Ukukhula Nentlangano KaYehova EMzantsi Afrika
Ngokubaliswa NguFrans Muller
XA MNA nomkhuluwa wam uDavid sasisondela kuloliwe ohamba ngorhatya esasiqhele ukumkhwela kwisikhululo esikhulu saseKapa samangaliswa kukubona umqondiso othi, “Whites Only” (Abamhlophe Kuphela). Ngowe-1948 iQela lamaNashinali laphumelela unyulo laza lamisela inkqubo yocalu-calulo.
Kambe ke, ukwahlukaniswa ngokobuzwe kwakukudala kusenziwa eMzantsi Afrika, njengoko bekusenziwa kwinkoliso yamazwe aseAfrika ebudeni bamaxesha olawulo lwamathanga. Kodwa ngoku kwakunyanzelwa ngumthetho, yaye sasingasavunyelwa ukukhwela kwinqwelo enye nabemi boMzantsi Afrika abanolusu oluntsundu. Kwiminyaka engamashumi amane anesihlanu kamva, ucalu-calulo luyapheliswa.
Ebudeni balo lonke ithuba localu-calulo olwalumiselwe ngokusemthethweni, nto leyo eyayizisa ucelomngeni ekuqhubekeni nobulungiseleli bethu ngendlela ebesithanda ngayo, ndandikhonza njengomlungiseleli wexesha elizeleyo wamaNgqina kaYehova. Ngoku, kubudala beminyaka engama-65, ndinokukhangela emva ekukhuleni okumangalisayo kwentlangano kaYehova emazantsi eAfrika, yaye ndinombulelo ngelungelo lokukhula kunye nayo.
Ilifa LomKristu
Xa utata wayeselula, ntsasa nganye kwakufuneka afundele utatomkhulu iBhayibhile ngokuvakalayo. Ekuhambeni kwexesha uTata waba nothando olunzulu ngeLizwi likaThixo. Ekuzalweni kwam ngowe-1928, utata wayekhonza kwibhunga leCawa yamaDatshi Ehlaziyiweyo ePotgietersrus. Ngalo nyaka umalume wamnika umbhalo wencwadi ethi U-Hadi luka-Tixo.
Noko ke, uTata waxelela uMama ukuba ayitshise loo ncwadi, esithi yeyehlelo. Kodwa umama wayigcina, yaye ngenye imini xa uTata wayithabathayo, yavuleka kumxholo othi “U-Tixo Unokumtutumbisana, Nokuba Ngu Banina?” Nangona wayeqinisekile ukuba aBafundi beBhayibhile, njengoko amaNgqina kaYehova ayebizwa njalo ngoko, babengalunganga, ukufuna ukwazi kwakhe kwamnceda waza waqalisa ukufunda. Wayengakwazi ukuyeka ukufunda loo ncwadi. Ekuzeni kokusa xa wayengena emandlalweni, wathi: “Mama, ndiziva ndimadolw’ anzima ukuyamkela kodwa bona bathetha inyaniso.”
Ngosuku olulandelayo, uTata wahamba ngebhayisekile kangangeekhilomitha ezingama-50 esiya kufuna iincwadi ezingakumbi kuMfundi weBhayibhile okufutshane. Rhoqo, wayedla ngokufunda kude kube sezinzulwini zobusuku. Wazama nokweyisela umfundisi waseDatshi kwiinyaniso zeBhayibhile awayezifunda, enethemba lokuba icawa iya kwenza iinguqulelo. Imigudu yakhe yawa phantsi, ngoko wayishiya icawa waza waqalisa ukushumayela ngenzondelelo. Inyaniso yeBhayibhile yaba yeyona nto ibalulekileyo kubomi bakhe neyona nto ibalulekileyo ekhaya. Leyo ke yimeko-bume endakhulela kuyo.
Kamva, uTata waba nguvulindlela, okanye umlungiseleli wexesha elizeleyo. Wayehamba imigama emide ngeModel T Ford endala ukuze aye kushumayela. Emva kweminyaka embalwa, iimfuno zentsapho eyandayo zamnyanzela ukuba abuyeke ubuvulindlela, kodwa wahlala ekhuthele kakhulu kumsebenzi wokushumayela. Ngezinye iintsuku zangeCawa sasihamba umgama onokuba ziikhilomitha ezingama-90 sisiya kushumayela naye kwidolophu yasePietersburg.
Ishishini Elinempumelelo
Ekugqibeleni uTata wavula ivenkile encinane yokuthengisa yonke into. Kungekudala yakhula ngokuphindaphindiweyo, yaye kwavulwa ivenkile yesibini. Bambi abalimi abazizityebi badibana noTata ngoshishino, yaye ekuhambeni kwexesha bekunye baqhuba ishishini levenkile ethengisela oosomashishini kuphela kunye neevenkile ezisebenzelanayo ezintandathu ezazisasazeke kummandla omkhulu.
Bambi abakhuluwa bam bangenelela umsebenzi woshishino baza baba nembono yokuba zizityebi. Noko ke, saqalisa ukulambatha ngokomoya. Samkeleka ngakumbi kubahlobo behlabathi nabamelwane, ababesimemela kumatheko abo. Ebona le ngozi, uTata wabiza intlanganiso yentsapho yaye wagqiba ekubeni athengise eli shishini aze afudukele ePitoli ukuze sikwazi ukwenza okungakumbi enkonzweni kaYehova. Wasala nevenkile enye kuphela, eyayinyanyekelwa ngabantu abaqeshiweyo.
Abakhuluwa bam uKoos noDavid baqalisa ubuvulindlela, ngaloo ndlela bethelela udadewethu omkhulu, uLina. Ngowe-1942 ngenyanga enye, intsapho yakowethu enamalungu alishumi yachitha isimbuku seeyure ezili-1 000 kumsebenzi wokushumayela. Ngaloo nyaka ndafuzisela uzahlulelo lobomi bam kuYehova ngokuntywiliselwa emanzini.
Isizathu Sokukhawuleza Ndiphume Esikolweni
Ngowe-1944, ngoxa kwakugquba iMfazwe Yehlabathi II, uGert Nel, umveleli ohambahambayo wamaNgqina kaYehova, wandibuza enoba ndandicinga ngokungenelela kwizintlu zobuvulindlela. Ndaphendula ndathi, “Ewe, kwiminyaka emibini ezayo xa ndigqiba kwisikolo semfundo ephakamileyo.”
Ecinga ngendlela awayecinga ngayo amaNgqina kaYehova amaninzi ngelo xesha wandilumkisa: “Lumka iArmagedon ingakufumani usezihlalweni zesikolo.” Ekubeni ndandingafuni ukuba kwenzeke oko, ndasishiya isikolo ndaza ngoJanuwari 1, 1945, ndangenelela umsebenzi wobuvulindlela.
Isabelo sam sokuqala sabaseVereeniging, kufuphi neRhawuti, yaye amaqabane am yayinguPiet Wentzel noDanie Otto. Ngokufuthi ndandichitha iiyure ezingaphezu kwama-200 ngenyanga ndishumayela. Ekuhambeni kwexesha, uPiet waphinda wabelwa kwisixeko sasePitoli, yaye uDanie kwafuneka abuyeke ubuvulindlela aye kuncedisa uyise owayeselekhulile efama. Oku kwenza ukuba ndibe ngokuphela kweNgqina elaliza kunyamekela izifundo zeBhayibhile zamakhaya ezingama-23 eVereeniging.
Kungekudala emva koko, ndafumana ileta evela kwiofisi yesebe eyayindabela ePitoli. Nakubeni ndandingasiqondi isizathu sokusiwa kwisabelo esitsha ngelo xesha, kamva ndaqonda ukuba ibingayi kuba bubulumko ukushiya umfana ongenamava oneminyaka eli-17 ubudala yedwa. Ndandisafuna uqeqesho olungakumbi yaye ndandinokudimazeka.
Emva kokukhonza ePitoli nokufumana amava ayimfuneko, ndamenyelwa ukuba nguvulindlela okhethekileyo. Ngoko mna noPiet Wentzel salungiselela ukunikela uqeqesho lobulungiseleli oluluncedo kwabaselula ababeze kuba ngoovulindlela ePitoli. Ngelo xesha uPiet wayabelwe ukuba ngumveleli ohambahambayo kulo mmandla. Kamva watshata udade wethu uLina, yaye ngoku bakhonza kunye kwiofisi yesebe yaseMzantsi Afrika.
Phakathi kwababeze kuba ngoovulindlela ePitoli yayinguMartie Vos ibhinqa elinomtsalane eliselula elalikhulele kwintsapho engamaNgqina. Saba nomtsalane wothando omnye komnye, kodwa sasiselula, sisebancinane kakhulu ukuba singatshata. Phofu ke, xa safumana izabelo kwezinye iindawo, saqhubeka siqhagamshelana ngembalelwano.
Inkonzo YaseBheteli NeSikolo SaseGiliyadi
Ngowe-1948, ndamenywa ukuya kukhonza kwiofisi yesebe yeWatch Tower Society eKapa. Ngelo xesha, kwakungekho ndawo inye yokuhlala thina sonke bali-17 ababesebenza kwiiofisi ezintathu eziqeshwayo nakumzimveliso omncinane okufuphi. Abanye bethu babehlala neentsapho, abanye babehlala kwizindlu eziqeshisayo.
Suku ngalunye lomsebenzi amalungu ali-17 entsapho yaseBheteli ayehlanganisana kunqulo lwakusasa kwigumbi lokutshintshela lomzi-mveliso omncinane. Inkoliso yethu kwakufuneka izilungiselele isidlo sasemini. Ngoko, emva komsebenzi wemini sasisiya kwiindawo zethu zokuhlala ezikwiingingqi ezahlukeneyo zaseKapa. Yayilolunye lwezi hambo, njengoko sekukhankanyiwe esathi mna noDavid samangaliswa ngumqondiso othi, “Whites Only.”
Ekufikeni kwam okokuqala kwiofisi yaseKapa, ndafumanisa ukuba kwakufuneka ndifunde okuninzi, ngoko ndabuza umveleli wethu wesebe uMzalwan’ uPhillips: “Ndimele ndenzeni ukuze ndazi konke oko sele kufundiwe?”
Waphendula wathi, “Frans, ungazikhathazi ngokufuna ukwazi konke oko sele kufundiwe. Kuphela nje musa ukusala ngasemva!” Bendisoloko ndizama ukwenjenjalo, yaye ndifunde ukuba ukungasali ngasemva kumalungiselelo entlangano kaYehova okutya kokomoya nolwalathiso lwayo, umntu unokuqhubeka ekhula kunye nayo.
Ngowe-1950, ndamenyelwa ukuya kwiklasi ye-16 yeSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi sokuqeqesha abavangeli basemazweni. Ngoko esi sikolo sasimi eMzantsi Lansing, eNew York, malunga neekhilomitha ezingama-400 kumntla waseBrooklyn, eNew York. Ngoxa ndandisebenza okwethutyana kwikomkhulu lehlabathi lamaNgqina kaYehova eBrooklyn, ndazibonela ngokwam isazulu sentlangano kaYehova ebonakalayo. Uzinikelo lomphefumlo uphela lwabo bakhokelayo apha lwandenza ndanoxabiso olunzulu ngentlangano kaYehova.
Ubulungiseleli Bam Obuqhubekayo
Emva kokubuyela eMzantsi Afrika, ndamiselwa ukukhonza njengomveleli ohambahambayo emntla Transvaal apho ndandikhulele khona. Emva kwembhalelwano kangangeminyaka emithandathu, ngoDisemba 1952 mna noMartie satshata, yaye waba kunye nam kumsebenzi wokuhambahamba. Uxabiso ababenalo abazalwana bethu abangamaKristu ngotyelelo lwethu lwalufudumez’ intliziyo.
Ngokomzekelo, ngaxa lithile xa sasikhonza ibandla elisefama, sasihlala nentsapho eyacela uxolo kuba ingenalo ubisi lokugalela etini okanye ekofini. Kamva safumanisa ukuba babethengise ekuphela kwenkomo yabo yobisi ukuze babenemali eyaneleyo yokuthenga ipetroli yokusisa kwimimandla ekude yentsimi yabo siye kunikela kubanini zifama ubungqina. Hayi indlela esasibathanda ngayo abazalwana abanjalo!
Ngamathuba athile ndandiziva ndimncinane kumsebenzi wesiphaluka, ingakumbi xa ndijamelana neengxaki ezibandakanya abantu abakhulu. Ngenye imini ndaziva ndityhafile ngokweemvakalelo kangangokuba ndada ndaxelela uMartie ukuba wayengamele amangaliswe xa sasinokuphinda sabelwe kumsebenzi wobuvulindlela ngenxa yokuswela kwam amava. Wandiqinisekisa ukuba wayeya kukuvuyela ukukhonza nakwesiphi na isigxina ukuba sasiza kuhlala sikubulungiseleli bexesha elizeleyo.
Khawucinge ngendlela esamangaliswa ngayo xa safika kwibandla elilandelayo kwiileta zethu kukho eyayinesabelo sokuya kukhonza kumsebenzi wesithili! Phantse kangangeminyaka emibini, sahambahamba kulo lonke elaseMzantsi Afrika nelaseNamibia, ngoko eyayibizwa ngokuba nguMzantsi-Ntshona Afrika. Noko ke, ngenxa yenkqubo yocalu-calulo, ngokufuthi umsebenzi wethu wawunzima. Sasisoloko singavunyelwa ukuba singene kwiilokishi zabantsundu yaye maxa wambi sasinganikwa mvume yokuqhuba iindibano.
Ngokomzekelo, ngowe-1960, safumana imvume yokuba nendibano yesithili eSoweto. Abazalwana abantsundu abasuka kumabandla akude babesele bethenge amatikiti kaloliwe noduladula okuza kwindibano, kodwa urhulumente weva ngamalungiselelo ethu waza wayirhoxisa imvume yethu. Ngobulumko, sabonanana nentsumpa yedolophu enobuhlobo kwidolophu emalunga neekhilomitha ezingama-20 ukuya kwelinye icala leRhawuti. Ngobubele wasinika eyona ndawo ifanelekileyo, yaye saba nendibano emnandi kakhulu, eyananditshwa ngabantu abangaphezu kwe-12 000!
Hayi indlela imeko eguquke ngayo kwiminyaka yakutshanje! Ngoku, ekubeni lupheliswa ucalu-calulo, sinokuhlanganisana ngokukhululekileyo naphi na kwimimandla yabantsundu, abamhlophe, abebala okanye kweyamaIndiya. Bonke abantu, kungakhathaliseki ukuba ngabaluphi na uhlanga, banokuhlala kunye baze banandiphe ubudlelane. Kuphela kukwahlukana kweelwimi okubangela ukuba umntu abe kuloo ndawo akhetha ukuhlala kuyo.
Isifundo Esibuhlungu
Emva phayaa ngowe-1947, utata wenza impazamo enkulu. Ivenkile yakhe, eyayimi kwindawo eziikhilomitha ezingaphezu kwama-200 ukusuka apho babehlala khona noMama, yasuka ayabi nangeniso ngenxa yabasebenzi abanganyanisekanga, ngoko wabuyela yedwa ukuze ayiqhube ngokwakhe. Amathuba amade okwahlukana kwakhe noMama aphumela ekubeni awele esilingweni. Oku kwaphumela ekubeni asuswe kubudlelane.
Oku kwabethelela okuthile kum ngendlela ebuhlungu yokuba ukuba nenzondelelo ngenyaniso yeBhayibhile akwanele. Bonke abantu bamele babambelele kwimigaqo yeBhayibhile. (1 Korinte 7:5) Emva kweminyaka emininzi, uTata wabuyiselwa njengelungu lebandla lamaKristu waza wakhonza ngokuthembekileyo de kwasekufeni kwakhe ngowe-1970. Umama wam othandekayo wahlala ethembekile de wafa ngowe-1991.
Iintsikelelo Ezingakumbi
Ngowe-1958, mna noMartie saya kweyona ndibano inkulu yakhe yaqhutywa ngamaNgqina kaYehova, eYankee Stadium kwiPolo Grounds, eNew York. Sasiphuphuma luvuyo ngokuba yinxalenye yentlangano emangalisayo kaYehova. Ukuba kunye neso sihlwele sikhulu esingaphezu kwama-253 000 ngemva kwemini yangeCawa yaba ngamava esingasokuze siwalibale. Kuthi yayibubungqina bobukho ‘besihlwele esikhulu esiphuma kuzo zonke iintlanga’ sihlanganisene kunye ngoxolo. (ISityhilelo 7:9, 10) UMartie washiyeka eNew York ukuze abekho kwiSikolo saseGiliyadi, yaye mna ndabuyela kumsebenzi wesithili eMzantsi Afrika.
Ngowe-1959, emva kokuba uMartie ebuyile kwiklasi yama-32 yeSikolo saseGiliyadi, samenyelwa ukuya kukhonza kwiofisi yesebe yaseMzantsi Afrika, ngoko eyayakhiwe kufuphi ne-Elandsfontein, kwimpuma yeRhawuti. Ukutyhubela iminyaka, ndiyibonile inkqubela yentlangano ngeendlela ezininzi, ingakumbi ukukhula kwayo eluthandweni novelwano. Ndifunde ukuba uYehova uyayikhokela intlangano yakhe ngoYesu Kristu yaye uya kusebenzisa abo bazenza bafumaneke.
Ngowe-1962, ndabuyela eBrooklyn, eNew York, ukuya kwizifundo zoqeqesho zomsebenzi wesebe lweenyanga ezilishumi. Oku kwangqineka kuluncedo xa, ngowe-1967, ndamiselwa njengomveleli wesebe laseMzantsi Afrika. Ngowe-1976, kwamiselwa iiKomiti zeSebe, ngoko ke imbopheleleko yokwenza izigqibo ezibalulekileyo eMzantsi Afrika ixhomekeke kubadala abahlanu abangamaKristu abanamava.
Ubomi Phantsi Kocalu-calulo
Imithetho yocalu-calulo yayiwuchaphazela umsebenzi wesebe lethu. Ngowe-1952 xa kwakusakhiwa ikhaya laseBheteli e-Elandsfontein, umthetho wafuna ukuba kwakhiwe esinye isakhiwo ngemva ukuze kuhlaliswe abazalwana abantsundu nabebala. Umthetho wakwafuna ukuba batye kwindawo yabo eyahlukileyo kwabamhlophe kwiindawo ekuthiwa ziindawo zabaNtsundu. Kamva, kwalungiselelwa ukuba batyele kwindlu yokuphekela yaseBheteli. Le yayiyindlela ekwakutyiwa ngayo xa safikayo eBheteli ngowe-1959. Yonke into kum ayizange ivumelane noku kwahlulwa ngenxa yobuhlanga.
Ekuhambeni kwexesha, urhulumente wayirhoxisa imvume yokuba abazalwana bethu abantsundu bahlale kwisakhiwo esingemva kwekhaya laseBheteli elikhulu. Aba bazalwana kwakufuneka bahlale kwilokishi yabantsundu ekumgama omalunga neekhilomitha ezingama-20 ukusuka eBheteli. Bambi babehlala kumakhaya aqeshisayo yaye abanye babehlala kwiihostele zamadoda angatshatanga. Le meko ingathandekiyo yaqhuba kangangeminyaka emininzi.
Ukwandiswa KweBheteli
Ngeli thuba, iBheteli yase-Elandsfontein yayimele yandiswe. Emva kokuyandisa izihlandlo ezithathu, sasifikelele kwimida yomhlaba wethu. IQumrhu Elilawulayo layalela ukuba sifune umhlaba omtsha kwindawo esinethemba lokuba abaphathi basekuhlaleni baya kusivumela ukuba sakhe kuyo izindlu zaseBheteli apho nabazalwana bethu abantsundu banokuhlala khona. Ntsasa nganye intsapho yaseBheteli yayithandazela ukuba ngandlel’ ithile uYehova akuphumeze oku.
Olwaba njani ukuba mnandi usuku xa ekugqibeleni safumana umhlaba ofanelekileyo kummandla omelene nedolophu yaseKrugersdorp, kwintshona yeRhawuti! Noko ke, kwakhona sayalelwa ukuba sakhe isakhiwo esahlukileyo sabazalwana bethu abantsundu. Sakwenza oko kodwa sasingenakufumana mvume yokwamkela abantu abantsundu abangaphezulu kwama-20 apho. Okuvuyisayo kukuba phakathi kwiminyaka yee-1980, izinto zaqalisa ukuguquka. Urhulumente wayinyenyisa imithetho engqongqo yocalu-calulo, yaye nabazalwana abangakumbi abantsundu, abebala nabangamaIndiya babizelwa ukukhonza kunye nathi eBheteli.
Ngoku sinentsapho yaseBheteli eyonwabileyo nemanyeneyo, apho abantu, kungakhathaliseki ubuhlanga okanye ibala, banokuhlala nakwesiphi na isakhiwo abasikhethayo. Kwakhona, emva kweminyaka yokutsala nzima, ekugqibeleni samkelwa ngokwasemthethweni njengonqulo. Umbutho osemthethweni wasekuhlaleni wayilwa waza wabhaliswa njenge-“Jehovah’s Witnesses of South Africa.” Ngoku sinamagosa ethu atshatisayo, yaye kwimimandla yabantsundu, iiHolo zoBukumkani zande njengeenkowane.
Enjani inkqubela eyenzileyo intlangano kaYehova ukususela kwiintsuku zangaphambili xa ndandikhonza kwiofisi yesebe yaseKapa! Ukususela kwintsapho encinane yabantu abali-17 bengenalo ikhaya laseBheteli, ngoku siye sanda saya kutsho kwintsapho yaseBheteli engaphezu kwama-460, sinendawo yaseBheteli enezakhiwo zala maxesha, neekhompyutha ezintsonkothileyo, oomatshini abashicilelayo berotary nekhaya elihle laseBheteli! Ewe, ndibe nelungelo lokukhula nentlangano kaYehova eMzantsi Afrika. Siye sanda ukususela kubavakalisi boBukumkani abangaphezu kwama-400 xa ndaqalisa kubulungiseleli kwiminyaka engama-50 eyadlulayo ukuya phantse kwabangama-55 000 namhlanje!
Ndiyambulela uYehova ngomfazi ondixhase ngolu hlobo kangangeminyaka engama-40 edluleyo. “Indebe yam iyaphalala.” (INdumiso 23:5) Mna noMartie sinombulelo ngokuba yinxalenye yentlangano ekhokelwa ngumoya kaYehova yaye sizimisele ukuqhubeka sikhonza uYehova endlwini yakhe, eBheteli, size sihambisane nentlangano yakhe ehambela phambili.
[Iimaphu ezikwiphepha 19]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
ANGOLA
ZAIRE
ZAMBIA
ZIMBABWE
BOTSWANA
NAMIBIA
SWAZILAND
LESOTHO
AFRIKA BORWA
Pretoria
Johannesburg
Cape Town
Port Elizabeth
SOUTH ATLANTIC OCEAN
INDIAN OCEAN
MOZAMBIQUE CHANNEL
[Umfanekiso okwiphepha 20]
UPiet Wentzel noFrans Muller (ekhohlo) kumsebenzi wobuvulindlela ngowe-1945
[Umfanekiso okwiphepha 23]
UFrans noMartie Muller