Bathobeleni—Abo Bakhokelayo
“Bathambeleni abakhokeli benu, nibathobele; kuba bona abalali, ngenxa yemiphefumlo yenu, ngokwabaya kuphendula.”—HEBHERE 13:17.
1. Singenelwa njani kumsebenzi wabaveleli abangamaKristu?
KWELI ‘xesha lokuphela’ uYehova uye walungiselela abaveleli kwintlangano yakhe. (Daniyeli 12:4) Bayakhokela ekunyamekeleni abo banjengezimvu, ibe ukuvelela kwabo kuyahlaziya. (Isaya 32:1, 2) Ngaphezu koko, ukuvelela ngothando kwabadala abawuthantamisayo umhlambi kaThixo kuyakhusela kuSathana nakule nkqubo yezinto engendawo.—IZenzo 20:28-30; 1 Petros 5:8; 1 Yohane 5:19.
2. Bambi bamjonga njani umpostile uPawulos, kodwa sisiphi isimo sengqondo esifanelekileyo ngabadala?
2 Kodwa wena ubajonga njani abadala? Ngaba entliziyweni yakho uthi: ‘Andisokuze ndiye nakuwuphi na umdala okweli bandla ukuba ndinengxaki, kuba akukho nokuba abe mnye endinentembelo kuye’? Ukuba uvakalelwa ngaloo ndlela, ngaba kunokwenzeka ukuba ube ugxininisa kakhulu kwiimpawu zabo zokungafezeki? KwiKorinte yamandulo, bambi bathi ngompostile uPawulos: “Iincwadi ezi zakhe okunene zinzima, zinamandla; kodwa ke akubakho ngenkqu akanamandla, nokuthetha kwakhe akunto yanto.” Kanti, uThixo wanika uPawulos isabelo sobulungiseleli waza wamsebenzisa ‘njengompostile weentlanga.’ (2 Korinte 10:10; Roma 11:13; 1 Timoti 1:12) Ngoko, kukho ithemba lokuba uvakalelwa ngakumbi njengodade owathi: “Sinelona qumrhu labadala elifanelekileyo ehlabathini. Bakholo ukusinceda xa kuyimfuneko.”
Kutheni Sifanele Sibathobele?
3. Ukuze iNkosi ibe nomoya esiwubonakalisayo, sifanele sibajonge njani abalusi abangaphantsi abangamaKristu?
3 Ekubeni abalusi abangaphantsi abangamaKristu belungiselelwe nguMalusi Omkhulu, uYehova uThixo, ucinga ukuba ufuna sibajonge njani? Ngokuqinisekileyo, uThixo usilindele ukuba senze ngokuvisisana nolwalathiso olusekelwe eBhayibhileni olufumeneka ngabadala abanothando phantsi kokuvelela kweQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova. Iya kwandula ke ‘iNkosi ibe nomoya esiwubonakalisayo,’ yaye siya kunandipha uxolo, ibe siya kwakheka ngokomoya.—2 Timoti 4:22; thelekisa IZenzo 9:31; 15:23-32.
4. Sinokukusebenzisa njani ngokobuqu oko kukumaHebhere 13:7?
4 UPawulos wabongoza: “Bakhumbuleleni abakhokeli benu, abalithethayo kuni ilizwi likaThixo; nisingasinga impumelelo yehambo yabo, nixelise bona elukholweni lwabo.” (Hebhere 13:7) Phakathi kwamaKristu okuqala, yayingabapostile ababekhokela ngokuyintloko. Namhlanje, sinokubonela kwabo babumba iQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova, kwabanye abaveleli abathanjisiweyo namadoda ‘esihlwele esikhulu’ akhokelayo phakathi kwethu. (ISityhilelo 7:9) Nangona singabongozelwa ukuba sixelise indlela abathetha ngayo, isimo sabo, okanye ezinye iimpawu zobuntu, sifanele sikwazi ukwenza iinguqulelo kwihambo yethu ngokuxelisa ukholo lwabo.
5. Emhlabeni namhlanje, ngoobani abaphathiswe imbopheleleko enkulu yokunyamekela ibandla lamaKristu, ibe yintoni ebafaneleyo?
5 Emhlabeni namhlanje, imbopheleleko enkulu yokunyamekela iintswelo zethu zokomoya iye yaphathiswa “umkhonzi othembekileyo noqondayo.” IQumrhu Elilawulayo elimela yena liyakhokela lize lilungelelanise umsebenzi wokushumayela uBukumkani owenziwa kwihlabathi lonke. (Mateyu 24:14, 45-47) Ngaba badala bathanjiswe ngomoya abamele ngokukodwa bagqalwe njengabalawuli bokomoya, kuba amaHebhere 13:7 anokuguqulelwa ngale ndlela: “Bakhumbuleleni abo banilawulayo.” (Kingdom Interlinear) Ekubeni kukho amabandla angaphezu kwama-60 000 nabavakalisi boBukumkani abangaphezu kwezi-3 500 000, abadala abali-12 ababumba iQumrhu Elilawulayo ‘banokuninzi abamele bakwenze emsebenzini weNkosi.’ (1 Korinte 15:58, NW) Ngenxa yeso sabelo basinikwe nguThixo, sifanele sisebenzisane nabo ngokupheleleyo, kwananjengokuba amaKristu okuqala asebenzisana nequmrhu elilawulayo lenkulungwane yokuqala.—IZenzo 15:1, 2.
6. Ziziphi ezinye izinto ezenziwa ngabadala eziyingenelo kubantu bakaYehova?
6 Abaveleli baye bamiselwa ngumoya ukuba banyamekele iintswelo zebandla. (IZenzo 20:28) Bayaqinisekisa ukuba isigidimi soBukumkani siyashunyayelwa kummandla wentsimi webandla lasekuhlaleni. La madoda afanelekayo ngokweZibhalo akwanikela ukhokelo lokomoya ngendlela yothando. Ayaluleka, athuthuzele, aze abe ngayalayo kubazalwana nakoodade bawo bokomoya, ukusa kumlinganiselo wokuba aba baqhubeke behamba ngokufanelekileyo kuThixo. (1 Tesalonika 2:7, 8, 11, 12) Kwanaxa uthile equtyulwa sisiphoso, la madoda afuna ukumluleka ‘ngobulali.’—Galati 6:1.
7. Sisiphi isiluleko esanikelwa nguPawulos kumaHebhere 13:17?
7 Iintliziyo zethu zishukunyiselwa ukuba zisebenzisane nabaveleli abanjalo ukuba nothando. Oku kufanelekile, njengoko uPawulos wabhala: “Bathambeleni abakhokeli benu, nibathobele; kuba bona abalali, ngenxa yemiphefumlo yenu, ngokwabaya kuphendula, ukuze bakwenze oko bevuyile, bengancwini; kuba anisizakali kuko oko.” (Hebhere 13:17) Sifanele sisiqonde njani esi siluleko?
8, 9. (a) Ngenxa yamaHebhere 13:17, kutheni le nto sifanele sibathobele abo bakhokelayo? (b) Ukubathambela nokubathobela kwethu kunokuba nayiphi imiphumo emihle?
8 UPawulos usibongoza ukuba sibathobele abo basilawulayo ngokomoya. Simele ‘sibathobele,’ siyekele kwaba belusi bangaphantsi. Ngoba? Kuba ‘baluse imiphefumlo yethu,’ okanye ubomi babantu abazahlulele kuThixo. Ibe ‘bayalusa njani’? Apha isenzi esikwixesha elimiyo kuhlobo lokuqondisa lwesenzi sesiGrike ua·gru·pneʹo ngokoqobo sithetha ukuba abadala “abalali.” Oku kusikhumbuza umalusi okwampengempenge ongalaliyo ukuze akhusele umhlambi wakhe kwiingozi zasebusuku. Maxa wambi abadala abalali ngezinye iingokuhlwa ngenkxalabo bethandazela umhlambi kaThixo okanye bexhalabele ukunikela uncedo lokomoya kumakholwa akhonza nabo. Hayi indlela esifanele siyixabise kakhulu ngayo inkonzo yabo yokuthembeka! Ngokuqinisekileyo, asifuni ukuba ‘njengabantu abangahloneli Thixo’ bomhla kaYuda abathi ‘batshitshisa ubukhosi, banyelisa nezikhakhamela,’ abadala abangamaKristu athanjisiweyo ababenikwe nguThixo uzuko ukuba lube phezu kwabo.—Yuda 3, 4, 8.
9 UYehova akayi kukholiswa ukuba asibathambeli size sibathobele aba baveleli bangamaKristu. Kwakhona oku bekuya kungqineka kubangela ingcinezelo kubo ibe bekuya kusenzakalisa ngokomoya. Ukuba besingabangenantsebenziswano, abadala bebeya kunyamekela imisebenzi yabo bencwina, mhlawumbi ngomoya odangeleyo onokuphumela ekubeni siphulukane novuyo kwimisebenzi yethu yobuKristu. Kodwa ukuthamba nokuzithoba kwethu kukhuthaza ihambo yokuhlonel’ uThixo kuze komeleze ukholo lwethu. ‘INkosi inomoya esiwubonakalisayo,’ ibe uvuyo luyabalasela kwimekobume enjalo yentsebenziswano, yoxolo nomanyano.—2 Timoti 4:22; INdumiso 133:1.
10. Ngokutsho kweyoku-1 kuTimoti 5:17, kutheni le nto abo bongamela kakuhle befanelwe yimbeko?
10 Ukubathambela nokubathobela kwethu abadala bebandla akuthethi ukuba sikholisa abantu. Oko bekuya kuba kokungasekelwanga kwizibhalo, kuba abakhonzi abangamaKristu benkulungwane yokuqala baxelelwa ukuba bathobele iinkosi zabo, ‘kungabi ngankonzo yamehlo, ngathi bangabakholisi babantu; makube ngokwentliziyo engenakumbi, besoyika uThixo.’ (Kolose 3:22; Efese 6:5, 6) Abaveleli ‘abongamela kakuhle baze banyameke ekuthetheni nasekufundiseni’ ngokuyintloko bafanelwe yimbeko yethu kuba imfundiso yabo isekelwe kwiLizwi likaThixo. Kunjengokuba uPawulos wabhalayo: “Amadoda amakhulu, awongamela kakuhle, makabalelwe ekuthini afanelwe yimbeko ephindwe kabini, ngokukodwa lawo abulalekayo elizwini nasemfundisweni. Kuba sitsho isibhalo ukuthi, Uze ungayibophi umlomo inkomo ibhula; nokuthi, Umsébenzi uwufanele umvuzo wakhe.”—1 Timoti 5:17, 18.
11. Umdala usenokuyifumana njani “imbeko ephindwe kabini,” kodwa yintoni amele ayiphephe?
11 Amazwi kaPawulos asandul’ ukucatshulwa abonisa ukuba uncedo lwezinto eziphathekayo ngokufanelekileyo lunokunikelwa kwabo banyamekela izilangazelelo zokomoya zabanye. Noko ke, oku akuthethi ukuba abadala bafanele bafumane umvuzo wemali, ibe “imbeko ephindwe kabini” ngokuqinisekileyo asiyonto efunwa ngegunya ngumdala. Inokubonakaliswa ngamalungu ebandla ngokuzithandela, kodwa umele angaze asebenzise isabelo sakhe ngenjongo yokufumana igunya okanye izinto eziphathekayo. Ufanele angazifuneli uzuko okanye anxulumane ngokuyintloko nabo bafumileyo ukuze angenelwe ngokwezinto eziphathekayo aze abatyeshele abanye. (IMizekeliso 25:27; 29:23; Yuda 16) Kunoko, umveleli umele aluse ibandla likaThixo ‘ngokokuzithandela, kungengenxa yenzuzo embi, kodwa makube ngokuthumekelela.’—1 Petros 5:2.
12. Yintoni esinokuhlala siyikhumbula ukuze sincedakale ekuthobeleni abo basikhokelayo?
12 Siya kuncedakala ukuba sibathobele size sibabeke abo bakhokelayo ukuba sikhumbula ukuba nguThixo olungiselele aba badala. (Efese 4:7-13) Ekubeni la madoda emiselwe ngomoya yaye intlangano kaThixo ibaluleke kakhulu kubomi bamaNgqina kaYehova, ngokuqinisekileyo kufuneka sibonakalise umbulelo nentlonelo yethu ngamalungiselelo olawulo lobuthixo. Ngaphezu koko, sinokunceda abasebatsha ukuba bavelise esi simo sengqondo ukuba simisela umzekelo omhle wokubathambela nowokubathobela abo basikhokelayo.
Kutheni Simele Siyixabise Inkonzo Yabo?
13. (a) Ziziphi iimbono ezahlukileyo ngokhokelo ezikhoyo ehlabathini nakwintlangano kaThixo? (b) Ziziphi izizathu ezivakalayo esinazo zokuba nentembelo kumadoda asikhokelayo? (c) Kunokuba sibalaselise iimpawu zokungafezeki zabadala abanenyameko, sifanele senze ntoni?
13 Ehlabathini, kukho utyekelo lokuluchasa ukhokelo. Kunjengokuba omnye umhlohli wathi: “Umgangatho ophakamayo wemfundo uye waphucula isipho solwazi ngokokude abo baqeqeshwayo babe ngabahlab’ amadlala kakhulu ukusa kwinqanaba lokuba kungabi nakwenzeka ngabo ukuba bakhokelwe.” Kodwa umoya wengcinga yokuzimela awukho kwintlangano kaThixo, ibe sinezizathu ezivakalayo zokuba nentembelo kumadoda asikhokelayo. Ngokomzekelo, kuphela ngabo bahlangabezana neemfuneko ezingokweZibhalo abamiselwa njengabadala. (1 Timoti 3:1-7) Bafundiswa ukuba babe nobubele, babe nothando yaye babe luncedo, ukanti babe ngabaqinileyo ekuphakamiseni imilinganiselo yobulungisa kaYehova. Abadala banamathela kwinyaniso engokweZibhalo, ‘bebambelele eLizwini elithembekileyo ngokwemfundiso, ukuze babe nako ukuvuselela ngayo imfundiso ephilileyo.’ (Tito 1:5-9) Kambe ke, asifanele sibalaselise iimpawu zabo zokungafezeki, kuba sonke asifezekanga. (1 Kumkani 8:46; Roma 5:12) Kunokuba sizive sikatyile yimiqathango abayibekayo size sisithabathe lula isiluleko abasinikelayo, masiluxabise size silwamkele ulwalathiso olusekelwe eBhayibhileni lwabadala njengoluvela kuThixo.
14. Ngenxa yeyoku-1 kuTimoti 1:12, umdala ufanele asijonge njani isabelo sobulungiseleli asinikiweyo?
14 UPawulos, indoda eyayinoxabiso, wathi: “Ndinombulelo kowandomelezayo, uKristu Yesu iNkosi yethu, kuba wandibalela ekuthini ndithembekile, endimisela ebulungiselelini.” (1 Timoti 1:12) Obo bulungiseleli, okanye inkonzo, babuquka umsebenzi wokushumayela nokukhonza amakholwa awayekhonza nawo. Nangona umveleli enesabelo amiselwe kuso ngumoya oyingcwele sokukhonza njengomalusi, oku akufanele kumenze azive emkhulu kwabanye, kuba naye ngokwakhe ungomnye wezimvu zomhlambi kaThixo. (1 Petros 5:4) Kunoko ufanele abe nombulelo kuba iNtloko yebandla, uYesu Kristu, imbalele ekuthini ukufanelekele ukulungiselela amalungu omhlambi nokuba uThixo emenze wafaneleka ngokumnika umlinganiselo othile wolwazi, ubulumko nokuqonda. (2 Korinte 3:5) Ekubeni umdala enesizathu sokuba nombulelo ngamalungelo akhe awanikwe nguThixo, amanye amalungu ebandla amele abuxabise obu bulungiseleli, okanye inkonzo.
15. Uyintoni umongo wesiluleko sikaPawulos esikweyoku-1 yabaseTesalonika 5:12, 13?
15 AmaNgqina kaYehova anombulelo ngentlangano elungiselelwe nguThixo kule mihla yokugqibela, ibe ukuqonda oko kusishukumisela ukuba sibahlonele abadala. Sifanele sikuvuyele ukusebenzisana ngokuzeleyo namalungiselelo abawenzayo ukuze kulungelwe thina. UPawulos wathi: “Ke kaloku siyanicela, bazalwana, ukuba nibazi ababulalekayo phakathi kwenu, abanongamelayo eNkosini, abanilulekayo, nibabeke ngokugqithiseleyo kakhulu ukubathanda, ngenxa yomsebenzi wabo.” (1 Tesalonika 5:12, 13) Ukusisebenzisa esi siluleko kuzisa uvuyo nentsikelelo kaYehova.
Sisebenzise Ngokukhawuleza Isiluleko
16, 17. Sisiphi siluleko esisenokunikelwa ngabadala mayela nomtshato, ibe unokuba yintoni umphumo xa kusenziwa ngokuvisisana naso?
16 UPawulos wabongoza uTito ukuba ‘ahlale evuselela, ohlwaye ngawo wonke ummiselo.’ (Tito 2:15) Ngokufanayo, abameli bakaThixo namhlanje basalathisela kwimigaqo nakwimithetho yeBhayibhile. Kukho izizathu ezilungileyo zokwamkela icebiso eliphindaphindwayo lokusebenzisa isiluleko nolwalathiso lwentlangano kaYehova nolwabadala abamiselweyo.
17 Ngokomzekelo: Abadala basenokubongoza umKristu ukuba enze ngokuvisisana nesiluleko seBhayibhile sokutshata ‘kuphela ngokwaseNkosini.’ (1 Korinte 7:39; Duteronomi 7:3, 4) Basenokubonisa ukuba ukutshata nomntu ongabhaptizwanga kunokukhokelela kwiingxaki ezinzulu, kwananjengokuba uKumkani uSolomon wanxaxha kanobom ngokuzithabathela abafazi basemzini, abayityekisela kwizithixo zobuxoki intliziyo yakhe yaza yakhukuliseka ngokupheleleyo kuYehova. (1 Kumkani 11:1-6) Kwakhona abadala basenokucacisa ukuba uEzra wayalela amadoda akwaYuda ukuba ahlukane nabafazi bawo ababengabahedeni, ibe uNehemiya wathi abo babetshata abangengomakholwa ‘babesenza ububi obukhulu, besenza ubumenemene kuThixo.’ (Nehemiya 13:23-27; Ezra 10:10-14; bona IMboniselo, kaSeptemba 1, 1982, iphepha 31; Novemba 15, 1986, iphepha 26-30.) Ngokusisebenzisa isiluleko esinjalo seZibhalo esinikelwa ngabadala abanothando, umphumo uba ziintsikelelo nolwaneliseko lokukholisa uYehova.
18. Ekuqwalaseleni oko uPawulos wakubhala kweyoku-1 yabaseKorinte 5:9-13, sifanele sisabele njani ukuba ilungu lentsapho lisusiwe kubudlelane?
18 Kwakhona kufanelekile ukuhlonela izigqibo ezenziwa ngabadala ekugwebeni. UPawulos waxelela amaKristu aseKorinte ukuba ‘angazidibanisi nosukuba enegama lokuba ngumzalwana, ukanti wenza umbulo, nokuba ulibawa, nokuba ungumkhonzi wezithixo, nokuba ungumtshabhisi, nokuba ulinxila, nokuba ungumphangi; angakhe adle nokudla nonjalo.’ Ayemele ‘amnyothule umntu ongendawo phakathi kwawo.’ (1 Korinte 5:9-13) Kodwa wawuya kwenza ntoni ukuba omnye osisalamane sakho wayesuswe kubudlelane? Ngoxa kusenokubakho imfuneko yokulusikela umda unxulumano ukuze kunyamekelwe imicimbi yentsapho, lonke unxulumano lokomoya nesalamane esisusiweyo kubudlelane luya kunqanyulwa. (Bona IMboniselo kaAprili 15, 1988, iphepha 26-31.) Ngokuqinisekileyo, ukunyaniseka kuThixo nakwintlangano yakhe kufanele kusishukumisele ekuhloneleni izigqibo zabaveleli ekugwebeni.
19. Yintoni esifanele siyenze ukuba abadala basibonisa ukuba sihamba kwindlela ephosakeleyo ngokomoya?
19 Ukuhlala kwindlela emxinwa esa ebomini akuyondlwan’ iyanetha. Ukuze senjenjalo, simele silandele ulwalathiso olunikelwe kwiLizwi likaThixo nolunikelwa ngabo banikwe iimbopheleleko zokwalusa kwintlangano yakhe. (Mateyu 7:13, 14) Ukuba besihamba ngenqwelo-mafutha sisuka kwesinye isixeko sisiya kwesinye size sijike kwindlela engeyiyo, bekuya kufuneka sithabath’ inyathelo ukuze silungise oko. Kungenjalo, besingayi kuze sifike apho siya khona. Ngokufanayo, ukuba abadala basibonisa ukuba sihamba kwindlela ephokasakeleyo ngokomoya, mhlawumbi ngokuthandana ngaphambi komtshato nongakholwayo, sifanele sisisebenzise ngokukhawuleza isiluleko sabo esingokweZibhalo. Le iya kuba yenye yeendlela esibonisa ngazo ngokwenene ukuba ‘sikholose ngoYehova.’—IMizekeliso 3:5, 6.
Ukubonakalisa Intlonelo Nakwizinto Ezincinane
20. Yiyiphi imibuzo esinokuzibuza yona enokusinceda sibonise intlonelo ngolwalathiso lwabadala kwanakwimibandela emincinane?
20 Kufuneka sibonise intlonelo kulwalathiso lwabadala nakwimibandela emincinane. Ngoko sisenokuzibuza oku: ‘Ngaba ndiyasebenzisana nabadala ukuba bayasicela ukuba sityelele abagulayo okanye siqeqeshe abasebatsha kubulungiseleli basentsimini? Ngaba ndihlala ndikulungele ukwamkela izabelo kwiintlanganiso ndize ndizilungiselele kakuhle? Ngaba ndiyasabela xa abadala benikela ulwalathiso ngokugcina izihlalo kwiindibano, indlela esinxiba ngayo, njalo njalo? Ngaba ndisebenzisana nabo xa besicela ukuba sincedise ekucoceni iHolo YoBukumkani, singenise ingxelo yethu yenkonzo yasentsimini ngokukhawuleza, okanye sifike ngexesha kwiintlanganiso?’
21. Ukubonakalisa kwethu intlonelo ngabadala kusenokusikhumbuza waphi amazwi kaYesu?
21 Abaveleli bebandla bayayixabisa intsebenziswano yethu ibe inemiphumo emihle kakhulu. Enyanisweni, ukuba ngabanentlonelo nokuba nentsebenziswano kwethu nakwimicimbi emincinane kusenokusikhumbuza kakuhle amazwi kaYesu athi: “Othembekileyo kokuncinane, uthembekile nakokukhulu.” (Luka 16:10) Ngokuqinisekileyo, sifuna ukugqalwa njengabathembekileyo.
Qhubeka Ubonakalisa Intsabelo Ekuveleleni Okwenziwa Ngothando
22. Ziziphi ezinye iingenelo ezifumanekayo ekuveleleni ngothando komkhonzi othembekileyo nabadala bebandla?
22 Iingenelo ezifumaneka ekuveleleni ngothando komkhonzi othembekileyo nabadala bebandla zingqina ukuba uYehova uyisikelela ngokutyebileyo intlangano yakhe yasemhlabeni. Ngaphezu koko, ulwalathiso lobugcisa lwabadala luyondelelanisa ubuchule babo buze bukhuthaze umanyano phakathi kwethu. Kwakhona luphumela kumgudu omanyeneyo nonempumelelo wokuhambisela phambili izilangazelelo zoBukumkani. Eneneni, omnye umphumo omhle wokusabela kwethu ngoxabiso ekuveleleni kwabo bakhokelayo ukukuba uThixo uyawusikelela umsebenzi wethu wokushumayela nowokwenza abafundi. (Mateyu 28:19, 20) Ukusebenzisana kwethu nabadala kukwasixonxela ubomi obungunaphakade kwinkqubo entsha yezinto.
23. Ngenxa yeyoku-1 kaYohane 5:3, sifanele sishukunyiselwe ukwenza ntoni?
23 Ekubeni simthanda uYehova, ukumthobela kumnandi. Umpostile uYohane wabhala oku: “Kuba ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imithetho yakhe; ayinzima ke imithetho yakhe.” (1 Yohane 5:3) AmaKristu anyanisekileyo ayithobela enovuyo imithetho kaYehova ibe ashukunyiselwa ukuba asebenzisane nabo abaphathise imbopheleleko yokuvelela ibandla. Hayi indlela esinombulelo ngayo kuba sikwintlangano kaThixo nokuba ‘sinezipho ezinjalo ezingabantu’! (Efese 4:8) Ngoko, ekubeni sinentembelo epheleleyo yokuba uThixo walathisa abantu bakhe, ngalo lonke ixesha masibathobele abo bajizekwe ilungelo lokukhokela phakathi kwamaNgqina kaYehova.
Unokugqabaza Uthini?
◻ Kutheni le nto sifanele sibathobele abo basikhokelayo?
◻ Sisiphi isimo sengqondo esifanele sibe naso mayela nenkonzo enikelwa ngabadala abanenyameko?
◻ Kutheni simele sikhawuleze ukusisebenzisa isiluleko esinikelwe ngabadala?
◻ Ziziphi iingenelo ezibakho ekusabeleni kwethu ngoxabiso ekuvelelweni ngothando?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 24]
Ngaba uyasebenzisana nabadala ngokwamkela izabelo kwiintlanganiso, ngokuncedisa ekucoceni iHolo YoBukumkani, ngokufaka ingxelo yomsebenzi wakho wenkonzo yasentsimini ngokukhawuleza, nangezinye iindlela?
[Umfanekiso okwiphepha 23]
UPawulos wayoliswa kukushumayela iindaba ezilungileyo nakukukhonza amakholwa awayekhonza nawo. Njengomdala, ngaba unombulelo ngamalungelo akho enkonzo owanikwe nguThixo?