UYehova—UThixo Oyinyaniso Nophilileyo
UFARO waseYiputa wathetha ngendelelo nangokuswela intlonelo xa wabuza oku: “Ngubani na uYehova?” (Eksodus 5:2) Njengoko kubonisiwe kwinqaku elandulelayo, eso simo sengqondo sawazisela izibetho nokufa amaYiputa, kuquka ukungcwatywa ngamanzi kukaFaro nemikhosi yakhe yemfazwe.
KwiYiputa yamandulo, uYehova uThixo wakubonakalisa ukongama kwakhe phezu koothixo bobuxoki. Kodwa kukho okuninzi ngakumbi esinokukufunda ngaye. Ziziphi iinkalo ezithile zobuntu bakhe? Yaye yintoni ayifunayo kuthi?
Igama Nodumo Lwakhe
Xa wanikela imiyalelo kuFaro waseYiputa, uMoses akazange athi: ‘INkosi ithethe oku noku.’ UFaro nabanye abantu baseYiputa babebacingela oothixo babo abaninzi bobuxoki njengeenkosi. UMoses wasebenzisa igama likaThixo, uYehova. Waliva ngokobuqu elo gama kuthethwa ngalo ngokuphuma ezulwini xa wayekwityholo elitshayo kwilizwe lakwaMidiyan. Ingxelo ephefumlelweyo ithi:
“Wathetha uThixo kuMoses, wathi kuye, NdinguYehova: . . . Kananjalo ndikuvile mna ukugula koonyana bakwaSirayeli abakhonziswayo ngamaYiputa, ndawukhumbula umnqophiso wam. Yithi ngoko koonyana bakwaSirayeli, ndinguYehova: ndiya kunikhupha phantsi kwemithwalo yamaYiputa, ndinihlangule enkonzweni yawo, ndinihlawulele, ndinikhulule ngengalo eyolukileyo, nangezigwebo ezikhulu; ndinithabathe nibe ngabantu bam, ndibe nguThixo wenu; nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu, onikhuphayo phantsi kwemithwalo yamaYiputa; ndiningenise ezweni [laseKanan] endaphakamisa isandla sam ngalo, ukuba ndilinike [oomawokhulu benu] uAbraham noIsake noYakobi; ndiya kulinika nina, libe lilifa; ndinguYehova.”—Eksodus 6:1-8.
Oku koko kanye uYehova wakwenzayo. Wawakhulula amaSirayeli kubukhoboka baseYiputa waza wawabangela ukuba ahlale kwilizwe lakwaKanan. Njengoko wayethembisile, uThixo wabangela ukuba kwenzeke konke oku. Hayi indlela okufaneleke ngayo oko! Igama lakhe elithi Yehova, lithetha “Obangela kubekho.” IBhayibhile ibhekisela kuYehova ngezibizo ezinjengesithi “Thixo,” “Nkosi enguMongami,” “Mdali,” “Bawo,” “Somandla,” nesithi “Osenyangweni.” Ukanti igama lakhe uYehova limfanisa njengoThixo oyinyaniso othi ngokuthe ngcembe azalisekise iinjongo zakhe ezizukileyo.—Isaya 42:8.
Ukuba bekunokufuneka siyifunde iBhayibhile ngeelwimi eyayibhalwe ngazo ntlandlolo, besiya kulifumana igama likaThixo amawaka ezihlandlo. KwisiHebhere limelwa ngamaqabane amane athi Yod He Waw He (יהוה), abizwa ngokuthi yiTetragrammaton, afundwa ukusuka ekunene ukuya ekhohlo. Abo bantetho isisiHebhere bafakela izandi zezikhamiso, kodwa abantu namhlanje abaqinisekanga ukuba zazisithini na. Ngoxa abathile bekhetha ukulibiza ngokuthi Yahweh, igama uYehova liqhelekile yaye limfanisa ngokufanelekileyo uMdali wethu.
Kwakhona ukusetyenziswa kwegama elithi Yehova kuyamahlula uThixo kulowo ubizwa ngokuthi ‘Nkosi yam’ kwiNdumiso 110:1, apho enye inguqulelo ifundeka ngolu hlobo: “Yathi iNKOSI [ngesiHebhere, יהוה] eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam, ndide iintshaba zakho ndizenze isitulo seenyawo zakho.” (King James Version) Ikuvuma ukuvela kwegama likaThixo kule ngcaphulo yesiHebhere, iNew World Translation ifundeka ngolu hlobo: “Umyalelo kaYehova eNkosini yam uthi: ‘Hlala ngasekunene kwam ndide iintshaba zakho ndizenze isitulo seenyawo zakho.’” Loo mazwi kaYehova uThixo abhekisela ngokuprofetayo kuYesu Kristu, lowo umbhali ambiza ngokuthi ‘Nkosi yam.’
UYehova wazenzela igama ngomhla kaFaro. Esebenzisa uMoses, uThixo wamxelela oku loo mlawuli uqaqadekileyo: “Ngesi sihlandlo ndithuma zonke izibetho zam entliziyweni yakho, nakubakhonzi bakho, nakubantu bakho, ukuze wazi ukuba akukho unjengam ehlabathini lonke. Kuba ngoku, ukuba bendithe ndasolula isandla sam, ndakubetha wena nabantu bakho ngendyikitya yokufa, ngewuthe shwaka akwabakho ehlabathini. Noko ke ndikumisele eli thuba lokuba ndiwabonakalalise amandla am kuwe, laziswe igama lam ehlabathini lonke.”—Eksodus 9:14-16.
Ngokuphathelele ukufuduka kwamaSirayeli eYiputa nokubhukuqwa kookumkani abathile bakwaKanan, ibhinqa eligama linguRahabhi laseYeriko lazixelela oku iintlola ezimbini ezingamaHebhere: “Ndiyazi ukuba uYehova uninikile [amaSirayeli] eli lizwe; nokuba siwelwe luqhiphuko-mbilini ngani; nokuba bathe amandla bonke abemi beli lizwe ebusweni benu. Kuba sivile ukuba uYehova wawomisa amanzi oLwandle oluBomvu phambi kwenu ekuphumeni kwenu eYiputa; noko nakwenzayo kookumkani bobabini bama-Amori, ababephesheya kweYordan, ooSihon no-Ogi, enabasingela phantsi. Sivile ke, zanyibilika iintliziyo zethu, akwaba sabakho kuqina kwamxhelo mntwini ngenxa yenu; ngokuba uYehova uThixo wenu nguye uThixo emazulwini phezulu, nasehlabathini phantsi apha.” (Yoshuwa 2:9-11) Ewe, udumo lukaYehova lwasasazeka.
UYehova Kunye Neempawu Zakhe
Umdumisi wavakalisa lo mnqweno usuka entliziyweni: “Bazi ukuba wena, ugama linguYehova, unguwe wedwa Osenyangweni phezu kwehlabathi lonke.” (INdumiso 83:18) Ekubeni uYehova engumongami wendalo iphela, abafundi abatshutshiswayo bakaYesu babenokuthandaza bathi: “Mnini-ntozonke, wena unguThixo owalenzayo izulu nomhlaba nolwandle, neento zonke ezikwezo nto.” (IZenzo 4:24) Yaye hayi indlela ekuthuthuzela ngayo ukwazi ukuba uYehova ‘unguMphulaphuli wemithandazo’!—INdumiso 65:2.
Olona phawu luyintloko lukaYehova luthando. Eneneni, “uThixo uluthando”—ulolu phawu lumntwisiwe. (1 Yohane 4:8) Ngaphezu koko, “bukuye ubulumko nobugorha.” UYehova unabo bonke ubulumko namandla, kodwa akaze awasebenzise kakubi amandla akhe. (Yobhi 12:13; 37:23) Kwakhona sinokuqiniseka ukuba uYehova uya kusoloko eqhubana nathi ngokusesikweni, kuba “bubulungisa nokusesikweni ummiso wetrone yakhe.” (INdumiso 97:2) Ukuba siyona kodwa siguquke, sinokuthuthuzelwa kukwazi ukuba uYehova ‘nguThixo onemfesane, onobabalo, ozeka kade umsindo, omninzi ngenceba nenyaniso.’ (Eksodus 34:6) Akumangalisi ngoko ukuba sinokumkhonza uYehova sivuya!—INdumiso 100:1-5.
UKumkani Wasezulwini Ongenakuthelekiswa Nanto
UNyana kaYehova, uYesu Kristu, wathi: “UThixo unguMoya.” (Yohane 4:24) Ngenxa yoko, uYehova akabonakali emehlweni abantu. Enyanisweni, uYehova wamxelela oku uMoses: “Akunakububona ubuso bam; kuba akukho mntu undibona aphile.” (Eksodus 33:20) Lo Kumkani wasezulwini unobuqaqawuli obungummangaliso kangangokuba abantu abanakukunyamezela ukumbona.
Nangona uYehova engabonakali emehlweni ethu, kukho ubungqina obuyintabalala bobukho bakhe njengoThixo onguSomandla. Eneneni, “kwasekudalweni kwehlabathi, iindawo zakhe ezibe zingenakubonwa zibonwa kakuhle, ziqondeke, ngezinto ezenziweyo, kwa-amandla akhe angunaphakade, nobuThixo bakhe.” (Roma 1:20) Umhlaba—onengca, imithi, iziqhamo, imifuno, neentyatyambo—ungqinela ukuba nguThixo kukaYehova. Ngokungafaniyo nezithixo ezingento yanto, uYehova usinika imvula namaxesha anendyebo. (IZenzo 14:16, 17) Khawuphos’ iliso kwiinkwenkwezi ezisesibhakabhakeni ebusuku. Obunjani ukuzuka ubungqina bokuba nguThixo kukaYehova nokukwazi ukulungelelanisa izinto!
Kwakhona uYehova ulungelelanise izidalwa zakhe zomoya ezingcwele, ezikrelekrele ezulwini. Njengentlangano emanyeneyo, zenza ukuthanda kukaThixo, njengoko umdumisi esithi: “Mbongeni uYehova, nina zithunywa zakhe, magorha omeleleyo, alenzayo ilizwi lakhe, ephulaphula isandi selizwi lakhe, mbongeni uYehova, nonke mikhosi yakhe, balungiseleli bakhe, benzi bokuthanda kwakhe.” (INdumiso 103:20, 21) Kwakhona uYehova ulungelelanise abantu bakhe emhlabeni. Uhlanga lwakwaSirayeli lwalulungelelaniswe kakuhle, kukwanjalo nangabalandeli bokuqala boNyana kaThixo. Ngokufanayo namhlanje, uYehova unentlangano yazwenibanzi yamaNgqina anenzondelelo, avakalisa iindaba ezilungileyo zokuba uBukumkani bakhe busondele.—Mateyu 24:14.
UYehova NguThixo Oyinyaniso Nophilileyo
Ukuba nguThixo kukaYehova kuye kwabonakaliswa ngeendlela ezininzi gqitha! Wabahlazisa oothixo bobuxoki baseYiputa waza wawangenisa ngokukhuselekileyo amaSirayeli kwiLizwe Ledinga. Indalo inikela ubungqina obuyintabalala bokuba nguThixo kukaYehova. Yaye akanakuthelekiswa tu kwaphela nezithixo ezingento yanto zonqulo lobuxoki.
Umprofeti uYeremiya wabonisa umahluko omkhulu okhoyo phakathi kukaYehova, uThixo ophilileyo, kunye nezithixo ezingenabomi ezenziwe ngumntu. Loo mahluko ucaciswe kakuhle kuYeremiya isahluko 10. Phakathi kwezinye izinto, uYeremiya wabhala oku: “UYehova nguThixo, inyaniso, nguThixo ophilileyo, nguKumkani ongunaphakade.” (Yeremiya 10:10) UThixo ophilileyo noyinyaniso, uYehova, wadala zonke izinto. Wakhulula amaSirayeli awayebulaleka kubukhoboka baseYiputa. Akukho nto inokumnqabela.
UYehova, “uKumkani wawo amaphakade,” uya kuwuphendula lo mthandazo: “Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini.” (1 Timoti 1:17; Mateyu 6:9, 10) UBukumkani basezulwini obungoMesiya, obo uYesu Kristu sele ebambe iintambo kubo, kamsinya buza kuthabatha isenzo nxamnye nobungendawo buze butshabalalise zonke iintshaba zikaYehova. (Daniyeli 7:13, 14) Kwakhona obo Bukumkani buya kukhokelela uluntu oluthobelayo kwihlabathi elitsha elineentsikelelo ezingapheliyo.—2 Petros 3:13.
Kukho okuninzi ngakumbi okunokufundwa ngoYehova nangeenjongo zakhe. Kutheni ungakwenzi usukelo lwakho ukungenisa ulwazi olunjalo uze wenze ngokuvisisana nalo? Ukuba uyakwenza oku, uya kuba nelungelo lokunandipha ubomi obungunaphakade kumhlaba oyiparadisi phantsi kolawulo loBukumkani. Uya kuphila xa lungasekho usizi, intlungu kwanokufa yaye ihlabathi lizaliswe kukwazi uYehova. (Isaya 11:9; ISityhilelo 21:1-4) Elo likamva elikulindeleyo ukuba ufuna, ufumane, uze wenze ngokuvisisana neempendulo ezisekelwe eBhayibhileni kumbuzo othi, “Ngubani na uYehova?”
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 7]
Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.