Ukuba Nekhwele Ngonqulo Olunyulu LukaYehova
“UYehova nguKhwele, igama lakhe, nguThixo onekhwele.”—EKSODUS 34:14.
1. Luluphi uphawu lukaThixo olubalaseleyo, yaye luhlobene njani nekhwele lakhe?
UYEHOVA wazichaza ‘njengoThixo onekhwele.’ Usenokuzibuza isizathu soku, ekubeni igama elithi “ikhwele” linayo nentsingiselo engathandekiyo. Kakade ke, uphawu lukaThixo olubalaseleyo luthando. (1 Yohane 4:8) Ngoko ke naziphi na iimvakalelo zekhwele anazo zimele ukuba zezokulungelwa koluntu. Eneneni, siza kubona ukuba ikhwele likaThixo libalulekile kuxolo nemvisiswano yendalo iphela.
2. Ziziphi ezinye zeendlela zokuguqulela amagama esiHebhere athetha “ikhwele”?
2 Amagama esiHebhere ahlobene neli athetha “ikhwele” avela izihlandlo ezingaphezu kwama-80 kwiZibhalo zesiHebhere. Phantse isiqingatha sezi zihlandlo zibhekisela kuYehova uThixo. UG. H. Livingston ucacisa athi: “Xa lisetyenziswa kuThixo, ikhwele alibi nayo intsingiselo yeemvakalelo ezigqwethekileyo, kodwa, kunoko, liba nentsingiselo yokugxininisa kubunye bonqulo lukaYehova.” (The Pentateuch in Its Cultural Environment) Ngaloo ndlela, maxa wambi iNew World Translation iguqulela esi sibizo sesiHebhere ngokuthi “ukugxininisa kuzinikelo olupheleleyo.” (Hezekile 5:13) Ezinye iinguqulelo ezifanelekileyo zezithi “ihlombe” okanye “inzondelelo.”—INdumiso 79:5, NW; Isaya 9:7, NW.
3. Maxa wambi ikhwele linokufeza injongo elungileyo ngaziphi iindlela?
3 Umntu wadalwa wanalo ikhwele, kodwa ukuwela koluntu esonweni kuye kwabangela ikhwele eligqwethekileyo. Sekunjalo, ikhwele labantu linokuphumeza injongo elungileyo. Linokushukumisela umntu ekubeni akhusele umntu amthandayo kwiimpembelelo ezimbi. Ngaphezu koko, abantu banokubonakalisa ikhwele ngokufanelekileyo ngoYehova nonqulo lwakhe. (1 Kumkani 19:10) Ukuze kudluliselwe ingqiqo echanileyo ngekhwele elinjalo ngoYehova, esi senzi sesiHebhere sinokuguqulelwa ngokuthi “ukunganyamezeli naluphi na usukuzwano” naye.—2 Kumkani 10:16, thelekisa iNW.
Ithole Legolide
4. Nguwuphi umyalelo obandakanya ikhwele lobulungisa owawubalasele kuMthetho kaThixo kuSirayeli?
4 Umzekelo wekhwele lobulungisa koko kwenzeka emva kokuba amaSirayeli efumene uMthetho kwiNtaba yeSinayi. Ayelunyukiswe ngokuphindaphindiweyo ukuba anganquli oothixo abenziwe ngabantu. UYehova wathi kuwo: “Mna, Yehova Thixo wakho ndinguThixo obiza uzinikelo olupheleleyo [okanye, “uThixo onekhwele (onenzondelelo); uThixo ongalunyamezeliyo usukuzwano”].” (Eksodus 20:5, umbhalo osemazantsi kwiNW; thelekisa iEksodus 20:22, 23; 22:20; 23:13, 24, 32, 33.) UYehova wenza umnqophiso namaSirayeli, ethembisa ukuwasikelela nokuwangenisa kwiLizwe Ledinga. (Eksodus 23:22, 31) Yaye abantu bathi: “Yonke into ayithethileyo uYehova soyenza siyive.”—Eksodus 24:7.
5, 6. (a) Ona ngokunzulu njani amaSirayeli ngoxa ayekwiNtaba yeSinayi? (b) UYehova nabanquli bakhe abanyanisekileyo balibonisa njani ikhwele lobulungisa eSinayi?
5 Sekunjalo, kungekudala amaSirayeli ona kuThixo. Ayesesemazantsi eNtaba yeSinayi. UMoses wayesentabeni iintsuku ezininzi, efumana imiyalelo engakumbi kuThixo, yaye abantu banyanzela umntakwaboMoses, uAron, ukuba abenzele uthixo. UAron wavuma waza wabenzela ithole ngegolide abantu ababemnike yona. Babesithi esi sithixo sasimela uYehova. (INdumiso 106:20) Ngosuku olulandelayo banikela amadini baza baqhubeka “balinqula.” Baza ke “badlala.”—Eksodus 32:1, 4, 6, 8, 17-19.
6 UMoses wehla entabeni ngoxa amaSirayeli ayebhiyoza. Akubona ihambo yawo elihlazo, wakhwaza wathi: “OngakuYehova makeze kum apha.” (Eksodus 32:25, 26) Oonyana bakaLevi bahlanganisana kuMoses, waza wabayalela ukuba bathabathe amakrele baze bababulale abo banquli-zithixo babebhiyoza. Bebonisa ikhwele labo ngonqulo olunyulu lukaThixo, abaLevi babulala malunga nama-3 000 abazalwana babo abanetyala. UYehova wasixhasa esi senzo ngokuthumela isibetho kwabo basindileyo. (Eksodus 32:28, 35) Wandula ke uThixo wawuphinda lo myalelo: “Akusayi kunqula thixo wumbi; kuba uYehova nguKhwele, igama lakhe, nguThixo onekhwele.”—Eksodus 34:14.
UBhahali-pehore
7, 8. (a) AmaSirayeli amaninzi awela kunqulo-zithixo olunzulu njani ngokuphathelele uBhahali-pehore? (b) Saphela njani isibetho esivela kuYehova?
7 Emva kweminyaka engama-40, xa uhlanga lwakwaSirayeli lwaluza kungena kwiLizwe Ledinga, abafazi bamaMowabhi nabamaMidiyan abanomtsalane balukuhla amaSirayeli amaninzi ukuba aze anandiphe ububele babo. La madoda ayefanele angakuvumi ukunxulumana ngokusondeleyo nabanquli boothixo bobuxoki. (Eksodus 34:12, 15) Kunoko, abaleka ‘njengeenkomo zisiya ekuxhelweni,’ ahenyuza nabo bafazi aza abathelela ekuqubudeni kuBhahali-pehore.—IMizekeliso 7:21, 22; Numeri 25:1-3.
8 UYehova wathumela isibetho sokubulala abo babebandakanyeke kolu nqulo lwesini luziintloni. Kwakhona uThixo wayalela amaSirayeli amsulwa ukuba abulale abazalwana bawo abanetyala. Sibonisa ukuqaqadeka okugqithiseleyo, esinye isikhulu sakwaSirayeli esigama linguZimri seza nenkosazana yomMidiyan ententeni ukuze sibe neentlobano nayo. Akubona oku, umbingeleli owoyika uThixo uPinehasi wasibulala eso sibini siziphethe kakubi. Ngoko sanqumama isibetho, waza uThixo wathi: “UPinehasi . . . ububuyisile ubushushu bam koonyana bakaSirayeli, ekukhweleteni kwakhe njengekhwele lam phakathi kwabo, ukuze ndingabagqibi oonyana bakaSirayeli ngekhwele lam.” (Numeri 25:11) Nangona olo hlanga lwasindayo ekutshatyalalisweni, ubuncinane kwafa amaSirayeli angama-23 000. (1 Korinte 10:8) Alahlekelwa lithemba ekwakukudala enalo lokungena kwiLizwe Ledinga.
Isifundo Esisisilumkiso
9. Bahlelwa yintoni abantu bakwaSirayeli nabakwaYuda ngenxa yokuba babengenalo ikhwele ngonqulo olunyulu lukaYehova?
9 Okulusizi kukuba kungekudala amaSirayeli azilibala ezo zifundo. Akazange azingqine enekhwele ngonqulo olunyulu lukaYehova. “Bamkhweletisa [uThixo] ngemifanekiso yabo eqingqiweyo.” (INdumiso 78:58) Ngenxa yoko, uYehova wavumela ukuba izizwe ezilishumi zakwaSirayeli zithinjwe ngama-Asiriya ngowama-740 B.C.E. Izizwe ezibini eziseleyo zobukumkani bakwaYuda zafumana isohlwayo esifanayo xa isixeko sazo esilikomkhulu iYerusalem satshatyalaliswa ngonyaka wama-607 B.C.E. Baninzi ababulawayo, baza abasindileyo bathinjelwa eBhabhiloni. Onjani wona ukuba sisilumkiso umzekelo kuwo onke amaKristu namhlanje!—1 Korinte 10:6, 11.
10. Kuya kwenzeka ntoni kwabo bangaguqukiyo ekunquleni izithixo?
10 Isinye kwisithathu sabemi bomhlaba—malunga nezigidi ezili-1 900—ngoku sizibanga singamaKristu. (1994 Britannica Book of the Year) Inkoliso yaba ngamalungu eecawa ezisebenzisa imifanekiso neminqamlezo kunqulo lwazo. UYehova akazange abasindise abantu bakhe ababemkhweletisa ngokunqula izithixo. Akasayi kubasindisa nabo bathi bangamaKristu abanqula ngoncedo lwezinto ezibonakalayo. UYesu Kristu wathi: “UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo bamelwe kukumnqula ngoMoya nangenyaniso.” (Yohane 4:24) Ukongezelela, iBhayibhile ilumkisa amaKristu ukuba azigcine kunqulo-zithixo. (1 Yohane 5:21) Abanquli-zithixo abangaguqukiyo baphakathi kwabo bangayi kubudla ilifa uBukumkani bukaThixo.—Galati 5:20, 21.
11. UmKristu unokuba netyala lonqulo-zithixo njani engakhange aqubude kwisithixo, yaye yintoni eya kunceda ubani aluphephe unqulo-zithixo olunjalo? (Efese 5:5)
11 Nangona umKristu wokwenyaniso engayi kuze aqubude kwisithixo, umele aphephe yonke into uThixo ayijonga njengonqulo-zithixo, njengengacocekanga nesisono. Ngokomzekelo, iBhayibhile iyalumkisa: “Bhubhisani . . . amalungu enu asemhlabeni: umbulo, ukungcola, ukuthabatheka okuhlazisayo, inkanuko embi, nokubawa, okuyinkonzo yezithixo kona oko; eza ngenxa yezo zinto ingqumbo kaThixo.” (Kolose 3:5, 6, akekeliswe sithi.) Ukuthobela la mazwi kuthetha ukugatya ihambo yokuziphatha okubi. Oku kuthetha ukuphepha ukuzonwabisa okwenzelwe ukuvuselela inkanuko engacocekanga yesini. Kunokwanelisa inkanuko enjalo, amaKristu okwenyaniso anekhwele ngonqulo olunyulu lukaThixo.
Imizekelo Yamva Yekhwele Lobuthixo
12, 13. UYesu wamisela umzekelo obalaseleyo njani ekuboniseni ikhwele ngonqulo olunyulu lukaThixo?
12 Owona mzekelo ubalaseleyo womntu owabonisa ikhwele ngonqulo olunyulu lukaThixo nguYesu Kristu. Ngonyaka wokuqala wobulungiseleli bakhe, wabona abarhwebi ababawayo beshishina ezintendelezweni zetempile. AmaYuda asuka kwezinye iindawo asenokuba ayelufuna uncedo lwabo babenanisa ngemali ukuze atshintshe imali yawo yezinye iindawo aze afumane imali eyayiya kwamkeleka njengerhafu etempileni. Kwakhona kwakufuneka ethenge izilwanyana neentaka ukuze anikele amadini awayefuneka kuMthetho kaThixo. Ushishino olunjalo lwalufanele luqhutywe ngaphandle kweentendelezo zetempile. Okubi ngakumbi kukuba aba barhwebi kubonakala ukuba babebaxhaphaza ngenxa yeentswelo zabo zonqulo abazalwana babo ngokubabiza amaxabiso axhomis’ amehlo. Edliwa likhwele ngonqulo olunyulu lukaThixo, uYesu wasebenzisa iziniya ukuze akhuphe ezo zimvu neenkomo. Wabhukuqa neetafile zabo babenanisa ngemali, esithi: “Musani ukuyenza indlu kaBawo indlu yokuthengisela.” (Yohane 2:14-16) Ngaloo ndlela uYesu wazalisekisa amazwi eNdumiso 69:9: “Lindidlile ikhwele [okanye, “inzondelelo,” NW] ngenxa yendlu yakho.”
13 Kwiminyaka emithathu kamva uYesu waphinda wafumana abarhwebi ababawayo beshishina etempileni kaYehova. Ngaba wayeza kuyihlambulula okwesibini? Ikhwele awayenalo ngonqulo olunyulu lukaThixo lalisenamandla njengokuba lalinjalo ekuqaliseni kwakhe ubulungiseleli bakhe. Wabakhuphela phandle abathengisi nabathengi. Ibe wanikela isizathu esiqine ngakumbi sezenzo zakhe, esithi: “Akubhaliwe na kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza iintlanga zonke? Ke nina niyenze umqolomba wezihange.” (Marko 11:17) Onjani ukubalasela umzekelo wokuzingisa ekuboniseni ikhwele lobuthixo!
14. Lifanele lisichaphazele njani ikhwele uYesu awayenalo ngonqulo olunyulu?
14 Ubuntu beNkosi ezukisiweyo ngoku uYesu Kristu abukaguquki. (Hebhere 13:8) Kule nkulungwane yama-20, usenekhwele ngonqulo olunyulu lukaYise njengokuba wayenjalo ngoxa wayesemhlabeni. Oku kunokubonwa kwizigidimi zikaYesu eziya kumabandla asixhenxe ezibhalwe kwincwadi yeSityhilelo. Ezi zisebenza ngokuyintloko ngoku, “ngemini eyeyeNkosi.” (ISityhilelo 1:10; 2:1–3:22) Embonweni umpostile uYohane wabona uYesu Kristu ozukisiweyo “amehlo akhe enjengelangatye lomlilo.” (ISityhilelo 1:14) Oku kubonisa ukuba akukho nto angayiboniyo uKristu njengoko ehlola amabandla ukuze aqinisekise ukuba ahlala ecocekile yaye efanelekela inkonzo kaYehova. AmaKristu anamhlanje kufuneka akhumbule isilumkiso sikaYesu nxamnye nokuzama ukukhonza iinkosi ezimbini—uThixo nobutyebi. (Mateyu 6:24) UYesu waxelela amalungu ebandla laseLawodike awayethanda izinto eziphathekayo oku: “Ngenxa enokuba ke udikidiki, ungabandi, ungeshushu, ndiza kukuhlanza uphume emlonyeni wam. . . . Zondelela ngoko uguquke.” (ISityhilelo 3:14-19) Ngokuthetha nawo nangomzekelo, abadala bebandla abamiselweyo bafanele bancede amanye amakholwa awuphephe umgibe wezinto eziphathekayo. Abadala bakwamele bakhusele umhlambi ekonakaleni kokuziphatha kweli hlabathi lithe phithi sisini. Ngaphezu koko, abantu bakaThixo abafanele banyamezele nayiphi na impembelelo kaIzebhele ebandleni.—Hebhere 12:14, 15; ISityhilelo 2:20.
15. Umpostile uPawulos wamxelisa njani uYesu ekuboniseni ikhwele ngonqulo lukaYehova?
15 Umpostile uPawulos wayengumxelisi kaKristu. Ukuze akhusele amaKristu asandul’ ukubhaptizwa kwiimpembelelo ezingakhiyo ngokomoya, wathi: “Ndiyanikhweletela ngekhwele likaThixo.” (2 Korinte 11:2) Ngaphambi koku, ikhwele likaPawulos ngonqulo olunyulu lalimshukumisele ekubeni ayalele eli bandla likwalinye ukuba limsuse kubudlelane umntu owayehenyuza engaguquki owayeyimpembelelo eyonakalisayo. Imiyalelo ephefumlelweyo eyanikelwa ngeso sihlandlo ibe luncedo kakhulu kubadala namhlanje njengoko bezabalazela ukugcina amabandla amaNgqina kaYehova angaphezu kwama-75 500 ecocekile.—1 Korinte 5:1, 9-13.
Abantu BakaThixo Bayangenelwa Kwikhwele Lakhe
16, 17. (a) Xa uThixo wohlwaya uYuda wamandulo, iintlanga zabonisa siphi isimo sengqondo? (b) Emva kokuthinjwa kukaYuda iminyaka engama-70, uYehova walibonisa njani ikhwele lakhe ngeYerusalem?
16 Xa uThixo wohlwaya abantu bakwaYuda ngokubavumela bathinjelwe eBhabhiloni, benziwa intlekisa. (INdumiso 137:3, NW) Ngentiyo yekhwele, amaEdom ancedisa amaBhabhiloni ekuziseleni abantu bakaThixo intlekele, yaye uYehova wakuphawula oku. (Hezekile 35:11; 36:15) Abo basindileyo baguquka besekuthinjweni, yaye emva kweminyaka engama-70 uYehova wababuyisela kwilizwe labo.
17 Ekuqaleni, imeko yabantu bakwaYuda yayingentle. Isixeko saseYerusalem netempile yaso zazingamabhodlo. Kodwa iintlanga ezibangqongileyo zayichasa yonke imigudu yokuyakha kwakhona itempile. (Ezra 4:4, 23, 24) Wavakalelwa njani uYehova ngoku? Ingxelo ephefumlelweyo ithi: “Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ndinekhwele, ikhwele elikhulu, ngeYerusalem nangeZiyon. Ndinoburhalarhume obukhulu kuzo iintlanga ezihleli ngokonwaba; ngokokuba bendinoburhalarhume mna umzuzwana, ke zona zongezelelela ububi. Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Ndiyibuyele iYerusalem ngemfesane; indlu yam iya kwakhelwa khona, utsho uYehova wemikhosi.” (Zekariya 1:14-16) Ngokuvisisana nesi sithembiso, itempile nesixeko saseYerusalem zakhiwa kwakhona ngokunempumelelo.
18. Kwenzeka ntoni kumaKristu okwenyaniso ebudeni bemfazwe yehlabathi yokuqala?
18 Kwenzeke okufanayo kwibandla lamaKristu okwenyaniso kule nkulungwane yama-20. Ebudeni bemfazwe yehlabathi yokuqala, uYehova wabohlwaya abantu bakhe ngenxa yokuba babengabanga ngoondilele ngokupheleleyo kuloo mbambano yehlabathi. (Yohane 17:16) UThixo wavumela amagunya ehlabathi abacinezela, yaye abafundisi beNgqobhoko bayivuyela le ntlekele. Eneneni, abefundisi babephambili ekukhuthazeni abezobupolitika ukuba bawuvale umsebenzi waBafundi beBhayibhile, njengokuba amaNgqina kaYehova ayebizwa njalo ngoko.—ISityhilelo 11:7, 10.
19. UYehova ulibonise njani ikhwele ngonqulo lwakhe ukususela ngowe-1919?
19 Noko ke, uYehova wabonisa ikhwele ngonqulo lwakhe waza wababuyisela abantu bakhe abaguqukileyo kwinkoliseko yakhe ngonyaka wasemva kwemfazwe we-1919. (ISityhilelo 11:11, 12) Ngenxa yoko, inani labadumisi bakaYehova lande ukusuka kwabangaphantsi kwama-4 000 ngowe-1918 ukusa kwabamalunga nezigidi ezi-5 namhlanje. (Isaya 60:22) Kungekudala, ikhwele likaYehova ngonqulo lwakhe olunyulu liya kubonakaliswa ngeendlela ezibalasele ngakumbi.
Izenzo Zexesha Elizayo Zekhwele LikaThixo
20. Uza kwenza ntoni uThixo kungekudala ukubonisa ikhwele lakhe ngonqulo olunyulu?
20 Kangangeenkulungwane iicawa zeNgqobhoko bezilandela ikhondo lamaYuda awexukileyo awayekhweletisa uYehova. (Hezekile 8:3, 17, 18) Kungekudala uYehova uThixo uza kuthabatha inyathelo ngokufaka ingcamango ezintliziyweni zamalungu eZizwe Ezimanyeneyo. Oku kuya kushukumisela la magunya obupolitika ekubeni ayitshabalalise iNgqobhoko nalo lonke unqulo lobuxoki. (ISityhilelo 17:16, 17) Abanquli bokwenyaniso baya kusinda xa kuphunyezwa loo mgwebo woyikekayo kaThixo. Baya kusabela kumazwi ezidalwa zasezulwini ezithi: “Haleluya! . . . Ngokuba ihenyukazi elikhulu [unqulo lobuxoki], elo laliwonakalisa umhlaba ngobuhenyu balo [iimfundiso zalo zobuxoki nokuxhasa kwalo ezobupolitika ezonakeleyo], iligwebile, igazi labakhonzi bayo yaliphindezelela esandleni salo.”—ISityhilelo 19:1, 2.
21. (a) USathana nenkqubo yakhe baya kwenza ntoni emva kokuba unqulo lobuxoki lutshatyalalisiwe? (b) Uya kusabela njani uThixo?
21 Kuya kwenzeka ntoni emva kokutshatyalaliswa kobukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki? USathana uya kushukumisa amagunya ezobupolitika ukuba ahlasele abantu bakaYehova emhlabeni wonke. UThixo wokwenyaniso uya kusabela njani kweli linge likaSathana lokulutshayela kuphele unqulo lokwenyaniso emhlabeni? UHezekile 38:19-23 uyasixelela: “Ndithethe [mna Yehova] ndinobukhwele [okanye, ihlombe], ndinomlilo wokuphuphuma komsindo wam. . . . Ndiya kumgweba [uSathana] ngendyikitya yokufa nangegazi; nangesiphango esikhukulayo, nangamatye esichotho, umlilo nesulfure ndiwunise phezu kwakhe, naphezu kwamahlelo akhe, naphezu kwezizwe ezininzi ezinaye. Ndiya kuzikhulisa, ndizingcwalise, ndizazise ngokwam emehlweni eentlanga ezininzi; zazi ukuba ndinguYehova.”—Bona kwanoZefaniya 1:18; 3:8.
22. Sinokubonisa njani ukuba sinekhwele ngonqulo olunyulu lukaYehova?
22 Hayi indlela okuthuthuzela ngayo ukwazi ukuba uMongami wendalo iphela ubanyamekela ngekhwele abanquli bakhe bokwenyaniso! Ngoxabiso olunzulu ngobabalo lwakhe, masibe nekhwele ngonqulo olunyulu lukaYehova uThixo. Ngenzondelelo, masiqhubeke sishumayela iindaba ezilungileyo size ngentembelo silinde umhla ozukileyo uYehova aya kulikhulisa aze alingcwalise ngayo igama lakhe elikhulu.—Mateyu 24:14.
Iingongoma Emasicamngce Ngazo
◻ Kuthetha ukuthini ukuba nekhwele ngoYehova?
◻ Sinokufunda ntoni kumzekelo owamiselwa ngamaSirayeli amandulo?
◻ Sinokukuphepha njani ukumkhweletisa uYehova?
◻ UThixo noKristu balibonise njani ikhwele ngonqulo olunyulu?
[Ibhokisi ekwiphepha 12]
Uthando Alunakhwele
NGOKUPHATHELELE umona, umphengululi weBhayibhile wenkulungwane ye-19 uAlbert Barnes wabhala: “Yenye yezona ndlela ziqhelekileyo obubonakala ngazo ubungendawo, yaye ububonisa ngokucacileyo ububi bomntu.” Wahlabela mgama wenjenje: “Umntu onokulanda imvelaphi yazo zonke iimfazwe neengxwabangxwaba nokuceba kwehlabathi—onke amaqhinga neenjongo nditsho kwanezabo bathi bangamaKristu, eziye zanegalelo gqitha ekonakaliseni unqulo lwabo nasekubenzeni babe neengqondo ezifana nezehlabathi, ukuba unokukhangela intsusa yazo—angamangaliswa kukufumanisa ukuba zingaphi na ezibangelwa ngumona. Siba buhlungu kuba abanye bephumelela kunathi; sinqwenela ukuba nezinto abanazo abanye, nangona singenalungelo lazo; yaye oku kukhokelela kwiindlela ezahlukahlukeneyo eziphosakeleyo eziye zisetyenziswe ukuze bangazinandiphi kangako, okanye ukuze nathi sizifumane, okanye ukuze sibonise ukuba abanazinto zininzi njengokuba kucingwa. . . . kuba ngokwenjenjalo umoya womona osezifubeni zethu uya kwaneliswa.”—Roma 1:29; Yakobi 4:5, NW.
Ngokuchasene noku, uBarnes wathetha amazwi abangel’ umdla ngothando, ‘olungenamona.’ (1 Korinte 13:4) Wabhala: “Uthando alubamoneli abanye ngolonwabo abalunandiphayo; luyayivuyela intlalo-ntle yabo; yaye njengoko ulonwabo lwabo lusanda . . . , abo baphenjelelwa luthando . . . abanqweneli kulunciphisa; abanqweneli kubenza babe neentloni ngenxa yezinto abanazo; abanqweneli kuluphazamisa olo lonwabo; abayi kuvakalisa ukubakrokrela okanye ukudana kuba bona bengababalwanga kangako. . . . Ukuba siyabathanda abanye—ukuba siyaluvuyela ulonwabo lwabo, asifanele sibamonele.”
[Umfanekiso okwiphepha 10]
UPinehasi wayenekhwele ngonqulo olunyulu lukaYehova