Ukukhonza UYehova Ngomoya Wokuzincama
“Ukuba kukho othanda ukundilandela, makazincame ngokwakhe, awuthwale [“umthi wakhe wentuthumbo,” NW], andilandele.”—MATEYU 16:24.
1. UYesu wabaxelela njani abafundi bakhe ngokufa kwakhe okwakusondela?
KUFUPHI neNtaba yeHermon enekhephu, uYesu Kristu ufikelela kwelona xesha libalulekileyo ebomini bakhe. Usalelwe lithuba elingaphantsi konyaka ngaphambi kokuba afe. Uyakwazi oko; abafundi bakhe abakwazi. Ngoku lixesha lokuba bakwazi. Liyinyaniso elokuba, ngaphambili uYesu ukhe wayikhankanya into yokufa kwakhe okusondelayo, kodwa esi sisihlandlo sokuqala sokuba anabe ngayo. (Mateyu 9:15; 12:40) Ingxelo kaMateyu ifundeka ngolu hlobo: “Waqalela kwelo xa uYesu ukubabonisa abafundi bakhe, okokuba umelwe kukuba aye eYerusalem, eve ubunzima obukhulu kuwo amadoda amakhulu nababingeleli abakhulu, nababhali, abulawe, athi ngomhla wesithathu avuke.”—Mateyu 16:21; Marko 8:31, 32.
2. UPetros wasabela njani kumazwi kaYesu angokuva Kwakhe ubunzima kwixesha elizayo, yaye uYesu wasabela njani?
2 Akusentsuku zatywala ngaphambi kokuba uYesu afe. Noko ke, uPetros kuyamcaphukisa oku kucinga ngento ebonakala imanyumnyezi. Akayamkeli into yokuba ngokwenene uMesiya uza kubulawa. Ngoko ke, uPetros uziva enobuganga bokuyikhalimela iNkosi yakhe. Eshukunyiswe zezona njongo zilungileyo, ngokungxama uyayibongoza esithi: “Makube camagu kuwe, Nkosi; oko akuyi kukha kubekho kuwe.” Kodwa ngokukhawuleza uYesu uyabuchasa ububele bukaPetros obungeyomfuneko kulo mba, ngokungqalileyo kanye ngendlela ubani ebeya kuyityumza ngayo intloko yenyoka enobuhlungu. “Suka uye emva kwam, Sathana, usisikhubekiso kum; ngokuba ungazinyamekeli ezikaThixo izinto, unyamekela ezabantu.”—Mateyu 16:22, 23.
3. (a) Engaqondanga uPetros wazenza njani lowo usetyenziswa nguSathana? (b) UPetros wayesisikhubekiso njani kwikhondo lokuzincama?
3 Engaqondanga uPetros uye wasetyenziswa nguSathana. Impendulo kaYesu ebukhali ingqale njengendlela awamphendula ngayo uSathana entlango. Apho uMtyholi wazama ukuhendela uYesu ekuphileni ubomi obutofotofo, ukuba ngukumkani ngaphandle kokutsala nzima. (Mateyu 4:1-10) Ngoku uPetros umkhuthaza ukuba angabi ngqwabalala kwisiqu sakhe. UYesu uyazi ukuba oku asikokuthanda kukaYise. Ufanele aphile ubomi bokuzincama, kungekhona obokuzanelisa. (Mateyu 20:28) UPetros uba sisikhubekiso kwikhondo elinjalo; uvelwano lwakhe olunyanisekileyo luba ngumgibe.a Noko ke, uYesu uyibona ngokucacileyo into yokuba ukuba wamkela nayiphi na ingcamango engobomi obukhululekileyo, uya kuphulukana nenkoliseko kaThixo ngokuba abanjiswe kwisabatha sokufa somgibe kaSathana.
4. Kutheni uYesu nabalandeli bakhe babengafuni ukuphila ubomi bokuzifica kubutofotofo?
4 Ngoko ke, indlela awayecinga ngayo uPetros, kwafuneka ilungiswe. Amazwi awathetha kuYesu ayebonakalisa ingcamango yabantu, kungekhona ekaThixo. UYesu wayengafuni kuphila ubomi bokuzifica kubutofotofo, indlela elula yokuphepha ubunzima; yaye wayengafuni nokuba abalandeli bakhe baphile ubomi obunjalo, kuba ngokulandelayo uYesu uthi kuPetros nakwabanye abafundi: “Ukuba kukho othanda ukundilandela, makazincame ngokwakhe, awuthwale [“umthi wakhe wentuthumbo,” NW], andilandele.”—Mateyu 16:24.
5. (a) Luyintoni ucelomngeni lokuphila ubomi bobuKristu? (b) Ziziphi izinto ezintathu eziyimfuneko ekumele umKristu alungele ukuzenza?
5 Ngokuphindaphindiweyo, uYesu uthetha ngalo mxholo uyintloko: ucelomngeni lokuphila ubomi bobuKristu. Ukuze abe ngabalandeli bakaYesu, amaKristu, njengeNkokeli yawo, amele akhonze uYehova ngomoya wokuzincama. (Mateyu 10:37-39) Ngaloo ndlela, uchaza izinto ezintathu eziyimfuneko ekumele umKristu alungele ukuzenza: (1) ukuzincama, (2) ukuthwala umthi wakhe wentuthumbo, (3) nokuqhubeka elandela Yena.
“Ukuba Kukho Othanda Ukundilandela”
6. (a) Umntu uzincama njani? (b) Ngubani ekufuneka simkholise ngaphezu kokukholisa iziqu zethu?
6 Kuthetha ukuthini ukuzincama? Kuthetha ukuthi umntu ufanele azibandeze into ngokupheleleyo, nto leyo ethetha ukufa ngandlel’ ithile kwisiqu sakhe. Intsingiselo esisiseko yegama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ukuzincama” ithi “kukuthi hayi”; ithetha “ukuzibandeza ngokupheleleyo.” Ngoko ke, ukuba uyalwamkela ucelomngeni lokuphila ubomi bobuKristu, uyakulungela ukuncama izinto ezingamabhongo kuwe, ubutofotofo, iminqweno, ulonwabo, nokuziyolisa. Lilonke, unikela ngobomi bakho bonke nayo yonke into ebandakanyekileyo kubo kuYehova uThixo ngamaxesha onke. Ukuzincama kukabani kuthetha okungakumbi kunokuzibandeza uyolo oluthile ngamaxesha athile. Kunoko, kuthetha ukuba umntu ufanele azinikele ukuba abe ngokaYehova. (1 Korinte 6:19, 20) Umntu oye wazincama akaphileli kuzikholisa, kodwa uphilela ukukholisa uThixo. (Roma 14:8; 15:3) Oku kuthetha ukuba ngalo lonke ixesha esidla ubomi, uthi hayi kwiminqweno yokuzingca aze athi ewe kuYehova.
7. Uyintoni umthi wentuthumbo womKristu, yaye uwuthwala njani?
7 Ngoko ke, ukuthwala umthi wakho wentuthumbo kunentsingiselo enzulu. Ukuthwala umthi wentuthumbo kuluxanduva yaye kungumfuziselo wokufa. UmKristu ukulungele ukubandezeleka xa kuyimfuneko, okanye ukuhlaziswa okanye ukuthuthunjiswa kanti kwanokubulawa kuba engumlandeli kaYesu Kristu. UYesu wathi: “Nongawuthabathiyo [“umthi wakhe wentuthumbo,” NW], alandele emva kwam, akandifanele mna.” (Mateyu 10:38) Asingabo bonke abantu ababandezelekayo abathwala umthi wentuthumbo. Abangendawo “baneentlungu” ezininzi kodwa abanamthi wantuthumbo. (INdumiso 32:10, NW) Noko ke, umKristu uphila ubomi bokuthwala umthi wentuthumbo wenkonzo yokuzincama kuYehova.
8. Yiyiphi indlela yokuphila uYesu awayibekela abalandeli bakhe?
8 Into yokugqibela uYesu ayikhankanyayo kukuba siqhubeke simlandela. UYesu akafuni nje kuphela ukuba samkele size sikholelwe oko wakufundisayo kuphela kodwa kwakhona ufuna ukuba, kubomi bethu bonke, siqhubeke silandela umzekelo awasimisela wona. Yaye ziziphi ezinye zeempawu ezibalaseleyo kwindlela awayephila ngayo? Xa wayenika abalandeli bakhe uthumo lwabo lokugqibela, wathi: “Hambani ngoko niye kuzenza abafundi . . . , nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo.” (Mateyu 28:19, 20) UYesu washumayela waza wafundisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani. Benjenjalo nabafundi bakhe abalandelayo yaye, eneneni, lonke ibandla lokuqala lamaKristu. Lo msebenzi wenzondelelo ukongezelela ekubeni bengeyonxalenye yehlabathi wenza ukuba bathiywe baze bachaswe lihlabathi, nto leyo eyabangela ukuba kube nzima ngakumbi ukuwuthwala umthi wabo wentuthumbo.—Yohane 15:19, 20; IZenzo 8:4.
9. UYesu wayebaphatha njani abanye abantu?
9 Olunye uphawu olwalubalasele kubomi bukaYesu yindlela awayebaphatha ngayo abanye abantu. Wayenobubele ‘enobulali yaye ethobekile ngentliziyo.’ Ngaloo ndlela, abaphulaphuli bakhe babehlaziyeka emoyeni yaye babekhuthazeka bubukho bakhe. (Mateyu 11:29) Akazange aboyikise ukuze bamlandele okanye ababekele imithetho emininzi ngendlela ababefanele bakwenze ngayo oko; yaye akazange abenze bazive benetyala ukuze abanyanzelele ukuba babe ngabafundi bakhe. Phezu kwako nje ukuphila kwabo ubomi bokuzincama, babonakalisa ukuba novuyo lokwenene. Onjani wona ukuba mkhulu umahluko abanawo kwabo banomoya wehlabathi wokuzifica ophawula ‘imihla yokugqibela’!—2 Timoti 3:1-4.
Ukuhlakulela Nokulondoloza Umoya KaYesu Wokuzincama
10. (a) NgokwabaseFilipi 2:5-8, uKristu wazincama njani? (b) Ukuba singabalandeli bakaKristu, simele sibonakalise siphi isimo sengqondo?
10 UYesu wamisela umzekelo wokuzincama. Wathabatha umthi wakhe wentuthumbo waza waqhubeka ewuthwele ngokwenza ukuthanda kukaYise. UPawulos wawabhalela oku amaKristu aseFilipi: “Yibani nale ngcinga kuni, wayenayo kuye uKristu Yesu: yena wathi, esebumeni bukaThixo, akathi ukulingana kwakhe oku noThixo kulixhoba; usuke wazihluba, wathabatha ubume bomkhonzi, enziwe wafana nabantu; wathi ngemo efunyenwe enjengomntu, wazithoba, waba ngolulamileyo, wada wesa ekufeni, ukufa ke [“kwasemthini wentuthumbo,” NW].” (Filipi 2:5-8) Ngubani onokuzincama ngokupheleleyo ngaphezu koko? Ukuba ungokaKristu Yesu yaye ungomnye wabalandeli bakhe, umele ube nesi simo sengqondo.
11. Ukuphila ubomi bokuzincama kuthetha ukuphilela ukwenza ukuthanda kukabani?
11 Omnye umpostile, uPetros, usixelela ukuba ekubeni uYesu weva ubunzima waza wasifela, amaKristu, njengamajoni azilungiselele kakuhle, afanele axhobe ngomoya awayenawo uKristu. Ubhala oku: “Ekubeni ngoko uKristu eve ubunzima ngenxa yethu esenyameni, xhobani nani kwaloo ngcingane; ngokuba lowo uve ubunzima esenyameni, ukhunyulwe ekoneni; ukuze ixesha eliseleyo enyameni ningabi saliphilela ezinkanukweni zabantu, niliphilele ekuthandeni kukaThixo.” (1 Petros 3:18; 4:1, 2) Ikhondo lokuzincama likaYesu labonisa ngokucacileyo indlela awayevakalelwa ngayo ngoko. Wayezinikele ngengqondo iphela, esoloko ebeka ukuthanda kukaYise ngaphezu kokwakhe, kwada kwasa ekufeni okuhlazisayo.—Mateyu 6:10; Luka 22:42.
12. Ngaba ubomi bokuzincama babungonwabisi kuYesu? Cacisa.
12 Nangona ubomi bukaYesu bokuzincama babulikhondo elinzima nelicel’ umngeni ukuba alilandele, akazange alifumanise lingonwabisi. Kunoko, uYesu wayekuvuyela ukuzithoba ekuthandeni kukaThixo. Kuye, ukwenza umsebenzi kaYise kwakufana nokutya. Wayefumana ulwaneliseko lokwenene kuwo, olufana kanye nolo ubani anokulufumana kwisidlo esinencasa. (Mateyu 4:4; Yohane 4:34) Ngaloo ndlela, ukuba ufuna ukuziva waneliseke ngokwenene ebomini bakho, eyona nto ilungileyo onokuyenza kukulandela umzekelo kaYesu ngokuhlakulela isimo sengqondo awayenaso.
13. Uthando luwuphembelela njani umoya wokuzincama?
13 Ngokwenene, yintoni ephembelela umntu ukuba abe nomoya wokuzincama? Ngokufutshane nje, luthando. UYesu wathi: “Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela. Nguwo lowo owokuqala nomkhulu umthetho. Owesibini ke ufana nawo: Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.” (Mateyu 22:37-39) UmKristu akanako ukufuna ukwanelisa isiqu sakhe aze, kwangaxeshanye, athobele loo mazwi. Ulonwabo lwakhe nezinto anomdla kuzo zimele ngokuyintloko zilawulwe luthando lwakhe ngoYehova naluthando lwakhe ngommelwane. Leyo yindlela uYesu awayebuphila ngayo ubomi bakhe, yaye ulindele ukuba abalandeli bakhe benze oko.
14. (a) Ziziphi iimbopheleleko ezichazwe kumaHebhere 13:15, 16? (b) Yintoni esiqhubela ekushumayeleni iindaba ezilungileyo ngenzondelelo?
14 Umpostile uPawulos wayewuqonda lo mthetho wothando. Wabhala oku: “Ngoko masithi ngaye sinyuse ngamaxesha onke kuye uThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo somlomo olivumayo igama lakhe. Ke ukwenza okuhle nobudlelane, musani ukukulibala; kuba imibingelelo enjalo uyakholiswa kakuhle yiyo uThixo.” (Hebhere 13:15, 16) AmaKristu akanikeli kuYehova amadini ezilwanyana okanye izinto ezinjalo; ngenxa yoko, akafuni mbingeleli womntu kwitempile yokoqobo ukuze abingelele kunqulo lwawo. Umbingelelo wethu wendumiso unikelwa ngoKristu Yesu. Yaye ngokuyintloko sibonakalisa uthando lwethu ngoThixo ngalo mbingelelo wendumiso, oko kulivuma ekuhleni igama lakhe. Ngokukhethekileyo umoya wethu wokungazingci obangelwa luthando usiqhubela ekushumayeleni iindaba ezilungileyo ngenzondelelo, sizabalazele ukusoloko sikulangazelela ukunikela kuThixo isiqhamo somlomo wethu. Ngale ndlela sibonisa uthando nangommelwane.
Ukuzincama Kuzisa Iintsikelelo Ezityebileyo
15. Yiyiphi imibuzo yokuzihlola ephathelele umoya wokuzincama esinokuzibuza yona?
15 Khawunqumame kancinane uze ucinge ngale mibuzo ilandelayo: Ngaba indlela endibuphila ngayo ubomi bam ngoku ibonakalisa ikhondo lokuzincama? Ngaba izinto ezilusukelo lwam zibonisa ukuba ndiphila ubomi obunjalo? Ngaba amalungu entsapho yam anandipha iingenelo zokomoya ngenxa yomzekelo wam? (Thelekisa eyoku-1 kuTimoti 5:8.) Kuthekani ngeenkedama nabahlolokazi? Ngaba nabo bayangenelwa kumoya wam wokuzincama? (Yakobi 1:27) Ngaba ndinokulandisa ixesha endilichithela kumbingelelo wendumiso endiwunikela ekuhleni? Ngaba ndinokuzenza ndifanelekele ilungelo lenkonzo yobuvulindlela, eyaseBheteli, okanye eyobuvangeli basemazweni, okanye ngaba ndinokufuduka ndiye kukhonza kummandla apho imfuneko yabavakalisi boBukumkani inkulu khona?
16. Ukuba nobulumko kunokusinceda njani ukuba siphile ubomi bokuzincama?
16 Maxa wambi kufuneka ubulumko obuthile ukuze silufikelele ngokupheleleyo usukelo lwethu ekukhonzeni uYehova ngomoya wokuzincama. Ngokomzekelo, uJanet, uvulindlela othe ngxi wase-Ecuador, wayenomsebenzi wempangelo wexesha elizeleyo. Kungekudala, ucwangciso lwakhe lwabangela kwanzima ukuba afikelele iiyure ezifunekayo kuvulindlela othe ngxi echwayitile. Wagqiba kwelokuba achazele umqeshi wakhe ngale ngxaki aze acele ukuba kuncitshiswe iiyure asebenza ngazo. Ekubeni umqeshi wakhe wayengakulungele ukunciphisa ixesha awayesebenza ngalo, ngokukhawuleza weza noMaria, owayefuna umsebenzi wesingxungxo ukuze akwazi ukuba nguvulindlela. Ngamnye kubo wathi uza kusebenza isiqingatha sosuku, bencedisana kumsebenzi wosuku. Umqeshi wasivuma eso sicelo. Ngoku bobani aba dade bangoovulindlela abathe ngxi. Emva kokubona lo mphumo mhle, uKaffa, naye awayediniwe kukusebenza ixesha elizeleyo kwakule nkampani yaye kunzima ukuba afikelele ixesha lakhe lobuvulindlela, weza noMagali waza wenza isicelo esifanayo. Naso samkelwa. Ngaloo ndlela, ngoodade abane abangoovulindlela, kunokuba ibe ngababini ababesele beza kuyeka kwinkonzo yexesha elizeleyo. Ukuba nobulumko nokuthabatha inyathelo lokuqala kwaba nemiphumo eyingenelo.
17-21. Esinye isibini esitshatileyo sayihlengahlengisa njani injongo yaso ebomini, yaye waba yintoni umphumo?
17 Ngokubhekele phaya, khawuqwalasele ikhondo lokuzincama elalandelwa nguEvonne ebudeni beminyaka elishumi edluleyo. NgoMeyi 1991 wabhalela iWatch Tower Society oku:
18 “Ngo-Oktobha 1982, mna nentsapho yakowethu sakhenketha kwiBheteli yaseBrooklyn. Ukuyibona kwandenza ndafuna ukusebenza ngokuzithandela apho. Ndafunda iphepha lesicelo, yaye kwakukho lo mbuzo uphawulekayo, ‘Singakanani isilinganiso sakho seeyure zenkonzo yasentsimini zeenyanga ezintandathu ezidluleyo? Ukuba isilinganiso seeyure singaphantsi kweshumi, chaza isizathu.’ Kwakungekho nasinye isizathu esibambekayo endandinokucinga ngaso, ngoko ndazibekela usukelo ndaza ndalufikelela kwiinyanga ezintlanu.
19 “Nakubeni ndandinokucinga ngezizathu ezimbalwa ezenza ukuba ndingabi ngovulindlela, xa ndafunda i1983 Yearbook of Jehovah’s Witnesses, ndeyiseka kwelokuba abanye baboyise imiqobo emikhulu ngakumbi kuneyam ukuze babe ngoovulindlela. Ngoko, ngoAprili 1, 1983, ndayeka kumsebenzi wam wempangelo wexesha elizeleyo owawuhlawula imali eninzi ndaza ndaba nguvulindlela ongumncedani, yaye ndangenela ubuvulindlela obuthe ngxi ngoSeptemba 1, 1983.
20 “Kamva, ndakuvuyela ukutshata nesicaka solungiselelo esiqhuba kakuhle ngoAprili 1985. Kwiminyaka emithathu kamva, enye intetho eyanikelwa kwindibano yesithili eyayithetha ngobuvulindlela yamchukumisa umyeni wam ukuba andibuze esebeza esithi, ‘Ngaba sikho nasiphi na isizathu osaziyo esibangela ukuba ndingaqalisi ubuvulindlela ngoSeptemba 1?’ Wandithelela kulo msebenzi kangangeminyaka emibini eyalandelayo.
21 “Kwakhona umyeni wam wazinikela ngokuzithandela ukuba enze umsebenzi wokwakha kwiBheteli yaseBrooklyn kangangeeveki ezimbini waza wafaka isicelo sokungenela Umsebenzi Wokwakha Wamazwe Ngamazwe. Ngoko ngoMeyi 1989 saya eNigeria kangangenyanga ukuze sincedise ekwakhiweni kwesebe. Ngomso siza kube sisiya eJamani, apho siza kufumana khona amaphepha-mvume okungena ePoland. Siyakuvuyela ukubandakanyeka kumsebenzi wokwakha onjalo ongasoze ulibaleke nokuba kule nkalo intsha yenkonzo yexesha elizeleyo.”
22. (a) NjengoPetros, sisenokuba zizikhubekiso njani singaqondanga? (b) Ukukhonza uYehova ngomoya wokuzincama akuxhomekekanga entwenini?
22 Ukuba akunakuba nguvulindlela, ngaba unokubakhuthaza abo bakwinkonzo yexesha elizeleyo ukuba babambelele kwelo lungelo banalo yaye mhlawumbi ude ubancede ukuba benjenjalo? Okanye uya kuba njengalaa malungu entsapho okanye abahlobo abanolwazelelelo abathi, njengoPetros, baxelele umlungiseleli wexesha elizeleyo ukuba angaziphathi ngqwabalala, abe nobubele kwisiqu sakhe, ungaqondi indlela oko okunokuba sisikhubekiso ngayo? Liyinyaniso elokuba, ukuba impilo yovulindlela isengozini enkulu okanye ukuba utyeshela iimbopheleleko zobuKristu, kusenokufuneka ayeke kwinkonzo yexesha elizeleyo okwexeshana. Ukukhonza uYehova ngomoya wokuzincama akuxhomekekanga kwigama elibalulayo, njengegama elithi uvulindlela, ilungu lentsapho yaseBheteli, okanye elinye igama. Kunoko, kuxhomekeke kwinto esiyiyo njengabantu—indlela esicinga ngayo, into esiyenzayo, indlela esibaphatha ngayo abanye, indlela esibuphila ngayo ubomi bethu.
23. (a) Sinokuqhubeka njani sinovuyo lokuba ngabo basebenza noThixo? (b) Sisiphi isiqinisekiso esisifumana kumaHebhere 6:10-12?
23 Ukuba ngokwenene sinomoya wokuzincama, siya kuba novuyo lokuba ngabo basebenza noThixo. (1 Korinte 3:9) Siya kuba nolwaneliseko lokwazi ukuba sivuyisa intliziyo kaYehova. (IMizekeliso 27:11) Yaye sinesiqinisekiso sokuba uYehova akasayi kusilibala okanye asilahle logama nje sihlala sithembekile kuye.—Hebhere 6:10-12.
[Umbhalo osemazantsi]
a NgesiGrike, igama elithi “isikhubekiso” (σκάνδαλον, skanʹda·lon) ntlandlolo “yayiligama lalaa ndawo yomgibe ekubekwa kuyo into ekuthiywa ngayo, ngenxa yoko, yayiyingumgibe okanye isabatha yona ngokwayo.”—IVine’s Expository Dictionary of Old and New Testament Words.
Luthini Olwakho Uluvo?
◻ UPetros waba sisikhubekiso njani kwikhondo lokuzincama engaqondanga?
◻ Kuthetha ukuthini ukuzincama?
◻ UmKristu uwuthwala njani umthi wakhe wentuthumbo?
◻ Siwuhlakulela size siwulondoloze njani umoya wokuzincama?
◻ Yintoni ephembelela umoya wokuzincama?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Ngaba ukulungele ukuzincama, ukuthwala umthi wakho wentuthumbo, uze uqhubeke ulandela uYesu?