Izifundo Ezivela KwiZibhalo: Nahum 1:1–3:19
Kunokwenzeka Ukuba Usinde Xa UThixo Ephindezela
“KUSAYA kuba mzuzwana, angabikho ongendawo.” (INdumiso 37:10) Ukuba la mazwi aya kuzalisekiswa kuboniswe ngamandla kwincwadi yeBhayibhile eyabhalwa nguNahum noHabhakuki. La madoda akhaliphileyo agqiba ukubhala ngeziprofeto zawo kwilizwe lakwaYuda ebudeni bokuphela kwenxalenye yenkulungwane yesixhenxe Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo.
Okokuqala, qwalasela isiprofeto sikaThixo esavakaliswa nguNahum. Siqulethe siphi isifundo?
Impindezelo KaThixo Iqinisekile
UYehova ufuna ukuba uzinikele ngokungagogotye lutho. (Eksodus 20:5) Kwisibhengezo esinxamnye nekomkhulu laseAsiriya, iNineve, uNahum ubonisa ukuba impindezelo kaThixo iya kufikela iintshaba ezingazinikeli ngolo hlobo kuye. Ewe, iintaba ziyanyikima phambi kwakhe, neenduli ziyanyibilika ibe ihlabathi liyafukuka! Ngubani onokumelana nobushushu bomsindo wakhe?—1:1-6.
Sinokuthembela kuYehova njengekhusi. Ewe, uYehova uyabakhusela abo bafuna ikhusi kuye. Xa iintshaba zakhe zitshatyalalisiwe, akusayi kuphinda kubekho mbandezelo okwesihlandlo sesibini. Kukho iindaba ezilungileyo zoxolo zelakwaYuda zokuba akuyi kubakho miqobo ithintela unqulo oluyinyaniso.—1:7–2:2.
Abantu ababi abayi kusinda. Oku kucacile ngenxa yoko kwenzeka eNineve. Ukuphatha kwayo kakubi abathinjwa kwayenza yaba ‘ngumzi wamagazi.’ Njengesisesikhundleni seengonyama, esi sixeko someleleyo sibonakala sinqabisekile ngaphaya kweendonga zaso eziluqilima. Kodwa ngokomyalelo kaThixo, iNineve yayiza kujongana nemiphumo efanayo njengoko wayohlwayayo iNo ka-Amon okanye iTebhetse, kuMlambo womNayile. Ngenxa yezono zalo, ikomkhulu laseAsiriya laliza kutshatyalaliswa lize lishiywe lingamanxuwa. Esi siprofeto sazaliseka xa imikhosi emanyeneyo kakumkani waseBhabhiloni uNabhopolasare noCyaxares umMedi bayithimbayo iNineve ngowama-632 B.C.E.—2:3–3:19.
Izifundo Ezivela KwiZibhalo: Habhakuki 1:1–3:19
UHABHAKUKI wafunda ukuba uYehova wayeya kuthi ngeLakhe ixesha enze okuthile nxamnye nabo babandezeli bakhohlakeleyo. Kodwa ‘lona ilungisa laliya kudla ubomi ngokholo lwalo.’ (2:4) Kanti, ziziphi izifundo ezingakumbi esinokuzifunda kwesi siprofeto?
Ukusindiswa Kwabo Banokholo
UYehova uyaziphulaphula izicelo zabakhonzi bakhe. UHabhakuki uyabuza: “Kunini na, Yehova, ndizibika, ungeva?” Ewe, akukho okusesikweni ibe abangendawo bangqonge amalungisa. Kodwa uThixo uyeva, ibe njengothunywashe wakhe wokukhupha isohlwayo, ‘uxhoxha amaKaledi.’ Kanti, unokuwasebenzisa njani loo mandla anjengemfazwe? Umprofeti ulindela impendulo kaThixo, akhangele phambili kwisohlwayo esiza kunikelwa.—1:1–2:1.
Ngamalungisa nabathembekileyo kuphela abaya kudla ubomi. UYehova uqinisekisa uHabhakuki ngako oku. Nangona kusenokubonakala kukho ukuzilazila, ngexesha likaThixo elimisiweyo umbono obuprofeti “uya kuza.” Utshaba oluzingcayo oluphanga iintlanga aluyi kulufikelela usukelo lwalo. Eneneni, amaKaledi awanakungasifumani isohlwayo.—2:2-5.
Yeha Kwabangendawo!
Yiphephe inzuzo yenkohliso, ugonyamelo nokunqula izithixo. Ngoba? Kuba uyeha ngokuqinisekileyo ungowabo bandisa okungekokwabo, abafumana inzuzo ngendlela engendawo, abakha imizi ngamagazi, abathi ngogonyamelo babangele abanye ukuba basele indebe yoloyiso olulihlazo baze bakholose ngezithixo ezingaphiliyo. UThixo uya kuyibhangisa imisebenzi yabanjalo. Wonke umhlaba uya kwenziwa ulwazi uzuko lukaYehova, lowo bonke bafanele bazithobe kuye ngentlonelo.—2:6-20.
Linda ngomonde kuYehova ukuze usinde. Emthandazweni, uHabhakuki ukhumbula izinto ezidlulileyo ezingqina amandla kaThixo. Phakathi kwezinye izinto, uYehova wahambahamba emhlabeni, enyhasha iintlanga ngomsindo. Wakwaqhubeka esindisa abantu bakhe. Oyisiwe, uHabhakuki uzimisele ‘ukulinda imini yembandezelo [“ethe cwaka,” NW].’ Kungakhathaliseki ukuba kubi kwamaxesha ekumele kujongwane nawo, yena uya kudlamka ekuYehova aze agcobe ekuThixo wosindiso lwakhe.—3:1-19.
[Ibhokisi ekwiphepha 24]
UKUHLOLISISWA KWEENDINYANA ZEBHAYIBHILE
○ Nah 1:4—IBhashan, iKarmele neLebhanon yayiyimimandla emihle, echumayo nevelisa indyebo. Ukuntshwenya kwayo kwakuya kuthetha usizi kwabo baxhomekeke kuyo. Oku kubethelela ubuhlungu bokuphalala komsindo kaYehova.
○ 1:10—INineve yazicingela ingenakungenwa njengeziphingo eziphinyeleneyo ibe yayinxilile yinkanuko. Kodwa yayiza kupheliswa ngokulula njengomlilo usidla iindiza ezomileyo. Ngokukwanjalo, iintshaba zabantu bakaThixo banamhlanje aziyi kumelana nemigwebo kaYehova ebumlilorha.
○ 2:6—Ngenxa yeemvula ezinkulu ngexesha lokuhlaselwa kweNineve, uMlambo iTigris wazala. La manzi akhukulisa inxalenye yeso sixeko aza aqhekeza icandelo elithile lodonga. Ngaloo ndlela, kwakulula ngabathimbi ukuthabatha ikomkhulu laseAsiriya.
○ 2:11-13—Njengamarhamncwa anoburhalarhume, ama-Asiriya azigrogrisa aza azenza amaxhoba azo ezinye iintlanga. Kwakubonakala nokuba ingonyama yayingumfuziselo wesizwe. Imifanekiso emininzi etyhidiweyo yeengonyama yafunyanwa kwiNineve engamanxuwa.
○ 3:3, 4—Njengehenyukazi, iNineve yakhohlisa iintlanga ngokuzinyoba ngobubele nangezithembiso zokuzinceda. Kodwa abo bathi ngaloo ndlela barhintyeleka baba namava entlungu phantsi kwedyokhwe yayo ecinezelayo njengokuba kuboniswe kwimeko yokumkani wakwaYuda uAhazi.—2 Kronike 28:16, 20, 21.
[Ibhokisi ekwiphepha 25]
UKUHLOLISISWA KWEENDINYANA ZEBHAYIBHILE
○ Hab 1:2-4—Ukuba nokholo kukaHabhakuki kuYehova njengoThixo ongabunyamezeliyo ububi kwamqhubela ukuba abuze ngesizathu sokwesamela kobubi. Wayekulungele ukulungelelanisa ukucinga kwakhe. (2:1) Xa simangaliswa sisizathu sokunyanyezelwa kwezinto ezithile, ngokukwanjalo ukuba nentembelo kwethu kubulungisa bukaYehova kufanele kusincede sigcine ukulungelelana kwethu size silindele kuye.—INdumiso 42:5, 11.
○ 2:5—AmaBhabhiloni ayenjengendoda ekrelekrele eyayisebenzisa ubuchule bayo bokulwa ukuze yoyise iintlanga. Njengelabafileyo nokufa zinto ezo zisoloko zikhamisele amaxhoba angakumbi, naye wayenomnqweno wokufumana uloyiso lwasemkhosini olungakumbi. (Thelekisa IMizekeliso 30:15, 16.) Ngokungathi uphenjelelwe kukusela ngokugqithiseleyo, waba nombono wakhe esoyisa. Kodwa waqala wagqibelisa kwiimfazwe zakhe zoloyiso ezaphela xa iBhabhiloni yawa ngowama-539 B.C.E.
○ 3:13—Amandla kaThixo okusindisa ayebonwa ngokufuthi ngabantu bakhe abanyuliweyo nabathanjisiweyo, uhlanga lwakwaSirayeli. (INdumiso 28:8, 9) Ekuhambeni kwexesha, lwavelisa uMesiya, ‘imbewu yomfazi’ kaThixo wasezulwini. (Genesis 3:15) UYehova uya kusindisa amalungu aseleyo aloo ‘mbewu’, intsalela yabafundi bakaYesu abathanjiswe ngomoya, ekuhlaselweni nguSathana naziintlanga.—ISityhilelo 12:17.
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Umzobo owenziwa ngummbi wezinto zakudala uA. H. Layard obonisa ibhotwe laseAsiriya
[Inkcazelo]
Courtesy of the Trustees of the British Museum, London