo ndahamba ngololiwe ukuya eNew York, ndafika ngoSeptemba 10.
Ithuba Loxolo Lachazwa Ngokuphawulekayo Kwangaphambili
Kwandivuyisa kakhulu ukubuyela kubazalwana abaninzi abanobubele kwiBheteli yaseBrooklyn. Ndafika ngethuba ukuze ndibekho kwindibano engasokuze ilibaleke eyayiseCleveland, eOhio, ngoSeptemba 18-20, 1942. Apho, uMzalwana uN. H. Knorr, owayengumongameli omtsha woMbutho, wanikela intetho ethi “Uxolo—Ngaba Lunokuhlala Lukho?” Le ntetho yaphuhlisa ingongoma entsha ngeSityhilelo 17:8. Yatyhilwa into yokuba arnagunya Amanyeneyo ayeya kwesamela nokuba kwakuya kuvela “irhamncwa loxolo” elitsha lezizwe ngezizwe. Oku kwenzeka, emva kokuphela kwemfazwe ngowe-1945, xa kwayilwa iZizwe Ezimanyeneyo!
Isikolo SeBhayibhile Se Watchtower SaseGiliyadi
Emva kwentlanganiso yaminyaka le yequmrhu leWatch Tower Society ngo-Oktobha 1, 1942, uMzalwana uKnorr njengomongameli wabiza mna, uMaxwell G. Friend noEduardo F. Keller eofisini yakhe. Wasixelela ukuba nga-100 ntsasa kwakwenziwe isigqibo sokuba kusekwe isikolo seBhayibhile sabavangeli basemazweni kwiKingdom Farm, eseSouth Lansing, eNew York. Wathi ndandiza kuba ngulowo kubhaliswa kuye kwesi sikolo ibe ndandiza kukhonza njengosihlalo wekomiti ukuze kulungelelaniswe esi sikolo. Sasebenza noMzalwana uF. W. Franz ekuyileni uludwe olufanelekileyo lwezifundo zeBhayibhile. Oku kwaqalisa ithuba elide lokusebenzisana ngokonwabileyo naye ekuhambiseleni phambili imfundo engokweBhayibhile.
Ngentsasa yangoMvulo, ngoFebruwari 1, 1943, uMzalwana uKnorr wanikezela ngokusesikweni oko ngoku kwaziwa njengokuba siSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi, esakhiwe kwiKingdom Farm kufutshane neSouth Lansing, eseNew York. Emva kocwangciso lonikezelo, kwaqaliswa ucwangciso lwesikolo kumagumbi okufundela amane, lilinye linabafundi abangama-25. Uludwe lwezifundo lwamaKristu emfundo enenkqubelaphambili lwathabatha iiveki ezingama-20, iBhayibhile iyeyona ncwadi iphambili yesikhokelo.
Iinyanga neminyaka eyonwabisayo yokufundisisa nzulu iBhayibhile yangqineka iyintsikelelo enkulu kum. Ndikunye nabanye abaqeqeshi abazinikeleyo, ndandinombulelo omkhulu kuYehova ngeli lungelo lokufundisa nokushukumisa iintliziyo zabafundi abazinikele ngolo hlobo abamthandayo uYehova nomsebenzi wakhe! Ukuza kuthi ga ngowe-1960, kweza abafundi abangama-3 700 ababesuka kumazwe angama-70 ukuza kwandisa amagumbi ethu esikolo.
Ubomi Bomtshato
Ngoxa ndandikwiindibano “ZoBukumkani Oboyisayo” eYurophu ngowe-1955, ndavuselela ubuhlobo barn noCharlotte Bowin othandekayo, owayengomnye wabafundi bam kudidi lokuqala lwaseGiliyadi ngowe-1943. Wakhonza iminyaka eli-12 njengomvangeli wasemazweni othembekileyo kumhlaba wabantu abathetha iSpanish, kuquka iMexico ne-El Salvador. Ngoku, ekunye neqabane lakhe uJulia Clogston, wayekwezi ndibano zaseYurophu. Abazali bakaCharlotte babengamalungu entsapho yaseBheteli eBrooklyn xa babengekatshati, emva phaya ngexesha likaMzalwana uRussell. Ngoko, xa batshatayo, uMartin Bowin waba ngumveleli ohambahambayo de kwazalwa uCharlotte ngowe-1920.
NgoJanuwari 1956 uCharlotte wangenela inkonzo yaseBheteli waza wathunyelwa kwiKingdom Farm. Satshata ngoAgasti 1956. Xa uCharlotte wamithayo, iintliziyo zethu zazibuhlungu, sicinga ukuba esi yayiya kuba sisiphelo senkonzo yethu yexesha elizeleyo. Noko ke, uMzalwana uFranz wasikhuthaza, esithi: “Anonanga ekwenzeni isibeleko siqhame. Khaliphani! Kusenokwenzeka ukuba uYehova ngandlel’ ithile uya kulungelelanisa izinto ukuze niqhubeke nikwinkonzo yexesha elizeleyo.”
Kwenzeka kanye ngolo hlobo. Ndakwazi ukuqhubeka ndikwiqela labaqeqeshi beSikolo saseGiliyadi. Okokuqala sasihlala kwigumbi elincinane elihlawulelwayo, saza ngowe-1962 safudukela kwindlu entsha eyakhiwe malunga nesi-1,6 seekhilomitha ukusuka esikolweni. Unyana wethu, uJudah Ben, owazalwa ngoFebruwari 1958, wachithela iminyaka yakhe yobuntwana apho eSouth Lansing, eNew York.
Sasikuvuyela kakhulu ukukhulisa uJudah Ben, njengoko sasisoloko sizama ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile. (Efese 6:1-4) Wakhuthazelwa ukulandela uMika 6:8, kwananjengokuba ndandizabalazela ukusisebenzisa eso sibhalo ebomini bam. Kamva, uJudah waba lilungu laseBheteli lesizukulwana sesithathu waza wakhonza eBheteli kangangeminyaka eli-12. Watshata nodade omhle owayenguvulindlela, uAmber Baker, ngoJuni 1986. Ngoku bangoovulindlela eMichigan.
Isikolo Sabadala
Kwindibano yowe-1958 eyayiseYankee Stadium, uMzalwana uKnorr wavakalisa ukuvulwa kwesikolo esitsha sabadala, esasiza kwaziwa ngokuba siSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani. NgoMatshi 9, 1959, udidi lokuqala lwabafundi abangama-25 lwaqalisa izifundo zalo ezathabatha iiveki ezine kwiKingdom Farm, apho iSikolo saseGiliyadi sasikwaqhutyelwa khona. Xa iSikolo saseGiliyadi safuduselwa eBrooklyn ngoSeptemba 1960, iSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani sasala siqhutyelwa kwiKingdom Farm, apho sasinokuqeqesha khona abadala abalikhulu nyanga zonke. Ndafumanisa ukuba ukuba ngutata kwangqineka kuluncedo ekufundiseni iintlokontsapho ezazisesikolweni esitsha.
Ngowe-1967 esi sikolo safuduselwa eBheteli eBrooklyn. Kamva, ngowe-1968, sabuya sakhiwa ePittsburgh, apho, ukuza kutsho ngowe-1974, amawaka abadala abafanelekileyo afumana khona uqeqesho. Ukususela ngowe-1974 kuse phambili, esi sikolo sasiqhutywa kwiiHolo zoBukumkani ezahlukahlukeneyo kulo lonke eli lizwe. Umfazi wam nonyana babendipheleka njengokuba ndandisiya kwezi ndawo zahlukahlukeneyo. Babekhonza njengoovulindlela ngoxa ndandifundisa esikolweni.
Inkonzo Ezuke Ngakumbi
NgoNovemba 1974, ndandifundisa kwiSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani kwidolophu yasekhaya iSaginaw, eMichigan, xa ndafumana ileta endingenakuze ndiyilibale eyayivela kwiQumrhu Elilawulayo. Yayindimemela ukuba ndibe lilungu lelo qumrhu ikwamemela umkam nonyana wam ukuba bakhonze njengamalungu entsapho yaseBheteli eBrooklyn. Ngoko ngoDisemba 18, 1974, safudukela eBheteli, ndaza ndaqalisa amalungelo am amatsha enkonzo.
IQumrhu Elilawulayo lisebenza kunye kakuhle ekwalathiseni imisebenzi yazwenibanzi yamaNgqina kaYehova, ekupapasheni ukudla kokomoya ukulungiselela ukukhanyiseleka kwethu okunenkqubela, nasekwenzeni izigqibo zekomiti egwebayo. IQumrhu Elilawulayo liyadibana qho ngoLwesithathu, livule intlanganiso ngomthandazo lize licele ulwalathiso lomoya kaYehova. Kwenziwa umgudu wokwenene ukubona ukuba wonke umcimbi ophethweyo nazo zonke izigqibo ezenziwayo zivisisana neLizwi likaThixo iBhayibhile.
Njengelungu leQumrhu Elilawulayo, ndiye ndathunyelwa ukuya kutyelela amasebe awahlukahlukeneyo, njengomveleli wecandelo. Bekufudumez’ intliziyo kum ukuba ngowokuqala ukubona ukumanyana kwabantu bakaYehova kumazwe amaninzi kangako. Kwakhona kuluvuyo kum ukuhlangana kwakhona nabavangeli basemazweni abaninzi baseGiliyadi abasathembekileyo kwizabelo zabo zasemzini. Eneneni, kuwo onke amazwe, abantu bakaYehova bangabona balungileyo nabona bonwabileyo!
Ngexesha elinye uYehova wondla ngokomoya bonke abantu bakhe ngeMboniselo nangezinye iimpapasho zeBhayibhile. Konke oku kububungqina bokuba uKristu Yesu ebenguKumkani wethu olawulayo ukususela ngowe-1914 nokuba uya kusikhokelela ngokunempumelelo ngaphaya ‘kwembandezelo enkulu’ esengaphambili. Ngelokuqukumbela, noilke nina baselula ngeminyaka, ngobulumko sebenzani kwinkonzo engcwele yexesha elizeleyo ngoku! Nani niya kufumana amalungelo achwayitisayo anilindeleyo. (Mika 7:7) Ndiyakuvuyela ukundinyamekela kukaYehova kumashumi eminyaka adluleyo. Enyanisweni iintsikelelo zakhe zindityebisile. (IMizekeliso 10:22) Yonke imihla ndimbulela kakhulu uYehova ngamalungelo endinawo ekumkhonzeni kwintlangano eyalathiswa ngumoya wakhe.—ISityhilelo 7:14.
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Ndikunye neqabane lam, uBill Elrod
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Ndithathwa ngololiwe ukuya kwiNtolongo iBarlinni
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Ndikunye nomfazi wam, uCharlotte