Ukukholosa NgoYehova Kukhokelela Kuzahlulelo Nakubhaptizo
“Kholosa ngoYehova, wenze okulungileyo; lime ilizwe, ulandelane nokuthembeka.”—INDUMISO 37:3.
1. Bubuphi ubungqina obunikelwa ngabantu behlabathi abazizilumko obubonisa ukuba kububuyatha ukukholosa ngeenkokeli ezingabantu?
SINOKUKHOLOSA ngabani? Ngeenkokeli ezingabantu? Ingxelo yazo ibonisa ukuba kububuyatha ukukholosa ngabantu abangafezekanga. Ewe, kwanabantu behlabathi abazizilumko bayasiqonda esi sibakala! Ngaloo ndlela, iphephancwadi lezoshishino laseYurophu iVision lakhe lathi “eyona nto imbi ngemeko ekhoyo kukuba akukho bani unokuyibona indlela yokuphuma kuyo.” Ibe umbhali-mbali wezoqoqosho uRobert Heilbroner wathi: “Kukho nto ithile esikrekrethayo. Kukuthandatyuzwa kwento yokuba akukho bani uzisa isicombululo, into yokuba akukho bani ukuxhobeleyo ukucombulula iingxaki esizifumanayo.”
2. Kunokuthiwani ngeengenelo zenzululwazi yanamhlanje?
2 Kuyinyaniso ukuba, abantu benze inkqubela enkulu kwiinkalo ezahlukahlukeneyo zenzululwazi. Kodwa ngaba konke oko kuye kwanengenelo? Akukhange kube njalo. Kunjengokuba kuboniswe ngumbhali uLewis Mumford: “Ingcamango yokuba inkqubela eyenziweyo kwezobugcisa nakwezenzululwazi yaqinisekisa iingenelo abantu abazizuzayo . . . ngoku iye yaba yengenakuxhaswa ngokupheleleyo.” Umzekelo woku yimvula eneasidi, engcolisa amachibi nemilambo yaye itshabalalisa izigidi ngezigidi zemithi. Ngaphezu koko, imeko ebangel’ usizi yehlabathi—ukwanda kolwaphulo-mthetho, ugonyamelo nobugrogrisi, ukukhotyokiswa ziziyobisi nabutywala nezifo ezidluliselwa ngeentlobano zesini, nemeko emaxongo yezoqoqosho—xa iyonke inikela ubungqina bokuba akuncedi nto ukukholosa ngeenkokeli ezingabantu.
3. Sisiphi isiluleko esinikelwa liLizwi likaThixo mayela nalowo sifanele sikholose ngaye?
3 ILizwi likaThixo lisiluleka ngeyona ndlela ifanelekileyo lisithi: “Musani ukukholosa ngamanene, ngonyana womntu, yena ungenalo usindiso. Uyaphuma umoya wakhe, abuyele yena emhlabeni wakhe; ngaloo mini ayatshitsha amabhongo akhe.” (INdumiso 146:3, 4) Ukuba asimele sikholose ngabantu, ngoko sinokukholosa ngabani? Sinokukholosa ngoMdali wezulu nomhlaba, njengokuba sifunda oku: “Isikelelwe indoda ekholose ngoYehova, enkoloseko ikuYehova.”—Yeremiya 17:7.
Kutheni Simele Sikholose NgoYehova?
4. Ziziphi iimpawu ezibalulekileyo zikaYehova, yaye zisinika njani izizathu ezivakalayo zokuba sikholose ngaye?
4 Sinokukholosa ngoYehova ngenxa yezizathu ezivakalayo. Okokuqala, sinokukholosa ngaye ngenxa yokuba eneempawu ezibalulekileyo—uthando, ubulumko, okusesikweni namandla—nezinye iimpawu ezimangalisayo. ILizwi lakhe lisiqinisekisa ukuba ungonamandla onke, esinye sezibizo zakhe isesithi “uThixo uSomandla.” (Genesis 28:3) Esinjani sona isizinzi sokukholosa ngaye okusiso oko! Akukho namnye onokuthi aphumelele ekuxhathiseni uYehova, kungekho namnye onokuziphazamisa iinjongo zakhe. UkwanguLowo wazi yonke into. Akanalwazi nje ngesiphelo sesiqalo, ikamva lifana nencwadi evulekileyo kuye, kodwa kwakuye kuhleli konke ukwazi nobulumko, njengoko kubonwa ngemisebenzi yakhe emangalisayo yendalo. Kuzo naziphi na iinkqubano zakhe akazange enze mpazamo. (Isaya 46:10; Roma 11:33-35) Ngaphezu koko, uYehova ungonokuthenjwa ngokufanelekileyo, unguThixo onobulungisa nowentembeko. Akunakwenzeka ukuba axoke. (Duteronomi 32:4; Tito 1:2; Hebhere 6:18) Ngaphezu kwako konke, ekubeni uthando lokungazingci luluphawu lwakhe olubalaseleyo, ngokufanelekileyo kuthiwa: “UThixo uluthando.”—1 Yohane 4:8, 16.
5. Yiyiphi ingxelo eseLizwini likaThixo, engqina ukuba unokuthenjwa?
5 Ukuqhubana kukaYehova noluntu kunikela ubungqina obubhekele phaya bokuba unguThixo onokuthenjwa onamandla, onobulumko, osesikweni nonothando. UMoses waqinisekisa amaSirayeli ukuba uYehova uyawugcina umnqophiso yaye ubonakalisa ububele obunothando kwabo bamthandayo nabagcina imithetho yakhe. (Duteronomi 7:9) Ngaphambilana, uYehova wamlondoloza uNowa owayesoyik’ uThixo nentsapho yakhe kuMkhukula omkhulu. UYehova wamhlangula uLote olilungisa neentombi zakhe ezimbini ekutshatyalalisweni ngomlilo kweSodom neGomora. Kamva, uYehova wakhupha amaSirayeli eYiputa waza wawanika ilizwe laseKanan ngokuvisisana nedinga lakhe awayelenze noAbraham. (Genesis 7:23; 17:8; 19:15-26) Ibe ngaba uYehova akazange awahlangule amaHebhere amathathu awayephoswe edikeni elivutha umlilo, noDaniyeli kumhadi weengonyama?—Daniyeli 3:27; 6:23.
6. Bubuphi ubungqina banamhlanje esinabo bokuba ukukholosa ngoYehova kukwindawo yako?
6 Into yokuba uYehova ungulowo sinokukholosa ngaye ikwangqinwe ngamava amaNgqina akhe anamhla. Ngokomzekelo, uAdolf Hitler waqhayisa ngokuba wayeya kuwatshabalalisa “kuthi tu” amaNgqina kaYehova eJamani. Kodwa endaweni yoko uHitler neqela lakhe lamaNazi batshatyalaliswa kwathi tu, ibe namhlanje elo qela lamaNgqina liye laphindaphindeka izihlandlo ezininzi ukufikelela kwangaphezu kwe-119 000. Ngaphezu koko, amabali obomi okoqobo angamakhulukhulu amaNgqina kaYehova apapashwa kwiMboniselo nephephancwadi eliliqabane layo uVukani! anikela ubungqina obufanelekileyo benyaniso yokuba uYehova unguThixo esinokukholosa ngaye ngenene.
Isizathu Sokuba Abanye Bangakholosi NgoYehova
7. Kutheni omnye umntu wathi ‘wayebukele nje oko kwenziwa ngabantu bakaYehova’?
7 Kanti, hayi indlela abambalwa ngayo namhlanje abantu abakholosa ngoYehova! Kwanabaninzi abaye bafunda ngeempawu nezenzo zakhe zobugorha abakholosi ngaye. Inqaku elavela kulindixesha iU.S. Catholic (kaJanuwari 1979) lithetha ngomnye wabantu abanjalo lithi: “Xa umhlolisisi wabuza omnye umntu ngenkonzo ayikhethayo, waphendula wathi, ‘Ndicinga ukuba ndingumntu nje obukele oko kwenziwa ngabantu bakaYehova.’ Xa wacelwayo ukuba atyebise oko wayekuthetha wathi, ‘Ndikukholelwa kakuhle kakhulu oko amaNgqina kaYehova akukholelwayo—kodwa andifuni kubandakanyeka.’” Eli phephancwadi lagqabaza lathi: “INgqina likaYehova elizahluleleyo alinalukhetho lumbi ngaphandle kokubandakanyeka nzulu.”
8. Ziziphi iimpawu ezisisiseko ezimenza umntu afune ukubandakanyeka ekukhonzeni uYehova?
8 Siyintoni isizathu esibangela ukuba abathile bangafuni kubandakanyeka? Kungenxa yokuba abanantliziyo ilungileyo. Umntu umele ‘amiselwe ubomi obungunaphakade.’ (IZenzo 13:48) Njengoko uYesu watshoyo kumzekeliso wakhe womhlwayeli, abo bavelisa isiqhamo ngabo bathi ‘ngentliziyo entle nelungileyo’ balibambe ilizwi lenyaniso. (Luka 8:15) Ewe, inyaniso ayinamtsalane kwabanganyanisekanga. Into efuneka ngokusisiseko yintliziyo enyanisekileyo. Kwakhona inyaniso yeLizwi likaThixo ayinamtsalane kwabo banekratshi. Kufuneka isimo sengqondo sokuthobeka. (Yakobi 4:6) Ngaphezu koko, inyaniso ayinamtsalane kwabo bathi banelisekile, abazicingela bengamalungisa. Kodwa inomtsalane kwabo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya, abalambele nabanxanelwe ubulungisa, abancwinayo yaye begcuma ngenxa yazo zonke izinto ezingamasikizi abazibona zisenzeka ehlabathini namhlanje.—Mateyu 5:3, 6; Hezekile 9:4.
Ukukholosa NgoYehova Kukhokelela Kuzahlulelo
9, 10. (a) Yintoni efunekayo ngaphambi kokuba umntu abe unokukholosa ngoYehova, ibe abo banentliziyo efanelekileyo basabela njani? (b) Abantu abanjalo banokholo kubani?
9 Ngaphambi kokuba umntu abe unokukholosa ngoYehova, umele axelelwe Ngaye. Kodwa “bothini na ke ukumnqula lowo bangakholwanga kuye? Bothini na ke ukukholwa kulowo bangamvanga? Bothini na ke ukuva, kungekho mshumayeli?” (Roma 10:14) Njengokuba abakhonzi bakaYehova beshumayela, abo banentliziyo entle bayasabela, njengoko benzayo abaninzi kwiTesalonika yamandulo. Ngokubhekisele kwaba, uPawulos wabhala oku: “Okokuba nathi, ukulamkela ilizwi likaThixo lodaba kuthi, analamkela lililizwi labantu; nalamkela, njengokuba kunjalo okwenyaniso, lililizwi likaThixo elisebenzayo nokusebenza kuni bakholwayo.”—1 Tesalonika 2:13.
10 Ekubeni befunda ngoYehova, abantu abanjalo abaneentliziyo ezifanelekileyo baba nokholo kuye. Oku kubalulekile, kuba “lungekho ukholo, akunakubakho ukumkholisa kakuhle; kuba lowo uzayo kuThixo, umelwe kukukholwa ukuba ukho, nokuba ungumvuzi wabo bamfunayo.” (Hebhere 11:6) Kwakhona enye into ebalulekileyo kukuba nokholo kuNyana kaThixo. “Kananjalo usindiso alukho kuwumbi; kuba akukho gama limbi phantsi kwezulu, linikiweyo phakathi kwabantu, esimele ukusindiswa ngalo”—ewe, akukho gama limbi ngaphandle kwelikaYesu Kristu.—IZenzo 4:12.
11. Ukukholosa ngoYehova kuya kubangela ukuba umntu alandele siphi isiluleko esanikelwa ngumpostile uPetros?
11 Ukukholosa ngeLizwi likaThixo, ngoYehova nangoNyana wakhe uYesu Kristu kuya kushukumisela ubani ekubeni athobele isiluleko sompostile uPetros awayesibhekisa kumaYuda omhla wakhe: “Guqukani ke ngoko, nibuye, ukuze zicinywe izono zenu; ngokokuze afike amathuba okuphumza, evela ebusweni beNkosi.” (IZenzo 3:19) Ngokuba nolwazi ngoYehova nezinto azifunayo, umntu ufunda ukuba ukuthanda kukaThixo kukuba abe ngumlandeli kaYesu Kristu. Kunjengoko uPetros wakuvakalisayo wathi: “Kuba nabizelwa oko; ngokuba noKristu weva ubunzima ngenxa yethu, esishiya nomzekelo, ukuze silandele emkhondweni wakhe.” (1 Petros 2:21) UYesu wakwenza kwacaca okwakubandakanyekile xa wathi: “Ukuba kukho othanda ukundilandela, makazincame ngokwakhe, awuthwale [umthi wentuthumbo, NW] wakhe, andilandele.” (Mateyu 16:24) Oko kuthetha ukuzahlulela kukabani kuYehova uThixo ukuze enze ukuthanda kwakhe nokuze alandele emanyathelweni kaYesu Kristu.
Ukuzahlulela Asikuko Nje Okunye Ukuzibophelela
12. Igama elithi “ukuzibophelela” lidla ngokusetyenziswa njani kwiNgqobhoko?
12 KwiNgqobhoko igama elithi “ukuzibophelela” lisetyenziswa ngokuphindaphindiweyo ngokubhekisele ekubeni ngumKristu. Ngaloo ndlela sixelelwa ukuba Abavangeli belaseUnited States “babethelela ukuzibophelela ngokobuqu kuYesu.” Omnye umfundisi ongumRoma Katolika wathetha ‘ngokuzibophelela kunqulo lwamaKatolika.’ Ethethelela ukubandakanyeka kwakhe kwiipolitiki, omnye umfundisi wamaKatolika wakhe wathi: “Ukungena kwam kwiipolitiki yayikukwandisa nje ukuzibophelela kwam (njengomfundisi).” Ibe imizi-mveliso yezoshishino ibhengeza ukuba “Simele Sizibophelele Kubathengi Bethu.” Enyanisweni, umntu unokuba nezinto ezininzi azibophelele kuzo ngexesha elinye: unokuzibophelela kushishino, unokuzibophelela kwizinto zentlalo, unokuzibophelela kwezobupolitika yaye unokuzibophelela kunqulo.
13. Kubandakanyeke ntoni ekuzahluleleni kuYehova?
13 Phofu ke, ukuzahlulela kuYehova uThixo asikuko nje okunye ukuzibophelela. Ukuzibophelela “sisivumelwano nje okanye sisifungo esenziwayo sokwenza into ethile kwixesha elizayo.” Kodwa ukuzahlulela kuthetha ‘ukuzinikela kukabani ngokupheleleyo ekwenzeni inkonzo ethile okanye kunqulo lukaThixo okanye ukuze usetyenziselwe izinto ezingcwele.’ Inkoliso yabantu iyaneliswa kukuzibophelela entweni kunokuzahlulela. Ngokungathandabuzekiyo oku kubonisa isibakala sokuba unqulo lwabo luyinto nje efana nomculo otsholo phantsi. Kuyayolisa ukuwuphulaphula kodwa akuphazamisani nayo nantoni na umntu afuna ukuyenza ngokwenene.
14. Kutheni ukuzibophelela nje kungamkelekanga kuYehova uThixo?
14 Ukuzahlulela kuThixo kwenza ukuba ukuthanda kwakhe kube yeyona nto ibalulekileyo ebomini. Kufuna ukuba umntu agcine umthetho wokuqala nongowona umkhulu, owacatshulwa nguYesu xa wathi: “Uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela, nangamandla akho ephela.” UYesu wabethelela uhlobo lokumkhonza ngokupheleleyo uThixo xa wathi: “Akukho mntu unako ukukhonza nkosi mbini; kuba eya kuyithiya le ayithande leya, athi mhlawumbi abambelele kule ayidele leya. Aninako ukukhonza uThixo nobutyebi.” (Marko 12:30; Mateyu 6:24) Ngoko, ngokucacileyo ukuzibophelela nje akwamkelekanga kuYehova.
Kutheni Kuntywiliselwa Emanzini Nje?
15. Nguwuphi umzekelo uYesu awawumiselayo mayela nokubonakalisa ekuhleni ukuba nokholo kuThixo?
15 Kutheni umntu eye afuzisele ukuzahlulela kwakhe kuThixo ngokubhaptizwa nje? Ukuba umntu ufuna ukuba lelinye lamaNgqina kaYehova, akukho ndlela yimbi anokwenza ngayo. Oku kunjalo nokuba unqwenela ukuba aziwe njengomKristu, umlandeli kaYesu Kristu. “INgqina Elithembekileyo” likaYehova, uYesu, wamisela umzekelo koku, kuba wabhaptizwa kuMlambo iYordan. Ekubeni uYohane wayebhaptiza aboni abaguqukileyo, wayengasiqondi isizathu sokuba uYesu afune ukuba ambhaptize, kodwa uYesu wamxelela oku: “Vuma okwakaloku; kuba kusifanele thina ukwenjenjalo ukuzalisa bonke ubulungisa.” (ISityhilelo 1:5; Mateyu 3:13-17) Ngaloo ndlela uNyana kaThixo walubonakalisa ekuhleni ukholo lwakhe ngokuzinikela kuYehova, emisela umzekelo kubo bonke abanqwenela ukwenza ukuthanda kukaThixo.
16. Nguwuphi umyalelo uYesu awawunika abalandeli bakhe ngokubhekisele kubhaptizo, yaye yintoni ebonisa ukuba abafundi bakhe bawuthobela loo myalelo?
16 Ngaphezu koko, kungethuba lide emva kokuba ebuyele kuYise emazulwini, uYesu wayalela abalandeli bakhe: “Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptizela egameni loYise, loNyana, loMoya oyiNgcwele; nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo.” (Mateyu 28:19, 20) Ingxelo ekwincwadi yezenzo ibonisa ukuba abafundi bakaYesu bawuthobela ngenzondelelo loo myalelo.—IZenzo 2:40, 41; 8:12; 9:17, 18; 19:5.
17. Kutheni ukufefwa nje ngamanzi kunokungabi lubhaptizo olufanelekileyo?
17 Babebhaptizwa njani aba bantu? Ngaba babebhaptizwa ngokusuka bafefwe ngamanzi njengokuba oko kulisiko kwiicawa ezininzi zeNgqobhoko? Akunjalo konke konke! UYesu ‘wenyuka ephuma emanzini’ emva kokuba ebhaptiziwe. Oku kubonisa ngokucacileyo ukuba wantywiliselwa phakathi emanzini. (Marko 1:9, 10) Enyanisweni, ayikho enye into ethethwa lubhaptizo, kuba igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “bhaptiza” lithetha “ukuntywilisela.”—IZenzo 8:36-39.
18. Kutheni ukuntywiliselwa kungumfuziselo ofanelekileyo wokuba umntu uzahlulela kuThixo?
18 Ubhaptizo olulolo hlobo lungowona mfuziselo ufanelekileyo wokuzahlulela. Ukutshona phantsi kwamanzi kubonisa kakuhle ukuba umntu uyafa kwikhondo lakhe lehambo yangaphambili. Ukuphakanyiswa kwakhe ephuma emanzini kufanekisela ukuba uvuselwa kwindlela entsha yobomi. Kwananjengokuba umsitho womtshato ubethelela kumtshakazi nomyeni into yokuba batshatile, ngoko ukuntywiliselwa emanzini phambi kwamangqina kusenokubethelela into ethile ehlal’ ihleli kulowo ubhaptizwayo. Akuthandabuzeki oku: Ngesenzo sokubhaptizwa, uzahlulelo lukabani kuYehova lufanele lubetheleleke ngokungenakucimeka engqondweni nakwinkumbulo kabani njengesona siganeko sibalulekileyo kubomi bukabani. Siphawula inguqulelo ethi ibekho ukusuka ekuzikhonzeni kuse ekukhonzeni uYehova uThixo.
19. Sisiphi isizathu esingakumbi sokuba umntu abhaptizwe?
19 Masingasisingeli phantsi isibakala sokuba ubhaptizo lwamanzi luyinto efunekayo ukuze kuzuzwe isazela esilungileyo noYehova. Oku kucaciswe kweyo-1 kaPetros 3:21, efundeka ngolu hlobo: “Olusisindisayo ngawo nathi ngoku ubhaptizo ngokomfuziselo: olungekuko ukulahla ubunyhukunyhuku benyama; olukukubuzisa kuThixo kwesazela esilungileyo; ngokuvuka kukaYesu Kristu.”
Bamele Babhaptizwe Xa Bebadala Kangakanani?
20. Kutheni iintsana zingenakufanelekela ukuba zibhaptizwe?
20 Amazwi kaYesu akuMateyu 28:19, 20 abonisa ukuba ngabo baye benziwa abafundi bakhe abafanele babhaptizwe. Ngenxa yoko, oko kuthetha ukuba akukho lusana okanye mntwana usemncinane unokuhlangabezana neemfuneko ezingokweZibhalo ukuze abhaptizwe. Usana alunakuba nokholo kwiLizwi likaThixo, kuThixo uMdali nakuNyana wakhe uYesu Kristu. Usana alunakuyiqonda into yokuba umoya oyingcwele ngamandla kaThixo asebenzayo; lungenako nokuguquka kwizono zangaphambili luze lwenze isibhambathiso esinyanisekileyo sokwenza ukuthanda kukaThixo.
21. Ngaba kufanelekile ukuba ulutsha lubhaptizwe?
21 Kodwa kubonakala ukuba bambi phakathi kwabantu bakaYehova baye bagabadela. Abazali abaninzi abangamaKristu baye bavumela abantwana babo ukuba balinde de babe sebeza kugqiba iminyaka yabo yeshumi elivisayo ngaphambi kokuba bacinge ngombandela wobhaptizo. Ngokufuthi, siva ngabaselula abazenzela ngokwabo uzahlulelo olufanelekileyo bengaqhutywa ngomnye umntu. Ngokomzekelo, unyana womnye umdala owayengekafikeleli kwiminyaka yeshumi elivisayo wayekufuna ngokwenyaniso ukubhaptizwa. Ngoko uyise wacela abanye abadala abathathu ukuba baxubushe nalo uselula imibuzo eyilelwe abo baceba ukubhaptizwa.a Isigqibo abafikelela kuso sasisesokuba, nangona wayesemncinane gqitha, wayekufanelekele ukubhaptizwa njengomlungiseleli omiselweyo kaYehova uThixo. KwiSikolo Senkonzo Soovulindlela ebesiqhutywa kutshanje kwiiBahamas kwakukho intwazana eneminyaka elishumi ubudala, mntwana lowo ongowabalungiseleli ababini bexesha elizeleyo!
22. Xa abazali besakha ubuntu bobuKristu kubantwana babo, banokulindela ntoni kubo?
22 Kule nkalo, kubonakala ukuba bambi abazali bayasilela. Bazisebenzisa ukusa kuwuphi umkhamo ‘izinto ezingenakutsha’ ekwakheni ubuntu bobuKristu kubantwana babo? (1 Korinte 3:10-15) Okokuqala, ukwenjenjalo kufuna ukuba unqulo olunyulu lukaYehova lube yeyona nto ibalulekileyo kubomi babazali. Ukongezelela, abazali bamele bathobele isiluleko esihle esinikelwe kwiDuteronomi 6:6, 7 nakumaEfese 6:4. Umphumo woku usenokuba kukuba abazali kuya kufuneka babathintele abantwana babo ekubeni babhaptizwe beselula gqitha, kunokuba kufuneke ukuba babakhuthaze kamva.
23. Akuba umntu efikelele kwinqanaba lokuba azahlulele aze abhaptizwe, yintoni enye efunekayo?
23 Akuba umntu ebonise ukuba ukholose ngoYehova ngokuzahlulela nangokubhaptizwa emanzini, umele aqhubeke ebonakalisa oko kukholosa. Inqaku elilandelayo elithi, “Ukukhonza Njengabantu Abakholose Nabasebenza NoYehova,” liya kusinceda sikuqonde oko kubandakanyekileyo koku.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ungcelele lwemibuzo emele iphendulwe ngabo bonke abanqwenela ukubhaptizwa njengamaNgqina kaYehova ifunyanwa kwincwadi Ukulungelelaniselwa Ukufeza Ubulungiseleli Bethu. Inokufunyanwa ngabo balungiselela ukubhaptizwa.
Ubungaphendula Uthini?
◻ Ziziphi izibakala ezibalaselisa ubuyatha bokukholosa ngabantu?
◻ Kutheni iimpawu neenkqubano zikaYehova zisinika izizathu ezivakalayo zokuba sikholose ngaye?
◻ Kutheni ukukholosa ngoYehova kufuna uzahlulelo kungekhona ukuzibophelela nje?
◻ Abazali banokuwubethelela njani kubantwana babo umnqweno wokuzahlulela kuYehova besebancinane?
[Imifanekiso ekwiphepha 10]
Sinokukholosa ngoYehova njengoMhlanguli Omkhulu