‘Ukuhambela Kwakho Phambili Makubonakale’
“Njengoko ke ndimdala, ndahlukene neendlela zobuntwana.”—1 KORINTE 13:11, TE.
1. Ukukhula kububo njani ubungqina bokumangalisa kwendalo?
UKUSUKA kwiqanda elincinane ngokokude libe nokubonwa kuphela ngesixhobo sokwandisa izinto ezincinane, umnenga unokukhulela ekubeni sisidalwa esingaphezu kweemitha ezingama-30 ubude nesinobunzima beetoni ezingaphezu kwama-80. Ngokufanayo, umthi omkhulu isequoia, ovela kwenye yezona mbewu zincinane, unokukhula ube ngaphezu kweemitha ezingama-90 ubude. Enyanisweni, ukukhula ngomnye wemimangaliso yobomi. Njengoko umpostile uPawulos esitsho, sinokutyala size sinkcenkceshe, kodwa “nguThixo lo uhlumisayo.”—1 Korinte 3:7.
2. Luhlobo olunjani lokukhula olwaxelwa kwangaphambili eBhayibhileni?
2 Noko ke, kukho olunye uhlobo lokukhula olumangalisa ngendlela efanayo. Lolo lwaxelwa kwangaphambili ngumprofeti uIsaya: “Omncinanana uya kuba liwaka, noweyeleyo abe luhlanga olunamandla. Mna, Yehova, ndiya kukukhawulezisa oko ngexesha lako oko.” (Isaya 60:22) Esi siprofeto sinento yokwenza nokwanda kwabantu bakaThixo, yaye siba nenzaliseko eyintloko kumhla wethu.
3. Ingxelo yonyaka wenkonzo we-1991 ibonisa njani ukuba uYehova uyawukhawulezisa umsebenzi wabantu bakhe?
3 Ingxelo yonyaka wenkonzo we-1991 yomsebenzi wazwenibanzi wamaNgqina kaYehova ibonisa ukuba inani labavakalisi boBukumkani liye lafikelela incopho entsha yezi-4 278 820, yaye abantu abangama-300 945 baye babhaptizwa ebudeni baloo nyaka. Ngenxa yokungena kwabantu abatsha abaninzi kangaka, kuye kwabunjwa amabandla amatsha angama-3 191, yaye kuye kwasekwa iziphaluka nezithili ezitsha ngokwelo nani. Oko kukusekwa kwamabandla amatsha angaphezu kwasibhozo ngosuku, phantse oko kube kukusekwa kwesiphaluka esitsha ngazo zonke iintsuku ezimbini. Oku kukhula kuyamangalisa ngokwenene! Licace mhlophe elokuba uYehova uyazikhawulezisa izinto, yaye uyayisikelela imigudu yabantu bakhe.—INdumiso 127:1.
Ixesha Lokuzihlola
4. Yiyiphi imibuzo esifanele siyiqwalasele njengoko sikhangele kwikamva?
4 Nangona kuvuyisa ukuyibona, le ntsikelelo ikwahamba neembopheleleko ezithile. Ngaba baya kubakho abantu abaqolileyo abaneleyo nabakulungeleyo ukunyamekela iintswelo zokomoya zabo bonke aba batsha? Njengoko sikhangela phambili kwikamva, kuyothusa ukucinga ngenani loovulindlela, izicaka zolungiselelo, abadala nabaveleli abahambahambayo abaya kufuneka ukuze banyamekele ukukhula nolwando, kwanabasebenzi abangamatsha-ntliziyo abaninzi abafunekayo kwiiofisi zesebe nakumaKhaya aseBheteli ehlabathini jikelele ukuze kuxhaswe umsebenzi. Liya kuvela phi inani elikhulu kangaka labantu? Alithandabuzeki elokuba isivuno sikhulu. Kodwa ngoobani namhlanje abakulungeleyo ukunyamekela bonke abasebenzi abafunekayo bokuvuna eso sivuno?—Mateyu 9:37, 38.
5. Ziziphi iimeko ezikhoyo kweminye imimandla ngenxa yokukhula okukhawulezayo?
5 Ngokomzekelo, kuye kwathiwa kwezinye iindawo zehlabathi, kukho amabandla anabavakalisi boBukumkani abanokuba likhulu anomdala nesicaka solungiselelo esinye okanye ezibini. Maxa wambi umdala omnye kuye kufuneke akhonze kumabandla amabini. Kwezinye iindawo abalungiseleli abangamaKristu bokuqhuba izifundo zeBhayibhile zamakhaya banqongophele gqitha ngokokude kufuneke ukuba abantu abatsha balindiswe. Kwakhona kwezinye iindawo, kusekwa amabandla amatsha ngesantya esikhawulezileyo ngokokude amabandla amathathu, amane, okanye amahlanu abolekisane ngeHolo YoBukumkani. Mhlawumbi ulubonile ulwando olulolu hlobo kwindawo ohlala kuyo.
6. Kutheni kubalulekile ukuba sizihlolisise?
6 Kusixelela ntoni oku kungasentla? Kusixelela ukuba ngenxa yokuphaphela amaxesha, sonke sifanele sihlolisise iimeko zethu ukuze sibone enoba ixesha nezinto esinazo sizisebenzisa ngeyona ndlela ilungileyo ukuze sisabele kwimfuneko. (Efese 5:15-17) Umpostile uPawulos wawabhalela oku amaKristu enkulungwane yokuqala angamaHebhere: “Kuba, nakuba benifanele ukuba ngabafundisi, ngenxa yokuba sekumzuzu nakholwayo, nibuye naswela umntu wokunifundisa iziqalelo zokuqala zezihlabo zikaThixo; nesuka naba ngabafanele ukusezwa amasi, anaba ngabafanele ukudla okuqinileyo.” (Hebhere 5:12) Njengoko loo mazwi ebonisa, namaKristu ngamanye afanele akhule. Yaye kukho ingozi yokwenene umntu anokuhlangabezana nayo xa elusana ngokomoya kunokuba aqhubekele phambili ekuqoleni kobuKristu. Ngokuvisisana noku, uPawulos uyasibongoza: “Zilingeni, ukuba niselukholweni olu na; zicikideni ngokwenu.” (2 Korinte 13:5) Ngaba uye wazihlolisisa ukuze ubone enoba ubukhula ngokomoya ukususela kwixesha owabhaptizwa ngalo? Okanye ngaba ubume ndaweninye? Noko ke, umntu unokuzibona njani?
‘Iindlela Zobuntwana’
7. Ukuze ukuhambela phambili ngokomoya kubonakale, yintoni esifanele siyenze?
7 UPawulos wathi: “Xeshikweni bendingumntwana, bendithetha njengomntwana, ndicinga njengomntwana, ndinezimvo zobuntwana; njengoko ke ndimdala, ndahlukene ngoku neendlela zobuntwana.” (1 Korinte 13:11, TE) Ekukhuleni ngokomoya, ngaxa lithile sonke sasicinga yaye sisenza izinto njengabantwana. Noko ke, ukuze ukuhambela kwethu phambili kubonakale, sifanele sahlukane “neendlela zobuntwana,” njengoko uPawulos watshoyo. Ziziphi ezinye zezi ndlela?
8. Ngokwamazwi kaPawulos akumaHebhere 5:13, 14, loluphi olunye uphawu losana lokomoya?
8 Okokuqala, phawula amazwi kaPawulos kumaHebhere 5:13, 14: “Bonke abasasezwa amasi abanamava elizwi lobulungisa, kuba beziintsana. Kokwabakhulileyo ke ukudla okuqinileyo, abo bathi, ngenxa yobugcisa, babe nezimvo eziqheliselwe ukucalula okuhle kwanokubi.” Ngaba ‘unamava ngelizwi lobulungisa’? Ngaba iLizwi likaThixo, iBhayibhile, ulazi ngokwaneleyo ukuze ube nokukwazi ukulisebenzisa “ukucalula okuhle kwanokubi”? UPawulos wathi abantu abakhulileyo bayakwazi ukwenjenjalo kuba basoloko besitya “ukudla okuqinileyo.” Ngaloo ndlela, ukunqwenela kukabani ukudla okuqinileyo kokomoya kuyinto entle ebonisa enoba ukhulile okanye uselusana ngokomoya kusini na.
9. Ukukhanuka kukabani izinto zokomoya kuyibonakalisa njani inkqubela yakhe yokomoya?
9 Ngoko, ukukhanuka kangakanani ukutya kokomoya? Uyijonga njani intabalala yokutya kokomoya uYehova asoloko ekulungiselela ngeempapasho ezisekelwe eBhayibhileni nangeentlanganiso neendibano zamaKristu? (Isaya 65:13) Ngaphandle kwamathandabuzo uvuya gqitha xa kukhutshwa iimpapasho ezintsha kwiindibano zesithili zaminyaka le. Kodwa wenza ntoni ngazo wakufika ekhaya? Yintoni oyenzayo xa inkupho entsha yeMboniselo okanye kaVukani! ifika? Ngaba uzinika ixesha lozikufunda ezi mpapasho, okanye ngaba usuka nje uziphenyaphenye ukuze ukhangele nje izinto eziziimbalasane wandule ke uziphose kwithala lakho leencwadi usongezelela kwezinye? Kunokubuzwa imibuzo efanayo ngokuphathelele iintlanganiso zamaKristu. Ngaba uya rhoqo kuzo zonke iintlanganiso? Ngaba uyazilungiselela uze ube nenxaxheba kuzo? Kuyabonakala ukuba bambi baye bawela kwimikhwa emibi yokuzondla ngokomoya, ngokungathi kunjalo, begqwagqwa. Hayi indlela okwakwahluke ngayo ngomdumisi, owathi: “Hayi, ukuwuthanda kwam umyalelo wakho! Imini le yonke ndiyacamngca ngawo.” Ngokubhekele phaya, uKumkani uDavide wathi: “Ndiya kubulela kuwe ebandleni elikhulu, ebantwini abaninzi ndiya kukudumisa.” (INdumiso 35:18; 119:97) Ngokucacileyo, umlinganiselo esiwaxabisa ngawo amalungiselelo okomoya uyimbonakaliso yenkqubela yethu yokomoya.
10. Luluphi uphawu lobuntwana bokomoya oluboniswe kwabase-Efese 4:14?
10 UPawulos wabonisa enye indlela abonakala ngayo umntwana wokomoya xa walumkisa esithi: “Ukuze singabi saba ziintsana, silatyuzwa, siphetshethwa ngumoya wonke wemfundiso, [ngokuba namaqhinga, NW] kwabantu, ngobuqhetseba obusemaqhingeni olahlekiso.” (Efese 4:14) Njengoko abazali besazi kakuhle, abantwana bafuna ukwazi yonk’ into. Ngandlel’ ithile olu luphawu oluhle kuba lubabangela bahlole nokuze bafunde baze ngokuthe ngcembe bakhulele ekubeni ngabantu abakhulileyo. Noko ke, ingozi isekubeni baphazanyiswa lula zizinto ezininzi. Okubi ngakumbi kukuba, ngenxa yokungabi namava kwabo, ngokufuthi oku kufun’ ukwazi kubakhokelela kwingxaki enzulu, kude kubenzakalise bona nabanye. Oku kukwanjalo nangeentsana zokomoya.
11. (a) Wayecinga ngantoni uPawulos xa wasebenzisa ibinzana elithi “wonke umoya wemfundiso”? (b) Yiyiphi ‘imimoya’ esijamelene nayo namhlanje?
11 Noko ke, wayecinga ngantoni uPawulos xa wathi iintsana zokomoya ziphetshethwa “ngumoya wonke wemfundiso”? Apha, igama elithi “umoya” liguqulelwe ngokusuka kwigama lesiGrike elithi aʹne·mos, ethi ngalo i-International Critical Commentary kubonakala ukuba ‘likhethelwe ngokufanelekileyo ingcamango yokuba nokuguquguquka.’ Oku kuboniswa kakuhle ngamazwi kaPawulos alandelayo, “ngokuba namaqhinga kwabantu.” Kulwimi lwantlandlolo ibinzana elithi ‘ubuqhinga’ ngokusisiseko lithetha “idayisi” okanye “umdlalo wamadayisi,” oko kukuthi, umdlalo wokungcakaza. Ingongoma ikukuba sisoloko sihlangabezana neengcamango nezinto ezintsha esizisukelayo ezinokubonakala zingenabungozi, zilinga yaye zikwafanelekile. Amazwi kaPawulos asebenza ngokuyintloko kwimibandela ephathelele ukholo lwethu—imizabalazo yokumanyanisa iicawa zehlabathi, izilangazelelo zentlalo nezobupolitika, nokufanayo. (Thelekisa eyoku-1 kaYohane 4:1.) Kodwa kwakhona lo mgaqo usoloko uyinyaniso ngokuphathelele ukuthi phithi thwanga yimikhwa neefashoni zehlabathi ezisoloko ziguquguquka—izimbo, ulonwabo, ukutya, impilo okanye uqheliselo lomthambo, njalo njalo. Ngenxa yokungabi namava nokuswela ingqiqo, usana lokomoya lunokuphazanyiswa ngokugqithisileyo zizinto ezinjalo yaye ngaloo ndlela lusenokuthinteleka ekuhambeleni phambili ngokomoya nasekuzalisekiseni iimbopheleleko zalo zobuKristu ezibaluleke ngakumbi.—Mateyu 6:22-25.
12. Abantwana abancinane bahluka njani kubantu abakhulu ngokuphathelele imbopheleleko?
12 Olunye uphawu lwabantwana abancinane kukusoloko befuna uncedo nokunikelwa ingqalelo. Abaziphaphelanga yaye abazixabisi iimbopheleleko; ubuntwana lixesha lobomi laxa phantse yonke into ithatyathwa lula. Njengoko uPawulos echaza, ‘bathetha ngokomntwana, becinga ngokomntwana, benezimvo zobuntwana.’ Basuka nje bacinge ukuba abanye baya kubanyamekela. Kunokuba njalo nangosana lokomoya. Xa umntu osemtsha enikela intetho yakhe yokuqala yeBhayibhile okanye eqala ukuya kwinkonzo yasentsimini, umzali wokomoya uyakuvuyela ukumenzela yonke into. Kwenzeka ntoni ukuba lo usemtsha uqhubeka exhomekeke kuncedo olunjalo aze azingqine engakwazi ukwamkela imbopheleleko yokuzinyamekela? Licacile elokuba oko bekuya kubonisa ukungazibhokoxi.
13. Kutheni ngamnye efanele afunde ukuthwala owakhe umthwalo?
13 Kule meko khumbula isiluleko sikampostile uPawulos sokuba nangona sifanele ‘sithwalisane ubunzima,’ sekunjalo “elowo uya kuwuthwala owakhe umthwalo.” (Galati 6:2, 5) Kambe ke, kumthabatha ixesha nomgudu umntu ukuze afunde ukuthwala iimbopheleleko zakhe zobuKristu, yaye kusenokuthetha ukuncama izinto ezithile. Noko ke, kuya kuba yimpazamo enkulu ukuzivumela ukuba abandakanyeke kwizinto zobomi ezingenamsebenzi, enoba kukuzihlaziya, ukhenketho, izinto ezintsha, okanye ukusukela ngokungeyomfuneko umsebenzi wehlabathi, ngokokude umntu abe ngumbukeli nje, ngokungathi kunjalo, engenamnqweno wokwandisa isabelo sakhe kumsebenzi wokwenza abafundi okanye wokuzabalazela ukuhambela phambili nowokuba nembopheleleko ngokomoya. Umfundi uYakobi wabongoza esithi: “Yibani ke ngabenzi belizwi, ningabi ngabaphulaphuli bodwa, nizidephisela.”—Yakobi 1:22; 1 Korinte 16:13.
14. Kutheni singafanele saneliseke kukubonakalisa iindlela zobuntwana bokomoya?
14 Ewe, zininzi iimpawu ezibonakala lula ezahlula umntwana kumntu omkhulu. Noko ke, into ebalulekileyo, njengoko uPawulos echaza, kukuba ngokuthe ngcembe siyahlukana neendlela zobuntwana size sikhule. (1 Korinte 13:11; 14:20) Kungenjalo, sisenokuba zizidodo ngokomoya. Kodwa umntu uyenza njani inkqubela? Yintoni ebandakanyekileyo ekulondolozeni ukukhula okusa ekuqoleni ngokomoya?
Indlela Okubonakala Ngayo Ukuhambela Phambili
15. Ngawaphi amanyathelo asisiseko kwinkqubo yokukhula?
15 Kanene, ukukhula kwenzeka njani kwihlabathi lokwemvelo? IThe World Book Encyclopedia iyachaza: “Into nganye ephilayo iqalisa ubomi njengeseli enye. Le seli yamkela izinto ize iziguqulele ekubeni zizinto zokwakha eziyimfuneko ekukhuleni. Ngaloo ndlela, iseli enye ikhula ngaphakathi. Le seli inokuziphindaphinda ize yahlukane ukuze ivelise ezinye iiseli. Inkqubo yokwakha, yokuziphindaphinda neyokwahlukana kukukhula.” Ingongoma ephawulekayo apha kukuba ukukhula kwenzeka ngaphakathi. Xa kutyiwa ukutya okufanelekileyo, kucolwe kuze kusetyenziswe, kubakho ukukhula. Oku kubonwa ngokucacileyo kwimeko yemveku esandul’ ukuzalwa. Njengokuba sisazi, usana olusandul’ ukuzalwa lungenisa ngokuthe ngcembe ukutya okwenziwe ngokukhethekileyo, ubisi, olunamafutha neeproteni ezininzi, zinto ezo ezifunekayo ukuze lukhule. Uba yintoni umphumo? Umlinganiselo wokukhula ngokuphathelele ubunzima nobude usana oluwuzuzayo kunyaka wokuqala awunakuze ulinganiswe nawo nawuphi na omnye unyaka wokukhula okuqhelekileyo kubomi balo bonke.
16. Luhlobo olunjani lokukhula olubonwa kwinkoliso yabafundi beBhayibhile, yaye kwenzeka njani oko?
16 Kuninzi esikufundayo kule nkqubo yokukhula kokwemvelo esinokukusebenzisa kwinkqubela yethu yokomoya ukususela ebusaneni ukusa ekuqoleni. Okokuqala, ukuba nocwangciso oluzingisileyo lokuzondla kubalulekile. Cinga ngexesha lokuqalisa kwakho ukufundisisa iBhayibhile. Ukuba uyafana nabanye abaninzi, usenokuba wawungazi nto ngeLizwi likaThixo. Kodwa iiveki ngeeveki ubuzilungiselela izifundo zakho uze ke uqhutyelwe isifundo seBhayibhile, yaye kungabanga thuba lide, uye wakwazi ukuziqonda iimfundiso ezisisiseko zeZibhalo. Ufanele uvume ukuba oko kwakukukukhula okubonakalayo, ibe konke kwabangelwa kukuzondla kwakho ngokuthe rhoqo ngeLizwi likaThixo!
17. Kutheni inkqubo ethe rhoqo yokuzondla ngokomoya ibalulekile nje?
17 Noko ke, kuthekani ngoku? Ngaba usalandela ucwangciso oluthe rhoqo lokuzondla? Ubani akafanele aze acinge ukuba nje kuba eye wabhaptizwa, akusekho mfuneko yofundisiso oluthe rhoqo nolucwangcisiweyo ukuze angenise ukutya kokomoya okuphilisayo. Nakuba uTimoti wayengumveleli ongumKristu oqolileyo, uPawulos wambongoza: “Zinyamekele ezo zinto, hlala kwezo zinto, ukuze ukuhambela kwakho phambili kubonakale [kubantu bonke, NW].” (1 Timoti 4:15) Hayi indlela ekufuneka ngayo ukuba ngamnye wethu enjenjalo! Ukuba unomdla wokwenza ukuhambela kwakho phambili kubonakale, imizamo enjalo iyafuneka.
18. Kubonakala njani ukuhambela phambili kukabani ngokomoya?
18 Ukwenza uhambelo phambili lukabani lubonakale akuthethi ukwenza umgudu okhethekileyo wokubonakalisa oko akwaziyo okanye ukuzama ukuchukumisa abanye. UYesu wathi: “Nina nilukhanyiselo lwehlabathi; umzi omi phezu kwentaba awunakufihlakala” yaye, “umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.” (Mateyu 5:14; 12:34) Xa iintliziyo neengqondo zethu zizaliswe zizinto ezilungileyo zeLizwi likaThixo, asinakuzinceda kodwa siya kukubonakalisa oku koko sikwenzayo nesikuthethayo.
19. Yintoni esifanele sizimisele ukuyenza ngokuphathelele inkqubela yethu yokomoya, ibe oko kunawuphi umphumo obonakalayo?
19 Ngenxa yoko, umbuzo ngulo: Ngaba uyifundisisa rhoqo iBhayibhile uze uye kwiintlanganiso zamaKristu ukuze ungenise izondlo eziya kuvuselela ukukhula kwakho kwangaphakathi ngokomoya? Musa ukwaneliseka kukunikela ingqalelo engaphelelanga xa kufikelelwa ekukhuleni ngokomoya. Thabatha amanyathelo afanelekileyo ukuze uqiniseke ukuba ukusebenzisa ngokuzeleyo ukutya kokomoya okuninzi uYehova akuvelisayo. Ukuba ‘ukunonelela kwakho kukumyalelo kaYehova, yaye ucamanga ngawo imini nobusuku,’ ngoko kunokuthiwa ngawe: “Unjengomthi omiliselwe phezu kwemijelo yamanzi, onika isiqhamo sawo ngexesha lawo, ogqabi lawo lingabuniyo; konke akwenzayo kophumelela.” (INdumiso 1:2, 3) Noko ke, yintoni onokuyenza ukuze uqiniseke ukuba uya kuqhubeka uhambela phambili ngokomoya? Oku kuya kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo.
Ngaba Unokuphendula?
◻ Kutheni kufanelekile ukuqhubeka sikuhlola ukuhambela phambili kwethu?
◻ Ukukhula ngokomoya kuhlobene njani nokukhanuka ukutya kokomoya?
◻ Lithetha ntoni ibinzana elithi “umoya wonke wemfundiso”?
◻ Kutheni ngamnye efanele awuthwale owakhe umthwalo?
◻ Kufikelelwa njani ukuhambela phambili ngokomoya?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Ngaba uzinika ixesha lokufunda iimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni?