Isahluko 8
Ukuvakalisa Iindaba Ezilungileyo Engayeki (1942-1975)
“KUBO BONKE ABATHANDI BOLAWULO LOBUTHIXO:
NgoJanuwari 8, 1942, umzalwana wethu othandekayo, uJ. F. Rutherford, ngokuthembeka uye waligqiba ikhondo lakhe lasemhlabeni . . . Okumvuyisileyo nokuye kwamthuthuzela kukubona nokwazi ukuba onke amangqina eNkosi awalandeli mntu, kodwa alandela uKumkani uKristu uYesu njengeNkokeli yawo, ibe aya kuqhubeka nomsebenzi esebenza ngokumanyeneyo.”—Ileta eyazisa ngokufa kukaMzalwan’ uRutherford.a
IINDABA zokufa kukaMzalwan’ uRutherford zakha zawothusa okwethutyana amaNgqina kaYehova ehlabathini lonke. Amaninzi ayesazi ukuba wayegula, kodwa ayengalindelanga ukuba afe ngokukhawuleza kangako. Ayebuhlungu ngokushiywa ngumzalwana wawo amthandayo kodwa ayezimisele ‘ukuqhubeka nomsebenzi’—umsebenzi wokuvakalisa uBukumkani bukaThixo. Ayengamgqali uJ. F. Rutherford njengenkokeli yawo. UCharles E. Wagner, owayesebenza kwiofisi kaMzalwan’ uRutherford, waphawula oku: “Ezindaweni zonke abazalwana babenolweyiseko oluqinileyo lokuba umsebenzi kaYehova wawungaxhomekekanga emntwini.” Sekunjalo, kwakufuneka umntu wokuthwala iimbopheleleko uMzalwan’ uRutherford awayezinyamekela njengomongameli weWatch Tower Society.
‘Ukuzimisela Ukuhlala Sisondele ENkosini’
Yayingumnqweno kaMzalwan’ uRutherford osuk’ entliziyweni ukuba amaNgqina kaYehova avakalise iindaba ezilungileyo angayeki. Ngoko phakathi kuDisemba we-1941, kwiiveki eziliqela ngaphambi kokufa kwakhe, wabizela ndawonye abalathisi abane bemibutho emibini eyintloko nengokwasemthethweni eyayisetyenziswa ngamaNgqina kaYehova waza wacebisa ukuba ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka emva kokufa kwakhe, onke amalungu amaqumrhu abalathisi omabini ahlanganiswe kwintlanganiso enye kuze kunyulwe umongameli nosekela-mongameli.
Emva kwemini ngoJanuwari 13, 1942, emva kweentsuku ezintlanu kuphela efile uRutherford, onke amalungu amaqumrhu ale mibutho mibini ahlanganisana kwiBheteli yaseBrooklyn. Kwiintsuku eziliqela ngaphambilana, usekela mongameli woMbutho, uNathan H. Knorr owayeneminyaka engama-36 ubudala, wayecebise ukuba bafune ngokunyaniseka ubulumko bukaThixo ngomthandazo nangokucamngca. Amalungu ala maqumrhu ayeqonda ukuba ngoxa umzalwana onyulwe ukuba abe ngumongameli wayeza kujongana nemicimbi engokwasemthethweni yeWatch Tower Society, wayeya kukhonza kwananjengomveleli ophambili wentlangano. Ngubani owayenazo iimfaneleko zokomoya ezifunekayo zokuthwala le mbopheleleko inzima yokunyamekela umsebenzi kaYehova? Le ntlanganiso yale mibutho yavulwa ngomthandazo, kwaza emva kokuqwalaselwa kwezibakala ngenyameko, bonke ababekho banyula uMzalwan’ uKnorr ukuba abe ngumongameli wale mibutho mibini waza uHayden C. Covington owayeneminyaka engama-30 ubudala, igqwetha loMbutho, wanyulwa ukuba abe ngusekela-mongameli.b
Ekuhambeni kwemini kwangolo suku, uW. E. Van Amburgh, unobhala okwangunondyebo woMbutho, wazisa intsapho yaseBheteli ngeziphumo zonyulo. UR. E. Abrahamson, owayekho ngeso sihlandlo, wakhumbula ukuba uVan Amburgh wathi: ‘Ndisakhumbula xa uC. T. Russell wafayo kwaza ezihlangwini zakhe kwangena uJ. F. Rutherford. INkosi yaqhubeka iwalathisa yaye iwuphumelelisa umsebenzi Wayo. Ngoku, ndilindele ukuba umsebenzi uqhubele phambili njengokuba uNathan H. Knorr engumongameli, kuba lo ngumsebenzi weNkosi, asingowamntu.’
Amalungu entsapho yaseBheteli eBrooklyn avakalelwa njani ngeziphumo zonyulo? Ileta echukumisayo awayibhala ngoJanuwari 14, 1942, umhla owawulandela unyulo, iyaphendula: “Ukutshintsha kwakhe [uRutherford] akusayi kusethisa amandla ekwenzeni umsebenzi iNkosi esabele wona. Sizimisele ukuhlala sisondelelene neNkosi yaye simanyene, siqhubeke ngamandla nemfazwe de kuse esangweni, sisilwa ngaxhatha linye. . . . Ukunxulumana kwethu ngokusenyongweni noMzalwan’ uKnorr iminyaka emalunga namashumi amabini . . . kusenza siqonde ukuba yiNkosi eyalathise ukukhethwa kukaMzalwan’ uKnorr njengomongameli yaye ngaloo ndlela siyaqonda ukuba ngothando iNkosi iyamgcina kwaye iyamnyamekela emmise ukuba agcine abantu Bayo.” Kungekudala kwikomkhulu kwagaleleka iileta neengcingo zivela ehlabathini lonke kwaye zixhasa oku.
Kwakungekho kungaqiniseki ngoko kumele kwenziwe. Kwakhutshwa inqaku elikhethekileyo kwiMboniselo (yesiNgesi) kaFebruwari 1, 1942, inkupho ekwanye naleyo yakhupha isaziso sokufa kukaJ. F. Rutherford. Lathi: “Ukuhlanganiswa kokugqibela kwabantu yiNkosi kuyaqhubeka. Makungabikho nanye into nakanye ephazamisa ukutyhalela phambili kwabantu bayo bomnqophiso kwinkonzo Yayo. . . . Ngoku ukubambelela ngokuqinileyo kwingqibelelo yethu kuThixo onguSomandla yeyona nto IBALULEKE KAKHULU.” AmaNgqina kaYehova abongozwa ukuba aqhubeke evakalisa iindaba ezilungileyo ngenzondelelo.
Kodwa ‘ukubambelela ngokuqinileyo kwingqibelelo yawo’ kwakulucelo mngeni ngokwenene ngeminyaka yee-1940. Ihlabathi lalisesemfazweni. Imiqathango yemfazwe kwimimandla emininzi yomhlaba yenza kwanzima ukuba amaNgqina kaYehova ashumayele. Ukubanjwa nokuhlaselwa ngamahlokondiba kwamaNgqina kwaqhubeka kungathothi. UHayden Covington, njengegqwetha loMbutho, wayesalathisa umlo ongokwasemthethweni, maxa wambi ekwiofisi yakhe kwikomkhulu laseBrooklyn yaye maxa wambi ekoololiwe njengoko wayehamba enyamekela amatyala angokwasemthethweni. Esebenzisana namagqwetha asekuhlaleni, njengoVictor Schmidt, uGrover Powell noVictor Blackwell, uMzalwan’ uCovington walwa ngamandla ukuze amisele amalungelo angokwasemthethweni amaNgqina kaYehova okushumayela kwindlu ngendlu nokusasaza uncwadi lweBhayibhile ngaphandle kwemiqathango yamagosa asekuhlaleni.c
Ukuvakalisa Uthumo “Lokutyhalela Phambili!”
Phezu kwako nje ukunqongophala kokutya namafutha enqwelo ngexesha lemfazwe, ekuqaleni kukaMatshi 1942, kwavakaliswa amalungiselelo eNdibano Yolungelelwaniso Lobuthixo Lwehlabathi Elitsha, eyayiza kuqhutywa ngoSeptemba 18-20. Ukwenza uhambo lube lula, kwakhethwa izixeko zendibano ezingama-52 kulo lonke elaseUnited States, inkoliso yazo inxityelelaniswe ngeentambo zemfonomfono neCleveland, eOhio, isixeko esiphambili. Malunga nelo xesha, amaNgqina kaYehova ahlanganisana kwezinye izixeko ezingama-33 emhlabeni wonke. Yayiyintoni injongo yale ndibano?
‘Asihlanganisenanga apha ukuze sicamngce ngexesha elidluleyo okanye ngoko kwenziwe ngabantu abathile,’ watsho usihlalo, uMzalwan’ uCovington, kumagqabaza akhe okutshayelela ucwangciso lokuvula. Emva koko, watshayelela intetho engumxholo eyayisithi, “Ukukhanya Okukuphela Kwako,” eyayisekelwe kuIsaya isahluko 59 nesama-60, eyanikelwa nguMzalwan’ uFranz. Sibhekisela kumyalelo kaYehova obuprofeti owabhalwa nguIsaya, ngehlombe isithethi sathi: “Ngoko, nalu ke uthumo ‘Lokutyhalela phambili’ luvela kwelona Gunya Liphakamileyo lokuba siqhubeke [nomsebenzi] walo wokunikela ubungqina nokuba kwenzeka ntoni na ngaphambi kokuba iArmagedon ifike.” (Isa. 6:1-12) Eli yayingeloxesha lakudangala nakuphumla.
“Kukho umsebenzi ongakumbi omele wenziwe; umsebenzi omninzi!” watsho uN. H. Knorr kwintetho elandelayo yocwangciso. Ukuze ancede abaphulaphuli bakhe kwintsabelo yabo kuthumo “Lokutyhalela phambili,” uMzalwan’ uKnorr wavakalisa ukukhutshwa kohlelo lwenguqulelo yeBhayibhile iKing James, olushicilelwe koomatshini bokushicilela boMbutho yaye luphelele kunye nesalathi-magama esenziwe ngokukhethekileyo ukuze sisetyenziswe ngamaNgqina kaYehova kubulungiseleli bawo basentsimini. Ukukhutshwa kwaloo Bhayibhile kwabonisa umdla onyanisekileyo kaMzalwan’ uKnorr wokushicilela nokusasaza iBhayibhile. Enyanisweni, emva kokuba ngumongameli woMbutho ekuqaleni kuloo nyaka, uMzalwan’ uKnorr wayekhawuleze wafuna amalungelo okushicelela le nguqulelo waza walungelelanisa amalungiselelo okwenziwa kwesalathi-magama nezinye izinto. Kwiinyanga nje ezimbalwa olu hlelo lukhethekileyo lweKing James Version lwalulungele ukukhutshwa endibanweni.
Ngosuku lokugqibela lwendibano, uMzalwan’ uKnorr wanikela intetho ethi “Uxolo—Ngaba Lunokuhlala Luhleli?” Kuyo wanikela ubungqina obeyisayo ngokusuka kwiSityhilelo 17:8 bokuba iMfazwe Yehlabathi II, eyayigquba ngelo xesha, yayingayi kukhokelela kwiArmagedon, njengoko abanye babecinga, kodwa imfazwe yayiya kuphela kuze kubekho ixesha loxolo. Kwakusekho umsebenzi ekufuneka wenziwe ekuvakaliseni uBukumkani bukaThixo. Abo babeze endibanweni baxelelwa ukuba ukuze kunyanyekelwe ulwando olwalulindelekile entlanganweni, ukususela kwinyanga elandelayo uMbutho wawuza kuthumela “izicaka ezikhonza abazalwana” ukuba zisebenze namabandla. Ibandla ngalinye laliza kutyelelwa kanye kwiinyanga ezintandathu.
“Loo Ndibano Yolungelelwaniso Lobuthixo Lwehlabathi Elitsha yayimanyanisa ngokuqinileyo intlangano kaYehova ukuze ilungele umsebenzi owawungaphambili,” utsho uMarie Gibbard, owayekho eDallas, eTexas, kunye nabazali bakhe. Ibe kwakukho umsebenzi omninzi owawumele wenziwe. AmaNgqina kaYehova ayekhangele phambili kwixesha loxolo elaliza kufika. Ayezimisele ukuqhubeka engaxengaxengi ukutyhubela inkcaso nentshutshiso, evakalisa iindaba ezilungileyo engayeki!
Ixesha Lemfundo Eyandisiweyo
Ayesebenzisa iqweqwe lokunikela ubungqina negramafoni xa eshumayela kwindlu ngendlu, kodwa ngaba ingqina likaYehova ngalinye lalinokubuphucula ubuchule balo bokucacisa ngokusuka eZibhalweni izizathu zethemba elalinalo? Umongameli wesithathu woMbutho, uN. H. Knorr, wayecinga njalo. UC. James Woodworth, uyise owayengumhleli weThe Golden Age neConsolation kangangeminyaka, wakubeka ngolu hlobo: “Ngoxa ngemihla kaMzalwan’ uRutherford kwakugxininiswa kwelokuba ‘Unqulo Lusisabatha Nesirhintyelo,’ ngoku kwakuqalisa ixesha lolwando ehlabathini lonke, yaye ukufundiswa—ngeBhayibhile nangentlangano—kwaqalisa ngomlinganiselo owawungekaziwa ngabantu bakaYehova ngoko.”
Ixesha lemfundo laqalisa phantse zisuka nje. NgoFebruwari 9, 1942, malunga nenyanga emva kokunyulwa kukaN. H. Knorr ukuba abe ngumongameli woMbutho, kwenziwa isaziso esichukumisayo kwiBheteli yaseBrooklyn. EBheteli kwakwenziwe amalungiselelo eZifundo Ezikumgangatho Ophakamileyo kuBulungiseleli Bobuthixo—isikolo esasibalaselisa uphando lweBhayibhile nokuthetha esidlangalaleni.
Kunyaka olandelayo, kwenziwa amalungiselelo okuba isikolo esifanayo siqhutywe kumabandla asekuhlaleni amaNgqina kaYehova. KwiNdibano “Yokumenyelwa Esenzweni” eyaqhutywa kulo lonke elaseUnited States ngomhla we-17 nowe-18 kuAprili, 1943, kwakhutshwa incwadana ethi Course in Theocratic Ministry. Ibandla ngalinye labongozwa ukuba liqalise esi sikolo sitsha, yaye uMbutho wamisela abo bangabayaleli ukuba basebenze njengoosihlalo yaye baluleke ngendlela eyakhayo kwiintetho zabafundi ezazinikelwa ngamadoda abhalisileyo. Kungakhange kube thuba lide, ezi zifundo zaguqulelwa zaza zasetyenziswa nakwamanye amazwe.
Ngenxa yoku, izithethi ezifanelekayo eziqeqeshwe kwesi sikolo sobulungiseleli zaqalisa ukuba nesabelo kwiphulo lokunikela iintetho esidlangalaleni ehlabathini lonke ngenjongo yokuvakalisa isigidimi soBukumkani. Kamva abaninzi baba bakwazi ukusebenzisa uqeqesho lwabo kakuhle njengezithethi ezindibanweni nasekunyamekeleni iimbopheleleko ezinzima zentlangano.
Phakathi kwabo kwakukho uAngelo C. Manera, Omnci., owaba ngumveleli ohambahambayo kangangeminyaka emalunga nama-40. Wayengomnye wabokuqala ukubhalisa esikolweni kwibandla awayekulo, yaye waphawula oku: “Abo kuthi babesiya ezintlanganisweni yaye besiya nakwinkonzo yasentsimini iminyaka emininzi lingekho eli lungiselelo balijonga njengenyathelo elikhulu kwinkqubela yethu neyentlangano.”
Mayela noqeqesho awalufumana kwisikolo esasekwa kwiBheteli yaseBrooklyn ngowe-1942, uGeorge Gangas, owayengumguquleli wesiGrike ngelo xesha, kamva wathi: “Ndikhumbula ukuqala kwam ukunikela intetho yemizuzu emithandathu. Ndandingazithembanga ndaza ndayibhala phantsi. Kodwa xa ndaphakamayo ukuba ndiyinikele, ndafikelwa kukoyika abaphulaphuli ndaza ke ndathintitha yaye ndashwantshwatha, ndalibala noko ndandifuna ukukuthetha. Ndandula ke ndabhenela ekufundeni umbhalo-ngqangi. Kodwa izandla zam zazingcangcazela kangangokuba imigca yayisihla inyuka!” Sekunjalo, akazange anikezele. Ekuhambeni kwethuba, wayenikela iintetho phambi kwabaphulaphuli abaninzi abeze ezindibanweni ibe wade wakhonza nanjengelungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova.
Isikolo Esisekelwe Elukholweni
NgoSeptemba 24, 1942, kwathatyathwa inyathelo elibhekele phaya kwixesha lemfundo eyandisiweyo. Kwintlanganiso yamaqumrhu abalathisi bale mibutho mibini ingokwasemthethweni, uMzalwan’ uKnorr wacebisa ukuba uMbutho useke esinye isikolo, usebenzisa isakhiwo esasakhiwe kwiFama YoBukumkani, kuMzantsi Lansing, eNew York, kwiikhilomitha ezingama-410 kumntla-ntshona wesiXeko saseNew York. Injongo yesi sikolo yayiza kuba kukuqeqesha abavangeli basemazweni ababeza kukhonza kumazwe asemzini apho kwakukho imfuneko enkulu yabavakalisi boBukumkani. Eli cebiso lamkelwa ngamxhelo mnye.
UAlbert D. Schroeder, ngoko owayeneminyaka engama-31 ubudala, watyunjwa njengalowo uya kwamkela abafundi waza wakhonza njengosihlalo wekomiti eyayiza kwenza amalungiselelo esi sikolo sitsha. Uthi: “Kwowu, hayi indlela iintliziyo zethu ezazaliswa yimincili ngayo sesi sabelo sitsha simangalisayo!” Abayaleli baxakeka zisuka nje; babeneenyanga ezine kuphela ukuba balungiselele izifundo, baze bahlanganise ithala leencwadi. UMzalwan’ uSchroeder, ngoku okhonza njengelungu leQumrhu Elilawulayo, uyacacisa: “Esi sikolo semfundo ebhekele phaya yobuKristu sasigubungela iiveki ezingama-20, incwadi yesikhokelo ephambili iyiBhayibhile.”
NgoMvulo, ngoFebruwari 1, 1943, usuku lwasebusika olwalubanda kummandla osemantla eNew York, iklasi yokuqala yaqalisa, inabafundi abali-100. Esi yayisisikolo esisekelwe elukholweni ngokwenene. Ekubeni iMfazwe Yehlabathi II yayiqhubeka, zazimbalwa gqitha iindawo ehlabathini ekwakunokuthunyelwa kuzo abavangeli basemazweni. Kodwa, ngentembelo epheleleyo yokuba kwakuza kubakho ixesha loxolo ababenokusetyenziswa ngalo, abo babeza kuba ngabavangeli basemazweni baqeqeshwa.
Ukulungelelaniswa Ngokutsha Emva Kwemfazwe
NgoMeyi 1945 ungquzulwano olwaluqhubeka ngeMfazwe Yehlabathi II lwaphela eYurophu. Kwiinyanga ezine kamva, ngoSeptemba, umlo waphela kwiPasifiki. IMfazwe Yehlabathi II yayiphelile. Ngo-Oktobha 24, 1945, kwisithuba esingaphezulwana kweminyaka emithathu emva kokuba umongameli woMbutho enikele intetho ethi “Uxolo—Ngaba Lunokuhlala Luhleli?” uMgaqo-siseko weZizwe Ezimanyeneyo waqalisa ukusebenza.
Iingxelo ezingomsebenzi wamaNgqina kaYehova eYurophu zazisele ziqalisile ukuvakala. Ngendlela eyabamangalisayo abazalwana noodade bawo ehlabathini lonke, umsebenzi wokuvakalisa uBukumkani wawuqhubeka kumazwe aseYurophu nangona kwakukho imfazwe. IMboniselo (yesiNgesi) kaJulayi 15, 1945, yanikela le ngxelo: “Ngowe-1940 iFransi ibinabavakalisi abangama-400; ngoku bali-1 100 abathetha ngoBukumkani. . . . Ngowe-1940 eHolland bekukho abavakalisi abangama-800. Amakhulu amane abo aya kuphoswa kwiinkampu zoxinaniso eJamani. Abo bebesele ngasemva bebethetha ngoBukumkani. Ngawuphi umphumo? Kwelo lizwe ngoku kukho abavakalisi boBukumkani abangama-2 000.” Ngoku umnyango ovulekileyo wenkululeko wavula amathuba okuzivakalisa ngokubhekele phaya iindaba ezilungileyo, kungekhona eYurophu kuphela kodwa ehlabathini lonke. Noko ke, okokuqala kwakufuneka kwenziwe umsebenzi omkhulu wokwakha ngokutsha nokulungelelanisa ngokutsha.
Exhalabele ukuhlola iintswelo zamaNgqina kaYehova kumazwe athwaxwe yimfazwe, umongameli woMbutho, ekunye nonobhala wakhe, uMilton G. Henschel, ngoNovemba 1945 baqalisa uhambo lokukhenketha eBritani, eFransi, eSwitzerland, eBelgium, eNetherlands nakumazwe aseScandinavia ukuze bakhuthaze abazalwana nokuze bahlole iiofisi zamasebe oMbutho.d Injongo yabo yayikukulungelelanisa ngokutsha izinto emva kwemfazwe. Kwenziwa amalungiselelo okuthumela uncwadi kwanokutya nempahla kubazalwana ababeswele. Iiofisi zamasebe zasekwa kwakhona.
UMzalwan’ uKnorr waqonda kakuhle ukuba kwakufuneka amasebe alungelelaniswe ukuze aqhubeke ehamba ngesantya esifanayo nenkqubela eyayisenziwa kumsebenzi wokushumayela. Ubuchule bakhe bemvelo bokulungelelanisa basetyenziswa ngokupheleleyo ekwandiseni izakhiwo zamasebe oMbutho ehlabathini lonke. Ngowe-1942, xa waqalisa ukuba ngumongameli, kwakukho iiofisi zamasebe ezingama-25. Ngowe-1946, phezu kwako nje ukuvalwa komsebenzi nokuthintelwa ngeMfazwe Yehlabathi II, kwakukho amasebe kumazwe angama-57. Kwiminyaka engama-30 elandelayo, ukuza kuthi ga ngowe-1976, inani lamasebe landa laya kutsho kuma-97.
Ukuxhotyiselwa Ukuba Ngabafundisi
Emva kokukhenketha kwakhe amazwe ngamazwe emva kwemfazwe, umongameli woMbutho wabona ukuba amaNgqina kaYehova kwakufuneka akuxhotyiselwe kakuhle ukuba ngabafundisi beLizwi likaThixo. Kwakufuneka imfundo engakumbi yeBhayibhile kunye nezixhobo ezifanelekileyo ezaziya kusetyenziswa kubulungiseleli basentsimini. Ezo zinto zazifuneka kwahlangatyezwana nazo ngokukhawuleza kwixesha lasemva kwemfazwe.
KwiNdibano Yobuthixo YeeNtlanga Ezivuyayo, eyaqhutyelwa eCleveland, eOhio, ngoAgasti 4-11, 1946, uMzalwan’ uKnorr wanikela intetho ethi “Ukuxhobela Wonke Umsebenzi Olungileyo.” Bonke abaphulaphuli bachukumiseka xa wabuza imibuzo enjengethi: “Ngaba bekungayi kuba luncedo gqitha ukuba nenkcazelo echaza nganye yeencwadi ezingamashumi amathandathu anesithandathu zeBhayibhile? Ngaba bekungayi kusinceda ekuqondeni iZibhalo ukwazi ukuba ngubani owabhala incwadi nganye yeBhayibhile? ukwazi ukuba ncwadi nganye yabhalwa nini? yabhalelwa phi?” Bonke babelindele lukhulu xa wandula wathi: “Bazalwana, ninayo yonke loo nkcazelo nengakumbi kwincwadi entsha enomxholo othi ‘Equipped for Every Good Work’!” Eso saziso salandelwa yintswahla yezandla. Le mpapasho intsha yayiza kuba yincwadi esisikhokelo kwisikolo sobulungiseleli esiqhutywa emabandleni.
AmaNgqina kaYehova ayengaxhotyiswanga ngempapasho yokwenza nzulu ulwazi lwawo lweZibhalo kuphela kodwa ayekwanikwe nezinto ezaziza kuwanceda ngokungathethekiyo entsimini. Indibano yowe-1946 iya kuhlala ikhunjulwa ngokukhutshwa kwenkupho (yesiNgesi) yokuqala kaVukani! Eli phephancwadi litsha lalithabatha indawo yeConsolation (ngaphambili eyayisaziwa ngokuba yiThe Golden Age). Kwakhona kwakhutshwa (ngesiNgesi) incwadi ethi “UThixo Makabe Nenyaniso.”e UHenry A. Cantwell, kamva owakhonza njengomveleli ohambahambayo, uyacacisa: “Kwakusele kulithuba siyifuna gqitha incwadi eyayinokusetyenziswa ngokunempumelelo ekuqhubeni izifundo zeBhayibhile nabantu abasandula ukuba nomdla, incwadi eyayiza kuchaza iimfundiso zeBhayibhile ezisisiseko. Ngoku ekubeni kwakukhutshwe incwadi ethi ‘UThixo Makabe Nenyaniso,’ sasifumene eyona nto sasiyifuna.”
Exhotyiswe ngezinto zokufundisa eziluncedo ngolo hlobo, amaNgqina kaYehova ayelindele ulwando olungakumbi. Ethetha kuloo ndibano ngomxholo othi “Iingxaki Zokwakha Ngokutsha Nokwandisa,” uMzalwan’ uKnorr wacacisa ukuba ebudeni beminyaka yemfazwe ebisehlabathini lonke, imigudu yokunikela ubungqina ibingemanga. Ukususela ngowe-1939 ukusa kowe-1946, inani labavakalisi boBukumkani lalande phantse nge-110 000. Ukuze kuhlangatyezwane nemfuneko eyandayo yoncwadi lweBhayibhile ehlabathini lonke, uMbutho wawuceba ukwandisa umzi-mveliso neKhaya laseBheteli eBrooklyn.
Ixesha elalilindelwe loxolo lwehlabathi laliqalisile. Ixesha lolwando ehlabathini lonke nokufundisa ngeBhayibhile laliqalisile. AmaNgqina kaYehova abuyela emakhaya ukusuka kwiNdibano Yobuthixo Yeentlanga Ezivuyayo ekuxhobele ngakumbi ukuba ngabafundisi beendaba ezilungileyo.
Ukuvakaliswa KoBukumkani Kuhambela Phambili
Becinga ngolwando oluqhubekayo ehlabathini lonke, ngoFebruwari 6, 1947, umongameli woMbutho nonobhala wakhe, uMilton G. Henschel, baqalisa ukhenketho lwenkonzo lwehlabathi olwagubungela iikhilomitha ezingama-76 916. Olu khenketho lwaya kubafikisa kwiziqithi zePasifiki, eNew Zealand, eOstreliya, kuMzantsi-mpuma Asia, eIndiya, kuMbindi Mpuma, kummandla weMeditera, kuMbindi nakwiNtshona Yurophu, kumazwe aseScandinavia, eNgilani naseNewfoundland. Yayisisihlandlo sokuqala ukususela ngowe-1933 ukuba abameli boMbutho abasebenza kwikomkhulu eliseBrooklyn bakwazi ukutyelela abazalwana babo eJamani. AmaNgqina kaYehova ehlabathini lonke ayehambisana naba bakhenkethi babini njengoko iingxelo zolu khenketho zazipapashwa kwiinkupho zeMboniselo (yesiNgesi) ebudeni bowe-1947.f
UMzalwan’ uHenschel, ngoku olilungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova, uyacacisa: “Kwakukokokuqala ukuba sifumane ithuba lokuqhelana nabazalwana bethu baseAsia nabakwezinye iindawo nokuba sibone iintswelo zabo. Sasicinga ngokuthumela abavangeli basemazweni, ngoko kwakufuneka sizazi iimeko ababeza kujamelana nazo noko babeza kukufuna.” Emva kolo khenketho, abavangeli basemazweni abaqeqeshwe eGiliyadi bathi gqolo besiya kumazwe asemzini ukuze bakhokele kumsebenzi wokuvakalisa ngoBukumkani. Yaye imiphumo yayichukumisa. Kwiminyaka emihlanu elandelayo (1947-52), inani labashumayeli boBukumkani ehlabathini lonke laphindeka ngaphezu kwezihlandlo ezibini, ukusuka kuma-207 552 ukuya kuma-456 265.
Ukwanda Kolawulo Lobuthixo
NgoJuni 25, 1950, imikhosi yeDemocratic People’s Republic of Korea yahlasela emazantsi eRepublic of Korea. Ekugqibeleni, kwathunyelwa imikhosi esuka kwamanye amazwe ali-16. Kodwa njengoko imfazwe yayithelekisa amazwe amakhulu ehlabathi, amaNgqina kaYehova ayelungiselela ukuhlanganisana kwindibano yezizwe ngezizwe eyayiza kubonisa kungekuphela nje umanyano lwawo lwazwenibanzi kodwa kwanokuba uYehova wayewasikelela ngolwando.—Isa. 60:22.
INdibano Yolwando Lolawulo Lobuthixo yayiza kuba ngoJulayi 30 ukusa kuAgasti 6, 1950. Le yayiza kuba yeyona ndibano inkulu kwezakha zaqhutywa ngamaNgqina kaYehova kwindawo enye ukuza kuthi ga ngelo xesha. Iindwendwe ezimalunga ne-10 000 ezivela eYurophu, eAfrika, eAsia, kuMbindi noMzantsi Merika, kwiziqithi zePasifiki—xa ewonke ingamazwe awahlukahlukeneyo angama-67—zahlanganisana eYankee Stadium kwisiXeko saseNew York. Inani eliyincopho labantu ababeze kwintetho yesidlangalala abali-123 000—xa lithelekiswa nencopho yabantu abangama-80 000 ababeze kwiNdibano Yobuthixo Yeentlanga Ezivuyayo—lalibubungqina obuchukumisayo bolwando.
Into ephawulekayo kulwando lwamaNgqina kaYehova ibikukushicilelwa nokusasazwa kweLizwi likaThixo. Elona nyathelo libalulekileyo kule nkalo lafikelelwa ngoAgasti 2, 1950, xa uMzalwan’ uKnorr wenza isaziso sokukhutshwa kwenguqulelo ebhalwe ngolwimi lwezi mini iNew World Translation of the Christian Greek Scriptures ngesiNgesi. Ababekho endibanweni bachwayitiswa kukuva ukuba le nguqulelo intsha ilibuyisele igama likaThixo elithi Yehova izihlandlo ezingama-237 kumbandela osusela kuMateyu ukusa kwiSityhilelo! Xa sasiqukumbela intetho yaso, isithethi senza esi sibongozo sishukumisayo: “Thabathani le nguqulelo. Yifundeni yonke. Yifundisiseni, kuba iza kuninceda niliqonde kakuhle ngakumbi iLizwi likaThixo. Yisasazeni nakwabanye.” Kwakuza kongezelelwa nezinye izinto kwiminyaka elishumi elandelayo, ukuze ekugqibeleni amaNgqina kaYehova abe nenguqulelo echanileyo nekulula ukuyifunda yeBhayibhile epheleleyo awayenokuyinikela ngehlombe kwabanye.
Ngaphambi kokushiya isixeko sendibano, ababeze endibanweni bamenywa ukuba bakhenkethe ikomkhulu elitsha leBheteli elise-124 Columbia Heights nomzi-mveliso wokushicilela owandiswe kakhulu e-117 Adams Street. Zakhiwe ngemali eyayivela kumaNgqina ehlabathini lonke, ezi zakhiwo zitsha zawuphelelisa umsebenzi omkhulu wokwandisa owawuchazwe waza wamkelwa ngehlombe kwindibano yowe-1946 eyayiseCleveland. Ngelo xesha amaNgqina kaYehova ayengabuqondi ubungakanani bolwando olwaluseza kubakho, kungekuphela nje eBrooklyn, kodwa ehlabathini lonke. Kwakuza kufuneka izakhiwo zokushicilela ezingakumbi nezikhulu ngakumbi ukuze kunyanyekelwe abavakalisi boBukumkani ababesoloko besanda.
Uqeqesho Olucokisekileyo Kubulungiseleli Bendlu Ngendlu
KwiNdibano Yebutho Lehlabathi Elitsha, eyaqhutyelwa kwisiXeko saseNew York, ngoJulayi 19-26, 1953, amaNgqina kaYehova alungiselelwa iimpapasho ezintsha ukuze azifundele nokuze azisebenzise ngokukodwa ekuvakaliseni uBukumkani kwindlu ngendlu. Ngokomzekelo, ukukhululwa kwencwadi ethi “Make Sure of All Things” kwamkelwa ngentswahla yezandla ngabantu abali-125 040 ababekho ngoMvulo, ngoJulayi 20. Isisixhobo esiluncedo kwinkonzo yasentsimini, le ncwadi ilingene ipokotho nenamaphepha angama-416 ihlanganisa izibhalo ezingaphezu kwama-4 500 ngaphantsi kwemixholo eziintloko engama-70. Ngoku amaNgqina kaYehova ayenokuzifumana lula iimpendulo zeZibhalo kwimibuzo ephakanyiswa kumsebenzi wawo wokushumayela kwindlu ngendlu.
Kusasa ngoLwesithathu kwintetho ethi “Umsebenzi Ophambili Wabo Bonke Abakhonzi,” uMzalwan’ uKnorr wazisa ngelinye inyathelo kumsebenzi wokufundisa oqhubekayo wamaNgqina kaYehova—uqeqesho olucokisekileyo lwendlu ngendlu olwaluza kuqhutywa kuwo onke amabandla. Abavakalisi abanamava ngakumbi bacelwa ukuba bancede abangenamava kangako babe ngabavakalisi boBukumkani abathe rhoqo nabanempumelelo kwindlu ngendlu. Le nkqubo igubungela izinto ezininzi yaqalisa ngoSeptemba 1, 1953. UJesse L. Cantwell, umveleli ohambahambayo owaba nenxaxheba kumsebenzi woqeqesho, waphawula oku: “Le nkqubo yabanceda ngokwenene abavakalisi ukuba babe nobuchule ngakumbi.”
Kwiinyanga ezalandelayo emva koJulayi 1953, kwaqhutywa ezinye iindibano ezingakumbi kuwo omahlanu amazwekazi omhlaba, kuqhutywa ucwangciso olukwalunye olulungiselelwe iimeko zasekuhlaleni. Ngaloo ndlela uqeqesho olucokisekileyo kubulungiseleli bendlu ngendlu lwaqaliswa kumabandla amaNgqina kaYehova kulo lonke ihlabathi. Kwangaloo nyaka inani labavakalisi boBukumkani lafikelela incopho yama-519 982.
Ukuhlangabezana Neemfuno Zolwando Ehlabathini Lonke
Phakathi kwiminyaka yee-1950, kwenziwa amalungiselelo angakumbi okunyamekela ulwando olukhawulezayo kwintlangano. Ngaphezu kweminyaka elishumi, uN. H. Knorr wayetyhutyhe ihlabathi ehlola indlela asebenza ngayo amasebe. Oku kuhamba ngolu hlobo kwenza lukhulu ukuqinisekisa ukuba umsebenzi uvelelwa ngokufanelekileyo kwilizwe ngalinye nokuqinisa ukumanyana kwamaNgqina kaYehova ehlabathini lonke. UMzalwan’ uKnorr wayebathanda ngokunzulu abavangeli basemazweni nabo bakhonza kumasebe asehlabathini lonke. Naphi na, apho wayesiya khona wayezinika ixesha lokuthetha nabo ngeengxaki neentswelo zabo nokubakhuthaza kubulungiseleli babo. Kodwa ngowe-1955, iWatch Tower Society yayineeofisi zamasebe ezingama-77 nabavangeli basemazweni abaqeqeshwe eGiliyadi abali-1 814 abakhonza kumazwe awahlukahlukeneyo ali-100. Eqonda ukuba oku wayengasenakukwazi ukukusingatha eyedwa, uMzalwan’ uKnorr wathabatha amanyathelo okuquka nabanye kulo msebenzi ubalulekileyo wokutyelela amasebe namakhaya abavangeli basemazweni.
Kwenziwa amalungiselelo okwahlulahlula umhlaba ube ngamacandelo alishumi, kwicandelo ngalinye kuqukwa amasebe oMbutho aliqela. Abazalwana abafanelekayo abasuka kwiofisi eseBrooklyn nabaveleli bamasebe abanamava bamiselwa ukuba babe zizicaka zamacandelo (ngoku ezibizwa ngokuba ngabaveleli bamacandelo) yaye baqeqeshelwa lo msebenzi nguMzalwan’ uKnorr. NgoJanuwari 1, 1956, owokuqala wezi zicaka zamacandelo wayiqalisa le nkonzo intsha yokutyelela amasebe. Ngowe-1992, ngabazalwana abangaphezu kwama-30, kuquka namalungu eQumrhu Elilawulayo, abebekhonza njengabaveleli bamacandelo.
Ukufundisa Ngokuthanda KukaThixo
Ngehlobo lowe-1958, kwakubonakala ngathi kungakho imfazwe kuMbindi Mpuma. Phezu kwako nje ukuba nkenenkene kwamaqhina onxibelelwano phakathi kwamazwe ngamazwe, amaNgqina kaYehova ayelungiselela ukuhlanganisana kwindibano yezizwe ngezizwe eyayiza kuwafundisa ngakumbi ngokuthanda kukaThixo. Kwakhona le yayiza kuba yeyona ndibano yawo yakha yankulu iqhutyelwa kwisixeko esinye.
Iindwendwe ezafikelela incopho yabantu abangama-253 922 nezazivela kumazwe ali-123 zathontelana eYankee Stadium nasePolo Grounds kwisiXeko saseNew York zize kwiNdibano Yezizwe Ngezizwe Yokuthanda KukaThixo, eyayingoJulayi 27 ukusa kuAgasti 3. IDaily News kaJulayi 26, 1958 yaseNew York yathi: “AmaNgqina KaYehova Afika Ngamanani Anokuzalisa Amabala Ezemidlalo. Oololiwe abasibhozo abakhethekileyo, ooduladula abaqashiweyo abangama-500 neenqwelo mafutha ezili-18 000 zizisa abantu, singazibalanga iinqanawa ezimbini neenqwelo-moya ezingama-65 ezaziqashiwe.”
Abavangeli basemazweni abaqeqeshwe eGiliyadi babelazisile ikomkhulu loMbutho ngocelo mngeni ababejamelene nalo ekufundiseni inyaniso yeBhayibhile kwabo babengaqhelananga neenkolelo neemfundiso zeecawa zeNgqobhoko. Babenga banganempapasho eyayinokucacisa iimfundiso eziyinyaniso zeBhayibhile, kodwa kube lula ukuyifunda nokuyiqonda! Iindwendwe ezili-145 488 ezazikho emva kwemini ngoLwesine, ngoJulayi 31, zavuya gqitha xa uMzalwan’ uKnorr wavakalisa ukukhutshwa kwencwadi entsha (ngesiNgesi) ethi Ukusuka kwiParadisi Ilahlekile Kuye kwiParadisi Ibe Yazuzeka.
UMzalwan’ uKnorr wabongoza bonke ukuba bayisebenzise kubulungiseleli basentsimini le ncwadi intsha. Kwakhona wacebisa esithi abazali babeya kuyifumana iluncedo ekufundiseni abantwana babo inyaniso yeBhayibhile. Abazali abaninzi balamkela eli cebiso. UGrace A. Estep, umfundisi-ntsapho owakhulela kwidolophana ekufutshane nePittsburgh, ePennsylvania, wathi: “Incwadi IParadisi ibisoloko isezandleni zabantwana abaninzi ngoxa bekhula beyiphatha xa besiya kwiintlanganiso, beyibonisa abantwana abadlala nabo, bekwazi ukubalisa, amabali eBhayibhile amaninzi ngokujonga imifanekiso kuphela ngaphambili lee kokuba bakwazi ukufunda.”
Abafundi beLizwi likaThixo abasele behambele phambili nabo babelungiselelwe ukudla okuqinileyo. Xa wayequkumbela intetho yakhe eshukumisayo ethi “Makwenzeke Ukuthanda Kwakho,” abaphulaphuli bachwayitiswa kukuvakalisa kukaMzalwan’ uKnorr ukukhutshwa kwencwadi entsha (ngesiNgesi) enomxholo othi “Mayenziwe iNtando Yakho eMhlabeni.” Le mpapasho intsha, eyayiqulethe uhlolisiso oluneenkcukacha lwencwadi kaDaniyeli, yafundisa abafundi bayo indlela ukuthanda kukaThixo okwenziwe ngayo nokwenziwa ngayo ngoku. Isithethi sathi: “Niza kukunandipha gqitha ukuyifunda le ncwadi!” Ngentswahla yezandla loo nginginya yabaphulaphuli abali-175 441 yavakalisa ukukuvuyela kwayo ukufumana esi sixhobo sitsha esasiza kulwenza lube nzulu ngakumbi uxabiso lwayo ngokuthanda kukaThixo!
Kumagqabaza akhe okuqukumbela, uMzalwan’ uKnorr wachaza iinkqubo zokufundisa ezingakumbi nezikhethekileyo ezaziza kuba yingenelo kwintlangano ehlabathini lonke. Lo kaKnorr wathi: “Umsebenzi wokufundisa awunciphi, kodwa kunoko uhambela phambili.” Wachaza ngamalungiselelo oqeqesho lweenyanga ezilishumi olwaluza kwenziwa eBrooklyn kubaveleli bamasebe oMbutho kulo lonke ihlabathi. Kwakhona, kumazwe amaninzi ehlabathini jikelele, kwakuza kubakho izifundo zenyanga enye zokuqeqesha abaveleli abahambahambayo nabo bavelela amabandla. Kwakutheni ukuze kufuneke imfundo engaka? Wacacisa: “Sifuna ukuphucula ukuqonda kwethu, ukuze sizazi nzulu iingcinga zikaYehova njengokuba ezichaze eLizwini lakhe.”
Umsebenzi wokulungiselela izifundo ezaziza kufundiswa kwezi nkqubo zoqeqesho waqaliswa kwangoko. Kwiinyanga ezisixhenxe kamva, ngoMatshi 9, 1959, iklasi yokuqala yesikolo esitsha, iSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani, yaqalisa kuMzantsi Lansing, eNew York, indawo esasikuyo iSikolo saseGiliyadi. Oko kwaqala apho kungekudala kwafikelela kulo lonke ihlabathi njengokuba esi sikolo sisandul’ ukusungulwa sasisetyenziselwa ukuqeqesha abo bavelela amabandla.
Ukuqiniselwa ‘Ukulumela Ngokuqinileyo Ukholo’
Ebudeni beminyaka yee-1960, ibutho labantu laliphehluzeliswa ziinguqulelo kwezonqulo nasentlalweni. Abefundisi babesithi iinxalenye ezithile zeBhayibhile ziintsomi okanye ziphelelwe lixesha. Ingcamango yokuba “uThixo ufile” yaya ithandwa kakhulu. Ibutho labantu latshona alavela nangonwele ekuziphatheni okubi ngokwesini. NgeMboniselo nezinye iimpapasho kwakunye nocwangciso lweendibano, abantu bakaYehova baqiniswa ukuba ‘balumele ngokuqinileyo ukholo’ ebudeni baloo minyaka ilishumi yezidubedube.—1 Kor. 16:13.
Kungcelele lweendibano olwaqhutywa ehlabathini lonke ngowe-1963, intetho ethi “Incwadi ‘Yeendaba Ezilungileyo Ezingunaphakade’ Iyingenelo” yayimela iBhayibhile kwintlaselo yabagxeki. Isithethi sacacisa: “Akuyomfuneko ukuba abo bagxeka iBhayibhile basixelele ukuba le ncwadi yabhalwa ngabantu. Ngokunyanisekileyo iBhayibhile ngokwayo iyasixelela eso sibakala. Kodwa into eyenza le ncwadi yahluke kuzo zonke ezinye iincwadi ezibhalwe ngabantu kukuba iBhayibhile Engcwele ‘iphefumlelwe nguThixo.’” (2 Tim. 3:16, 17) Le ntetho ichukumisayo yakhokelela ekukhutshweni kwencwadi (ngesiNgesi) ethi “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo.” Le mpapasho intsha yayixubusha ngencwadi nganye yeBhayibhile, ichaza imvelaphi yencwadi, njengegama lowayibhalayo, ixesha nendawo eyabhalelwa kuyo, nobungqina bobunyaniso bayo. Kwandule kulandele ushwankathelo lwalo ncwadi yeBhayibhile, luze lona lulandelwe licandelo elithi “Isizathu Sokuba Ibe Yingenelo,” elibonisa indlela loo ncwadi yeBhayibhile exabiseke ngayo kumfundi. Njengesixhobo esiluncedo kumsebenzi wamaNgqina kaYehova wokufundisa ngeBhayibhile, le mpapasho iseyincwadi esisikhokelo kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo kangangeminyaka engama-30 emva kokukhutshwa kwayo!g
AmaNgqina kaYehova nawo achatshazelwa ziinguqulelo zokuziphatha ngokwesini zeminyaka yee-1960. Enyanisweni, amawaka aliqela—umlinganiselo omncinane wenani lawo xa ewonke—kwafuneka asuswe kubudlelane nyaka ngamnye, inkoliso ngenxa yokuziphatha okubi ngokwesini. Ngoko, ngesizathu esifanelekileyo, abantu bakaYehova balulekwa ngokungqalileyo kungcelele lweendibano zesithili ezaqhutywa ngowe-1964. ULyle Reusch, umveleli ohambahambayo owayesuka eSaskatchewan, eKhanada, ukhumbula intetho eyayisithi “Ukugcina Intlangano Yabasebenzi Basesidlangalaleni Icocekile, Inyulu.” Lo kaReusch wathi: “Kwasetyenziswa intetho ephandle nengafihlisiyo ukuchaza imicimbi yokuziphatha.”
Oko kwakuqulethwe yile ntetho kwapapashwa kwiMboniselo kaMeyi 15, 1965 (Novemba 15, 1964, ngesiNgesi). Phakathi kwezinye izinto yathi: “Mantombazana, musani ukuzenza itawuli emdaka yentsebenziso kawonke wonke, efumanekayo kwizandla ezimdaka zayo nayiphi na indoda ezinikele kumahenyukazi, nayiphi na inja’ yomfuziselo.”—Thelekisa ISityhilelo 22:15.
Isiluleko esiphandle ngolo hlobo sasenzelwe ukunceda amaNgqina kaYehova xa ewonke ukuba azigcine ekwimeko ecocekileyo ngokokuziphatha, ekulungele ukuqhubeka evakalisa isigidimi soBukumkani.—Thelekisa amaRoma 2:21-23.
“Khawutsho, Uza Nantoni Lo We-1975?”
Kwakusele kukudala amaNgqina ekholelwa ukuba uLawulo lukaKristu Lwewaka Leminyaka lwaluya kulandela emva kweminyaka engama-6 000 yembali yoluntu. Kodwa yayiza kuphela nini iminyaka engama-6 000 abantu bekho? Incwadi ethi Ubomi Obungunaphakade—Enkululekweni Yoonyana bakaThixo, eyakhutshwa (ngesiNgesi) kungcelele lweendibano zesithili olwaqhutywa ngowe-1966, yalatha kowe-1975. Kwalapho endibanweni, njengokuba abazalwana babehlola ekuquletheyo, le ncwadi intsha yavusa ingxoxo eshushu ngokuphathelele owe-1975.
Kwindibano eyayiseBaltimore, eMaryland, uF. W. Franz wanikela intetho yokuqukumbela. Waqala ngokuthi: “Ngaphambi nje kokuba ndikhwele eqongeni umfana othile uze kum waza wathi, ‘Khawutsho, uza nantoni lo we-1975?’” Wandula ke uMzalwan’ uFranz wabhekisela kwimibuzo emininzi eyayiphakamile engokuba inkcazelo ekuloo ncwadi yayithetha ukuba ngowe-1975 iArmagedon yayiya kuba iphelile kusini na, noSathana eya kube ebanjiwe na. Umongo woko wakuthethayo ngulo: ‘Kusenokwenzeka. Kodwa asitsho. Zonke izinto zinokwenzeka kuThixo. Kodwa asitsho. Yaye kungabikho mntu kuni ubetha ngenqindi phantsi xa echaza izinto eziza kwenzeka ukususela ngoku ukusa kowe-1975. Kodwa eyona ngongoma yile, zihlobo ezithandekayo: Ixesha lifutshane. Ixesha lifinyele, leyo into ayithandabuzeki.’
Kwiminyaka eyalandela owe-1966, amaNgqina kaYehova amaninzi enza ngokuvisisana neso siluleko. Noko ke, kwapapashwa namanye amazwi kulo mbandela, ibe amanye ayeqinisekile kunokuba abe ngacebisayo. Oku kwavunywa kwiMboniselo kaSeptemba 15, 1980 (iphepha 20) (Matshi 15, 1980, ngesiNgesi). Kodwa kwakhona amaNgqina kaYehova alunyukiswa ukuba anikele ingqalelo kakhulu ekwenzeni ukuthanda kukaYehova yaye angazixhalabisi kakhulu ngemihla nokulindela ukusindiswa ngaphambi kwexesha.h
Isixhobo Sokukhawulezisa Umsebenzi
Ngasekupheleni kweminyaka yee-1960, amaNgqina kaYehova ayevakalisa iindaba ezilungileyo ngemvo yolindelo nongxamiseko. Ebudeni bowe-1968 abavakalisi boBukumkani banda baba sisi-1 221 504 kumazwe angama-203. Noko ke, kwakuyinto eqhelekileyo ukuba abanye abantu bafundisise iBhayibhile iminyaka emininzi bengenzi nto ngolwazi ababeluzuza. Ngaba kwakukho indlela yokukhawulezisa umsebenzi wokwenza abafundi?
Impendulo yavela ngowe-1968 xa kwakhutsha (ngesiNgesi) uncedo olutsha lokufundisisa iBhayibhile, Inyaniso eKhokelela kuBomi obungunaPhakade. Le ncwadi ilingene ipokotho enamaphepha ali-192 yalungiselelwa kucingwa ngabantu abasandul’ ukuba nomdla. Yayinezahluko ezibangel’ umdla ezingama-22 ezixubusha ngemibandela enjengethi “IsiZathu Sokuba Kube bubuLumko ukuHlolisisa uNqulo Lwakho,” “IsiZathu Sokuba saLuphale Nokuba siFe,” “Baphi Abafi?” “Kungani uThixo eVumele Ubungendawo Kude Kube Ngumhla Wethu?” “INdlela yokuFanisa uNqulo oluyiNyaniso,” nothi “Ukwakha uBomi beNtsapho Eyonwabileyo.” Incwadi iNyaniso yayilungiselelwe ukukhuthaza umfundi weBhayibhile ukuba aqiqe ngombandela oqwalaselwayo aze awusebenzise ebomini bakhe.
Le mpapasho intsha yayiza kusetyenziselwa inkqubo yesifundo seBhayibhile seenyanga ezintandathu. Inkupho kaNovemba 1968 yeLungiselelo LoBukumkani (yesiNgesi) yacacisa indlela ucwangciso olutsha olwaluza kusebenza ngayo: “Kungakuhle ukuzama ukufundisisa isahluko esipheleleyo sencwadi ‘iNyaniso’ veki nganye, nangona oku kungenakwenzeka kubo bonke abaninimzi okanye kuzo zonke izahluko zale ncwadi. . . . Ukuba, ekupheleni kweenyanga ezintandathu zokufundisisa ngokucokisekileyo nemigudu yenyameko yokubakhuthazela ukuya ezintlanganisweni, abakanxulumani nebandla, kusenokuba kuhle ukuba usebenzise ixesha lakho ufundisisa nomnye umntu okufuna ngokwenene ukufunda inyaniso nokwenza inkqubela. Zibekele usukelo lokunikela iindaba ezilungileyo kwizifundo zeBhayibhile ngendlela yokuba abanomdla bathabath’ amanyathelo zingaphelanga iinyanga ezintandathu!”
Yaye bathabath’ amanyathelo! Ngexeshana nje elifutshane, inkqubo yesifundo seBhayibhile seenyanga ezintandathu yaphumelela ngokusemagqabini. Kwiminyaka yenkonzo emithathu eyaqala ngoSeptemba 1, 1968, ukusa kuAgasti 31, 1971, kwabhaptizwa abantu abangama-434 906—inani eliliphinda ngaphezu kwezihlandlo ezibini elabo babebhaptizwe kwiminyaka yenkonzo emithathu ngaphambili! Ekubeni yafika ngexesha ekwakukho umoya wolindelo nowongxamiseko phakathi kwamaNgqina kaYehova, incwadi iNyaniso nephulo lokuqhuba isifundo seBhayibhile seenyanga ezintandathu zaba negalelo kakhulu ekuwukhawuleziseni umsebenzi wokwenza abafundi.—Mat. 28:19, 20.
“Lumele Lusebenze; Luvela KuYehova”
Kangangeminyaka emininzi amabandla amaNgqina kaYehova ayelungelelaniswe ngendlela yokuba indoda enye efanelekayo ngokomoya yayimiselwa nguMbutho ukuba ibe sisicaka sebandla, okanye “umveleli,” ibe yayincediswa zezinye “izicaka” ezimiselweyo.i (1 Tim. 3:1-10, 12, 13) La madoda ayemele awukhonze umhlambi, angawulawuli. (1 Pet. 5:1-4) Kodwa ngaba amabandla ayenokuzivisisanisa ngakumbi nokulungelelaniswa kwamabandla amaKristu enkulungwane yokuqala?
Ngowe-1971, kungcelele lweendibano olwaqhutywa emhlabeni wonke, kwanikelwa intetho ethi “Intlangano Yobuthixo Phakathi Kolawulo-melo NobuKomanisi.” NgoJulayi 2, uF. W. Franz wanikela le ntetho eYankee Stadium kwisiXeko saseNew York. Kuyo wabonisa ukuba apho kwakukho amadoda afanelekayo awaneleyo, amabandla enkulungwane yokuqala ayenabaveleli abangaphezu komnye. (Fil. 1:1) Wathi: “Iqela labaveleli bebandla lalibumba ‘iqumrhu lamadoda amakhulu’. . . Amalungu elo ‘qumrhu [okanye, indibano] lamadoda amakhulu’ onke ayelingana, enegunya elifanayo ngokomthetho, yaye kuwo kwakungekho olelona lungu libalulekileyo, elona libalaseleyo, elona linamandla ebandleni.” (1 Tim. 4:14) Loo ntetho yayishukumisa ngokwenene yonke loo ndibano. Le nkcazelo yayiza kuba nawuphi umphumo kumabandla amaNgqina kaYehova ehlabathini lonke?
Impendulo yavela kwiintsuku ezimbini kamva, kwintetho yokuqukumbela eyanikelwa nguN. H. Knorr. Ukususela ngo-Oktobha 1, 1972, uhlengahlengiso kwindlela yokuvelelwa kwamabandla asehlabathini lonke lwaluza kuqalisa ukusebenza. Kwakungayi kuphinda kubekho isicaka esinye nje sebandla, okanye umveleli. Kodwa kwiinyanga ezingaphambi ko-Oktobha 1, 1972, amadoda anembopheleleko nakhulileyo kwibandla ngalinye ayeza kuthumela kuMbutho amagama abo kunconyelwa ukuba bamiselwe ukuze bakhonze njengequmrhu labadala (namagama abo babeza kukhonza njengezicaka zolungiselelo). Kwakuza kunyulwa omnye umdala ukuba abe ngusihlalo,j kodwa bonke abadala babeza kuba negunya elilinganayo yaye babeza kuyithwala kunye imbopheleleko yokwenza izigqibo. UMzalwan’ uKnorr wacacisa: “Olu hlengahlengiso kwintlangano luya kunceda ukuze amabandla asebenze ngokuvisisana ngakumbi neLizwi likaThixo, yaye ngokuqinisekileyo luya kuphumela kwiintsikelelo ezingakumbi ezivela kuYehova.”
Le nkcazelo engohlengahlengiso kwintlangano yamkelwa njani ngabo babeze endibanweni? Omnye umveleli ohambahambayo washukunyiselwa ukuba athi: “Lumele lusebenze; luvela kuYehova.” Elinye iNgqina elinamava longezelela: “Luya kukhuthaza onke amadoda akhulileyo ukuba amkele imbopheleleko.” Ngokwenene, ngoku amadoda amaninzi awayefaneleka ‘ayenokuzabalazela amalungelo angakumbi’ aze amiselwe ‘kwisikhundla sokuvelela.’ (1 Tim. 3:1, NW) Ngaloo ndlela abazalwana abaninzi gqitha babenokuzuza amava axabisekileyo okusingatha imbopheleleko yebandla. Nangona bengazange bakuqonde oku ekuqaleni, bonke aba babeza kufuneka ukuze baluse bonke abantu abatsha ababeza kuthontelana kwiminyaka elandelayo.
Umbandela owanikelwa endibanweni wakhokelela nasekucacisweni nakuhlengahlengiso olwalubandakanya iQumrhu Elilawulayo. NgoSeptemba 6, 1971, kwagqitywa kwelokuba usihlalo weQumrhu Elilawulayo athatyathelw’ indawo ngomnye phakathi kwamalungu nyaka ngamnye ngokwealfabheti. Kwiiveki eziliqela kamva, ngo-Oktobha 1, 1971, uF. W. Franz waba ngusihlalo weQumrhu Elilawulayo unyaka omnye.
Kunyaka olandelayo, ngoSeptemba 1972, ukudluliswa kweembopheleleko kwaqalisa emabandleni, ibe ngo-Oktobha 1 umjikelo wawusele ugqityiwe kumabandla amaninzi. Kwiminyaka emithathu elandelayo, amaNgqina kaYehova aba nolwando oluvuyisayo—kwabhaptizwa abantu abangaphezu kwama-750 000. Kodwa ngoku kwakusondela ukwindla lowe-1975. Ukuba zazingenzeki zonke izinto ezazilindelwe ngowe-1975, oku kwakuya kuyichaphazela njani inzondelelo yawo ngomsebenzi wokushumayela ehlabathini lonke nomanyano lwawo lwazwenibanzi?
Kwakhona, kangangamashumi eminyaka uNathan H. Knorr, indoda enobuntu obubalaseleyo nobuchule obubalaseleyo bokulungelelanisa izinto, wayenendima ebalulekileyo ekufundiseni abantu entlanganweni nasekusasazeni iBhayibhile ebantwini nokubanceda bayiqonde. Utshintsho lokongamela ngokusondeleyo kweQumrhu Elilawulayo lwaluza kuzichaphazela njani ezi njongo?
[Imibhalo esemazantsi]
a IMboniselo (yesiNgesi), Februwari 1, 1942, iphe. 45; Consolation, Februwari 4, 1942, iphe. 17.
b NgoSeptemba 1945, uMzalwan’ uCovington ngokubekekileyo wala ukuqhubeka ekhonza njengosekela-mongameli weWatch Tower Bible and Tract Society (yasePennsylvania), esithi unqwenela ukwenza ngokuvisisana noko ngoko kwakuqondwa njengokuthanda kukaYehova ngabo bonke ababengabalathisi namagosa—ukuba bamele babe ngamaKristu athanjiswe ngomoya, ngoxa yena wayesithi ‘ungowezinye izimvu.’ Ngo-Oktobha 1, uLyman A. Swingle wanyulwa ukuba abe kwiqumrhu labalathisi, kwaza ngo-Oktobha 5, uFrederick W. Franz wakhethwa njengosekela mongameli. (Bona i1946 Yearbook of Jehovah’s Witnesses, iphe. 221-4; IMboniselo [yesiNgesi] kaNovemba 1, 1945, iphe. 335-6.)
c Bona iSahluko 30, “Ukukhusela Nokumisela Ngokusemthethweni Iindaba Ezilungileyo.”
d Iingxelo ezineenkcukacha zolu khenketho zapapashwa kwiMboniselo (yesiNgesi) ebudeni bowe-1946.—Bona iphepha 14-16, 28-31, 45-8, 60-4, 92-5, 110-12, 141-4.
e Emva kweminyaka nje embalwa, olu ncedo lokufundisisa iBhayibhile lwaziwa ehlabathini lonke. Lwahlaziywa ngoAprili 1, 1952, kwashicilelwa imibhalo engaphezu kwe-19 000 000 ngeelwimi ezingama-54.
f Bona iphepha 140-4, 171-6, 189-92, 205-8, 219-23, 236-40, 251-6, 267-72, 302-4, 315-20, 333-6, 363-8.
g Incwadi ethi “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo” ehlaziyiweyo ngesiXhosa yapapashwa ngowe-1991.
h Ngokomzekelo, la manqaku alandelayo apapashwa kwiMboniselo: “Ukusebenzisa Ngobulumko Ixesha Elisaseleyo” (Novemba 1, 1968 [Meyi 1, 1968, ngesiNgesi]); “Khonza Kuse Kunaphakade” (Disemba 15, 1974 [Juni 15, 1974, ngesiNgesi]); “Isizathu Sokungaxelelwa Kwethu ‘Loo Mhla Nelo Lixa’” nothi “Uchaphazeleka Njani Kukungawazi ‘Loo Mhla Nelo Lixa’?” (Novemba 1, 1975 [Meyi 1, 1975, ngesiNgesi]). Ngaphambilana, ngowe-1963, incwadi (yesiNgesi) ethi “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo” yayithe: “Akuncedi nto ukusebenzisa ubalo-maxesha lweBhayibhile ekuthelekeleleni iminyaka engaphambili kumsinga wexesha.—Mat. 24:36.”
i Bona iSahluko 15, “Inkqubela Kulungelelwaniso Lwentlangano.”
j Kwakhona isithethi sacacisa ukuba ukususela kuOktobha 1, 1972, nyaka ngamnye usihlalo wayeza kutshintsha kuze kunyulwe omnye kwiqumrhu labadala lebandla ngalinye. Eli lungiselelo laguqulwa ngowe-1983, xa iqumrhu labadala ngalinye lacelwa ukuba lincomele umveleli owongamelayo owayeza kuthi, emva kokumiselwa nguMbutho, akhonze ixesha elingasikelwe mda njengosihlalo wequmrhu labadala.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 92]
Ukushumayela phezu kwako nje ukubanjwa nokuhlaselwa ngamahlokondiba
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 94]
‘Ulwando lwazwenibanzi nemfundo ngomlinganiselo owawungaziwa ngaphambili’
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 103]
Ukukhusela iBhayibhile kubagxeki
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 104]
‘Eyona ngongoma yile, zihlobo ezithandekayo: Ixesha lifutshane’
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 106]
“Luya kukhuthaza onke amadoda akhulileyo ukuba amkele imbopheleleko”
[Ibhokisi ekwiphepha 91]
Imvelaphi KaN. H. Knorr
UNathan Homer Knorr wazalelwa eBethlehem, ePennsylvania, eUnited States, ngoAprili 23, 1905. Xa wayeneminyaka eli-16 ubudala, waqalisa ukunxulumana neBandla laBafundi beBhayibhile laseAllentown. Ngowe-1922 waya kwindibano eyayiseCedar Point, eOhio, apho wenza khona isigqibo sokuba ayishiye iReformed Church. Kunyaka olandelayo, ngoJulayi 4, 1923, emva kokuba uFrederick W. Franz, osuka kwiBheteli yaseBrooklyn, enikele intetho yobhaptizo, uNathan owayeneminyaka eli-18 ubudala wayephakathi kwabo babhaptizwa kuMlambo iLittle Lehigh, kwiMpuma yePennsylvania. NgoSeptemba 6, 1923, uMzalwan’ uKnorr waba lilungu lentsapho yaseBheteli eBrooklyn.
UMzalwan’ uKnorr wazibhokoxa ngenkuthalo kwiSebe Lezothumelo, yaye kungekudala ubuchule bakhe obungokwemvelo bokulungelelanisa baphawulwa. Xa umphathi womzi-mveliso woMbutho, uRobert J. Martin, wafayo ngoSeptemba 23, 1932, uMzalwan’ uKnorr wamiselwa esikhundleni sakhe. NgoJanuwari 11, 1934, uMzalwan’ uKnorr wanyulwa ukuba abe ngumalathisi wePeoples Pulpit Association (ngoku eyiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.), yaye kunyaka olandelayo wenziwa usekela-mongameli walo Mbutho. NgoJuni 10, 1940, waba ngusekela-mongameli weWatch Tower Bible and Tract Society (umbutho wasePennsylvania). Wanyulwa kwiofisi kamongameli kule mibutho yomibini nakumbutho waseBritani, i-International Bible Students Association, ngoJanuwari 1942.
Kwiminyaka eyalandelayo, omnye wezona zinxulumani zisenyongweni zikaMzalwan’ uKnorr nomcebisi othenjiweyo yayinguFrederick W. Franz, indoda endala kunaye ngeminyaka naleyo ulwazi lwayo lweelwimi nemvelaphi yayo njengomphengululi weBhayibhile yayisele ingqineke iluncedo olukhulu entlanganweni.
[Ibhokisi ekwiphepha 93]
Ukukhangela Phambili Ngendlela Ekhuthazayo
Ababekho kwiNdibano Yolungelelwaniso Lobuthixo Lwehlabathi Elitsha eyayiseCleveland, eOhio, ngoSeptemba 1942, bachwayita gqitha xa unobhala okwangunondyebo owalupheleyo woMbutho, uW. E. Van Amburgh, wanikel’ intetho kuloo ndibano. UMzalwan’ uVan Amburgh wakhumbula ukuba indibano yokuqala awaya kuyo yayiseChicago ngowe-1900, yaye “yayinkulu”—kwakukho abantu ababenokuba ngama-250. Emva kokuchaza ezinye iindibano ‘ezinkulu’ zeminye iminyaka, waqukumbela ngala mazwi akhuthazayo okukhangela phambili: “Le ndibanok ibonakala inkulu kuthi ngoku, kodwa njengokuba le ndibano inkulu xa ithelekiswa nezo sendikhe ndaya kuzo ngaphambili, ngoko ndilindele ukuba le ndibano iya kuba ncinane kakhulu xa ithelekiswa nezo zexesha elizayo xa iNkosi iqalisa ukuhlanganisa abantu bayo besuka kuzo zonke iimbombo zomhlaba.”
[Umbhalo osemazantsi]
k Kweza incopho yabantu abangama-26 000 eCleveland, isimbuku sabantu abezayo kwezinye izixeko zendibano ezingama-52 ezazisasazeke kulo lonke elaseUnited States yayingabantu abali-129 699.
[Ibhokisi/Iimaphu ezikwiphepha 96]
Ukhenketho Lwenkonzo LukaN. H. Knorr, 1945-56
1945-46: UMbindi Merika, uMzantsi Merika, uMntla Merika, iYurophu, amazwe eCaribbean
1947-48: UMntla Merika, iziqithi zePasifiki, amazwe aseMpuma, uMbindi Mpuma, iYurophu, iAfrika
1949-50: UMntla Merika, uMbindi Merika, uMzantsi Merika, amazwe eCaribbean
1951-52: UMntla Merika, iziqithi zePasifiki, amazwe aseMpuma, iYurophu, uMbindi Mpuma, iAfrika
1953-54: UMzantsi Merika, amazwe eCaribbean, Umntla Merika, uMbindi Merika
1955-56: IYurophu, iziqithi zePasifiki, amazwe aseMpuma, uMntla Merika, uMbindi Mpuma, uMntla Afrika
[Iimaphu]
(Yiya kwimpapasho)
[Ibhokisi ekwiphepha 105]
“Namhlanje Ndiqalise Ukucinga Kwakhona”
Incwadi ethi “INyaniso eKhokelela kuBomi obungunaPhakade,” eyakhutshwa ngowe-1968, yasetyenziswa kakhulu ngamaNgqina kaYehova ekufundisiseni iBhayibhile nabantu abanomdla. Eli lungiselelo lifike ngexesha lanceda amakhulu amawaka abantu abacingayo ukuba bazuze ulwazi oluchanileyo lweZibhalo. Incwadi evakalisa uxabiso eyafunyanwa ngowe-1973 ivela kumfundi oseUnited States yathi: “Kufike inenekazi elinobuhlobo gqitha endlwini yam namhlanje landinika incwadi ethi ‘INyaniso eKhokelela kuBomi obungunaPhakade.’ Ndisandul’ ukuyigqiba. Kokokuqala ndifunda amaphepha ali-190 ayo nantoni na ngosuku olunye oko ndaba ngumntu. NgoJuni 29, 1967, ndayeka ukukholelwa kuThixo. Namhlanje ndiqalise ukucinga kwakhona.”
[Umfanekiso okwiphepha 95]
ISikolo saseGiliyadi kuMzantsi Lansing, eNew York
[Umfanekiso okwiphepha 97]
UMzalwan’ uKnorr oboniswe apha etyelele eCuba, walityhutyha izihlandlo ezininzi ihlabathi
[Imifanekiso ekwiphepha 98]
UMzalwan’ uKnorr wayenoluvo lokuba Ngqina ngalinye lifanele likwazi ukushumayela kwindlu ngendlu
ENgilani
ELebanon
[Umfanekiso okwiphepha 99]
Njengomongameli woMbutho, uMzalwan’ uKnorr wayesebenza ngokusondeleyo noMzalwan’ uFranz ngaphezu kweminyaka engama-35
[Umfanekiso okwiphepha 100]
IQumrhu labalathisi leWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania, phakathi ngeminyaka yee-1950. (Ukusuka ekhohlo ukuya ekunene) Lyman A. Swingle, Thomas J. Sullivan, Grant Suiter, Hugo H. Riemer, Nathan H. Knorr, Frederick W. Franz, noMilton G. Henschel
[Imifanekiso ekwiphepha 102]
Ngowe-1958, iindwendwe ezivela kumazwe ali-123 zabuthelana eYankee Stadium kwiNdibano yeZizwe Ngezizwe Yokuthanda KukaThixo
[Umfanekiso okwiphepha 107]
Iimpapasho zokuqeqesha amaNgqina kaYehova kubulungiseleli
[Umfanekiso okwiphepha 107]
Ezinye zeempapasho zokusetyenziswa kubulungiseleli basentsimini
[Umfanekiso okwiphepha 107]
Iincwadi ezazikukutya okuqinileyo kokomeleza abantu bakaYehova ngokomoya
[Umfanekiso okwiphepha 107]
Iincwadi zokunceda ekwenzeni uphando nofundisiso