Kutheni Ufanele Uzahlulele KuYehova?
“Ngobu busuku bekumi kufuphi nam ingelosi kaThixo endingowakhe.”—IZE. 27:23.
1. Yintoni eyenziwa ngumntu ngaphambi kokuba abhaptizwe yaye oko kuphakamisa yiphi imibuzo?
“NGENXA yedini lentlawulelo likaYesu Kristu, uguqukile na kwizono obuzenza waza wazahlulela ukwenza ukuthanda kukaYehova?” Lo ngomnye wemibuzo emibini emele iphendulwe ngabo baza kubhaptizwa ekupheleni kwentetho yobhaptizo. Kutheni amaKristu efanele azahlulele kuYehova? Singenelwa njani ngokuzahlulela kuThixo? Kutheni singenakumkhonza uThixo xa singazahlulelanga kuye? Ukuze sifumane iimpendulo, masiqale sihlolisise oko kuthethwa kukuzahlulela.
2. Kuthetha ntoni ukuzahlulela kuYehova?
2 Kuthetha ntoni ukuzahlulela kuThixo? Phawula indlela umpostile uPawulos awaluchaza ngayo ulwalamano lwakhe noThixo. Xa wayethetha nabantu abaninzi ababesesikhepheni esasisengozini yokuzika, wabiza uYehova ngokuthi ‘nguThixo endingowakhe.’ (Funda iZenzo 27:22-24.) Onke amaKristu okwenyaniso ngakaYehova. Kodwa lona ihlabathi, “lisemandleni ongendawo.” (1 Yoh. 5:19) Xa amaKristu ezahlulela kuYehova ngomthandazo, uyawamkela njengabantu bakhe. Umntu ozahlulelayo wenza isifungo. Emva koko, ubhaptizwa emanzini.
3. Ukubhaptizwa kukaYesu kwakubonisa ntoni yaye abalandeli bakhe banokuwuxelisa njani umzekelo wakhe?
3 UYesu wasibekela umzekelo xa wazikhethela ukwenza ukuthanda kukaThixo. Kuba wayezalelwe kuhlanga lakwaSirayeli olwaluzinikele kuThixo, wayefana nosele ezahlulele kuThixo. Sekunjalo wabhaptizwa, nto leyo kwakungeyomfuneko ngokoMthetho ukuba ayenze. ILizwi likaThixo lithi wathi: “Khangela! Ndiyeza . . . ukuza kwenza intando yakho, Thixo.” (Heb. 10:7; Luka 3:21) Ngoko ukubhaptizwa kukaYesu kwakufanekisela ukuzinikela kwakhe kuThixo ukuze enze ukuthanda kukaYise. Abalandeli bakhe baxelisa umzekelo wakhe xa bebhaptizwa. Kodwa xa bebhaptizwa babonisa ekuhleni ukuba bazahlulele kuThixo ngomthandazo.
Indlela Esingenelwa Ngayo Xa Sizahlulela
4. Ubuhlobo bukaDavide noYonatan businceda siqonde ntoni ngembopheleleko yokuba ngumhlobo?
4 Ukuzahlulela kwamaKristu ngumbandela onzulu. Ayisosivumelwano nje esiqhelekileyo. Noko ke, singenelwa njani xa sizahlulela? Masithelekise oku nendlela eziluncedo ngayo izivumelwano eziphakathi kwabantu. Masenze umzekelo ngabahlobo. Ukuze ungenelwe ngokuba nomhlobo, kufuneka uqonde imbopheleleko onayo njengomhlobo. Oku kufuna ukuba uzinikele—uzive unyanzelekile ukumkhathalela umhlobo wakho. Owona mzekelo ubalaseleyo wabahlobo ekuthethwe ngawo eBhayibhileni ngokaDavide noYonatan. Bade benza umnqophiso. (Funda eyoku-1 kaSamuweli 17:57; 18:1, 3.) Nangona abahlobo abanjalo benqabile, ubuhlobo babantu abaninzi buyaqina xa benyanisekile omnye komnye.—IMize. 17:17; 18:24.
5. Lalinokungenelwa njani ikhoboka lenkosi elungileyo?
5 UMthetho uThixo awawunika amaSirayeli ubonisa olunye ulwalamano abantu abanokungenelwa kulo xa benze isivumelwano. Ukuba ikhoboka lalifuna ukukhuseleka ngokuthi lihlale liyisebenzela inkosi yalo, lalinokwenza isivumelwano esingunaphakade kunye nayo. UMthetho uthi: “Ukuba ikhoboka elo liyazingisa lisithi, ‘Ndiyithanda ngokwenene inkosi yam, umfazi wam noonyana bam; andifuni kuphuma ndikhululekile,’ imele inkosi yalo ilisondeze kuThixo oyinyaniso ize ilizise ngaselucangweni okanye emgubasini; yaye inkosi yalo imele iligqobhoze indlebe ngenyatyhowa, liyikhonze kuse kwixesha elingenammiselo.”—Eks. 21:5, 6.
6, 7. (a) Abantu bangenelwa njani ngokwenza izivumelwano? (b) Kuya kusinceda njani oko kulwalamano lwethu noYehova?
6 Ulwalamano lomtshato kukuzinikela ngokupheleleyo kwiqabane lakho. Kukufuna ukuzibophelela kwiqabane lakho kungekhona ukufumana nje iphepha lesiqinisekiso. Abantu ababini abahlalisanayo bengatshatanga abanakuze bazive bekhuselekile, nto leyo echaphazela nabantwana babo. Kodwa abantu ababini abamanyaniswe ngumtshato obekekileyo banezizathu ezingokweZibhalo zokucombulula iingxaki zabo ngothando.—Mat. 19:5, 6; 1 Kor. 13:7, 8; Heb. 13:4.
7 Kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile, abantu babengenelwa ngokwenza izivumelwano kwezoshishino nakwezengqesho. (Mat. 20:1, 2, 8) Kusenjalo nanamhlanje. Ngokomzekelo, siyangenelwa xa sibhala isivumelwano, ngaphambi kokuba senze ushishino okanye siqalise ukusebenza kwinkampani ethile. Ngenxa yoko, ukuba isivumelwano sibalulekile phakathi kwabahlobo, emtshatweni nakwezengqesho, ukuzahlulela kuYehova ngentliziyo epheleleyo kuya kukunceda nangakumbi kulwalamano lwakho naye! Masihlole indlela abantu abangenelwa ngayo ngaphambili ngokuzahlulela kuYehova uThixo size sibone nokuba oku kwakungeso sivumelwano nje.
Indlela Awangenelwa Ngayo AmaSirayeli Ngokuzinikela KuThixo
8. Ukuzinikela kwamaSirayeli kuThixo kwakuthetha ntoni kuwo?
8 Uhlanga lakwaSirayeli lwazinikela kuYehova ngokwenza isifungo kuThixo. UYehova wawahlanganisa kufuphi neNtaba yeSinayi waza wathi kuwo: “Ukuba nithe nalithobela okunene ilizwi lam, nawugcina ngenene umnqophiso wam, ngokuqinisekileyo noba yinqobo kum kwizizwana zonke.” Baphendula bonke abantu ngamxhelo mnye bathi: “Konke akuthethileyo uYehova sikulungele ukukwenza.” (Eks. 19:4-8) Ukuzinikela kwamaSirayeli kwakubaluleke ngakumbi kunokuzimisela ukwenza okuthile. Kwakuthetha ukuba ayengakaYehova yaye uYehova wawaphatha ‘njengenqobo kuye.’
9. Angenelwa njani amaSirayeli ngokuzinikela kwawo kuThixo?
9 AmaSirayeli angenelwa ngokuba ngakaYehova. Wayenyanisekile kuwo, ewakhathalela njengomzali onyamekela umntwana wakhe. Xa wayethetha namaSirayeli uThixo wathi: “Umfazi angalulibala na usana lwakhe, angavakalelwa ngonyana wesisu sakhe? Nokuba bona abafazi banokulibala, kodwa mna andiyi kukulibala.” (Isa. 49:15) UYehova wawanika uMthetho ukuze uwakhokele, abaprofeti ukuze bawakhuthaze neengelosi ukuze ziwakhusele. Umdumisi wabhala wathi: “Uxelela uYakobi ilizwi lakhe, uSirayeli imimiselo yakhe nezigwebo zakhe. Akenzanga ngaloo ndlela kulo naluphi na olunye uhlanga.” (INdu. 147:19, 20; Funda iNdumiso 34:7, 19; 48:14.) Njengoko uYehova walunyamekelayo uhlanga lwakhe ngaphambili, uya kubanyamekela nabo bazahlulela kuye namhlanje.
Isizathu Sokuzahlulela KuThixo
10, 11. Ngaba sizalwa siyinxalenye yentsapho kaThixo? Cacisa.
10 Xa becinga ngokuzahlulela nokubhaptizwa kwamaKristu, abanye basenokuzibuza, ‘Kutheni ndingenakumkhonza uThixo xa ndingazahlulelanga kuye?’ Isizathu soku sibonakala kakuhle xa sicinga ngendlela asijonga ngayo uThixo. Khumbula ukuba, ngenxa yesono sika-Adam, sonke sizalwa singengomalungu entsapho kaThixo. (Roma 3:23; 5:12) Ukuzahlulela kuThixo kubalulekile ukuze samkeleke kwintsapho yakhe. Masibone isizathu soko.
11 Akukho namnye kuthi onokufumana ubomi obufezekileyo kuyise. (1 Tim. 6:19) Asizange sizalwe singoonyana bakaThixo kuba isibini sokuqala sona baza abantu bahlukaniswa noYise onguMdali wabo onothando. (Thelekisa iDuteronomi 32:5.) Ukususela ngelo xesha, uluntu belungeyonxalenye yentsapho kaYehova, belwahlukanisiwe noThixo.
12. (a) Abantu abangafezekanga banokukwazi njani ukuba ngamalungu entsapho kaThixo? (b) Zintoni esimele sizenze ngaphambi kokuba sibhaptizwe?
12 Sekunjalo, sinokukwazi ukucela kuThixo ukuba asamkele sibe ngamalungu entsapho yabakhonzi bakhe akholiswayo ngabo.a Ekubeni singaboni, sinokukwenza njani oko? Umpostile uPawulos wathi: “Xa sasiziintshaba, saxolelaniswa noThixo ngokufa koNyana wakhe.” (Roma 5:10) Xa sibhaptizwa sicela isazela esilungileyo kuThixo ukuze asamkele. (1 Pet. 3:21) Kodwa ke, ngaphambi kokuba sibhaptizwe kukho izinto esimele sizenze. Simele singenise ulwazi ngoThixo, sifunde ukukholosa ngaye, siguquke size sitshintshe indlela esiphila ngayo. (Yoh. 17:3; IZe. 3:19; Heb. 11:6) Ikho nenye into esimele siyenze ngaphambi kokuba samkeleke kwintsapho kaThixo. Yintoni leyo?
13. Kutheni kusengqiqweni ukuba umntu enze isifungo sokuzahlulela kuThixo ukuze abe yinxalenye yentsapho yakhe emkholisayo?
13 Ngaphambi kokuba umntu owahlukaniswe noThixo abe lilungu lentsapho yabakhonzi bakaThixo akholiswayo ngabo, kufuneka aqale enze isithembiso kuYehova. Ukuze siqonde isizathu soku, cinga ngotata obonakalisa ububele kumntwana oyinkedama aze afune ukumthatha amenze umntwana wakhe. Lo tata waziwa njengomntu olungileyo. Kodwa ngaphambi kokuba athathe lo mntwana amenze unyana wakhe, ufuna enze isithembiso. Le ndoda ithi, “Ngaphambi kokuba ndikuthathe ube ngunyana wam, ndifuna ukwazi enoba uza kundithanda uze undihlonele njengoyihlo kusini na.” Le ndoda iya kumthatha lo mntwana kuphela xa evuma ukwenza esi sithembiso. Ngaba akukho ngqiqweni oku? Ngokufanayo, uYehova wamkela kuphela abo bazimisele ukwenza isifungo sokuzahlulela kuye. IBhayibhile ithi: “Niyinikele imizimba yenu ibe yimibingelelo ephilayo, engcwele, eyamkelekileyo kuThixo.”—Roma 12:1.
Isenzo Esibonisa Uthando Nokholo
14. Sinokutsho njani ukuba uzahlulelo lubonisa uthando?
14 Xa sisenza isifungo sokuzahlulela kuThixo sibonisa uYehova ukuba simthanda ngokusuk’ entliziyweni. Esi sifungo siphantse sifane nesifungo somtshato. Umyeni ongumKristu ubonisa indlela amthanda ngayo umfazi wakhe ngokufunga ukuba uza kunyaniseka kuye enoba sekunzima kangakanani. Asikokuthembisa umntu ngokumenzela into ethile kodwa kukumqinisekisa. Indoda engumKristu iyaqonda ukuba ibingenakulifumana ilungelo lokuhlala nomfazi wayo xa ibingasenzanga isifungo somtshato. Ngendlela efanayo, asinakuzifumana iingenelo zokuba ngamalungu entsapho kaYehova xa singasenzanga isifungo sokuzahlulela kuye. Ngoko nangona singafezekanga, sizahlulela kuThixo kuba sinqwenela ukuba ngabakhe yaye sizimisele ukunyaniseka kuye enoba sekunzima kangakanani.—Mat. 22:37.
15. Sinokutsho njani ukuba uzahlulelo lubonisa ukholo?
15 Xa sizahlulela kuThixo sibonisa ukuba sinokholo kuye. Kutheni sisitsho nje? Ukuba nokholo kuYehova kusenza siqiniseke ukuba xa sisondela kuye siya kungenelwa. (INdu. 73:28) Siyaqonda ukuba akusoloko kulula ukuhamba noThixo kuba siphila phakathi “kwesizukulwana esigwenxa nesijijekileyo,” kodwa siyamthemba uThixo ukuba uya kuyixhasa imigudu yethu. (Fil. 2:15; 4:13) Siyazi ukuba asifezekanga kodwa siqinisekile ukuba uYehova uya kubonisa inceba kuthi naxa senze iimpazamo. (Funda iNdumiso 103:13, 14; neyabaseRoma 7:21-25.) Sinokholo lokuba uYehova uya kusivuza xa sigcina ingqibelelo yethu kuye.—Yobhi 27:5.
Ukuzahlulela KuThixo Kusenza Sonwabe
16, 17. Kutheni ukuzahlulela kuYehova kusenza sonwabe?
16 Ukuzahlulela kuYehova kusenza sonwabe kuba sinikela ngeziqu zethu. Wayenyanisile uYesu xa esithi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” (IZe. 20:35) UYesu walufumana uvuyo lokupha xa wayeshumayela emhlabeni. Maxa wambi kwakufuneka ancame ukuphumla, ukutya nokuphila tofotofo ukuze ancede abanye bafumane indlela yobomi. (Yoh. 4:34) UYesu wayeyoliswa kukwenza intliziyo kaYise ibe nemihlali. UYesu wathi: “Ndisoloko ndisenza izinto ezikholekileyo kuye.”—Yoh. 8:29; IMize. 27:11.
17 Ngaloo ndlela, uYesu wabonisa abalandeli bakhe indlela yokuphila eyanelisayo, xa wathi: “Ukuba nabani na ufuna ukundilandela, makazincame.” (Mat. 16:24) Ukwenjenjalo kusenza sisondele kuYehova. Akakho omnye umntu esinokumthemba ukuba uya kusikhathalela ngothando.
18. Kutheni ukuphila ngokuvisisana nozahlulelo lwethu kuYehova kubangela ulonwabo ngaphezu kwayo nantoni na?
18 Xa sizahlulela kuYehova size siphile ngokuvisisana nozahlulelo lwethu, senze ukuthanda kwakhe, sonwaba ngakumbi kunokuba bekuya kuba njalo ukuba besizinikele kwenye into okanye komnye umntu. Abantu abaninzi ngokomzekelo, bachitha ubomi babo befuna ubutyebi bezinto eziphathekayo kodwa abalufumani ulonwabo nolwaneliseko lokwenene. Noko ke, abo bazahlulela kuYehova bahlala bonwabile. (Mat. 6:24) Ilungelo lokuba ‘ngabasebenzi abangamadlelane kaThixo’ libenza bonwabe kodwa abazahlulelanga kumsebenzi othile kodwa bazahlulele kuThixo wethu onoxabiso. (1 Kor. 3:9) Akakho omnye umntu onokuwuxabisa njengaye umoya wabo wokuzincama. Abo banyanisekileyo, uya kubabuyisela ebutsheni babo ukuze abanyamekele ngonaphakade.—Yobhi 33:25; funda amaHebhere 6:10.
19. Liliphi ilungelo elinanditshwa ngabo bazahlulele kuYehova?
19 Ukuzahlulela kuYehova kuyaluqinisa ulwalamano lwakho naye. IBhayibhile ithi: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.” (Yak. 4:8; INdu. 25:14) Kwinqaku elilandelayo, siza kufunda ngesizathu sokuba simele singathandabuzi xa sifuna ukuba ngabakaYehova.
[Umbhalo osemazantsi]
a ‘Ezinye izimvu’ zikaYesu azinakuba ngoonyana bakaThixo de kube sekupheleni kweminyaka eliwaka. Noko ke, kuba zizinikele kuThixo, zinokuthi “Bawo” xa zimbiza yaye zinokugqalwa njengamalungu entsapho kaYehova.—Yoh. 10:16; Isa. 64:8; Mat. 6:9; ISityhi. 20:5.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Ukuzahlulela kuThixo kuthetha ukuthini?
• Singenelwa njani ngokuzahlulela kuThixo?
• Kutheni amaKristu efanele azahlulele kuYehova?
[Umfanekiso okwiphepha 6]
Ukuphila ngokuvisisana nozahlulelo lwethu kusenza sihlale sonwabile